Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Onyuliweyo Wam, Lowo Ukholisiweyo Nguye Umphefumlo Wam!”

“Onyuliweyo Wam, Lowo Ukholisiweyo Nguye Umphefumlo Wam!”

Isahluko Sesithathu

“Onyuliweyo Wam, Lowo Ukholisiweyo Nguye Umphefumlo Wam!”

Isaya 42:1-25

1, 2. Kutheni amaKristu namhlanje enomdla kwisahluko 42 sikaIsaya?

 “‘NINGAMANGQINA am,’ utsho uYehova, ‘ningumkhonzi wam endimnyulileyo.’” (Isaya 43:10) Esi sibhengezo sikaYehova, esabhalwa ngumprofeti uIsaya kwinkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, sibonisa ukuba abantu bakaYehova bamandulo bomnqophiso babeluhlanga lwamangqina. Babengumkhonzi kaThixo onyuliweyo. Malunga nama-2 600 eminyaka kamva, ngowe-1931, amaKristu athanjisiweyo avakalisa ekuhleni ukuba la mazwi ayesebenza kuwo. Azibiza ngegama elithi amaNgqina kaYehova aza azamkela ngentliziyo iphela iimbopheleleko ezihambisana nokuba ngumkhonzi kaThixo wasemhlabeni.

2 AmaNgqina kaYehova akufuna ngokunyanisekileyo ukukholisa uThixo. Ngenxa yeso sizathu, ngamnye wawo unomdla onzulu kwisahluko sama-42 sencwadi kaIsaya, kuba sibonisa uhlobo lomkhonzi akholiswayo nguye uYehova kwanomkhonzi amgatyayo. Ukuhlolisisa esi siprofeto nokuzaliseka kwaso kusenza sikuqonde oko kusenza sikholeke kuThixo noko kusenza singakholeki kuye.

“Ndifake Umoya Wam Kuye”

3. Esebenzisa uIsaya, uYehova uprofeta athini ‘ngomkhonzi wakhe’?

3 Esebenzisa uIsaya, uYehova uprofeta ngokuza komkhonzi wakhe onyuliweyo, esithi: “Khangela! Umkhonzi wam, endimxhasayo! Onyuliweyo wam, lowo ukholisiweyo nguye umphefumlo wam! Ndifake umoya wam kuye. Uya kuzizisela okusesikweni iintlanga. Akayi kudanduluka okanye aphakamise ilizwi lakhe, yaye akayi kulivakalisa esitratweni ilizwi lakhe. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula; umsonto weflekisi olozizayo, akayi kuwucima. Uya kuzisa okusesikweni ngenyaniso. Akayi kuba norhatyazo okanye atyunyuzwe ade amise okusesikweni emhlabeni; kwaye iziqithi ziya kuhlala zilindele umthetho wakhe.”—Isaya 42:1-4.

4. Ngubani lo “onyuliweyo” wayexelwe kwangaphambili, yaye sikwazi njani oko?

4 Ngubani lo Mkhonzi kubhekiselwa kuye apha? Asishiywanga nje enyanyeni. Siwacatshulelwe kwakhona la mazwi encwadini yeVangeli kaMateyu yaye apho abhekisela kuYesu Kristu. (Mateyu 12:15-21) UYesu unguMkhonzi othandekayo, “onyuliweyo.” UYehova wawufaka nini umoya wakhe kuYesu? Ngowama-29 C.E., ngexesha lokubhaptizwa kukaYesu. Ingxelo ephefumlelweyo iyaluchaza olo bhaptizo ize ithi emva kokuba uYesu enyukile emanzini, “izulu lavuleka kwaza kwehla phezu kwakhe umoya oyingcwele omile njengehobe, kwaphuma nelizwi ezulwini lisithi: ‘UnguNyana wam, oyintanda; ndikholisiwe nguwe.’” Ngale ndlela uYehova wamchaza ngokwakhe uMkhonzi wakhe oyintanda. Ubulungiseleli bukaYesu emva koko nemimangaliso awayenzayo yayingqina ukuba ngokwenene wayenomoya kaYehova.—Luka 3:21, 22; 4:14-21; Mateyu 3:16, 17.

“Uya Kuzizisela Okusesikweni Iintlanga”

5. Kutheni ukucaciswa kokusesikweni kwakuyimfuneko nje ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo?

5 Onyuliweyo kaYehova wayeza ‘kuzisa,’ okanye amisele, okusesikweni kokwenyaniso. “Okusesikweni uya kukwenza kucace ezintlangeni.” (Mateyu 12:18) Hayi indlela okwakufuneka ngayo oku ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo! Iinkokeli zonqulo zamaYuda zafundisa imbono egqwethekileyo ngokusesikweni nangobulungisa. Zazifuna ubulungisa ngokunyanzelisa ukulandelwa kongcelele lwemithetho engqongqo—uninzi lwayo eyayimiselwe zizo. Oko kunyanzelisa kwazo okusesikweni kwakungekuko okwenceba nemfesane.

6. UYesu wakwenza kwaziwa njani okusesikweni kokwenyaniso?

6 Ngokwahlukileyo koko, uYesu watyhila imbono kaThixo ngokusesikweni. Ngendlela awayefundisa ngayo nawayephila ngayo, uYesu wabonisa ukuba okusesikweni kokwenyaniso kunemfesane nenceba. Qwalasela nje iNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni. (Mateyu, isahluko 5-7) Enjani yona ukubalasela ingcaciso awayinikelayo ngendlela okufanele kuboniswe ngayo okusesikweni nobulungisa! Xa sifunda ingxelo yeencwadi zeVangeli, ngaba asichukunyiswa yindlela uYesu abonakalisa ngayo inceba kwabahlwempuzekileyo nabaxhwalekileyo? (Mateyu 20:34; Marko 1:41; 6:34; Luka 7:13) Isigidimi sakhe esithuthuzelayo wasisa kwabaninzi ababenjengeengcongolo ezityumkileyo, yaye bentlithekile. Babenjengomsonto weflekisi olozizayo, benokuvuthelwa nje buphele ubomi babo nangawuphi na umzuzu. UYesu akazange ayaphule “ingcongolo etyumkileyo” engazange awucime ‘nomsonto weflekisi olozizayo.’ Kunoko, amazwi nezenzo zakhe zothando nezovelwano zaba lukhuthazo kwabo balulamileyo.—Mateyu 11:28-30.

7. Kutheni isiprofeto sisithi uYesu wayengayi ‘kudanduluka okanye aphakamise ilizwi lakhe esitratweni’?

7 Kodwa ke, kutheni esi siprofeto sisithi uYesu “akayi kudanduluka okanye aphakamise ilizwi lakhe, yaye akayi kulivakalisa esitratweni ilizwi lakhe”? Kungenxa yokuba akazange azizisele udumo yena ubuqu, njengoko babesenza abaninzi ngomhla wakhe. (Mateyu 6:5) Xa wayephilisa umntu oneqhenqa, wathi kuye: “Uze uqiniseke ukuba akuxeli nto nakubani na.” (Marko 1:40-44) Kunokuba azifunele udumo okanye ayeke abantu bakholelwe kundiva, uYesu wayefuna bazibonele ngokwabo ubungqina obuqinileyo bokuba wayenguKristu, uMkhonzi othanjisiweyo kaYehova.

8. (a) UYesu ‘wazizisela njani okusesikweni iintlanga’? (b) Umzekeliso kaYesu womSamariya olungileyo usifundisa ntoni ngokusesikweni?

8 Lo Mkhonzi Unyuliweyo wayeza “kuzizisela okusesikweni iintlanga.” UYesu wakwenza oku. Akazange nje aphelele ekugxininiseni ukuba okusesikweni kobuthixo kumele kuhambisane nemfesane, kodwa wafundisa nokuba kufanele kubonakaliswe kubo bonke abantu. Ngesinye isihlandlo uYesu wakhumbuza indoda ewaziyo uMthetho ukuba ifanele ithande uThixo kunye nommelwane wayo. Le ndoda yambuza uYesu isithi: “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” Kunokwenzeka ukuba yayilindele ukuba uYesu aphendule athi: “NgumYuda onjengawe.” Kodwa uYesu wayenzela umzekeliso womSamariya olungileyo. Kulo mzekeliso umSamariya wanceda indoda eyahlaselwa ngabaphangi, ngoxa umLevi nombingeleli balayo ukunceda. Le ndoda yayibuzile kwanyanzeleka ivume ukuba kule meko umSamariya ocekisekayo nguye owayengummelwane, kungekhona umLevi okanye umbingeleli. UYesu wawuqukumbela umzekeliso wakhe ngecebiso elithi: “Hamba uye kwenjenjalo nawe.”—Luka 10:25-37; Levitikus 19:18.

“Akayi Kuba Norhatyazo Okanye Atyunyuzwe”

9. Kuya kusichaphazela njani ukuqonda oko kukuko okusesikweni kokwenyaniso?

9 Ekubeni uYesu wakwenza kwacaca oko kukuko okusesikweni kokwenyaniso, abafundi bakhe bafunda ukulubonakalisa olu phawu. Nathi simele senjenjalo. Okokuqala, sifanele siyamkele imilinganiselo kaThixo yokulungileyo nokubi, ekubeni enelungelo lokugqiba ngoko kusesikweni nokulungileyo. Njengoko sizabalazela ukwenza izinto ngendlela kaYehova, ukuziphatha kwethu okuthe tye kuya kubalaselisa oko kukuko okusesikweni kokwenyaniso.—1 Petros 2:12.

10. Kutheni ukubonakalisa okusesikweni kubandakanya ukuba nesabelo emsebenzini wokushumayela nokufundisa?

10 Kwakhona sikubonakalisa okusesikweni kokwenyaniso ngokuba nesabelo ngokukhutheleyo emsebenzini wokushumayela nokufundisa. UYehova uye ngesisa wasinika ulwazi olusindis’ ubomi ngaye, ngoNyana wakhe, nangeenjongo zakhe. (Yohane 17:3) Akuyi kuba kokufanelekileyo okanye okusesikweni ukulugcina kuthi olo lwazi. “Musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana, xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza,” utsho njalo uSolomon. (IMizekeliso 3:27) Masabelane ngentliziyo iphela nabantu bonke ngoko sikwaziyo ngoThixo, kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi na uhlanga okanye isizwe.—IZenzo 10:34, 35.

11. Ekuxeliseni uYesu, sifanele sibaphathe njani abanye?

11 Ngokubhekele phaya, umKristu wokwenene ubaphatha abanye ngendlela uYesu enza ngayo. Abaninzi namhlanje bajamelene neengxaki ezidimazayo yaye bafuna intuthuzelo nokhuthazo. Kwanamanye amaKristu azinikeleyo asenokuthwaxwa kanobom ziimeko kangangokuba ade afane neengcongolo ezityumkileyo kwanemisonto elozizayo. Ngaba asifanelanga siwaxhase? (Luka 22:32; IZenzo 11:23) Hayi indlela ekuhlaziya ngayo ukuba yinxalenye yebutho lamaKristu okwenyaniso, azama ukuxelisa uYesu ekuqheliseleni okusesikweni!

12. Kutheni sinokuba nentembelo yokuba kamsinya bonke abantu baza kufumana okusesikweni?

12 Ngaba kuya kuze kubekho okusesikweni kwabo bonke? Ngokuqinisekileyo kunjalo. Onyuliweyo kaYehova “akayi kuba norhatyazo okanye atyunyuzwe ade amise okusesikweni emhlabeni.” Kamsinya uKumkani obekwe etroneni, uKristu Yesu ovusiweyo, uza ‘kubaphindezela abo bangamaziyo uThixo.’ (2 Tesalonika 1:6-9; ISityhilelo 16:14-16) Ulawulo lwabantu luza kuthatyathelw’ indawo buBukumkani bukaThixo. Kuya kubakho intabalala yokusesikweni nobulungisa. (IMizekeliso 2:21, 22; Isaya 11:3-5; Daniyeli 2:44; 2 Petros 3:13) Ngolangazelelo olukhulu, abakhonzi bakaYehova kuyo yonk’ indawo—kwanabo bakwiindawo ezikwanti, ‘eziqithini’—bayilindele loo mini.

‘Ndiza Kumenza Abe Lukhanyiso Lweentlanga’

13. Uprofeta athini uYehova ngoMkhonzi wakhe Onyuliweyo?

13 UIsaya uhlabela mgama esithi: “Utsho uThixo oyinyaniso, uYehova, uMdali wamazulu naLowo uZukileyo owanekayo; Lowo utwabulula umhlaba nemveliso yawo, Lowo unika abantu abakuwo impefumlo, nobanika umoya abo bahamba kuwo.” (Isaya 42:5) Enjani yona ukuhlab’ umxhelo indlela achazwa ngayo apha uYehova, uMdali! Oku kukhunjuzwa ngamandla kaYehova kuwenza abe nesidima kakhulu amazwi akhe. UYehova uthi: “Mna, Yehova, ndikubizile ngobulungisa, ndakubamba ngesandla. Kwaye ndiya kukulondoloza ndize ndikwenze umnqophiso wabantu, njengokhanyiso lweentlanga, ukuba wena uvule amehlo amfamekileyo, ukhuphe ibanjwa entolongweni, ubakhuphe endlwini yokubanjwa abo bahleli ebumnyameni.”—Isaya 42:6, 7.

14. (a) Kuthetha ukuthini ukuthi uYehova umbamba ngesandla uMkhonzi wakhe okholekileyo? (b) Yiyiphi indima ayifezayo uMkhonzi Onyuliweyo?

14 UMdali Ozukileyo wendalo iphela, uMniki noMxhasi wobomi, umbamba ngesandla uMkhonzi wakhe Onyuliweyo aze athembise ukumxhasa ngokupheleleyo nangokuthe rhoqo. Hayi indlela okukhuthaza ngayo oko! Ngaphezu koko, uYehova umgcina ekhuselekile ukuze amnikele ‘njengomnqophiso wabantu.’ Umnqophiso sisivumelwano, isithembiso esiqinisekisiweyo. Ngummiselo oqinisekileyo. Ewe, uYehova umenze uMkhonzi wakhe “waba sisivumelwano ebantwini.”—IAn American Translation.

15, 16. UYesu waba ‘lukhanyiso lweentlanga’ ngayiphi indlela?

15 “Njengokhanyiso lweentlanga,” lo Mkhonzi uthenjisiweyo uza kuvula “amehlo amfamekileyo” aze akhulule “abo bahleli ebumnyameni.” UYesu wakwenza oku. Ngokungqinela kwakhe inyaniso, uYesu wazukisa igama likaYise wasemazulwini. (Yohane 17:4, 6) Wabhenca ubuxoki bonqulo, washumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, waza wabavulela umnyango okhokelela kwinkululeko yokomoya abo bakhotyokiswe lunqulo. (Mateyu 15:3-9; Luka 4:43; Yohane 18:37) Walumkisa ngemisebenzi yobumnyama waza wambhenca uSathana ‘njengoyise wobuxoki’ ‘nomlawuli weli hlabathi.’—Yohane 3:19-21; 8:44; 16:11.

16 UYesu wathi: “Mna ndilukhanyiselo lwehlabathi.” (Yohane 8:12) Wakungqina ngendlela ebalaseleyo oko ngokuthi anikele ubomi bakhe njengomntu ofezekileyo bube yintlawulelo. Ngaloo ndlela wavula indlela yokuba abo baqhelisela ukholo baxolelwe izono, yaye babe nolwalamano olukholekileyo noThixo, kwakunye nethemba lobomi obungunaphakade. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16) Ngokubonakalisa kwakhe uzinikelo olupheleleyo lobuthixo ubomi bakhe bonke, uYesu waluphakamisa ulongamo lukaYehova waza wamngqina uMtyholi elixoki. Ngokwenene uYesu wawavula amehlo amfamekileyo waza wabakhulula abo bakhonkxwe kubumnyama bokomoya.

17. Sisebenza njengabathwali bokukhanya ngaziphi iindlela?

17 KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Nilukhanyiselo lwehlabathi.” (Mateyu 5:14) Ngaba nathi asingabo na abathwali bokukhanya? Ngendlela esiphila ngayo nangomsebenzi wethu wokushumayela, sinelungelo lokwalathisa abanye kuYehova, uMthombo wokhanyiselo lokwenyaniso. Sixelisa uYesu ngokuthi sazise abanye ngegama likaYehova, siphakamise ulongamo Lwakhe, size sivakalise uBukumkani Bakhe njengekuphela kwethemba loluntu. Ukongezelela, njengabathwali bokukhanya sibhenca ubuxoki bonqulo, silumkise nxamnye nezenzo ezingcolileyo zobumnyama, size sibhence uSathana ongendawo.—IZenzo 1:8; 1 Yohane 5:19.

“Mvumeleni Ingoma Entsha UYehova”

18. Yintoni uYehova ayazisa abantu bakhe?

18 Ngoku uYehova uphethulela ingqalelo yakhe kubantu bakhe, esithi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo. Izinto zokuqala—zifikile, kodwa ndixela izinto ezintsha. Phambi kokuba ziqalise ukuntshula, ndinivisa zona.” (Isaya 42:8, 9) Isiprofeto esiphathelele “umkhonzi wam” asivakaliswanga ngoothixo abangento, kodwa sivakaliswe ngokuphela koThixo ophilayo noyinyaniso. Sasiza kuzaliseka ngokuqinisekileyo, yaye sazaliseka. Ngokwenene uYehova uThixo unguMyili wezinto ezintsha, yaye uyabazisa abantu bakhe ngazo ngaphambi kokuba zenzeke. Sifanele sisabele njani?

19, 20. (a) Yiyiphi ingoma emele ivunywe? (b) Ngoobani namhlanje abavuma ingoma yokudumisa uYehova?

19 UIsaya ubhala athi: “Mvumeleni ingoma entsha uYehova, indumiso yakhe ukususela esiphelweni somhlaba, nina nehlela elwandle nakoko kuluzalisileyo, nina ziqithi nabemi bazo. Intlango nezixeko zayo maziphakamise amazwi azo, imizi emiwe ngamaKedare. Abemi bengxondorha mabadanduluke ngovuyo. Phezulu ezintabeni abantu mabadanduluke kakhulu. Mabanike uYehova uzuko, naseziqithini mabaxele indumiso yakhe.”—Isaya 42:10-12.

20 Abemi basezixekweni, abasemaphandleni entlango, abaseziqithini, kwanabahlala ezintenteni kwintlango ‘yaseKedare’—abantu bazo zonke iindawo—babongozwa ukuba bavume ingoma yokudumisa uYehova. Hayi indlela ekubangel’ imincili ngayo ukubona amawakawaka esamkela esi sibongozo sesiprofeto kumhla wethu! Aye ayamkela inyaniso yeLizwi likaThixo aza amenza uYehova waba nguThixo wawo. Abantu bakaYehova bavuma le ngoma intsha—bezukisa ngayo uYehova—kumazwe angaphezu kwangama-230. Hayi indlela ekuchulumancisa ngayo ukucula kule kwayari yezizwe neelwimi neentlanga zonke!

21. Kutheni zingenakuphumelela nje iintshaba zabantu bakaThixo ekupheliseni ingoma yokuzukisa uYehova?

21 Ngaba abachasi banokuma nxamnye noThixo baze baphelise le ngoma yokumdumisa? Unotshe! “UYehova uya kuphuma njengendoda enamandla. Uya kuvusa inzondelelo njengendoda yokulwa. Uya kukhwaza, ewe, uya kuhlaba umkhosi; uya kuzibonakalisa enamandla ngakumbi phezu kweentshaba zakhe.” (Isaya 42:13) Liliphi igunya elinokuma nxamnye noYehova? Malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo, umprofeti uMoses noonyana bakaSirayeli bacula bathi: “UYehova yindoda enamandla yemfazwe. UYehova ligama lakhe. Iinqwelo zikaFaro nemikhosi yakhe yamajoni uziphose elwandle, amadoda akhe okulwa abalaseleyo atshoniswe kuLwandle Olubomvu.” (Eksodus 15:3, 4) UYehova wawoyisa loo mkhosi wemfazwe owawungowona womeleleyo ngelo xesha. Alukho utshaba lwabantu bakaThixo olunokuphumelela xa uYehova ephuma njengomphumi-mkhosi onamandla.

“Ndiye Ndathula Kangangexesha Elide”

22, 23. Kutheni uYehova ‘ethula ixesha elide’?

22 UYehova akakhethi yaye ubonakalisa okusesikweni, kwanaxa egweba iintshaba zakhe. Uthi: “Ndiye ndathula kangangexesha elide. Ndaqhubeka ndithe cwaka. Ndaqhelisela ukuzeyisa. Njengomfazi ozalayo ndiza kugcuma, ndikhefuzele, ndibefunyeke kwangaxeshanye. Ndiya kuphanzisa iintaba neenduli, kwaye bonke utyani bazo ndiya kubomisa. Yaye ndiza kujika imilambo ibe ziziqithi, namachibi aneengcongolo ndiya kuwomisa.”—Isaya 42:14, 15.

23 Ngaphambi kokuba agwebe, uYehova uyalinda kudlule ixesha elaneleyo ukuze anike abenzi-bubi ithuba lokubuya kwiindlela zabo ezimbi. (Yeremiya 18:7-10; 2 Petros 3:9) Qwalasela imeko yamaBhabhiloni, athi njengegunya elibalaseleyo lehlabathi, aphanzise iYerusalem ngonyaka wama-607 B.C.E. UYehova uyakuvumela oku ukuze aqeqeshe amaSirayeli ngenxa yokungathembeki kwawo. Noko ke, amaBhabhiloni akayiqondi indima yawo. Adlulela ngaphaya komgwebo kaThixo aze abaphathe ngqwabalala kakhulu abantu bakhe. (Isaya 47:6, 7; Zekariya 1:15) Hayi indlela amele ukuba wayebuhlungu ngayo uThixo wokwenyaniso ukubona abantu bakhe betsala nzima! Kodwa wazibamba de kwafika ixesha lakhe elifanelekileyo. Wandula ke, wazibhokoxa ngamandla—njengomfazi ozalayo—ekukhululeni abantu bakhe bomnqophiso ukuze babe luhlanga oluzimeleyo. Ukuze afeze oku, ngowama-539 B.C.E., uyayomisa aze ayiphanzise iBhabhiloni namaziko ayo ezokhuselo.

24. Sisiphi isithembiso uYehova asizalisekisayo kubantu bakhe amaSirayeli?

24 Hayi indlela abamele ukuba baba nemincili ngayo abantu bakaThixo xa emva kweminyaka emininzi yokuthinjwa, beyibona ivuleka ekugqibeleni indlela egodukayo! (2 Kronike 36:22, 23) Kumele ukuba kubachwayitisa ngokwenene ukubona ukuzaliseka kwesithembiso sikaYehova esithi: “Ndiya kuhambisa iimfama endleleni ezingayazanga; ndizinyathelise endleleni ezingayazanga. Ndiya kuyijika indawo emnyama phambi kwazo ibe kukukhanya, nendawo emagqagala ibe ngumhlaba othe tyaba. Ezi zizinto endiya kuzenzela zona, yaye andiyi kuzishiya.”—Isaya 42:16.

25. (a) Yintoni abanokuqiniseka ngayo abantu bakaYehova namhlanje? (b) Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?

25 La mazwi asebenza njani namhlanje? Kaloku, sekulithuba elide ngoku—sekuziinkulungwane—uYehova eziyekile iintlanga zenza ukuthanda kwazo. Noko ke, ixesha lakhe elimisiweyo lokulungisa imicimbi lisemnyango. Kwixesha lethu uvelise iqela labantu elinikela ubungqina egameni lakhe. Ubenze bakwazi ukumelana nayo nayiphi na inkcaso, wawutyeneneza umendo wabo ukuze bamnqule “ngomoya nenyaniso.” (Yohane 4:24) Wathembisa wathi: “Andiyi kubashiya,” yaye uye waligcina ilizwi lakhe. Kuthekani ngabo bazingisayo ukunqula oothixo bobuxoki? UYehova uthi: “Bamele babuyiselwe emva, baya kuba neentloni kakhulu, abo bakholosa ngomfanekiso oqingqiweyo, abo bathi kumfanekiso otyhidiweyo: ‘Ningoothixo bethu.’” (Isaya 42:17) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sihlale sithembekile kuYehova, njengoko wenzayo Lowo Unyuliweyo wakhe!

‘Umkhonzi Osisithulu Noyimfama’

26, 27. USirayeli ungqineke njani ‘engumkhonzi osisithulu noyimfama,’ yaye oko kube nayiphi imiphumo?

26 UMkhonzi Onyuliweyo kaThixo, uYesu Kristu, wahlala ethembekile kwada kwaba sekufeni. Noko ke, bona abantu bakaYehova uSirayeli, bangqineka bengumkhonzi ongathembekanga, osisithulu noyimfama ngengqiqo yokomoya. Ebhekisa kubo, uYehova uthi: “Yivani, nina zithulu; khangelani ukuze nibone, nina zimfama. Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam, yaye ngubani osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengalowo uvuziweyo, okanye oyimfama njengomkhonzi kaYehova? Ubone izinto ezininzi, kodwa akuzange uhlale wondele. Uvule iindlebe, kodwa akuzange uhlale uphulaphule. UYehova ngenxa yobulungisa bakhe uyoliswe kukuwenza mkhulu umthetho aze awenze ube nobungangamsha.”—Isaya 42:18-21.

27 Enjani yona ukubangel’ iintloni indlela aye wasilela ngayo uSirayeli! Uye wawela ngokuphindaphindiweyo ekunquleni oothixo beentlanga bobudemon. UYehova uye wathi gqolo ethumela abathunywa bakhe, kodwa abantu bakhe abathobeli. (2 Kronike 36:14-16) UIsaya uyixela kwangaphambili imiphumo yoko, esithi: “Sisizwana esiphangiweyo nesihluthiweyo, sonke sithiyelwe emingxunyeni, yaye sifihlwe ezindlwini zokubanjwa. Siye saba sesokuphangwa kungekho mhlanguli, saba sesokuhluthwa kungekho nabani othi: ‘Buyisa!’ Ngubani na phakathi kwenu oya kukubekela indlebe oku? Ngubani na oya kunikela ingqalelo aze aphulaphulele amaxesha ezayo? Ngubani na onikele uYakobi ukuba aphangwe, noSirayeli kubaphangi? AsingoYehova na, Lowo simonileyo, nabangavumanga ukuhamba ezindleleni zakhe nabangawuphulaphulanga umthetho wakhe? Waqhubeka ke Yena ephalazela kuye ubushushu, umsindo wakhe, namandla emfazwe. Kwaye baqhubeka bemdla macala onke, kodwa akazange aphawule; baqhubeka bemtshisa, kodwa engakubekeli ntliziyo oko.”—Isaya 42:22-25.

28. (a) Yintoni esinokuyifunda kumzekelo wabemi bakwaYuda? (b) Singazabalazela njani ukuba ngabakholekileyo kuYehova?

28 Ngenxa yokungathembeki kwabemi balo, uYehova ulivumele ilizwe lakwaYuda laphangwa laza lahluthwa ngowama-607 B.C.E. AmaBhabhiloni ayitshisile itempile kaYehova, ayiphanzisa iYerusalem, aza awathimba amaYuda. (2 Kronike 36:17-21) Ngamana singawufaka entliziyweni lo mzekeliso usisilumkiso size singaze siyibethe ngoyaba imiyalelo kaYehova okanye singakunanzi oko kubhalwe eLizwini lakhe. Kunoko, ngamana singazabalazela ukuba ngabakholekileyo kuYehova ngokuxelisa uKristu Yesu, uMkhonzi awakholiswayo nguye uYehova. NjengoYesu, ngamana singazisa abanye ngokusesikweni ngokuthetha nangezenzo. Ngale ndlela, siya kuhlala siphakathi kwabantu bakaYehova, sikhonza njengabathwali bokukhanya abadumisa baze bazukise uThixo wokwenyaniso.

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 33]

Okusesikweni kokwenyaniso kunemfesane nenceba

[Umfanekiso okwiphepha 34]

Kumzekeliso womSamariya olungileyo, uYesu wabonisa ukuba okusesikweni kokwenyaniso kubonakaliswa kubo bonke abantu

[Imifanekiso ekwiphepha 36]

Ngokuba ngabakhuthazayo nabanobubele, siqhelisela okusesikweni kobuthixo

[Imifanekiso ekwiphepha 39]

Ngokushumayela kwethu, sibonakalisa okusesikweni kobuthixo

[Umfanekiso okwiphepha 40]

UMkhonzi okholekileyo waba “njengokhanyiso lweentlanga”