Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abasemzini Bahlanganisana Endlwini KaThixo Yokuthandaza

Abasemzini Bahlanganisana Endlwini KaThixo Yokuthandaza

Isahluko Seshumi Elinesixhenxe

Abasemzini Bahlanganisana Endlwini KaThixo Yokuthandaza

Isaya 56:1-12

1, 2. Sisiphi isaziso esichulumancisayo esenziwa ngowe-1935, yaye sasiyinxalenye yantoni?

 NGOLWESIHLANU, ngoMeyi 31, 1935, uJoseph F. Rutherford wanikela intetho kwisihlwele sabantu ababekwindibano eyayiseWashington, D.C. Waxubusha ngokufaniswa ‘kwesihlwele esikhulu,’ esabonwa embonweni ngumpostile uYohane. Ekwincopho yentetho yakhe, uMzalwan’ uRutherford wacela esithi: “Ngaba bonke abanethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni banganceda beme ngeenyawo?” Ngokutsho komnye owayelapho, “bangaphezu kwesiqingatha abema ngeenyawo.” Sandula ke isithethi sathi: “Khangelani! Isihlwele esikhulu!” Omnye owayelapho uthi: “Kwaqala kwathi cwaka, baza batsho ngentswahla yovuyo eyathabatha ixesha elide.”—ISityhilelo 7:9.

2 Eso yayisisihlandlo esikhethekileyo esasizalisekisa isiprofeto esibalulekileyo esabhalwa malunga nama-2 700 eminyaka eyadlulayo nesifumaneka kwiiBhayibhile zethu kuIsaya isahluko 56. Njengezinye iziprofeto ezininzi ezikuIsaya, naso esi siqulethe izithembiso ezikhuthazayo nezilumkiso eziqatha. Okokuqala, sasibhekiswa kubantu bakaThixo bomnqophiso bomhla kaIsaya, kodwa inzaliseko yaso ifikelela nakumhla wethu.

Oko Kufunekayo Ukuze Sisindiswe

3. Ukuba amaYuda afuna usindiso lukaThixo, yintoni amele ayenze?

3 UIsaya isahluko 56 uqalisa ngokubongoza amaYuda. Noko ke, bonke abanquli bokwenyaniso bafanele bakuthobele oko lo mprofeti akubhalayo. Siyafunda: “Utsho uYehova ukuthi: ‘Gcinani okusesikweni, nenze ubulungisa. Kuba lusondele usindiso lwam, nobulungisa bam sele buza kutyhileka. Unoyolo umntu ofayo okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko, ogcina isabatha ukuze angayihlambeli, nosigcinayo isandla sakhe ukuze angenzi naluphi na uhlobo lobubi.’” (Isaya 56:1, 2) Abemi bakwaYuda ababefuna usindiso lukaThixo babemele bathobele uMthetho kaMoses, benze okusesikweni baze baphile ngobulungisa. Ngoba? Kuba uYehova ngokwakhe ulilungisa. Abo bafuna ubulungisa banandipha uyolo lokuba ngabakholekileyo kuYehova.—INdumiso 144:15b.

4. Kutheni ukugcina iSabatha kubalulekile kuSirayeli?

4 Esi siprofeto sibalaselisa ukugcinwa kweSabatha kuba iSabatha iyinkalo ebalulekileyo yoMthetho kaMoses. Eneneni, esinye sezizathu zokuba abemi bakwaYuda basiwe ekuthinjweni kukutyeshela kwabo iSabatha. (Levitikus 26:34, 35; 2 Kronike 36:20, 21) ISabatha ngumqondiso wolwalamano olukhethekileyo uYehova analo kunye namaYuda, yaye abo bayigcinayo iSabatha babonisa ukuba bayaluxabisa olo lwalamano. (Eksodus 31:13) Kwakhona, ukugcina iSabatha kwakuza kubakhumbuza aba bantu bomhla kaIsaya ukuba uYehova unguMdali. Ukuyigcina kwabo kwakuza kubakhumbuza nangenceba aye wayibonisa kubo. (Eksodus 20:8-11; Duteronomi 5:12-15) Ekugqibeleni, ukugcina iSabatha kwakuza kumisela ilungiselelo elilungeleleneyo nelithe rhoqo lokunqula uYehova. Ukuphumla kanye ngeveki kumsebenzi wabo oqhelekileyo kwakuza kuvulela abemi bakwaYuda ithuba lokuthandaza, elokufundisisa nelokucamngca.

5. AmaKristu anokusisebenzisa njani isiluleko sokugcina iSabatha?

5 Kodwa ke, kuthekani ngamaKristu? Ngaba ukhuthazo lokugcina iSabatha luyasebenza kuwo? Hayi ngokungqalileyo, ekubeni amaKristu engekho phantsi koMthetho yaye ke ngenxa yoko akalindelekanga ukuba agcine iSabatha. (Kolose 2:16, 17) Sekunjalo, umpostile uPawulos wathi kukho “uphumlo lwesabatha” lwamaKristu athembekileyo. Olu “phumlo lwesabatha” lubandakanya ukuba nokholo kwidini lentlawulelo likaYesu ukuze asindiswe yaye ayeke ukukholosa kuphela ngemisebenzi. (Hebhere 4:6-10) Ngoko ke, amazwi esiprofeto sikaIsaya ngokuphathelele iSabatha akhumbuza abakhonzi bakaYehova namhlanje ngemfuneko ebalulekileyo yokuba nokholo kwilungiselelo likaThixo losindiso. Akwasisikhumbuzo esihle sokuhlakulela ulwalamano olusenyongweni noYehova yaye sizabalazele ukumnqula rhoqo nangokungagungqiyo.

Intuthuzelo Kowasemzini Nakwithenwa

6. Ngawaphi amaqela amabini ngoku ekunikelwa ingqalelo kuwo?

6 Ngoku uYehova ubhekisa kumaqela amabini afuna ukumkhonza kodwa angavunyelwayo nguMthetho kaMoses ukuba azihlanganise namaYuda. Siyafunda: “Owasemzini ozihlanganise kuYehova makangathi, ‘Ngaphandle kokuthandabuza uYehova uya kundahlukanisa nabantu bakhe.’ Nethenwa malingathi, ‘Khangela! Ndingumthi owomileyo.’” (Isaya 56:3) Owasemzini woyikela ukuba uza kwahlukaniswa noSirayeli. Lona ithenwa lixhalabele ukuba aliyi kuze libe nabantwana bokugcina igama lalo. Omabini la maqela afanele angalahl’ ithemba. Ngaphambi kokuba sihlolisise isizathu soko, makhe siqwalasele ukuba ayevunyelwa ukusa kuwuphi umkhamo nguMthetho ukuba anxulumane nohlanga lukaSirayeli.

7. Yiyiphi imiqathango eyamiselwa nguMthetho kwabo basemzini ababekwaSirayeli?

7 Abasemzini abangalukanga babengavunyelwa ukuba babe nenxaxheba kunqulo lukaSirayeli. Ngokomzekelo, babengavumelekanga ukuba badle kwiPasika. (Eksodus 12:43) Abasemzini ababengayivukeli imithetho yelizwe babephathwa ngokusesikweni nangobubele, kodwa babengabi yinxalenye esisigxina yolo hlanga. Kambe ke, abanye babewamkela ngokupheleleyo uMthetho, yaye oku babekubonisa ngokuthi amadoda aluke. Babesandula ke babe ngabangeni, ababenelungelo lokunqula entendelezweni yendlu kaYehova yaye babegqalwa njengenxalenye yebandla likaSirayeli. (Levitikus 17:10-14; 20:2; 24:22) Noko ke, nabo aba bangeni babengenanxaxheba ipheleleyo emnqophisweni kaYehova noSirayeli, yaye babengenamhlaba ulilifa eLizweni Lesithembiso. Abanye basemzini babethandaza etempileni, yaye ngokucacileyo babenako ukwenza amadini ngelungiselelo lababingeleli ukuba nje loo madini ayevumelana noMthetho. (Levitikus 22:25; 1 Kumkani 8:41-43) Kodwa amaSirayeli ayengafanele anxulumane ngokusondeleyo nabo.

Amathenwa Afumana Igama Ukusa Kwixesha Elingenammiselo

8. (a) Ayegqalwa njani amathenwa phantsi koMthetho? (b) Ayesetyenziswa njani amathenwa kwiintlanga zobuhedeni, yaye igama elithi “ithenwa” lisenokubhekisela entwenini maxa wambi?

8 Amathenwa, nokuba azalwa ngabazali abangamaYuda, ayengagqalwa njengamalungu apheleleyo ohlanga lukaSirayeli. a (Duteronomi 23:1) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile zikho ezinye iintlanga zobuhedeni ezaziwaxabise ngokukhethekileyo amathenwa, yaye zazinesithethe sokubathena abanye babantwana abathinjwe emfazweni. Amathenwa ayemiselwa njengamagosa kwiinkundla zasebukhosini. Ithenwa lalisenokuba ‘ngumlindi wabafazi,’ “umlindi wamashweshwe,” okanye linyamekele ukumkanikazi. (Estere 2:3, 12-15; 4:4-6, 9) Akukho bungqina bokuba amaSirayeli ayelandela uqheliselo olunjalo okanye bokuba amathenwa ayefunwa ngokukhethekileyo ukuze anikele inkonzo ethile kookumkani bakwaSirayeli. b

9. Ngawaphi amazwi athuthuzelayo uYehova awabhekisa kumathenwa okwenyama?

9 Ukongezelela ekubeni nenxaxheba elinganiselweyo kuphela kunqulo loThixo oyinyaniso, amathenwa okwenyama kwaSirayeli ayesehlazweni elikhulu lokungakwazi ukuba nabantwana bokulondoloza igama leentsapho zawo. Ngoko, hayi indlela athuthuzela ngayo amazwi alandelayo esi siprofeto! Siyafunda: “Utsho uYehova kumathenwa agcina iisabatha zam nabanyule oko ndiyoliswa kuko nabo babambe umnqophiso wam, ukuthi: ‘Ndiya kubanika endlwini yam naphakathi kweendonga zam lona kanye ilitye lesikhumbuzo negama, into elunge ngakumbi kunoonyana neentombi. Ndiya kubanika igama ukusa kwixesha elingenammiselo, elingayi kunqunyulwa.’”—Isaya 56:4, 5.

10. Itshintshe nini imeko ngokuphathelele amathenwa, yaye aye avulekelwa liliphi ilungelo ukususela ngoko?

10 Ewe, kwakuza kufika ixesha lokuba ukuba lithenwa ngokwenyama kungasayi kumthintela ubani ekubeni ngumkhonzi kaYehova owamkeleke ngokupheleleyo. Ukuba amathenwa ayethobela, ayeza kuba ‘nelitye lesikhumbuzo,’ okanye indawo, endlwini kaYehova, negama elilunge ngakumbi kunoonyana neentombi. Kwenzeka nini oku? Kwenzeka emva kokufa kukaYesu Kristu. Ngelo xesha umnqophiso omdala woMthetho wathatyathelwa indawo ngumnqophiso omtsha, waza uSirayeli wokwenyama wathatyathelwa indawo ‘nguSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) Ukususela ngoko, bonke ababonisa ukholo baye bakwazi ukumnqula uThixo ngokwamkelekileyo. Ukwahluka ngokwenyama nangokomzimba akusagqalwa njengokubalulekileyo. Abo banyamezela ngokuthembekileyo, ingakhathaliseki imeko yabo yasemzimbeni, baya kuba ‘negama ukusa kwixesha elingenammiselo, gama elo elingayi kunqunyulwa.’ UYehova akayi kubalibala. Amagama abo aya kubhalwa ‘encwadini yakhe yenkumbulo,’ yaye ngexesha likaThixo elifanelekileyo, baya kufumana ubomi obungunaphakade.—Malaki 3:16; IMizekeliso 22:1; 1 Yohane 2:17.

Abasemzini Banqula Kunye Nabantu BakaThixo

11. Ukuze abasemzini bafumane iintsikelelo, yintoni abakhuthazwa ukuba bayenze?

11 Noko ke, kuthekani ngabasemzini? Ngoku isiprofeto sibhekisa kubo, yaye uYehova uthetha amazwi athuthuzela kakhulu kubo. UIsaya ubhala athi: “Abasemzini abaye bazihlanganisa kuYehova ukuze balungiselele kuye nokuze bathande igama likaYehova, ukuze babe ngabakhonzi kuye, bonke abo bagcina isabatha ukuze bangayihlambeli nababamba umnqophiso wam, kanjalo ndiza kubazisa entabeni yam engcwele ndize ndibenze babe nemihlali endlwini yam yomthandazo. Umnikelo wabo otshiswa kuphele nemibingelelo yabo iya kuba yeyokwamkelwa esibingelelweni sam. Kuba yona kanye indlu yam iya kubizwa nangokuba yindlu yomthandazo yazo zonke izizwana.”—Isaya 56:6, 7.

12. Besikade siqondwa njani isiprofeto sikaYesu esiphathelele “ezinye izimvu”?

12 Kwixesha lethu baye bavela ngokuthe ngcembe “abasemzini.” Ngaphambi kwemfazwe yehlabathi yokuqala, yayisele iqondwa into yokuba lalilikhulu ngakumbi inani labo babeza kusindiswa kunelo labo banethemba lokulawula ezulwini noYesu—abo sibazi namhlanje njengoSirayeli kaThixo. Abafundi beBhayibhile babewaqonda amazwi kaYesu abhalwe kuYohane 10:16, athi: “Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezesi sibaya; nazo ezo ndimele ndize nazo, yaye ziya kuliphulaphula ilizwi lam, zize zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.” Ezi ‘zimvu zizezinye’ zaziqondwa njengodidi lwasemhlabeni. Kodwa abafundi beBhayibhile abaninzi babekholelwa ukuba ezinye izimvu zaziza kubonakala ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaYesu Kristu.

13. Kutheni kuye kwaqiqwa ngelithi izimvu ezichazwe kuMateyu isahluko 25 zimele zibonakale ebudeni beentsuku zokugqibela zale nkqubo yezinto?

13 Ekugqibeleni, saqondwa ngakumbi isibhalo esihlobeneyo nesi naso esikwathetha ngezimvu. KuMateyu isahluko 25, kukho ingxelo yomzekeliso kaYesu wezimvu neebhokhwe. Ngokutsho kwaloo mzekeliso, izimvu zifumana ubomi obungunaphakade ngenxa yokuba zixhasa abazalwana bakaYesu. Ngoko ke, ziludidi olwahlukileyo kolo lwabazalwana bakaKristu abathanjisiweyo. Ngowe-1923, ebudeni bendibano eyayiseLos Angeles, eKhalifoniya, eUnited States, kwachazwa ukuba ezo zimvu zaziza kubonakala, kungekhona ebudeni beWaka Leminyaka, kodwa ebudeni beentsuku zokugqibela zale nkqubo yezinto. Ngoba? Ngenxa yokuba loo mzekeliso kaYesu wawuyinxalenye yempendulo yakhe kumbuzo othi: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?”—Mateyu 24:3.

14, 15. Yenziwe njani inkqubela ekuqondweni kwendima yezinye izimvu ngexesha lesiphelo?

14 Ebudeni beminyaka yee-1920, abathile ababekunye naBafundi BeBhayibhile bavakalelwa kukuba umoya kaYehova wawungabangqineli ukuba babe nobizo lwasezulwini. Ukanti, babengabakhonzi abanenzondelelo bOyena Thixo Uphakamileyo. Ngowe-1931 indima yabo yaqondwa ngakumbi xa kwapapashwa incwadi ethi Vindication. Ekuxubusheni kwayo indinyana nganye yencwadi yeBhayibhile kaHezekile, incwadi ethi Vindication yawucacisa umbono ‘wendoda’ eyayinophondo lweinki lokubhala. (Hezekile 9:1-11) Le “ndoda” ibonwa idlula phakathi eYerusalem yaye iphawula amabunzi abo bancwinayo nabakhalayo ngenxa yobubi obenziwayo apho. Le “ndoda” ifanekisela abazalwana bakaYesu, intsalela yamaKristu athanjisiweyo asaphilayo emhlabeni ebudeni bexesha lokugwetywa kweYerusalem yokomfuziselo, iNgqobhoko. Abo baphawulwayo ngabezinye izimvu abaphila ebudeni belo xesha. Kulo mbono bayasindiswa xa imikhosi kaYehova etshabalalisayo isizisa impindezelo kweso sixeko siwexukileyo.

15 Ngowe-1932 ukuqondwa ngokunzulu ngakumbi kwesiprofeto sikaKumkani uYehu wakwaSirayeli kunye noYehonadabhi, owayengumxhasi wakhe ongengomSirayeli, kwayikhanyisa indlela ezinye izimvu ezibaxhasa ngayo abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo—kanye njengokuba uYehonadabhi wahamba kunye noYehu waza wamxhasha ekutshabalaliseni kwakhe unqulo lukaBhahali. Ekugqibeleni, ngowe-1935 ezinye izimvu eziphila ebudeni bexesha lesiphelo sale nkqubo yezinto ziye zagqalwa njengesihlwele esikhulu esabonwa embonweni ngumpostile uYohane. Oku kwaqala kwacaciswa kwindibano ekhankanywe ngaphambilana eyayiseWashington, D.C., xa uJoseph F. Rutherford wabhekisela kwabo banethemba lasemhlabeni ‘njengesihlwele esikhulu.’

16. Ngawaphi amalungelo neembopheleleko abanazo “abasemzini”?

16 Ngoko kwabonwa ngokucace ngakumbi ukuba “abasemzini” banendima enkulu ekuphunyezweni kweenjongo zikaYehova ebudeni bezi ntsuku zokugqibela. Beza kuSirayeli kaThixo ukuze banqule uYehova. (Zekariya 8:23) Bekunye nolo hlanga lokomoya, banikela imibingelelo eyamkelekileyo kuThixo baze bangene kuphumlo lwesabatha. (Hebhere 13:15, 16) Ngaphezu koko, banqula etempileni kaThixo yokomoya, leyo, njengetempile eyayiseYerusalem, ‘iyindlu yomthandazo yazo zonke iintlanga.’ (Marko 11:17) Babonisa ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu, ‘bayihlamba imiwunduzo yabo bayenza mhlophe egazini leMvana.’ Yaye bamkhonza uYehova rhoqo, “benikela inkonzo engcwele kuye imini nobusuku.”—ISityhilelo 7:14, 15.

17. Abasemzini banamhlanje bawubamba njani umnqophiso omtsha?

17 Aba basemzini banamhlanje bawubamba umnqophiso omtsha ngengqiqo yokuba ngokunxulumana kwabo noSirayeli kaThixo, banandipha iingenelo neentsikelelo zomnqophiso omtsha. Nangona bengenanxaxheba kuloo mnqophiso, bayithobela ngentliziyo iphela imithetho ehambisana nawo. Ngenxa yoko umthetho kaYehova usezintliziyweni zabo, yaye bamgqala uYehova njengoYise osezulwini noMongami ophakamileyo.—Yeremiya 31:33, 34; Mateyu 6:9; Yohane 17:3.

18. Nguwuphi umsebenzi wokuhlanganisa ophunyezwayo ebudeni bexesha lesiphelo?

18 Isiprofeto sikaIsaya sihlabela mgama sisithi: “Itsho iNkosi enguMongami uYehova, oqokelela ndawonye abo basasazekileyo bakwaSirayeli: ‘Ndiya kubaqokelela ndawonye kuye abanye ngaphandle kwabo bakhe abasele beqokelelene ndawonye.’” (Isaya 56:8) Ebudeni bexesha lesiphelo, uYehova uye wabaqokelela “abo basasazekileyo bakwaSirayeli,” abo bentsalela ethanjisiweyo. Ukongezelela, uqokelela abanye, abo besihlwele esikhulu. Bekunye banqula ngoxolo nangemvisiswano phantsi kokonganyelwa nguYehova noKumkani wakhe obekwe etroneni, uKristu Yesu. Ngenxa yokunyaniseka kwabo kurhulumente kaYehova osezandleni zikaKristu, uye yena njengoMalusi Olungileyo wabamanya baba ngumhlambi ovuyayo.

Abalindi Abaziimfama Nezinja Ezingakhonkothiyo

19. Sisiphi isimemo esidluliselwa kwizilwanyana zasendle ezisehlathini?

19 Emva kwala mazwi afudumeleyo nakhuthazayo kulandela amazwi abukhali nawothusayo. UYehova ukulungele ukubenzela inceba abasemzini namathenwa. Kodwa abaninzi abathi bangamalungu ebandla likaThixo bayagatywa yaye balindelwe ngumgwebo. Ngaphezu koko, abafanelwanga nakukungcwatywa ngokundilisekileyo, kunoko bafanelwe kukuqwengwa zizilo zasendle. Ngenxa yoko, sifunda oku: “Nonke nina zilwanyana zasendle, yizani nize nidle, nonke nina zilwanyana zasendle ezisehlathini.” (Isaya 56:9) Yintoni le iza kudliwa zezi zilwanyana zasendle? Isiprofeto siza kusichazela. Ngokwenjenjalo, sisenokusikhumbuza ngeshwangusha eliza kufikela abachasi bakaThixo kwimfazwe ezayo yeArmagedon, eziza kuthi izidumbu zabo zidliwe ziintaka zezulu.—ISityhilelo 19:17, 18.

20, 21. Kukuphi ukusilela kweenkokeli zonqulo okuzenza zingakufanelekeli ukuba ziinkokeli zokomoya?

20 Isiprofeto sihlabela mgama sisithi: “Abalindi bakhe baziimfama. Abakho kubo abaphawulileyo. Bonke zizinja ezingathethiyo; abakwazi kukhonkotha, bayakhefuzela, balele, bathanda ukozela. Ewe, bazizinja ezomeleleyo koko kunqwenelwa ngumphefumlo wazo; abakwazi ukwaneliseka. Bangabalusi abangakwaziyo ukuqonda. Bonke bajike baya endleleni yabo, ngamnye ngenxa yenzuzo yokungekho sikweni emdeni wakhe: ‘Yizani! Mandithabathe intwana yewayini; kwaye masisele isiselo esinxilisayo side sanele. Yaye ngokuqinisekileyo ingomso liya kuba kanye njenganamhlanje, libe likhulu kakhulu.’”Isaya 56:10-12.

21 Iinkokeli zonqulo zakwaYuda zithi zinqula uYehova. Zizibanga ‘zingabalindi’ bakhe. Kodwa ziziimfama ngokomoya, azithethi, yaye ziyozela. Ukuba azinakuhlala ziphaphile zize zivakalise isilumkiso sengozi ezayo, ziluncedo ngantoni ke? Abo balindi bonqulo abanakuqonda, ngoko abakho kwimeko yokunika abantu abanjengezimvu ulwalathiso lokomoya. Ngaphezu koko, zonakele. Zineminqweno enganelisekiyo yokuzingca. Kunokuba zilandele ulwalathiso lukaYehova, zifuna indlela yazo, kunye nenzuzo yokungekho sikweni, yaye zizingxala ngeziselo ezinxilisayo, zize zikhuthaze abanye ukuba nabo benze ngokufanayo. Ngangendlela ezingawunanzanga ngayo umgwebo kaThixo ozayo zixelela abantu ukuba izinto ziza kulunga.

22. Iinkokeli zonqulo zomhla kaYesu zifana njani nezo zamandulo zakwaYuda?

22 Ngaphambilana kwesi siprofeto, uIsaya usebenzise amazwi afanayo ukuchaza iinkokeli zonqulo ezingathembekanga zakwaYuda—ezinxilileyo ngokomoya, ezozelayo, neziswele ukuqonda. Zicinezela abantu ngezithethe zabantu, ngokubaxelela ubuxoki bonqulo, nangokubenza bakholose ngoncedo oluvela kwiAsiriya kunokubenza bakhangele kuThixo. (2 Kumkani 16:5-9; Isaya 29:1, 9-14) Ngokucacileyo akukho nto zayifundayo. Okubuhlungu kukuba, zazinjalo neenkokeli zenkulungwane yokuqala. Kunokuba zamkele iindaba ezilungileyo ezaziswa kuzo nguNyana kaThixo uqobo, zamgatya uYesu zaza zenza iyelenqe lokumbulala. UYesu wazibiza ngokuphandle ngokuba ‘zingabakhokeli abaziimfama,’ waza wongezelela ngokuthi “ukuba ke, imfama ikhokela enye imfama, zombini ziya kweyela emhadini.”—Mateyu 15:14.

Abalindi Banamhlanje

23. Sisiphi isiprofeto sikaPetros esizalisekileyo ngokuphathelele iinkokeli zonqulo?

23 Umpostile uPetros walumkisa ngelithi kwakuza kuvela abafundisi bobuxoki ababeza kulahlekisa amaKristu. Wabhala wathi: “Kwakukho abaprofeti bobuxoki phakathi kwabantu [bakwaSirayeli], njengoko naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi bobuxoki. Bona kanye aba baya kungenisa ngasese amahlelo atshabalalisayo yaye baya kumkhanyela nomnini owabathengayo, bezizisela intshabalalo ekhawulezileyo.” (2 Petros 2:1) Ube yintoni umphumo weemfundiso zobuxoki nowokusekwa kwamahlelo ngabo bafundisi bobuxoki? Ube kukuvela kweNgqobhoko, ezithi iinkokeli zayo zonqulo namhlanje zithandazele ukuba uThixo asikelele abahlobo bayo bezobupolitika zize zithembise ikamva eliqaqambileyo. Iinkokeli zonqulo zeNgqobhoko zingqineke ziziimfama, zingathethi, yaye zisozela ngokubhekisele kwizinto zokomoya.

24. Luluphi umanyano olukhoyo phakathi kukaSirayeli wokomoya kunye nabasemzini?

24 Noko ke, uYehova ungenisa izigidi zabasemzini ukuba zinqule kunye nentsalela yoSirayeli kaThixo endlwini yakhe enkulu yokomoya yokuthandaza. Aba basemzini, nangona bevela kwiintlanga, nezizwe, neelwimi ezininzi, bamanyene yaye bakwamanyene noSirayeli kaThixo. Beyisekile kukuba usindiso lunokuvela kuphela kuYehova uThixo ngoYesu Kristu. Beshukunyiswa luthando ngoYehova, bathelela abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo ekuthetheni ngokuphandle ngokholo lwabo. Yaye bathuthuzelwa kakhulu ngamazwi ompostile othanjisiweyo owabhala wathi: “Ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo ‘lizwi lisemlonyeni wakho,’ lokuba uYesu uyiNkosi, uze ubonise ukholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa.”—Roma 10:9.

[Imibhalo esemazantsi]

a Igama elithi “ithenwa” lalikwabhekisela kwigosa lasenkundleni, lingenanto yakwenza nokuthenwa kwamalungu esini. Ekubeni umTiyopiya owabhaptizwa nguFilipu kubonakala ukuba wayengumngeni ebuYudeni—wabhaptizwa ngaphambi kokwamkelwa kwabangalukanga abangengomaYuda—umele ukuba wayelithenwa ngale ngqiqo.—IZenzo 8:27-39.

b UEbhedi-meleki, owanceda uYeremiya nowayekwazi ukuya ngqo kuKumkani uZedekiya, ubizwa ngokuba lithenwa. Kubonakala ukuba oku kubhekisela ekubeni ligosa lasenkundleni kwakhe kungekhona ekubeni wayethenwe ngokwenyama.—Yeremiya 38:7-13.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 250]

ISabatha yayiza kuvula ithuba lokuthandaza, lokufundisisa, nelokucamngca

[Imifanekiso ekwiphepha 256]

Indima yezinye izimvu yachazwa ngokucacileyo kwindibano eyayiseWashington, D.C., ngowe-1935 (ngezantsi kuboniswe ubhaptizo, ngasekunene lucwangciso)

[Umfanekiso okwiphepha 259]

Izilwanyana zasendle zimenyelwa esidlweni

[Imifanekiso ekwiphepha 261]

Abasemzini bamanyene kunye noSirayeli kaThixo