Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Musani Ukukholosa Ngezidwangube”

“Musani Ukukholosa Ngezidwangube”

Isahluko Seshumi Elinanye

“Musani Ukukholosa Ngezidwangube”

Isaya 50:1-11

1, 2. (a) Sisiphi isiluleko esiphefumlelweyo aye akasithobela amaYuda, yaye ube yintoni umphumo? (b) Kutheni uYehova ebuza ukuba: ‘Siphi isiqinisekiso soqhawulo-mtshato?’

 “MUSANI ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso. . . . Unoyolo lowo unoncedo olunguThixo kaYakobi, othemba lakhe likuYehova uThixo wakhe, uMenzi wezulu nomhlaba.” (INdumiso 146:3-6) Akwaba nje amaYuda omhla kaIsaya ebenokwenza ngokuvumelana nesiluleko somdumisi! Akwaba nje ebenokuthembela, kungekhona kwiYiputa okanye naluphi na olunye uhlanga lobuhedeni, kodwa ‘kuThixo kaYakobi’! Ngoko, ekuhlaselweni kukaYuda ziintshaba zakhe, uYehova ebeya kumkhusela. Noko ke, uYuda uye wala ukuthembela kuncedo lukaYehova. Ngenxa yoko, uYehova uza kuyiyekela iYerusalem ukuba itshatyalaliswe baze abemi bakwaYuda bathinjelwe eBhabhiloni.

2 UYuda uzifake ngokwakhe kule nkathazo. Akanakugxeka uYehova ngokutshatyalaliswa kwakhe ngelithi uye wamjikela okanye wawaphula umnqophiso awenze nohlanga lwakhe. UMdali akawaphuli umnqophiso wakhe. (Yeremiya 31:32; Daniyeli 9:27; ISityhilelo 15:4) Egxininisa oku, uYehova uyawabuza amaYuda, esithi: “Siphi na, ke, isiqinisekiso soqhawulo-mtshato sikanyoko endamndululayo?” (Isaya 50:1a) EMthethweni kaMoses, indoda eqhawula umtshato nomfazi wayo imele imnike isiqinisekiso soqhawulo-mtshato. Ngoko wayekhululeka ukuba angaba ngowenye indoda. (Duteronomi 24:1, 2) Ngengqiqo yokomfuziselo, uYehova ubunike isiqinisekiso esinjalo ubukumkani obungudadeboYuda, uSirayeli, kodwa akenzanga njalo kuYuda. a ‘Useyindoda engumnini wakhe.’ (Yeremiya 3:8, 14) Ngokuqinisekileyo uYuda akakhululekanga ukuba azinxulumanise neentlanga zobuhedeni. Ulwalamano lukaYehova kunye naye luza kuqhubeka “ade afike uShilo [uMesiya].”—Genesis 49:10.

3. UYehova ‘ubathengisa’ ngasiphi isizathu abantu bakhe?

3 Kwakhona uYehova umbuza athi uYuda: “Nguwuphi na kubabolekisi bam endithengise ngani kuye?” (Isaya 50:1b) AmaYuda akayi kuthunyelwa ekuthinjweni eBhabhiloni ngenjongo yokuhlawula ityala uYehova analo. UYehova akafani nomSirayeli olihlwempu omele athengise abantwana bakhe kulowo amtyalayo ukuze ahlawule amatyala akhe. (Eksodus 21:7) Kunoko, uYehova uchaza esona sizathu sokuba abantu bakhe beza kukhotyokiswa, esithi: “Khangelani! Ngenxa yeziphoso zenu nithengisiwe, nangenxa yokunxaxha kwenu unyoko uye wandululwa.” (Isaya 50:1c) NgamaYuda amshiyileyo uYehova; asinguye owashiyileyo.

4, 5. UYehova ulubonisa njani uthando analo ngabantu bakhe, kodwa uYuda usabela njani?

4 Umbuzo olandelayo kaYehova ulubonisa ngokucacileyo uthando lwakhe ngabantu bakhe: “Yini na ukuba ndifike, kungekho bani? Ndibize, kungabikho uphendulayo?” (Isaya 50:2a) Ngokusebenzisa abakhonzi bakhe abangabaprofeti, uYehova uye wafika, ngokungathi kunjalo, ekhayeni labantu bakhe ukuza kubabongoza ukuba babuyele kuye ngeentliziyo zabo zonke. Kodwa bona basuke bazithulela nje. AmaYuda akhetha ukuthembela ngenkxaso yabantu basemhlabeni, yaye maxa wambi ade aphethukele kwiYiputa.—Isaya 30:2; 31:1-3; Yeremiya 37:5-7.

5 Ngaba iYiputa ingumsindisi othembeke ngakumbi kunoYehova? Mhlawumbi loo maYuda angathembekanga sele ezilibele iziganeko ezakhokelela ekumiselweni kohlanga lwawo kwiinkulungwane ezidluleyo. UYehova uyawabuza, esithi: “Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhulula, okanye akukho mandla okuhlangula na kum? Khangela! Ndomisa ulwandle ngokhalimelo lwam; ndenza imilambo ibe yintlango. Iintlanzi zalo ziyanuka ngenxa yokungabikho kwamanzi, yaye ziyafa lunxano. Ndambesa amazulu ngokusithakala, ndiwenze isigqubuthelo ngamarhonya.”—Isaya 50:2b, 3.

6, 7. Wawabonisa njani uYehova amandla akhe okusindisa ngethuba lokuba sisisongelo kwamaYiputa?

6 Ngowe-1513 B.C.E., iYiputa yayingumcinezeli wabantu bakaThixo—kungekhona umhlanguli ekwakunokuthenjelwa kuye. AmaSirayeli ayengamakhoboka kwelo lizwe lobuhedeni. Kodwa uYehova wawahlangula, yaye enjani yona ukuchulumancisa indlela awawahlangula ngayo! Okokuqala wazisa iZibetho Ezilishumi kwelo lizwe. Emva kwesibetho esitshabalalisayo seshumi, uFaro waseYiputa wawabongoza amaSirayeli ukuba emke kweso sixeko. (Eksodus 7:14–12:31) Kodwa, ngokukhawuleza emva kokuba emkile, uFaro watshintsha ingqondo. Wahlanganisa umkhosi wakhe waza wawasukela amaSirayeli ukuze awanyanzele ukuba abuyele eYiputa. (Eksodus 14:5-9) Evalelwe yimikhosi yamaYiputa ngasemva naluLwandle Olubomvu ngaphambili, amaSirayeli ayesengxingweni! Kodwa uYehova wawalwela.

7 UYehova wawathintela amaYiputa ngokumisa intsika yelifu phakathi kwawo namaSirayeli. Kwicala lamaYiputa, le ntsika yelifu yayisenza kube mnyama; kwicala lamaSirayeli, yayikhanyisa. (Eksodus 14:20) Ngoko, njengoko uYehova wayeyithintele imikhosi yamaYiputa, walwenza “lwabuyela umva ulwandle ngomoya onamandla wasempuma ubusuku bonke, waluguqula lwaba ngumhlaba owomileyo ulwandle.” (Eksodus 14:21) Akuba ahlukene amanzi, bonke abantu—amadoda, abafazi nabantwana—bakwazi ukuluwela ngokukhuselekileyo uLwandle Olubomvu. Xa abantu bakhe babesele bekufuphi nonxweme olungaphesheya, uYehova waliphakamisa ilifu. Efuthekile ngumsindo, amaYiputa angena embonzeleka elwandle esukelisa. Bakuba abantu bakhe befike ngokukhuselekileyo elunxwemeni, uYehova wawabuyisa amanzi, warhaxwa uFaro nemikhosi yakhe. Ngaloo ndlela uYehova wabalwela abantu bakhe. Enjani yona indlela oku okuwakhuthaza ngayo amaKristu namhlanje!—Eksodus 14:23-28.

8. Kungenxa yokungahoyi ziphi izilumkiso abathi ekugqibeleni abemi bakwaYuda basiwe ekuthinjweni?

8 Ngexesha likaIsaya, kwakusele kudlule iminyaka engamakhulu asixhenxe ukususela ekwenzekeni kolo loyiso lobuthixo. Ngoku uYuda uluhlanga oluzimeleyo. Ngamanye amaxesha, wenza izivumelwano kunye noorhulumente basemzini, abanjengeAsiriya neYiputa. Kodwa iinkokeli zezi ntlanga zobuhedeni azithembekanga. Into eza kuqala kuzo zizilangazelelo zazo zobuqu ngaphezu kwazo naziphi na izivumelwano ezizenze kunye noYuda. Bethetha egameni likaYehova, abaprofeti babalumkisa abantu ukuba bangakholosi ngabantu abanjalo, kodwa abazange bawahoye amazwi abo baprofeti. Ekugqibeleni, amaYuda aza kuthinjelwa eBhabhiloni ukuze akhotyokiswe kangangeminyaka engama-70. (Yeremiya 25:11) Noko ke, uYehova akayi kubalibala abantu bakhe, yaye akayi kubalahla ngonaphakade. Ngexesha elimisiweyo, uza kubakhumbula, yaye uza kuvula indlela yokuba babuyele elizweni labo ukuze babuyisele unqulo olunyulu. Iyintoni injongo yoko? Ikukuze balungiselele ukuza kukaShilo, lowo abamele bamthobele bonke abantu!

Ukuza KukaShilo

9. Ngubani uShilo, yaye uluhlobo olunjani lomfundisi?

9 Kudlula iinkulungwane. “Lithe lakuzaliseka ixesha” wafika emhlabeni, lowo ubizwa ngokuba nguShilo, iNkosi uYesu Kristu. (Galati 4:4; Hebhere 1:1, 2) Into yokuba uYehova enyule oyena mntu usenyongweni kuye ukuba abe siSithethi sakhe kumaYuda ibonisa indlela uYehova abathanda ngayo abantu bakhe. UYesu uba luhlobo olunjani lwesithethi? Uba sisithethi solona didi luphakamileyo! UYesu ungaphezu kokuba sisithethi nje kuphela, ukwangumfundisi—uMfundisi Obalaseleyo. Akumangalisi oko, kuba unoMqeqeshi omangalisayo—uYehova uThixo ngokwakhe. (Yohane 5:30; 6:45; 7:15, 16, 46; 8:26) Oku kuqinisekiswa koko akutshoyo uYesu kwisiprofeto sikaIsaya, esithi: “INkosi enguMongami uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndiyazi indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi. Iyandivusa iintsasa ngeentsasa; iyayivusa indlebe yam ukuze ive njengabafundileyo.”—Isaya 50:4. b

10. UYesu ulubonisa njani uthando uYehova analo ngabantu Bakhe, yaye yiyiphi intsabelo ayifumanayo uYesu?

10 Ngaphambi kokuza kwakhe emhlabeni, uYesu wayesebenza ecaleni kukaYise ezulwini. Ulwalamano olusenyongweni phakathi kukaYise noNyana luchazwe bumbongorha kwiMizekeliso 8:30: “Ndandisecaleni [kukaYehova] njengomsebénzi onobuchule, . . . ndichulumanca phambi kwakhe amaxesha onke.” Ukuphulaphula uYise kwamzisela uvuyo olukhulu uYesu. Naye wayebathanda “oonyana babantu” njengoYise. (IMizekeliso 8:31) Ngethuba esemhlabeni, uYesu ‘ebemphendula odiniweyo ngelizwi.’ Ubuqalise ubulungiseleli bakhe ngokufunda inxalenye ekhuthazayo yesiprofeto sikaIsaya, ethi: “Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kumahlwempu, . . . ukukhulula abo batyunyuziweyo.” (Luka 4:18; Isaya 61:1) Iindaba ezilungileyo kumahlwempu! Ukuhlaziywa kwabadiniweyo! Hayi indlela esifanele sibavuyise ngayo abantu eso sibhengezo! Abanye bayavuya—kodwa hayi bonke. Ekugqibeleni, abaninzi bayala ukuzamkela iimfaneleko zikaYesu njengalowo ufundiswe nguYehova.

11. Ngoobani abangena edyokhweni kunye noYesu, yaye yintoni ababa namava ayo?

11 Noko ke, abanye bafuna ukuva okungakumbi. Basabela ngovuyo kwisimemo esifudumez’ intliziyo sikaYesu, esithi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.” (Mateyu 11:28, 29) Phakathi kwabo basondela kuYesu kukho amadoda aba ngabapostile bakhe. Ayazi ukuba ukungena edyokhweni kunye noYesu kuthetha ukuzibhokoxa. Phakathi kwezinye izinto, lo msebenzi ubandakanya ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ukusa eziphelweni zomhlaba. (Mateyu 24:14) Njengoko abapostile nabanye abafundi bebandakanyeka kulo msebenzi, bafumanise ukuba eneneni uyayihlaziya imiphefumlo yabo. Loo msebenzi uyenziwa nangamaKristu athembekileyo namhlanje, yaye ukuba nenxaxheba kuwo kuwazisela uvuyo olufanayo.

Akavukeli

12. UYesu ukubonisa ngaziphi iindlela ukuthobela kwakhe uYise wasemazulwini?

12 UYesu akaze ayilibale injongo yokuza kwakhe emhlabeni—ukuza kwenza ukuthanda kukaThixo. Imbono yakhe ixelwe kwangaphambili ngokuthi: “INkosi enguMongami uYehova iyivulile indlebe yam, yaye mna andibanga nemvukelo. Andijikelanga kwicala elahlukileyo.” (Isaya 50:5) UYesu usoloko emthobela uThixo. Eneneni, ude athi: “UNyana akanakwenza nanye into ngokwakhe, ngaphandle koko abona uYise ekwenza.” (Yohane 5:19) Ngaphambi kokuphila kwakhe njengomntu, uYesu usenokuba wasebenza kangangezigidi, okanye amawaka ezigidi eminyaka, ecaleni kukaYise. Akuba eze emhlabeni, uyaqhubeka elandela ulwalathiso lukaYehova. Ekubeni thina singabalandeli abangafezekanga bakaKristu, hayi indlela ekuyimfuneko ngakumbi ngayo ngathi ukwenza kanye ngokolwalathiso lukaYehova!

13. Yintoni eza kwenzeka kuYesu, sekunjalo uzibonakalisa njani ekhaliphile?

13 Bambi babo bamgatyayo uNyana kaYehova okuphela kozelweyo bayamtshutshisa, yaye nako oku kuxelwe kwangaphambili, ngokuthi: “Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kwabo baxhwitha iinwele zam. Andibufihlanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.” (Isaya 50:6) Ngokutsho kwesiprofeto, uMesiya uza kuviswa iintlungu aze ahlaziswe ngabachasi bakhe. UYesu uyakwazi oku. Yaye uyazi ukuba iza kuphelela phi le ntshutshiso. Sekunjalo, njengoko ixesha lakhe emhlabeni lisondela esiphelweni, akabonakalisi koyika. Esitsha ziintambo, uya eYerusalem, apho buza kuphelela khona ubomi bakhe njengomntu. Endleleni eya apho, uYesu ubaxelela oku abafundi bakhe: “Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, yaye uNyana womntu uya kunikelwa kubabingeleli abaziintloko nakubabhali, bamgwebele isohlwayo sokufa baze bamnikele kubantu beentlanga, yaye baya kuhlekisa ngaye, bamtshicele, bamtyakatye baze bambulale, kodwa kwiintsuku ezintathu kamva uya kuvuka.” (Marko 10:33, 34) Yonke le mpatho ingendawo iza kuphenjelelwa ngabantu ebekungafanelanga ukuba benze into enjalo—ababingeleli abaziintloko nababhali.

14, 15. Azaliseka njani amazwi kaIsaya okuba uYesu wayeza kubethwa aze ahlaziswe?

14 Ngobusuku bukaNisan 14, 33 C.E., uYesu ukumyezo waseGetsemane kunye nabanye babalandeli bakhe. Uyathandaza. Ngequbuliso, kufika ihlokondiba labantu lize limbambe. Kodwa akoyiki. Uyazi ukuba uYehova unaye. UYesu uqinisekisa abapostile bakhe abankwantyayo ukuthi ukuba ebefuna, ebenako ukumbongoza uYise ukuba athumele imikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini ukuba imhlangule, kodwa wongezelela athi: “Ngoko, beziya kuzaliseka njani iZibhalo?”—Mateyu 26:36, 47, 53, 54.

15 Konke okwakuxelwe kwangaphambili ngokuphathelele izilingo nokufa kukaMesiya kuye kwazaliseka. Emva kokusiwa ematyaleni ngobuqhophololo phambi kweSanhedrin, uYesu uncinwa nguPontiyo Pilato, omnikela ukuba atyakatywe. Amajoni amaRoma “ambetha entloko ngengcongolo aze amtshicele.” Ngoko aye azaliseka amazwi kaIsaya. (Marko 14:65; 15:19; Mateyu 26:67, 68) Nangona iBhayibhile ingachazi ukuba ezinye zeenwele zikaYesu zaxhwithwa ngokoqobo—senzo eso esibonisa intiyo enzulu—ngokungathandabuzekiyo oku kuye kwenzeka, kanye njengokuba uIsaya wayexele kwangaphambili. cNehemiya 13:25.

16. Phezu kwayo nje ingcinezelo enzulu, uye wasabela njani uYesu, yaye kutheni engenazintloni?

16 Ngoxa eme phambi kukaPilato, uYesu akazingxengxezeli ukuze kusindiswe ubomi bakhe kodwa uhlala ezolile, esazi ukuba umele afe ukuze kuzaliseke iZibhalo. Xa le rhuluneli yamaRoma isithi inegunya lokumgwebela ukufa kwanelokumkhulula uYesu, uYesu uphendula ngokungoyikiyo, esithi: “Unge ungenagunya konke konke nxamnye nam ngaphandle kokuba ulinikwe livela phezulu.” (Yohane 19:11) Amajoni kaPilato amphatha ngenkohlakalo uYesu, kodwa akonganyelwa ziintloni. Yintoni ke phofu enokumenza abe neentloni? Akohlwaywa ngokusesikweni ngenxa yesenzo esithile esiphosakeleyo. Kunoko, utshutshiswa ngenxa yobulungisa. Ngenxa yoku, aye azaliseka amazwi kaIsaya esiprofeto abhekele phaya, athi: “INkosi enguMongami uYehova iya kundinceda. Kungenxa yoko le nto ndingayi kuziva ndithotyiwe. Kungenxa yoko le nto ndimise ubuso bam njengeqhwitha, yaye ndiyazi ukuba andiyi kuba nazintloni.”—Isaya 50:7.

17. Kungaziphi iindlela aye uYehova wema ecaleni kukaYesu ebudeni babo bonke ubulungiseleli bakhe?

17 Inkalipho kaYesu isekelwe ekuthembeleni kwakhe ngokupheleleyo kuYehova. Ukuzola kwakhe kubonisa ukuba uhambelana ngokupheleleyo namazwi kaIsaya, athi: “Lowo undivakalisa ndililungisa usondele. Ngubani na onokusukuzana nam? Masime ndawonye. Ngubani na ochasene nam kwezokugweba? Makasondele kum. Khangela! INkosi enguMongami uYehova iya kundinceda. Ngubani na onokundivakalisa ndingongendawo? Khangela! Bonke baya kuphela njengesambatho. Inundu liya kubadla libagqibe.” (Isaya 50:8, 9) Ngemini yokubhaptizwa kukaYesu, uYehova umvakalisa elilungisa njengonyana wokomoya kaThixo. Enyanisweni, kuvakala ilizwi likaThixo uqobo ngeso sihlandlo, lisithi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mateyu 3:17) Ngasekupheleni kobomi bakhe basemhlabeni, njengoko uYesu eguqa ukuze athandaze kumyezo waseGetsemane, “ingelosi evela ezulwini yabonakala kuye yaza yamomeleza.” (Luka 22:41-43) Ngoko uYesu uyazi ukuba uYise uyakholiswa yindlela aphila ngayo. Lo Nyana ofezekileyo kaThixo akenzanga sono. (1 Petros 2:22) Iintshaba zakhe zimtyhola ngobuxoki ngokuthi waphula iSabatha, uyanxila, yaye uneedemon, kodwa uYesu akahlaziswa bubuxoki bazo. UThixo unaye, ngoko ngubani na onokumelana naye?—Luka 7:34; Yohane 5:18; 7:20; Roma 8:31; Hebhere 12:3.

18, 19. Ngawaphi amava afana nakaYesu aye anawo amaKristu athanjisiweyo?

18 UYesu ulumkisa abafundi bakhe, esithi: “Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani.” (Yohane 15:20) Kungekudala oku kungqineke kuyinyaniso. NgePentekoste yowama-33 C.E., umoya oyingcwele wehla phezu kwabafundi abathembekileyo bakaYesu, kwaza kwamiselwa ibandla lamaKristu. Phantse kanye ngelo xesha iinkokeli zonqulo zizama ukuwuphelisa umsebenzi wokushumayela obusenziwa ngala madoda nabafazi abathembekileyo abamanyene noYesu njengenxalenye ‘yembewu ka-Abraham’ nabaye benziwa oonyana bakaThixo bokomoya. (Galati 3:26, 29; 4:5, 6) Ukususela kwinkulungwane yokuqala ukuza kuthi ga ngoku, amaKristu athanjisiweyo, ngoxa enamathele ngokuqinileyo ekwenzeni okulungileyo, aye ajamelana nezityholo zobuxoki kwakunye nokutshutshiswa ngokuqatha ziintshaba zikaYesu.

19 Sekunjalo, akhumbula amazwi akhuthazayo kaYesu, athi: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam. Yibani nemihlali nixhume ngovuyo, ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini.” (Mateyu 5:11, 12) Ngenxa yoko, kungakhathaliseki ukuba ahlaselwa ngokuqatha kangakanani na, amaKristu athanjisiweyo ema eqinile. Kungakhathaliseki ukuba zithini na iintshaba zawo, ayazi ukuba avakaliswe engamalungisa nguThixo. Emehlweni akhe ‘akanasiphako yaye akamangaleleki.’—Kolose 1:21, 22.

20. (a) Ngoobani abaxhasa amaKristu athanjisiweyo, yaye yintoni abaye baba namava ayo? (b) AmaKristu athanjisiweyo kunye “nezinye izimvu” baba nalo njani ulwimi lwabafundileyo?

20 Namhlanje amaKristu athanjisiweyo axhaswa ‘sisihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu.’ Naso simi siqinile ekwenzeni okulungileyo. Ngenxa yoko, siye sabandezeleka kunye nabazalwana baso abathanjisiweyo yaye siye ‘sayihlamba imiwunduzo yaso sayenza mhlophe egazini leMvana.’ UYehova usivakalise singamalungisa ngembono yokuba uza kusisindisa ‘kwimbandezelo enkulu.’ (ISityhilelo 7:9, 14, 15; Yohane 10:16; Yakobi 2:23) Nokuba iintshaba zaso zibonakala zomelele ngoku, isiprofeto sikaIsaya sithi ngexesha elifanelekileyo likaThixo, ezo ntshaba ziza kuba njengesambatho esidliwe linundu, esifanelwe kukulahlwa. Okwangoku, amaKristu athanjisiweyo kunye “nezinye izimvu” bazigcina bomelele ngokuthandaza rhoqo, ngokufundisisa iLizwi likaThixo, nangokuya kwiintlanganiso zonqulo. Ngaloo ndlela bafundiswa nguYehova yaye bafunda ukuthetha ngolwimi lwabafundileyo.

Ukukholosa NgeGama LikaYehova

21. (a) Ngoobani abahamba ekukhanyeni, yaye uba yintoni umphumo woko? (b) Kwenzeka ntoni kwabo bahamba ebumnyameni?

21 Ngoku khawuqwalasele lo mahluko uphawulekayo: “Ngubani na phakathi kwenu owoyika uYehova, ephulaphula ilizwi lomkhonzi wakhe, ohambe ebumnyameni obuqhubekayo nalowo bekungekho kuqaqamba kuye? Makakholose ngegama likaYehova aze azixhase ngoThixo wakhe.” (Isaya 50:10) Abo baphulaphula ilizwi loMkhonzi kaThixo, uYesu Kristu, bahamba ekukhanyeni. (Yohane 3:21) Abaneli nje ngokusebenzisa igama likaThixo, uYehova, kodwa bakwakholose nangomnini welo gama. Kwanokuba babekhe ngaxa lithile bahamba ebumnyameni, ngoku aboyiki bantu. Bathembele kuThixo. Kodwa ke, bona abo bazingisayo ukuhamba ebumnyameni bazizisulu zokoyika abantu. Wayekwimeko efanayo uPontiyo Pilato. Nangona elo gosa lamaRoma lalisazi ukuba uYesu wayemsulwa kwizimangalo zobuxoki awayebhaxekwa zona, uloyiko lwalithintela ukuba lingamkhululi. Amajoni amaRoma ambulala uNyana kaThixo, kodwa uYehova wamvusa waza wamthwesa uzuko nembeko. Kuthekani ngoPilato? Ngokutsho kombhali-bhali ongumYuda uFlavius Josephus, kwiminyaka nje emine emva kokufa kukaYesu, uPilato wayekiswa ukuba yirhuluneli yamaRoma waza wayalelwa ukuba abuyele eRoma ukuya kuphendula izimangalo zamatyala anzulu awayetyholwa ngawo. Kuthekani ngamaYuda awaququzelela ukubulawa kukaYesu? Kwisithuba esingaphantsi kwamashumi amane eminyaka emva koko, imikhosi yamaRoma yayitshabalalisa iYerusalem yaza yababulala abemi bayo, abanye bathinjelwa ebukhobokeni. Alikho ikamva eliqaqambileyo kwabo bakhetha ubumnyama!—Yohane 3:19.

22. Kutheni kububuyatha ngokwenene ukukholosa ngosindiso oluvela ebantwini?

22 Ukukholosa ngosindiso oluvela ebantwini kububuyatha ngokwenene. Isiprofeto sikaIsaya sichaza isizathu soko, sisithi: “Khangelani! Nonke nina baphemba umlilo, bakhanyisa iintlantsi, hambani ekukhanyeni komlilo wenu, naphakathi kweentlantsi enizivuthisayo. Ngokuqinisekileyo esandleni sam naku eniya kuba nako: Niya kulala phantsi nisentlungwini ngokupheleleyo.” (Isaya 50:11) Iinkokeli zabantu zifika zidlule. Umntu oliqhaji usenokuyithimba ingqalelo yabantu okwethuba elithile. Kodwa kwanoyena mntu unyanisekileyo unamandla alinganiselweyo. Kunokuba anike abalandeli bakhe ikamva elikhanya ngokuqaqambileyo, usenokuba namandla okubanika nje ‘iintlantsi’ ezimbalwa, ezivelisa nje ukukhanya okuluzizi zize ezo ntlantsi zikhawuleze zicime. Kwelinye icala, abo bakholose ngoShilo, uMesiya othenjisiweyo kaThixo, abasayi kuze badaniswe.

[Imibhalo esemazantsi]

a Kwiindinyana ezintathu zokuqala zikaIsaya isahluko 50, uYehova uluchaza uhlanga lukaYuda luphela njengomfazi wakhe aze abhekisele kubantu ngabanye kulo njengabantwana bakhe.

b Ukususela kwindinyana 4 ukusa ekupheleni kwesahluko, umbhali ubonakala ethetha ngaye ubuqu. Kusenokwenzeka ukuba uIsaya uye wafikelwa zezinye zezilingo azikhankanyayo kwezi ndinyana. Noko ke, ngengqiqo epheleleyo, esi siprofeto sizaliseka kuYesu Kristu.

c Okubangel’ umdla kukuba, kwiSeptuagint, uIsaya 50:6 ufundeka ngokuthi: “Ndawunikela umhlana wam ukuba utyakatywe, nezidlele zam ukuba zintlithwe.”

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 155]

AmaYuda athembela kubalawuli babantu kunakuYehova

[Umfanekiso okwiphepha 156, 157]

KuLwandle Olubomvu, uYehova wabakhusela abantu bakhe ngokumisa intsika yelifu phakathi kwabo namaYiputa