Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isigidimi Sethemba Kubathinjwa Abadimazekileyo

Isigidimi Sethemba Kubathinjwa Abadimazekileyo

Isahluko Seshumi Elinesithandathu

Isigidimi Sethemba Kubathinjwa Abadimazekileyo

Isaya 55:1-13

1. Chaza imeko yamaYuda angabathinjwa eBhabhiloni.

 ELI yayilixesha lobunzima kwimbali kaYuda. Abantu bakaThixo bomnqophiso bathinjwa ezweni labo yaye ngoku batsala nzima eBhabhiloni njengabathinjwa. Kuyavunywa ukuba, babeyinikiwe inkululeko ethile yokuqhubeka nemicimbi yabo yemihla ngemihla. (Yeremiya 29:4-7) Abanye babede bafunda nobugcisa obuthile baza bangenela nezoshishino. a (Nehemiya 3:8, 31, 32) Sekunjalo, ubomi babungekho lula kuloo maYuda ayesekuthinjweni. Ayesebukhobokeni, ngokwenyama nangokomoya. Makhe sibone indlela okwenzeka ngayo oko.

2, 3. Ukuthinjwa kwakuchaphazela njani ukunqula kwamaYuda uYehova?

2 Xa imikhosi yaseBhabhiloni yatshabalalisa iYerusalem ngowama-607 B.C.E., yenza okungakumbi kunokutshabalalisa nje olo hlanga; yatshabalalisa kwanonqulo lokwenyaniso. Yayiphanga itempile kaYehova yaza yayitshabalalisa, yaphelisa ilungiselelo lababingeleli ngokuthi ithimbe abanye besizwe sabaLevi yaza abanye yababulala. Njengoko yayingekho indlu yonqulo, kungekho sibingelelo, nalungiselelo lababingeleli, amaYuda ayengenakukwazi ukunikela imibingelelo kuThixo oyinyaniso ngokomyalelo woMthetho.

3 AmaYuda athembekileyo ayesenako ukugcina isithethe sawo sonqulo ngokuthi aluke aze athobele uMthetho kangangoko kwakunokwenzeka. Ngokomzekelo, ayenokuzikhwebula ekutyeni okwalelweyo aze agcine iSabatha. Kodwa ngokwenjenjalo, ayezibeka esichengeni sokugculelwa ngamaBhabhiloni, kuba ayezigqala zibubudenge izithethe zonqulo lwamaYuda. Ukudimazeka kwabo bathinjwa kunokubonwa kumazwi omdumisi, athi: “Ngasemilanjeni yaseBhabhiloni—sahlala phantsi apho. Salila sakuyikhumbula iZiyon. Emithini yemingcunube phakathi kwayo sazixhoma iihadi zethu. Kuba apho abo babesibambe njengabathinjwa bacela kuthi amazwi engoma, nabo babesenza intlekisa ngayo—ukuze babe nemihlali besithi: ‘Sivumeleni enye yeengoma zaseZiyon.’”—INdumiso 137:1-3.

4. Kutheni kuya kuba bubuyatha ngamaYuda ukufuna ukuhlangulwa zezinye iintlanga, kodwa ngubani anokufuna kuye uncedo?

4 Ngoko, loo maYuda ayesekuthinjweni ayenokuyifumana kubani intuthuzelo? Lwaluza kuvela phi usindiso lwawo? Ngokuqinisekileyo lwalungayi kuvela kwiintlanga ezaziwajikelezile! Zonke zazingenawo amandla okoyisa imikhosi yaseBhabhiloni, yaye ezininzi zazo zaziwathiyile amaYuda. Kodwa ayengaphelanga amathemba. UYehova, lowo ayemvukele ngoxa ayekhululekile, ngenxa yokuba nemfesane kwakhe wawamema ngokufudumeleyo, nangona ayesekuthinjweni.

“Yizani Emanzini”

5. Abaluleke ngantoni amazwi athi “yizani emanzini”?

5 Esebenzisa uIsaya, uYehova uprofeta esithi kumaYuda athinjelwe eBhabhiloni: “Wenani, nonke nina ninxaniweyo! Yizani emanzini. Nabo bangenamali! Yizani, nithenge nize nidle. Ewe, yizani, nithenge iwayini nobisi ngaphandle kwemali nangaphandle kwexabiso.” (Isaya 55:1) La mazwi anentsingiselo ebalulekileyo yokomfuziselo. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngesimemo esithi: “Yizani emanzini.” Akukho nto inokuphila ngaphandle kwamanzi. Thina bantu, singafa kwisithuba nje seveki ngaphandle kwamanzi. Ngoko, uYehova uyenza icace gca ingongoma ngokuwuzekelisa kwakhe ngamanzi umphumo aza kuba nawo amazwi akhe kumaYuda asekuthinjweni. Isigidimi sakhe siza kuwahlaziya, njengesiselo esibandayo ngemini etshisayo. Siza kukuphelisa ukudandatheka kwawo, sikuphelise nokunxanelwa kwawo inyaniso nobulungisa. Yaye siza kuwanika ithemba lokukhululeka ekuthinjweni. Kodwa, ukuze la maYuda asekuthinjweni angenelwe, kuza kufuneka asisele eso sigidimi sikaThixo, anikele ingqalelo kuso, aze enze ngokuvisisana naso.

6. Aza kungenelwa njani amaYuda ukuba athenga “iwayini nobisi”?

6 Kwakhona uYehova uwanika “iwayini nobisi.” Ubisi luyayomeleza imizimba yabaselula yaye luyabakhulisa abantwana. Ngokufanayo, amazwi kaYehova aza kubomeleza abantu bakhe ngokomoya kuze komeleze ulwalamano lwakhe kunye nabo. Kuthekani ke ngewayini? Iwayini idla ngokusetyenziswa xa kukho imibhiyozo. EBhayibhileni, inxulunyaniswa nempumelelo kunye nemihlali. (INdumiso 104:15) Ngokuxelela abantu bakhe ukuba ‘bathenge iwayini,’ uYehova uyabaqinisekisa ukuba ukubuyela kwabo ngentliziyo iphela kunqulo olunyulu kuza kubazisela “uvuyo kuphela.”—Duteronomi 16:15; INdumiso 19:8; IMizekeliso 10:22.

7. Kutheni kuphawuleka nje ukuba novelwano kukaYehova kubathinjwa, yaye oku kusifundisa ntoni ngaye?

7 Hayi indlela abonise ngayo inceba uYehova ngokuwahlaziya kwakhe ngokomoya la maYuda asekuthinjweni! Ukuba novelwano kwakhe kuphawuleka nangakumbi xa sicinga ngokunxaxha nokuvukela kwamaYuda. Asikuko nokuba ayifanele le nkoliseko kaYehova. Kodwa, kungenxa yoko umdumisi uDavide wakubhalayo kwiinkulungwane ezidluleyo, esithi: “UYehova unenceba nobabalo, uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando obuninzi. Akayi kuqhubeka ehlab’ amadlala ngalo lonke ixesha, engayi kuhlala ecaphukile ukusa kwixesha elingenammiselo.” (INdumiso 103:8, 9) Kunokuba abagatye abantu bakhe, uYehova uthabatha inyathelo lokuqala lokuxolelana kunye nabo. Ngokwenene, unguThixo ‘oyoliswa bububele bothando.’—Mika 7:18.

Ukukholosa Ngelize

8. AmaYuda amaninzi akholosa ngantoni, phezu kwako nje ukufumana siphi isilumkiso?

8 Kude kube ngoku amaYuda amaninzi akakholosi ngokupheleleyo ngoYehova ukuze awasindise. Ngokomzekelo, ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem, abalawuli bayo bakholosa ngeentlanga ezomeleleyo ezinjengeYiputa neBhabhiloni, ngaloo ndlela kufana ngathi babekrexeza nazo. (Hezekile 16:26-29; 23:14) Ngoko uYeremiya wayenesizathu esihle sokubalumkisa, esithi: “Iqalekisiwe indoda eyomeleleyo ekholosa ngomntu wasemhlabeni ize okunene iyenze inyama ingalo yayo, naleyo intliziyo yayo imkayo kuYehova.” (Yeremiya 17:5) Ukanti, koko kanye okwenziwa ngabantu bakaThixo!

9. Kwenzeka njani ukuba abe amaYuda amaninzi ‘ahlawula imali ngenxa yoko kungesonka’?

9 Ngoku akhotyokiswe lolunye lweentlanga ayekholose ngazo. Ngaba afunde isifundo koku? Kubonakala ukuba amaninzi akafundanga nto, kuba uYehova uwabuza esithi: “Kutheni na naqhubeka nihlawula imali ngenxa yoko kungesonka, kwaye yini na ukuba nibulaleke ngenxa yoko kungananelisiyo?” (Isaya 55:2a) Ukuba la maYuda asekuthinjweni akholose ngaye nabani na omnye ngaphandle kukaYehova, ‘ahlawula imali ngenxa yoko kungesonka.’ Ngokuqinisekileyo ebengasokuze akhululeke kuba iBhabhiloni idume ngokungabakhululi abathinjwa bayo ukuze babuyele ekhaya. Enyanisweni, iBhabhiloni, nolawulo lwayo lwamathanga, nenkqubo yayo yezorhwebo, kwakunye nonqulo lwayo lobuxoki, ayinanto ingawanika yona loo maYuda asekuthinjweni.

10. (a) UYehova uza kuwavuza njani amaYuda asekuthinjweni ukuba ayamphulaphula? (b) Nguwuphi umnqophiso uYehova awawenza noDavide?

10 UYehova uyababongoza abantu bakhe, esithi: “Phulaphulani ngenyameko kum, nize nidle okulungileyo, yaye imiphefumlo yenu mayiyoliswe ngokugqibeleleyo kukutyeba. Thobani indlebe yenu, nize kum. Phulaphulani, yaye umphefumlo wenu uya kuhlala uphila, kwaye ndiya kukulungela ukwenza umnqophiso nani ohlala ngokungenammiselo ngokuphathelele ububele bothando obuthembekileyo bukaDavide.” (Isaya 55:2b, 3) NguYehova kuphela olithemba laba bantu bangondlekanga ngokomoya, yaye kungako nje ngoku ethetha nabo ngesiprofeto sikaIsaya. Ubomi babo buxhomekeke ekuphulaphuleni kwabo isigidimi sikaThixo, kuba uthi ngokwenjenjalo, ‘umphefumlo wabo uya kuhlala uphila.’ Noko ke, uyintoni ‘umnqophiso ohlala ngokungenammiselo’ uYehova aza kuwenza kunye nabo basabelayo kuye? Loo mnqophiso ‘uphathelele ububele bothando kuDavide.’ Kwiinkulungwane ezingaphambilana, uYehova wathembisa uDavide ukuba itrone yakhe yayiza “kuqina ukusa kwixesha elingenammiselo.” (2 Samuweli 7:16) Ngoko, ‘umnqophiso ohlala ngokungenammiselo’ okhankanywe apha uphathelele ulawulo.

Indlalifa Esisigxina KuBukumkani Obungunaphakade

11. Kutheni ukuzaliseka kwesithembiso sikaThixo kuDavide kwakubonakala kungaginyeki ncam kubathinjwa baseBhabhiloni?

11 Eneneni, ingcamango yokubakho kolawulo lomnombo kaDavide isenokubonakala ingaginyeki ncam kuloo maYuda asekuthinjweni. Aphulukene nelizwe lawo kwanohlanga lwawo! Kodwa oko kokwexeshana nje kuphela. UYehova akawulibalanga umnqophiso awawenza noDavide. Nokuba oko kubonakala kungenakwenzeka ngokwembono yabantu, kodwa injongo kaThixo ngokuphathelele uBukumkani obungunaphakade kumnombo kaDavide iza kuzaliseka. Kodwa njani yaye nini? Ngowama-537 B.C.E., uYehova uye wabakhulula abantu bakhe ekuthinjweni kwaseBhabhiloni waza wababuyisela elizweni labo. Ngaba oku kuye kwabangela ukumiselwa kobukumkani obuhlala buhleli? Akunjalo, kuba baye baqhubeka bengaphantsi kobunye ubukhosi babahedeni, bamaMedi namaPersi. “Amaxesha amisiweyo” okulawula kweentlanga ayengekapheli. (Luka 21:24) Njengoko kwakungekho kumkani kwaSirayeli, sasiza kuhlala singazalisekanga kangangeenkulungwane isithembiso uYehova awasenza kuDavide.

12. Liliphi inyathelo awalithabathayo uYehova ukuze azalisekise umnqophiso wakhe woBukumkani awawenza kunye noDavide?

12 Ngaphezu kwama-500 eminyaka emva kokukhululwa kukaSirayeli ekuthinjweni kwaseBhabhiloni, uYehova wathabatha inyathelo elikhulu lokuzalisekisa umnqophiso woBukumkani xa wadlulisela ubomi boNyana wakhe olizibulo, isiqalo sendalo yakhe, ukusuka kuzuko lwasezulwini ukusa kwisibeleko sentombi enyulu yomYuda uMariya. (Kolose 1:15-17) Xa yayivakalisa eso siganeko, ingelosi kaYehova yathi kuMariya: “Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.” (Luka 1:32, 33) Ngoko uYesu wazalwa kumnombo wasebukhosini kaDavide waza wazuza ilifa lobukumkani. Akuba ebekwe esihlalweni, uYesu wayeza kulawula “kuse kwixesha elingenammiselo.” (Isaya 9:7; Daniyeli 7:14) Ngaloo ndlela iye yavuleka ngoku indlela ekhokelela ekuzalisekeni kwesithembiso uYehova awasenza kwiinkulungwane ezidluleyo sokunika uKumkani uDavide indlalifa esisigxina.

‘Umphathi Wamaqela Eentlanga’

13. UYesu waba lilo njani “ingqina kumaqela eentlanga” ebudeni bobulungiseleli bakhe nasemva kokunyuka kwakhe?

13 Yintoni eza kwenziwa ngulo kumkani wexesha elizayo? UYehova uthi: “Khangela! Ndimnike ukuba abe lingqina kumaqela eentlanga, inkokeli nomphathi wamaqela eentlanga.” (Isaya 55:4) Akuba uYesu ekhulile, waba ngummeli kaYehova emhlabeni, ingqina likaThixo kwiintlanga. Ebudeni bokuphila kwakhe njengomntu, ubulungiseleli bakhe babujoliswe “kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.” Noko ke, ngaphambi nje kokunyukela kwakhe ezulwini, uYesu wathi kubalandeli bakhe: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke. . . Khangelani! Ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 10:5, 6; 15:24; 28:19, 20) Ngoko, ekuhambeni kwexesha, isigidimi soBukumkani sasiwa nakwabo babengengawo amaYuda, yaye abanye babo baba nenxaxheba ekuzalisekeni komnqophiso owenziwa kunye noDavide. (IZenzo 13:46) Ngale ndlela, kwanasemva kokufa, nokuvuka, nokunyukela kwakhe ezulwini, uYesu waqhubeka ‘elingqina likaYehova kumaqela eentlanga.’

14, 15. (a) UYesu wazingqina njani ‘eyinkokeli nomphathi’? (b) Liliphi ithemba ababenalo abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala?

14 Kwakhona uYesu wayeza kuba ‘yinkokeli nomphathi.’ Ngokuvisisana nesi siprofeto, xa wayesemhlabeni uYesu wazamkela ngokupheleleyo iimbopheleleko zobuntloko bakhe waza wakhokela kuzo zonke iinkalo, etsala ingqalelo yezihlwele ezikhulu, ezifundisa ngamazwi enyaniso, yaye ezibonisa iingenelo eziza kufunyanwa ngabo babelandela ukhokelo lwakhe. (Mateyu 4:24; 7:28, 29; 11:5) Wabaqeqesha ngokuphumelelayo abafundi bakhe, ebenza balungele iphulo lokushumayela elizayo. (Luka 10:1-12; IZenzo 1:8; Kolose 1:23) Kwiminyaka nje emithathu enesiqingatha, uYesu wabeka isiseko sebandla elimanyeneyo lezizwe ngezizwe elinamawakawaka amalungu avela kwiintlanga ezininzi! ‘Yinkokeli nomphathi’ wokwenyaniso kuphela owayenokuphumeza umsebenzi omkhulu ngolo hlobo. b

15 Abo bahlanganiselwa kwibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala bathanjiswa ngomoya oyingcwele kaThixo, yaye babenethemba lokulawula noYesu kuBukumkani bakhe basezulwini. (ISityhilelo 14:1) Noko ke, isiprofeto sikaIsaya sidlulela ngaphaya kwemihla yobuKristu bokuqala. Ubungqina bubonisa ukuba uYesu Kristu akazange aqalise ukulawula njengoKumkani woBukumkani bukaThixo de kwangowe-1914. Kungekudala emva koko, imeko yamaKristu athanjisiweyo yabonakala ifana naleyo yamaYuda awayesekuthinjweni ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Eneneni, oko kwenzeka kuloo maKristu kusizalisekisa ngakumbi isiprofeto sikaIsaya.

Ukuthinjwa Nokukhululwa Kwale Mihla

16. Kukuphi ukubandezeleka okwalandelayo emva kokubekwa kukaYesu etroneni ngowe-1914?

16 Ukubekwa kukaYesu etroneni njengoKumkani ngowe-1914 kwalandelwa kukubandezeleka okungathethekiyo kwehlabathi. Ngoba? Ngenxa yokuba ekumiselweni kwakhe njengoKumkani, uYesu wamgxotha ezulwini uSathana nezinye izidalwa zomoya ezingendawo. Akuba ephoselwe emhlabeni, uSathana walwa imfazwe kunye nabangcwele abaseleyo, intsalela yamaKristu athanjisiweyo. (ISityhilelo 12:7-12, 17) Incopho yoku yaba ngowe-1918 xa umsebenzi wokushumayela esidlangalaleni waphantse wapheliswa aza amagosa aphambili eWatch Tower Society avalelwa entolongweni ngezimangalo zobuxoki zokuba aphembelela imvukelo nxamnye norhulumente. Ngale ndlela, abakhonzi bakaYehova bale mihla baba sekuthinjweni kokomoya, okwakufuziselwa kukuthinjwa kokwenyama kwamaYuda amandulo. Oku kwawazisela ugculelo olukhulu.

17. Yatshintsha njani imeko yabathanjisiweyo ngowe-1919, yaye bomelezwa njani?

17 Noko ke, ukuthinjwa kwabakhonzi bakaThixo abathanjisiweyo akuzange kuhlale thuba lide. NgoMatshi 26, 1919, loo magosa ayebanjiwe akhululwa, saza kamva sarhoxiswa nesigwebo sawo. UYehova wabathululela umoya oyingcwele abo bantu bakhe bakhululekileyo, ebomelezela umsebenzi owawubalindele ngaphambili. Okuvuyisayo kukuba, basamkela isimemo ‘sokuthabatha amanzi obomi ngesisa.’ (ISityhilelo 22:17) Bathenga “iwayini nobisi ngaphandle kwemali nangaphandle kwexabiso” yaye bomelezwa ngokomoya ukuze balungele ulwando olumangalisayo olwaluza kubakho kungekudala, lwando olo loo ntsalela ithanjisiweyo engazange ilubone ngaphambili.

Isihlwele Esikhulu Sibalekela Kwabathanjisiweyo BakaThixo

18. Ngawaphi amaqela amabini afumanekayo phakathi kwabafundi bakaYesu Kristu, yaye abumba ntoni namhlanje?

18 Abafundi bakaYesu banamathemba amabini ahlukeneyo. Okokuqala, kuye kwahlanganiswa ‘umhlambi omncinane’ wabali-144 000—amaKristu athanjisiweyo aphuma kumaYuda nakwabeeNtlanga nabumba “uSirayeli kaThixo,” wona anethemba lokulawula noYesu kuBukumkani bakhe basezulwini. (Luka 12:32; Galati 6:16; ISityhilelo 14:1) Okwesibini, ngemihla yokugqibela, kuye kwavela “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu.’ Sona sinethemba lokuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. Ngaphambi kokufika kwembandezelo enkulu, esi sihlwele—singachazwanga inani laso—sikhonza kunye nomhlambi omncinane, yaye omabini la maqela abumba ‘umhlambi omnye’ phantsi ‘komalusi omnye.’—ISityhilelo 7:9, 10; Yohane 10:16.

19. “Uhlanga” obelungaziwa ngaphambili nguSirayeli kaThixo luye lwasabela njani kubizo lolo hlanga lokomoya?

19 Ukuhlanganiswa kwesi sihlwele sikhulu kunokubonwa kumazwi alandelayo esiprofeto sikaIsaya, athi: “Khangela! Uya kubiza uhlanga ongalwaziyo, nabo bohlanga abebengakwazi baya kubalekela kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, nangenxa yaLowo Ungcwele kaSirayeli, ngokuba uya kube ekuhombisile.” (Isaya 55:5) Kwiminyaka yasemva kokukhululwa kwayo ekuthinjweni kokomoya, intsalela ethanjisiweyo yayingaqondi ekuqaleni ukuba ngaphambi kweArmagedon yayiza kusetyenziselwa ukubizela kunqulo lukaYehova “uhlanga” olukhulu. Kodwa, ekuhambeni kwexesha, abaninzi abantliziyo zinyanisekileyo ababengenalo ithemba lokuya ezulwini baqalisa ukunxulumana nabo bathanjisiweyo baza bakhonza uYehova ngenzondelelo efanayo naleyo banayo abo bathanjisiweyo. Aba batsha bayibona imeko entle yabantu bakaThixo, baza baqonda ukuba uYehova wayephakathi kwabo. (Zekariya 8:23) Ngeminyaka yowe-1930, abo bathanjisiweyo bakwazi ukulifanisa eli qela, elalisanda phakathi kwabo. Baqonda ukuba babesenomsebenzi omkhulu wokuhlanganisa abangakumbi. Isihlwele esikhulu sasikungxamele ukunxulumana nabantu bakaThixo bomnqophiso, ibe sasinesizathu esihle sokwenjenjalo.

20. (a) Kutheni kungxamisekile namhlanje ‘ukufuna uYehova,’ yaye kwenziwa njani oku? (b) Uza kusabela njani uYehova kwabo bamfunayo?

20 Ngomhla kaIsaya, kuye kwavakaliswa isibhengezo esithi: “Funani uYehova ngoxa esenokufunyanwa. Mbizeni ngoxa esekufuphi.” (Isaya 55:6) Namhlanje, la mazwi afanelekile, kwabo babumba uSirayeli kaThixo nakwisihlwele esikhulu esandayo. Intsikelelo kaYehova inemiqathango, nesimemo sakhe sisikelwe umda. Ngoku lixesha lokufuna inkoliseko kaThixo. Xa lifika ixesha elimiselweyo lomgwebo kaYehova, liya kube liphelile ixesha. Ngenxa yoko, uIsaya uthi: “Umntu ongendawo makashiye indlela yakhe, nomntu owenzakalisayo makashiye iingcamango zakhe; makabuyele kuYehova, oya kuba nenceba kuye, kuThixo wethu, kuba uya kuxolela ngokukhulu.”—Isaya 55:7.

21. Uhlanga lukaSirayeli lungqineke njani lungathembekanga kwisibhengezo esenziwa ngookhokho balo?

21 Ibinzana elithi “makabuyele kuYehova” libonisa ukuba abo kufuneka beguqukile babenolwalamano kunye noThixo ngaphambili. La mazwi asikhumbuza ukuba iinkalo ezininzi zale nxalenye yesiprofeto sikaIsaya zazaliseka okokuqala kumaYuda awayesekuthinjweni eBhabhiloni. Kwiinkulungwane ezingaphambili, ookhokho baba bathinjwa bavakalisa ukuzimisela kwabo ukuthobela uYehova xa bathi: “Makube lee, kuthi, ukushiya uYehova ukuze siye kukhonza abanye oothixo.” (Yoshuwa 24:16) Imbali ibonisa ukuba oko bathi “makube lee” ukukwenza, bakwenza—ngokuphindaphindiweyo! Ukuswela ukholo kwabantu bakaThixo kuko okubangele ukuba bathinjelwe eBhabhiloni.

22. Kutheni uYehova esithi iingcamango neendlela zakhe ziphakamile kunezo zabantu?

22 Yintoni eza kwenzeka ukuba bayaguquka? Esebenzisa uIsaya, uYehova uthembisa ukuba “uya kuxolela ngokukhulu.” Yaye wongezelela athi: “‘Kuba iingcamango zenu asizizo iingcamango zam, neendlela zam asizizo iindlela zenu,’ utsho uYehova. ‘Kuba njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba, ngokunjalo neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu, neengcamango zam kuneengcamango zenu.’” (Isaya 55:8, 9) UYehova ugqibelele, yaye iingcamango neendlela zakhe ziphakame ngokungenakufikeleleka. Kwanenceba yakhe ikumlinganiselo thina bantu esingenakuze siwufikelele. Khawukujonge ngolu hlobo oku: Xa sixolela omnye umntu, sukuba ingumoni oxolela omnye umoni. Siyaqonda ukuba kungekudala nathi kuza kufuneka sixolelwe ngomnye umntu. (Mateyu 6:12) Kodwa uYehova, nangona kungasayi kuze kufuneke ukuba yena axolelwe, uxolela “ngokukhulu”! Ngokwenene, unguThixo onobubele bothando obukhulu. Yaye ngenxa yenceba yakhe, uYehova uvula amasango ezikhukula asemazulwini, aze athulule iintsikelelo kwabo babuyela kuye ngeentliziyo zabo ziphela.—Malaki 3:10.

Iintsikelelo Kwabo Babuyela KuYehova

23. UYehova ukuzekelisa njani ukuqiniseka kokuzaliseka kwelizwi lakhe?

23 UYehova ubathembisa oku abantu bakhe: “Njengokuba kusihla imvula nekhephu emazulwini, yaye zingabuyeli kuwo zingawunyakamisanga umhlaba, ziwenze uvelise kwaye uhlume, umnike imbewu umhlwayeli, umnike nesonka odlayo, ngoko ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam liya kuba njalo. Aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.” (Isaya 55:10, 11) Yonke into uYehova ayithethayo iza kuzaliseka ngokuqinisekileyo. Kanye njengokuba imvula nekhephu eziwa zivela esibhakabhakeni ziyiphumeza injongo yazo yokunyakamisa umhlaba kuze kuvele iziqhamo, ngoko nelizwi likaYehova eliphuma emlonyeni wakhe lithembeke ngokupheleleyo. Oko akuthembisileyo, uza kukuzalisekisa—ngokuqinisekileyo.—Numeri 23:19.

24, 25. Ziziphi iintsikelelo alindelwe zizo amaYuda asekuthinjweni asabelayo kwisigidimi sikaYehova esidluliselwa ngoIsaya?

24 Ngoko, ukuba amaYuda ayawathobela amazwi esiprofeto abhekiswa kuwo ngoIsaya, ngokuqinisekileyo aza kulufumana usindiso uYehova aluthembisileyo. Ngenxa yoko, aza kufumana uvuyo olukhulu. UYehova uthi: “Niya kuphuma ninemihlali, kwaye niya kuziswa ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kuchwayita phambi kwenu ngokumemelela ngovuyo, nemithi yasendle iqhwabe izandla yonke. Esikhundleni sentshinyela yameva kuya kuphuma umthi wejunipha. Esikhundleni serhawu elihlabayo kuya kuphuma umthi wommirtile. Yaye oku kuya kuba ludumo kuYehova, kube ngumqondiso ongayi kunqunyulwa ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Isaya 55:12, 13.

25 Ngowama-537 B.C.E., amaYuda awayesekuthinjweni aye ngokwenene aphuma eBhabhiloni enemihlali. (INdumiso 126:1, 2) Ekufikeni kwawo eYerusalem, alifumana ilizwe lizaliswe yimithana enameva namarhawu ahlabayo—khumbula ukuba, elo lizwe beliphanzisiwe kangangamashumi eminyaka. Kodwa aba bantu bakaThixo babuyiselweyo babenako ngoku ukunceda ekuziseni iinguqu ezivuyisayo! Loo meva namarhawu ayeza kuthatyathelw’ indawo yimithi emikhulu enjengejunipha nommirtile. Intsikelelo kaYehova yayiza kubonakala ngokukhawuleza njengoko abantu bakhe bemkhonza “ngovuyo.” Kwakuza kuba ngathi ilizwe ngokwalo linemihlali.

26. Yiyiphi intsikelelo abayinandiphayo abantu bakaThixo namhlanje?

26 Ngowe-1919 intsalela yamaKristu athanjisiweyo iye yakhululwa ekuthinjweni kokomoya. (Isaya 66:8) Ikunye nesihlwele esikhulu sezinye izimvu, ngoku ikhonza uThixo ngovuyo kwiparadesi yokomoya. Ekubeni ingangcoliswanga yimpembelelo yeBhabhiloni, ikholekile kuYehova, yaye iye yaba “ludumo” kuye. Ukuchuma kwayo kokomoya kuyalizukisa igama lakhe yaye kuyamphakamisa njengoThixo wesiprofeto sokwenyaniso. Oko uYehova ayenzele kona kubonisa ubuThixo bakhe yaye kububungqina bokuthembeka kwelizwi lakhe nobokuba nenceba kwakhe kwabo baguqukayo. Ngamana bonke abo baqhubeka ‘bethenga iwayini nobisi ngaphandle kwemali nangaphandle kwexabiso’ bangamkhonza ngovuyo ngonaphakade!

[Imibhalo esemazantsi]

a Kufunyenwe amagama amaninzi amaYuda kwiingxelo zezoshishino zaseBhabhiloni.

b UYesu uyaqhubeka evelela umsebenzi wokwenza abafundi. (ISityhilelo 14:14-16) Namhlanje, amadoda namabhinqa angamaKristu amgqala uYesu njengeNtloko yebandla. (1 Korinte 11:3) Yaye ngexesha likaThixo elifanelekileyo, uYesu uza kuba ‘yinkokeli nomphathi’ ngenye indlela, xa ekhokela kwidabi lokutshabalalisa iintshaba zikaThixo kwimfazwe yeArmagedon.—ISityhilelo 19:19-21.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 234]

AmaYuda anxaniweyo ngokomoya ayamenywa ukuba ‘eze emanzini’ yaye ‘athenge iwayini nobisi’

[Umfanekiso okwiphepha 239]

UYesu uzingqine ‘eyinkokeli nomphathi’ wamaqela eentlanga

[Imifanekiso ekwiphepha 244, 245]

“Umntu ongendawo makashiye indlela yakhe”