Kholosa Ngokhokelo Nangenkuselo KaYehova
Isahluko Seshumi Elinesithandathu
Kholosa Ngokhokelo Nangenkuselo KaYehova
1, 2. Yiyiphi ingozi abajamelana nayo abantu bakaThixo ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, yaye abaninzi babo bakholose ngantoni?
NJENGOKO sibonile kwizahluko zokuqala zale ncwadi, abantu bakaThixo bajamelene nesisongelo esixhomis’ amehlo ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Ama-Asiriya anxanelw’ igazi atshabalalisa ilizwe emva kwelinye, yaye kubonakala ukuba ekuhambeni kwexesha aza kude ahlasele nobukhosi basezantsi bakwaYuda. Abemi belo lizwe bafanele bayifune kubani inkuseleko? Bakulwalamano lomnqophiso noYehova yaye bafanele balufune kuye uncedo. (Eksodus 19:5, 6) Wenza kanye loo nto uKumkani uDavide. Wavuma wathi: “UYehova yingxondorha yam negwiba lam noMsindisi wam.” (2 Samuweli 22:2) Noko ke, kucacile ukuba abaninzi ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo abakholosi ngoYehova njengegwiba labo. Bakholose ngeYiputa neTiyopiya, ngeqikili lokuba ezi ntlanga zimbini ziya kuba yintonga yabo esekhosi mhla bahlaselwa yiAsiriya. Bawuphosile umhlola.
2 Ngomprofeti wakhe uIsaya, uYehova ulumkisa ukuba ukusithela kwabo ngeYiputa okanye ngeTiyopiya kuya kubazisela intlekele. Amazwi aphefumlelweyo alo mprofeti anesifundo esiluncedo kubantu bexesha lakhe yaye akwanesifundo esibalulekileyo nakuthi ngokuphathelele ukubaluleka kokukholosa ngoYehova.
Ilizwe Lophalazo-gazi
3. Chaza indlela iAsiriya eyayizinikele ngayo kwezomkhosi.
3 Ama-Asiriya ayedume ngokutshatshela kwezomkhosi. Incwadi ethi Ancient Cities ithi: “Ayenqula amandla, yaye ayethandaza kuphela phambi kwezithixo zezigodo zamatye, ezeengonyama nezeenkunzi zeenkomo, ezazinamalungu amakhulu, neempiko zeenkozi, kwaneentloko zabantu ezazifanekisela amandla, inkalipho noloyiso. Ukulwa kwakusisonka semihla ngemihla kolo hlanga, kunjalonje imfazwe intyontyelwa ngabefundisi.” Akufane nje umprofeti weBhayibhile uNahum wayichaza iNineve, elikomkhulu leAsiriya, ‘njengesixeko sophalazo-gazi.’—Nahum 3:1.
4. Ama-Asiriya azenza zatyhwatyhwa njani iintliziyo zezinye iintlanga?
4 Indlela ayesilwa ngayo emfazweni ama-Asiriya yayiyeyenkohlakalo ngokwenene. Imifanekiso ekroliweyo yaloo mihla ibonisa imikhosi yama-Asiriya itsala abathinjwa ngamagwegwe afakwe ezimpumlweni okanye emilebeni. Abanye abathinjwa ayebatyhaphaza ngemikhonto. Omnye umkrolo uchaza ngokoyisa komkhosi wama-Asiriya waza wabaxhaxha abathinjwa bawo wabashiya beziimfumba ezimbini eziqungquluze ngaphandle kwesixeko—enye iyimfumba yeentloko zodwa kwanemfumba yamanye amalungu omzimba. Bona abantwana babathinjwa babetshiswa ngomlilo. Le nkohlakalo ingaka yama-Asiriya imele ukuba yazitsho zatyhwatyhwa iintshaba zawo, isenza nabani na angabi nankalipho yakuxhathisa kwimikhosi yayo.
Imfazwe Nxamnye NeAshdode
5. Yayingubani umlawuli onamandla waseAsiriya ngomhla kaIsaya, ibe yangqineka njani ichanile ingxelo yeBhayibhile engaye?
5 Ngomhla kaIsaya uBukhosi baseAsiriya baba lelona gunya linamandla phantsi kukaKumkani uSargon. a Kangangeminyaka emininzi, abahlalutyi bebeyithandabuza into yokuba wakhe wakho umlawuli onjengalo, njengoko bengazange beva ngaye ezimbalini. Noko ke, ekuhambeni kwexesha abembi bezinto zakudala bavumbulula amabhodlo ebhotwe likaSargon, nto leyo eyangqinela ukuchana kwengxelo yeBhayibhile.
6, 7. (a) Ziziphi izizathu ekunokwenzeka ukuba zaba ngunobangela wokuba uSargon ahlasele iAshdode? (b) Ukuwa kweAshdode kubachaphazela njani abamelwane beFilisti?
6 UIsaya uthi gqaba-gqaba ngokufutshane ngenye yeemfazwe ezaliwa nguSargon, esithi: “[UTartan weza] eAshdode, xa uSargon ukumkani waseAsiriya wamthumelayo, waza walwa imfazwe neAshdode wayithimba.” (Isaya 20:1) b Yintoni eshukumisela uSargon ukuba ahlasele isixeko samaFilisti iAshdode? Esinye sezizathu sikukuba, iFilisti iqhogene neYiputa, yaye iAshdode, apho ikhoyo itempile kaDagon, isendleleni egudla unxweme ukusuka eYiputa ukuya ePalestina. Ngoko esi sixeko sisendleleni yakhe. Ukuba uqale ngokosela sona, uya kutsho abe nobuganga bokoyisa iYiputa. Kwakhona, iingxelo zaseAsiriya zidiza nomingimingi lokuba ukumkani waseAshdode, uAzuri, wayesenza iyelenqe lokuhlasela iAsiriya. Ngoko, uSargon uye wamshenxisa loo kumkani uvukelayo waza wabeka umninawa wokumkani lowo, uAhimiti, etroneni. Sekunjalo, iimeko azilunganga ncam. Kuye kwee phutshululu enye imvukelo kwakhona, waza naye ngoku uSargon wathabatha amanyathelo aqine ngakumbi. Uyiphumele iphulo iAshdode, wayihlasela, yaphel’ intw’ ebithethwa. Kusenokwenzeka ukuba, sesi siganeko abhekisela kuso uIsaya 20:1.
7 Ukuwa kweAshdode kubenza babe nengevane abamelwane, ingakumbi uYuda. UYehova uyazi ukuba abantu bakhe batyekele ekukhangeleni ‘kwingalo yenyama,’ enjengeYiputa okanye iTiyopiya esemzantsi. Ngenxa yoko, uyalela uIsaya ukuba enze isenzo esiya kuba sisilumkiso kubo.—2 Kronike 32:7, 8.
‘Uhamba Ze Nasezinyaweni Enganxibanga Nto’
8. Sisiphi isenzo esiphefumlelweyo esingokwesiprofeto uIsaya asiphumezayo?
8 UYehova uthi kuIsaya: “Hamba, uze ukhulule irhonya elisesinqeni sakho; ukhulule neembadada ezinyaweni zakho.” UIsaya wenza kanye ngokomyalelo kaYehova. “Wenjenjalo, ehambahamba eze nasezinyaweni enganxibanga nto.” (Isaya 20:2) Irhonya sisambatho esirhabaxa esidla ngokunxitywa ngabaprofeti, maxa wambi xa bedlulisela isigidimi sesilumkiso. Sinxitywa nangamaxesha obunzima okanye xa kuvakele iindaba ezibuhlungu. (2 Kumkani 19:2; INdumiso 35:13; Daniyeli 9:3) Ngaba ngenene uIsaya uhamba ze engafakanga kwanto emzimbeni? Kusenokuba akunjalo. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuhamba ze’ likwabhekisela ekunxibeni kwinxalenye yomzimba okanye ukunxiba ngokungaphelelanga. (1 Samuweli 19:24, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Ngoko kusenokwenzeka ukuba uIsaya wayekhulule nje umwunduzo wakhe wangaphezulu, washiya isambatho esifutshane esinxitywa ngaphantsi kwawo. Le yindlela abadla ngokuzotywa ngayo abathinjwa abangamadoda kwimikrolo yaseAsiriya.
9. Iyintoni intsingiselo engokwesiprofeto yesenzo sikaIsaya?
9 Abantu abashiywa besebumnyameni ngokuphathelele intsingiselo yesi senzo singaqhelekanga sikaIsaya: “Waza uYehova wahlabela mgama wathi: ‘Kanye njengoko umkhonzi wam uIsaya eye wahambahamba eze kwaye enganxibanga nto ezinyaweni iminyaka emithathu engumqondiso nomhlola nxamnye neYiputa nanxamnye neTiyopiya, ngoko ukumkani waseAsiriya uya kukhokela amaqela amabanjwa aseYiputa nabathinjwa baseTiyopiya, amakhwenkwe namadoda amadala, behamba ze nasezinyaweni benganxibanga nto, behamba ngeempundu, nto leyo eziintloni kwiYiputa.’” (Isaya 20:3, 4) Ewe, kungekudala amaYiputa namaTiyopiya aza kuthinjwa. Akukho namnye oza kusinda. ‘Amakhwenkwe kwanamadoda amadala’—oko kukuthi abantwana nabantu abakhulu—baza kuphangwa konke okwabo baze basiwe ekuthinjweni. Ngalo mfanekiso-ngqondweni unxubisayo, uYehova ulumkisa abemi bakwaYuda ukuba kuya kuba bubuyatha ngabo ukukholosa ngeYiputa neTiyopiya. Ukuwa kwezi ntlanga kuya kukhokelela ‘ekuhambeni ze’ kwazo—oko kukuthi ukuhlaziswa kwazo ngokupheleleyo!
Ithemba Liyafiphala Nobuhle Buyaphela
10, 11. (a) Uza kusabela njani uYuda esakuphawula ukuba iYiputa neTiyopiya azinamandla okumelana neAsiriya? (b) Yintoni esenokuba yenza uYuda akholose ngeYiputa neTiyopiya?
10 Ngokulandelayo, uYehova uprofeta ngendlela abaza kusabela ngayo abantu bakhe besakuphawula indlela iYiputa neTiyopiya, abathembele ngazo, ezingqineke zingenamandla ngayo okumelana nama-Asiriya. “Ngokuqinisekileyo baya kunkwantya baze babe neentloni ngeTiyopiya ithemba abebekhangele kulo nangeYiputa ubuhle bayo. Yaye ngokuqinisekileyo abemi beli lizwe lingaselunxwemeni baya kuthi ngaloo mini, ‘Linje ke ithemba ebesikhangele kulo, esasabela kulo ukuba sincedwe, ukuze sihlangulwe kukumkani waseAsiriya! Ngoko siya kusinda njani na thina?’”—Isaya 20:5, 6.
11 UYuda uligcuntswana nje elingaselunxwemeni xa ethelekiswa negunya laseYiputa nelaseTiyopiya. Kusenokwenzeka ukuba bambi baba bemi ‘bangaselunxwemeni’ bathabathekile bubuhle beYiputa—amapomakazi ezakhiwo zayo zodumo, oorhec’ izulu beetempile zayo, kwanezithabazi zemihlaba yayo ejikelezwe zizitiya, imiyezo namachibi. Ubukhazikhazi beYiputa bubonakala bububungqina bokuba ayinakuze ichukunyiswe naphakade. Ngokuqinisekileyo eli lizwe alinakuphanziswa! Kubonakala ukuba, amaYuda akwahlatyw’ umxhelo ziinqwelo zokulwa, nabubuchule bokutola nobokuphalisa kwabakweli-mahashe baseTiyopiya.
12. UYuda ufanele akholose ngabani?
12 Ngenxa yesenzo sikaIsaya esaba sisilumkiso nangenxa yamazwi kaYehova esiprofeto, nabaphi na abazibanga bengabantu bakaThixo kodwa babe bekholose ngeYiputa neTiyopiya bamele bazikis’ ukucinga. Hayi indlela ebekuya kuba kuhle ngayo ukukholosa ngoYehova kunokukholosa ngomntu wasemhlabeni! (INdumiso 25:2; 40:4) Ekuhambeni kwexesha, uYuda uthwaxwa kanobom ngukumkani waseAsiriya, yaye uthe esajonge leyo, wabona ngetempile yakhe nangesixeko sakhe esilikomkhulu sesihlaselwa yiBhabhiloni. Kodwa ke noko, kusala “inxalenye yeshumi,” “imbewu engcwele,” njengesiphunzi somthi omkhulu. (Isaya 6:13) Kusakuzaliseka oku, isigidimi sikaIsaya siza kulomeleza kakhulu ukholo lwelo qela lincinane liqhubeka likholose ngoYehova!
Kholosa NgoYehova
13. Ziziphi iingcinezelo ezichaphazela bonke abantu—abakholwayo nabangakholwayo—namhlanje?
13 Isilumkiso esikuIsaya esiphathelele ubudenge bokukholosa ngeYiputa neTiyopiya asiyombali nje engenamsebenzi. Sinentsingiselo ebalulekileyo ngomhla wethu. Siphila ‘kumaxesha anzima.’ (2 Timoti 3:1) Iingxaki ezongokwemali, ukwanda kobuhlwempu, ukungaqiniseki kwezobupolitika, iziphithiphithi, neemfazwe ezincinane kwanezinkulu, zibatsho baminxan’ ingqondo abantu—kungekuphela nje abo balugatyayo ulawulo lukaThixo kodwa kwanabo banqula uYehova. Ngoko umbuzo ekufuneka ngamnye wethu azibuze wona uthi, ‘Ndiza kulufuna kubani uncedo?’
14. Kutheni sifanele sikholose ngoYehova kuphela?
14 Bambi basenokuthabatheka bubuchule babantu abathile namhlanje kwezezimali, kwezobupolitika, nakwezenzululwazi, abathetha ngokucombulula iingxaki zabantu ngokusebenzisa ubugcisa babo. Noko ke, iBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuthi: “Kulunge ngakumbi ukusabela kuYehova kunokukholosa ngezidwangube.” (INdumiso 118:9) Onke amacebo abantu okuzisa uxolo nonqabiseko aza kuwa phantsi ngenxa yesizathu esichazwe ngumprofeti uYeremiya esithi: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.
15. Ngubani okuphela kwethemba loluntu olubandezelekileyo?
15 Ngoko ke, kubalulekile ukuba abakhonzi bakaThixo bangathabatheki ngokungafanelekanga ngamandla nabubulumko beli hlabathi. (INdumiso 33:10; 1 Korinte 3:19, 20) NguMdali, uYehova, kuphela olithemba loluntu olubandezelekileyo. Abo bakholose ngaye baya kusindiswa. Njengoko umpostile uYohane ophefumlelweyo wabhalayo, “ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ababhali-mbali babhekisela kulo kumkani njengoSargon II. Ngaphandle kwalo kumkani waseAsiriya, kwakukho ngaphambili ukumkani waseBhabhiloni, owayebizwa ngokuba “nguSargon I.”
b “UTartan” asilogama lamntu kodwa sisibizo esijizekwa umphathi-mkhosi oyintloko kumkhosi wama-Asiriya, ekusenokwenzeka ukuba ungoyena mntu ukwisikhundla sesibini ebukhosini.
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 209]
Ama-Asiriya ayedla ngokubatyhaphaza abanye babathinjwa bawo
[Imifanekiso ekwiphepha 213]
Abanye basenokuthabatheka koko kuphunyezwe ngabantu, kodwa kulunge ngakumbi ukukholosa ngoYehova