Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Memelelani Ngovuyo Ngazwinye”!

“Memelelani Ngovuyo Ngazwinye”!

Isahluko Seshumi Elinesithathu

“Memelelani Ngovuyo Ngazwinye”!

Isaya 52:1-12

1. Kutheni engumthombo wovuyo nje amazwi esiprofeto akuIsaya isahluko 52, yaye anaziphi iinzaliseko ezimbini?

 INKULULEKO! Liliphi elinye ithemba ebelingabavuyisa ngakumbi abantu abasekuthinjweni? Ekubeni umxholo ophambili wencwadi kaIsaya iyinkululeko nokubuyiselwa, ayimangalisi ke ngoko into yokuba ngaphandle kweeNdumiso, le ncwadi yeBhayibhile iqulethe amabinzana ovuyo ngaphezu kwayo nayiphi na enye. UIsaya isahluko 52 ngokukhethekileyo uchaza isizathu sokuvuya kwabantu bakaThixo. Amazwi ayo esiprofeto aye azaliseka eYerusalem ngowama-537 B.C.E. Yaye anenzaliseko enkulu ngakumbi ebandakanya “iYerusalem ephezulu,” intlangano kaYehova yasezulwini yezidalwa zomoya, maxa wambi echazwa njengomama nomfazi.—Galati 4:26; ISityhilelo 12:1.

“Yambatha Amandla Akho, Ziyon!”

2. Ivuka nini iZiyon, yaye kwenzeka njani oku?

2 UYehova, esebenzisa uIsaya, umemeza esithi kwisixeko Sakhe, iZiyon: “Vuka, vuka, yambatha amandla akho, Ziyon! Yambatha izambatho zakho ezintle, Yerusalem, sixeko esingcwele! Kuba akuyi kuba saphinda kufike kwakhona kuwe lowo ungalukanga nongahlambulukanga. Zivuthulule uthuli, suk’ ume, hlala phantsi, Yerusalem. Zikhulule izibopho zentamo yakho, ntombi yaseZiyon engumthinjwa.” (Isaya 52:1, 2) Ngenxa yokuba abemi bayo beye bamqumbisa uYehova, iYerusalem iye yahlala iyinkangala kangangama-70 eminyaka. (2 Kumkani 24:4; 2 Kronike 36:15-21; Yeremiya 25:8-11; Daniyeli 9:2) Ngoku lithuba lokuba ivuke emaqandeni ize yambathe izambatho ezihle zenkululeko. UYehova ushukumise intliziyo kaKoreshi ukuze akhulule ‘intombi yaseZiyon engumthinjwa’ ukuze abemi bangaphambili baseYerusalem nenzala yabo bakwazi ukuphuma eBhabhiloni, babuyele eYerusalem, baze babuyisele unqulo lokwenyaniso. Akumele kufunyanwe namnye ongalukanga nongahlambulukanga eYerusalem.—Ezra 1:1-4.

3. Kutheni ibandla lamaKristu athanjisiweyo linokubizwa ngokuba ‘yintombi yaseZiyon,’ yaye akhululwe ngayiphi ingqiqo?

3 La mazwi kaIsaya ayazaliseka nakwibandla lamaKristu. Ibandla lamaKristu athanjisiweyo linokuchazwa ‘njengentombi yaseZiyon’ yanamhlanje, ekubeni “iYerusalem ephezulu” ingumama walo. a Njengoko abo bathanjisiweyo bekhululwe kwiimfundiso zobuhedeni nezabawexuki, bamele bahlale becocekile phambi kukaYehova, kungekhona ngokwaluka enyameni, kodwa ngokwaluka ezintliziyweni zabo. (Yeremiya 31:33; Roma 2:25-29) Oku kuquka ukuhlala becocekile ngokomoya, engqondweni, nangokokuziphatha phambi kukaYehova.—1 Korinte 7:19; Efese 2:3.

4. Nangona “iYerusalem ephezulu” ingazange ikhe ingamthobeli uYehova, ngawaphi amava abameli bayo basemhlabeni afana nawabemi bamandulo baseYerusalem?

4 Enyanisweni, “iYerusalem ephezulu” ayizange ikhe ingamthobeli uYehova. Noko ke, ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, abameli bayo basemhlabeni—amaKristu athanjisiweyo—baye ngokungazi baphula umthetho kaYehova ngenxa yokuba babengabuqondi kakuhle ubundilele bamaKristu okwenyaniso. Baphulukana nenkoliseko kaThixo, baza basiwa ekuthinjweni kokomoya ‘yiBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (ISityhilelo 17:5) Imeko yabo yokuba sebukhobokeni yafikelela incopho ngoJuni 1918 xa amalungu asibhozo eWatch Tower Society avalelwa entolongweni ngezimangalo zobuxoki, kuquka amayelenqe. Ngelo xesha ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwaphantse kwanqumama. Noko ke, ngowe-1919 kwavakaliswa isibhengezo sokuba bavuke ngokomoya. Ngoko ke la maKristu athanjisiweyo aqalisa ukuzahlukanisa ngokupheleleyo ekungahlambulukini kokuziphatha nokomoya kweBhabhiloni Enkulu. Avuka eluthulini lokuthinjwa, yaza “iYerusalem ephezulu” yaba nobuqaqawuli ‘besixeko esingcwele’ okungavumelekanga kuso ukungahlambuluki kokomoya.

5. Kutheni uYehova enelungelo elipheleleyo lokubathenga kwakhona abantu bakhe ngaphandle kokubahlawula abo babathimbileyo?

5 Kokubini ngowama-537 B.C.E. nangowe-1919 C.E., uYehova wayenelungelo elipheleleyo lokukhulula abantu bakhe. UIsaya ucacisa esithi: “Utsho uYehova ukuthi: ‘Kwathengiswa ngani ngento elilize, yaye niya kuhlawulelwa ngaphandle kwemali.’” (Isaya 52:3) IBhabhiloni yamandulo neBhabhiloni Enkulu azizange zihlawule nesenti ekuthabatheni kwazo abantu bakaThixo bomnqophiso njengamakhoboka. Ekubeni kungazange kwenziwe sivumelwano semali, uYehova wayesenguMnini osemthethweni wabantu bakhe. Ngaba wayefanele avakalelwe kukuba kwakukho bani uthile amtyalayo? Akunjalo konke konke. Kuzo zombini ezi meko, uYehova unelungelo lokubathenga kwakhona abanquli bakhe ngaphandle kokubahlawula nento le abo babathimbileyo.—Isaya 45:13.

6. Ziziphi izifundo zembali ezingazange zizithobele iintshaba zikaYehova?

6 Iintshaba zikaYehova zazingazange zifunde sifundo kwiziganeko zembali. Sifunda oku: “Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: ‘Ekuqaleni abantu bam behla baya eYiputa ukuze bahlale apho njengabaphambukeli; yaza iAsiriya yabacinezela ngaphandle kwesizathu.’” (Isaya 52:4) UFaro waseYiputa wawakhobokisa amaSirayeli, awayemenyelwe ukuza kuhlala ezweni lakhe njengeendwendwe. Kodwa uYehova wabangela ukuba uFaro nomkhosi wakhe batshone kuLwandle Olubomvu. (Eksodus 1:11-14; 14:27, 28) Xa uKumkani uSenaribhe waseAsiriya wasongela iYerusalem, ingelosi kaYehova yawaxabela amajoni aloo kumkani ali-185 000. (Isaya 37:33-37) Ngokufanayo, iBhabhiloni yamandulo neBhabhiloni Enkulu azinakuyiphepha imiphumo yokubacinezela kwazo abantu bakaThixo.

“Abantu Bam Baya Kulazi Igama Lam”

7. Ukuthinjwa kwabantu bakaYehova kulichaphazele njani igama lakhe?

7 Imeko abakuyo ekuthinjweni abantu bakaYehova iye yachaphazela igama lakhe, njengoko isiprofeto sibonisa ngokuthi: “‘Ngoku ke, kukuphi na ukulungelwa endinako apha?’ utsho uYehova. ‘Kuba abantu bam bathatyathelwa ilize. Bona kanye abo babalawulayo bayabhomboloza,’ utsho uYehova, ‘yaye igama lam liphathwa ngokungenantlonelo rhoqo, imini yonke. Ngenxa yeso sizathu abantu bam baya kulazi igama lam ngaloo mini, ngokuba Ndim otshoyo. Ewe, Mna kanye.’” (Isaya 52:5, 6) Unawuphi umdla uYehova kule meko? Yintoni emxhalabisayo ngokukhotyokiswa kukaSirayeli eBhabhiloni? UYehova umele athabath’ inyathelo ngenxa yokuba iBhabhiloni ithimbe abantu bakhe yaza yabhomboloza ngokuthi yoyisile. Oko kuqhayisa kukhokelele iBhabhiloni ekubeni iliphathe ngokungenantlonelo igama likaYehova. (Hezekile 36:20, 21) Ayiqondi ukuba ukuphanziswa kweYerusalem kube ngenxa yokungakholiswa kukaYehova ngabantu bakhe. Kunoko, iBhabhiloni iye yakugqala ukukhotyokiswa kwamaYuda njengobungqina bokuba buthathaka koThixo wawo. Irhuluneli yaseBhabhiloni uBheleshatsare ide imgculele uYehova ngokuthi isebenzise izitya zetempile Yakhe ebudeni betheko lokuzukisa oothixo baseBhabhiloni.—Daniyeli 5:1-4.

8. Liye laphathwa njani igama likaYehova ukususela ekufeni kwabapostile?

8 Kukonke oku kusebenza njani ‘kwiYerusalem ephezulu’? Ukususela oko kwathi kwabakho uwexuko phakathi kwabo bazibanga bengamaKristu, singatsho ukuthi “igama likaThixo liyanyeliswa ngenxa [yabo] phakathi kweentlanga.” (Roma 2:24; IZenzo 20:29, 30) Kangangokuba, ngenxa yeenkolelo ekugqibeleni amaYuda aqalisa ukukuphepha ukusebenzisa igama likaThixo. Kungekudala emva kokufa kwabapostile, amaKristu awexukileyo nawo ayeka ukulisebenzisa igama lobuqu likaThixo. Olo wexuko lwaphumela ekwandeni kweNgqobhoko, inxalenye eyintloko yeBhabhiloni Enkulu. (2 Tesalonika 2:3, 7; ISityhilelo 17:5) Ukuziphatha okubi okugqithiseleyo kweNgqobhoko netyala layo elikhulu legazi liye lalingcolisa igama likaYehova.—2 Petros 2:1, 2.

9, 10. Yintoni abaye bayiqonda ngokunzulu ngakumbi abantu bakaThixo bomnqophiso bexesha lanamhlanje ngokuphathelele imilinganiselo kaYehova negama lakhe?

9 Xa uKoreshi Omkhulu, uYesu Kristu, wabakhululayo abantu bakaThixo bomnqophiso ekuthinjweni yiBhabhiloni Enkulu ngowe-1919, bayiqonda ngakumbi imiyalelo kaYehova. Babesele bezihlambulule kwiimfundiso ezininzi zeNgqobhoko ezinemvelaphi yobuhedeni bangaphambi kwexesha lobuKristu, njengoBathathu Emnye, ukungafi komphefumlo, nokuthuthunjiswa ngonaphakade esihogweni somlilo. Ngoku babezimisele ukususa yonke imizila yempembelelo yaseBhabhiloni. Kwakhona bakuqonda ukubaluleka kokulondoloza ngokungqongqo ubundilele ngokuphathelele ukuthabatha icala kwimicimbi yeli hlabathi. Bade bafuna nokuzihlambulula kulo naliphi na ityala legazi abaye baba nalo abanye babo.

10 Abakhonzi bakaThixo bale mihla nabo baye bakuqonda ngokunzulu ngakumbi ukubaluleka kwegama likaYehova. Ngowe-1931 baye bamkela igama elithi amaNgqina kaYehova, ngaloo ndlela bevakalisa ekuhleni ukuba bayamxhasa uYehova negama lakhe. Ukongezelela, ngempapasho eyiNew World Translation epapashwe ukususela ngowe-1950, amaNgqina kaYehova aye alibuyisela igama likaThixo kwindawo yalo efanelekileyo eBhayibhileni. Ewe, aye alixabisa igama likaYehova aza alivakalisa ukusa eziphelweni zomhlaba.

“Lowo Uzisa Iindaba Ezilungileyo”

11. Kutheni lifanelekile nje ibinzana elithi “UThixo wakho uye waba ngukumkani!” ngokubhekisele kwiziganeko zowama-537 B.C.E.?

11 Ngoku ingqalelo yethu ibuyiselwa eZiyon ngoxa isekwimeko yayo yokuphanziswa. Kufika umthunywa eneendaba ezilungileyo ezithi: “Hayi indlela ezibukeka ngayo ezintabeni iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo, lowo uvakalisa uxolo, lowo uzisa iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi, lowo uvakalisa usindiso, lowo uthi kwiZiyon: ‘UThixo wakho uye waba ngukumkani!’” (Isaya 52:7) Ngowama-537 B.C.E., bekunokutshiwo njani ukuba uThixo weZiyon uye waba nguKumkani? UYehova ebengasoloko na enguKumkani? Eneneni, ‘unguKumkani kanaphakade’! (ISityhilelo 15:3) Kodwa ibinzana elithi “UThixo wakho uye waba ngukumkani!” lifanelekile ngenxa yokuba ukuwa kweBhabhiloni nesibhengezo esongamileyo sokuba yakhiwe kwakhona itempile eYerusalem kuze kubuyiselwe unqulo olunyulu apho, konke oku kukubonisa ngokutsha ukuba ngukumkani kukaYehova.—INdumiso 97:1.

12. Ngubani owakhokelayo ‘ekuziseni iindaba ezilungileyo,’ yaye njani?

12 Ngomhla kaIsaya, kwakungekho mntu okanye qela labantu elalibizwa ngokuba ‘ngabo bazisa iindaba ezilungileyo.’ Noko ke, namhlanje bayaziwa abo baphethe iindaba ezilungileyo. UYesu Kristu ngoyena mthunywa mkhulu woxolo kaYehova. Xa wayesemhlabeni, washumayela iindaba ezilungileyo zokuba abantu baza kukhululeka kuyo yonke imiphumo yesono esizuzwe ilifa kuAdam, kuquka ukugula nokufa. (Mateyu 9:35) UYesu wamisela umzekelo omhle ekuzivakaliseni ngenzondelelo ezi ndaba zilungileyo zento elunge ngakumbi, esebenzisa onke amathuba okufundisa abantu ngoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 5:1, 2; Marko 6:34; Luka 19:1-10; Yohane 4:5-26) Yaye abafundi bakhe bawulandela umzekelo wakhe.

13. (a) Umpostile uPawulos uyenza banzi njani intsingiselo yebinzana elithi “Hayi indlela ezibukeka ngayo ezintabeni iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo”? (b) Kuthetha ukuthini ukuthi iinyawo zabathunywa ‘ziyabukeka’?

13 Kwincwadi yakhe eya kwabaseRoma, umpostile uPawulos ucaphula uIsaya 52:7 ukuze abalaselise ukubaluleka komsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. Uwaqiqisa ngokuphakamisa uthotho lwemibuzo, kuquka othi ‘Baya kuva njani na abantu kungekho bani ushumayelayo?’ Wandula ke athi: “Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: ‘Hayi indlela ezibukeka ngayo iinyawo zabo bavakalisa iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!’” (Roma 10:14, 15) Ngoko uPawulos uyenza banzi intsingiselo kaIsaya 52:7, ngokusebenzisa isininzi esithi “zabo” kunesinye esithi “zalowo,” esisetyenziswe kumbhalo wantlandlolo kaIsaya. Exelisa uYesu Kristu, onke amaKristu angabathunywa abavakalisa iindaba ezilungileyo zoxolo. “Zibukeka” njani iinyawo zabo? UIsaya uthetha ngokungathi kufika umthunywa eYerusalem evela kwiintaba ezikufuphi nelakwaYuda. Azinakubonakala iinyawo zomthunywa xa ekude. Ngoko, ingqalelo apha ikumthunywa ngokwakhe, iinyawo zimela yena ngokwakhe. Kanye njengokuba uYesu nabafundi bakhe babengumbono omhle kwabo balulamileyo ngenkulungwane yokuqala, amaNgqina anamhlanje angumbono othandekayo kwabo bathobekileyo abasithobelayo isigidimi esisindis’ ubomi seendaba ezilungileyo.

14. UYehova ube nguKumkani njani kule mihla, yaye oku kuvakaliswa ukususela nini eluntwini?

14 Siye savakala ukususela nini kule mihla isibhengezo esithi “UThixo wakho uye waba ngukumkani!”? Ukususela ngowe-1919. Ngaloo nyaka kwindibano eyayiseCedar Point, eOhio, uJ. F. Rutherford, owayengumongameli weWatch Tower Society ngoko, wavuselela abaphulaphuli ngentetho enomxholo othi “Intetho Kubasebenzi Abangoowethu.” Le ntetho, eyayisekelwe kuIsaya 52:7 nakwiSityhilelo 15:2, yakhuthaza bonke ababekho ukuba benze umsebenzi wokushumayela. Ngaloo ndlela, ‘iinyawo ezibukekayo’ zaqalisa ukubonakala “ezintabeni.” Kwaqala amaKristu athanjisiweyo aza kamva athelelwa ‘ngabezinye izimvu’ ekuvakaliseni ngenzondelelo iindaba ezilungileyo zokuba uYehova uye waba nguKumkani. (Yohane 10:16) Uye waba nguKumkani njani uYehova? Wakubonakalisa ngokutsha ukuba ngukumkani kwakhe ngowe-1914 xa wamisela uNyana wakhe, uYesu Kristu, njengoKumkani kuBukumkani basezulwini obabusandul’ ukumiselwa. Kwakhona uYehova wakubonakalisa ukuba ngukumkani kwakhe ngowe-1919 xa wakhulula “uSirayeli kaThixo” kwiBhabhiloni Enkulu.—Galati 6:16; INdumiso 47:8; ISityhilelo 11:15, 17; 19:6.

“Abalindi Bakho Baliphakamisile Ilizwi Labo”

15. Bangoobani “abalindi” abaphakamisa ilizwi labo ngowama-537 B.C.E.?

15 Ngaba kukho nabani na oye wasabela kwisibhengezo esithi “UThixo wakho uye waba ngukumkani!”? Ewe. UIsaya ubhala esithi: “Phulaphulani! Abalindi bakho baliphakamisile ilizwi labo. Ngazwinye baqhubeka bememelela ngovuyo; kuba baya kukubona ngamehlo ukuyibuyisela kukaYehova iZiyon.” (Isaya 52:8) Akukho balindi bokoqobo baye bamkela abathinjwa ababebuyela eYerusalem ngowe-537 B.C.E. Eso sixeko sasiphanzisiwe kangangama-70 eminyaka. (Yeremiya 25:11, 12) Ngoko “abalindi” abaphakamisa ilizwi labo bamele ukuba bangamaSirayeli aye aziva kuqala iindaba zokubuyiselwa kweZiyon aza azidlulisela ezo ndaba kwabanye abantwana beZiyon. Njengoko aba balindi beye bakubona ukunikela kukaYehova iBhabhiloni ezandleni zikaKoreshi ngowama-539 B.C.E., ngoko abayithandabuzi kwaphela into yokuba uYehova uyabakhulula abantu bakhe. Bekunye nabo basabelayo kwisibhengezo sabo, aba balindi bayaqhubeka bememelela ngovuyo, ngazwinye, ukuze nabanye bazive ezi ndaba zilungileyo.

16. Ngubani abalindi abambona “ngamehlo,” yaye ngayiphi ingqiqo?

16 Aba balindi baphaphileyo baba nolwalamano olusondeleyo nolobuqu kunye noYehova, ngokungathi bambona “ngamehlo,” okanye ubuso ngobuso. (Numeri 14:14) Ulwalamano lwabo olusondeleyo noYehova noluphakathi kwabo bebodwa lubalaselisa ukumanyana kwabo kwakunye nokuvuyisa kwesigidimi sabo.—1 Korinte 1:10.

17, 18. (a) Udidi lomlindi wanamhlanje luliphakamise njani ilizwi lalo? (b) Udidi lomlindi luye lwavakalisa ngazwinye ngayiphi ingqiqo?

17 Kwinzaliseko yale mihla, udidi lomlindi, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” liphakamisa ilizwi lalo kungekuphela nje kwabo sele besentlanganweni kaThixo ebonakalayo kodwa kwanakwabangaphandle. (Mateyu 24:45-47) Kwaphuma isibhengezo sokuba kuhlanganiswe abaseleyo bentsalela ngowe-1919, yaye ngowe-1922 esi sibhengezo saqiniswa ngakumbi kwindibano eyayiseCedar Point, eOhio, ngesibongozo esithi “mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.” Ukususela ngowe-1935, kuye kwanikelwa ingqalelo ekuhlanganisweni kwesihlwele esikhulu sabezinye izimvu. (ISityhilelo 7:9, 10) Kwiminyaka yakutshanje ukubhengezwa kokuba ngukumkani kukaYehova kuye kwanda ngakumbi. Njani? Ngonyaka wama-2000, abanokuba zizigidi ezithandathu babenesabelo ekuvakaliseni ukuba ngukumkani kukaYehova kumazwe nakwimimandla engaphezu kwama-230. Ukongezelela, IMboniselo, esesona sixhobo siphambili sodidi lomlindi, ivakalisa isigidimi sovuyo ngeelwimi ezingaphezu kwe-130.

18 Ukuba nesabelo kulo msebenzi umanyanisayo kufuna ukuthobeka nothando lobuzalwana. Ukuze esi sibhengezo sibe yimpumelelo, bonke abo babandakanyekileyo bamele bashumayele isigidimi esinye, babalaselise igama likaYehova, ilungiselelo lakhe lentlawulelo, ubulumko bakhe, uthando lwakhe, noBukumkani bakhe. Njengoko amaKristu ehlabathini lonke esebenza ngaxhatha-linye, ukumanyana kwawo noYehova kuyaqina ukuze akwazi ukuqhubeka nokuvakalisa iindaba ezilungileyo ngazwinye.

19. (a) Zichwayita njani ‘iindawo eziphanzileyo zaseYerusalem’? (b) UYehova uye ‘wayihluba ngayiphi ingqiqo ingalo yakhe engcwele’?

19 Njengoko abantu bakaThixo bememelela ngovuyo, kwanendawo abahlala kuyo ibonakala ichwayitile. Isiprofeto sihlabela mgama sisithi: “Chwayitani, memelelani ngovuyo ngazwinye, nina zindawo ziphanzileyo zaseYerusalem, kuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe; uyihlawulele iYerusalem. UYehova uhlube ingalo yakhe engcwele phambi kwamehlo eentlanga zonke; yaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kulubona usindiso loThixo wethu.” (Isaya 52:9, 10) Ekufikeni kwabathinjwa bevela eBhabhiloni, iindawo ebezikade ziphanzile eYerusalem zibonakala zichwayitile ngenxa yokuba ngoku lunako ukubuyiselwa unqulo olunyulu lukaYehova. (Isaya 35:1, 2) Ngokucacileyo, uYehova uye wafak’ isandla koku. Uye ‘wayihluba ingalo yakhe engcwele,’ ngokungathi usonga imikhono yakhe ukuze azibhokoxe emsebenzini wokusindisa abantu bakhe.—Ezra 1:2, 3.

20. Yintoni eye yenzeka neseza kwenzeka ekuhlubeni kukaYehova ingalo yakhe engcwele kule mihla?

20 Kule “mihla yokugqibela,” uYehova uye wayihluba ingalo yakhe engcwele ukuze avuselele intsalela ethanjisiweyo, “amangqina amabini” achazwe encwadini yeSityhilelo. (2 Timoti 3:1; ISityhilelo 11:3, 7-13) Ukususela ngowe-1919, aye angeniswa kwiparadesi yokomoya, imeko yokomoya leyo ngoku abelana ngayo kunye nezigidi zamaqabane awo, angabezinye izimvu. Ekugqibeleni, uYehova uza kuyihluba ingalo yakhe engcwele ukuze asindise abantu bakhe ‘eHar–Magedon.’ (ISityhilelo 16:14, 16) Ngoko, “zonke iziphelo zomhlaba ziya kulubona usindiso loThixo wethu.”

Umyalelo Ongxamisekileyo

21. (a) Yintoni elindelekileyo kwabo ‘bathwala impahla kaYehova’? (b) Kutheni engenasizathu sakuphakuzela nje amaYuda aphuma eBhabhiloni?

21 Abo baphuma eBhabhiloni bebuyela eYerusalem banomyalelo ekufuneka bewuthobele. UIsaya ubhala esithi: “Mkani, mkani, phumani apho, ningachukumisi nto ingahlambulukanga; phumani phakathi kwazo, zigcineni nihlambulukile, nina nithwala impahla kaYehova. Kuba aniyi kuphuma ngokuphakuzela, yaye aniyi kuhamba ngokusaba. Kuba uYehova uya kube ehamba kanye phambi kwenu, uThixo kaSirayeli uya kunikhusela ngasemva.” (Isaya 52:11, 12) Ekuphumeni kwawo eBhabhiloni, la maSirayeli amele ashiye ngasemva nantoni na engcoliswe lunqulo lobuxoki lwaseBhabhiloni. Ekubeni ethwele impahla kaYehova evela etempileni eyayiseYerusalem, amele angapheleli nje ekuzihlambululeni kwangaphandle, kwesithethe, kodwa ngokuyintloko amele ahlambulule iintliziyo zawo. (2 Kumkani 24:11-13; Ezra 1:7) Ukongezelela, uYehova uhamba nawo, ngoko akanasizathu sakuphakuzela, nesokubaleka ngokubhuduzela, ngokungathi asukelwa ngabahlaseli abanxanelw’ igazi. UThixo kaSirayeli uza kubakhusela ngasemva.—Ezra 8:21-23.

22. UPawulos uyigxininisa njani imfuneko yokuhlambuluka kumaKristu athanjisiweyo?

22 Amazwi kaIsaya aphathelele ukuhlambuluka azaliseka ngokuyintloko kwinzala ‘yeYerusalem ephezulu.’ Xa uPawulos wabongoza amaKristu aseKorinte ukuba angabotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo, wacaphula amazwi akuIsaya 52:11 esithi: “‘Ngoko ke phumani phakathi kwabo, nizahlule,’ utsho uYehova, ‘nento engahlambulukanga ningayichukumisi.’” (2 Korinte 6:14-17) Kanye njengamaSirayeli awayebuyela ekhaya evela eBhabhiloni, nawo amaKristu amele azikhwebule kunqulo lobuxoki lweBhabhiloni.

23. Abakhonzi bakaYehova namhlanje bazabalazela njani ukuzigcina behlambulukile?

23 Abalandeli abathanjisiweyo bakaYesu Kristu abaphumayo kwiBhabhiloni Enkulu ngowe-1919 babezimisele ngokukhethekileyo ekwenzeni oku. Baqhubeka bezihlambulula kuyo yonke imizila yonqulo lobuxoki. (Isaya 8:19, 20; Roma 15:4) Kwakhona baya bekuqonda ngakumbi nangakumbi ukubaluleka kokucoceka ngokokuziphatha. Nangona amaNgqina kaYehova ebesoloko elondoloze imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha, ngowe-1952 IMboniselo yayinamanqaku awayegxininisa imfuneko yokuqeqeshwa kwabo babeziphethe kakubi ukuze kugcinwe ibandla licocekile. Uqeqesho olunjalo lwalumnceda nomenzi-bubi lowo ukuba ayiqonde imfuneko yokuguquka ngokunyanisekileyo.—1 Korinte 5:6, 7, 9-13; 2 Korinte 7:8-10; 2 Yohane 10, 11.

24. (a) Kule mihla, iyintoni “impahla kaYehova”? (b) Kutheni amaKristu namhlanje enentembelo yokuba uYehova uya kuqhubeka ehamba phambi kwawo aze awakhusele nangasemva?

24 AmaKristu athanjisiweyo kunye nesihlwele esikhulu sezinye izimvu bazimisele ukungachukumisi nantoni na engahlambulukanga ngokomoya. Imeko yabo esulungekileyo nehlambulukileyo, ibenza bakufanelekele ukuba ngabathwali ‘bempahla kaYehova’—amalungiselelo axabisekileyo athe uThixo wawenzela inkonzo engcwele yokushumayela kwindlu ngendlu nokuqhuba izifundo zeBhayibhile nobunye ubulungiseleli bobuKristu. Ngokuhlala behlambulukile, abantu bakaThixo namhlanje banokuba nentembelo yokuba uYehova uya kuqhubeka ehamba phambi kwabo aze abakhusele nangasemva. Njengabantu bakaThixo abahlambulukileyo, banezizathu ezininzi ‘zokumemelela ngovuyo ngazwinye’!

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona iSahluko 15 sale ncwadi ukuze ufumane inkcazelo eneenkcukacha ngolwalamano oluphakathi ‘kweYerusalem ephezulu’ kunye nabantwana bayo abathanjisiweyo abasemhlabeni.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 183]

IZiyon iza kukhululwa ekuthinjweni

[Umfanekiso okwiphepha 186]

Ukususela ngowe-1919, ‘iinyawo ezibukekayo’ ziye zabonakala kwakhona “ezintabeni”

[Umfanekiso okwiphepha 189]

AmaNgqina kaYehova athetha ngazwinye

[Umfanekiso okwiphepha 192]

Abo ‘bathwala impahla kaYehova’ bamele bahlambuluke ngokokuziphatha nangokomoya