Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Ixesha Lenkoliseko’

‘Ixesha Lenkoliseko’

Isahluko Seshumi

‘Ixesha Lenkoliseko’

Isaya 49:1-26

1, 2. (a) Yiyiphi intsikelelo awayinandiphayo uIsaya? (b) Ngoobani ababandakanyekileyo kumazwi esiprofeto abhalwe kwinxalenye yokuqala kaIsaya isahluko 49?

 BONKE abantu abathembekileyo kudala beyinandipha inkoliseko nenkuselo kaThixo. Kodwa uYehova akayibonakalisi nakubani na inkoliseko yakhe. Umntu umele akufanelekele ukufumana loo ntsikelelo ingenakuthelekiswa nanto. UIsaya wayengomnye wabo babenjalo. Wayekholekile kuThixo waza wasetyenziswa nguYehova njengesixhobo sokuvakalisa ukuthanda Kwakhe kwabanye. Umzekelo woku ubhalwe kwinxalenye yokuqala yesahluko 49 sesiprofeto sikaIsaya.

2 La mazwi esiprofeto ayebhekiswa kwimbewu ka-Abraham. Ekuzalisekeni kwaso kokuqala, loo mbewu yayiluhlanga lukaSirayeli, olwaluyinzala ka-Abraham. Noko ke, kubonakala ngokucacileyo ukuba inxalenye enkulu yaso ibhekisela kwiMbewu ka-Abraham ekukudala kukhangelwe phambili kuyo, uMesiya othenjisiweyo. La mazwi aphefumlelweyo akwabhekisela nakubazalwana bokomoya bakaMesiya, abayinxalenye yembewu yokomoya ka-Abraham ‘nekaSirayeli kaThixo.’ (Galati 3:7, 16, 29; 6:16) Ngokuyintloko, le nxalenye yesiprofeto sikaIsaya ichaza ulwalamano olukhethekileyo olukhoyo phakathi kukaYehova noNyana wakhe oyintanda, uYesu Kristu.—Isaya 49:26.

Unyulwe Waza Wakhuselwa NguYehova

3, 4. (a) Uye waxhaswa njani uMesiya? (b) Uthetha noobani uMesiya?

3 UMesiya uye wakholeka kuThixo. UYehova umnike igunya neemfaneleko ezifunekayo ukuze aphumeze uthumo lwakhe. Ngoko ke, ngokufanelekileyo uMesiya wexesha elizayo uthi: “Phulaphulani kum, nina ziqithi, nikelani ingqalelo, nina maqela eentlanga akude. UYehova undibizile kwasesiswini. Ezibilinini zikama ulikhankanyile igama lam.”—Isaya 49:1.

4 Apha uMesiya ubhekisa kwizizwana ‘ezikude.’ Nangona uMesiya ethenjiswe kubantu bakwaYuda, ubulungiseleli bakhe buza kuzisa iintsikelelo kuzo zonke iintlanga. (Mateyu 25:31-33) ‘Iziqithi’ ‘namaqela eentlanga,’ nangona zingenzanga mnqophiso noYehova, zifanele zimthobele uMesiya kaSirayeli kuba uthunyelwe ukuzisa usindiso kulo lonke uluntu.

5. Ubizwa njani uMesiya kwangaphambi kokuba azalwe njengomntu?

5 Isiprofeto sithi uYehova uza kumthiya igama uMesiya ngaphambi kokuba azalwe njengomntu. (Mateyu 1:21; Luka 1:31) Kude kudala ngaphambi kokuzalwa kwakhe, uYesu ubizwa ngokuba “nguMcebisi Omangalisayo, uThixo Onamandla, uBawo ongunaPhakade, iNkosana yoXolo.” (Isaya 9:6) UImanuweli, ekusenokwenzeka ukuba ligama lonyana kaIsaya, ikwaligama lesiprofeto likaMesiya. (Isaya 7:14; Mateyu 1:21-23) Kwanegama abesaziwa ngalo uMesiya—elinguYesu—lixelwe kwangaphambi kokuzalwa kwakhe. (Luka 1:30, 31) Eli gama livela kwigama lesiHebhere elithetha ukuthi “uYehova Ulusindiso.” Ngokucacileyo, uYesu akazimisanga ngokwakhe njengoKristu.

6. Umlomo kaMesiya unjengekrele elibukhali ngayiphi ingqiqo, yaye ufihlwe okanye uzinyeliswe njani?

6 UMesiya uyaqhubeka namazwi akhe esiprofeto, esithi: “Yaye umlomo wam wawenza wanjengekrele elibukhali. Undifihle emthunzini wesandla sakhe. Kwaye undenze ndalutolo olukhazimlisiweyo. Wandizimeza kumphongolo wakhe.” (Isaya 49:2) Lithi lakufika ixesha lokuba uMesiya kaYehova aqalise ubulungiseleli bakhe basemhlabeni ngowama-29 C.E., amazwi nezenzo zikaYesu zingqineke ngokwenene zinjengezixhobo ezibukhali, nezikhazimlisiweyo, ezikwaziyo ukungena ezintliziyweni zabaphulaphuli bakhe. (Luka 4:31, 32) Amazwi nezenzo zakhe zivuse ingqumbo yotshaba olukhulu lukaYehova, uSathana, nabameli bakhe. Ukususela ekuzalweni kukaYesu, uSathana uzama ukumbulala, kodwa uYesu unjengotolo olufihlwe kumphongolo kaYehova. a Unentembelo yokuba uza kukhuselwa nguYise. (INdumiso 91:1; Luka 1:35) Ngexesha elimiselweyo, uYesu unikela ngobomi bakhe ngenxa yoluntu. Kodwa kuza ixesha lokuba amatshe njengejoni elinamandla lasezulwini, elinekrele elibukhali eliphuma emlonyeni walo. Ngesi sihlandlo, ikrele elibukhali lifanekisela igunya likaYesu lokuvakalisa nelokuphumeza umgwebo nxamnye neentshaba zikaYehova.—ISityhilelo 1:16.

Ukubulaleka Kwabakhonzi BakaThixo Akulolize

7. Azaliseka kubani amazwi kaYehova akuIsaya 49:3, yaye ngoba?

7 Ngoku uYehova uthetha la mazwi esiprofeto: “Ungumkhonzi wam, Sirayeli, wena endiya kubonakalisa kuye ubuhle bam.” (Isaya 49:3) UYehova ubhekisela kuhlanga lukaSirayeli njengomkhonzi wakhe. (Isaya 41:8) Kodwa nguYesu Kristu uMkhonzi obalaseleyo kaThixo. (IZenzo 3:13) Akukho nasinye sezidalwa zikaThixo ezinokububonakalisa bhetele kunoYesu “ubuhle” bukaYehova. Ngoko ke, nangona ngokoqobo la mazwi ebhekiswa kuSirayeli, kodwa eneneni azaliseka kuYesu.—Yohane 14:9; Kolose 1:15.

8. Abantu besizwe sikaMesiya basabela njani kuye, kodwa uMesiya ukhangela kubani ukuba agwebe ngokuphathelele impumelelo yakhe?

8 Noko ke, aliyonyaniso na elokuba uYesu uye wacekiswa waza wagatywa yinkoliso yabantu besizwe sakhe? Kunjalo kanye. Ubukhulu becala, uhlanga lukaSirayeli alumamkelanga uYesu njengoMkhonzi othanjisiweyo kaThixo. (Yohane 1:11) Konke oko akufezileyo uYesu ngethuba esemhlabeni kwakusenokubonakala kungaxabisekanga kangako, okanye kungabalulekanga, kubantu bexesha lakhe. UMesiya ngokwakhe naye uyathetha ngoku kungaxatyiswa kobulungiseleli bakhe, esithi: “Ndibulalekele ilize. Ndisebenzisele amandla am into engeyonene namampunge.” (Isaya 49:4a) UMesiya akawathethi la mazwi kuba edimazekile. Qwalasela oko akutshoyo ngokulandelayo: “Eneneni umgwebo wam ukuYehova, nomvuzo wam ukuThixo wam.” (Isaya 49:4b) Lowo ugwebayo ngokuphathelele impumelelo kaMesiya, asingobantu, kodwa nguThixo.

9, 10. (a) Luyintoni uthumo lukaMesiya oluvela kuYehova, yaye iba yintoni imiphumo? (b) AmaKristu namhlanje anokukhuthazwa njani ngamava kaMesiya?

9 Ngokuyintloko uYesu unomdla wokufumana inkoliseko kaThixo. Esiprofetweni, uMesiya uthi: “Ke kaloku uthe ngam uYehova, Lowo wandiyila kwasesiswini ukuba ndibe ngumkhonzi wakhe, makubuyiselwe kuye uYakobi, ukuze uSirayeli ahlanganiselwe kuye. Yaye ndiya kuzukiswa emehlweni kaYehova, noThixo wam uya kuba ngamandla am.” (Isaya 49:5) UMesiya uzele ukuza kubuyisela iintliziyo zoonyana bakaSirayeli kuYise osemazulwini. Inkoliso ayisabeli, kodwa abanye bayasabela. Phofu ke, umvuzo wakhe wokwenene ukuYehova uThixo. Impumelelo yakhe, ayijongwa ngokwemilinganiselo yabantu, kodwa ijongwa ngokwemilinganiselo kaYehova.

10 Namhlanje, abalandeli bakaYesu basenokuvakalelwa maxa wambi kukuba babulalekela ilize. Kwezinye iindawo, ubulungiseleli babo busenokubonakala bunemiphumo emincinane kakhulu xa buthelekiswa nobukhulu bomsebenzi nemigudu abayenzayo. Sekunjalo, bayanyamezela, bekhuthazwa ngumzekelo kaYesu. Bakwakhuthazwa nangamazwi ompostile uPawulos, owabhala wathi: “Ngenxa yoko, bazalwana bam abaziintanda, qinani, ningabi nakushukuma, nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi, nisazi ukuba ukusebenza kwenu akulolize eNkosini.”—1 Korinte 15:58.

“Ukhanyiselo Lweentlanga”

11, 12. UMesiya ube lulo njani “ukhanyiselo lweentlanga”?

11 Kwisiprofeto sikaIsaya, uYehova ukhuthaza uMesiya ngokumkhumbuza ukuba, ukuba nguMkhonzi kaThixo ‘akuyonto engenamsebenzi.’ UYesu umele ‘aphakamise izizwe zakwaYakobi yaye aphakamise kwanabo balondoloziweyo bakwaSirayeli.’ Ukongezelela, uYehova ucacisa athi: “Kanjalo ndikunikele ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga, ukuze usindiso lwam luse eziphelweni zomhlaba.” (Isaya 49:6) UYesu uzikhanyisela njani izizwe ‘ukusa eziphelweni zomhlaba’ njengoko ubulungiseleli bakhe basemhlabeni buphelele kuSirayeli?

12 Ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba “ukhanyiselo lweentlanga” lukaThixo aluzange luphele ngokumka kukaYesu emhlabeni. Malunga neminyaka eli-15 emva kokufa kukaYesu, abavangeli basemazweni uPawulos noBharnabhas bacaphula isiprofeto esikuIsaya 49:6, besibhekisa kubafundi bakaYesu, abazalwana bakhe bokomoya. Bacacisa bathi: “UYehova ubeke umyalelo phezu kwethu wathi, ‘Ndikumisele njengokhanyiselo lweentlanga, ukuze wena ube lusindiso ukusa eziphelweni zomhlaba.’” (IZenzo 13:47) Ngaphambi kokufa kwakhe, uPawulos wazibona iindaba ezilungileyo zosindiso zifikelela kungekhona nje kumaYuda kuphela kodwa “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.” (Kolose 1:6, 23) Namhlanje, abaseleyo kubazalwana abathanjisiweyo bakaKristu bayaqhubeka nalo msebenzi. Bexhaswa ‘sisihlwele esikhulu’ esibalelwa kwizigidi, bakhonza ‘njengokhanyiselo lweentlanga’ kumazwe angaphezu kwama-230 emhlabeni wonke.—ISityhilelo 7:9.

13, 14. (a) Iye yaba njani intsabelo emsebenzini wokushumayela oye wenziwa nguMesiya nangabalandeli bakhe? (b) Ziye zalungiswa njani iimeko?

13 Eneneni uYehova ungqineke engamandla omeleza uMkhonzi wakhe uMesiya, nabazalwana abathanjisiweyo bakaMesiya, kwanabo bonke abo besihlwele esikhulu, abahambisela phambili umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. Enyanisweni, ngokufanayo noYesu, abafundi bakhe baye bajamelana nokudelelwa kunye nenkcaso. (Yohane 15:20) Kodwa ngexesha lakhe elifanelekileyo, uYehova usoloko ezilungisa iimeko ukuze ahlangule aze avuze abakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Ngokuphathelele uMesiya, “lowo ucekisekayo umphefumlo wakhe” nalowo “ucekisekileyo eluhlangeni,” uYehova uthembisa esithi: “Ookumkani baya kubona baze ngokuqinisekileyo baphakame, neenkosana ziya kuqubuda, ngenxa kaYehova, othembekileyo, Lowo Ungcwele kaSirayeli, okunyulayo.”—Isaya 49:7.

14 Kamva umpostile uPawulos ubhalela amaKristu aseFilipi ngokuphathelele oku kulungiswa kweemeko. Umchaza uYesu njengalowo wathotywa kwisibonda sentuthumbo kodwa waphakanyiswa nguThixo. UYehova wamnika uMkhonzi wakhe “isigxina esongamileyo waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama, ukuze egameni likaYesu agobe onke amadolo.” (Filipi 2:8-11) Abalandeli abathembekileyo bakaKristu balunyukisiwe ukuba nabo baza kutshutshiswa. Kodwa njengoMesiya, nabo baqinisekisiwe ngokufumana inkoliseko kaYehova.—Mateyu 5:10-12; 24:9-13; Marko 10:29, 30.

“Elona Xesha Lamkelekileyo”

15. Liliphi ‘ixesha’ elikhethekileyo elikhankanywe kwisiprofeto sikaIsaya, yaye libhekisela entwenini?

15 Ngoku isiprofeto sikaIsaya sivakalisa amazwi abaluleke kakhulu. UYehova uthi kuMesiya: “Ngexesha lenkoliseko ndikuphendule, nangemini yosindiso ndikuncedile; yaye ndakulondoloza ukuze ndikunikele ube ngumnqophiso wabantu.” (Isaya 49:8a) Isiprofeto esifanayo sibhalwe kwiNdumiso 69:13-18. Umdumisi ubhekisela ‘kwixesha lenkoliseko,’ esebenzisa ibinzana elithi ‘ixesha elamkelekileyo.’ La mabinzana abonisa ukuba inkoliseko nenkuselo kaYehova zibonakaliswa ngendlela ekhethekileyo kodwa kuphela ngexesha elimiselweyo nelisikelwe umda.

16. Lalinini ixesha lenkoliseko kaYehova kuSirayeli wamandulo?

16 Lalinini elo xesha lenkoliseko? Kwinzaliseko yokuqala yesi siprofeto, la mazwi ayebhekisela ekuhlaziyweni nasekukhululweni ekuthinjweni kwamaYuda okwakuxelwe kwangaphambili. Uhlanga lukaSirayeli lwanandipha ixesha lenkoliseko xa lwakwaziyo ‘ukulihlaziya kwakhona ilizwe’ nokulifumana kwakhona “ilifa lalo eliphanzisiweyo.” (Isaya 49:8b) Lwalungasengawo ‘amabanjwa’ eBhabhiloni. Ngoxa lusendleleni egodukayo, uYehova waqinisekisa ukuba ‘alulambi’ yaye ‘alunxanwa,’ yaye ‘alubethwa lulophu okanye lilanga.’ AmaSirayeli awayesasazekile athontelana ukubuyela elizweni lawo “evela kude . . . , emntla nasentshona.” (Isaya 49:9-12) Ukongezelela kule nzaliseko iphawulekayo yokuqala yesi siprofeto, iBhayibhile ibonisa ukuba sinayo nenye inzaliseko engakumbi.

17, 18. Liliphi ixesha lenkoliseko awalinyulayo uYehova ebudeni benkulungwane yokuqala?

17 Okokuqala, ekuzalweni kukaYesu, iingelosi zavakalisa uxolo nenkoliseko kaThixo ebantwini. (Luka 2:13, 14) Le nkoliseko ayizange ibonakaliswe kubo bonke abantu, kodwa kuphela kwabo babekholwa kuYesu. Kamva uYesu wasifunda esidlangalaleni isiprofeto esikuIsaya 61:1, 2 waza wasibhekisa kuye njengomvakalisi ‘wonyaka wenkoliseko kaYehova.’ (Luka 4:17-21) Umpostile uPawulos wathetha ngoKristu njengalowo ukhuselwa ngokukhethekileyo nguYehova ebudeni bemihla yokuba senyameni kwakhe. (Hebhere 5:7-9) Ngoko eli xesha lenkoliseko libhekisela ekukholisweni kukaThixo nguYesu ebudeni bexesha lokuphila kwakhe njengomntu.

18 Noko ke, kukwakho nenye inzaliseko engakumbi yesi siprofeto. Emva kokucaphula amazwi kaIsaya ngokubhekisele kwixesha lenkoliseko, uPawulos wahlabela mgama esithi: “Khangelani! Lingoku elona xesha lamkelekileyo. Khangelani! Ingoku imini yosindiso.” (2 Korinte 6:2) UPawulos wawabhala la mazwi kwiminyaka engama-22 emva kokufa kukaYesu. Ngokucacileyo, ekuzalweni kwebandla lamaKristu ngePentekoste yowama-33 C.E., uYehova wawandisa unyaka wakhe wenkoliseko ukuze aquke abalandeli abathanjisiweyo bakaKristu.

19. AmaKristu namhlanje anokungenelwa njani kwixesha lenkoliseko kaYehova?

19 Kuthekani ngabalandeli bakaYesu namhlanje abangathanjiswanga njengeendlalifa zobukumkani basezulwini bukaThixo? Ngaba abo banethemba lasemhlabeni banokungenelwa kweli xesha lamkelekileyo? Ewe. Incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ibonisa ukuba eli lixesha lenkoliseko kaYehova kwisihlwele esikhulu esiya kuphuma “embandezelweni enkulu” ukuze sinandiphe ubomi kwiparadesi yasemhlabeni. (ISityhilelo 7:13-17) Ngoko ke, onke amaKristu anokulixhakamfula eli thuba lisikelw’ umda lokubonakalisa kukaYehova inkoliseko yakhe kubantu abangafezekanga.

20. AmaKristu anokukuphepha ngayiphi indlela ukuyiphosa injongo yobubele obungasifanelanga bukaYehova?

20 Umpostile uPawulos wasitshayelela ngesilumkiso isibhengezo sexesha elamkelekileyo likaYehova. Wawabongoza amaKristu ukuba ‘angamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo aze ayiphose injongo yabo.’ (2 Korinte 6:1) Ngoko ke, amaKristu asebenzisa thuba ngalinye elivelayo ukuze akholise uThixo aze enze ukuthanda kwakhe. (Efese 5:15, 16) Enza kakuhle ngokuthobela isiluleko sikaPawulos esithi: “Lumkani, bazalwana, kungaveli nakuwuphi na kuni onentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo; kodwa hlalani nibongozana umhla ngamnye, lo gama kusathiwa ‘Namhlanje,’ ukuze kungabikho nabani na kuni owenziwa lukhuni ngamandla akhohlisayo esono.”—Hebhere 3:12, 13.

21. Ngawaphi amazwi ovuyo aqukumbela inxalenye yokuqala yesiprofeto esikuIsaya isahluko 49?

21 Njengoko efikelela esiphelweni amazwi esiprofeto phakathi kukaYehova noMesiya wakhe, uIsaya uvakalisa amazwi ovuyo, esithi: “Memelelani ngochulumanco, nina mazulu, uvuye nawe mhlaba. Iintaba mazichwayite zimemelele ngochulumanco. Kuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, yaye unosizi ngabaxhwalekileyo bakhe.” (Isaya 49:13) Anjani wona ukuhlab’ umxhelo amazwi athuthuzelayo kumaSirayeli amandulo nakuMkhonzi omkhulu kaYehova, uYesu Kristu, kwanakubakhonzi abathanjisiweyo bakaYehova kunye namaqabane abo ‘ezinye izimvu’ namhlanje!—Yohane 10:16.

UYehova Akabalibali Abantu Bakhe

22. UYehova ugxininisa njani ukuba akasayi kuze abalibale abantu bakhe?

22 Ngoku uIsaya uhlabela mgama echaza izibhengezo zikaYehova. Uxela kwangaphambili ukuba amaSirayeli asekuthinjweni aza kudinwa aze aphelelwe lithemba. UIsaya uthi: “IZiyon yaqhubeka isithi: ‘UYehova undishiyile, kwaye uYehova undilibele.’” (Isaya 49:14) Ngaba oku kuyinyaniso? Ngaba uYehova ubalahlile abantu bakhe waza walibala ngabo? UIsaya uhlabela mgama njengesithethi sikaYehova, esithi: “Umfazi angalulibala na usana lwakhe, angavakalelwa ngonyana wesisu sakhe? Nokuba bona abafazi banokulibala, kodwa mna andiyi kukulibala.” (Isaya 49:15) Enjani yona indlela yothando asabela ngayo uYehova! Uthando lukaThixo ngabantu bakhe lungaphezu kolukamama ngomntwana wakhe. Uhlala ecinga ngabanyanisekileyo bakhe. Uyabakhumbula ngokungathi amagama abo akrolwe ezandleni zakhe: “Khangela! Ndikukrolile ezintendeni zam. Iindonga zakho ziphambi kwam rhoqo.”—Isaya 49:16.

23. UPawulos uwakhuthaza njani amaKristu ukuba abe nentembelo yokuba uYehova akasayi kuze awalibale?

23 Kwincwadi yakhe eya kwabaseGalati, umpostile uPawulos wawabongoza amaKristu, esithi: “Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.” (Galati 6:9) Wona amaHebhere wawabhalela amazwi akhuthazayo athi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Hebhere 6:10) Asifanele nanini na sivakalelwe kukuba uYehova ubalibele abantu bakhe. NjengakwiZiyon yamandulo, amaKristu anesizathu esihle sokuvuya aze alindele ngomonde kuYehova. Uwugcina ngokupheleleyo umnqophiso nezithembiso zakhe.

24. IZiyon iza kubuyiselwa ngayiphi indlela, yaye yiyiphi imibuzo eza kuyibuza?

24 Esebenzisa uIsaya, uYehova unikela intuthuzelo engakumbi. Abo ‘bayichithayo’ iZiyon, enoba ngamaBhabhiloni okanye amaYuda awexukileyo, abasesiso isisongelo. “Oonyana” baseZiyon, abangamaYuda asekuthinjweni anyanisekileyo kuYehova, “baya kuphuma.” Baza ‘kuqokelelana ndawonye.’ Akuba ebuyele ngokukhawuleza eYerusalem, amaYuda abuyiselweyo aza kuba sisihombiso kwisixeko sawo esilikomkhulu, kanye “njengomtshakazi” owambeswe ‘ngesihombo.’ (Isaya 49:17, 18) Iindawo zaseZiyon ‘zichithakele.’ Khawuyithelekelele indlela emangaliswa ngayo xa izibona ixinene ngenxa yokuba nabemi abaninzi. (Funda uIsaya 49:19, 20.) Ngokuzenzekelayo, iyabuza ukuba bavela phi bonke aba bantwana bangaka: “Ngokuqinisekileyo uya kuthi entliziyweni yakho, ‘Ngubani na ondizalele aba, ekubeni ndingumfazi ohluthwe abantwana noludlolo, oye ekuthinjweni nothatyathwe walibanjwa? Bona ke aba, ngubani na obakhulisileyo? Khangela! Mna bendisele ndedwa. Aba—bebephi na?’” (Isaya 49:21) Olunjani lona uvuyo eza kuba nalo iZiyon ebikade iludlolo!

25. Namhlanje, uSirayeli wokomoya uye wabuyiselwa njani?

25 La mazwi ayazaliseka nanamhlanje. Ebudeni beminyaka enzima yemfazwe yehlabathi yokuqala, uSirayeli wokomoya wafikelwa lixesha lokuphanziswa nokuthinjwa. Kodwa wabuyiselwa waza waba kwiparadesi yokomoya. (Isaya 35:1-10) Njengesixeko esasiphanzisiwe esichazwa nguIsaya, uye wachwayita kunene—ngokungathi kunjalo—kukuzibona enehlokondiba labanquli bakaYehova abavuyayo nabakhutheleyo.

‘Umqondiso Kwizizwana’

26. Luluphi ulwalathiso alunikelayo uYehova kubantu bakhe abakhululiweyo?

26 Ngoku uYehova wenza ukuba uIsaya aprofete ngexesha lokukhululwa kwabantu Bakhe eBhabhiloni. Ngaba baza kufumana naluphi na ulwalathiso lobuthixo? UYehova uphendula esithi: “Khangela! Ndiya kusiphakamisela ezintlangeni isandla sam, nakwizizwana ndiya kuphakamisa umqondiso. Kwaye ziya kubazisa esifubeni oonyana bakho, neentombi zakho ziya kuzithwala emagxeni.” (Isaya 49:22) Ekuzalisekeni kwaso kokuqala, iYerusalem, ebikade ilikomkhulu likarhulumente nendawo ekwakumi kuyo itempile kaYehova, iba ‘ngumqondiso’ kaYehova. Kwanabantu abadumileyo nabanegunya bezinye iintlanga, ‘njengookumkani’ ‘namakhosazana,’ bayawancedisa amaSirayeli ekubuyeni kwawo. (Isaya 49:23a) Ookumkani basePersi uKoreshi noArtashashta Longimanus babephakathi kwabo bawancedayo. (Ezra 5:13; 7:11-26) Yaye la mazwi kaIsaya anenzaliseko engakumbi.

27. (a) Kwinzaliseko enkulu ngakumbi, nguwuphi “umqondiso” eziya kuthontelana ukuya kuwo izizwana? (b) Uza kuba yintoni umphumo xa zonke iintlanga ziza kunyanzeleka ukuba zizithobe kulawulo lukaMesiya?

27 UIsaya 11:10 uthetha ‘ngomqondiso kwizizwana.’ Umpostile uPawulos wawabhekisa kuKristu Yesu la mazwi. (Roma 15:8-12) Ngenxa yoko, inzaliseko enkulu ngakumbi yala mazwi, ibhekisela kuYesu nakubathanjiswa abalawula kunye naye ‘njengomqondiso’ kaYehova ezithontelana zisiya kuwo izizwana. (ISityhilelo 14:1) Ngexesha elifanelekileyo zonke izizwana zomhlaba—kwanabalawuli banamhlanje—kuya kufuneka zizithobe kulawulo lukaMesiya. (INdumiso 2:10, 11; Daniyeli 2:44) Uza kuba yintoni umphumo? UYehova uthi: “Kuya kufuneka wazi ukuba ndinguYehova, lowo bangayi kuba neentloni abathembele ngaye.”—Isaya 49:23b.

“Ngoku Usindiso Lwethu Lukufuphi Ngakumbi”

28. (a) Ngawaphi amazwi abaqinisekisa ngawo kwakhona uYehova abantu bakhe ukuba uza kubakhulula? (b) Sisiphi isiqinisekiso sikaYehova esisemiyo ngokuphathelele abantu bakhe?

28 Abanye babo basekuthinjweni eBhabhiloni bebesenokuzibuza bathi, ‘Ngaba ngokwenene inokwenzeka into yokuba uSirayeli akhululwe?’ UYehova uwunikela ingqalelo loo mbuzo ngokubuza athi: “Oko sele kuthatyathiwe kungathatyathwa na kwindoda enamandla, okanye lingabaleka na iqela labathinjwa?” (Isaya 49:24) Impendulo ithi ewe. UYehova uyabaqinisekisa, esithi: “Kwaneqela labathinjwa bendoda enamandla liya kuthatyathwa, nabo sele bethatyathwe nguzwilakhe baya kubaleka.” (Isaya 49:25a) Esinjani sona ukukhuthaza isiqinisekiso! Ngaphezu koko, inkoliseko kaYehova kubantu bakhe yenza ukuba abaqinisekise ngakumbi ngokubakhusela kwakhe. Ubaqinisekisa ngokuthi: “Nabani na osukuzana nawe mna ndiya kusukuzana naye, noonyana bakho ndiya kubasindisa.” (Isaya 49:25b) Eso siqinisekiso sisemi unangoku. Njengoko kubhalwe kuZekariya 2:8, uYehova uthi kubantu bakhe: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” Liyinyaniso elokuba, ngoku sinandipha ixesha lenkoliseko ekuthi ebudeni balo izizwana emhlabeni wonke zithontelane ukuya kwiZiyon yokomoya. Noko ke, elo xesha lenkoliseko liza kuphela.

29. Liliphi ikamva elimfiliba abanalo abo bangavumiyo ukuthobela uYehova?

29 Kuza kwenzeka ntoni kwabo bangavumiyo ngenkani ukuthobela uYehova nabade batshutshise abanquli bakhe? Uthi: “Ndiya kubenza abo bakudlakazelisayo badle inyama yabo; baya kunxila ligazi labo ngokungathi yiwayini enencasa.” (Isaya 49:26a) Elinjani lona ukuba mfiliba ikamva abanalo! Abo bachasi banenkani abanalo ikamva elihlala lihleli. Baza kutshatyalaliswa. Ngoko, ngokusindisa abantu bakhe nangokutshabalalisa iintshaba zabo, uYehova uza kungqineka enguMsindisi. “Yonke inyama kuya kufuneka yazi ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho noMhlawuleli wakho, Lowo unaMandla kaYakobi.”—Isaya 49:26b.

30. UYehova ubasindise njani abantu bakhe, yaye yintoni aseza kuyenza?

30 Loo mazwi azaliseka okokuqala xa uYehova wasebenzisa uKoreshi ukukhulula abantu Bakhe kubukhoboka baseBhabhiloni. Asebenza ngokufanayo nangowe-1919 xa uYehova wasebenzisa uNyana wakhe obekwe etroneni, uYesu Kristu, ukukhulula abantu Bakhe kubukhoboka bokomoya. Ngenxa yoko, iBhayibhile ithetha ngabo bobabini uYehova noYesu njengabasindisi. (Tito 2:11-13; 3:4-6) UYehova nguMsindisi wethu, yaye uYesu, uMesiya, ‘unguMmeli wakhe Oyintloko.’ (IZenzo 5:31) Eneneni, ukusindisa kukaThixo ngoYesu Kristu kubalasele. Ngeendaba ezilungileyo, uYehova uyabakhulula abo bantliziyo zilungileyo kubukhoboka bonqulo lobuxoki. Ngedini lentlawulelo, uyabahlangula kubukhoboka besono nokufa. Ngowe-1919 wabahlangula abazalwana bakaYesu kubukhoboka bokomoya. Yaye ekufikeni kwemfazwe ekhawulezileyo yeArmagedon, uza kusihlangula isihlwele esikhulu sabantu abathembekileyo ekutshatyalalisweni okuza kufikela aboni.

31. AmaKristu afanele asabele njani ngokufumana kwawo inkoliseko kaThixo?

31 Elinjani ke ngoko ilungelo ekulilo ukufumana inkoliseko kaThixo! Ngamana sonke singalisebenzisa ngobulumko eli xesha lamkelekileyo. Yaye ngamana singenza ngokuvisisana nokungxamiseka kwamaxesha ethu, sithobele amazwi kaPawulos awayebhekiswa kwabaseRoma, athi: “[Niyalazi] ixesha, okokuba sele kulilixa lokuba nivuke ebuthongweni, kuba ngoku usindiso lwethu lukufuphi ngakumbi kunangexesha esathi saba ngamakholwa ngalo. Ubusuku buhambile; imini isondele. Ngoko ke masiyikhulule imisebenzi yobumnyama yaye masambathe izixhobo zokukhanya. Njengakwixesha lasemini masihambe ngokundilisekileyo, kungekhona kwiziyunguma nasezindywaleni, kungekhona kwiintlobano zesini ezingavumelekanga nakwihambo evakalala, kungekhona kwimbambano nekhwele. Kodwa yambathani iNkosi uYesu Kristu, yaye musani ukuyicebela kwangaphambili iminqweno yenyama.”—Roma 13:11-14.

32. Ziziphi iziqinisekiso abanazo abantu bakaThixo?

32 UYehova uya kuqhubeka ekholiswa ngabo basithobelayo isiluleko sakhe. Uya kubanika amandla nobuchule obufunekayo ukuze baqhubeke nokushumayela iindaba ezilungileyo. (2 Korinte 4:7) UYehova uza kubasebenzisa abakhonzi bakhe ngendlela ayisebenzisa ngayo iNkokeli yabo, uYesu. Uza kuyenza imilomo yabo ibe “njengekrele elibukhali” ukuze bafikelele iintliziyo zabalulamileyo ngesigidimi seendaba ezilungileyo. (Mateyu 28:19, 20) Uza kubakhusela abantu bakhe “emthunzini wesandla sakhe.” ‘Njengotolo olukhazimlisiweyo,’ baza kufihlwa “kumphongolo wakhe.” Eneneni, uYehova akayi kubashiya abantu bakhe!—INdumiso 94:14; Isaya 49:2, 15.

[Umbhalo osemazantsi]

a “Njengoko ngokungathandabuzekiyo uSathana wayeqonda ukuba nguYesu uNyana kaThixo ekwakuprofetwe ngaye njengoza kumtyumza intloko (Gen 3:15), ngoko wazama zonke iindlela zokumtshabalalisa uYesu. Kodwa, xa ingelosi uGabriyeli yachazela uMariya ngokukhawula kwakhe uYesu, yathi kuye: ‘Umoya oyingcwele uya kukufikela, namandla Oyena Uphakamileyo aya kukusibekela. Ngenxa yeso sizathu kwanoko kuzalwayo kuya kubizwa ngokuba kungcwele, uNyana kaThixo.’ (Lu 1:35) UYehova wamkhusela uNyana wakhe. Amalinge okutshabalalisa uYesu eseyimveku akazange aphumelele.”—I-Insight on the Scriptures, Umqulu 2, iphepha 868, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 139]

UMesiya ‘unjengotolo olukhazimlisiweyo’ olukumphongolo kaYehova

[Umfanekiso okwiphepha 141]

UMesiya uye waba “lukhanyiselo lweentlanga”

[Umfanekiso okwiphepha 147]

Uthando lukaThixo ngabantu bakhe lukhulu ngakumbi kunolukamama ngomntwana wakhe