UYehova Uyabathoba Abo Baziphakamisileyo
Isahluko Sesihlanu
UYehova Uyabathoba Abo Baziphakamisileyo
1, 2. Kutheni isigidimi sesiprofeto sikaIsaya kumaYuda omhla wakhe sibangel’ umdla kuthi?
EZOTHEKILE bubugxwayiba ekubo iYerusalem noYuda, umprofeti uIsaya ngoku uphethukela kuYehova uThixo athi: “Ubashiyile abantu bakho, indlu kaYakobi.” (Isaya 2:6a) Makube yintoni bethu le iqhubele uThixo ekuthini abanikel’ umva abantu awayebanyule ngokwakhe ‘njengenqobo’ kuye?—Duteronomi 14:2.
2 Ukuwamangalela kukaIsaya amaYuda exesha lakhe kubangel’ umdla omkhulu kuthi. Ngoba? Kuba imeko yeNgqobhoko namhlanje ifana nqwa naleyo yabantu bomhla kaIsaya, yaye kukwanjalo nangesigwebo uYehova asivakalisayo. Ukunikel’ ingqalelo kumazwi kaIsaya kuya kusenza sikuqonde ngokucacileyo oko uThixo akugatyayo kuze kusincede siphephe uqheliselo angakholiswayo lulo. Ngoko ke, bek’ indlebe ngolangazelelo, njengoko sihlolisisa amazwi omprofeti kaYehova abhalwe kuIsaya 2:6–4:1.
Baqubuda Ngekratshi
3. Sisiphi isiphoso sabantu bexesha lakhe asivumayo uIsaya?
3 Evuma isiphoso sabantu bexesha lakhe, uIsaya uthi: “Bazele koko kuvela eMpuma, baqhelisela umlingo njengamaFilisti, yaye baphuphuma ngabantwana basemzini.” (Isaya 2:6b) Kwisithuba seminyaka engama-800 ngaphambili, uYehova wayebayalele abantu bakhe abanyuliweyo, wathi: “Musani ukuzenza abangahlambulukanga ngayo nayiphi na kwezi zinto [ezizenze azahlambuluka ngazo] iintlanga endizigxothayo phambi kwenu.” (Levitikus 18:24) UYehova wanyanzela uBhileham ukuba athi ngabo wayebanyule njengenqobo kuye: “Ndibabona ndisencochoyini yamawa, ndibabukele ndiphezu kweenduli. Esi sizwana sizimisele iminquba yaso sodwa, asibalelwa phakathi kwazo iintlanga.” (Numeri 23:9, 12) Kodwa, ngomhla kaIsaya aba banyulwa bakaYehova babesele bethe phithi thwanga luqheliselo olunezothe lweentlanga ezibangqongileyo yaye “bazele koko kuvela eMpuma.” Kunokubonisa ukholo kuYehova naselizwini lakhe, baqhelisela “umlingo njengamaFilisti.” Kunokuba bazicezele izizwe, ilizwe labo ‘liphuphuma ngabantwana basemzini’—esiphantse siqiniseke ukuba ngabo kanye ababafaka ngentloko aba bantu bakaThixo kuqheliselo olungelolwabuthixo.
4. Kunokuba kuwenze abe nombulelo kuYehova, ubutyebi nokomelela komkhosi kuwachaphazela njani amaYuda?
4 Akuthi ntla amehlo kwindyebo yamaYuda nokomelela komkhosi wawo ngexesha likaKumkani u-Uziya, uIsaya utyatyadula enjenje: “Ilizwe labo lizaliswe yisilivere negolide, nobuncwane babo abunamda. Ilizwe labo lizaliswe ngamahashe, neenqwelo zabo azinamda.” (Isaya 2:7) Bakhe balikhupha nje khona nelimdaka lokuthi enkosi Yehova ngobutyebi obungaka nangokomelela komkhosi wabo? (2 Kronike 26:1, 6-15) Nakanye! Kunoko, basuke bakholosa ngobutyebi babo, bamnikel’ umva uMthombo wabo, uYehova uThixo. Ube yintoni ke umphumo? “Ilizwe labo lizaliswe ngoothixo abangenaxabiso. Baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, koko kwenziwe yiminwe yabo. Umntu wasemhlabeni uyaqubuda, nendoda iyathotywa, ngoko akunakwenzeka ukuba ubaxolele.” (Isaya 2:8, 9) Bamkhuphe kwaphela uThixo ophilayo ezingqondweni zabo baza baqubuda kwizithixo ezingaphiliyo.
5. Kutheni ukuqubuda kwizithixo kungesosenzo sokuthobeka?
5 Ukuqubuda kusenokubonisa ukuthobeka. Kodwa hayi indlela ekububudenge ngayo ukuqubuda kwizinto ezingaphiliyo, kuba ‘kuyamthoba,’ kumhlazise umnquli-zithixo. Ngoko uYehova angasixolela njani isono esinjalo? Yaye baza kusabela njani aba banquli-zithixo xa uYehova ebamangalela?
‘Amehlo Anekratshi Amele Athotywe’
6, 7. (a) Yintoni eyenzekayo kwabo baziphakamisayo ngomhla womgwebo kaYehova? (b) UYehova uwukhuphela phi umsindo wakhe, yaye ngoba?
6 UIsaya uhlabela mgama esithi: “Ngena eliweni uze uzifihle eluthulini ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova, nokongama kwakhe okunobungangamsha.” (Isaya 2:10) Kodwa alisayi kubakho iliwa nekhusi elikhulu ngokwaneleyo, ukuba lingabafihla kuYehova, uSomandla. Xa esiza kuphumeza umgwebo wakhe, “amehlo anekratshi omntu wasemhlabeni amele athotywe, nokuphakama kwabantu kumele kuthotywe; yaye nguYehova yedwa omele abekwe phezulu ngaloo mini.”—Isaya 2:11.
7 “Imini kaYehova wemikhosi” iyeza. Iya kuba lixesha lokukhuphela kukaThixo umsindo wakhe “phezu kwemisedare yonke yaseLebhanon ephakamileyo nenyukileyo naphezu kwemithi yonke exandileyo yaseBhashan; naphezu kweentaba zonke eziphakamileyo naphezu kweenduli zonke ezinyukileyo; naphezu kweenqaba zonke eziphakamileyo naphezu kweendonga zonke ezinqatyisiweyo; naphezu kweenqanawa zonke zaseTarshishe naphezu kwezikhephe zonke ezinqwenelekayo.” (Isaya 2:12-16) Ewe, ntlangano nganye abaziqhenya ngayo abantu kwanabo bonke abo bangahloneli Thixo, baya kuyicel’ ivuthiwe ngomhla wengqumbo kaYehova. Ngoko, “nekratshi lomntu wasemhlabeni limele lithotywe, nokuphakama kwabantu kumele kuthotywe; nguYehova kuphela omele abekwe phezulu ngaloo mini.”—Isaya 2:17.
8. Imini yomgwebo ebikad’ ixelwa iyifikele njani iYerusalem ngowama-607 B.C.E.?
8 Ide yawafikela amaYuda loo mini yomgwebo ibikad’ ixelwa, ngowama-607 B.C.E. xa uKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare etshabalalisa iYerusalem. Abemi bayo basibona isixeko sabo abanegugu ngaso singamadangatye omlilo, nezakhiwo zaso abanebhongo neqhayiya ngazo ziyingqushu, nodonga lwayo olomeleleyo luwile. Isuke itempile kaYehova yaba yimfungumfungu. Ubuncwane babo neenqwelo zabo zisuke zafana nje nesebe lenkawu ‘ngemini kaYehova wemikhosi.’ Kuthekani ngezithixo zabo? Kwenzeka kuzo kanye njengokuba uIsaya esitsho: “Izithixo ezingenaxabiso ziya kudlula ngokupheleleyo.” (Isaya 2:18) AmaYuda—kuquka iinkosana namadoda omeleleyo—athinjelwa eBhabhiloni. IYerusalem yasala ingamabhodlo kangangama-70 eminyaka.
9. Imeko yeNgqobhoko ifana njani naleyo yaseYerusalem nakwaYuda ngomhla kaIsaya?
9 Imeko yeNgqobhoko namhlanje, nqwa naleyo yaseYerusalem nakwaYuda ngomhla kaIsaya! Ithe bhee elubala into yokuqhogana kweNgqobhoko neentlanga zeli hlabathi. Ingumtya nethunga neZizwe Ezimanyeneyo yaye indlu yayo izele qhu zizithixo naluqheliselo olungelolwaZibhalo. Amarhamente ayo athe ti zizinto eziphathekayo yaye izixhobo zemfazwe ziyintonga yawo esekhosi. Kwaye uthini ngokubabaza kwawo abefundisi bawo njengezona ngcungcu zimilomo mide, ebathwesa amagama obuhandiba? Luya kusa lona olungaliyo mhla iNgqobhoko ethwel’ amaphiko iya kungqulwa phantsi. Kodwa nini?
“Imini KaYehova” Ayifikanga Igalelekile
10. Yiyiphi “imini kaYehova” abalatha kuyo umpostile uPawulos noPetros?
10 IZibhalo zalatha ‘kwimini kaYehova’ eya kuyigqwesa lee imini yomgwebo weYerusalem nelakwaYuda. Umpostile uPawulos, ephefumlelwe, udiza ukuba le “mini kaYehova” ezayo ihlobene nokubekwa etroneni kukaKumkani uYesu Kristu. (2 Tesalonika 2:1, 2) Yena uPetros walek’ umsundulo ngelithi le mini ihlobene nokumiselwa ‘kwamazulu amatsha nomhlaba omtsha apho kumi ubulungisa.’ (2 Petros 3:10-13) Kuya kuf’ ilitye nembokotho ngaloo mini xa uYehova eyigweba le nkqubo ingendawo yezinto iphela, kuquka neNgqobhoko.
11. (a) Ngubani na oya “kumelana” ‘nemini kaYehova’ ezayo? (b) Sinokumenza njani uYehova abe yindawo yethu yokusabela?
11 “Awu ke loo mini,” wakhuza watsho umprofeti uYoweli, “ngenxa yokuba ikufuphi imini kaYehova, kwaye iya kuza njengokuphanga ivela kuLowo unguSomandla!” Ekubeni sele kuvakala ukuthukuza kwaloo “mini” ehambis’ umzimba, asifanelanga na sonke sibe maxhaphetshu sifuna indlela yokuzikhusela kuyo? “Ngubani na onokumelana nayo?” ubuza atsho uYoweli. Ubuye aziphendule athi: “UYehova uya kuba yindawo yokusabela yabantu bakhe.” (Yoweli 1:15; 2:11; 3:16) Ngaba uYehova uThixo uya kuba yindawo yokusabela yabo banomoya wekratshi nabakholose ngobutyebi, ngezixhobo zemfazwe, nangoothixo abenziwe ngabantu? Unotshe! UThixo washiya nkqu abantu bakhe abanyuliweyo xa nabo bathabatha eli khondo lityekileyo. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba bonke abakhonzi bakaThixo ‘bafune ubulungisa, bafune nolulamo,’ baze balumilisele nzulu unqulo lukaYehova ebomini babo!—Zefaniya 2:2, 3.
“Koocwethe Nasemalulwaneni”
12, 13. Kutheni kubafanele abanquli-zithixo ukuphosa oothixo babo “koocwethe nasemalulwaneni” ngomhla kaYehova?
12 Abanquli-zithixo baya kuzijonga njani izithixo zabo ekufikeni kwaloo mini inkulu kaYehova? UIsaya uphendula athi: “Abantu baya kungena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yothuli ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova nokongama kwakhe okunobungangamsha, ekuphakameni kwakhe ukuze umhlaba wothuke. Ngaloo mini umntu wasemhlabeni uya kubaphosa koocwethe nasemalulwaneni oothixo bakhe besilivere abangenaxabiso noothixo bakhe begolide abangenaxabiso, . . . ukuze angene emingxunyeni emaweni nasezimfanteni zeengxondorha, ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova nokongama kwakhe okunobungangamsha, ekuphakameni kwakhe ukuze umhlaba wothuke. Ngenxa yenu, myekeni umntu wasemhlabeni, ompefumlo yakhe isemathatheni akhe, kuba uyintoni na yena?”—Isaya 2:19-22.
13 Oocwethe bahlala emingxunyeni, wona amalulwane ancathama emiqolombeni emnyama nebharhileyo. Kwaye, apho angungelene khona amalulwane, uya kufika kutsho ngentshongoqa yevumba elibophileyo nemfumba yeengqatha. Batyaphile ukuziphosa kwindaw’ enjalo izithixo zabo. Izifanele kakade indawo emnyama nemdaka. Bona abantu, baya kuzithi tshwa emiqolombeni nasezimfanteni ngemini yomgwebo kaYehova. Lilonke, abanquli-zithixo kunye nezo zithixwana zabo baya kusengelwa thungeni linye. Kanye njengokuba uIsaya eprofetile, ezo zidodo zezithixo azikhange zibasindise abanquli bazo kwaneYerusalem ngokwayo esandleni sikaNebhukadenetsare ngowama-607 B.C.E.
14. Ekufikeni kwemini kaYehova yomgwebo kubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, baya kuthini abantu behlabathi?
14 Mhla yagaleleka imini yomgwebo kaYehova kwiNgqobhoko nakwamanye amahlelo obukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, baya kuthi waa bani abantu? Baya kuthi bakutshelwa zizicheku, liqale libakhanyele elokuba ezo zithixwana zabo zifana nje nesebe lenkawu. Baya kwandula ke baxoze mphini wumbi, babhenele kwiintlangano ezingezizo ezonqulo, mhlawumbi bade bancamele nakwiZizwe Ezimanyeneyo, “irhamncwa elimbala ungqombela” elichazwe kwiSityhilelo isahluko 17. ‘Ziimpondo ezilishumi’ zelo rhamncwa kanye eziya kutshabalalisa iBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, leyo iNgqobhoko iyinxalenye yayo ephambili.—ISityhilelo 17:3, 8-12, 16, 17.
15. UYehova uya ‘kubekwa phezulu’ njani ngemini yakhe yomgwebo?
15 Nangona ezo mpondo zilishumi zokomfuziselo ziya kuyitshabalalisa zize ziyitshise iBhabhiloni Enkulu, kodwa nguYehova oyigwebayo. Ngokuphathelele iBhabhiloni Enkulu, ISityhilelo 18:8 sithi: “Ziya kuza ngamini-nye izibetho zayo, ukufa nokuzila nendlala, yaye iya kutshiswa ngokupheleleyo ngomlilo, ngenxa yokuba uYehova uThixo, oyigwebayo, womelele.” Ngoko, makabongwe uYehova uThixo, uSomandla, ngokukhulula uluntu ekuxhatshazweni lunqulo lobuxoki. Utyaphile uIsaya ukuthi, “NguYehova yedwa omele abekwe phezulu ngaloo mini. Kuba yimini kaYehova wemikhosi.”—Isaya 2:11b, 12a.
‘Iinkokeli Ziyanibhadulisa’
16. (a) Yintoni ebumba “inkxaso nesixhaso” sabantu? (b) Baza kubandezeleka njani abantu bomhla kaIsaya kwakuba kushenxiswe “inkxaso nesixhaso” sabo?
16 Ukuze ibutho labantu lizinze, limele libe ‘nenkxaso nesixhaso’ salo—njengokutya namanzi, yaye okubaluleke ngakumbi, limele libe neenkokeli ezithembekileyo zokwalathisa abantu zize zigcine nocwangco ekuhlaleni. Kodwa imeko ayinjalo kuSirayeli wamandulo, kuba uIsaya uyichaza kwangaphambili ngokuthi: “Khangela! iNkosi yokwenyaniso, uYehova wemikhosi, ishenxisa inkxaso nesixhaso eYerusalem nakwaYuda, isixhaso siphela sesonka nesixhaso siphela samanzi, indoda enamandla nendoda elwayo, umgwebi nomprofeti, novumisayo nendoda ekhulileyo, intloko yamashumi amahlanu nohlonipheke kakhulu nomcebisi nengcali kubugcisa bomlingo, nonobuchule ekusebenziseni amakhubalo.” (Isaya 3:1-3) Kuya kumiselwa amakhwenkwe njengeenkosana, ezilulawulo lwazo lungazinzanga. Abantu abayi kucinezelwa ngabalawuli babo nje kuphela, kodwa “abantu baya kuba ngoozwilakhe omnye phezu komnye . . . Baya kuhlasela ngomsindo, inkwenkwe nxamnye nendoda enkulu, nalowo ujongelwe phantsi nxamnye nobekekileyo.” (Isaya 3:4, 5) Abantwana baphelelwe sisimilo, basuka ‘bahlasele ngomsindo’ amadoda akhulileyo. Imeko yobomi iya kuba maxongo kangangokuba baya kurhiwula nabani na ongazi kwanto ngokulawula abantu, baze bathi kuye: “Unengubo yokwaleka. Ufanele ube nguzwilakhe kuthi, nale ndimbane ibhukuqiweyo ifanele ibe phantsi kwesandla sakho.” (Isaya 3:6) Kodwa abo barhiwulwayo baya kuzilandulela ngelithi, abanawo amandla okulungisa eli lizwe lonakeleyo, bengenayo nemali yokusingatha iimbopheleleko. Baya kuthi: “Andiyi kuba ngumbophi wamanxeba; nasendlwini yam akukho sonka nangubo yokwaleka. Nize ningandibeki ke ndibe nguzwilakhe phezu kwabantu.”—Isaya 3:7.
17. (a) Isono seYerusalam noYuda ‘sasinjengeso seSodom’ ngayiphi ingqiqo? (b) Ngubani uIsaya ambek’ ityala ngemeko yabantu bomhla wakhe?
17 UIsaya uhlabela mgama esithi: “IYerusalem ikhubekile, noYuda ngokwakhe uwile, ngenxa yokuba ulwimi lwabo nezenzo zabo zinxamnye noYehova, ekuziphatheni ngemvukelo emehlweni ozuko lwakhe. Yona kanye imbonakalo yobuso babo okunene iyangqina nxamnye nabo, bayasixela isono sabo njengeso seSodom. Abasifihlanga. Yeha ke umphefumlo wabo! Kuba bazabele intlekele bona ngokwabo.” (Isaya 3:8, 9) Abantu bakaThixo bamvukele uThixo wokwenyaniso ngamazwi nangezenzo. Kwanembonakalo le yobuso babo, ibonisa mhlophe ukuba abanazintloni kwaye bengazidanelanga izono zabo, ezinezothe njengezo zaseSodom. Liyinyaniso elokuba uYehova uThixo wenze umnqophiso kunye nabo, kodwa akayiqwabazeli liso imilinganiselo yakhe. “Kuya kuba kuhle ngalowo ulilungisa, kuba aya kudla isiqhamo sezenzo zawo. Yeha ke kulowo ungendawo!—Uya kufikelwa yintlekele; kuba indlela aphethe ngayo uya kuphathwa kwangayo! Ke bona abantu bam, abaphathi babo baqhubana nabo ngokuqatha, yaye balawulwa ngabafazi. Owu bantu bam, abo banikhokelayo bayanibhadulisa, nendlela yomendo wenu bayenze yaba yedidayo.”—Isaya 3:10-12.
18. (a) UYehova uwagweba ngelithini amadoda amakhulu neenkosana zomhla kaIsaya? (b) Yintoni esiyifundayo ekugwebeni kukaYehova amadoda amakhulu neenkosana?
18 UYehova ‘uyawagweba’ amadoda amakhulu neenkosana zakwaYuda, ngelithi: “Nina nisitshisile isidiliya. Noko kwathatyathwa ngokuphangwa kwabaxhwalekileyo kusezindlwini zenu. Kutheni na nibatyumza abantu bam, nibusila nobuso babaxhwalekileyo?” (Isaya 3:13-15) Kunokuba ziphucule intlalo-ntle yabantu, iinkokeli zimba kubo eqolo. Zilisebenzisa kakubi igunya lazo ngokunqumlel’ egoqweni konke nje, ziwashiye amahlwempu eyimipha echutywe yalahlwa. Kodwa ezi nkokeli zimele ziphendule kuYehova wemikhosi ngokucinezela kwazo abaxhwalekileyo. Esinjani sona isilumkiso okusiso oku kwabo baphathiswe iimbopheleleko namhlanje! Ngamana bangahlala bekulumkele ukulisebenzisa kakubi igunya labo.
19. Hlobo luni lokuxhaphaza nolwentshutshiso ebekek’ ityala ngalo iNgqobhoko?
19 INgqobhoko—ingakumbi abefundisi nabanye abaphathi bayo—iye yabamfimfitha kanobom ngobuqhetseba abantu abazizisulu zokuxhatshazwa yiyo. Iye yakatsa, yatshutshisa, yaza yandlandlathekisa nkqu nabantu bakaThixo, ngaloo ndlela izisa ugculelo olukhulu egameni likaYehova. Ngexesha lakhe elifanelekileyo, ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyigweba.
“Uphawu Lomtshiso Esikhundleni Sobuhle”
20. Kutheni uYehova egxibha “iintombi zaseZiyon”?
20 Emva kokugxibha iinkokeli, uYehova uphethukela kumabhinqa aseZiyon, okanye aseYerusalem. Uthi, “iintombi zaseZiyon” zilandela ifashoni yokunxiba ‘iinxaxhazo’—oko kukuthi, amakhonkco abotshelelwa emaqatheni—atsho ngesandi esimnandi esikhenkcezayo. La mabhinqa athi chu kuhle ukuhamb’ oku, ‘ebekelela,’ aphathe kucondoba, andolose. Phofu ke, yintoni ephosakeleyo kuloo nto? Sisimo sengqondo sala mabhinqa. UYehova uthi: “Iintombi zaseZiyon zinekratshi yaye zihamba zolule imiqala, zigxeleshile ngamehlo azo.” (Isaya 3:16) Ngoko ukuziqhenya okunjalo kwekratshi kusifanele isohlwayo.
21. Ukugweba kukaYehova iYerusalem kuwachaphazela njani amabhinqa angamaYuda?
21 Noko ke, xa uYehova eligweba elo lizwe, ezi “ntombi zaseZiyon” zinekratshi ziya kuphulukana nayo yonk’ into—nkqu nobuhle bazo ezizidla ngabo. UYehova uprofeta athi: “NoYehova okunene uya kulwenza lube nokhwekhwe ukakayi lwentloko yeentombi zaseZiyon, yaye uYehova uya kulihluba ibunzi lazo. Ngaloo mini uYehova uya kubususa ubuhle bemiliza nezangqawe nezihombo ezimilise okwenyanga, namajikazi nezacholo nezigqubuthelo, nesigqubuthelo sentloko neenxaxhazo neenqwemesha nazo ‘izindlu zomphefumlo’ [mhlawumbi amaqhaga okufaka iziqholo] namaqokobhe akhenkcezayo okuhomba [okanye, amakhubalo], nemisesane yeminwe nemisesane yempumlo, nemiwunduzo yobuhandiba nezambatho zangaphezulu neengubo zokwaleka neenxili, nezipili zezandla nezambatho zangaphantsi neenkontsho nezigqubuthelo ezikhulu.” (Isaya 3:17-23; bona imibhalo esemazantsi yeNW eneembekiselo.) Hayi indlela eziya kudana ngayo!
22. Ngaphandle kwezihombo zawo, yintoni enye amabhinqa aseYerusalem aphulukana nayo?
22 Uhlabela mgama nesiprofeto sakhe esithi: “Kuya kuthi ke esikhundleni seoli yebhalsam ibe livumba lokuvunda; esikhundleni sebhanti ibe yintsontelo; esikhundleni sokulungiswa kweenwele ngobugcisa ibe yinkqayi; esikhundleni sesambatho esimfumamfuma ibe ngamarhonya; ibe luphawu lomtshiso esikhundleni sobuhle.” (Isaya 3:24) Bonke ubutyebi bala mabhinqa azigwagwisayo aseYerusalem, buphel’ emoyeni ngowama-607 B.C.E., asala engamajacu. Aphulukene nenkululeko yawo aza afumana “uphawu lomtshiso” wobukhoboka.
‘Kuya Kukhuculwa Konke Okukuyo’
23. Uthini uYehova ngeYerusalem?
23 Ngoku, ejolise kwisixeko saseYerusalem, uYehova uthi: “Amadoda akho aya kuwa likrele, namagorha akho yimfazwe. Aya kuzila amasango akho, avakalise usizi, kukhuculwe konke okukuwe. Uya kuhlala bhaxa phantsi emhlabeni.” (Isaya 3:25, 26) Amadoda aseYerusalem, kwanamagorha ayo, aya kubulawa edabini. Kuya kube kuthe waca esixekweni. Abangena ‘emasangweni’ aso, baya kutsho ngesijwili ‘esilusizi.’ IYerusalem iya ‘kukhuculwa’ ize ishiywe iyinkangala.
24. Ukugecwa kwamadoda ngekrele kuwazisela liphi ishwangusha amabhinqa aseYerusalem?
24 Ukugecwa kwamadoda ngekrele kuya kuba lishwangusha elikhulu kumabhinqa aseYerusalem. Kumqukumbelo wale nxalenye yencwadi yesiprofeto sakhe, uIsaya ulichaza ngokuthi: “Abafazi abasixhenxe baya kubambelela ndodeni-nye ngaloo mini, besithi: ‘Siya kudla isonka sethu size sambathe ezethu iingubo zokwaleka; kuphela nje masibizwe ngegama lakho ukuze kusuke ungcikivo lwethu.’” (Isaya 4:1) Ngangendlela aya kube enqongophele ngayo amadoda alungele ukutshata, amabhinqa aliqela aya kuziphosa ndodeni-nye ukuze abizwe ngegama layo—oko kukuthi, ukuze abizwe njengabafazi bayo—aze ngaloo ndlela akhululeke kugculelo lokungabi nandoda. UMthetho kaMoses ugunyazisa ukuba indoda yondle ize yambese umfazi wayo. (Eksodus 21:10) Noko ke, wona la mabhinqa ayekulungele nkqu ‘ukudla esawo isonka aze anxibe ezawo izambatho,’ ngaloo ndlela eyikhulula indoda kwiimbopheleleko zayo ezingokwasemthethweni. Okunjani kona ukuhlazeka kwezi “ntombi zaseZiyon” ezazikade zinyus’ impumlo!
25. Siyintoni isiphelo sabo baziphakamisileyo?
25 UYehova uyabathoba abo baziphakamisileyo. Ngowama-607 B.C.E., ‘ubathobile’ ngokwenene abantu bakhe abanyuliweyo abanekratshi ‘nabaziphakamisileyo.’ Ngamana amaKristu okwenyaniso angangaze alibale ukuba “uThixo ubachasile abanekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abathobekileyo.”—Yakobi 4:6.
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 50]
Izithixo, ubutyebi, nomkhosi owomeleleyo awuyisindisi iYerusalem ngomhla womgwebo kaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 55]
‘Ngemini kaYehova’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki buya kuphanziswa