Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izifundo Ngokungathembeki

Izifundo Ngokungathembeki

Isahluko Seshumi Elinesibhozo

Izifundo Ngokungathembeki

Isaya 22:1-25

 1. Kumele ukuba kwakunjani ukuba sesixekweni samandulo esingqingiweyo?

 KHAWUZITHELEKELELE ukwisixeko samandulo esingqingiweyo. Ngaphandle kweendonga kungxange utshaba—olomeleleyo nolungenatarhu. Unezixeko ezithile ozaziyo eziye zabhuqwa lulo. Ngoku luzimisele ukoyisa nokuphanga isixeko senu luze ludlwengule yaye lubulale abemi baso. Le mikhosi yotshaba inamandla lee ukuba ningajamelana nayo ubuso ngobuso; sowufane uthandazela nje oku kokuba ingakwazi ukugqobhozela ngaphaya kweendonga zesixeko. Xa ukroba ngaphaya kweendonga, ubona oozenzele beenqaba ezenziwe lolu tshaba. Lukwanazo neengadluma zoomatshini bokudubula iimbokotho zokuhlekeza nantoni enizikhusela ngayo. Ukwabona noomatshini balo bokudiliza iindonga neeleli zokukhwela iindonga eziphakamileyo, kwanabatoli neenqwelo zokulwa, nenyambalala yamajoni. Onjani wona ukunkwantyisa umbono!

 2. Ukungqinga okuchazwe kuIsaya isahluko 22 kwenzeka nini?

2 KuIsaya isahluko 22, sifunda ngohlobo olunjalo longqingo—ukungqingwa kweYerusalem. Kwenzeka nini oku? Kunzima ukutyumba ungqingo olunye ekuye kulo kwazaliseka zonke ezi nkalo zichazwe apha. Kubonakala ukuba, esi siprofeto sichaza izihlandlo ezahlukahlukeneyo zokungqingwa kweYerusalem, ngoko sisisilumkiso sako konke nje ukungqingwa kwayo kwexesha elizayo.

 3. Abemi baseYerusalem basabela njani ekufikeni kwexesha lokungqinga elichazwa nguIsaya?

3 Bejamelene nongqingo oluchazwa nguIsaya, yintoni abayenzayo abemi baseYerusalem? Njengabantu bakaThixo bomnqophiso, ngaba badanduluka kuYehova ukuba abasindise? Akunjalo, babonisa isimo sengqondo sokungabi nabulumko kwaphela, esifana neso sisibonayo namhlanje phakathi kwabaninzi abazibanga benqula uThixo.

Ukungqingwa Kwesixeko

 4. (a) Iyintoni ‘intlambo yombono,’ yaye kutheni ibizwa ngeli gama? (b) Injani imeko yokomoya yabemi baseYerusalem?

4 Kwisahluko 21 sikaIsaya, ngasinye sezigidimi ezithathu zomgwebo sitshayelelwe ngamazwi athi “Isibhengezo.” (Isaya 21:1, 11, 13) Isahluko 22 siqala ngendlela efanayo: “Nasi isibhengezo sentlambo yombono: Kwenzeke ntoni na kuwe, ngoko, le nto unyukileyo ngokupheleleyo waya eluphahleni?” (Isaya 22:1) ‘Intlambo yombono’ yiYerusalem. Esi sixeko sibizwa ngokuba yintlambo kuba nangona sikummandla ophakamileyo, singqongwe ziintaba eziphakamileyo kunaso. Sinxulunyaniswa ‘nombono’ ngenxa yokuba kuso kuye kwanikelwa imibono nezityhilelo ezininzi zobuthixo. Ngenxa yesi sizathu, abemi besi sixeko bafanele bawanikel’ ingqalelo amazwi kaYehova. Kodwa, basuke bona bamgatya baza baphambukela kunqulo lobuxoki. Utshaba olungqinge esi sixeko lusisixhobo sikaThixo sokugweba aba bantu bakhe bawexukileyo.—Duteronomi 28:45, 49, 50, 52.

 5. Sisenokuba siyintoni isizathu sokuba abantu baye eluphahleni?

5 Phawula ukuba abemi baseYerusalem baye ‘banyuka ngokupheleleyo baya eluphahleni’ lwezindlu zabo. Mandulo, uphahla lwezindlu zamaSirayeli lwalusicaba yaye iintsapho zazidla ngokubutha apho. UIsaya akasichazi isizathu sokuya kwabo eluphahleni ngesi sihlandlo, kodwa amazwi akhe abonisa ukungamkeleki kwesi senzo. Ngoko, kusenokwenzeka ukuba baya eluphahleni ukuze bathandaze koothixo babo bobuxoki. Esi ibisisithethe sabo ngeminyaka yangaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E.—Yeremiya 19:13; Zefaniya 1:5.

 6. (a) Yiyiphi imeko ebalaseleyo ngaphakathi eYerusalem? (b) Kutheni abanye begcobile, kodwa yiyiphi intlekele ezayo?

6 UIsaya uhlabela mgama esithi: “Uzaliswe yingxokozelo, isixeko esixokozelayo, idolophu egcobileyo. Ababuleweyo bakho ababulawanga ngekrele, bengafanga nasedabini.” (Isaya 22:2) Inkitha yabantu iye yabalekela kwesi sixeko, kwaza kwabakho ingxokozelo. Abantu ezitratweni bayaxokozela yaye bayoyika. Noko ke, bakho abagcobileyo, mhlawumbi ngenxa yokuziva benqabisekile okanye bakholelwa ukuba le ngozi iza kukhawuleza idlule. a Kodwa ukugcoba ngeli xesha kububuyatha. Abaninzi kwesi sixeko baza kufa ukufa okumanyumnyezi ngakumbi kunokubulawa luhlangothi lwekrele. Esi sixeko singqingiweyo asinandlela yakufumana ukutya ngaphandle. Izixa zokutya esixekweni ziya zincipha ngokuncipha. Ukuthwaxwa kwabantu yindlala nokuxinanisana kwabo kubangela indyikitya yokufa. Ngaloo ndlela abaninzi eYerusalem baza kubulawa yindlala nangubhubhane wesifo. Oku kwenzeka ngowama-607 B.C.E. nangowama-70 C.E.—2 Kumkani 25:3; IZililo 4:9, 10. b

 7. Yintoni abayenzayo abalawuli baseYerusalem ebudeni bokungqingwa, yaye kwenzeka ntoni kubo?

7 Ebudeni beli xesha lamanqam, luluphi ukhokelo abalunikelayo abalawuli baseYerusalem? UIsaya uphendula ngokuthi: “Bonke oozwilakhe bakho basabe ngaxeshanye. Bathatyathwe njengamabanjwa ngaphandle kwesaphetha. Bonke abakho abafunyenweyo bathatyathwe njengamabanjwa ndawonye. Babebaleke bemka baya kude.” (Isaya 22:3) Abalawuli namadoda angamakroti bayabaleka baze babanjwe! Kungakhange kuphakanyiswe nesaphetha esi, bayabanjwa basiwe ekuthinjweni. Oku kwenzeka ngowama-607 B.C.E. Lwakuba ludiliziwe udonga lwaseYerusalem, uKumkani uZedekiya usaba ngobusuku namadoda akhe akhaliphileyo. Utshaba lukuvile oku, luyabasukela, luze lubafumane kumathafa aseYeriko. La madoda akhaliphileyo athi saa kuyo yonk’ indawo. UZedekiya yena uye wabanjwa, watyhaphazwa, wabotshwa ngamakhamandela obhedu, waza waqweqwediswa ukusiwa eBhabhiloni. (2 Kumkani 25:2-7) Onjani wona ukuba yintlekele umphumo wokungathembeki kwakhe!

Ukuxhwaleka Ngenxa Yentlekele

 8. (a) UIsaya usabela njani kwisiprofeto esixela kwangaphambili intlekele eza kufikela iYerusalem? (b) Iza kuba njani imeko eYerusalem?

8 Esi siprofeto simchukumisa ngokunzulu uIsaya. Uthi: “Yekani ukondela kum. Ndiza kunibonisa ubukrakra ngokulila. Musani ukuzingisa nindithuthuzela ngenxa yokuphangwa kwentombi yabantu bam.” (Isaya 22:4) UIsaya waba buhlungu ngenxa yeshwangusha ekwaprofetwa ukuba liza kwehlela elakwaMowabhi neBhabhiloni. (Isaya 16:11; 21:3) Ngoku ukuxhwaleka nokulila kwakhe kunzulu ngakumbi njengoko ebona intlekele ezela abantu bakhe. Akathuthuzeleki. Ngoba? “Kuba yimini yesiphithiphithi neyokugqusha neyokuqungaqunga leyo yeNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, entlanjeni yombono. Kukho umchithi eludongeni, nokukhala entabeni.” (Isaya 22:5) IYerusalem iza kuzaliswa sisiphithiphithi. Abantu baza kuzulazula bebindekile, yaye bephelelwe ngamacebo. Njengoko utshaba luqalisa ukudiliza iindonga zesixeko, kuya kubakho ‘ukukhala entabeni.’ Ngaba oku kuthetha ukuba abemi besixeko baza kukhala kuThixo etempileni yakhe engcwele eNtabeni yeMoriya? Mhlawumbi kunjalo. Noko ke, ekubeni behleli bengathembekanga kakade, kusenokwenzeka ukuba oku kubhekisela ekuthini ukukhala kwabo okubangelwa luloyiko kuza kuvakala nakwiintaba ezibangqongileyo.

 9. Chaza umkhosi osongela iYerusalem.

9 Luhlobo olunjani lotshaba olusongela iYerusalem? UIsaya uyasixelela, esithi: “Ne-Elam ithabathe umphongolo, kwinqwelo yokulwa yomntu wasemhlabeni, enamahashe emfazwe; neKire ityhile ikhaka.” (Isaya 22:6) Ezi ntshaba zixhobe zafohlela. Zinabatoli abazalise imiphongolo yabo ngeentolo. Abaphumi-mkhosi abaphethe amakhaka balungele idabi. Kukho iinqwelo zokulwa namahashe aqeqeshelwe imfazwe. Lo mkhosi uquka amajoni ase-Elam, esemantla oko ngoku kwaziwa ngokuba yiPersian Gulf, nawaseKire, esenokuba ikufuphi ne-Elam. Ukukhankanywa kwala mazwe kubonisa ukuthi qelele kwendawo abasuka kuyo aba bahlaseli. Kukwabonisa nokuba abatoli bamaElam basenokuba babekho emkhosini owawusongela iYerusalem ngomhla kaHezekiya.

Amalinge Okuzikhusela

10. Yintoni eyenzekayo ethetha intlekele kwesi sixeko?

10 UIsaya uchaza okwenzekayo, esithi: “Kothi ke iintili zakho ezizezona zintle zizaliswe ziinqwelo zokulwa, namahashe emfazwe kanye amele nakanjani na azimise esangweni, yaye umntu uya kushenxisa umkhusane wakwaYuda.” (Isaya 22:7, 8a) Iintili ezingaphandle kwesixeko saseYerusalem zizaliswe ziinqwelo zokulwa nangamahashe elungele ukuhlasela ngasesangweni lesixeko eso. Uyintoni “umkhusane wakwaYuda” oshenxiswayo? Kusenokwenzeka ukuba, ulisango lesixeko, okuya kuthi ukushenxiswa kwalo kuthethe intlekele kuso. c Wakuba ushenxisiwe lo mkhusane, esi sixeko siya kuba sisisulu sabahlaseli.

11, 12. Ngawaphi amalinge ezokhuseleko enziwa ngabemi baseYerusalem?

11 Ngoku uIsaya unikel’ ingqalelo kumalinge abantu okuzama ukuzikhusela. Into yokuqala ethi qatha ezingqondweni zabo—zizixhobo! “Uya kukhangela ngaloo mini kwindawo yokugcina izikrweqe kwindlu yehlathi, yaye ngokuqinisekileyo niya kubona zona kanye iintanda zesiXeko sikaDavide, kuba okunene ziya kuba ninzi. Niya kuqokelela ke amanzi echibini elisezantsi.” (Isaya 22:8b, 9) Izixhobo zifihlwe kwindawo yokugcina izikrweqe kwindlu yehlathi. Le ndawo yokugcina izikrweqe yakhiwa nguSolomon. Ekubeni yakhiwa ngemisedare yaseLebhanon, yaziwa ‘njengeNdlu yeHlathi laseLebhanon.’ (1 Kumkani 7:2-5) Bahlola iintanda eziseludongeni. Baqokelela namanzi—kuba abalulekile ekukhuselekeni kwabo. Abantu kufuneka bafumane amanzi ukuze baphile. Ngaphandle kwawo, isixeko asinakuma. Noko ke, phawula ukuba akuthethwa nto ngokukhangela kwabo kuYehova ukuba abahlangule. Kunoko bakholose ngezabo iindlela zokhuseleko. Kwanga thina singangaze siyenze loo mpazamo!—INdumiso 127:1.

12 Yintoni enokwenziwa ngeentanda eziseludongeni lwesixeko? “Nezindlu zaseYerusalem okunene niya kuzibala. Niya kuzidiliza izindlu ukuze nenze udonga lungafikeleleki.” (Isaya 22:10) Bahlola izindlu ukuze babone ukuba ziziphi na ezinokudilizwa ukuze bafumane izinto zokungciba ezi ntanda. Le migudu yenzelwa ukuthintela utshaba ukuba lungade luludilize olu donga.

Isizwe Esingathembekanga

13. Abantu bazama njani ukuqinisekisa ukuba banamanzi aneleyo, kodwa ngubani abamlibalayo?

13 “Niya kwenza isidibi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga ezimbini. Yaye ngokuqinisekileyo aniyi kukhangela kuMenzi wayo Ozukileyo, nalowo iyilwe nguye kwakudala ngokuqinisekileyo aniyi kumbona.” (Isaya 22:11) Amalinge okuqokelela amanzi, achazwe apha nakwindinyana 9, asikhumbuza ngoko kwenziwa nguKumkani uHezekiya ukuze akhusele isixeko kubahlaseli bama-Asiriya. (2 Kronike 32:2-5) Noko ke, bona abantu besixeko ekubhekiselwa kubo kwesi siprofeto sikaIsaya abathembekanga kwaphela. Njengoko bezama ukukhusela isixeko, abacingi nokucinga ngoMdali, njengoko wenzayo yena uHezekiya.

14. Phezu kwaso nje isigidimi sikaYehova sokubalumkisa, sisiphi isimo sengqondo esingesosabulumko abanaso abantu?

14 UIsaya uhlabela mgama esithi: “INkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, iya kunizisela ngaloo mini ukulila nokuzila nenkqayi nokubhinqa amarhonya. Kodwa, nina nisuke nagcoba, naba nemihlali, naxhela iinkomo nezimvu, nadla inyama, nasela newayini, nisithi ‘Masidle sisele, kuba ngomso siya kufa.’” (Isaya 22:12, 13) Abemi baseYerusalem abazisoli tu ngokuvukela kwabo uYehova. Abalili, okanye bachebe iinwele, okanye banxibe amarhonya ukubonisa ukuguquka kwabo. Ukuba bebenjenjalo, mhlawumbi uYehova ebeya kubasindisa kwishwangusha elibazelayo. Kunoko, bathe swi-i ziziyolo. Nqwa ke nesimo sengqondo esisibonayo namhlanje phakathi kwabaninzi abangenalukholo kuThixo. Ngenxa yokuba bengenathemba—lovuko kwabafileyo okanye lokuphila kwiParadesi yasemhlabeni ezayo—baphila ubomi bukavula-zibhuqe, besithi: “Masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.” (1 Korinte 15:32) Okunjani kona ukungabi nangqiqo! Ukuba nje bebenokukholosa ngoYehova, bebeya kuba nethemba elihlala lihleli!—INdumiso 4:6-8; IMizekeliso 1:33.

15. (a) Sithini isigidimi sikaYehova somgwebo nxamnye neYerusalem, yaye uphunyezwa ngubani lo mgwebo wakhe? (b) Kutheni iNgqobhoko iza kwehlelwa lishwangusha elifanayo nelehlela iYerusalem?

15 Abemi baseYerusalem abangqingiweyo abayi kukhuseleka kwaphela. UIsaya uthi: “UYehova wemikhosi uzityhilile ezindlebeni zam, wathi: ‘“Esi siphoso asiyi kucanyagushelwa ngenxa yenu nide nife,” itsho iNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi.’” (Isaya 22:14) Ngenxa yobuntamo-lukhuni baba bantu, abayi kuxolelwa. Ngokungathandabuzekiyo, baza kufa. Oku kuza kwenzeka ngokuqinisekileyo. Kutsho iNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi. Ukuzalisekisa amazwi kaIsaya esiprofeto, iYerusalem engathembekanga ifikelwe yintlekele kwada kwakabini. Itshatyalaliswa yimikhosi yaseBhabhiloni ize iphindwe kamva yeyaseRoma. Iza kuphinda le ntlekele, ifikele neNgqobhoko engathembekanga, emalungu ayo azibanga enqula uThixo kodwa eneneni emkhanyela ngemisebenzi yawo. (Tito 1:16) Izono zeNgqobhoko, kwanezezinye iinkonzo zehlabathi ezizichasileyo iindlela zikaThixo zobulungisa, ziye “zafumba zada zafikelela ezulwini.” Kanye njengoko kwakunjalo ngesiphoso seYerusalem ewexukileyo, isiphoso sazo sikhulu kakhulu ukuba singacanyagushelwa.—ISityhilelo 18:5, 8, 21.

Igosa Elizingcayo

16, 17. (a) Ngubani ngoku ofumana isigidimi sesilumkiso kuYehova, yaye ngoba? (b) Ngenxa yokuziphakamisa kukaShebhena, yintoni eza kwenzeka kuye?

16 Ngoku umprofeti uyasiyeka isizwe esingathembekanga aze aphethulel’ ingqalelo kumntu othile ongathembekanga. UIsaya ubhala athi: “Itsho iNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, ukuthi: ‘Hamba, ungene kweli gosa, kuShebhena, ophezu kwayo indlu le, “Yintoni na oyilangazelelayo apha, ingubani na omlangazelelayo apha, le nto uzimbele apha indawo yokungcwaba?” Uzimbela indawo yokungcwaba kwindawo ephakamileyo; uzisikela indawo yokuhlala engxondorheni.’”—Isaya 22:15, 16.

17 UShebhena ‘uligosa lendlu,’ mhlawumbi lendlu kaKumkani uHezekiya. Ngoko, ukwisigxina esibalulekileyo, esikwindawo yesibini ukusuka kwesikakumkani. Kulindeleke lukhulu kuye. (1 Korinte 4:2) Kodwa, kunokuba aqale ngokunikela ingqalelo kwimicimbi yohlanga, uShebhena uzifunela uzuko. Uzimbela ingcwaba elihle gqitha—xa kuthelekiswa nelokumkani—phezulu engxondorheni. Akukubona oku uYehova, uphefumlela uIsaya ukuba alilumkise eli gosa lingathembekanga, esithi: “Yabona! UYehova uya kukuphosa phantsi ngogonyamelo, ndodandini yomeleleyo, akubambe nkqi. Nakanjani na uya kukusonga ngokuqinileyo, njengebhola kwilizwe elibanzi. Uya kufela apho, iinqwelo zozuko lwakho zibe lihlazo lendlu yenkosi yakho. Kwaye ndiza kukushenxisa esikhundleni sakho; ususwe kwisigxina sakho sasemthethweni.” (Isaya 22:17-19) Ngenxa yokuzingca kwakhe, uShebhena akazukuba nalo kwanengcwaba eliqhelekileyo eYerusalem. Kunoko, uza kuphoswa njengebhola, ukuze afele ezweni elikude. Oku kusisilumkiso kubo bonke abo baphathiswe igunya phakathi kwabantu bakaThixo. Ukulisebenzisa kakubi igunya kuya kukhokelela ekuphulukaneni kwabo nalo.

18. Ngubani oza kungena esikhundleni sikaShebhena, yaye kuthetha ukuthini ukuthi uza kufumana izambatho zasebukhosini zikaShebhena nesitshixo sendlu kaDavide?

18 Noko ke, uza kushenxiswa njani uShebhena esikhundleni sakhe? Esebenzisa uIsaya, uYehova ucacisa esithi: “Kuya kuthi ke ngaloo mini ndimbize umkhonzi wam, oko kukuthi, uEliyakim unyana kaHilekiya. Yaye ndiya kumambesa ngomwunduzo wakho, ndimbophe nkqi ngombhinqo wakho, nolawulo lwakho ndiya kulunikela esandleni sakhe; kwaye umele abe nguyise wommi waseYerusalem nowendlu kaYuda. Nesitshixo sendlu kaDavide ndiya kusibeka egxalabeni lakhe, avule kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo.” (Isaya 22:20-22) UEliyakim, oza kungena esikhundleni sikaShebhena, uza kunikwa izambatho zasemthethweni zobugosa kunye nesitshixo sendlu kaDavide. IBhayibhile isebenzisa igama elithi ‘isitshixo’ ukufanekisela igunya okanye urhulumente okanye amandla. (Thelekisa uMateyu 16:19.) Mandulo, umcebisi kakumkani, onikwe izitshixo, wayehlola izindlu zasebukhosini, ade enze nezigqibo ngokuphathelele abantu abanokusetyenziswa ukuphumeza iinkonzo zikakumkani. (Thelekisa ISityhilelo 3:7, 8.) Ngoko, isigxina sobugosa sibalulekile, yaye kulindeleke lukhulu kuye nabani na okhonza kuso. (Luka 12:48) UShebhena usenokuba uyafaneleka, kodwa ngenxa yokungathembeki kwakhe, uYehova uza kufaka omnye endaweni yakhe.

Izikhonkwane Ezibini Zokomfuziselo

19, 20. (a) UEliyakim uza kungqineka eyintsikelelo njani kubantu bakowabo? (b) Kuza kwenzeka ntoni kwabo baqhubeka bekhangele kuShebhena?

19 Ekugqibeleni, uYehova usebenzisa ulwimi lokomfuziselo ukuchaza ukushenxiswa kwegunya kuShebhena linikwe uEliyakim. Uthi: “‘Ndiya kumbethelela [uEliyakim] njengesikhonkwane kwindawo ehlala ihleli, abe njengetrone yozuko endlwini kayise. Kwaye bamele baluxhome kuye lonke uzuko lwendlu kayise, inzala namagatya, zonke izitya zohlobo oluncinane, zonke izitya zohlobo olumgobongqo kwanazo zonke izitya eziyimiphanda emikhulu. Ngaloo mini,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘isikhonkwane [uShebhena] esibethelelwa endaweni ehlala ihleli siya kushenxiswa, sixakaxwe size siwe, nomthwalo okuso umele unqunyulwe, kuba uYehova uthethile.’”—Isaya 22:23-25.

20 Kwezi ndinyana isikhonkwane sokuqala nguEliyakim. Uza kuba ‘yitrone yozuko’ endlwini kayise, uHilekiya. Ngokungafaniyo noShebhena, yena akazukuyihlazisa indlu okanye udumo lukayise. UEliyakim uza kuhlala ezixhasile izitya zendlu, oko kukuthi, abanye abaphumeza inkonzo kakumkani. (2 Timoti 2:20, 21) Ngokwahlukileyo, isikhonkwane sesibini sibhekisela kuShebhena. Nangona esenokubonakala ekhuselekile, uza kushenxiswa. Nabani na oqhubeka ekhangele kuye uza kuwa.

21. Kule mihla, ngubani oye wathatyathelw’ indawo njengoShebhena, ngoba, yaye uthatyathelw’ indawo ngubani?

21 Oko kwehlela uShebhena kusikhumbuza ukuba nabaphi na phakathi kwabakhonzi bakaThixo abafumana amalungelo enkonzo, bafanele bawasebenzisele ukukhonza abanye nokuzukisa uYehova. Abafanele basisebenzise kakubi isigxina sabo ukuze bazizuzele ubutyebi okanye udumo. Ngokomzekelo, kwakudala iNgqobhoko iye yaziphakamisa njengegosa elimiselweyo, ummeli wasemhlabeni kaYesu Kristu. Noko ke, kanye njengokuba uShebhena wamhlazisayo uyise ngokuzifunela uzuko, iinkokeli zeNgqobhoko zimhlazisile uMdali ngokuzizuzela ubutyebi negunya. Kungako nje, ekufikeni kwexesha lokuba umgwebo “uqale ngendlu kaThixo” ngowe-1918, uYehova wayishenxisayo iNgqobhoko. Kwatyunjwa elinye igosa—“igosa elithembekileyo, elo liyingqondi”—laza limiselwa phezu kwendlu kaYesu yasemhlabeni. (1 Petros 4:17; Luka 12:42-44) Olu didi lwegosa luzibonakalise lukufanelekele ukuphathiswa ‘isitshixo’ sendlu kaDavide. ‘Njengesikhonkwane’ esinokuthenjwa, luzingqine lunyanisekile ekuxhaseni kwalo zonke “izitya,” ezingamaKristu athanjisiweyo aneembopheleleko ezahlukeneyo nakhangele kulo ukuze afumane isondlo sokomoya. “Nezinye izimvu,” ‘njengomphambukeli osemasangweni’ eYerusalem yamandulo, zixhomekeke kwesi “sikhonkwane,” esinguEliyakim wale mihla.—Yohane 10:16; Duteronomi 5:14.

22. (a) Kutheni ukuthatyathelw’ indawo kukaShebhena njengegosa kwenzeka ngexesha elifanelekileyo? (b) Kule mihla, kutheni ukumiselwa ‘kwegosa elithembekileyo neliyingqondi,’ kwenzeke ngexesha elifanelekileyo?

22 UEliyakim wangena esikhundleni sikaShebhena xa uSenaribhe nemikhosi yakhe babesongela iYerusalem. Ngokukwanjalo, “igosa elithembekileyo, elo liyingqondi,” limiselwe ukukhonza ebudeni bexesha lesiphelo, eliza kuphela xa uSathana nemikhosi yakhe beya kumhlasela okokugqibela “uSirayeli kaThixo” namadlelane akhe azezinye izimvu. (Galati 6:16) Njengakumhla kaHezekiya, olo hlaselo luza kuphelela ekutshatyalalisweni kweentshaba zobulungisa. Abo bazixhasa ‘ngesikhonkwane esisendaweni ehlala ihleli,’ esiligosa elithembekileyo, baza kusinda, kanye njengoko nabemi abathembekileyo baseYerusalem basindayo ekuhlaseleni kweAsiriya elakwaYuda. Hayi indlela ekububulumko ngayo, ke ngoko, ukunganamatheli ‘ngesikhonkwane’ esingakholekanga seNgqobhoko!

23. Yintoni eyenzekayo ekugqibeleni kuShebhena, yaye sinokufunda ntoni koku?

23 Yintoni eyenzekayo kuShebhena? Akukho ngxelo ichaza indlela esazaliseka ngayo isiprofeto esingaye, esibhalwe kuIsaya 22:18. Ngethuba lokuziphakamisa kwakhe waza wahlaziswa, ebefanekisela iNgqobhoko, kodwa kusenokwenzeka ukuba wafunda isifundo kolo qeqesho. Ngoko, wahluke kakhulu kwiNgqobhoko. Xa uRabheshake ongumAsiriya wagrogrisa iYerusalem ukuba izinikezele, igosa elitsha likaHezekiya, uEliyakim, waphuma negqiza ukuya kumhlangabeza. Noko ke, uShebhena wayesecaleni kwakhe njengonobhala kakumkani. Kucacile ukuba, uShebhena usasetyenziswa ekuphumezeni inkonzo kakumkani. (Isaya 36:2, 22) Esinjani sona ukuba sihle isifundo kwabo baphulukana nezigxina zenkonzo entlanganweni kaThixo! Kunokuba babe nekratshi nenqala, kuya kuba bubulumko ukuba baqhubeke bekhonza uYehova naphi na apho abavumela khona. (Hebhere 12:6) Ngokwenjenjalo, baya kuyiphepha intlekele eza kwehlela iNgqobhoko. Baya kunandipha inkoliseko nentsikelelo kaThixo ngonaphakade.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ngowama-66 C.E., amaYuda amaninzi agcoba xa imikhosi yamaRoma eyayingqinge iYerusalem yarhoxayo.

b Ngokutsho kombhali-mbali wenkulungwane yokuqala uJosephus, ngowama-70 C.E., indlala yayiqatha kakhulu eYerusalem kangangokuba abantu babesitya iimfele, ingca nefula. Enye ingxelo ibika ukuba, omnye umama woja unyana wakhe waza wamtya.

c Kungenjalo, “umkhusane wakwaYuda” usenokubhekisela kwenye into ekhusele eso sixeko, njengeenqaba ekugcinwe kuzo izixhobo nalapho amajoni axhwarhe khona.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 231]

Ekusabeni kukaZedekiya, wabanjwa waza watyhaphazwa

[Umfanekiso okwiphepha 232, 233]

Amathemba aphelile kumaYuda avaleleke eYerusalem

[Umfanekiso okwiphepha 239]

UEliyakim wenziwa ‘isikhonkwane esikwindawo ehlala ihleli’ nguHezekiya

[Umfanekiso okwiphepha 241]

NjengoShebhena, iinkokeli ezininzi zeNgqobhoko zimhlazisile uMdali ngokuzifumbela kwazo ubutyebi

[Imifanekiso ekwiphepha 242]

Kule mihla kumiselwe udidi lwegosa elithembekileyo phezu kwendlu kaYesu