Ubawo Noonyana Bakhe Abanemvukelo
Isahluko Sesibini
Ubawo Noonyana Bakhe Abanemvukelo
1, 2. Chaza indlela ekwenzeka ngayo ukuba uYehova abe noonyana abavukelayo.
WABAKHULISA kakuhle abantwana bakhe, njengaye nawuphi na umzali onothando. Kangangeminyaka emininzi wayebondla, ebambesa, ebanika nekhusi. Wayebaqeqesha xa kuyimfuneko. Wayengekho ngqwabalala kubo; kodwa ngalo lonke ixesha wayebohlwaya ‘ngomlinganiselo ofanelekileyo.’ (Yeremiya 30:11) Ngoko, sinokusicingela isingqukru awayenaso lo bawo onothando njengoko wayesithi: “Ndikhulise oonyana ndaza ndabaphakamisa, kodwa bona bandivukele.”—Isaya 1:2b.
2 Aba nyana banemvukelo kuthethwa ngabo apha ngabantu bakwaYuda, yena ubawo osentlungwini nguYehova uThixo. Kwekhu! Kunini uYehova ewondla la maYuda, wawaphucula wawenza abalasela kunezinye iintlanga. Mve xa ewakhumbuza ngomprofeti uHezekile esithi: “Ndakwambesa ngesambatho esilukiweyo ndakunxibisa izihlangu zesikhumba sentini ndakuthandela ngelinen ecikizekileyo ndaza ndakugubungela ngomchako oxabiso likhulu.” (Hezekile 16:10) Bakugqiba bona aba bantu bakwaYuda bayamnyevulela uYehova. Babonakalisa umoya wezikhova, nowemvukelo.
3. Kutheni uYehova emema amazulu nomhlaba ukuba abe ngamangqina okuvukela kukaYuda?
3 Kungako nje uYehova egabula izigcawu ngokuthi kwaba nyana bakhe banemvukelo: “Yivani, mazulu, uze ubeke indlebe, mhlaba, kuba uYehova uthethile.” (Isaya 1:2a) Oku kuva kwamazulu nomhlaba, wakha wathetha ngako uMoses, kwiinkulungwane eziliqela ezadlulayo, xa wayelumkisa amaSirayeli ngemiphumo yokungathobeli. Wathi: “Ngoko ke namhlanje amazulu nomhlaba ngamangqina am okuba, niya kutshabalala ngokukhawuleza ezweni eniwela iYordan nisiya kulidla ilifa.” (Duteronomi 4:26) Ngoku ngomhla kaIsaya, uYehova umema amazulu angabonakaliyo nomhlaba obonakalayo ukuba azibonele njengamangqina akhe ukuvukela kukaYuda.
4. UYehova umphatha njani uYuda?
4 Ngenxa yokuba maxongo kwale meko kuya kunyanzeleka ukuba angagwegwelezi, kodwa ahlab’ emhloleni. Noko ke, okuphawulekayo kukuba, nakuba kunyembelekile, kodwa uYehova akamtshikileli uYuda njengekhoboka elithengiweyo, kunoko uyamthundeza njengomzali onothando. Uyabacenga abantu bakhe, ezifanisa nobawo osentlungwini ngenxa yokuphambuka koonyana bakhe. Mhlawumbi oku kungabavusel’ inimba abanye abazali abangamaYuda kuze kubabuyisel’ ezingqondweni, njengoko uYehova evakalisa isikhalazo sakhe nxamnye noYuda.
Bogqithwa Nazizilwanyana Ezingenangqiqo
5. Ngokungafaniyo noSirayeli, yintoni ebonisa ukuba inkomo ne-esile zithembekile?
5 Ethetha ngoIsaya, uYehova uthi: “Inkunzi yenkomo imazi kakuhle umthengi wayo, ne-esile liyawazi umkhumbi womninilo; uSirayeli yena akazi, abantu bam abaziphathanga ngokuqonda.” (Isaya 1:3) a Inkunzi yenkomo ne-esile yayizizilwanyana ezazisetyenziswa ngokuqhelekileyo ekuthutheni imithwalo kuMbindi Mpuma. Eneneni, amaYuda ayengenakukhanyela ukuba ezi zilwanyana ziphantsi zazithembekile, ziyiqonda kakuhle into yokuba zinomninizo. Ukungqinela oku, phawula oko kwafunyaniswa ngomnye umphengululi weBhayibhile ekupheleni kosuku kwesinye isixeko esikuMbindi Mpuma. Wathi: “Umhlambi wawungagxalathelani ukubuyela ekhaya, kodwa wawuthe chu kuhle ngesantya obuhamba ngaso ekuphumeni kwawo. Nkomo nganye yayimazi kakuhle umniniyo, nendlela egodukayo, yaye akukho nanye eyayiphambuka nakancinane endleleni yayo. Nalo iesile, laya ngqo esangweni, ‘emkhumbini womninilo.’”
6. Abantu bakwaYuda basilele njani ukuziphatha ngokuqonda?
6 Ekubeni ngokuqinisekileyo oku kuqhelekile ngomhla kaIsaya, ngoko ingongoma yesigidimi sikaYehova icacile, ngongoma leyo eyile: Ukuba nkqu nesilwanyana esingenangqiqo siyamazi umniniso nomkhumbi waso, banasingxengxezo siphi ke bona abantu bakwaYuda ngokumnikela kwabo umva uYehova? Wayechan’ ucwethe ngokuthi, “abaziphathanga ngokuqonda.” Kufana nokungathi babengayiqondi into yokuba ukuchuma kwabo kwanobomi babo babuxhomekeke kuYehova. Eneneni wayefane nje ewenzela inceba uYehova ngokuwabiza loo maYuda ngokuthi “abantu bam”!
7. Ziziphi ezinye zeendlela esingabonisa ngazo ukuba siyawaxabisa amalungiselelo kaYehova?
7 Masingatshili ngesidanga sabo ke nathi ngokuthi singakuxabisi konke oko asenzele kona uYehova! Kunoko, masixelise umdumisi uDavide, owathi: “Ndiya kukubonga, Yehova, ngayo yonke intliziyo yam; ndiya kuyivakalisa yonke imisebenzi yakho emangalisayo.” (INdumiso 9:1) Into eya kusinceda ekwenzeni oku kukuqhubeka singenisa ulwazi ngoYehova, kuba iBhayibhile ithi ‘ukwaziwa kwaLowo Ungoyena Ungcwele kukuqonda.’ (IMizekeliso 9:10) Ukucamngca mihla le ngeentsikelelo zikaYehova kuya kusinceda ukuba sibe nombulelo yaye singamthabathi lula uBawo wethu wasezulwini. (Kolose 3:15) “Lowo unikela umbulelo njengombingelelo wakhe nguye ondizukisayo; ke yena lowo ogcina indlela emiselweyo, ndiya kumbangela alubone usindiso lukaThixo,” utsho uYehova.—INdumiso 50:23.
Ukumcukuceza Kwabo “Lowo Ungcwele KaSirayeli”
8. Kutheni le nto abantu bakwaYuda benokubizwa ngokuba ‘luhlanga olunesono’?
8 Ehlabela mgama nesigidimi sakhe, uIsaya uthetha kabukhali ngohlanga lwakwaYuda, esithi: “Yeha ke uhlanga olunesono, abantu abasindwa ziziphoso, imbewu yabenza ububi, oonyana abonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamphethe ngokungenantlonelo Lowo Ungcwele kaSirayeli, babuyele umva.” (Isaya 1:4) Izenzo ezingendawo zinokufumba zide zibe ngumqobo osindayo. Ngomhla ka-Abraham uYehova wasichaza isono seSodom neGomora ngokuthi “sinzima kakhulu.” (Genesis 18:20) Nqwa ke nabantu bakwaYuda, kuba uIsaya uthi “basindwa ziziphoso.” Wongezelela ngokuthi ‘bayimbewu yabenza ububi, oonyana abonakalisayo.’ Kunjalo kanye, loo maYuda ayefana nje nabantwana abaziinjubaqa. ‘Ayebuyele umva,’ okanye ngokutsho kweNew Revised Standard Version, “ayemshiye ngokupheleleyo” uYise wawo.
9. Libaluleke ngantoni ibinzana elithi “Lowo Ungcwele kaSirayeli”?
9 Abantu bakwaYuda basuke babhenqa itshoba, abamhlonela kwaphela “Lowo Ungcwele kaSirayeli.” Libaluleke ngantoni eli binzana, elivela izihlandlo ezingama-25 encwadini kaIsaya? Ukuba ngcwele kuthetha ukucoceka nokuba nyulu. UYehova ungcwele ngendlela ebalaseleyo. (ISityhilelo 4:8) AmaSirayeli akhunjuzwa ngako oku sihlandlo ngasinye eqwalasela amazwi akrolwe kwipleyiti yegolide emenyezelayo ekunkontsho lombingeleli omkhulu, awayesithi: “Ubungcwele bobukaYehova.” (Eksodus 39:30) Ngaloo ndlela, ngokubiza uYehova ngokuthi “Lowo Ungcwele kaSirayeli,” uIsaya wayetsalel’ ingqalelo kubunzulu besono sikaYuda. Kaloku, aba bavukeli babewaphule ngokuthe ngqo umyalelo owanikwa ookhokho babo othi: “Nimele nizingcwalise nibe ngcwele, kuba ndingcwele mna”!—Levitikus 11:44.
10. Singakuphepha njani ukungabonisi ntlonelo ‘ngaLowo Ungcwele kaSirayeli’?
10 AmaKristu namhlanje amele azame ngamandla awo onke ukukuphepha ukulandela umzekelo wamaYuda wokungamhloneli “Lowo Ungcwele kaSirayeli.” Amele axelise ubungcwele bukaYehova. (1 Petros 1:15, 16) Yaye kufuneka ‘akuthiye okubi.’ (INdumiso 97:10) Uqheliselo olungacocekanga olunjengokuziphatha okubi ngokwesini, unqulo-zithixo, ubusela, nokunxila lunokulonakalisa ibandla lamaKristu. Kungako nje besuswa kubudlelane bebandla abo bangafuniyo ukuziyeka ezi zinto. Ekugqibeleni, abo bangaguqukiyo kweli khondo lingacocekanga baya kuphoswa ziintsikelelo eziya kuziswa ngurhulumente woBukumkani bukaThixo. Eneneni, uqheliselo olunjalo lobungendawo lukukumcukuceza “Lowo Ungcwele kaSirayeli.”—Roma 1:26, 27; 1 Korinte 5:6-11; 6:9, 10.
Ugula Ukusuka Entloko Kuse Elunyaweni
11, 12. (a) Chaza ububi bemeko kaYuda. (b) Kutheni singafanele simsizele uYuda?
11 Ngoku uIsaya uzama ukubaqiqisa abantu bakwaYuda ngokubachazela ngokugula kwabo. Uthi: “Niya kuphinda nibethwe phi kwakhona, ekubeni nisongeza imvukelo engakumbi?” Lilonke, uIsaya ubabuz’ ukuba: ‘Anibandezelekanga ngokwaneleyo na? Yini na ukuba niqhubeke nizibethekisa ngenyhek’ etyeni ngale mvukelo yenu?’ Uqhubeka uIsaya esaleka ngelithi: “Intloko iphela ikwimeko yokugula, nentliziyo yonke ibuthathaka. Ukususela entendeni yonyawo kude kuse entloko akukho ndawo iphilileyo.” (Isaya 1:5, 6a) UYuda ugulel’ ukufa ngokomoya—ukusuka entloko kuse elunyaweni. Ngenene ujinga emlonyeni wengcwaba!
12 Ngaba sifanele simsizele uYuda? Tu kwaphela! Kwiinkulungwane ezidluleyo lwaluyaliwe lonke uhlanga lwakwaSirayeli ngokuphathelele isohlwayo sokungathobeli. Ngokuyinxenye, kwathiwa kulo: “UYehova wokubetha emadolweni omabini nasemilenzeni yomibini ngamathumba abuhlungu, ongenakuphiliswa kuwo, asusele entendeni yonyawo lwakho ase elukakayini lwentloko yakho.” (Duteronomi 28:35) Singatsho ke ukuba, ngoku uYuda uvuna imiphumo yekhondo lakhe lokuba nguntamo-lukhuni. Nto leyo angeyiphephile ukuba nje wayemthobele uYehova.
13, 14. (a) Wonzakele kangakanani uYuda? (b) Ngaba ukubandezekela kukaYuda kumenza acingisise nzulu ngekhondo lakhe lokuvukela?
13 Utyatyadula enjenje uIsaya ngale meko imaxongo kaYuda: “Amanxeba nokugruzuka nemivilambo emitsha—ayicudiswanga okanye ibotshwe, ingenziwanga nokuba ithambe ngeoli.” (Isaya 1:6b) Apha lo mprofeti uthetha ngeentlobo ezintathu zokwenzakala: amanxeba (okusikwa likrele okanye imela), ukugruzuka (ngenxa yokubethwa ude udumbe), nemivilambo emitsha (ezizilonda ezingapholiyo). Wena wakha wambona umntu embilambileka ziintlungu zokumbokrwa kanobom. Eneneni uYuda utshelwe zizicheku.
14 Ngaba uYuda wathi akubon’ ukuba kunyembelekile wabuyela kuYehova? Unotshe! UYuda ufana nqwa nomvukeli ochazwe kwiMizekeliso 29:1 ngokuthi: “Umntu owohlwaywa ngokuphindaphindiweyo kodwa ayenze lukhuni intamo yakhe uya kwaphulwa ngequbuliso, aze angaphiliswa.” Nalo olu hlanga lubonakala lungenakuphiliswa. Kunjengokuba kanye uIsaya esitsho ukuba, amanxeba alo ‘akacudiswanga okanye abotshwe, yaye akathanjiswanga ngeoli.’ b Ngamany’ amazwi, uYuda ufana nesilonda esithe bhenqe, nesibhidlayo.
15. Sinokuzikhusela njani ekuguleni ngokomoya?
15 Kwanga ke thina singafunda isifundo kule meko kaYuda, size silumkele ukuba singaguli ngokomoya. Njengokugula ngokwenyama, nako kungahlasela nabani na kuthi. Kuba ke, ngubani kuthi ongachanabekanga kwiminqweno yenyama? Ukubawa nokunqwenela ulonwabo olugqithiseleyo kusenokuzithimba iintliziyo zethu. Kungako nje, kufuneka silwele ‘ukukwenyanya oko kungendawo’ size ‘sinamathele koko kulungileyo.’ (Roma 12:9) Kwakhona kufuneka sihlakulele isiqhamo somoya kaThixo kubomi bethu bemihla ngemihla. (Galati 5:22, 23) Ngokwenjenjalo, siya kubuphepha ubugxwayiba awawela kubo uYuda—oko kukuthi, ukugula ngokomoya ukusuka entloko kuse elunyaweni.
Ilizwe Eliphanzisiweyo
16. (a) UIsaya uyichaza njani imeko yelizwe lakwaYuda? (b) Kutheni bambi besithi la mazwi anokuba athethwa ebudeni bokulawula kuka-Ahazi, kodwa thina sinokuwaqiqa ngayiphi indlela?
16 Ngoku uIsaya uyayishiya imeko engokwempilo kaYuda aze aphethulel’ ingqalelo kwimeko yomhlaba wakhe. Ngokungathi ulondele elo lizwe emva kokudlavulwa yimfazwe, uthi: “Ilizwe lenu lisisiphanziso, izixeko zenu zitshiswe ngomlilo; umhlaba wenu—udliwa ugqitywe ngabasemzini kanye phambi kwenu, yaye isiphanziso sinjengokubhukuqwa ngabasemzini.” (Isaya 1:7) Bambi abaphengululi bathi nangona la mazwi esekuqaleni kwencwadi kaIsaya, kusenokwenzeka ukuba wawathetha ngasekupheleni kokuprofeta kwakhe, mhlawumbi ebudeni bokulawula kukaKumkani uAhazi ongendawo. Baqiqa ngelithi oku kuphanziswa kwakungenakuba sebudeni bokulawula kukaUziya kuba izinto zazibahambela kakuhle ngelo xesha. Liyinyaniso elokuba, asinakungqisha phantsi sithi incwadi kaIsaya ibhalwe ngokolandelelwano lwamaxesha. Kodwa ke, kusenokwenzeka ukuba oku kuphanziswa athetha ngako uIsaya kusisiprofeto. Umele ukuba uIsaya apha usebenzisa isakhono esithile sokubhala, njengokuba kwenziwe nakwezinye iinxalenye zeBhayibhile—sakhono eso sokuchaza iziganeko zekamva ngokungathi sele zenzekile, ngaloo ndlela kugxininiswa ukuba nakanjani na isiprofeto eso siza kuzaliseka.—Thelekisa ISityhilelo 11:15.
17. Kutheni abantu bakwaYuda bengenasizathu sakusithela nqa isiprofeto sokuphanziswa kwabo?
17 Phofu ke, abo bantu ababenenkani yesele babengenaso tu isizathu sokusithela nqa esi siprofeto sokuphanziswa kukaYuda. Kwiinkulungwane ezidluleyo uYehova wayebalumkisile ngoko kwakuza kwenzeka ukuba babevukela. Wathi: “Ndiya kuliphanzisa ilizwe lenu, zisuke iintshaba zenu ezihleliyo kulo zithi manga zakulijonga. Ndonichithachitha phakathi kweentlanga, ndikhuphe ikrele lam esingxotyeni salo emva kwenu; liphanziswe ilizwe lenu, nezixeko zenu zibe ngamanxuwa aphanzileyo.”—Levitikus 26:32, 33; 1 Kumkani 9:6-8.
18-20. Azaliseka nini amazwi kaIsaya 1:7, 8, yaye uYehova ubashiya ngayiphi indlela ‘abambalwa abasindileyo’ ngeli xesha?
18 Amazwi akuIsaya 1:7, 8 kunokwenzeka ukuba azaliseka ngexesha lokutshabalalisa kweAsiriya uSirayeli yaza yamshiya uYuda embinambineka. (2 Kumkani 17:5, 18; 18:11, 13; 2 Kronike 29:8, 9) Noko ke, uYuda akancothulwanga neengcambu. UIsaya uthi: “Nentombi yaseZiyon ishiywe njengomnquba esidiliyeni, njengephempe entsimini yeekomkomere, njengesixeko esirhangqiweyo.”—Isaya 1:8.
19 Phezu kwayo yonke nje loo ngqushu, ‘intombi yaseZiyon,’ iYerusalem, iya kusala imile. Kodwa iya kubonakala isisisulu—njengetyotyombe esidiliyeni okanye umnquba womlindi entsimini yeekomkomere. Ngoxa omnye umphengululi wenkulungwane ye-19 wayekhenketha esehlisa uMnayile, kwathi qatha engqondweni yakhe la mazwi kaIsaya esakubona iminquba enjengale, athi xa eyichaza “imimoya ibhudla igqobhozele ngaphaya kwayo.” KwaYuda kwakuthi kwakugqitywa ukuvunwa, le minquba iyekwe izidilikele. Noko ke, iliyacuyacu injalo iYerusalem xa ithelekiswa nengadlangadla yomkhosi wama-Asiriya, iza kusinda.
20 Ekusiphetheni kwakhe esi siprofeto uIsaya uthi: “Ngaphandle kokuba uYehova wemikhosi asishiyele nje abasindi abambalwa, ngesasibe njengeSodom kanye, ngesasifane neGomora.” (Isaya 1:9) c Ekugqibeleni uYehova uya kumnceda uYuda, amhlangule emandleni eAsiriya. Akayi kumyekela acinyw’ igama njengeSodom neGomora. Kunoko uya kumsindisa.
21. Emva kokuba amaBhabhiloni eyitshabalalisile iYerusalem, kwakutheni ukuze uYehova ashiye ‘abambalwa abasindileyo’?
21 Ngaphezu kweminyaka eli-100 kamva, waphinda uYuda wagutyungelwa lilifu elimnyama. Kubonakala ukuba aba bantu babengafundanga sifundo kwintlaselo yama-Asiriya. “Baqhubeka bebagculela abathunywa bakaThixo oyinyaniso bewadelela amazwi akhe bebenza intlekisa abaprofeti bakhe.” Ngenxa yoko, “wafika umsindo kaYehova nxamnye nabantu bakhe, kwada akwabakho kuphiliswa.” (2 Kronike 36:16) Umlawuli waseBhabhiloni uNebhukadenetsare walingenela elakwaYuda, wabhuqa kwanto ephambi kwakhe, akwasala nanto ‘injengomnquba esidiliyeni.’ Watshabalalisa neYerusalem uqobo. (2 Kronike 36:17-21) Sekunjalo, uYehova ‘washiya abambalwa abasindileyo.’ Nangona uYuda watsala nzima iminyaka engama-70 njengomthinjwa, uYehova waqinisekisa ukuba ikho imbinana esindayo ingakumbi kumnombo kaDavide, ekwakuza kuvela kuyo uMesiya othenjisiweyo.
22, 23. Ngenkulungwane yokuqala, kwakutheni ukuze uYehova ashiye ‘abambalwa abasindileyo’?
22 Phezu kwawo nje onke loo magingxigingxi, yada yafika inkulungwane yokuqala amaSirayeli esengabantu bakaThixo bomnqophiso. Kodwa ekufikeni kukaYesu njengoMesiya othenjisiweyo, olu hlanga lwamgatya, lwaza ke ngenxa yoko, nalo lwagatywa nguYehova. (Mateyu 21:43; 23:37-39; Yohane 1:11) Ngaba oku kutheth’ ukuba ngoku uYehova wayengasenalo uhlanga olukhethekileyo emhlabeni? Akunjalo. Umpostile uPawulos wabonisa ukuba uIsaya 1:9 wayenenye inzaliseko. Ecaphula kwinguqulelo yeSeptuagint, wabhala wathi: “Kunjengokuba kanye uIsaya wayetshilo kwixesha langaphambili ukuthi: ‘Ngaphandle kokuba uYehova wemikhosi asishiyele imbewu, ngesasibe njengeSodom kanye, yaye ngesasenziwe saba njengeGomora kanye.’”—Roma 9:29.
23 Ngesi sihlandlo abasindi yayingamaKristu athanjisiweyo, awayebonise ukholo kuYesu Kristu. Amalungu okuqala awo yayingamaYuda awayekholwa. Kamva athelelwa ngabeeNtlanga abakholwayo. Bedibene babumba uSirayeli omtsha, “uSirayeli kaThixo.” (Galati 6:16; Roma 2:29) Le “mbewu” yasinda ekutshatyalalisweni kwenkqubo yezinto yamaYuda ngowama-70 C.E. Eneneni, lo “Sirayeli kaThixo” usekho phakathi kwethu nanamhlanje. Ngoku uthelelwe zizigidi zabakholwayo beentlanga, ababumba “isihlwele esikhulu, ekungekho mntu [ukwaziyo] ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.”—ISityhilelo 7:9.
24. Yintoni ekufuneka sonke sinikel’ ingqalelo kuyo ukuba sifuna ukusinda kweyona ntlekele inkulu kwezakha zafikela uluntu?
24 Kungekudala eli hlabathi liza kujamelana nedabi leArmagedon. (ISityhilelo 16:14, 16) Nangona le iya kuba yintlekele enkulu ngakumbi kunaleyo yokuhlaselwa kukaYuda yiAsiriya nayiBhabhiloni, nakunaleyo yokutshatyalaliswa kwelakwaYuda ngamaRoma ngowama-70 C.E., kuya kubakho abasindayo. (ISityhilelo 7:14) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ke ngoko, ukuba sonke sinikel’ ingqalelo ngenyameko kumazwi kaIsaya kuYuda! Abazisela usindiso abo babethembekile ngelo xesha. Yaye anokubazisela usindiso abo bakholwayo namhlanje.
[Imibhalo esemazantsi]
a “USirayeli” ekubhekiselwa kuye apha nguYuda owayenobukumkani obunezizwe ezibini.
b Amazwi kaIsaya abonisa indlela yonyango ngomhla wakhe. Umphengululi weBhayibhile uE. H. Plumptre uthi: “Isilonda esichizayo besiqala ‘ngokuvalwa’ okanye ‘sicudiswe’ ukuze kukhutshwe ububovu; emva koko, njengakwimeko kaHezekiya (isahl. xxxviii. 21), bekufudunyezwa iyeza, lisongelwe elaphini size ‘sibotshwe’ ngalo, sandule ke sithanjiswe ngamafutha okudambisa iintlungu, okanye ke mhlawumbi sicocwe ngeoli newayini, njengokuba kuboniswe kuLuka x. 34.”
c ICommentary on the Old Testament, kaC. F. Keil noF. Delitzsch, ithi: “Umprofeti uthi nqumama kule ndawo. Ukwahlukaniswa kweli candelo kunye nelilandelayo kuboniswe ngokushiywa kwesithuba esikhulu kumbhalo-ngqangi phakathi kwendinyana 9 neye-10. Le ndlela yokwahlukanisa amacandelo amakhulu okanye amancinane, ngokushiya isithuba esikhulu okanye ngokusinqumla phakathi isivakalisi, yayisisimbo sokubhala esasisetyenziswa kudala kwanangaphambi kokusetyenziswa kwezikhamiso ekubhaleni nokufakelwa kweempawu ezibonisa indlela yokuphinyiselwa kwamagama.”
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ngokungafaniyo neSodom neGomora, uYuda akayi kuphanziswa ngonaphakade