Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isandla SikaYehova Asikho Sifutshane

Isandla SikaYehova Asikho Sifutshane

Isahluko Samashumi Amabini

Isandla SikaYehova Asikho Sifutshane

Isaya 59:1-21

1. Injani imeko kwaYuda, yaye yintoni abazibuza yona abaninzi?

 UHLANGA lukaYuda lume ngelokuba lukulwalamano lomnqophiso noYehova. Kodwa, luzaliswe ziinkathazo. Akukho okusesikweni, kugquba ulwaphulo-mthetho nengcinezelo, yaye akukho themba lokuba le meko iza kuphucula. Ngokuqinisekileyo kukho undonakele. Abaninzi bayazibuza enoba uYehova uya kuze ayilungise na le meko. Le yimeko eyayikho ngemihla kaIsaya. Kodwa ingxelo kaIsaya esichazela ngeli xesha asiyombali nje kuphela yamandulo. Amazwi akhe esiprofeto asisilumkiso kubo bonke abazibanga benqula uThixo kodwa babe beyityeshela imithetho Yakhe. Yaye isiprofeto esiphefumlelweyo esibhalwe kuIsaya isahluko 59 silukhuthazo kubo bonke abo bazabalazela ukukhonza uYehova phezu kwako nje ukuphila kumaxesha anzima nayingozi.

Ukuzahlukanisa NoThixo Oyinyaniso

2, 3. Kutheni uYehova engamkhuseli uYuda?

2 Khawufan’ ucinge—abantu bakaYehova bomnqophiso bangabawexuki! Bamnikele umva uMenzi wabo, ngaloo ndlela bezisusa kwisandla sakhe senkuselo. Ngenxa yoku, bafumana ingcinezelo eqatha. Ngaba mhlawumbi bagxeka uYehova ngobunzima ababufumanayo? UIsaya uthi kubo: “Khangela! Isandla sikaYehova asisifutshane ukuba singasindisi, nendlebe yakhe ayinzima ukuba ingeva. Kodwa ziziphoso zenu ezinahlukanisileyo noThixo wenu, zizono zenu ezibusithelisileyo ubuso bakhe kuni ukuze angeva.”—Isaya 59:1, 2.

3 Le yinyaniso emsulwa. UYehova usenguThixo wosindiso. ‘NjengoMphulaphuli wemithandazo,’ uyayiphulaphula imithandazo yabakhonzi bakhe abathembekileyo. (INdumiso 65:2) Kodwa, akabasikeleli abenzi bobubi. Aba bantu ngabo ababekek’ ityala ngokuzahlukanisa kwabo noYehova. Bubungendawo babo obumenze wabusithelisa ubuso bakhe kubo.

4. Umangalelwa ngantoni uYuda?

4 Inyaniso ikukuba, amaYuda anengxelo embi kakhulu. Isiprofeto sikaIsaya sikhankanya ezinye zezimangalo nxamnye nawo, sisithi: “Iintende zenu zingcoliswe ligazi, neminwe yenu sisiphoso. Imilebe yenu ithethe ubuxoki. Ulwimi lwenu ludumzela intswela-bulungisa.” (Isaya 59:3) Aba bantu bangamaxoki athetha intswela-bulungisa. Ibinzana elithi “iintende zenu zingcoliswe ligazi” libonisa ukuba abanye bade baba ngababulali. Olunjani lona ugculelo kuThixo, ekubeni uMthetho wakhe ungapheleli nje ngokukugweba ukubulala kodwa ukwagweba ‘nokuthiya umzalwana wakho entliziyweni yakho’! (Levitikus 19:17) Izono ezinzulu zabemi bakwaYuda nemiphumo yazo engaphephekiyo zifanele zikhumbuze ngamnye wethu namhlanje ukuba kufuneka siziphephe iingcamango neemvakalelo zesono. Kungenjalo, sinokugqibela ngokwenza izenzo zobungendawo eziya kusahlukanisa noThixo.—Roma 12:9; Galati 5:15; Yakobi 1:14, 15.

5. Wonakele kangakanani uYuda?

5 Lulonke nje olu hlanga lonakaliswe sisono. Isiprofeto sithi: “Akukho namnye umemeza ngobulungisa, yaye akukho namnye konke konke oye enkundleni ngokuthembeka. Kukholoswe ngento engeyonene, yaye kuthethwa ubungento. Kukhawulwe inkathazo, kuzelwe okwenzakalisayo.” (Isaya 59:4) Akukho namnye othetha ngobulungisa. Kwanakwiinkundla zamatyala, kunqabile ukufumana umntu onyanisekileyo okanye othembekileyo. UYuda umnikel’ umva uYehova waza wakholosa ngeentlanga, kwanangezithixo ezingaphiliyo. Konke nje oku ‘kulilize’ namampunge. (Isaya 40:17, 23; 41:29) Ngenxa yoko, bathetha kakhulu, kodwa bathethela ilize. Baqulunqa amacebo, kodwa abafaka enkathazweni aze abenzakalise.

6. Ingxelo yeNgqobhoko ifana njani nekaYuda?

6 Intswela-bulungisa nogonyamelo lukaYuda lufana ncam nolweNgqobhoko. (Bona umxholo othi “IYerusalem Ewexukileyo—Ifanekisela INgqobhoko,” kwiphepha 294.) Kuye kwaliwa iimfazwe zehlabathi ezimbini ezinogonyamelo ezibandakanya iintlanga ezizibiza ngokuba zezobuKristu. Kude kube ngoku, unqulo lweNgqobhoko alukwazanga ukuphelisa ukubulalana kweentlanga nezizwe phakathi kwamalungu alo. (2 Timoti 3:5) Nangona uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bakholose ngoBukumkani bukaThixo, iintlanga zeNgqobhoko zisaqhubeka zikholosa ngezixhobo zemfazwe nangezobupolitika. (Mateyu 6:10) Eneneni, abakhandi bezona zixhobo zinobungozi ehlabathini bafumaneka kwiintlanga zeNgqobhoko! Ewe, ngokukholosa kwayo ngekamva elinqabisekileyo eliza kuziswa ngabantu, kufana ngathi iNgqobhoko ikholosa ngento ‘elilize.’

Ukuvuna Iziqhamo Ezikrakra

7. Kutheni amacebo kaYuda evelisa imiphumo ebuhlungu kuphela?

7 Unqulo-zithixo nokunganyaniseki akunakuvelisa ibutho labantu abonwabileyo. Ngenxa yokuba amaYuda angathembekanga eye abhenela kwihambo enjalo, ngoku avuna inkathazo azihlwayelele yona. Sifunda oku: “Baqandusela amaqanda enyoka enobuhlungu, yaye baluka indlu yesigcawu. Nabani na odlayo emaqandeni abo angafa, neqanda elikrotyoziweyo lingaqandusela irhamba.” (Isaya 59:5) Ukususela kwasekuqulunqweni kwawo, amacebo kaYuda akavelisanga nto ibhadlileyo. Iingcinga zakhe eziphosakeleyo zivelisa ububi kuphela, kanye njengokuba namaqanda enyoka enobuhlungu evelisa kuphela iinyoka ezinobuhlungu. Yaye ngenxa yoko olo hlanga luyabandezeleka.

8. Yintoni ebonisa ukuba iingcamango zikaYuda zigqwethekile?

8 Abanye abemi bakwaYuda basenokubhenela kugonyamelo ukuze bazikhusele, kodwa abayi kuphumelela. Ugonyamelo alunakukuthabathel’ indawo ukukholosa ngoYehova lungenakuyithabathel’ indawo nemisebenzi yobulungisa ngokuthi luzise inkuseleko, kanye njengokuba nemisonto yendlu yesigcawu ingenakulithabathel’ indawo ilaphu lokwenene ngokuthi ikukhusele kwimozulu embi. UIsaya uthi: “Umsonto wendlu yesigcawu awuyi kuba sisambatho, bengayi kuzigquma ngemisebenzi yabo. Imisebenzi yabo yimisebenzi eyenzakalisayo, nomsebenzi wogonyamelo usezintendeni zabo. Iinyawo zabo ziqhubeka zibalekela ngqo ebubini, yaye ziyakhawuleza ukuphalaza igazi elimsulwa. Iingcamango zabo ziingcamango ezenzakalisayo; ukuphanga nokuwisa ngoohola babo bendlela.” (Isaya 59:6, 7) Iingcamango zikaYuda zigqwethekile. Ngokubhenela kwakhe kugonyamelo ukuze acombulule iingxaki zakhe, ubhenca isimo sakhe sengqondo esingesosabuthixo. Ayimkhathazi into yokuba uninzi lwamaxhoba akhe lungabantu abamsulwa yaye abanye babo bangabakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo.

9. Kutheni iinkokeli zeNgqobhoko zingenakuze zilufumane uxolo?

9 La mazwi aphefumlelweyo asikhumbuza ngengxelo yophalazo-gazi lweNgqobhoko. Ngokuqinisekileyo, uYehova uza kuyiphendulisa ngokubumela kwayo kakubi ubuKristu! NjengamaYuda omhla kaIsaya, iNgqobhoko iye yathabatha ihambo egqwethekileyo yokuziphatha ngenxa yokuba iinkokeli zayo zikholelwa ukuba ikuphela kwendlela esengqiqweni. Ngoxa zithetha ngoxolo, zenza okungekho sikweni. Olunjani lona uhanahaniso! Ekubeni iinkokeli zeNgqobhoko ziqhubeka nolu hanahaniso, azinakuze zilufumane uxolo lokwenene. Kunjengokuba isiprofeto sihlabela mgama sisithi: “Indlela yoxolo abayinanzanga, yaye akukho okusesikweni emikhondweni yabo. Iindlela zabo bazenze zagwenxa. Akukho namnye onyathela kuzo oya kulwazi konke konke uxolo.”—Isaya 59:8.

Ukubhadula Ebumnyameni Bokomoya

10. UIsaya ulivuma esithini ityala likaYuda?

10 UYehova akanakuzisikelela iindlela zikaYuda zohanahaniso nezogonyamelo. (INdumiso 11:5) Ngoko uIsaya uyalivuma ityala lohlanga lukaYuda luphela, esithi: “Okusesikweni kukude kuthi, nobulungisa [abusifumani]. Sihlala sithembe ukukhanya, kodwa, khangela! bubumnyama; sithembe ukuqaqamba, kodwa saqhubeka sihamba esithokothokweni. Simana siphuthaphutha udonga njengabantu abaziimfama, kwaye siyaphuthaphutha njengabo bangenamehlo. Sikhubeke emini enkulu njengasekutshoneni kwelanga; phakathi kwabomeleleyo sinjengabafileyo. Sihlala sigcuma, sonke, njengeebhere; nanjengamahobe siyalila sikhedamile.” (Isaya 59:9-11a) AmaYuda akalenzanga iLizwi likaThixo laba sisibane seenyawo zawo nokukhanya endleleni yawo. (INdumiso 119:105) Ngenxa yoko, imeko yawo ayiginyisi mathe. Kwanasemini emaqanda, ayaphuthaphutha ngokungathi kusebusuku. Afana nje nabafileyo. Ngenxa yokulangazelela kwawo ukufumana isiqabu, agcuma ngamandla njengeebhere ezilambileyo okanye ezonzakeleyo. Amanye alila kabuhlungu, njengamahobe angenabani.

11. Kutheni amathemba kaYuda okufumana okusesikweni nosindiso elilize?

11 UIsaya uyazi kakuhle into yokuba isizathu seli shwangusha likaYuda sibe kukuvukela kwakhe uThixo. Uthi: “Sihlala sithembe okusesikweni, kodwa kungabikho; usindiso, kodwa luhlalele kude kuthi. Kuba iye yaba ninzi imvukelo yethu phambi kwakho; ke zona izono zethu, ngasinye siyangqina nxamnye nathi. Kuba imvukelo yethu ikuthi; yaye ke zona iziphoso zethu, sizazi kakuhle. Kubekho ukunxaxha nokumkhanyela uYehova; kwaye kubekho ukuhlehla kuThixo wethu, ukuthetha ngengcinezelo nemvukelo, ukukhawula nokudumzela amazwi obuxoki asuka entliziyweni.” (Isaya 59:11b-13) Ekubeni abemi bakwaYuda bengakhange baguquke, izono zabo azikaxolelwa. Okusesikweni akukho ezweni labo kuba abantu bamshiyile uYehova. Bazingqine bengamaxoki ngandlela zonke, bada bacinezela nabazalwana babo. Hayi indlela abafana ngayo neNgqobhoko yanamhlanje! Abaninzi kuyo abapheleli nje ngokugatya okusesikweni kodwa bayawatshutshisa amaNgqina kaYehova athembekileyo azabalazela ukwenza ukuthanda kukaThixo.

UYehova Udlulisela Umgwebo

12. Sinjani isimo sengqondo sabo banembopheleleko yokukhuthaza okusesikweni kwaYuda?

12 Akubonakali kukho okusesikweni, ubulungisa nenyaniso kwaYuda. “Okusesikweni kuhlehlisiwe, nobulungisa basuka bamela kude. Kuba inyaniso ikhubekile nasendaweni yembutho, noko kuthe tye akukwazi kungena.” (Isaya 59:14) Ngaphaya kwamasango esixeko sakwaYuda, kukho iindawo zembutho apho ahlanganisana khona amadoda amakhulu ukuze achophele amatyala. (Rute 4:1, 2, 11) Loo madoda afanele agwebe ngobulungisa nangokusesikweni, angamkeli sinyobo. (Duteronomi 16:18-20) Kodwa wona, agweba ngokweengcamango zawo zokuzingca. Okubi nangaphezu koko kukuba, wonk’ ubani ozama ngokunyanisekileyo ukwenza okulungileyo amgqala njengexhoba. Sifunda oku: “Ayikho inyaniso, yaye nabani na osukayo ebubini uyaphangwa.”—Isaya 59:15a.

13. Ekubeni abagwebi bakwaYuda bengawenzi ngokufanelekileyo umsebenzi wabo, yintoni aza kuyenza uYehova?

13 Abo bakhuthaza ukuziphatha okugqwethekileyo bayalibala ukuba uThixo akayomfama, akanguye ongakhathaliyo, yaye unamandla. UIsaya ubhala athi: “UYehova wabona, yaye kwakukubi emehlweni akhe ukungabikho kokusesikweni. Akubona ukuba akukho mntu, wakhwankqiswa kukungabikho komthetheleli. Waza ke wabasindisa ngayo ingalo yakhe, wabaxhasa ngabo ubulungisa bakhe.” (Isaya 59:15b, 16) Ekubeni abagwebi abamiselweyo bengawenzi ngokufanelekileyo umsebenzi wabo, uYehova uza kungenelela. Yaye ekungeneleleni kwakhe, uza kusebenzisa ubulungisa namandla.

14. (a) Sisiphi isimo sengqondo abaninzi abanaso namhlanje? (b) UYehova ukuxhobele njani ukuthabatha inyathelo?

14 Kukho imeko efanayo nanamhlanje. Kwihlabathi esiphila kulo abaninzi babandakanyeke ‘ekungahlambulukini kwalo lonke uhlobo.’ (Efese 4:19) Bambalwa abakholelwayo ukuba uYehova uya kuze angenelele ukuze aphelise ubungendawo emhlabeni. Kodwa isiprofeto sikaIsaya sibonisa ukuba uYehova uyondele ngenyameko imicimbi yabantu. Uwisa isigwebo, aze ngexesha lakhe, enze ngokuvisisana nemigwebo yakhe. Ngaba imigwebo yakhe isesikweni? UIsaya ubonisa ukuba kunjalo. Ngokuphathelele imeko yohlanga lukaYuda, ubhala athi: “Wandula ke [uYehova] wambatha ubulungisa njengesambatho sentsimbi, nesigcina-ntloko sosindiso entloko. Ngapha koko, wambatha izambatho zempindezelo waza wazisonga ngenzondelelo ngokungathi sisambatho esingenamikhono.” (Isaya 59:17) La mazwi esiprofeto amchaza uYehova njengomphumi-mkhosi oxhobele idabi. Uzimisele ukuzisa usindiso. Uqinisekile ngobulungisa bakhe obupheleleyo nobungaxengaxengiyo. Yaye uza kuyiphumeza ngenzondelelo imigwebo yakhe. Alithandabuzeki elokuba kuza kulawula ubulungisa.

15. (a) Yintoni eza kwenziwa ngamaKristu okwenyaniso xa uYehova ephumeza umgwebo wakhe? (b) Kunokuthiwani ngemigwebo kaYehova?

15 Namhlanje kwamanye amazwe, iintshaba zenyaniso zizama ukuwuthintela umsebenzi wabakhonzi bakaYehova ngokuthi zisasaze ubuxoki nxamnye nabo. AmaKristu okwenyaniso akakho mathidala ukuyimela inyaniso, kodwa akaze aziphindezelele. (Roma 12:19) Kwanaxa uYehova egweba iNgqobhoko ewexukileyo, abanquli bakhe basemhlabeni abayi kufak’ isandla ekutshatyalalisweni kwayo. Bayazi ukuba uYehova uyigcinele yena impindezelo yaye uza kuthabatha amanyathelo afanelekileyo ekufikeni kwexesha. Isiprofeto sisiqinisekisa ngokuthi: “Uya kubavuza ngokwezenzo zabo, akhuphele umsindo wakhe kwabo bachasene naye, azibuyekeze ngokwempatho yazo iintshaba zakhe. Kwiziqithi uya kubuyekeza impatho efaneleyo.” (Isaya 59:18) Njengakumhla kaIsaya, imigwebo kaThixo ayizi kuba sesikweni nje kuphela kodwa iza kuba yepheleleyo. Iza kufikelela ‘naseziqithini,’ kwiindawo ezithe qelele. Akukho namnye oya kuba sendaweni ekwanti ngohlobo lokuba ingafikeleli kuye imigwebo kaYehova.

16. Ngoobani abaza kusinda kumgwebo kaYehova, yaye ukusindiswa kwabo kuza kubafundisa ntoni?

16 Abo bazibhokoxayo ekwenzeni okulungileyo uYehova ubagweba ngobulungisa. UIsaya uxela kwangaphambili ukuba kwiimbombo zone zomhlaba—emhlabeni wonke—abanjalo baza kusindiswa. Yaye ukubona kwabo indlela abakhuselwe ngayo nguYehova kuya kubenza ukuba bamhlonele ngakumbi. (Malaki 1:11) Sifunda oku: “Entshonalanga baya kuqalisa ukuloyika igama likaYehova, nasempumalanga uzuko lwakhe, kuba uya kufika njengomlambo obandezelayo, lowo uqhutywa nguwo kanye umoya kaYehova.” (Isaya 59:19) Njengesaqhwithi esinamandla esityhala umlambo uze ukhukhulise yonk’ into esendleleni yawo, nawo umoya kaYehova uza kutshayela yonke imiqobo ephazamisana nokuphunyezwa kokuthanda kwakhe. Umoya wakhe unamandla kunayo nayiphi na into enamandla abantu abanayo. Xa ewusebenzisa ekugwebeni abantu neentlanga, uza kuphumelela ngokuqinisekileyo nangokupheleleyo.

Ithemba Nentsikelelo Kwabo Baguqukayo

17. Ngubani uMhlawuleli weZiyon, yaye uyihlawulela nini iZiyon?

17 Phantsi koMthetho kaMoses, umSirayeli owayezithengise ebukhobokeni wayenokukhululwa ebukhobokeni ngokuthi athengwe ngumhlawuleli. Ngaphambili encwadini kaIsaya yesiprofeto, uYehova uye wachazwa njengoMhlawuleli wabantu abaguqukayo. (Isaya 48:17) Kwakhona ngoku uchazwa njengoMhlawuleli wabo baguqukayo. UIsaya ubhala isithembiso sikaYehova esithi: “‘Ngokuqinisekileyo uMhlawuleli uya kuza eZiyon, nakwabo bajikayo ekunxaxheni kwaYakobi,’ utsho uYehova.” (Isaya 59:20) Esi sithembiso sinik’ ithemba sizaliseke ngowama-537 B.C.E. Kodwa sinenzaliseko engakumbi. Umpostile uPawulos wawacaphula la mazwi ewathabatha kwinguqulelo yeSeptuagint waza wawabhekisa kumaKristu. Wabhala wathi: “Ngolu hlobo wonke uSirayeli uya kusindiswa. Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: ‘Umhlawuleli uya kuza ephuma eZiyon aze alukhwelelise uqheliselo olungelolwabuthixo kuYakobi. Yaye lo ngumnqophiso wam kunye nabo, xa ndizisusa izono zabo.’” (Roma 11:26, 27) Eneneni, isiprofeto sikaIsaya sinentsingiselo enkulu ngakumbi—efikelela kwixesha lethu nasemva kwalo. Kwenzeka njani oko?

18. UYehova wamvelisa nini yaye njani “uSirayeli kaThixo”?

18 Ngenkulungwane yokuqala, intsalela encinane yohlanga lukaSirayeli yamamkela uYesu njengoMesiya. (Roma 9:27; 11:5) Ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., uYehova wathululela umoya wakhe oyingcwele kwabamalunga ne-120 laloo makholwa waza wenza nabo umnqophiso omtsha owawunomlamli onguYesu Kristu. (Yeremiya 31:31-33; Hebhere 9:15) Ngolo suku kwavela “uSirayeli kaThixo,” uhlanga olutsha olunamalungu angengawo awenzala ka-Abraham yokwenyama, kodwa azelwe ngomoya kaThixo. (Galati 6:16) Ukususela kuKorneli, olu hlanga lutsha lwaquka iiNtlanga ezingalukanga. (IZenzo 10:24-48; ISityhilelo 5:9, 10) Ngoko uYehova uThixo wabamkela njengabantwana bakhe bokomoya, iindlalifa kunye noYesu.—Roma 8:16, 17.

19. Nguwuphi umnqophiso uYehova awenza kunye noSirayeli kaThixo?

19 Ngoku uYehova wenza umnqophiso kunye noSirayeli kaThixo. Sifunda oku: “‘Mna ke, nguwo lo umnqophiso wam nabo,’ utsho uYehova. ‘Umoya wam ophezu kwakho namazwi am endiwabeke emlonyeni wakho—akayi kushenxiswa emlonyeni wakho okanye emlonyeni wenzala yakho okanye emlonyeni wenzala yenzala yakho,’ utsho uYehova, ‘ukususela ngoku kuse phambili kwixesha elingenammiselo.’” (Isaya 59:21) Enoba la mazwi ayebhekisa kuIsaya ngokwakhe okanye akunjalo, ngokuqinisekileyo azaliseka kuYesu, owaqinisekiswayo ukuba ‘wayeya kuyibona inzala yakhe.’ (Isaya 53:10) UYesu wathetha amazwi awayewafunde kuYehova, yaye umoya kaYehova wawuphezu kwakhe. (Yohane 1:18; 7:16) Ngokufanelekileyo, abazalwana bakhe abaziindlalifa kunye naye, amalungu oSirayeli kaThixo, nawo afumana umoya oyingcwele kaYehova aze ashumayele isigidimi asifunde kuYise osemazulwini. Onke ‘afundiswe nguYehova.’ (Isaya 54:13; Luka 12:12; IZenzo 2:38) Enoba kungoIsaya okanye kungoYesu, lowo ofanekiselwa nguIsaya esiprofetweni, ngoku uYehova wenza umnqophiso wokuba akasayi kuze amisele abanye endaweni yawo, kodwa uza kuwasebenzisa ukusa kwixesha elingenammiselo njengamangqina akhe. (Isaya 43:10) Ngoobani ‘inzala’ yawo, nayo engenelwayo kulo mnqophiso?

20. Sazaliseka njani isithembiso uYehova awasenza kuAbraham ngenkulungwane yokuqala?

20 Kumaxesha amandulo uYehova wamthembisa oku uAbraham: “Ngokuqinisekileyo ziya kuzisikelela ngembewu yakho zonke iintlanga zomhlaba.” (Genesis 22:18) Ngokuvisisana noku, intsalela encinane yamaSirayeli okwenyama eyamamkelayo uMesiya yaya kwiintlanga ezininzi, yashumayela iindaba ezilungileyo ezingoKristu. Ukususela kuKorneli iiNtlanga ezininzi ezingalukanga ‘zazisikelela’ ngoYesu, iMbewu ka-Abraham. Zaba yinxalenye yoSirayeli kaThixo nenxalenye yesibini yembewu ka-Abraham. Ziyinxalenye ‘yohlanga olungcwele’ lukaYehova, olunothumo ‘lokuvakalisa ngokubanzi iimbalasane zalowo wazibizayo ukuba ziphume ebumnyameni zingene ekukhanyeni kwakhe okumangalisayo.’—1 Petros 2:9; Galati 3:7-9, 14, 26-29.

21. (a) Yiyiphi ‘inzala’ aye wayivelisa uSirayeli kaThixo kumaxesha anamhlanje? (b) Le “nzala” ikhuthazwa njani ngumnqophiso, okanye sisivumelwano uYehova asenze kunye noSirayeli kaThixo?

21 Namhlanje kubonakala ukuba sele liphelele inani loSirayeli kaThixo. Sekunjalo, iintlanga zisaqhubeka zisikelelwa—yaye ngomkhamo omkhulu. Njani? Ngokuthi uSirayeli kaThixo abe ‘nenzala,’ abafundi bakaYesu abanethemba lobomi obungunaphakade kwiparadesi yasemhlabeni. (INdumiso 37:11, 29) Nayo le “nzala” ifundiswa nguYehova yaye iyalelwa ngeendlela zakhe. (Isaya 2:2-4) Nangona ingabhaptizwa ngomoya oyingcwele yaye ingenanxaxheba emnqophisweni omtsha, yomelezwa ngomoya oyingcwele kaYehova ukuze yoyise yonke imiqobo kaSathana yokuthintela umsebenzi wayo wokushumayela. (Isaya 40:28-31) Ngoku inani layo lifikelela kwizigidi yaye liyaqhubeka lisanda njengoko nayo ivelisa eyayo inzala. Umnqophiso, okanye isivumelwano sikaYehova kunye nabo bathanjisiweyo siyinika le “nzala” intembelo yokuba uYehova uza kuqhubeka eyisebenzisa nayo njengezithethi zakhe ukusa kwixesha elingenammiselo.—ISityhilelo 21:3, 4, 7.

22. Sinokuba nayiphi intembelo kuYehova, yaye oku kufanele kusichaphazele njani?

22 Ngoko, ngamana sonke singalulondoloza ukholo lwethu kuYehova. Ukulungele ukusisindisa yaye unawo amandla okwenjenjalo! Isandla sakhe asisayi kuze sibe sifutshane; uya kusoloko ebahlangula abantu bakhe abathembekileyo. Bonke abo bakholosa ngaye baya kuqhubeka bewavakalisa amazwi akhe amnandi ngemilomo yabo ukusa “kwixesha elingenammiselo.”

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi ekwiphepha 294]

IYerusalem Ewexukileyo—Ifanekisela INgqobhoko

IYerusalem, isixeko esilikomkhulu lohlanga lukaThixo olunyuliweyo, ifanekisela intlangano kaThixo yasezulwini yezidalwa zomoya kunye nequmrhu lamaKristu athanjisiweyo avuselwe ezulwini njengomtshakazi kaKristu. (Galati 4:25, 26; ISityhilelo 21:2) Kodwa ngokufuthi abemi baseYerusalem baye abathembeka kuYehova, saza eso sixeko sachazwa njengonongogo nomkrexezikazi. (Hezekile 16:3, 15, 30-42) Ngoxa yayikuloo meko, iYerusalem yayiyifanekisela ngokuthe ncam iNgqobhoko ewexukileyo.

UYesu wayibiza iYerusalem ngokuthi ‘ngumbulali wabaprofeti nomxulubi wabo bathunyelwe kuyo.’ (Luka 13:34; Mateyu 16:21) Ngokufanayo neYerusalem engathembekanga, iNgqobhoko izibanga ikhonza uThixo oyinyaniso kodwa izityeshela kanobom iindlela zakhe zobulungisa. Sinokuba nentembelo yokuba uYehova uza kuyigweba iNgqobhoko ngemilinganiselo yobulungisa efanayo naleyo wagweba ngayo iYerusalem ewexukileyo.

[Umfanekiso okwiphepha 296]

Umgwebi ufanele agwebe ngobulungisa, afune okusesikweni, aze angamkeli sinyobo

[Umfanekiso okwiphepha 298]

Njengamanzi omlambo, imigwebo kaYehova iza kuyitshayela yonke imiqobo ethintela ukwenzeka kokuthanda kwakhe

[Umfanekiso okwiphepha 302]

UYehova wenza umnqophiso wokuba abantu bakhe abasayi kuze baphulukane nelungelo lokuba ngamangqina akhe