Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Igama Elitsha’

‘Igama Elitsha’

Isahluko Samashumi Amabini Anesithathu

‘Igama Elitsha’

Isaya 62:1-12

1. Sisiphi isiqinisekiso esibhalwe kuIsaya isahluko 62?

 ISIQINISEKISO, intuthuzelo, nethemba lokubuyiselwa ezweni lawo—koko kanye amaYuda aphelelwe lithemba aseBhabhiloni akufunayo. Sele kudlule amashumi aliqela eminyaka ukususela ekutshatyalalisweni kweYerusalem netempile yayo. Ilizwe lakwaYuda elikumgama omalunga nama-800 eekhilomitha ukusuka eBhabhiloni, liyinkangala, yaye kubonakala ngathi amaYuda alityelwe nguYehova. Yintoni enokuphucula imeko yawo? Zizithembiso zokuba uYehova uya kuwabuyisela ezweni lawo aze awavumele ukuba ahlaziye unqulo olunyulu. Ngoko amagama anjengathi ‘lishiywe ngokupheleleyo,’ “liphanzile,” aza kuthatyathelw’ indawo ngamagama abonisa inkoliseko kaThixo. (Isaya 62:4; Zekariya 2:12) Isahluko 62 sikaIsaya sinothotho lwezi zithembiso. Noko ke, ngokufanayo nezinye iziprofeto ezithetha ngokubuyiselwa, naso esi sahluko sichaphazela imibandela esemva kwexesha lokukhululwa kwamaYuda ekuthinjweni kwaseBhabhiloni. Kwinzaliseko yakhe enkulu, uIsaya isahluko 62 uyasiqinisekisa ukuba ukusindiswa kohlanga lokomoya lukaYehova, “uSirayeli kaThixo,” kuqinisekile.—Galati 6:16.

UYehova Akathanga Cwaka

2. UYehova ubonisa ngayiphi indlela ukuba uphinde wakholiswa yiZiyon?

2 IBhabhiloni iyabhukuqwa ngowama-539 B.C.E. Emva koko, uKumkani uKoreshi wasePersi ukhupha ummiselo ovulela amaYuda oyik’ uThixo ithuba lokubuyela eYerusalem ukuze ahlaziye unqulo lukaYehova. (Ezra 1:2-4) AmaYuda okuqala abuyileyo, afike elizweni lawo ngowama-537 B.C.E. Kwakhona uYehova uye wakholiswa yiYerusalem, njengoko sinokukubona oko emazwini akhe akhuthazayo esiprofeto, athi: “Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi cwaka, nangenxa yeYerusalem andiyi kuzola de ubulungisa bayo buphume njengokuqaqamba, nosindiso lwayo njengesikhuni somlilo esivuthayo.”—Isaya 62:1.

3. (a) Kutheni iZiyon yasemhlabeni igatywa nje ekugqibeleni nguYehova, yaye ngubani othabatha indawo yayo? (b) Luluphi uwexuko oluye lwabakho, yaye nini, ibe siphila kweliphi ixesha ngoku?

3 Ngowama-537 B.C.E., uYehova wasizalisekisa isithembiso sakhe sokubuyisela iZiyon, okanye iYerusalem. Wabasindisa abemi bayo, baza ubulungisa babo bakhanya ngokuqaqambileyo. Noko ke, ekuhambeni kwexesha baphinda balushiya unqulo olunyulu. Ekugqibeleni, bamgatya uYesu njengoMesiya, waza noYehova ekugqibeleni walulahla olo hlanga lwakhe lunyuliweyo. (Mateyu 21:43; 23:38; Yohane 1:9-13) UYehova wenza ukuba kuzalwe uhlanga olutsha, “uSirayeli kaThixo.” Olu hlanga lutsha lwaba ngabantu bakhe abakhethekileyo, yaye ngenkulungwane yokuqala, amalungu alo azishumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo ehlabathini lonke. (Galati 6:16; Kolose 1:23) Ngelishwa, emva kokufa kwabapostile, abanye bawexuka kunqulo lokwenyaniso. Ngenxa yoko, kwavela ubuKristu bowexuko, obo namhlanje baziwa njengeNgqobhoko. (Mateyu 13:24-30, 36-43; IZenzo 20:29, 30) Kangangeenkulungwane ezininzi, iNgqobhoko ibikade iyekiwe ukuba izise ugculelo egameni likaYehova. Noko ke, ekugqibeleni, ngowe-1914, kwaqala “unyaka wenkoliseko” kaYehova, kunye nenzaliseko enkulu yale nxalenye yesiprofeto sikaIsaya.—Isaya 61:2.

4, 5. (a) Ngubani ofanekiselwa yiZiyon nabantwana bayo namhlanje? (b) UYehova uyisebenzise ngayiphi indlela iZiyon ukuze enze ‘usindiso lwayo lube njengesikhuni somlilo esivuthayo’?

4 Namhlanje isithembiso sikaYehova sokubuyisela iZiyon siye sazaliseka kwintlangano yakhe yasezulwini, “iYerusalem ephezulu,” emelwe emhlabeni ngabantwana bayo, amaKristu athanjiswe ngomoya. (Galati 4:26) Intlangano kaYehova yasezulwini iluncedo kakhulu—iphaphile, inothando, yaye ikhuthele. Esinjani sona ukuchulumancisa isihlandlo xa ngowe-1914 yazala uBukumkani bukaMesiya! (ISityhilelo 12:1-5) Ingakumbi ukususela ngowe-1919, abantwana bayo basemhlabeni baye bashumayela kwiintlanga ngobulungisa nangosindiso lwayo. Njengoko uIsaya waxela kwangaphambili, aba bantwana baye bakhanyisa ebumnyameni njengesikhuni somlilo.—Mateyu 5:15, 16; Filipi 2:15.

5 UYehova unomdla wokwenene kubanquli bakhe yaye akayi kuphumla, okanye athi cwaka, de azizalisekise zonke izithembiso awazenza kwiZiyon nabantwana bayo. Intsalela yabathanjisiweyo kunye namaqabane ayo ‘ezinye izimvu’ nabo abathanga cwaka. (Yohane 10:16) Benza ingxolo enkulu njengoko besalathisa abantu kwekuphela kwendlela yosindiso.—Roma 10:10.

Inikwa ‘Igama Elitsha’ NguYehova

6. Yintoni uYehova aceba ukuyenzela iZiyon?

6 Yintoni uYehova aceba ukuyenzela iZiyon, ‘umfazi’ wakhe wasezulwini, ofuziselwa yiYerusalem yamandulo? Uthi: “Ngokuqinisekileyo iintlanga ziya kububona ubulungisa bakho, mfazindini, nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho. Yaye okunene uya kubizwa ngegama elitsha, elo liya kutyunjwa ngumlomo kaYehova.” (Isaya 62:2) Njengoko amaSirayeli esenza ubulungisa, iintlanga ziyanyanzeleka ukuba zibukele ngenyameko. Kwanookumkani bayanyanzeleka bavume ukuba uYehova usebenzisa iYerusalem yaye naluphi na ulawulo lwazo aluyonto xa luthelekiswa noBukumkani bukaYehova.—Isaya 49:23.

7. Libonisa ntoni igama elitsha leZiyon?

7 Ngoku uYehova uqinisekisa ngokutshintsha kwemeko yeZiyon ngokuyinika igama elitsha. Elo gama litsha lifanekisela imeko esikelelekileyo nezukileyo enanditshwa ngabantwana beZiyon basemhlabeni ukususela ngowama-537 B.C.E. a Oku kubonisa ukuba uYehova uyayamkela iZiyon njengeyakhe. Namhlanje, uSirayeli kaThixo uyakuvuyela ukuchulumancisa uYehova ngale ndlela, yaye ezinye izimvu zivuya kunye naye.

8. UYehova uyizukise ngaziphi iindlela iZiyon?

8 Akuba enike iZiyon igama layo elitsha, ngoku uYehova uthembisa esithi: “Uya kuba sisithsaba sobuhle esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni kaThixo wakho.” (Isaya 62:3) UYehova uyamphakamisa umfazi wakhe wokomfuziselo, iZiyon yasezulwini, ukuze anconywe ngabo bambukeleyo. (INdumiso 48:2; 50:2) Isithsaba sobuhle “nonkontsho lobukumkani” zibonisa ukuba unikwe uzuko negunya. (Zekariya 9:16) Njengoko efanekisela iZiyon yasezulwini, okanye “iYerusalem ephezulu,” uSirayeli kaThixo ungumsebenzi omangalisayo wesandla, okanye amandla kaThixo. (Galati 4:26) Ngoncedo lukaYehova, olo hlanga lokomoya luye lwazakhela ingxelo entle yokugcina ingqibelelo nokuzinikela. Izigidi, eziquka abathanjisiweyo nezinye izimvu, zomelezelwa ukuba zibonise ukholo nothando olukhethekileyo. Ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu, abathanjisiweyo, abaya kube bewufumene umvuzo wabo ozukileyo wasezulwini, baya kuba zizixhobo ezisesandleni sikaYehova zokuphelisa ukugcuma kwendalo ize ifumane ubomi obungunaphakade.—Roma 8:21, 22; ISityhilelo 22:2.

‘UYehova Uyayoliswa Nguwe’

9. Chaza ukuhlaziywa kweZiyon.

9 Ukunikwa igama elitsha kuyinxalenye yohlaziyo oluyolisayo lweZiyon yasezulwini njengoko imelwa ngabantwana bayo abasemhlabeni. Siyafunda: “Akuyi kuba sathiwa ungumfazi oshiywe ngokupheleleyo; nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa liphanzile; kodwa wena uya kubizwa ngokuthi Oluyolo Lwam Lukuye, nelizwe lakho ngokuthi nguMfazi onoMnini wakhe. Kuba uYehova uya kube eyoliswa nguwe, nelizwe lakho liya kuba lelomnini othile njengomfazi.” (Isaya 62:4) IZiyon yasemhlabeni ibiphanzile ukususela ekutshatyalalisweni kwayo ngowama-607 B.C.E. Noko ke, amazwi kaYehova ayiqinisekisa ngokuhlaziywa nokuba ilizwe layo liya kuphinda limiwe. IZiyon ebikade ingamabhodlo ayisayi kuba saba ngumfazi oshiywe ngokupheleleyo, nelizwe layo alisayi kuba leliphanzileyo. Ukubuyiselwa kweYerusalem ngowama-537 B.C.E. kuya kuyiguqula ibe ntsha imeko yayo, yahluke ngokupheleleyo kuleyo yokuphanziswa kwangaphambili. UYehova uthi iZiyon iya kubizwa ngokuthi “Oluyolo Lwam Lukuye,” lize ilizwe layo libizwe ngokuthi “uMfazi onoMnini wakhe.”—Isaya 54:1, 5, 6; 66:8; Yeremiya 23:5-8; 30:17; Galati 4:27-31.

10. (a) Wahlaziywa njani uSirayeli kaThixo? (b) Liyintoni ‘ilizwe’ loSirayeli kaThixo?

10 Ukususela ngowe-1919 kwabakho utshintsho olufanayo nakuSirayeli kaThixo. Ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, amaKristu athanjisiweyo ayebonakala eshiyiwe nguThixo. Kodwa ngowe-1919 abuyiselwa kwimeko yawo entle, yaza nendlela yawo yonqulo yasulungekiswa. Oku kwachaphazela iimfundiso zawo, intlangano yawo, nomsebenzi wawo. USirayeli kaThixo wabuyela ‘elizweni,’ okanye ummandla wakhe wokomoya.—Isaya 66:7, 8, 20-22.

11. AmaYuda amenza njani unina abe ngumfazi?

11 Esigxininisa ngokubhekele phaya isigxina esitsha senkoliseko sabantu bakhe, uYehova uthi: “Kanye njengoko umfana esenza intombi enyulu ibe ngumfazi wakhe, oonyana bakho baya kukwenza umfazi. Nangokugcoba komyeni ngenxa yomtshakazi wakhe, uThixo wakho uya kugcoba ngenxa yakho.” (Isaya 62:5) AmaYuda, ‘angoonyana’ beZiyon, anokumenza njani unina abe ngumfazi? Ngokuthi oonyana beZiyon ababuyileyo ekuthinjweni kwaseBhabhiloni bathabathe isixeko sabo esidala esilikomkhulu baze bahlale kuso kwakhona. Oko kwenza ukuba iZiyon iyeke ukuba yephanzileyo, kodwa izaliswe ngoonyana.—Yeremiya 3:14.

12. (a) UYehova ukwenze kwacaca ngayiphi indlela ukuba amaKristu athanjisiweyo ayinxalenye yentlangano atshate nayo? (b) Indlela uYehova aqhubana ngayo nabantu bakhe iwumisela njani umzelelo obalaseleyo wemitshato yanamhlanje? (Bona ibhokisi ekwiphepha 342.)

12 Ngokufanayo, ukususela ngowe-1919 abantwana beZiyon yasezulwini baye babuyela elizweni labo, okanye kwimeko yabo yokomoya, lizwe elo elinegama lesiprofeto elithi “uMfazi onoMnini wakhe.” Umsebenzi waloo maKristu kwelo lizwe wenze kwacaca ukuba la maKristu athanjisiweyo ‘asisizwana segama likaYehova.’ (IZenzo 15:14) Ukuvelisa kwawo iziqhamo zoBukumkani nokuvakalisa kwawo igama likaYehova kwenze kwacaca ukuba uYehova uyayoliswa ngala maKristu. Wenze kwacaca ukuba ayinxalenye yentlangano yakhe emanyeneyo. Ngokuwathambisa la maKristu ngomoya oyingcwele, ewakhulula ekuthinjweni kokomoya, waza wawasebenzisa ekushumayeleni ngethemba loBukumkani kuluntu lonke, uYehova ubonise ukuba uyavuyiswa ngawo njengokuvuyiswa komyeni ngumtshakazi wakhe.—Yeremiya 32:41.

“Musani Ukuthula”

13, 14. (a) Mandulo, iYerusalem ibe siso njani isixeko sokhuseleko? (b) Namhlanje, iZiyon ibe yiyo njani “indumiso emhlabeni”?

13 Igama elitsha lokomfuziselo uYehova alinike abantu bakhe, libenza bazive benqabisekile. Bayazi ukuba ungakubo yaye ungumnini wabo. Ngoku esebenzisa umzekeliso owahlukileyo, uYehova ubafanisa abantu bakhe nesixeko esibiyelwe ngodonga, esithi: “Ndimisele abalindi phezu kweendonga zakho, Yerusalem. Imini yonke nobusuku bonke, rhoqo, mabangathi cwaka. Nina nikhankanya uYehova, musani ukuthula, kwaye ningamniki ukuthula ade ayizinzise ngokuqinileyo, ewe, ade ayimise iYerusalem ibe yindumiso emhlabeni.” (Isaya 62:6, 7) Ngexesha elifanelekileyo likaYehova, emva kokubuya kwentsalela ethembekileyo eBhabhiloni, iYerusalem iye yaba “yindumiso emhlabeni”—isixeko esibiyelwe ngodonga lokukhusela abemi bayo. Imini nobusuku, abalindi bezo ndonga bahlala bephaphile ukuze baqinisekise ngokunqabiseka kweso sixeko nokuze balumkise abemi baso.—Nehemiya 6:15; 7:3; Isaya 52:8.

14 Namhlanje uYehova uye wasebenzisa abalindi bakhe abathanjisiweyo ukuze abonise abantu abalulamileyo indlela ekhokelela ekukhululekeni kubukhoboka bonqulo lobuxoki. Aba bantu baye bamenywa ukuba bangene entlanganweni yakhe, apho bakhuseleka khona ekungcolisekeni ngokomoya, kwiimpembelelo ezingezozabuthixo, nasekungamkholisini uYehova. (Yeremiya 33:9; Zefaniya 3:19) Udidi lomlindi, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” elilungiselela ukutya “ngexesha elifanelekileyo,” linendima ebalulekileyo kolo khuseleko. (Mateyu 24:45-47) “Isihlwele esikhulu,” esisebenza kunye nodidi lomlindi, naso sinendima enkulu ekwenzeni iZiyon ibe “yindumiso emhlabeni.”—ISityhilelo 7:9.

15. Udidi lomlindi kunye namaqabane alo bamkhonza njani uYehova ngokuzingisileyo?

15 Udidi lomlindi kunye namaqabane alo basaqhubeka nenkonzo yabo! Isimo sabo sengqondo sokuzinikela ngomphefumlo uphela sibonakala emsebenzini wenzondelelo wezigidi zabantu abathembekileyo abaxhaswa ngabaveleli abahambahambayo kunye nabafazi babo; abo basebenza kumakhaya aseBheteli nakumaziko okushicilela amaNgqina kaYehova; abavangeli basemazweni; noovulindlela abakhethekileyo, abathe ngxi nabangabancedani. Ukongezelela, bayazibhokoxa ekwakheni iiHolo zoBukumkani ezintsha, ekutyeleleni abagulayo, ekuncedeni abo bajamelene nocelomngeni lwezamayeza, nasekuncedeni ngokukhawuleza abo bathwaxwe ziintlekele neengozi. Abaninzi baba bantu banomoya wokuzincama ngokufuthi bakhonza ngokoqobo “imini nobusuku”!—ISityhilelo 7:14, 15.

16. Abakhonzi bakaYehova ‘abamniki ukuthula’ ngayiphi indlela?

16 Abakhonzi bakaYehova bakhuthazwa ukuba bathandaze bangayeki, bacele kuThixo ukuba ‘ukuthanda kwakhe kwenzeke emhlabeni njengasezulwini.’ (Mateyu 6:9, 10; 1 Tesalonika 5:17) Babongozwa ngokuthi: “Ningamniki ukuthula” uYehova de izaliseke iminqweno namathemba okubuyiselwa konqulo lokwenyaniso. UYesu wagxininisa imfuneko yokuthandaza ngokuzingisileyo, ebongoza abalandeli bakhe ukuba ‘badanduluke kuThixo imini nobusuku.’—Luka 18:1-8.

Ukukhonza UThixo Kunomvuzo

17, 18. (a) Abemi baseZiyon banokulindela ngayiphi indlela ukunandipha iziqhamo zomsebenzi wabo? (b) Abantu bakaYehova namhlanje bazinandipha njani iziqhamo zomsebenzi wabo?

17 Igama elitsha uYehova alinika abantu bakhe liyabaqinisekisa ukuba imigudu yabo ayilolize. “UYehova ufunge ngesandla sakhe sasekunene nengalo yakhe eyomeleleyo wathi: ‘Andisayi kuba sazinika iintshaba zakho ukudla kwakho okuziinkozo ukuba ibe kukudla kuzo, nabasemzini abayi kuyisela iwayini yakho entsha, obulaleke ngayo. Kodwa bona kanye abo bayihlanganisileyo baya kukudla, yaye ngokuqinisekileyo baya kumdumisa uYehova; baze abo bayiqokelelayo bayisele ezintendelezweni zam ezingcwele.’” (Isaya 62:8, 9) Isandla sikaYehova sasekunene nengalo yakhe eyomeleleyo zifuzisela amandla akhe. (Duteronomi 32:40; Hezekile 20:5) Ukufunga kwakhe ngazo kubonisa ukuba uzimisele ukuyitshintsha imeko yeZiyon. Ngowama-607 B.C.E., uYehova uye wazivumela iintshaba zeZiyon ukuba ziphange impahla yayo. (Duteronomi 28:33, 51) Kodwa ngoku, impahla yeZiyon iza kunanditshwa kuphela ngabaniniyo.—Duteronomi 14:22-27.

18 Ekuzalisekeni kwanamhlanje kwesi sithembiso, abantu bakaYehova ababuyiselweyo banandipha ukuchuma okukhulu kokomoya. Bazinandipha ngokupheleleyo iziqhamo zomsebenzi wabo—ukwanda kwenani labafundi abangamaKristu nentabalala yokutya kokomoya. (Isaya 55:1, 2; 65:14) Ngenxa yokuthembeka kwabantu bakhe, uYehova akazivumeli iintshaba zabo ukuba ziphazamise ukuchuma kwabo kokomoya okanye ziphange iziqhamo zenkonzo yabo yomphefumlo uphela. Akukho namnye umsebenzi owenziwayo ekukhonzeni uYehova olilize.—Malaki 3:10-12; Hebhere 6:10.

19, 20. (a) Ihlahlwe njani indlela yokuba amaYuda abuyele eYerusalem? (b) Namhlanje iye yahlahlwa njani indlela yokuba abalulamileyo beze entlanganweni kaYehova?

19 Kwakhona eli gama litsha lenza ukuba intlangano kaYehova ibe nomtsalane kubantu abantliziyo zinyanisekileyo. Izihlwele ziyathontelana ukuya kuyo, yaye indlela isavulekile. Isiprofeto sikaIsaya sithi: “Phumani, phumani ngamasango. Hlahlani indlela yabantu. Fumbani, fumbani uhola wendlela. Susani amatye kuyo. Phakamiselani izizwana umqondiso.” (Isaya 62:10) Mandulo, esi sibhengezo sisenokuba sasibhekisela ekuphumeni kwabantu kumasango ezixeko zaseBhabhiloni ukuze babuyele eYerusalem. Aba bantu babuyayo babemele basuse amatye endleleni ukuze uhambo lube lula, yaye babemele baphakamise umqondiso wokubonisa indlela.—Isaya 11:12.

20 Ukususela ngowe-1919, amaKristu athanjisiweyo aye asetyenziswa ngokukhethekileyo ukuba aphumeze inkonzo yobuthixo yaye ahamba ‘kwiNdlela Yobungcwele.’ (Isaya 35:8) Abe ngabokuqala ukuhamba kuhola wendlela wokomoya ophuma kwiBhabhiloni Enkulu. (Isaya 40:3; 48:20) UThixo uwanike ilungelo lokukhokela ekuvakaliseni imisebenzi yakhe yamandla nasekuboniseni abanye indlela eya kulo hola wendlela. Ukususa amatye, okanye izikhubekiso ezikule ndlela, kube yingenelo kuwo. (Isaya 57:14) Kwenze akwazi ukuzibona ngokucacileyo iinjongo neemfundiso zikaThixo. Iinkolelo zobuxoki zingamatye esikhubekiso endleleni esa ebomini, kodwa iLizwi likaYehova ‘linjengesando sokuhlekeza esikroboza ingxondorha.’ Ngaso, amaKristu athanjisiweyo aye atyumza amatye esikhubekiso ebenokukhubekisa abo babefuna ukukhonza uYehova.—Yeremiya 23:29.

21, 22. Nguwuphi umqondiso uYehova awumisela abo bashiya unqulo lobuxoki, yaye sikwazi njani oko?

21 Ngowama-537 B.C.E., iYerusalem yaba ngumqondiso owatsalela intsalela yamaYuda ukuba ibuye ize iyakhe kwakhona itempile. (Isaya 49:22) Ngowe-1919 xa intsalela ethanjisiweyo yakhululwayo kubukhoboka bonqulo lobuxoki, ayizange ibhadule esithubeni. Yayisazi ngqo apho yayimele iye khona, kuba uYehova wayeyimisele umqondiso. Nguwuphi loo mqondiso? Ngulowo waxelwa kwangaphambili kuIsaya 11:10, othi: “Kuya kuthi ke ngaloo mini kubekho ingcambu kaYese eya kuma njengomqondiso kwizizwana.” Umpostile uPawulos uwabhekisa la mazwi kuYesu. (Roma 15:8, 12) Ewe, lo mqondiso nguKristu Yesu, olawula njengoKumkani kwiNtaba yeZiyon yasezulwini!—Hebhere 12:22; ISityhilelo 14:1.

22 AmaKristu athanjisiweyo kunye nezinye izimvu bathontelana kuYesu Kristu ukuze banqule ngokumanyeneyo Oyena Thixo Uphakamileyo. Ulawulo lwakhe luthethelela ulongamo lukaYehova lwendalo iphela yaye luzisa intsikelelo kwabo bantliziyo zinyanisekileyo baphuma kuzo zonke iintlanga zomhlaba. Ngaba oku akuniki ngamnye wethu isizathu sokumdumisa?

“Usindiso Lwakho Luyeza”!

23, 24. Balufumana njani usindiso abo bakholwayo kuThixo?

23 Igama elitsha uYehova alinika intlangano engumfazi wakhe linento yokwenza nosindiso lukanaphakade lwabantwana bayo. UIsaya ubhala esithi: “Khangela! UYehova uvakalise oku nakwezona nxalenye zithe qelele zomhlaba: ‘Yithini kwintombi yaseZiyon, “Khangela! Usindiso lwakho luyeza. Khangela! Umvuzo awunikelayo unaye, nentlawulo ayihlawulayo iphambi kwakhe.”’” (Isaya 62:11) Usindiso lwafika kumaYuda ekutshatyalalisweni kweBhabhiloni aza wona abuyela ezweni lawo. Kodwa la mazwi anenzaliseko enkulu ngakumbi. Esi sibhengezo sikaYehova sisikhumbuza ngesiprofeto sikaZekariya ngokuphathelele iYerusalem, esithi: “Vuya kakhulu, wena ntombi yaseZiyon. Duma ngoloyiso, wena ntombi yaseYerusalem. Khangela! Ukumkani wakho uza kuwe. Ulilungisa, ewe, usindisiwe; uthobekile, yaye ukhwele e-esileni, sona kanye isilwanyana esikhule ngokupheleleyo esizalwa yimazi ye-esile.”—Zekariya 9:9.

24 Kwiminyaka emithathu enesiqingatha emva kokubhaptizwa kukaYesu emanzini nokuthanjiswa kwakhe ngomoya kaThixo, wangena eYerusalem ekhwele iesile waza wayicoca itempile yayo. (Mateyu 21:1-5; Yohane 12:14-16) Namhlanje, uYesu Kristu ubazisela usindiso oluvela kuYehova bonke abo banokholo kuThixo. Ukususela ekubekweni kwakhe etroneni ngowe-1914, uYesu ukwakhonza njengoMgwebi noMphumezi Wemigwebo kaYehova omiselweyo. Ngowe-1918, kwiminyaka emithathu enesiqingatha emva kokubekwa kwakhe etroneni, uye wayicoca itempile kaYehova yokomoya, njengoko emhlabeni imelwa libandla lamaKristu athanjisiweyo. (Malaki 3:1-5) Ukuphakanyiswa kwakhe njengomqondiso kwakuphawula ukuqala kokuhlanganiswa kwabantu emhlabeni wonke, ukuze baxhase uBukumkani bukaMesiya. Ngokufanayo nangexesha lamandulo, “usindiso” lukaSirayeli kaThixo lwafika ekukhululweni kwakhe kwiBhabhiloni Enkulu ngowe-1919. “Umvuzo” okanye ‘intlawulo’ egcinelwe aba bavuni banomoya wokuzincama bubomi bokungafi ezulwini okanye ubomi obungunaphakade emhlabeni. Bonke abo bahlala bethembekile banokuqiniseka ukuba ‘ukubulaleka kwabo akulolize eNkosini.’—1 Korinte 15:58.

25. Yintoni abaqinisekiswa ngayo abantu bakaYehova?

25 Hayi indlela eliqaqambe ngayo ikamva lentlangano kaYehova yasezulwini, nelabameli bayo abathanjisiweyo abalapha emhlabeni, kwanelabo bonke abo banxulumana ngokukhutheleyo kunye nabo! (Duteronomi 26:19) UIsaya waprofeta wathi: “Ngokuqinisekileyo abantu baya kubabiza ngokuba ngabantu abangcwele, abo bahlawulelweyo nguYehova; yaye wena uya kubizwa ngokuba ungoFuniweyo, isiXeko Esingashiywanga Ngokupheleleyo.” (Isaya 62:12) Ngaxa lithile “iYerusalem ephezulu,” emelwa nguSirayeli kaThixo, yayikhe yavakalelwa ngathi ishiyiwe. Ayisayi kuze ivakalelwe ngaloo ndlela kwakhona. UYehova uya kubakhusela ngenyameko ngonaphakade abantu bakhe, bahlale bekholekile kuye.

[Umbhalo osemazantsi]

a Esiprofetweni seBhayibhile ‘igama elitsha’ lisenokubonisa isigxina okanye ilungelo elitsha.—ISityhilelo 2:17; 3:12.

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi ekwiphepha 342]

Umzekelo Obalaseleyo Womtshato

Xa abantu betshata, baba nolindelo oluthile ngomanyano lwabo lomtshato. Kodwa luyintoni ulindelo lukaThixo? Nguye owasungula umtshato. Yayiyintoni injongo yakhe ngawo?

Imbono kaThixo siyibona kulwalamano lwakhe kunye nohlanga lukaSirayeli. UIsaya uluchaza olu lwalamano njengomtshato. (Isaya 62:1-5) Phawula oko uYehova uThixo ‘njengendoda’ akwenzela ‘umtshakazi’ wakhe. Uyamkhusela aze amngcwalise. (Isaya 62:6, 7, 12) Uyamzukisa aze amphakamise. (Isaya 62:3, 8, 9) Yaye uyayoliswa nguye, njengoko oko kuboniswa kukumnika kwakhe amagama amatsha.—Isaya 62:4, 5, 12.

KwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, uPawulos uphinda amazwi kaIsaya achaza ulwalamano oluphakathi kukaYehova noSirayeli xa ethelekisa ulwalamano lwendoda nomfazi kunye nolo lukaKristu nebandla lamaKristu athanjisiweyo.—Efese 5:21-27.

UPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba emitshatweni yawo axelise ulwalamano oluphakathi kukaYesu nebandla. Alukho uthando olungaphezu kolo luboniswa nguYehova kuSirayeli nolo luboniswa nguKristu ebandleni. Olo lwalamano lokomfuziselo lumisela umzekelo obalaseleyo wokwenza imitshato yamaKristu iphumelele yaye ibe yeyonwabisayo.—Efese 5:28-33.

[Umfanekiso okwiphepha 339]

UYehova uya kuyibiza ngegama elitsha iZiyon yasezulwini

[Imifanekiso ekwiphepha 347]

Namhlanje udidi lomlindi kaYehova aluthanga cwaka