Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova—“UThixo Olilungisa NoMsindisi”

UYehova—“UThixo Olilungisa NoMsindisi”

Isahluko Sesithandathu

UYehova—“UThixo Olilungisa NoMsindisi”

Isaya 45:1-25

1, 2. Ziziphi iingxelo esiqinisekiswa ngazo kuIsaya isahluko 45, yaye yiyiphi imibuzo eza kuhlolisiswa?

 IZITHEMBISO zikaYehova zithembekile. UnguThixo otyhila iziganeko zexesha elizayo noThixo wendalo. Amaxesha ngamaxesha uye wangqineka enguThixo olilungisa noMsindisi wabantu bazo zonke iintlanga. Ezi zezinye zeengxelo ezifudumez’ intliziyo esiqinisekiswa ngazo kuIsaya isahluko 45.

2 Ukongezelela, uIsaya isahluko 45 uqulethe umzekelo ophawulekayo wamandla kaYehova okuprofeta. Umoya kaThixo wenza uIsaya akwazi ukondela amazwe athe qelele aze ahlole iziganeko eziza kwenzeka kuwo kwiinkulungwane ezizayo, yaye umshukumisela ukuba achaze isiganeko ekunguYehova kuphela, uThixo wesiprofeto sokwenyaniso, obenokusichaza kwangaphambili ngokuchane ngaloo ndlela. Sisiphi eso siganeko? Sibachaphazela njani abantu bakaThixo ngomhla kaIsaya? Sibaluleke njani kuthi namhlanje? Makhe sihlolisise amazwi alo mprofeti.

Isibhengezo SikaYehova Nxamnye NeBhabhiloni

3. UIsaya 45:1-3a ukuchaza njani ngokucacileyo ukoyisa kukaKoreshi?

3 “Utsho uYehova kothanjisiweyo wakhe, kuKoreshi, osandla sakhe sokunene ndisibambileyo, ukuze ndoyise iintlanga phambi kwakhe, khon’ ukuze ndikhulule kwanemibhinqo ezinqeni zookumkani; ukuze ndivule phambi kwakhe iingcango ezivulwa ngambini, khon’ ukuze namasango angavalwa, ukuthi: ‘Ndiya kuhamba phambi kwakho, neendawo ezithe fuku emhlabeni ndiya kuzityeneneza. Iingcango zobhedu ndiya kuziqhekeza, nemivalo yentsimbi ndiya kuyinqumla. Kwaye ndiya kukunika ubuncwane ebumnyameni nobuncwane obufihliweyo kwiindawo ezifihlakeleyo.’”—Isaya 45:1-3a.

4. (a) Kutheni uYehova embiza uKoreshi ngokuthi ‘ngothanjisiweyo’ wakhe? (b) UYehova uza kuqinisekisa njani ukuba uKoreshi uyoyisa?

4 Esebenzisa uIsaya, uYehova uthetha noKoreshi ngokungathi uyaphila, nangona ngomhla kaIsaya uKoreshi wayengekazalwa. (Roma 4:17) Ekubeni uYehova emnyula kwangaphambili uKoreshi ukuba aphumeze umsebenzi okhethekileyo, ngoko uKoreshi unokubizwa ‘njengothanjisiweyo’ kaThixo. Ekhokelwa nguThixo, uza kuzoyisa iintlanga, nookumkani babe buthathaka baze batyhwatyhwe phambi kwakhe. Yaye xa uKoreshi ehlasela iBhabhiloni, uYehova uza kwenza ukuba amasango eso sixeko ashiywe evulekile, awenze angabi loncedo njengamasango aqhekeziweyo. Uza kuhamba phambi kukaKoreshi, asuse yonke imiqobo endleleni yakhe. Ekugqibeleni, imikhosi kaKoreshi iza kusoyisa eso sixeko ize ibuthabathe ‘ubuncwane baso obufihliweyo,’ ubutyebi baso obufihlwe koovimba abangaphantsi komhlaba. Oku koko uIsaya akuxela kwangaphambili. Ngaba amazwi akhe aye azaliseka?

5, 6. Sizaliseka nini yaye njani isiprofeto esingokuwa kweBhabhiloni?

5 Ngonyaka wama-539 B.C.E.—malunga nama-200 eminyaka emva kokubhala kukaIsaya esi siprofeto—uKoreshi uyafika ngokwenene kwiindonga zaseBhabhiloni eze kuhlasela eso sixeko. (Yeremiya 51:11, 12) Kodwa amaBhabhiloni akaxhalabanga kwaphela. Avakalelwa kukuba isixeko sawo asinakoyiswa. Iindonga zaso ezingoorhec’ izulu zijikelezwe yimijelo enzulu efumana amanzi kuMlambo umEfrate, ayinxalenye yenkqubo yokhuselo yeso sixeko. Ngaphezu kweminyaka elikhulu, akukho tshaba lukhe lwayiqubula iBhabhiloni! Kangangendlela aziva enqabiseke ngayo umlawuli waseBhabhiloni, uBheleshatsare, wenza itheko kunye nehlokondiba lakhe. (Daniyeli 5:1) Ngobo busuku—ubusuku bukaOktobha 5/6—uKoreshi uye waligqibezela icebo lakhe elisemagqabini lemfazwe.

6 Emantla eBhabhiloni, amagcisa kaKoreshi aye awajika amanzi oMlambo umEfrate ukuze angaqukuqeleli ngasemazantsi kweso sixeko. Kungabanga thuba lide, aye awutha amanzi omlambo angena eBhabhiloni nalawo akwimijelo eyijikelezileyo kangangokuba imikhosi kaKoreshi iye yakwazi ukugudla udonga lomlambo yangena kumbindi wesixeko. (Isaya 44:27; Yeremiya 50:38) Okumangalisayo kukuba, kanye njengokuba uIsaya wayexele kwangaphambili, amasango esixeko avulekile. Yagaleleka imikhosi kaKoreshi eBhabhiloni, yalithimba ibhotwe, yaza yambulala uKumkani uBheleshatsare. (Daniyeli 5:30) Baye boyisa ngobusuku nje obunye. IBhabhiloni iwile, saza sazaliseka ngokupheleleyo isiprofeto.

7. AmaKristu omelezwa njani kukuzaliseka okuphawulekayo kwesiprofeto sikaIsaya esiphathelele uKoreshi?

7 Ukuzaliseka ngokuthe ngqo kwesi siprofeto kuyalomeleza ukholo lwamaKristu namhlanje. Kuwanika isizathu esiqinileyo sokukholelwa ukuba iziprofeto zeBhayibhile ezingekazaliseki nazo zinokuthenjwa ngokupheleleyo. (2 Petros 1:20, 21) Abanquli bakaYehova bayazi ukuba isiganeko esifanekiselwa kukuwa kweBhabhiloni ngowama-539 B.C.E.—ukuwa ‘kweBhabhiloni Enkulu’—sele senzekile emva phayaa ngowe-1919. Sekunjalo, bakhangele phambili ekutshatyalalisweni kwaloo mbutho wanamhlanje wonqulo nasekushenxisweni okuthenjisiweyo kwenkqubo yezobupolitika elawulwa nguSathana, nasekuvalelweni kukaSathana enzonzobileni, kwanasekufikeni kwamazulu amatsha nomhlaba omtsha. (ISityhilelo 18:2, 21; 19:19-21; 20:1-3, 12, 13; 21:1-4) Bayazi ukuba iziprofeto zikaYehova, azizozithembiso zililize, kodwa zichaza iziganeko eziqinisekileyo zekamva. AmaKristu okwenyaniso aba nentembelo engakumbi xa ekhumbula ukuzaliseka kwazo zonke iinkcukacha zesiprofeto sikaIsaya esingokuwa kweBhabhiloni. Ayazi ukuba uYehova usoloko eliphumeza ilizwi lakhe.

Isizathu Sokuba UYehova Akhethe UKoreshi

8. Sisiphi esinye isizathu sokuba uYehova amenze uKoreshi oyise iBhabhiloni?

8 Emva kokuchaza lowo uza koyisa iBhabhiloni nendlela okuza kwenzeka ngayo oko, uYehova uhlabela mgama echaza esinye isizathu sokwenza kwakhe ukuba uKoreshi oyise. Ethetha ngokuprofetayo noKoreshi, uYehova uthi injongo ikukuze “wazi ukuba ndinguYehova, Lowo ukubize ngegama lakho, uThixo kaSirayeli.” (Isaya 45:3b) Kufanelekile ukuba lo mlawuli wegunya lesine lehlabathi lembali yeBhayibhile azi ukuba uloyiso lwakhe olukhulu lubangelwa ngulowo umkhulu kunaye—uYehova, uMongami Wendalo Iphela. UKoreshi ufanele avume ukuba lowo umbizayo, okanye umthumayo, nguYehova, uThixo kaSirayeli. Ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba eneneni uKoreshi wavuma ukuba uloyiso lwakhe olukhulu lwaluvela kuYehova.—Ezra 1:2, 3.

9. Sisiphi isizathu sesibini esabangela ukuba uYehova amenze uKoreshi oyise iBhabhiloni?

9 UYehova uchaza isizathu sesibini sokuba enze uKoreshi oyise iBhabhiloni, esithi: “Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi noSirayeli lowo unyuliweyo wam, ndakubiza ngegama lakho; ndakunika igama lembeko, nangona wawungandazi.” (Isaya 45:4) Ukoyisa kukaKoreshi iBhabhiloni kuye kwaba ngundaba-mlonyeni emhlabeni. Kuphawula ukuwa kwegunya lehlabathi nokuvela kwelinye, yaye kube sisiganeko sembali nakwizizukulwana ezilandelayo. Ukanti, iintlanga eziyingqongileyo eziziboneleyo ezi ziganeko zisenokukhwankqiswa kukwazi ukuba konke oku kwenzeke ngenxa nje yamawaka ambalwa “angabalulekanga” abathinjwa baseBhabhiloni—amaYuda, ayinzala kaYakobi. Noko ke, emehlweni kaYehova, olu hlanga lusindileyo lukaSirayeli wamandulo lubaluleke ngokwenene. ‘Lungumkhonzi’ wakhe. Kuzo zonke iintlanga ezisemhlabeni, lulo kuphela ‘alunyulileyo.’ Nangona uKoreshi wayengamazi uYehova ngaphambili, uye wasetyenziswa nguYehova njengomthanjiswa Wakhe ukuba abhukuqe isixeko esingavumanga ukukhulula abathinjwa baso. Asiyonjongo kaThixo ukuba abantu bakhe bakhonze ngonaphakade ezweni lasemzini.

10. Sisiphi esona sizathu sibalulekileyo sokuba uYehova asebenzise uKoreshi ekupheliseni iGunya Lehlabathi laseBhabhiloni?

10 Kukho nesesithathu isizathu esibaluleke ngakumbi sokuba uYehova asebenzise uKoreshi ukubhukuqa iBhabhiloni. UYehova uthi: “NdinguYehova, akakho omnye. Ngaphandle kwam akukho Thixo. Ndiya kukubhinqisa ngokuqinileyo, nangona ungandazanga, ukuze abantu bazi ukususela ekuphumeni kwelanga nasekutshoneni kwalo ukuba akukho namnye ngaphandle kwam. NdinguYehova, akakho omnye.” (Isaya 45:5, 6) Ewe, ukuwa kweGunya Lehlabathi laseBhabhiloni kubonisa ubuThixo bukaYehova, kububungqina kuwonke-wonke bokuba nguye kuphela ofanele anqulwe. Ngenxa yokuba abantu bakaThixo bekhululwe, iintlanga ezininzi—ukusuka empuma ukusa entshona—ziza kuvuma ukuba nguYehova kuphela uThixo wokwenyaniso.—Malaki 1:11.

11. UYehova ubonisa njani ukuba unawo amandla okuzalisekisa injongo yakhe ngokuphathelele iBhabhiloni?

11 Khumbula ukuba esi siprofeto sikaIsaya sabhalwa malunga nama-200 eminyaka ngaphambi kweso siganeko. Bakuba abanye besivile, basenokuba baye bazibuza bathi, ‘Ngaba ngokwenene uYehova unawo amandla okusizalisekisa?’ Njengoko imbali ingqina, impendulo ithi ewe unawo. UYehova uchaza isizathu sokuba kusengqiqweni ukukholelwa ukuba unako ukufeza oko akutshoyo, esithi: “Ndiyila ukukhanya yaye ndidala ubumnyama, ndenza uxolo kwaye ndidala intlekele, mna, Yehova, ndenza zonke ezi zinto.” (Isaya 45:7) UYehova unawo amandla okulawula yonke into edaliweyo—ukususela ekukhanyeni kuse ebumnyameni—nawokulawula yonke into esembalini—ukususela eluxolweni kuse kwintlekele. Kanye njengokuba edale ukukhanya kwemini nobumnyama basebusuku, ngoko uza kudala uxolo kuSirayeli kuze kubekho intlekele eBhabhiloni. UYehova unamandla okudala indalo iphela, yaye ukwanawo namandla okuzalisekisa iziprofeto zakhe. Oko kuyawomeleza amaKristu namhlanje, alifundisisa ngenyameko ilizwi lakhe lesiprofeto.

12. (a) Yintoni uYehova enza ukuba iveliswe ngamazulu nomhlaba wokomfuziselo? (b) Sisiphi isithembiso esithuthuzelayo amazwi akuIsaya 45:8 asinikelayo kumaKristu namhlanje?

12 Ngokufanelekileyo, uYehova usebenzisa iziganeko eziqhelekileyo zemvelo ekuchazeni kwakhe oko kuza kwehlela amaYuda asekuthinjweni, esithi: “Owu nina mazulu, thontsizani phezulu; yaye izibhakabhaka ezinamafu mazithontsize ubulungisa. Umhlaba mawuvuleke, ube nesiqhamo esilusindiso, uze kwangaxeshanye untshule ubulungisa. Mna, Yehova, ndikudalile oko.” (Isaya 45:8) Kanye njengokuba amazulu okoqobo enisa imvula enika ubomi, uYehova uza kubathululela ubulungisa abantu bakhe obuvela kumazulu okomfuziselo. Yaye kanye njengokuba umhlaba wokoqobo uvuleka uze uvelise intabalala yesivuno, uYehova uza kwenza ukuba umhlaba wokomfuziselo uvelise iziganeko ezivisisana nenjongo yakhe yobulungisa—ingakumbi eyokusindiswa kwabantu bakhe abasekuthinjweni eBhabhiloni. Ngowe-1919, uYehova wenza ukuba ‘amazulu’ ‘nomhlaba’ azivelise ezo ziganeko ukuze kukhululwe abantu bakhe. Ukubona iziganeko ezinjalo kuye kwawavuyisa amaKristu namhlanje. Ngoba? Ngenxa yokuba ezo ziganeko ziyalomeleza ukholo lwawo njengoko ekhangele phambili kwixesha laxa amazulu okomfuziselo, uBukumkani bukaThixo, buya kuzisa iintsikelelo kumhlaba onobulungisa. Ngelo xesha ubulungisa nosindiso oluvela kumazulu nomhlaba wokomfuziselo luya kuzuka ngakumbi kunolo lokubhukuqwa kweBhabhiloni yamandulo. Enjani yona ukuzuka indlela oko okuya kuwazalisekisa ngayo amazwi kaIsaya ekugqibeleni!—2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:1.

Iintsikelelo Zokuzithoba Kulongamo LukaYehova

13. Kutheni kungekho ngqiqweni ngabantu ukuzicel’ umngeni iinjongo zikaYehova?

13 Emva kokuchaza ezi ntsikelelo zivuyisayo zekamva, uIsaya utshintsha isimbo sakhe sokubhala, aze avakalise ooyeha ababini, esithi: “Yeha ke lowo usukuzene noMyili wakhe, njengeceba lengqayi namanye amaceba eengqayi zodongwe! Lungatsho na udongwe kumbumbi walo ukuthi: ‘Wenza ntoni na?’ Noko ukufezileyo ukuthi: ‘Akanazandla’? Yeha ke lowo uthi kuyise: ‘Uzele ntoni na?’ nasemfazini athi: ‘Unanimba yantoni na?’” (Isaya 45:9, 10) Kubonakala ukuba, oonyana bakaSirayeli bayakugatya oko uYehova akuxela kwangaphambili. Kusenokwenzeka ukuba abayikholelwa into yokuba uYehova angayekela abantu bakhe basiwe ekuthinjweni. Okanye mhlawumbi bayibona ingekho ngqiqweni ingcamango yokuba uSirayeli uza kukhululwa ngukumkani wohlanga lwabahedeni kunokumkani wendlu kaDavide. Ukubonisa ubuyatha bezi ngcamango zabo, uIsaya ubafanisa nodongwe olulahliweyo kwakunye neengceba zengqayi eyaphukileyo kodwa ezinobuganga bokuthandabuza ubulumko bomenzi wazo. Xa bezingubani zona ukuthi zakugqiba ukubunjwa, ziphinde zinyevule ngokuthi umbumbi wazo akanazandla namandla okubumba. Obunjani bona ubudenge! Aba bagxeki bafana nje neentsana ezigatya igunya labazali bazo.

14, 15. Ibinzana elithi “Lowo Ungcwele” nelithi ‘uMyili’ atyhila ntoni ngoYehova?

14 UIsaya uchaza impendulo kaYehova kwaba bagxeki, esithi: “Utsho uYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli noMyili wakhe, ukuthi: ‘Ndibuzeni nangezinto ezizayo ngokuphathelele oonyana bam; yaye nifanele nindiyalele ngokuphathelele umsebenzi wezandla zam. Ndim owenza umhlaba, ndadala nomntu okuwo. Ngezandla zam ndawaneka amazulu, ndawuyalela wonke nomkhosi wawo. Mna ndivuse uthile ngobulungisa, yaye zonke iindlela zakhe ndiya kuzityeneneza. Nguye oya kusakha isixeko sam, nabam abasekuthinjweni uya kubayeka bahambe, kungekhona ngexabiso nangokunyotywa,’ utsho uYehova wemikhosi.”—Isaya 45:11-13.

15 Ukuzichaza kukaYehova ‘njengaLowo Ungcwele’ kubalaselisa ubungcwele bakhe. Ngokuzibiza ngokuthi ‘uMyili’ ubalaselisa ilungelo lakhe lokugqiba ngendlela izinto ezimele zenziwe ngayo njengoko enguMdali. UYehova unawo amandla okuchazela oonyana bakaSirayeli ngezinto eziseza kwenzeka kwanawokunyamekela umsebenzi wezandla zakhe, abantu bakhe. Kwakhona ubazekelisela ngendalo nangamandla akhe okutyhila iziganeko ezingekenzeki. NjengoMdali wendalo iphela, uYehova unelungelo lokwalathisa iziganeko ngendlela agqibe ngayo. (1 Kronike 29:11, 12) Kule meko kuxutyushwa ngayo, uMlawuli onguMongami ugqibe ekubeni avelise uKoreshi, umhedeni, njengomkhululi kaSirayeli. Ukuza kukaKoreshi, nangona iyinto yexesha elizayo, kuqiniseke njengokuba izulu nomhlaba zikho. Bebengoobani ke bona oonyana bakaSirayeli, ukuba bangagxeka uYise, “uYehova wemikhosi”?

16. Kutheni abakhonzi bakaYehova befanele bazithobe kuye?

16 Kwazona ezi ndinyana zikaIsaya zikwabonisa nesinye isizathu sokuba abakhonzi bakaThixo befanele bazithobe kuye. Izigqibo zakhe zisoloko zizezokulungelwa kwabakhonzi bakhe. (Yobhi 36:3) Wenze imithetho ukuze kungenelwe abantu bakhe. (Isaya 48:17) AmaYuda omhla kaKoreshi alwamkelayo ulongamo lukaYehova akufumanise kuyinyaniso oku. UKoreshi, owenza ngokuvumelana nobulungisa bukaYehova, uye wawakhulula eBhabhiloni agoduka ukuze aphinde ayakhe itempile. (Ezra 6:3-5) Ngokukwanjalo namhlanje, abo bayisebenzisayo imithetho kaThixo kubomi babo bemihla ngemihla baze bazithobe kulongamo lwakhe, bafumana iintsikelelo.—INdumiso 1:1-3; 19:7; 119:105; Yohane 8:31, 32.

Ukusikelelwa Kwezinye Iintlanga

17. Ngaphandle kukaSirayeli, ngoobani abanye abaza kungenelwa ekusindiseni kukaYehova, yaye njani?

17 Asilohlanga lukaSirayeli kuphela oluza kungenelwa ekuweni kweBhabhiloni. UIsaya uthi: “Utsho uYehova ukuthi: ‘Abasebenzi abangahlawulwayo baseYiputa nabarhwebi baseTiyopiya namaShebha, amadoda amade, baya kuza kuwe, babe ngabakho. Baya kuhamba emva kwakho; baya kuza besemakhamandeleni, baqubude kuwe. Baya kuthandaza kuwe, besithi, ‘Eneneni uThixo umanyene nawe, yaye akakho omnye; akakho omnye uThixo.”’” (Isaya 45:14) Ngomhla kaMoses, “iqela elikhulu elingumxube” labangengawo amaSirayeli lapheleka amaSirayeli kwiMfuduko yawo eYiputa. (Eksodus 12:37, 38) Ngokufanayo, kukho abasemzini abaza kupheleka amaYuda asekuthinjweni eBhabhiloni ekubuyeleni kwawo ekhaya. Aba bangengomaYuda abazukunyanzelwa ukuba bahambe kodwa ‘baya kuzizela ngokwabo.’ Xa uYehova esithi, ‘baya kuqubuda kuwe’ baze ‘bathandaze kuwe,’ ubhekisela ekuzithobeni ngokuvumayo kwaba basemzini kuSirayeli. Ukuba bafake amakhamandela, baya kuba bawafake ngokuzithandela, bebonisa ukuba bakulungele ukukhonza abantu bakaThixo bomnqophiso, abaza kuthi kubo: “UThixo umanyene nani.” Baza kumnqula uYehova njengabangeni, phantsi kwamalungiselelo omnqophiso wakhe noSirayeli.—Isaya 56:6.

18. Ngoobani namhlanje abaye bangenelwa ekukhululeni kukaYehova “uSirayeli kaThixo,” yaye bangenelwe njani?

18 Ukususela ngowe-1919 xa “uSirayeli kaThixo” wakhululwayo ekuthinjweni kokomoya, la mazwi kaIsaya aba nenzaliseko enkulu ngakumbi kunangomhla kaKoreshi. Abazizigidi emhlabeni wonke baye bamkhonza ngokuvumayo uYehova. (Galati 6:16; Zekariya 8:23) ‘Njengabasebenzi nabarhwebi’ abakhankanywe nguIsaya, baye ngochulumanco banikela ngamandla nangemali yabo ekuxhaseni unqulo lokwenyaniso. (Mateyu 25:34-40; Marko 12:30) Bazahlulele kuThixo yaye bahamba emendweni wakhe, bekuvuyela ukuba ngamakhoboka akhe. (Luka 9:23) Banqula uYehova kuphela, benandipha iintsikelelo zokunxulumana ‘nekhoboka lakhe elithembekileyo neliyingqondi,’ elinolwalamano olukhethekileyo lomnqophiso noThixo. (Mateyu 24:45-47; 26:28; Hebhere 8:8-13) Nangona bona bengeyonxalenye yaloo mnqophiso, aba “basebenzi nabarhwebi” bayangenelwa kuwo yaye bayayithobela imithetho yawo, bevakalisa ngenkalipho besithi: “Akakho omnye uThixo.” Hayi indlela okubangel’ imincili ngayo ukuzibonela namhlanje ulwando olukhulu lwamanani aba baxhasi bokuzithandela bonqulo lokwenyaniso!—Isaya 60:22.

19. Yintoni eza kwenzeka kwabo bazingisayo ekunquleni izithixo?

19 Emva kokuchaza ukuba abantu beentlanga baza kuthelela ekunquleni uYehova, lo mprofeti udanduluka athi: “Ngokwenene unguThixo ozifihlayo, uThixo kaSirayeli, uMsindisi”! (Isaya 45:15) Nangona uYehova engawabonakalisi amandla akhe ngoku, kodwa kwixesha elizayo akayi kuzifihla. Uya kuzibonakalisa enguThixo kaSirayeli, uMsindisi wabantu bakhe. Noko ke, uYehova akayi kuba nguMsindisi wabo bakholose ngezithixo. Bona abo, uIsaya uthi ngabo: “Ngokuqinisekileyo baya kuba neentloni bade bathotywe, bebonke. Kuya kufuneka bahambe bethotyiwe xa bebonke abenzi bezithixo.” (Isaya 45:16) Oku kuthotywa kwabo akuzukuba kukuhlaziswa nje kokwexeshana. Kuya kuthetha ukufa—nto leyo eyahluke ngokupheleleyo kuleyo uYehova ayithembisa uSirayeli kwindinyana elandelayo.

20. USirayeli uza kufumana ‘usindiso lwamaxesha angunaphakade’ ngayiphi indlela?

20 “Ke yena uSirayeli, ngokuqinisekileyo uya kusindiswa emanyene noYehova ngosindiso lwamaxesha angenammiselo. Aniyi kuba nazintloni, ningayi kuthotywa ukusa kumaxesha angenammiselo kanaphakade.” (Isaya 45:17) UYehova umthembisa usindiso lukanaphakade uSirayeli. Kodwa oku kuxhomekeke ekuhlaleni kukaSirayeli “emanyene noYehova.” Xa uhlanga lukaSirayeli lulwaphula olo manyano ngokugatya uYesu njengoMesiya, luya kuphulukana nelo themba lalo ‘losindiso lwamaxesha angenammiselo.’ Phofu ke, bakho abathile kuSirayeli abaza kubonisa ukholo kuYesu, yaye ngabo abaza kuseka uSirayeli kaThixo, oza kuthabatha indawo yoSirayeli wokwenyama. (Mateyu 21:43; Galati 3:28, 29; 1 Petros 2:9) USirayeli wokomoya akasayi kuze athotywe. Uza kungeniswa ‘kumnqophiso ongunaphakade.’—Hebhere 13:20.

Ekudaleni Nasekutyhileni Iziganeko Ezizayo, UYehova Uthembekile

21. UYehova uzibonakalisa njani ethembeke ngokupheleleyo ekudaleni nasekutyhileni iziganeko zexesha elizayo?

21 Ngaba amaYuda anokukholosa ngesithembiso sikaYehova sokumsindisa ngonaphakade uSirayeli? UIsaya uphendula ngokuthi: “Ke uYehova, uMdali wamazulu, uThixo oyinyaniso, uMyili womhlaba noMenzi wawo, owuzinzise ngokuqinileyo, nongawudalelanga ilize, kodwa owawubumba ukuba umiwe, utsho ukuthi: ‘NdinguYehova, akakho omnye. Andithethanga emfihlekweni, endaweni emnyama yomhlaba; ndingatshongo nakwimbewu kaYakobi ukuthi, ‘Ndifuneni ngokulilize.’ NdinguYehova, ndithetha oko kububulungisa, ndixela oko kuthe tye.’” (Isaya 45:18, 19) Okwesihlandlo sesine nesokugqibela kwesi sahluko, uIsaya utshayelela isiprofeto esinamandla ngokuthi: ‘Utsho uYehova ukuthi.’ (Isaya 45:1, 11, 14) Uthini uYehova? Uthi ekudaleni nasekutyhileni iziganeko zexesha elizayo, uthembekile. Akawudalelanga “ilize” umhlaba. Ngokukwanjalo, akamceli uSirayeli ukuba amfunele “ilize.” Kanye njengokuba injongo kaThixo ngomhlaba iza kuphunyezwa, ngoko nenjongo yakhe ngabantu bakhe abanyuliweyo iza kuphunyezwa. Ngokwahlukileyo kubakhonzi boothixo bobuxoki abantetho ingavakaliyo, yena uYehova uthetha ngokuphandle. Amazwi akhe asesikweni, yaye aza kuzaliseka. Abakhonzi bakhe abayi kumkhonzela ilize.

22. (a) Yintoni anokuqiniseka ngayo amaYuda asekuthinjweni eBhabhiloni? (b) Yintoni aqiniseke ngayo amaKristu namhlanje?

22 Loo mazwi ayabaqinisekisa abantu bakaThixo abasekuthinjweni eBhabhiloni ukuba iLizwe Lesithembiso aliyi kuhlala liyinkangala. Liza kuphinda limiwe. Yaye izithembiso zikaYehova ziza kuzaliseka kubo. Ukongezelela, amazwi kaIsaya ayabaqinisekisa abantu bakaThixo namhlanje ukuba umhlaba awusayi kuba yinkangala etshiswe ngomlilo, njengoko abanye bekholelwa njalo, okanye utshatyalaliswe ngeebhombu zenyukliya, njengoko abanye benolo loyiko. Injongo kaThixo ngomhlaba kukuba uhlale ngonaphakade, ube yiparadesi entle enabemi abangamalungisa. (INdumiso 37:11, 29; 115:16; Mateyu 6:9, 10; ISityhilelo 21:3, 4) Ewe, kanye njengoko kube njalo kuSirayeli, amazwi kaYehova aza kungqineka ethembekile.

UYehova Ubonisa Inceba

23. Bakuyiphi imeko abanquli bezithixo, yaye kuthekani ngabanquli bakaYehova?

23 Ukusindiswa kukaSirayeli kugxininiswa kumazwi alandelayo kaYehova athi: “Qokelelanani, nize. Sondelani ndawonye, nina babalekileyo ezintlangeni. Abo bathwala umthi womfanekiso wabo oqingqiweyo abanalwazi, ngokunjalo nabo bathandaza kuthixo ongenako ukusindisa. Nikelani ingxelo yenu nize nibonise. Ewe, mababhunge ndawonye bemanyene. Ngubani na owavakalisa oku ukususela kwixesha lakudala? Ngubani na owakuxelayo ukususela kanye kwelo xesha? Asindim na, mna Yehova, ekungekho Thixo ungomnye ngaphandle kwam; uThixo olilungisa noMsindisi, ekubeni engekho omnye ngaphandle kwam?” (Isaya 45:20, 21) UYehova umema abo “babalekileyo” ukuba bathelekise usindiso lwabo kunye noko kwenzekayo kwabo banqula izithixo. (Duteronomi 30:3; Yeremiya 29:14; 50:28) Ngenxa yokuba abanquli bezithixo bethandaza baze bakhonze oothixo abangenako ukubasindisa, “abanalwazi.” Unqulo lwabo lulilize. Kodwa bona abanquli bakaYehova bafumanisa ukuba unawo amandla okuziphumeza iziganeko azixele kwangaphambili “kwixesha lakudala,” kuquka ukusindiswa kwabantu bakhe abasekuthinjweni eBhabhiloni. Loo mandla kaYehova nokulibona kwakhe kusekude ikamva kumenza ahluke kubo bonke abanye oothixo. Ngokwenene, ‘unguThixo olilungisa noMsindisi.’

“Usindiso Silufumene KuThixo Wethu”

24, 25. (a) Sisiphi isimemo asidluliselayo uYehova, yaye kutheni siqinisekile ukuba isithembiso sakhe siza kuzaliseka? (b) Yintoni ngokufanelekileyo uYehova ayilindeleyo?

24 Inceba kaYehova imshukumisela ukuba adlulisele esi simemo: “Phethukelani kum nize nisindiswe, nonke nina baseziphelweni zomhlaba; kuba ndinguThixo, akakho omnye. Ndizifungile—kuphume ilizwi emlonyeni wam ngobulungisa, kangangokuba aliyi kubuya—ukuba onke amadolo aya kugoba kum, zonke iilwimi ziya kufunga, zisithi, ‘Ngokuqinisekileyo kuYehova bubulungisa obupheleleyo namandla. Bonke abo bavuthayo ngumsindo nxamnye naye baya kuza ngqo kuye baze babe neentloni. Ngenxa kaYehova yonke imbewu kaSirayeli iya kungqineka ilungile kwaye iya kuqhayisa ngaye.’”—Isaya 45:22-25.

25 UYehova uthembisa uSirayeli ukuba uza kubasindisa abo baseBhabhiloni baphethukela kuye. Akunakwenzeka ukuba isiprofeto sakhe sisilele kuba uYehova unomnqweno kwanamandla okubahlangula abantu bakhe. (Isaya 55:11) Amazwi kaThixo wona ngokwawo athembekile, kodwa athembeka nangakumbi xa uYehova ede wawaqinisekisa ngesifungo. (Hebhere 6:13) Ngokufanelekileyo ulindele ukuba abo balangazelela ukufumana inkoliseko yakhe bazithobe kuye (“onke amadolo aya kugoba”) yaye bazinikele kuye (“zonke iilwimi ziya kufunga”). AmaSirayeli azingisayo ekunquleni uYehova aya kusindiswa. Aya kukwazi ukuqhayisa ngoko uYehova awenzela kona.—2 Korinte 10:17.

26. “Isihlwele esikhulu” esiphuma kuzo zonke iintlanga sisabela njani kwisimemo sikaYehova sokuphethukela kuye?

26 Noko ke, isimemo sikaThixo sokuphethukela kuye asiphelelanga kubathinjwa ababeseBhabhiloni yamandulo. (IZenzo 14:14, 15; 15:19; 1 Timoti 2:3, 4) Esi simemo sisadluliselwa nangoku, yaye ‘isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga’ siyasabela kuso size sivakalise sisithi: “Usindiso silufumene kuThixo wethu . . . nakuyo iMvana [uYesu].” (ISityhilelo 7:9, 10; 15:4) Nyaka ngamnye, amakhulu amawaka abantu abatsha bangenelela kwesi sihlwele sikhulu ngokuthi baphethukele kuThixo, belwamkela ngokupheleleyo ulongamo lwakhe yaye bevakalisa ekuhleni ukuzinikela kwabo kuye. Ukongezelela, bamxhasa ngokunyanisekileyo uSirayeli wokomoya, “imbewu ka-Abraham.” (Galati 3:29) Babonakalisa ukuluthanda kwabo ulawulo lukaYehova lobulungisa ngokuvakalisa ehlabathini lonke besithi: “Ngokuqinisekileyo kuYehova bubulungisa obupheleleyo namandla.” a Kwincwadi awayibhalela abaseRoma, umpostile uPawulos wacaphula inguqulelo yeSeptuagint kaIsaya 45:23 ukubonisa ukuba wonk’ ubani ophilayo uza kuluvuma ulongamo lukaThixo, aqhubeke elizukisa igama lakhe.—Roma 14:11; Filipi 2:9-11; ISityhilelo 21:22-27.

27. Kutheni amaKristu namhlanje enokuba nentembelo epheleleyo kwizithembiso zikaYehova?

27 Kutheni amalungu esihlwele esikhulu enokuba nentembelo yokuba ukuphethukela kuThixo kuya kuwazisela usindiso? Kungenxa yokuba izithembiso zikaYehova zithembekile, njengokuba amazwi esiprofeto afumaneka kuIsaya isahluko 45 ebonisa ngokucacileyo. Kanye njengokuba uYehova enamandla nobulumko bokudala amazulu nomhlaba, ngoko ukwanawo namandla nobulumko bokuzalisekisa iziprofeto zakhe. Yaye kanye njengoko wasizalisekisayo isiprofeto esiphathelele uKoreshi, ngoko uza kuzalisekisa nasiphi na esinye isiprofeto seBhayibhile esingekazaliseki. Ngoko ke, abanquli bakaYehova banokuba nentembelo yokuba kungekudala uza kuphinda azingqine ‘enguThixo olilungisa noMsindisi.’

[Umbhalo osemazantsi]

a INguqulelo Yehlabathi Elitsha isebenzisa ibinzana elithi “ubulungisa obupheleleyo” ngenxa yokuba umbhalo wesiHebhere ulisebenzise kwisininzi igama elithi “ubulungisa.” Ukusetyenziswa kwesininzi apha kugxininisa ubulungisa bukaYehova obugqithiseleyo.

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 80, 81]

UYehova, owenze ukukhanya nodale ubumnyama, unako ukwenza uxolo nokudala intlekele

[Umfanekiso okwiphepha 83]

UYehova uza kwenza “amazulu” anise iintsikelelo ‘nomhlaba’ uvelise usindiso

[Umfanekiso okwiphepha 84]

Ngaba iingceba ezilahliweyo zengqayi zifanele zibuthandabuze ubulumko bomenzi wazo?

[Umfanekiso okwiphepha 89]

UYehova akawudalelanga ilize umhlaba