Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Uyalusikelela Unqulo Olunyulu

UYehova Uyalusikelela Unqulo Olunyulu

Isahluko Samashumi Amabini Anesixhenxe

UYehova Uyalusikelela Unqulo Olunyulu

Isaya 66:1-14

1. Yiyiphi imibandela ebalaseliswayo kwisahluko sokugqibela sikaIsaya, yaye yiyiphi imibuzo ephendulwayo?

 KWISAHLUKO sokugqibela sikaIsaya, eminye imibandela eyintloko yale ncwadi yesiprofeto ifikelela encotsheni, yaye kuphendulwa nemibuzo eliqela ebalulekileyo. Eminye yemibandela ebalaseliswayo kukongama kukaYehova, ukuthiya kwakhe uhanahaniso, ukuzimisela kwakhe ukohlwaya abangendawo, kwakunye nokuthanda nokuxhalabela kwakhe abo bathembekileyo. Ngaphezu koko, kukwaphendulwa nemibuzo ethi: Yintoni eyahlula unqulo lokwenyaniso kolobuxoki? Sinokuqiniseka njani ukuba uYehova uza kuziphindezela kubahanahanisi abazenza ngcwele ngoxa becinezela abantu bakhe? Yaye uYehova uza kubasikelela njani abo bahlala bethembekile kuye?

Undoqo Kunqulo Olunyulu

2. Sisiphi isibhengezo asenzayo uYehova ngokuphathelele ukuzuka kwakhe, yaye yintoni esingathethi yona esi sibhengezo?

2 Esi siprofeto sitshayelela ngokubalaselisa ukuzuka kukaYehova, sisithi: “Utsho uYehova ukuthi: ‘Amazulu ayitrone yam, umhlaba sisihlalo seenyawo zam. Ndluni ke leyo ningandakhela yona, yiyiphi loo ndawo ndingaphumla kuyo?’” (Isaya 66:1) Abanye bakholelwa ukuba apha umprofeti akawakhuthazi amaYuda ukuba aphinde ayakhe itempile kaYehova xa ebuyiselwa kwilizwe lawo. Kodwa akunjalo; uYehova ngokwakhe uza kuyalela ukuba yakhiwe kwakhona itempile. (Ezra 1:1-6; Isaya 60:13; Hagayi 1:7, 8) Ngoko ke, athetha ukuthini la mazwi?

3. Kutheni kufanelekile ukuba umhlaba uchazwe ‘njengesihlalo seenyawo’ zikaYehova?

3 Okokuqala, makhe sihlolisise isizathu sokuba umhlaba uchazwa ‘njengesihlalo seenyawo’ zikaYehova. Oku akubhekiseli ekuthini ujongelwa phantsi. Phakathi kwawo onke amawaka ezigidi zezijikelezi-langa, ngumhlaba kuphela ochazwa ngokukhethekileyo ngolu hlobo. Esi sijikelezi-langa sethu siza kuhlala sikhethekile ngonaphakade, kuba kulapha apho uNyana kaYehova okuphela kozelweyo walenza khona idini lentlawulelo, yaye kulapha apho uYehova aza kuluthethelela khona ulongamo lwakhe ngoBukumkani bukaMesiya. Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba umhlaba ubizwe ngokuba sisihlalo seenyawo zikaYehova! Ukumkani unokusisebenzisa eso sihlalo xa enyukela kwitrone yakhe ephakamileyo aze emva koko abeke iinyawo zakhe kuso.

4. (a) Kutheni kungenakwenzeka ukuba nasiphi na isakhiwo sasemhlabeni sibe yindawo yokuphumla kaYehova uThixo? (b) Lithetha ukuthini ibinzana elithi “zonke ezi zinto,” yaye sifanele sigqibe ngelithini ngokuphathelele unqulo lukaYehova?

4 Noko ke, ukumkani akanakuhlala kwisihlalo seenyawo zakhe, ngoko noYehova akanakuhlala kulo mhlaba. Kaloku, kwanamazulu amakhulu okoqobo akanakumlingana! Ngoko lizicacele elokuba asikho isakhiwo sasemhlabeni anokuhlala kuso uYehova sibe yindlu yakhe. (1 Kumkani 8:27) Itrone kaYehova nendawo yakhe yokuphumla zikummandla womoya, ekubhekiselwa kuwo ngokuthi “amazulu” kuIsaya 66:1. Indinyana elandelayo ikugxininisa ngakumbi oku ngokuthi: “‘Ke kaloku zonke ezi zinto zenziwe sisandla sam, ukuze nje zona zonke zibekho,’ utsho uYehova.” (Isaya 66:2a) Khawube nomfanekiso-ngqondweni kaYehova esalatha ngesandla njengoko esithi “zonke ezi zinto”—zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni. (Isaya 40:26; ISityhilelo 10:6) NjengoMdali Ozukileyo wendalo iphela, ufanelwe kokungakumbi kunesakhiwo nje esinikelwa kuye. Ufanelwe kokungakumbi kunonqulo nje lwenkwalambisa.

5. Sibonisa njani ukuba ‘sixhwalekile yaye sikhathazekile emoyeni’?

5 Luluphi uhlobo lonqulo olumfaneleyo uMongami Wendalo Iphela? Yena ngokwakhe uyasixelela, esithi: “Ngoko, ndiya kukhangela kulo, kulowo uxhwalekileyo nokhathazekileyo emoyeni nongcangcazelayo lilizwi lam.” (Isaya 66:2b) Ewe, eyona nto ingundoqo kunqulo olunyulu kukuba nesimo sengqondo esilungileyo. (ISityhilelo 4:11) Umnquli kaYehova umele ‘axhwaleke yaye akhathazeke emoyeni.’ Ngaba oku kuthetha ukuba uYehova ufuna singonwabi? Akunjalo, kuba ‘unguThixo onoyolo,’ yaye ufuna ukuba abanquli bakhe nabo babe nemihlali. (1 Timoti 1:11; Filipi 4:4) Noko ke, sonke sona kaninzi, yaye asimele sizithabathe lula izono zethu. Sifanele sizive ‘sixhwalekile’ ngenxa yazo, sibe buhlungu kuba sisilele ukugcina imilinganiselo kaYehova yobulungisa. (INdumiso 51:17) Kufuneka sibonise ukuba ‘sikhathazekile emoyeni’ ngokuthi siguquke, silwe notyekelo lwethu lwesono, size sithandaze sicele uxolo kuYehova.—Luka 11:4; 1 Yohane 1:8-10.

6. Abanquli bokwenyaniso bafanele ‘bangcangcazele lilizwi likaThixo’ ngayiphi ingqiqo?

6 Ukongezelela, uYehova ukhangela kwabo ‘bangcangcazelayo lilizwi lakhe.’ Ngaba oku kuthetha ukuba ufuna sityhwatyhwe luloyiko xa sifunda izibhengezo zakhe? Akunjalo, kunoko, ufuna ukuba sikuhlonele ngokunzulu oko akutshoyo. Sisifuna ngokunyanisekileyo isiluleko sakhe, ukuze sisikhokele kuzo zonke iinkalo zobomi. (INdumiso 119:105) Kwakhona ‘sisenokungcangcazeliswa’ kukoyika ukungamthobeli uThixo, nokoyika ukuyingcolisa inyaniso yakhe ngezithethe zabantu, okanye ukuyithabatha lula. Isimo sengqondo esithobeke ngolo hlobo sibaluleke kakhulu kunqulo olunyulu—kodwa, ngelishwa, sinqabile ehlabathini namhlanje.

UYehova Uluthiyile Unqulo Lohanahaniso

7, 8. UYehova ulujonga njani unqulo lohanahaniso?

7 Njengoko uIsaya ecingisisa ngemeko yabantu bexesha lakhe, wazi kakuhle ukuba bambalwa abanesimo sengqondo uYehova asifunayo kubanquli bakhe. Ngoko ke, iYerusalem ewexukileyo iwufanele umgwebo wayo ozayo. Phawula indlela uYehova alujonga ngayo unqulo lwayo: “Oxhela inkunzi yenkomo unjengalowo uxabela umntu. Obingelela ngemvu unjengalowo waphula intamo yenja. Lowo unikela isipho—igazi lehagu! Lowo wenza isikhumbuzo ngentlaka yokuqhumisela unjengalowo ubulela ngamazwi angaqhelekanga. Banjengabo banyule iindlela zabo, yaye umphefumlo wabo uyoliswa zizinto zabo ezilizothe.”—Isaya 66:3.

8 La mazwi asikhumbuza amazwi kaYehova abhalwe kwisahluko sokuqala sikaIsaya. Apho uYehova wabaxelela abantu bakhe abanxaxhayo ukuba unqulo lwabo lohanahaniso aluphelelanga nje ekungamkholisini kodwa lukwaxhokonxe nomsindo wakhe wobulungisa. (Isaya 1:11-17) Ngokufanayo, ngoku uYehova ufanisa imibingelelo yabo nolwaphulo-mthetho olucekisekayo. Ukubingelela kwabo ngenkunzi yenkomo yexabiso eliphezulu akuyi kumkholisa uYehova kanye njengokuba ebengayi kukholiswa kukubulala kwabo umntu! Eminye imibingelelo ifaniswa nokubingelela ngenja okanye ihagu, izilwanyana ezingahlambulukanga ngokoMthetho kaMoses nekungafanelekanga ngokuqinisekileyo ukubingelela ngazo. (Levitikus 11:7, 27) Ngaba uYehova ulubetha ngoyaba uhanahaniso olunjalo lonqulo?

9. Inkoliso yamaYuda isabele njani kwizikhumbuzo zikaYehova ezadluliselwa nguIsaya, yaye uza kuba yintoni umphumo woko?

9 Ngoku uYehova uthi: “Nam ndiya kunyula iindlela zokubaphatha kabuhlungu; yaye ndiya kubazisela izinto ezibothusayo; ngenxa yokuba ndibizile, kodwa akwabikho bani uphendulayo; ndathetha, kodwa akukho bani waphulaphulayo; yaye baqhubeka besenza okubi emehlweni am, kwaye banyula into engandiyolisanga.” (Isaya 66:4) Ngokungathandabuzekiyo uIsaya uwathetha ngesazela esikhululekileyo la mazwi. Kangangeminyaka emininzi uYehova uye wamthuma ukuba ‘abize’ yaye ‘athethe’ kubantu Bakhe. Yaye lo mprofeti uyazi kakuhle into yokuba akukho namnye owaphulaphulayo. Ngoko ngenxa yokuzingisa kwabo ekwenzeni okubi, bafanelwe yimpindezelo. Ngokwenene uYehova uza kunyula indlela eqatha yokubohlwaya aba bantu bakhe bawexukileyo aze abazisele iziganeko ezothusayo.

10. Ukuqhubana kukaYehova noYuda kusixelela ntoni ngendlela ayijonga ngayo iNgqobhoko?

10 Ngokufanayo iNgqobhoko yanamhlanje iye yaqhelisela izinto ezingamkholisiyo uYehova. Iicawa zayo zizaliswe lunqulo-zithixo, yaye zikhuthaza iintanda-bulumko nezithethe ezingezozazibhalo, yaye ukubawela kwayo igunya lezobupolitika kuyenze yakrexeza ngakumbi ngokomoya kunye neentlanga zehlabathi. (Marko 7:13; ISityhilelo 18:4, 5, 9) Ngokufanayo neYerusalem yamandulo, iNgqobhoko iza kufikelwa yimpindezelo yokusesikweni eqatha—into ‘eyothusayo.’ Esinye sezizathu zesohlwayo sayo esiqinisekileyo yindlela eye yabaphatha ngayo abantu bakaThixo.

11. (a) Yintoni eyongezelela kwisono sabawexuki bomhla kaIsaya? (b) Abantu bomhla kaIsaya babakhuphela ngayiphi ingqiqo ecaleni abo bathembekileyo ‘ngenxa yegama likaThixo’?

11 UIsaya uhlabela mgama esithi: “Liveni ilizwi likaYehova, nina ningcangcazelayo lilizwi lakhe: ‘Abazalwana benu abanithiyileyo, abanikhuphela ecaleni ngenxa yegama lam, bathi, “Ngamana uYehova angazukiswa!” Kanjalo umele abonakale nize nina nibe nemihlali, yaye ngabo abaya kuhlaziswa.’” (Isaya 66:5) “Abazalwana” bakaIsaya, abantu belizwe lakowabo, banembopheleleko yokumela uYehova uThixo neyokuzithoba kulongamo lwakhe. Ukusilela kwabo ukwenza oko kusisono esinzulu ngokwenene. Kodwa basenza sikhulu nangakumbi eso sono sabo ngokuthi babathiye abantu abathembekileyo nabathobekileyo, njengoIsaya. Aba bawexuki bayabathiya baze babakhuphele ecaleni abo bathembekileyo ngenxa yokuba bemela uYehova uThixo ngokunyanisekileyo. Lilonke babakhuphela ecaleni ‘ngenxa yegama likaThixo.’ Kwangaxeshanye, aba bakhonzi bakaYehova bobuxoki bazibanga bengabameli bakhe, ngokuhanahanisa besebenzisa amabinzana onqulo anjengelithi “Ngamana uYehova angazukiswa!” a

12. Yiyiphi eminye yemizekelo yokutshutshiswa kwabakhonzi abathembekileyo bakaYehova ngabahanahanisi bonqulo?

12 Ukuthiya konqulo lobuxoki abameli bonqulo olunyulu akunto intsha. Kuyinxalenye yokuzaliseka kwesiprofeto esikwiGenesis 3:15, esichaza kwangaphambili ubutshaba bexesha elide obuphakathi kwembewu kaSathana neMbewu yomfazi kaThixo. UYesu wabaxelela abalandeli bakhe abathanjisiweyo benkulungwane yokuqala ukuba nabo babeza kubandezelwa ngabantu bexesha labo—bakhutshwe kwizindlu zesikhungu, batshutshiswe baze babulawe. (Yohane 16:2) Kuthekani namhlanje? Ekuqaleni ‘kwemihla yokugqibela,’ abantu bakaThixo babona kwangaphambili ukuba nabo babeza kufikelwa yintshutshiso efanayo. (2 Timoti 3:1) Ngowe-1914, iThe Watch Tower yacaphula uIsaya 66:5, isithi: “Phantse yonke intshutshiso eye yafikela abantu bakaThixo ibangelwe ngabo bazibanga bengamaKristu.” Kwaelo nqaku linye laphinda lathi: “Asazi nokuba baza kuthi kratya na kumhla wethu—babenze bathiywe ekuhlaleni, badubadube intlangano yabo, mhlawumbi bade bababulale ngokoqobo.” Hayi indlela abe yinyaniso ngayo loo mazwi! Akubanga thuba lide emva kokupapashwa kwawo, kwaqhambuka intshutshiso ephenjelelwa ngabefundisi eyathi yafikelela incopho yayo ebudeni beMfazwe Yehlabathi I. Kodwa iNgqobhoko yahlaziswa, kanye njengokuba kwakuxelwe kwangaphambili. Njani?

Uhlaziyo Olukhawulezileyo Nolwesiquphe

13. Ekuzalisekeni kokuqala kwala mazwi, sasifanekisela ntoni “isandi sokuxokozela esiphuma esixekweni”?

13 UIsaya uprofeta esithi: “Kukho isandi sokuxokozela esiphuma esixekweni, isandi esiphuma etempileni! Sisandi sikaYehova ebuyekeza oko kufaneleyo ezintshabeni zakhe.” (Isaya 66:6) Ekuzalisekeni kokuqala kwala mazwi, ‘isixeko’ ekubhekiselwa kuso sasiyiYerusalem, apho yayimi khona itempile kaYehova. “Isandi sokuxokozela” sibhekisela kwingxokolo yemfazwe, eyavakala kweso sixeko xa sasihlaselwa yimikhosi yaseBhabhiloni ngowama-607 B.C.E. Kodwa ke, azaliseka njani la mazwi namhlanje?

14. (a) Yintoni awayixela kwangaphambili uMalaki ngokuza kukaYehova etempileni Yakhe? (b) Ngokutsho kwesiprofeto sikaHezekile, waba yintoni umphumo wokuza kukaYehova etempileni yakhe? (c) UYehova noYesu bayihlola nini itempile yokomoya, yaye abo babezibanga bemela unqulo olunyulu bachaphazeleka njani?

14 La mazwi kaIsaya angqinelana nezinye iziprofeto ezibini, esikuHezekile 43:4, 6-9 nesikuMalaki 3:1-5. Bobabini uHezekile noMalaki baxela kwangaphambili ixesha lokuza kukaYehova uThixo etempileni yakhe. Isiprofeto sikaMalaki sibonisa ukuba uYehova uzokuhlola indlu yakhe yonqulo olunyulu, yaye njengoMsulungekisi uyabagatya abo bangammeli kakuhle. Umbono kaHezekile umchaza uYehova njengongena etempileni aze ayalele ukuba kushenxiswe lonke uhlobo lokuziphatha okubi nolonqulo-zithixo. b Ekuzalisekeni kwezi ziprofeto namhlanje, kubekho isiganeko esibalulekileyo sokomoya ngowe-1918 esiphathelele unqulo lukaYehova. Kubonakala ukuba uYehova noYesu babahlola bonke abo babezibanga bemela unqulo olunyulu. Olo hlolisiso lwakhokelela ekugatyweni kweNgqobhoko eyonakeleyo. Kubalandeli bakaKristu abathanjisiweyo, olo hlolisiso lwathetha ukusulungekiswa okwethutyana, kwaza emva koko kwalandela uhlaziyo olukhawulezileyo lokomoya ngowe-1919.—1 Petros 4:17.

15. Kukuphi ukuzalwa okwaxelwa kwangaphambili, yaye oku kuzaliseke njani ngowama-537 B.C.E.?

15 Olu hlaziyo luchazwe kakuhle kwiindinyana ezilandelayo zikaIsaya, ezithi: “Ngaphambi kokuba ifikelwe yinimba yazala. Ngaphambi kokuba ifikelwe yinimba, yazala umntwana oyinkwenkwe. Ngubani na ove into enjengale? Ngubani na obone izinto ezinjengezi? Kuya kuveliswa ilizwe ngeentlungu zokubeleka ngamini-nye na? Okanye kuya kuzalwa uhlanga ngesihlandlo esinye na? Kuba iZiyon ifikelwe yinimba yaza yazala oonyana bayo.” (Isaya 66:7, 8) La mazwi azaliseke okokuqala ngendlela echulumancisayo kumaYuda athinjelwe eBhabhiloni. Kwakhona, iZiyon, okanye iYerusalem, ichazwa njengomfazi ozalayo, kodwa hayi indlela okungaqhelekanga ngayo oku kuzala kwakhe! Kwenzeka ngokukhawuleza nangesiquphe, ngaphambi kokuqalisa kwenimba! Le yingcaciso efanelekileyo ngokwenene. Ukuzalwa kwakhona kwabantu bakaThixo njengohlanga olukhethekileyo ngowama-537 B.C.E. kwenzeka ngokukhawuleza nangesiquphe kangangokuba kubonakala njengommangaliso. Kaloku, ukususela kwixesha lokuwakhulula kukaKoreshi amaYuda ekuthinjweni ukusa kwixesha lokufika kwentsalela ethembekileyo yawo ezweni lawo, kube ziinyanga nje ezimbalwa! Hayi indlela okwahluke ngayo oku ekuzalweni kokuqala kohlanga lukaSirayeli! Ngowama-537 B.C.E., akubangakho mfuneko yokuba bade bamcenge umlawuli wabo becela ukukhululwa, akubangakho mfuneko yokubaleka umkhosi onobutshaba, kungabangakho namfuneko yokuchitha iminyaka engama-40 entlango.

16. Kwinzaliseko yanamhlanje kaIsaya 66:7, 8, ifanekisela ntoni iZiyon, yaye inzala yayo izelwe njani kwakhona?

16 Kwinzaliseko yanamhlanje, iZiyon ifanekisela “umfazi” kaYehova wasezulwini, intlangano yakhe yasezulwini yezidalwa zomoya. Ngowe-1919 lo “mfazi” wavuyiswa kukubona ukuzalwa ‘kohlanga,’ olungoonyana bakhe abathanjisiweyo emhlabeni. Oko kuzalwa kwakhona kwenzeka ngokukhawuleza nangesiquphe. c Kwisithuba nje seenyanga, abo bathanjisiweyo basuka kwimeko yokufa kokungenzi nto ukusa kwimeko yokuhlaziyeka nokukhuthala ‘ezweni’ labo lokomoya. (ISityhilelo 11:8-12) Ngokwindla lowe-1919, bada babhengeza nokupapashwa kukalindixesha omtsha owayeza kuncedisana neThe Watch Tower. Njengoko yayibizwa ngokuba yiThe Golden Age (ngoku enguVukani!), le mpapasho intsha yayibubungqina bokuba abantu bakaThixo babehlaziyiwe yaye belungele inkonzo.

17. UYehova ubaqinisekisa njani abantu bakhe ukuba akukho nto inokumthintela ekuphumezeni injongo yakhe ngokuphathelele uSirayeli wokomoya?

17 Akukho mandla kwindalo iphela anokuthintela oku kuzalwa kwakhona. Kungako nje indinyana elandelayo itsho ngokucacileyo ukuthi: “‘Mna ke, ndiya kubangela ukutyhoboza na ndize ndingabangeli kuzalwe?’ utsho uYehova. ‘Okanye ndibangela kuzalwe na ndize okunene ndivale?’ utsho uThixo wakho.” (Isaya 66:9) Kanye njengokuba ukuzala kungenakunqunyanyiswa xa sele kuqalile, ngoko nokuzalwa kwakhona koSirayeli wokomoya, akuzange kube nakuyekiswa, emva kokuba kwakuqalile. Enyanisweni, ibikho intshutshiso, yaye mhlawumbi kuza kubakho intshutshiso engakumbi kwixesha elizayo. Kodwa nguYehova kuphela onokunqumamisa oko akuqalileyo, yaye akaze akwenze oko! Kodwa ke, uYehova ubaphatha njani abantu bakhe abahlaziyiweyo?

Inyameko KaYehova

18, 19. (a) Nguwuphi umzekeliso ochukumisayo uYehova awusebenzisayo, yaye usebenza njani kubantu bakhe abasekuthinjweni? (b) Intsalela ethanjisiweyo namhlanje ingenelwe njani ekondliweni nakwinyameko yothando?

18 Iindinyana ezine ezilandelayo zisichazela ngenyameko kaYehova echukumisayo. Okokuqala, uIsaya uthi: “Yibani nemihlali kunye neYerusalem nize nivuye kunye nayo, nonke nina niyithandayo. Gcobani kakhulu kunye nayo, nonke nina nihlala nizilile ngenxa yayo; ngenxa yokuba niya kwanya nize okunene nifumane ulwaneliseko ebeleni lentuthuzelo epheleleyo yayo; ngenxa yokuba niya kuthabatha ithamo nize niyoliswe ngokugqibeleleyo ngumbele wozuko lwayo.” (Isaya 66:10, 11) Apha uYehova usebenzisa umzekeliso womfazi owanyisa usana lwakhe. Xa usana luphethwe liphango, luyagxwala. Kodwa xa unina elunika ibele, intlungu yalo ijika ibe lulonwabo nolwaneliseko. Ngokufanayo, intsalela yamaYuda athembekileyo aseBhabhiloni iza kuyekiswa ngokukhawuleza ukulila ize yenziwe yonwabe yaye yaneliseke ekufikeni kwexesha lokukhululwa nokuhlaziywa kwayo. Iza kuvuya. IYerusalem iza kuba yezukileyo kwakhona njengoko iza kwakhiwa ize ibe nabemi kwakhona. Yaye uzuko lweso sixeko luza kunabela nakubemi baso abathembekileyo. Baza kondliwa kwakhona ngokomoya ngababingeleli abakhutheleyo.—Hezekile 44:15, 23.

19 USirayeli wokomoya naye wasikelelwa ngokondliwa okukhulu emva kokuhlaziywa ngowe-1919. Ukususela ngoko “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” laqhubeka livelisa ukutya kokomoya ngokuthe rhoqo. (Mateyu 24:45-47) Eneneni eli ibe lixesha lentuthuzelo nelovuyo kwintsalela ethanjisiweyo. Kodwa kubekho iintsikelelo ezingakumbi.

20. Isikelelwe njani iYerusalem “ngomsinga okhukulayo,” mandulo nanamhlanje?

20 Isiprofeto sihlabela mgama sisithi: “Utsho uYehova ukuthi: ‘Yabonani, ndolulela kuyo uxolo kanye njengomlambo nozuko lweentlanga kanye njengomsinga okhukulayo, yaye ngokuqinisekileyo niya kwanya. Niya kuthwalwa ephangweni, niwolwe emadolweni.’” (Isaya 66:12) Apha umzekeliso wokwanyisa unxulunyaniswa nokuthululwa kweentsikelelo ezininzi—‘ezinjengomlambo nomsinga okhukulayo.’ IYerusalem iza kusikelelwa kungekuphela nje ngoxolo oluninzi oluvela kuYehova kodwa ‘kwanangozuko lweentlanga,’ oluza kusikelela abantu bakaThixo. Oku kuthetha ukuba abantu beentlanga baza kuthontelana ukuya kubantu bakaYehova. (Hagayi 2:7) Ekuzalisekeni kwala mazwi mandulo, eneneni abantu beentlanga ezahlukahlukeneyo baye banxulumana kunye noSirayeli, baguqukela ebuYudeni. Noko ke, aye azaliseka ngakumbi kwixesha lethu xa ‘isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi’—ngokwenene umsinga okhukulayo wabantu—siye sanxulumana kunye nentsalela yamaYuda okomoya.—ISityhilelo 7:9; Zekariya 8:23.

21. Luluphi ukhuthazo oluxelwa kwangaphambili ngamazwi achukumisayo?

21 UIsaya 66:12 ukwathetha nangokubonakaliswa kothando lobuzali—ukuwola umntwana ngamadolo nokumbeka ephangweni. Kwindinyana elandelayo, kuvakaliswa ingcamango efanayo kodwa ngembono eyahlukileyo nebangel’ umdla. “Njengendoda ehlala ithuthuzelwa ngunina, ngokunjalo nam ndiya kuhlala ndinithuthuzela; yaye kwimeko yeYerusalem niya kuthuthuzeleka.” (Isaya 66:13) Umntwana ngoku ukhulile, ‘uyindoda.’ Kodwa awukapheli umnqweno kanina wokumthuthuzela xa ebandezelekile.

22. UYehova ukubonisa njani ukuthantamisa nobukhulu bothando lwakhe?

22 Ngale ndlela enomtsalane, uYehova ubonisa ukuthantamisa nobukhulu bothando lwakhe ngabantu bakhe. Kwanolona thando lukhulu lomzali aluyonto xa luthelekiswa nobunzulu bothando lukaYehova ngabantu bakhe abathembekileyo. (Isaya 49:15) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba onke amaKristu abonakalise olu phawu loBawo wethu osemazulwini! Umpostile uPawulos wakwenza oko, ngaloo ndlela ebamisela umzekelo omhle abadala bebandla lamaKristu. (1 Tesalonika 2:7) UYesu wathi uthando lobuzalwana lwaluya kuba luphawu oluyintloko lokufanisa abalandeli bakhe.—Yohane 13:34, 35.

23. Chaza ulonwabo lwabantu bakaYehova ababuyiselweyo.

23 UYehova ulubonakalisa uthando lwakhe ngezenzo. Ngenxa yoko, uhlabela mgama esithi: “Ngokuqinisekileyo niya kubona, nentliziyo yenu iya kugcoba, namathambo enu aya kuhluma njengengca ethambileyo. Yaye isandla sikaYehova ngokuqinisekileyo siya kwaziswa kubakhonzi bakhe, kodwa okunene uya kuziqalekisa iintshaba zakhe.” (Isaya 66:14) Ngokutsho kwengcali ngemigaqo-ntetho yesiHebhere, ibinzana elithi “ngokuqinisekileyo niya kubona” lithetha ukuba nanini na aba bathinjwa babuyileyo bekhangela kwilizwe labo elibuyiselweyo, “oko bakubonayo kuya kubazisela uvuyo.” Eneneni baya kugcoba, babe nemincili engathethekiyo kuba beye babuyiselwa kwilizwe labo elithandekayo. Baya kuziva behlaziyekile, ngokungathi amathambo abo aphinde omelela, ahlaziyeka njengengca entwasahlobo. Bonke baya kwazi ukuba le ntsikelelo ayiziswanga yiyo nayiphi na imigudu yabantu, kodwa iziswe ‘sisandla sikaYehova.’

24. (a) Sisiphi isigqibo ofikelela kuso xa uqwalasela iziganeko ezichaphazela abantu bakaYehova namhlanje? (b) Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?

24 Ngaba uyakubona ukusebenza kwesandla sikaYehova phakathi kwabantu bakhe namhlanje? Akukho mntu ubenokuluhlaziya unqulo olunyulu. Akukho mntu ubenokubangela ukuba izigidi zabantu abaxabisekileyo bazo zonke iintlanga bathelele intsalela ethembekileyo kwilizwe layo lokomoya. NguYehova uThixo kuphela onokwenza oko. Ezi zenzo zothando lukaYehova zisinika isizathu sokuvuya ngokugqithiseleyo. Masingaze siluthabathe lula uthando lwakhe. Masiqhubeke ‘singcangcazela lilizwi lakhe.’ Masizimisele ukuphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile size sifumane uvuyo ekukhonzeni uYehova.

[Imibhalo esemazantsi]

a Namhlanje abaninzi kwiNgqobhoko bayala ukusebenzisa igama lobuqu likaYehova, bade balisuse kwiinguqulelo eziliqela zeBhayibhile. Abanye bayabagculela abantu bakaThixo ngenxa yokusebenzisa kwabo igama lakhe lobuqu. Ukanti, abaninzi baba bahanahanisi basebenzisa ibinzana elithi “Haleluya,” elithetha ukuthi “Dumisani uYa.”

b Ibinzana elithi ‘izidumbu zookumkani babo,’ elisetyenziswe kuHezekile 43:7, 9, libhekisela kwizithixo. Iinkokeli nabantu abavukelayo baseYerusalem bayingcolisa itempile kaThixo ngezithixo, baza bazenza ookumkani babo.

c Ukuzalwa ekuprofetwe ngako apha akufani noko kuchazwe kwiSityhilelo 12:1, 2, 5. Kweso sahluko seSityhilelo, “unyana, inkwenkwe,” ufanekisela uBukumkani bukaMesiya, obabakho ngowe-1914. Kodwa ke, mnye yena “umfazi” ekuthethwa ngaye kuzo zozibini ezi ziprofeto.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 395]

“Zonke ezi zinto zenziwe sisandla sam”

[Umfanekiso okwiphepha 402]

UYehova uza kolulela kwiZiyon ‘uzuko lweentlanga’