Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Hlala Ulindele KuYehova

Hlala Ulindele KuYehova

Isahluko Samashumi Amabini Anesithathu

Hlala Ulindele KuYehova

Isaya 30:1-33

1, 2. (a) Yintoni equlethwe nguIsaya kwisahluko 30? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela ngoku?

 KUISAYA isahluko 30, sifunda izibhengezo ezingakumbi zobuthixo nxamnye nabangendawo. Noko ke, le nxalenye yesiprofeto sikaIsaya ibalaselisa ezinye zeempawu zikaYehova ezifudumez’ intliziyo. Eneneni, iimpawu zikaYehova zichazwa ngokucace gca kangangokuba, ngokungathi kunjalo, siba ngathi siyayibona indili yobukho bakhe, silive ilizwi lakhe elisalathisayo, size sikuve ukusichukumisa kwakhe okuphilisayo.—Isaya 30:20, 21, 26.

2 Sekunjalo, abantu bakuloIsaya, amaYuda awexukileyo, bala ukubuyela kuYehova. Kunoko, bakholosa ngabantu. Uvakalelwa njani uYehova koku? Yaye le nxalenye yesiprofeto sikaIsaya iwanceda njani amaKristu namhlanje ukuba ahlale elindele kuYehova? (Isaya 30:18) Makhe sibone.

Ubuyatha Obukhokelela Kwintlekele

 3. Liliphi icebo alibhencayo uYehova?

3 Kangangethuba elithile iinkokeli zakwaYuda beziceba ngasese ukufumana indlela yokuphepha ukuba ngaphantsi kwedyokhwe yama-Asiriya. Noko ke, uYehova uzakhele umkhanya. Ngoku uyalibhenca icebo lazo, esithi: “‘Yeha ke oonyana abaneenkani,’ utsho uYehova, ‘abo batyekele ekuphumezeni icebo, kodwa ingelilo elivela kum; nokuthulula umnikelo othululwayo, kodwa kungekhona ngomoya wam, ukuze bongeze isono kwisono; abo banduluka behle baye eYiputa.’”—Isaya 30:1, 2a.

 4. Abantu abavukelayo bakaThixo bayibeke njani iYiputa endaweni kaThixo?

4 Hayi indlela ezothuka ngayo ezo nkokeli zisakuva ngokudandalaziswa kwegqugula lazo! Ukuthabatha uhambo oluya eYiputa ngenjongo yokuzimanya nayo akusosenzo sobutshaba nxamnye neAsiriya kuphela; kukuvukela uYehova uThixo. Ngexesha likaKumkani uDavide, olu hlanga lwalukhangele kuYehova njengegwiba lalo lwaza lwasabela ‘emthunzini wamaphiko akhe.’ (INdumiso 27:1; 36:7) Ngoku lungena “ekhusini legwiba likaFaro” yaye ‘lusabela emthunzini waseYiputa.’ (Isaya 30:2b) Luyibeke iYiputa endaweni kaThixo! Okunjani kona ukungcatsha!—Funda uIsaya 30:3-5.

5, 6. (a) Kutheni ukuzimanya neYiputa kuyimpazamo ebulalayo? (b) Luluphi uhambo olwenziwa ngabantu bakaThixo olubalaselisa ubudenge bolu khenketho lokuya eYiputa?

5 Ngokungathi ukugalel’ amanzi nakuphi na ukuzithethelela ngelokuba olu hambo lwaseYiputa belukukutyelela nje okungacetywanga, uIsaya unikela iinkcukacha ezingakumbi. “Nasi isibhengezo nxamnye namarhamncwa asezantsi: Elizweni lembandezelo nobunzima, lengonyama nehlosi elibhavumayo, lerhamba nenyoka ebumlilorha ephaphazelayo, emagxeni amaesile akhule ngokupheleleyo, bathwele ubuncwane babo, naphezu kwamalunda eenkamela izixa zabo.” (Isaya 30:6a) Kucacile ukuba, olu hambo lucetywe kakuhle. Abathunywa balungisa umkhosi weenkamela namaesile, bakhwelise kuwo izinto ezixabisekileyo baze benjenjeya ukuya eYiputa begugutha intlango engumqwebedu nelikhaya leengonyama ezigqumayo neenyoka ezinobuhlungu. Ekugqibeleni, aba bathunywa bayagaleleka apho bebesinge khona baze badlulisele ubuncwane babo kumaYiputa. Bawanyobile ukuze abakhusele—ngabula bona. Kodwa ke, uYehova uthi: “Ngenxa yabantu abaya kungqineka bengeyongenelo. AmaYiputa angamampunge, noncedo lwawo luya kuba lilize. Ngoko ke lo ndimbize ngokuthi: ‘Rahabhi—bahleli bazola.’” (Isaya 30:6b, 7) “URahabhi,” “isilo esikhulu saselwandle,” ufanekisela iYiputa. (Isaya 51:9, 10) Ithembisa yonk’ into kodwa ayenzi nto. Ukuzimanya kukaYuda nayo kuyimpazamo ebulalayo.

6 Njengoko uIsaya echaza olu hambo lwabathunywa, abaphulaphuli bakhe basenokukhumbula uhambo olufanayo lomhla kaMoses. Ookhokho babo nabo bahamba kwakuloo ‘ntlango inye yoyikekayo.’ (Duteronomi 8:14-16) Noko ke, ngomhla kaMoses amaSirayeli ayephuma eYiputa nasebukhobokeni. Ngesi sihlandlo abathunywa baya eYiputa, yaye eneneni baza kuthotywa. Obunjani bona ubuyatha! Masingaze senze isigqibo esibi ngolo hlobo size sinanise inkululeko yethu yokomoya ngobukhoboka!—Thelekisa abaseGalati 5:1.

Ukuchaswa Kwesigidimi Somprofeti

 7. Kutheni uYehova eyalela uIsaya ukuba asibhale phantsi isilumkiso Sakhe kuYuda?

7 UYehova uxelela uIsaya ukuba asibhale phantsi isigidimi asandul’ ukusidlulisela ukuze “kube kokomhla ozayo, kube bubungqina ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Isaya 30:8) Ukungakholiswa kukaYehova kukuzimanya kwabo nabantu kunokuba bathembele Kuye kumele kubhalwe ukuze kuncede nezizukulwana ezizayo—kuquka isizukulwana somhla wethu. (2 Petros 3:1-4) Kodwa kukho enye imfuneko engxamisekileyo yokubhalwa kwaso. “Basisizukulwana esinemvukelo, oonyana abangenanyaniso, oonyana abangavumiyo ukuwuva umthetho kaYehova.” (Isaya 30:9) Aba bantu bawagatyile amacebiso kaThixo. Kungako nje, simele sibhalwe phantsi ukuze bangayikhanyeli ngomso into yokuba bafumana isilumkiso esifanelekileyo.—IMizekeliso 28:9; Isaya 8:1, 2.

8, 9. (a) Iinkokeli zakwaYuda zizama ngayiphi indlela ukonakalisa abaprofeti bakaYehova? (b) UIsaya ubonisa njani ukuba akoyiki ngokoyikiswa?

8 Ngoku uIsaya wenza amavandlakanya ngesimo sengqondo semvukelo saba bantu. Bathe “kwabo babonayo, ‘Nize ningaboni,’ nakwabo banemibono bathi, ‘Nize ningabi nemibono yazo naziphi na izinto ezithe tye kuthi. Thethani kuthi izinto ezigudileyo; yibani nemibono yezinto zenkohliso.’” (Isaya 30:10) Ngokuyalela abaprofeti abathembekileyo ukuba bayeke ukuthetha oko ‘kuthe tye,’ okanye oko kuyinyaniso, baze endaweni yoko bathethe oko ‘kugudileyo’ ‘nokuyinkohliso,’ okanye oko kububuxoki, iinkokeli zakwaYuda zibonisa ukuba zifuna ukunyumbazwa iindlebe. Zifuna ukudunyiswa, kungekhona ukugxekwa. Ngokwembono yazo, nawuphi na umprofeti ongakulungelanga ukuprofeta ngokokuthanda kwazo ufanele ‘aphambuke endleleni, atyeke emendweni.’ (Isaya 30:11a) Ufanele athethe izinto ezikholekileyo ezindlebeni zazo kungenjalo ayeke ngokupheleleyo ukushumayela!

9 Aba bachasi bakaIsaya bangqisha ngonyawo besithi: “Mbangele aphele Lowo Ungcwele kaSirayeli ngenxa nje yethu.” (Isaya 30:11b) Bafuna uIsaya ayeke ukuthetha egameni likaYehova, “Lowo Ungcwele kaSirayeli”! Kwalona nje eli gama liyabacaphukisa kuba imilinganiselo ephakamileyo kaYehova ibhenca imeko yabo eyonakeleyo. Usabela njani uIsaya? Uthi: “Utsho Lowo Ungcwele kaSirayeli ukuthi.” (Isaya 30:12a) Engaphozisanga maseko, uIsaya uthetha kanye wona amazwi iintshaba zakhe ezikuthiyileyo ukuweva. Akoyiki ngokoyikiswa. Onjani wona ukuba mhle umzekelo asimisela wona! Xa kufikelelwa ekuvakalisweni kwesigidimi sikaThixo, amaKristu akamele alalanise. (IZenzo 5:27-29) NjengoIsaya, aqhubeka evakalisa esithi: ‘Utsho uYehova ukuthi’!

Umphumo Wemvukelo

10, 11. Uza kuba yintoni umphumo wemvukelo kaYuda?

10 UYuda uligatyile ilizwi likaThixo, wakholosa ngobuxoki, waza wathembela “ngokutenxa.” (Isaya 30:12b) Uza kuba yintoni umphumo woko? Kunokuba uYehova akubethe ngoyaba oku njengoko benqwenela njalo, uza kulubhangisa olu hlanga! Oku kuza kwenzeka ngequbuliso nangokupheleleyo, njengoko uIsaya ekugxininisa oku ngokwenza umzekeliso. Ulufanisa olu hlanga luvukelayo ‘necandelo eliqhekekileyo elisele liza kuwa, ukukhukhumala eludongeni oluphakamileyo ukuya phezulu, okuthi ukuwa kwalo kufike ngequbuliso, ngephanyazo.’ (Isaya 30:13) Kanye njengokuba ukukhukhumala okwandayo eludongeni oluphakamileyo kuya kuthi ekugqibeleni kuluwise, ngoko nemvukelo eyandayo yabantu bomhla kaIsaya iza kuluwisa olo hlanga.

11 Uphinda uIsaya enze omnye umzekeliso wokubonisa ukuphelela kwale ntshabalaliso: “Ngokuqinisekileyo umntu uya kuluqhekeza njengokuqhekeza ingqayi enkulu yababumbi, ityunyuzwe ibe ziingceba ubani engayiyeki, kangangokuba akunakufunyanwa phakathi kweengceba zayo ezityumkileyo iceba lengqayi ekunokuthatyathwa ngalo umlilo eziko okanye lokungcwenga amanzi endaweni engumgxobhozo.” (Isaya 30:14) UYuda uza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo kangangokuba akukho nto yexabiso eza kusala—kungabikho nkqu nengceba le yokukha uthuthu eziko okanye yokungcwenga amanzi emgxobhozweni. Esinjani sona ukuba lihlazo isiphelo sakhe! Nqwa ke nesiphelo sabo bavukela unqulo lokwenyaniso namhlanje, naso siza kufika ngequbuliso nangokupheleleyo.—Hebhere 6:4-8; 2 Petros 2:1.

Uncedo LukaYehova Luyagatywa

12. Abantu bakwaYuda banokuyiphepha njani intshabalalo?

12 Noko ke, kubaphulaphuli bakaIsaya intshabalalo asiyonto ingenakuphepheka. Ikho indlela yokuyiphepha. Umprofeti ucacisa esithi: “Itsho iNkosi enguMongami uYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli, ukuthi: ‘Niya kusindiswa ngokubuya nangokuphumla. Amandla enu aya kusuka abe sekuhlaleni kwenu ningaphazamiseki nasekukholoseni.’” (Isaya 30:15a) UYehova ukulungele ukubasindisa abantu bakhe—ukuba babonakalisa ukholo “ngokuphumla,” okanye ngokuyeka ukuzama ukufuna usindiso ngokuzimanya namagunya abantu, ‘nangokuhlala bengaphazamiseki,’ okanye ngokubonisa ukuba bakholose ngamandla kaThixo okubakhusela ngokuthi bangoyiki. “Kodwa anivumanga,” utsho uIsaya kwaba bantu.Isaya 30:15b.

13. Yintoni ezithembele kuyo iinkokeli zakwaYuda, yaye ngaba elo themba lazo linesiseko esiqinileyo?

13 Wandula uIsaya atyatyadule athi: “Yaye nathi: ‘Hayi, kodwa siya kusaba ngamahashe!’ Kungenxa yoko le nto niya kusaba. ‘Siya kukhwela amahashe akhawulezayo!’ Kungenxa yoko le nto abo banisukelayo beya kukhawuleza.” (Isaya 30:16) AmaYuda acinga ukuba aya kusindiswa ngamahashe anamendu, kungekhona uYehova. (Duteronomi 17:16; IMizekeliso 21:31) Noko ke, umprofeti ubonisa ukuba, oko kukholosa kwawo kulilize kuba iintshaba zawo ziza kuwongamela. Kwanobukhulu bomkhosi wawo abuzukunceda nganto. “Iwaka liya kungcangcazela ngenxa yokhalimelo lwalowo umnye; ngenxa yokhalimelo lwabahlanu niya kusaba.” (Isaya 30:17a) Imikhosi yamaYuda iza kuphakuzela ize isabe ngenxa yokuva ukuhlokoma kwegcuntswana nje lotshaba. a Ekugqibeleni, yintsalela nje encinane eya kusala, “njengemasti encotsheni yentaba nanjengomqondiso endulini.” (Isaya 30:17b) Kanye njengokuba esi siprofeto sisitsho, ekutshatyalalisweni kweYerusalem ngowama-607 B.C.E., yaba yintsalela encinane nje kuphela eyasindayo.—Yeremiya 25:8-11.

Isigwebo Esinamazwi Entuthuzelo

14, 15. Amazwi akuIsaya 30:18 anayiphi intuthuzelo kumaYuda amandulo nakumaKristu okwenyaniso namhlanje?

14 Ngoxa la mazwi anxubisayo esankenteza ezindlebeni zabaphulaphuli bakaIsaya, uyasitshintsha isigidimi sakhe. Uyayeka ukuthetha ngezisongelo zentlekele aze anikele amathemba eentsikelelo. “Ngoko uYehova uya kuhlala elindele ukunibabala, aphakame ukuze anenzele inceba. Kuba uYehova nguThixo wokugweba. Banoyolo bonke abo bahlala bemlindele.” (Isaya 30:18) Anjani wona ukukhuthaza amazwi! UYehova nguBawo onemfesane olangazelela ukubanceda abantwana bakhe. Uyayoliswa kukubenzela inceba.—INdumiso 103:13; Isaya 55:7.

15 La mazwi omelezayo abhekiswa kwintsalela yamaYuda ethi ngenceba ivunyelwe ukuba isinde ekutshatyalalisweni kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. nakwabambalwa ababuyela kwiLizwe Lesithembiso ngowama-537 B.C.E. Phofu ke, la mazwi omprofeti ayawathuthuzela namaKristu anamhlanje. Asikhumbuza ukuba uYehova uza ‘kuphakama’ ngenxa yethu, aphelise eli hlabathi lingendawo. Abanquli abathembekileyo banokuba nentembelo yokuba uYehova—“uThixo wokugweba”—akayi kulivumela ihlabathi likaSathana ukuba liqhubeke likho nokuba lusuku nje olunye ngaphezulu kunokuba kuyimfuneko. Ngoko ke, “abo bahlala bemlindele” banesizathu esikhulu sokuvuya.

UYehova Ubathuthuzela Abantu Bakhe Ngokuphendula Imithandazo

16. UYehova ubathuthuzela njani abadimazekileyo?

16 Noko ke, bambi basenokudimazeka ngenxa yokuba ukuhlangulwa kwabo kungafikanga ngokukhawuleza njengoko bebethemba njalo. (IMizekeliso 13:12; 2 Petros 3:9) Kwanga bangakhuthazwa ngamazwi alandelayo kaIsaya, abalaselisa inkalo ekhethekileyo yobuntu bukaYehova. “Xa bona kanye abantu eZiyon behleli eYerusalem, akusayi kuze ulile. Nakanjani na uya kukubabala esandini sesikhalo sakho; kamsinya nje akusiva okunene uya kukuphendula.” (Isaya 30:19) UIsaya ubonisa ukuthantamisa kula mazwi ngokusitshintsha isimelabizo soquko asisebenzise kwindinyana 18 aze asebenzise isimelabizo sotyumbo kwindinyana 19. Xa uYehova ethuthuzela ababandezelekileyo, usebenzisana nomntu ngamnye ngokweemeko zakhe. NjengoBawo, akambuzi unyana odimazekileyo ukuba, ‘Kutheni ungaqini nje ufane nomntakwenu?’ (Galati 6:4) Kunoko, umphulaphula ngenyameko mntu ngamnye. Eneneni, “kamsinya nje akusiva okunene uya kukuphendula.” Anjani wona ukomeleza amazwi! Abadimazekileyo banokukhuthazeka kakhulu ukuba bathandaza kuYehova.—INdumiso 65:2.

Yiva Ilizwi Elalathisayo LikaThixo Ngokufunda ILizwi Lakhe

17, 18. Kwanakumaxesha anzima, uYehova ulunikela njani ulwalathiso?

17 Njengoko uIsaya eqhubeka nengxelo yakhe, ukhumbuza abaphulaphuli bakhe ukuba kuseza imbandezelo. Abantu baza kufumana “isonka sokubandezeleka namanzi engcinezelo.” (Isaya 30:20a) Imbandezelo nengcinezelo abaza kuyifumana xa bengqingiwe iza kuqheleka njengesonka namanzi. Sekunjalo, uYehova ukulungele ukubahlangula abantliziyo zilungileyo. “UmYaleli Ozukileyo akayi kuba sazifihla, namehlo akho amele abe ngamehlo abona umYaleli Ozukileyo wakho. Neendlebe zakho ziya kuva ilizwi emva kwakho lisithi: ‘Nantsi indlela. Hambani ngayo,’ nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.”—Isaya 30:20b, 21. b

18 UYehova ‘ungumYaleli Ozukileyo.’ Akukho mfundisi-ntsapho unokulinganiswa naye. Noko ke, abantu ‘banokumbona’ baze ‘bamve’ njani? UYehova uzityhila ngabaprofeti, abamazwi abo abhalwe eBhayibhileni. (Amosi 3:6, 7) Namhlanje, xa abanquli abanyanisekileyo befunda iBhayibhile, kuba ngathi ilizwi likaThixo elithantamisayo libaxelela indlela amabahambe ngayo lize libabongoze ukuba balungise ikhondo labo lokuziphatha ukuze bahambe ngayo. MKristu ngamnye ufanele aphulaphule ngenyameko njengoko uYehova ethetha ngeBhayibhile nangeempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezilungiselelwa “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45-47) Ngamnye wethu makazibhokoxe ekufundeni iBhayibhile, kuba oko ‘kuthetha ubomi bakhe.’—Duteronomi 32:46, 47; Isaya 48:17.

Camngca Ngeentsikelelo Zexesha Elizayo

19, 20. Ziziphi iintsikelelo ezilindelwe ngabo basabelayo kwilizwi lomYaleli Ozukileyo?

19 Abo basabelayo kwilizwi lomYaleli Ozukileyo baza kuyichithachitha imifanekiso yabo eqingqiweyo, beyigqala njengento elizothe. (Funda uIsaya 30:22.) Baya kwandula ke, banandiphe iintsikelelo ezimangalisayo. UIsaya uyazichaza kuIsaya 30:23-26, yaye ziya kuba lixesha elichulumancisayo lohlaziyo eliya kuzaliseka kuqala xa intsalela yamaYuda ibuya ekuthinjweni ngowama-537 B.C.E. Namhlanje, esi siprofeto sisinceda sibone iintsikelelo ezimangalisayo uMesiya azizisayo kwiparadesi yokomoya ngoku naya kuzizisa kwiParadesi yokoqobo ezayo.

20 “Ngokuqinisekileyo uya kuyinika imvula imbewu yakho oyihlwayeleyo emhlabeni, nesonka njengemveliso yomhlaba, otyebileyo noneoli. Imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini kwidlelo eliphangaleleyo. Kwaye iinkomo namaesile akhule ngokupheleleyo alima umhlaba aya kutya ukutya kwezilwanyana okunongwe ngomuncwane, okweliweyo ngomhlakulo nefolokhwe.” (Isaya 30:23, 24) Isonka ‘esityebileyo nesineoli’—ukutya okunesondlo—siya kuba kukutya kwemihla ngemihla. Ilizwe liza kuvelisa kakhulu kangangokuba kwanezilwanyana ziza kungenelwa. Imfuyo iza kutyiswa “ukutya kwezilwanyana okunongwe ngomuncwane”—ukutya okunencasa kwezilwanyana okugcinelwa izihlandlo ezithile kuphela. Oku kutya kude “kweliwe”—nto leyo ngokuqhelekileyo eyenziwa ekudleni okuziinkozo okutyiwa ngabantu kuphela. Ezinjani zona ukuchulumancisa iinkcukacha azichazayo uIsaya apha ukubonisa ubuninzi beentsikelelo uYehova aza kuzizisela uluntu oluthembekileyo!

21. Chaza ukuphelela kweentsikelelo ezizayo.

21 “Naphezu kwazo zonke iintaba eziphakamileyo naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo kumele kubekho imisinga.” (Isaya 30:25a) c Apha uIsaya usebenzisa amagama asizobela ngokuthe gca ukuphelela kweentsikelelo zikaYehova. Amanzi akasayi kunqongophala—njengoko eyinto exabisekileyo aza kuqukuqela kungekhona nje kuphela phantsi emhlabeni kodwa kwanasezintabeni zonke, “naphezu kwazo zonke iintaba eziphakamileyo naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo.” Ewe, indlala iza kuba yinto yexesha elidluleyo. (INdumiso 72:16) Ngokubhekele phaya, lo mprofeti unikel’ ingqalelo nakwizinto eziphakame ngakumbi kuneentaba. “Nokukhanya kwenyanga ehlangeneyo kumele kube njengokukhanya kwelanga eliqaqambileyo; yaye kona kanye ukukhanya kwelanga eliqaqambileyo kuya kuphindwa kasixhenxe, njengokukhanya kweemini ezisixhenxe, ngemini yokubopha kukaYehova ukuwa kwabantu bakhe aze aphilise kwanenxeba elikhulu elibangelwe kukubethwa nguye.” (Isaya 30:26) Enjani yona ukuchulumancisa incopho yesi siprofeto sibalaseleyo! Uzuko lukaThixo luza kuqaqamba ngandlela zonke. Iintsikelelo ezigcinelwe abanquli abathembekileyo bakaThixo ziza kuphindwa kasixhenxe—ziyigqwese lee nantoni na abakha baba namava ayo ngaphambili.

Umgwebo Novuyo

22. Ngokwahlukileyo kwiintsikelelo eziza kufikela abathembekileyo, yintoni uYehova ayigcinele abangendawo?

22 UIsaya uyasitshintsha kwakhona isigidimi sakhe. Uthi, “Khangela!” ngokungathi ufuna ukutsal’ ingqalelo yabaphulaphuli bakhe. “Igama likaYehova liza livela kude, livutha ngomsindo wakhe nangamafu angqingqwa. Yona ke imilebe yakhe, izele sisiqalekiso, nolwimi lwakhe lunjengomlilo oqwengayo.” (Isaya 30:27) De kube ngoku, uYehova uye wamela kude, waziyeka iintshaba zabantu bakhe zenza unothanda. Ngoku uyasondela—njengesiphango esisondela ngokuthe ngcembe—ukuze agwebe. “Nomoya wakhe unjengomsinga okhukulayo ofikelela entanyeni, ukuze ahluze iintlanga ngentluzo engento yanto; nomkhala obangela umntu abhadule uya kuba semihlathini yezizwana.” (Isaya 30:28) Iintshaba zabantu bakaThixo ziza kungqingwa ‘ngumsinga okhukulayo,’ ‘zihluzwe ngentluzo,’ zize zifakwe ‘umkhala.’ Ziza kutshatyalaliswa.

23. Yintoni ezisela amaKristu ‘imihlali yentliziyo’ namhlanje?

23 Kwakhona uIsaya uyatshintsha njengoko echaza imeko evuyisayo yabanquli abathembekileyo abaza kubuyela elizweni labo ngeny’ imini. “Niya kuba nengoma enjalo ngobusuku ubani azingcwalisele umthendeleko, nemihlali yentliziyo enjengeyalowo uhamba enembande ukuya kungena entabeni kaYehova, kwiLiwa lakwaSirayeli.” (Isaya 30:29) AmaKristu okwenyaniso namhlanje anandipha ‘imihlali yentliziyo’ efanayo njengoko ecamngca ngokufika komgwebo wehlabathi likaSathana; ngokukhuselwa kwawo nguYehova, ‘iLiwa losindiso;’ nangeentsikelelo zoBukumkani ezizayo.—INdumiso 95:1.

24, 25. Isiprofeto sikaIsaya sibugxininisa njani ubunyaniso bomgwebo weAsiriya?

24 Emva kokuthi gqaba-gqaba ngale mihlali yawo, uIsaya ubuyela kumxholo wakhe womgwebo aze achaze lowo uza kufikelwa yingqumbo kaThixo. “Ngokuqinisekileyo uYehova uya kusivakalisa isidima selizwi lakhe, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe, ngokubhabhama komsindo nedangatye lomlilo oqwengayo nokuphalazeka kwelifu nesiphango namatye esichotho. Kuba ngenxa yelizwi likaYehova iAsiriya iya kungenwa lunkwantyo; uya kuyibetha nangentonga.” (Isaya 30:30, 31) Ngale nkcazelo yothusayo, uIsaya ugxininisa ubunyaniso bomgwebo kaThixo kwiAsiriya. Ngokungathi kunjalo, iAsiriya imi phambi kukaThixo ingcangcazela “ukuhla kwengalo” yakhe yomgwebo.

25 Lo mprofeti uhlabela mgama esithi: “Konke ukuphakama kwentonga abetha ngayo oko uYehova aya kukubangela kuhlale phezu kweAsiriya ngokuqinisekileyo kuya kuba ngeentambula neehadi; yaye ngamadabi okuvonyavonya uya kulwa nxamnye nabo. Kuba iTofete yakhe imiswe ngolungelelwano ukususela kumaxesha akutshanje; ilungiselelwe ukumkani ngokwakhe. Uyenze yanzulu imfumba yayo. Kukho umlilo neenkuni ezininzi. Impefumlo kaYehova, njengomsinga wesalfure, iyayitshisa.” (Isaya 30:32, 33) ITofete, ekwiNtlambo kaHinom, kubhekiselwa kuyo apha njengendawo yokomfuziselo evutha umlilo. Ngokubonisa ukuba iAsiriya iza kuphelela apho, uIsaya ugxininisa ukuba intshabalalo yolo hlanga iza kufika ngequbuliso nangokupheleleyo.—Thelekisa eyesi-2 yooKumkani 23:10.

26. (a) Isigidimi sikaYehova nxamnye neAsiriya siza kuzaliseka njani kumhla wethu? (b) AmaKristu namhlanje ahlala njani elindele kuYehova?

26 Nangona esi sigidimi somgwebo sibhekiswa kwiAsiriya, ukubaluleka kwesi siprofeto sikaIsaya kudlulela phambili. (Roma 15:4) UYehova uza kuphinda, ngokungathi kunjalo, eze evela kude ukuze abakhukulise, abahluze, aze abafake umkhala bonke abo bacinezela abantu bakhe. (Hezekile 38:18-23; 2 Petros 3:7; ISityhilelo 19:11-21) Ngamana loo mini ingafika ngokukhawuleza! Okwangoku, amaKristu ayilindele ngolangazelelo loo mini yokuhlangulwa kwawo. Ayomelezwa kukucamngca ngamazwi acacileyo abhalwe kuIsaya isahluko 30. La mazwi ayabakhuthaza abakhonzi bakaThixo ukuba balixabise ilungelo lomthandazo, bazibhokoxe ekufundisiseni iBhayibhile, baze bacamngce ngeentsikelelo zoBukumkani ezizayo. (INdumiso 42:1, 2; IMizekeliso 2:1-6; Roma 12:12) Ngoko amazwi kaIsaya asinceda sonke ukuba sihlale silindele kuYehova.

[Imibhalo esemazantsi]

a Phawula ukuthi ukuba uYuda ebethembekile, izinto beziya kwenzeka ngokwahlukileyo kunoku.—Levitikus 26:7, 8.

b Le kuphela kwendawo eBhayibhileni apho uYehova abizwa ngokuthi “umYaleli Ozukileyo.”

c UIsaya 30:25b uthi: “Ngemini yokubulala kakhulu ngogonyamelo xa kusiwa iinqaba ezinkulu.” Kwinzaliseko yako yokuqala, oku kusenokuba kubhekisela ekuweni kweBhabhiloni, okwavulela uSirayeli indlela yokunandipha iintsikelelo ezixelwe kwangaphambili kuIsaya 30:18-26. (Bona isiqendu 19.) Kusenokubhekisela nakwintshabalalo yeArmagedon, eya kuvulel’ umtyhi ukuzaliseka okuzukileyo kwezi ntsikelelo kwihlabathi elitsha.

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 305]

Ngomhla kaMoses, amaSirayeli asaba ephuma eYiputa. Ngomhla kaIsaya, uYuda uya eYiputa esiya kufuna uncedo

[Umfanekiso okwiphepha 311]

“Phezu kweenduli zonke eziphakamileyo kumele kubekho imisinga”

[Umfanekiso okwiphepha 312]

UYehova uya kuza “ngomsindo wakhe nangamafu angqingqwa”