Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya Wena

Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya Wena

Isahluko Sesibini

Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya Wena

Isaya 41:1-29

1. Kutheni sifanele sibe nomdla kwisiprofeto sikaIsaya?

 UISAYA wayibhala le ncwadi ibizwa ngegama lakhe malunga nama-3 000 eminyaka eyadlulayo, kodwa ixabiseke ngokwenene kuthi namhlanje. Sinokufunda imigaqo ebalulekileyo kwiziganeko zembali abhale ngazo. Yaye sinokwakha ukholo lwethu ngokufundisisa iziprofeto awazibhalayo egameni likaYehova. Ewe, uIsaya wayengumprofeti kaThixo ophilayo. UYehova wamphefumlela ukuba abhale imbali ngaphambi kwexesha—ukuba achaze iziganeko ngaphambi kokwenzeka kwazo. Ngaloo ndlela uYehova wenze kwakhanya ukuba unako ukulixela kwangaphambili yaye unako nokulitshintsha ikamva. Emva kokufundisisa incwadi kaIsaya, amaKristu okwenyaniso eyisekile kukuba uYehova uza kukuzalisekisa konke oko akuthembisileyo.

2. Yayinjani imeko eYerusalem ngethuba lokubhala kukaIsaya incwadi yakhe yesiprofeto, yaye izinto zaziza kutshintsha njani?

2 Ngexesha uIsaya egqiba ukubhala isiprofeto sakhe, iYerusalem yayisindile kwisisongelo seAsiriya. Itempile yayisamile, yaye abantu babeqhubeka nobomi bemihla ngemihla njengangaphambili. Kodwa, izinto zaziza kutshintsha. Kwakuza kufika ixesha lokuthinjelwa kobutyebi bookumkani bakwaYuda eBhabhiloni yaye amatyendyana amaYuda ayeza kuba ngamagosa eso sixeko. a (Isaya 39:6-7) Oku kwakuza kwenzeka emva kweminyaka eli-100 kamva.—2 Kumkani 24:12-17; Daniyeli 1:19.

3. Sisiphi isigidimi esifumaneka kuIsaya isahluko 41?

3 Noko ke, isigidimi uThixo awasidlulisela ngoIsaya sasingesiso esentlekele kuphela. Isahluko 40 sencwadi yakhe siqala ngegama elithi “Thuthuzelani.” b AmaYuda ayeza kuthuthuzeleka kukuqinisekiswa ukuba wona okanye abantwana bawo babeza kubuyela ezweni lawo. Isahluko 41 sichaza ngokubhekele phaya ngeso sigidimi sentuthuzelo ngokuxela kwangaphambili ukuba uYehova wayeza kuvelisa ukumkani onamandla ukuze azalisekise injongo yobuthixo. Sinamazwi aqinisa intembelo yawo nawakhuthazayo ukuba akholose ngoThixo. Sikwabhenca nokungabi namandla koothixo bobuxoki abakholose ngabo abantu beentlanga. Konke oku, kuluqinisa ngokwenene ukholo, kokubini ngomhla kaIsaya kwanangomhla wethu.

UYehova Uzicel’ Umngeni Iintlanga

4. UYehova uzicel’ umngeni ngamazwi athini iintlanga?

4 Ngomprofeti wakhe uYehova uthi: “Yithini cwaka phambi kwam, nina ziqithi; namaqela eentlanga mawafumane kwakhona amandla. Mawasondele. Ngelo xesha ke mawathethe. Masisondele sonke ekugwetyweni.” (Isaya 41:1) Ngala mazwi uYehova uzicel’ umngeni iintlanga ezichasa abantu bakhe. Mazime phambi kwakhe zize zizilungiselele ukuthetha! Njengoko siza kubona kamva, exelisa umgwebi enkundleni, uYehova uzicel’ umngeni ezi ntlanga ukuba zinikele ubungqina bokuba izithixo zazo zingoothixo ngokwenene. Ngaba aba thixo bayakwazi ukuyichaza kwangaphambili indlela yokusindisa abanquli babo okanye indlela yokugweba iintshaba zabo? Ukuba kunjalo, bayakwazi ukuzizalisekisa ezo ziprofeto? Impendulo ithi akunjalo. NguYehova kuphela onokwenjenjalo.

5. Chaza indlela iziprofeto zikaIsaya ezinenzaliseko engaphezu kwenye ngayo.

5 Njengoko sihlolisisa isiprofeto sikaIsaya, masikhumbule ukuba, njengoko kunjalo nangezinye iziprofeto ezininzi zeBhayibhile, amazwi akhe anenzaliseko engaphezu kwenye. Ngowama-607 B.C.E., uYuda uza kuthinjelwa eBhabhiloni. Noko ke, isiprofeto sikaIsaya sityhila ukuba uYehova uza kuwahlangula amaSirayeli athinjelwe apho. Oku kwenzeka ngowama-537 B.C.E. Oko kukhululwa kwawo kwakungqamana noko kwasebutsheni benkulungwane yama-20. Ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, abakhonzi abathanjisiweyo bakaYehova abasemhlabeni babephantsi kwembandezelo. Ngowe-1918 ingcinezelo yehlabathi likaSathana—eyayiphenjelelwa yiNgqobhoko njengenxalenye ephambili yeBhabhiloni Enkulu—yaphantse yakuphelisa ukushunyayelwa okulungeleleneyo kweendaba ezilungileyo. (ISityhilelo 11:5-10) Amanye amagosa aphambili eWatch Tower Society avalelwa entolongweni ngezimangalo zobuqhetseba. Kwakubonakala ngathi ihlabathi laloyisile kwimfazwe yalo nxamnye nabakhonzi bakaThixo. Kwandula ke, kanye njengoko kwakwenzekile nasemva phayaa ngowama-537 B.C.E., uYehova ngokungalindelekanga wazisa inkululeko yabo. Ngowe-1919 loo magosa akhululwa entolongweni, zaza kamva zarhoxiswa nezimangalo awayetyabekwe ngazo. Indibano eyayiseCedar Point, eOhio, ngoSeptemba 1919 yabavuselela abakhonzi bakaYehova ukuba bathathise kwakhona emsebenzini wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (ISityhilelo 11:11, 12) Ukususela ngoko de kube ngoku, ukwenziwa kwaloo msebenzi wokushumayela kuye kwanda ngokumangalisayo. Ngaphezu koko, okuninzi koko uIsaya wakuthethayo kuza kuzaliseka ngokumangalisayo kwiParadesi yasemhlabeni ezayo. Ngoko ke, amazwi kaIsaya amandulo abandakanya zonke iintlanga nezizwe namhlanje.

Kubizwa Umhlanguli

6. Lo mprofeti umchaza njani lowo uza koyisa kwixesha elizayo?

6 Esebenzisa uIsaya, uYehova uxela kwangaphambili ngalowo uza koyisa aze asindise abantu bakaThixo kwiBhabhiloni yaye azigwebe iintshaba zabo. UYehova ubuza athi: “Ngubani na ovuse uthile empumalanga? Ngubani na othe ngobulungisa bakhe wammisa ezinyaweni Zakhe, ukuze azinikele kuye iintlanga, amenze oyise ookumkani? Ngubani na owaqhubeka ezinikela ekreleni lakhe njengothuli, ukuze ziphetshethwe ngesaphetha sakhe njengeendiza? Ngubani na owaqhubeka ezisukela, wamana edlula ngoxolo ngeenyawo zakhe kumendo angezanga ngawo? Ngubani na osebenzileyo wakwenza oku, ebiza izizukulwana ukususela ekuqaleni? Ndim, mna Yehova, owokuQala; nakwabokugqibela ndikwanguye.”—Isaya 41:2-4.

7. Ngubani lowo uza koyisa, yaye ufeza indima engakanani?

7 Ngubani na lowo uza kuvuswa empumalanga, kwimimandla yasempuma? Izixeko zamaMedi namaPersi nezakwaElam zimi ngasempuma kweBhabhiloni. Umatsha esuka apho uKoreshi umPersi, enomkhosi wakhe owomeleleyo. (Isaya 41:25; 44:28; 45:1-4, 13; 46:11) Nangona uKoreshi engengomnquli kaYehova, wenza ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova, uThixo olilungisa. UKoreshi woyisa ookumkani, aze abasasaze njengothuli phambi kwakhe. Ethwele intshinga, udlula “ngoxolo,” okanye ngokukhuselekileyo, kumendo ekungafane kuhanjwe kuwo, kungekho nanye into engumqobo kuye. Ngonyaka wama-539 B.C.E., uKoreshi ufika kwisixeko esomeleleyo saseBhabhiloni aze asibhukuqe. Ngenxa yoku, abantu bakaThixo bayakhululwa, ukuze babuyele eYerusalem baze balumisele kwakhona unqulo olunyulu.—Ezra 1:1-7. c

8. Yintoni enokwenziwa nguYehova kuphela?

8 Ngoko, esebenzisa uIsaya, uYehova ukuxele kwangaphambili ukuvela kukaKoreshi kude lee ngaphambi kokuzalwa kwaloo kumkani. NguThixo wokwenyaniso kuphela onokukwazi ukuyiprofeta ngokuchanileyo into enjengaleyo. Akukho namnye ulingana noYehova phakathi koothixo bobuxoki beentlanga. Kungeso sizathu le nto uYehova esithi: “Andiluniki omnye uzuko lwam.” NguYehova kuphela onokutsho ngokufanelekileyo ukuthi: “Ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, yaye akukho Thixo ngaphandle kwam.”—Isaya 42:8; 44:6, 7.

Izizwe Ezoyikayo Zikholosa Ngezithixo

9-11. Zisabela njani iintlanga ekuzeni kukaKoreshi?

9 Ngoku uIsaya uchaza indlela iintlanga eziza kusabela ngayo kulowo woyisayo, esithi: “Iziqithi zabona zaza zaqalisa ukoyika. Zona kanye iziphelo zomhlaba zaqalisa ukungcangcazela. Zasondela yaye zaqhubeka zisiza. Zahamba zincedana ngasinye iqabane laso, yaye esinye sasisithi kumntakwaso: ‘Yomelela.’ Ngoko ingcibi yomeleza umnyibilikisi; lowo ugudisayo ngesando sokuhlekeza womeleza lowo ubethelela esikhandelweni, esithi ngokubhekisele kwilothe: ‘Kulungile.’ Ekugqibeleni omnye wabethelela ngezikhonkwane ukuze ingabi nakushukuma.”—Isaya 41:5-7.

10 Apha uYehova uyibona imeko yehlabathi kwisithuba seminyaka engama-200 ngaphambili. Imikhosi eyomeleleyo kaKoreshi ihamba ngezantya, isoyisa konke okuchasene nayo. Izizwe—kwanabemi baseziqithini, abakwezona ndawo zikude—bayatyhwatyhwa xa esondela. Beqhutywa luloyiko baba yimbumba yamanyama nxamnye nalowo uYehova ambize evela empuma ukuze aphumeze umgwebo wakhe. Bazama ukukhuthazana, besithi: “Yomelela.”

11 Iingcibi zisebenza kunye zibumba oothixo bokukhulula abantu. Umchweli uxonxa umthi ube ngumfanekiso oqingqiweyo, aze awudlulisele kumnyibilikisi wegolide ukuze awutyabeke ngesinyithi, okanye mhlawumbi ngegolide. Umkroli usikhanda ngesando isinyithi eso aze agqibezele ngokufaka ilothe. Mhlawumbi wayebaphoxa ngokuthi aba thixo babethelelwa ngezikhonkwane ukuze bangabi nakushukuma okanye bawe, njengoko kwaba njalo kwisithixo uDagon esangquleka phantsi phambi kwetyeya kaYehova.—1 Samuweli 5:4.

Ningoyiki!

12. UYehova umqinisekisa ngelithini uSirayeli?

12 Ngoku uYehova unikel’ ingqalelo kubantu bakhe. Ngokungafaniyo neentlanga ezikholose ngezithixo ezingaphiliyo, aba bakholose ngoThixo wokwenyaniso akuyomfuneko ukuba boyike. Ekubaqinisekiseni kwakhe uYehova uqala ngokubakhumbuza ukuba uSirayeli uyinzala yomhlobo wakhe uAbraham. UIsaya usichazela ngamazwi kaYehova othantamiso olukhulu, esithi: “Wena, Sirayeli, ungumkhonzi wam, wena, Yakobi, endimnyulileyo, mbewu ka-Abraham umhlobo wam; wena, endikubambileyo kwaseziphelweni zomhlaba, ndakubiza nakweyona mimandla yawo ethe qelele. Ndaza ke ndathi kuwe, ‘Ungumkhonzi wam; ndikunyulile, yaye andikugatyanga. Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene. Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.”—Isaya 41:8-10.

13. Kutheni amazwi kaYehova eya kuwathuthuzela amaYuda asekuthinjweni?

13 Hayi indlela la mazwi aya kuwathuthuzela ngayo amaYuda athembekileyo asekuthinjweni ezweni lasemzini! Hayi indlela ekuya kuthuthuzela ngayo ukuva uYehova ewabiza ngokuthi “mkhonzi wam” ngexesha esekuthinjweni ngalo, ekhonza ukumkani waseBhabhiloni! (2 Kronike 36:20) Nangona uYehova eza kuwaqeqesha ngenxa yokungathembeki kwawo, akayi kuwalahla. USirayeli ngokaYehova, akangoweBhabhiloni. Akuyi kubakho sizathu sokuba abakhonzi bakaThixo bakoyike ukuza kukaKoreshi owoyisayo. UYehova uya kuba nabantu bakhe ukuze abancede.

14. Amazwi kaYehova kuSirayeli abathuthuzela njani abakhonzi bakaThixo namhlanje?

14 Loo mazwi aye abaqinisekisa yaye abomeleza abakhonzi bakaThixo ukuza kuthi ga kumhla wethu. Emva phayaa ngowe-1918 bebenqwenela ukwazi ukuba kuyintoni na ukuthanda kukaYehova ngabo. Bebelangazelela ukukhululwa ekuthinjweni kwabo kokomoya. Namhlanje sinqwenela ukukhululeka kwiingcinezelo ezibangelwa nguSathana, ihlabathi, nokungafezeki kwethu. Kodwa siyaqonda ukuba uYehova ulazi kakuhle ixesha nendlela yokukhulula abantu bakhe. Njengabantwana abancinane, sibambelele kwisandla sakhe esomeleleyo, sinentembelo yokuba uya kusinceda siphumelele. (INdumiso 63:7, 8) UYehova uyabaxabisa abo bamkhonzayo. Uyasixhasa namhlanje kanye njengokuba wabaxhasayo abantu bakhe ebudeni bamaxesha anzima ngowe-1918 ukusa kowe-1919 kwananjengokuba wawaxhasayo namaSirayeli athembekileyo mandulo.

15, 16. (a) Yintoni eza kwenzeka kwiintshaba zikaSirayeli, yaye uSirayeli ufana nombungu ngaziphi iindlela? (b) Kungenxa yaluphi uhlaselo oluzayo le nto amazwi kaYehova elukhuthazo ngokukhethekileyo namhlanje?

15 Qwalasela oko uYehova akutshoyo ngoIsaya: “‘Khangela! Bonke abo bavuthayo ngumsindo nxamnye nawe baya kuba neentloni baze bathotywe. Amadoda axabene nawe aya kuba njengento engento, atshabalale. Uya kuwafuna, kodwa ungawafumani, amadoda asukuzana nawe. Aya kuba njengento engekhoyo nanjengento engento amadoda enza imfazwe nawe. Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, “Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.” Musa ukoyika, wena mbungu unguYakobi, nina madoda akwaSirayeli. Mna ngokwam ndiza kukunceda,’ utsho uYehova, yena kanye uMhlawuleli wakho, Lowo Ungcwele kaSirayeli.”—Isaya 41:11-14.

16 Iintshaba zikaSirayeli aziyi koyisa. Abo banomsindo nxamnye noSirayeli baza kuba neentloni. Abo balwa naye baza kutshabalala. Nangona la maSirayeli asekuthinjweni ebonakala ebuthathaka yaye engenakuzikhusela njengombungu ojubalaza eluthulini, uYehova uza kuwanceda. Hayi indlela okube lukhuthazo ngayo oku ebudeni bayo yonke le “mihla yokugqibela” njengoko amaKristu okwenyaniso eye achaswa ngokuqatha ngabaninzi ehlabathini! (2 Timoti 3:1) Yaye hayi indlela esomeleza ngayo esi sithembiso sikaYehova xa sicinga ngokuhlasela okuzayo kukaSathana, ekubhekiselwe kuye esiprofetweni ‘njengoGogi welizwe lakwaMagogi’! Ekuhlaseleni kukaGogi ngengcwangu, abantu bakaYehova baza kubonakala bengenakuzikhusela njengombungu—benjengesizwe ‘esihleli singenaludonga’ yaye singenayo nkqu ‘nemivalo neengcango.’ Ukanti, abo bathembele kuYehova akusayi kubakho mfuneko yokuba bangcangcazele luloyiko. USomandla uqobo uza kulwela ukubahlangula.—Hezekile 38:2, 11, 14-16, 21-23; 2 Korinte 1:3.

Ukuthuthuzelwa KukaSirayeli

17, 18. UIsaya ukuchaza njani ukomelezwa kukaSirayeli, yaye kukuphi ukuzaliseka kwaloo mazwi esinokuqiniseka ngako?

17 UYehova uyaqhubeka ebathuthuzela abantu bakhe, esithi: “Khangela! Ndikwenze isileyi sokubhula, isixhobo esitsha sokubhula esinamazinyo antlangothi-mbini. Uya kubhula iintaba uze uzityumze; neenduli uya kuzenza zibe njengomququ kanye. Uya kuzela, uze umoya uzithwalele kude, nesaqhwithi somoya siziqhubele kwiindlela ezahlukahlukeneyo. Yaye wena uya kuvuya ngoYehova. Uya kuqhayisa ngaLowo Ungcwele kaSirayeli.”—Isaya 41:15, 16.

18 USirayeli uza kunikwa amandla, ngengqiqo yokomoya, okuba amelane nazo aze azoyise iintshaba zakhe eziluqilima njengentaba. Xa uSirayeli ebuya ekuthinjweni, uya kuzoyisa iintshaba ezizama ukuthintela ukwakhiwa kwakhona kwetempile neendonga zaseYerusalem. (Ezra 6:12; Nehemiya 6:16) Noko ke, amazwi kaYehova aza kuzaliseka ngomlinganiselo omkhulu ngakumbi ‘kuSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) UYesu uwathembisa oku amaKristu athanjisiweyo: “Lowo woyisayo nogcina izenzo zam kude kuse ekupheleni ndiya kumnika igunya phezu kweentlanga, yaye uya kubalusa abantu ngentonga yentsimbi, abaqhekeze njengezitya zodongwe, njengoko nam ndilifumene kuBawo elo gunya.” (ISityhilelo 2:26, 27) Liza kufika ngokuqinisekileyo ixesha lokuba abazalwana bakaKristu abavuselwe kuzuko lwasezulwini beya kuba nenxaxheba ekutshabalaliseni iintshaba zikaYehova uThixo.—2 Tesalonika 1:7, 8; ISityhilelo 20:4, 6.

19, 20. Ubhala athini uIsaya ngokubuyiselwa kukaSirayeli endaweni entle, yaye kuzaliseka njani oku?

19 Esebenzisa intetho ebusafobe, uYehova ngoku usiqinisekisa ngakumbi isithembiso sakhe sokukhulula abantu bakhe. UIsaya ubhala athi: “Abaxhwalekileyo nabangamahlwempu bafuna amanzi, kodwa akakho. Lona kanye ulwimi lwabo lomile ngenxa yonxano. Mna, Yehova, ndiya kubaphendula. Mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya. Ezindulini ezingenanto ndiya kuvula imilambo, naphakathi kwamathafa asezintlanjeni, imithombo. Ndiya kuyenza intlango ibe lichibi lamanzi elineengcongolo, nelizwe elinganamanzi libe yimithombo yamanzi. Entlango ndiya kubeka umthi womsedare, umnga nommirtile nomthi weoli. Kwithafa eliyinkqantosi ndiya kubeka umthi wejunipha, umqwehle nomsipres ngaxeshanye; ukuze abantu babone, bazi, baqonde ukuba isandla sikaYehova sikwenzile oku, yaye Lowo Ungcwele kaSirayeli ukudalile oku.”—Isaya 41:17-20.

20 Nangona amaSirayeli asekuthinjweni ehlala kwidolophu elikomkhulu legunya lehlabathi elityebileyo, kuwo ifana nentlango engenamanzi. Avakalelwa njengoDavide xa wayezimele uKumkani uSawule. Ngowama-537 B.C.E., uYehova uwavulele indlela yokubuyela kwaYuda aze ayakhe kwakhona itempile yakhe eYerusalem, ngaloo ndlela ebuyisela unqulo olunyulu. Ngenxa yoko, uYehova uyawasikelela. Kamva, uIsaya uprofeta athi: “Ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyithuthuzela iZiyon. Ngokuqinisekileyo uya kuzithuthuzela zonke iindawo zayo eziphanzileyo, ayenze intlango yayo ibe njenge-Eden, nethafa layo eliyinkqantosi libe njengomyezo kaYehova.” (Isaya 51:3) Ngokwenene oku kuyenzeka emva kokubuyela kwamaYuda ezweni lawo.

21. Luluphi uhlaziyo oluye lwabakho kumaxesha akutshanje, yaye yintoni eza kwenzeka kwixesha elizayo?

21 Kuye kwenzeka okufanayo kumaxesha akutshanje xa uKoreshi Omkhulu, uKristu Yesu, wakhulula abalandeli bakhe abathanjisiweyo kubukhoboka bokomoya ukuze bahlaziye unqulo olunyulu. Abo bathembekileyo basikelelwa ngeparadesi etyebileyo yokomoya, efuzisela umyezo wase-Eden. (Isaya 11:6-9; 35:1-7) Kungekudala, xa uThixo etshabalalisa iintshaba zakhe, umhlaba uphela uya kuguqulelwa ekubeni yiparadesi yokoqobo, kanye njengokuba uYesu wathembisa umenzi-bubi owayexhonywe esibondeni somthi.—Luka 23:43.

Ucelomngeni Kwiintshaba ZikaSirayeli

22. UYehova uzicel’ umngeni ngamazwi athini kwakhona iintlanga?

22 Ngoku uYehova ubuyela kwimbambano yakhe neentlanga kwakunye nezithixo zazo, esithi: “‘Zisani imbambano yenu ngaphambili,’ utsho uYehova. ‘Velisani ingxoxo,’ utsho uKumkani kaYakobi. ‘Velisani nize nisixelele izinto eziza kwenzeka. Izinto zokuqala—oko zazikuko—zixeleni, ukuze sibeke intliziyo yethu size sazi ikamva lazo. Okanye siviseni zona kanye izinto ezizayo. Xelani izinto eziza kuza emva koko, ukuze sazi ukuba ningoothixo. Ewe, nifanele nenze okulungileyo okanye nenze okubi, ukuze sibhekabheke size sibone kwangaxeshanye. Khangelani! Niyinto engekhoyo, yaye enikufezileyo kuyinto engento. Nabani na onyula nina uyinto ecekisekayo.’” (Isaya 41:21-24) Ngaba oothixo beentlanga bayakwazi ukuprofeta ngokuchanileyo ukuze banikele ubungqina bokuba banolwazi olungaphezu kolwemvelo? Ukuba bathi bayakwazi, ngokuqinisekileyo kumele kubekho imiphumo, emihle okanye emibi, yokuxhasa oko bakutshoyo. Inyani yona yeyokuba, izithixo azinakufeza nto yaye ziyinto engekhoyo.

23. Kutheni uYehova ethe gqolo esebenzisa abaprofeti bakhe ukugxeka izithixo?

23 Kumhla wethu abanye basenokuzibuza ngesizathu sokuba uYehova asebenzise uIsaya nabanye abaprofeti, ukuchitha ixesha elininzi kangaka begxeka ubudenge bokunqula izithixo. Ubudenge bokunqula izithixo ezenziwe ngabantu busenokubonakala buyinto ezicaceleyo ebantwini abaninzi namhlanje. Noko ke, xa kuye kwaveliswa inkolelo ephosakeleyo yaza yamkeleka ngokubanzi, kunzima ukuyikhupha ezingqondweni zabo bakholelwayo kuyo. Iinkolelo ezininzi namhlanje zibubudenge njengenkolelo yokuba imifanekiso eqingqiweyo engaphiliyo ingoothixo bokwenene. Ukanti, abantu babambelele kwezo nkolelo phezu kwazo nje iingxoxo ezivakalayo ezinxamnye nazo. Abanye bashukunyiselwa ekuthini babubone ubulumko bokukholosa ngoYehova kuphela xa beyiva ngokuphindaphindiweyo inyaniso.

24, 25. Uthini uYehova xa ebhekisela kuKoreshi kwakhona, yaye oku kusikhumbuza ngasiphi esinye isiprofeto?

24 Uphinda uYehova abhekisele kuKoreshi athi: “Ndivuse uthile kwelasemntla, yaye uyeza. Empumalanga uya kubiza egameni lam. Kwaye uya kufikela amasekela-baphathi ngokungathi babeludongwe nanjengombumbi onyathela into efumileyo.” (Isaya 41:25) d Ngokwahlukileyo koothixo beentlanga, uYehova yena uyakwazi ukufeza izinto. Xa evelisa uKoreshi “empumalanga,” uThixo uza kube ebonisa amandla akhe okukwazi ukuxela iziganeko kwangaphambili nawokulawula ikamva ukuze kuzaliseke oko akuxele kwangaphambili.

25 La mazwi asikhumbuza isiprofeto sompostile uYohane esingookumkani abaya kuxhokonxwa ukuze bathabath’ inyathelo elithile ngexesha lethu. KwiSityhilelo 16:12, sifunda ukuba kuza kulungiswa indlela “yookumkani abavela ekuphumeni kwelanga.” Aba kumkani nguYehova uThixo noYesu Kristu. Njengokuba uKoreshi wahlangula abantu bakaThixo mandulo, aba kumkani abanamandla ngakumbi baza kuzitshayela kuthi tu iintshaba zikaYehova baze babaluse abantu bakhe ukutyhubela imbandezelo enkulu ukusa kwihlabathi elitsha lobulungisa.—INdumiso 2:8, 9; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 7:14-17.

UYehova Uphakamile!

26. Nguwuphi umbuzo awuphakamisayo uYehova ngoku, yaye ngaba uye waphendulwa?

26 Kwakhona, uYehova uvakalisa inyaniso yokuba nguye kuphela uThixo wokwenyaniso. Ubuza athi: “Ngubani na oxele nantoni na kwasekuqaleni, ukuze sazi, okanye kumaxesha adluleyo, ukuze sithi, ‘Ulungisile’? Ngokwenene akukho bani uxelayo. Ngokwenene akukho uvisa omnye. Ngokwenene akukho bani uva nawaphi na amazwi enu.” (Isaya 41:26) Asikho isithixo esakhe saxela kwangaphambili ngokuza kothile owoyisayo oza kukhulula abo bakholose ngaso. Bonke abo thixo bazizimumu nje. Abangoothixo konke konke.

27, 28. Yiyiphi inyaniso ebalulekileyo egxininiswa kwiindinyana zokugqibela zikaIsaya 41, yaye ngoobani ekukuphela kwabo abakuvakalisayo oku?

27 Emva kokubhala la mazwi kaYehova achukumis’ intliziyo esiprofeto, uIsaya ugxininisa le nyaniso ibalulekileyo: “Ukho owokuqala, othi kuyo iZiyon: ‘Khangela! Naba!’ neYerusalem ndiya kuyinika ozisa iindaba ezilungileyo. Ndakhangela, akwabakho mntu; nakubo abo kwakungekho bani ucebisayo. Ndaqhubeka ndibabuza, ukuze baphendule. Khangela! Bonke bayinto engekhoyo. Imisebenzi yabo yinto engento. Imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nelize.”—Isaya 41:27-29.

28 UYehova uhamba phambili. Uphakamile! UnguThixo wokwenyaniso, okuxela kwangaphambili ukuhlangulwa kwabantu bakhe, abazisele iindaba ezimnandi. Yaye ngamaNgqina akhe kuphela avakalisa ubukhulu bakhe ezintlangeni. Ngokucaphuka, uYehova uyabagxeka abo bakholosa ngonqulo-zithixo, ezigxibha izithixo zabo ngokuthi ‘zingumoya nelize.’ Esinjani sona ukuba namandla isizathu sokunamathela kuThixo wokwenyaniso! NguYehova kuphela esifanele sikholose ngaye ngentembelo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona isahluko 29 sencwadi ethi Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu I.

b Bona isahluko 30 sencwadi ethi Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu I.

c UKoreshi Omkhulu, lowo wathi ngowe-1919 wakhulula “uSirayeli kaThixo” kubukhoboka bokomoya, nguYesu Kristu uqobo, obekwe etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini ukususela ngowe-1914.—Galati 6:16.

d Nangona uKoreshi wayengowelizwe elisempuma kweBhabhiloni, ekusihlaseleni kwakhe okokugqibela eso sixeko, wehla evela ngasemantla, eAsia Minor.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 19]

UKoreshi, nangona engumhedeni, unyulwa ukuba enze umsebenzi kaThixo

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Iintlanga zikholose ngezithixo ezingaphiliyo

[Imifanekiso ekwiphepha 27]

USirayeli, ‘njengesileyi sokubhula,’ uza ‘kuzityumza iintaba’