Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Uyamphakamisa UMkhonzi Wakhe OnguMesiya

UYehova Uyamphakamisa UMkhonzi Wakhe OnguMesiya

Isahluko Seshumi Elinesine

UYehova Uyamphakamisa UMkhonzi Wakhe OnguMesiya

Isaya 52:13–53:12

1, 2. (a) Zekelisa imeko awayekuyo amaYuda amaninzi ekuqaleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. (b) Liliphi ilungiselelo awalenzayo uYehova ukunceda amaYuda athembekileyo ukuba akwazi ukumfanisa uMesiya?

 KHAWUZITHELEKELELE uza kudibana nendwalutho ebalulekileyo. Sele limisiwe ixesha nendawo eniza kudibana kuyo. Kodwa kukho ingxaki: Akwazi ukuba ikhangeleka njani, yaye iza kufika ngokuzolileyo, kungekho mbhiyozo wokutsal’ amehlo. Uza kuyibona njani? Bekuya kukunceda ukufumana iinkcukacha ngayo.

2 Ekuqaleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, amaYuda amaninzi ayekwimeko efanayo. Ayelindele uMesiya—oyena mntu ubalulekileyo wakha waphila. (Daniyeli 9:24-27; Luka 3:15) Kodwa amaYuda athembekileyo ayeza kumbona njani? UYehova usebenzise abaprofeti abangamaHebhere ukuba babhale iinkcukacha zeziganeko ezinokuthanani noMesiya ezaziza kunceda abo baqondayo bakwazi ukumfanisa ngaphandle kwamathandabuzo.

3. Yiyiphi inkcazelo ephathelele uMesiya ekuIsaya 52:13–53:12?

3 Phakathi kweziprofeto zesiHebhere ezingoMesiya, mhlawumbi asikho esinenkcazelo ecace ngakumbi kunaleyo ikuIsaya 52:13–53:12. Ngaphezu kwama-700 eminyaka ngaphambili, uIsaya wachaza, kungekhona imbonakalo yangaphandle kaMesiya, kodwa iinkcukacha ezazibaluleke ngakumbi—ukubandezeleka kwakhe nenjongo yako, neenkcukacha ezingqalileyo ngokufa, ukungcwatywa, nokuphakanyiswa kwakhe. Ukuqwalasela esi siprofeto nokuzaliseka kwaso kuya kusikhuthaza kuze komeleze ukholo lwethu.

“Umkhonzi Wam”—Ungubani?

4. Ziziphi iimbono eziye zaveliswa ngabanye abaphengululi bamaYuda ngokuphathelele “umkhonzi,” kodwa kutheni zingahambelani nesiprofeto sikaIsaya?

4 UIsaya usandul’ ukuchaza ngokukhululwa kwamaYuda ekuthinjweni eBhabhiloni. Ngoku ubhala amazwi kaYehova eziganeko zexesha elizayo ezikhulu kakhulu kuneso, esithi: “Khangela! Umkhonzi wam uya kwenza ngengqiqo. Uya kuba sesikhundleni esiphakamileyo kwaye ngokuqinisekileyo uya kunyuswa aze aphakanyiswe kakhulu.” (Isaya 52:13) Kanye kanye ungubani lo “mkhonzi”? Ebudeni beenkulungwane, abaphengululi bamaYuda bavelisa iimbono ezahlukahlukeneyo. Abanye bathi wayefanekisela uhlanga lukaSirayeli luphela ebudeni bokuthinjwa kwalo eBhabhiloni. Kodwa loo mbono ayihambelani nesiprofeto. Lo Mkhonzi kaThixo wabandezeleka ngokuzithandela. Nangona wayemsulwa, wabandezeleka ngenxa yezono zabanye. Kwakungenjalo konke konke ngohlanga lukaYuda, kuba lona lwasiwa ekuthinjweni ngenxa yokona kwalo. (2 Kumkani 21:11-15; Yeremiya 25:8-11) Abanye bavela nembono yokuba lo Mkhonzi wayefanekisela izidwangube zakwaSirayeli ezabandezeleka ngenxa yezono zamanye amaSirayeli. Noko ke, ngethuba lokuxhwaleka kukaSirayeli, akukho qela likhethekileyo lathi labandezeleka ngenxa yelinye.

5. (a) Bambi abaphengululi bamaYuda baye basichaza njani isiprofeto sikaIsaya? (Bona umbhalo osemazantsi.) (b) Yiyiphi inkcazelo ecacileyo ngokuphathelele uMkhonzi esencwadini yeBhayibhile yeZenzo?

5 Ngaphambi kokuvela kobuKristu nasekuqaleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, abaphengululi bamaYuda abaliqela basinxulumanisa noMesiya esi siprofeto. Ukuchana kwabo kungqinisiswa ziZibhalo zamaKristu ZesiGrike. Incwadi yeZenzo ibonisa ukuba xa ithenwa elingumTiyopiya lathi lalingamazi uMkhonzi ekuthethwa ngaye kwisiprofeto sikaIsaya, uFilipu ‘wavakalisa kulo iindaba ezilungileyo ezingoYesu.’ (IZenzo 8:26-40; Isaya 53:7, 8) Zikwakho nezinye iincwadi zeBhayibhile ezimfanisa uYesu Kristu njengoMkhonzi onguMesiya wesiprofeto sikaIsaya. a Njengoko sixubusha esi siprofeto, siza kuyibona indlela lowo uYehova ambiza ngokuthi “umkhonzi wam” amfanekisela ngokucace ngayo uYesu waseNazarete.

6. Isiprofeto sikaIsaya sibonisa njani ukuba uMesiya uza kukufeza ngempumelelo ukuthanda kukaThixo?

6 Esi siprofeto siqala ngokuchaza ukuphumelela kukaMesiya ekuphumezeni ukuthanda kukaThixo. Igama elithi “umkhonzi” libonisa ukuba uza kukuthobela ukuthanda kukaThixo njengoko umkhonzi esenza enkosini yakhe. Ngaloo ndlela, “uya kwenza ngengqiqo.” Ukuba nengqiqo kuthetha ukuqonda. Ngoko ukwenza ngengqiqo kubhekisela ekwenzeni into ngokuqonda. Enye incwadi ichaza isenzi sesiHebhere esisetyenzisiweyo apha ngokuthi: “Ngokuyintloko sithetha ukwenza into ngobulumko. Lowo wenza ngobulumko uya kuphumelela.” Ubungqina bokuba uMesiya uza kuphumelela bunokubonwa kumazwi esiprofeto athi “uya kunyuswa aze aphakanyiswe kakhulu.”

7. UYesu Kristu uye ‘wenza njani ngengqiqo,’ yaye uye ‘wanyuswa waza waphakanyiswa njani kakhulu’?

7 UYesu uye “wenza ngengqiqo,” ebonisa ukuziqonda kwakhe iziprofeto zeBhayibhile ezazibhekisela kuye nawayesalathiswa zizo ekwenzeni ukuthanda kukaYise. (Yohane 17:4; 19:30) Ube yintoni umphumo woko? Emva kokuvuka kukaYesu nokunyukela kwakhe ezulwini, “uThixo wamphakamisela kwisigxina esongamileyo waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama.” (Filipi 2:9; IZenzo 2:34-36) Kwandula ke, ngowe-1914 waphinda uYesu ozukisiweyo waphakanyiswa ngakumbi. UYehova wamphakamisela kwitrone yoBukumkani bukaMesiya. (ISityhilelo 12:1-5) Ewe, ‘wanyuswa waza waphakanyiswa kakhulu.’

‘Bamjonga Bethe Manga’

8, 9. Xa uYesu ophakanyisiweyo esiza kugweba, baza kusabela njani abalawuli basemhlabeni, yaye ngoba?

8 Ziza kusabela njani iintlanga nabalawuli bazo kulo Mesiya uphakanyisiweyo? Xa siyitsiba okomzuzwana inxalenye yesibini yendinyana 14, esi siprofeto sifundeka ngokuthi: “Ngokomlinganiselo abathe abaninzi bamjonga ngawo bethe manga . . . ngokunjalo naye uya kothusa iintlanga ezininzi. Ookumkani baya kuyivala imilomo yabo kuye, ngenxa yokuba okunene baya kubona oko babengakubaliselwanga, noko bangazange bakuve bamele baphethulele ingqalelo yabo kuko.” (Isaya 52:14a, 15) Ngala mazwi uIsaya uchaza, kungekhona ukuqala kokuvela kukaMesiya, kodwa ukusukuzana kwakhe kokugqibela kunye nabalawuli basemhlabeni.

9 Xa uYesu ophakanyisiweyo esiza kugweba le nkqubo yezinto ingahloneli Thixo, abalawuli basemhlabeni baza ‘kumjonga bethe manga.’ Liyinyaniso elokuba, abalawuli babantu abazukumbona ngokoqobo uYesu ozukisiweyo. Kodwa baza kubona ubungqina obucacileyo bamandla akhe njengoMphumi-mkhosi kaYehova wasezulwini. (Mateyu 24:30) Baza kunyanzeleka ukuba baphethulele ingqalelo yabo kwinyaniso abangazange bayive ichazwa ziinkokeli zonqulo—yokuba uYesu unguMphumezi wemigwebo kaThixo! Lo Mkhonzi uphakanyisiweyo baza kuqubisana naye uza kwenza ngendlela abangakhange bayilindele.

10, 11. Kunokutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba kwanikelwa imbono ephosakeleyo ngoYesu kwinkulungwane yokuqala, yaye kwenziwe njani oku namhlanje?

10 Xa sibuyela kwinxalenye yesibini yendinyana 14, uIsaya uthi: “Ukonakala kwembonakalo yakhe kwakukukhulu ngaphezu kokwakhe nawuphi na umntu nobume bakhe kunobo boonyana boluntu.” (Isaya 52:14b) Ngaba imbonakalo kaYesu yayonakele ngandlel’ ithile? Akunjalo. Nangona iBhayibhile inganikeli zinkcukacha ngembonakalo kaYesu, ngokungathandabuzekiyo uNyana ofezekileyo kaThixo wayenembonakalo entle. Kubonakala ukuba, la mazwi kaIsaya abhekisela ekuhlazisweni kukaYesu. Wazibhenca ngenkalipho iinkokeli zonqulo zomhla wakhe njengabahanahanisi, amaxoki, nababulali; yaye zasabela ngokuthi zimtshabhise. (1 Petros 2:22, 23) Zammangalela ngokuthi usisaphuli-mthetho, umnyelisi, umkhohlisi, nomvukeli weRoma. Ngaloo ndlela, aba bamangali bobuxoki baye bazoba umfanekiso-ngqondweni owonakeleyo ngoYesu.

11 Nanamhlanje abantu basenembono egqwethekileyo ngoYesu. Inkoliso yabo inomfanekiso-ngqondweni kaYesu elusana olusemkhumbini okanye engumbono olusizi wendoda ebethelelwe emnqamlezweni, enobuso obumbatshileyo, nefake isithsaba sameva. Abefundisi beNgqobhoko baye bazikhuthaza iimbono ezilolo hlobo. Baye basilela ukumchaza uYesu njengoKumkani onamandla wasezulwini oza kuziphendulisa iintlanga. Xa abalawuli abangabantu bejamelana noYesu kungekudala, baza kube bequbisene noMesiya ‘onikwe lonke igunya ezulwini nasemhlabeni’!—Mateyu 28:18.

Ngoobani Abaza Kukholwa Kwezi Ndaba Zilungileyo?

12. Yiyiphi imibuzo ebangel’ umdla ephakamayo ngokuphathelele uIsaya 53:1?

12 Emva kokuchaza utshintsho olumangalisayo oluye lwenzeka kuMesiya—ukusuka ekubeni ‘ngowonakeleyo’ ukusa ekubeni ‘ngophakanyiswe kakhulu’—uIsaya ubuza athi: “Ngubani na okholiweyo kwinto esiyivileyo? Yaye yona ke ingalo kaYehova, ityhileke kubani na?” (Isaya 53:1) La mazwi kaIsaya enza ukuba kuphakame imibuzo ebangel’ umdla, ethi: Ngaba esi siprofeto siza kuzaliseka? Ngaba “ingalo kaYehova,” efanekisela amandla akhe, iza kutyhileka ukuze izalisekise la mazwi?

13. Wabonisa njani uPawulos ukuba isiprofeto sikaIsaya sazaliseka kuYesu, yaye yaba njani intsabelo?

13 Ngokungathandabuzekiyo impendulo nguewe! Kwincwadi yakhe eya kwabaseRoma, uPawulos ucaphula la mazwi kaIsaya ukubonisa ukuba isiprofeto esiviweyo saza sabhalwa nguIsaya sizaliseke kuYesu. Ukuzukiswa kukaYesu emva kokubandezeleka kwakhe emhlabeni kube ziindaba ezimnandi. “Noko ke,” xa ebhekisa kumaYuda angakholwayo, uPawulos uthi, “abazithobelanga bonke iindaba ezilungileyo. Kuba uIsaya uthi: ‘Yehova, ngoobani na abakholwayo koko bakuvileyo kuthi?’ Ngoko ukholo lulandela oko kuviweyo. Oko kuviweyo kungelizwi elingoKristu.” (Roma 10:16, 17) Noko ke, ngelishwa babembalwa ngomhla kaPawulos abathi bakholwa kwiindaba ezilungileyo ezingoMkhonzi kaThixo. Ngoba?

14, 15. Injani imeko kaMesiya ekufikeni kwakhe emhlabeni?

14 Sandula ke esi siprofeto sicacisele amaSirayeli izizathu zokuphakanyiswa kwemibuzo ebhalwe kwindinyana 1, yaye ngaloo ndlela, sikhanyisa isizathu sokuba abaninzi bengayi kumamkela uMesiya. Sithi: “Uya kunyuka njengesetyana phambi [kwabo babukeleyo], nanjengengcambu kwilizwe elingenamanzi. Akanabume, nabo nabuphi na ubungangamsha; yaye xa siya kumbona, akukho mbonakalo ingasenza ukuba simnqwenele.” (Isaya 53:2) Apha sithelwa thsuphe ngemeko kaMesiya ekufikeni kwakhe emhlabeni. Uza kuba nesiqalo esiphantsi, engajongelwa ntweni kwaphela ngabo babukeleyo. Ngaphezu koko, uza kuba njengesetyana elicekecekana elikhula esiqwini somthi. Kwakhona uza kuba njengengcambu eyomileyo, emhlabeni ongenamanzi. Yaye akazukufika enobuyokoyoko basebukhosini—akazukufaka miwunduzo yasebukhosini nazithsaba zikhazimlayo. Kunoko, uza kuba nesiqalo esiphantsi nesingenabugocigoci.

15 Hayi indlela oku okusichaza kakuhle ngayo isiqalo sikaYesu esiphantsi njengomntu! Intombi enyulu yomYuda uMariya yamzalela emkhumbini kwidolophu encinane yaseBhetelehem. b (Luka 2:7; Yohane 7:42) UMariya nomyeni wakhe, uYosefu, babengamahlwempu. Malunga neentsuku ezingama-40 emva kokuzalwa kukaYesu, bazisa umnikelo wesono owawuvumelekile kwabo bangamahlwempu, “amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amavukuthu amabini.” (Luka 2:24; Levitikus 12:6-8) Ekuhambeni kwexesha, uMariya noYosefu bafudukela eNazarete, apho uYesu wakhulela khona kwintsapho enkulu, nekusenokwenzeka ukuba yayikumgangatho ophantsi.—Mateyu 13:55, 56.

16. Kuyinyaniso ngayiphi indlela ukuba uYesu wayengenabo “nabuphi na ubungangamsha”?

16 Kubonakala ukuba ngoxa uYesu wayengumntu, iingcambu zakhe zazingekho kumhlaba ofanelekileyo. (Yohane 1:46; 7:41, 52) Nangona wayengumntu ofezekileyo yaye engowenzala kaKumkani uDavide, kodwa ngenxa yemeko yakhe ephantsi wayengenabo “nabuphi na ubungangamsha”—ingakumbi emehlweni abo babelindele ukuba uMesiya abe nemvelaphi ehlab’ umxhelo. Ngokuphenjelelwa ziinkokeli zonqulo zamaYuda, abaninzi abazange bamhoye yaye abanye bada bamthiy’ egazini. Ekugqibeleni izihlwele azibonanga nto inqwenelekayo kuNyana ofezekileyo kaThixo.—Mateyu 27:11-26.

“Wayedeliwe Yaye Ephetshwa Ngabantu”

17. (a) Yintoni aqalisa ukuyichaza uIsaya, yaye kutheni ekubhala oku ngokungathi sele kwenzekile? (b) Ngoobani ‘abamdelayo’ baza ‘bamphepha’ uYesu, yaye bakwenza njani oko?

17 Ngoku uIsaya uqalisa ukuchaza ngokweenkcukacha indlela aza kujongwa aze aphathwe ngayo uMesiya, esithi: “Wayedeliwe yaye ephetshwa ngabantu, umntu weentlungu noqheleneyo nesifo. Kwaye kwakungathi ngulowo kusitheliswa ubuso bakhe kuthi. Wayedeliwe, yaye thina samphatha njengongabalulekanga.” (Isaya 53:3) Eqinisekile ukuba amazwi akhe aza kuzaliseka, uIsaya uwabhala ngokungathi sele ezalisekile. Ngaba ngokwenene uYesu Kristu wadelwa waza waphetshwa ngabantu? Kunjalo kanye! Iinkokeli zonqulo ezazizenza amalungisa nabalandeli bazo zazimgqala njengoyena mntu ucekisekayo. Zazimbiza ngokuba ngumhlobo wabaqokeleli berhafu namahenyukazi. (Luka 7:34, 37-39) Zamtshicela ebusweni. Zambetha ngamanqindi zaza zamnyelisa. Zamenza intlekisa, zimgculela. (Mateyu 26:67) Bephenjelelwa zezi ntshaba zenyaniso, nkqu “abantu bakowabo abamamkelanga” uYesu.—Yohane 1:10, 11.

18. Ekubeni uYesu engazange agule, waba nguye njani “umntu weentlungu noqheleneyo nesifo”?

18 Njengoko uYesu wayefezekile, akazange agule. Sekunjalo, wayengumntu “weentlungu noqheleneyo nesifo.” Ezi yayingezontlungu nesifo ezazikuye emzimbeni. UYesu wasuka ezulwini weza ehlabathini eligulayo. Waphila phakathi kwabantu ababandezelekileyo nabaneentlungu, kodwa akazange abaphephe abo babegula ngokwenyama nangokomoya. Njengogqirha onenyameko, waqhelana kakhulu nokubandezeleka kwabo wayephila phakathi kwabo. Ukongezelela, wayenamandla okwenza oko kwakungenakwenziwa ngugqirha oqhelekileyo.—Luka 5:27-32.

19. Bubuso bukabani ‘obabusithelisiwe,’ yaye iintshaba zikaYesu zabonisa njani ukuba zazimgqala “njengongabalulekanga”?

19 Noko ke, zona iintshaba zikaYesu zazimgqala njengogulayo zaza azavuma ukumamkela. Ubuso bakhe ‘babusithelisiwe,’ kodwa oku akuthethi kuthi wayebufihlile ubuso bakhe. Ekuguquleleni kwayo uIsaya 53:3, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996 isebenzisa ibinzana elithi, waba “njengalowo ufulathelwayo.” Iintshaba zikaYesu zamfumanisa ecekiseka kangangokuba zada zamfulathela ngokungathi wayesenyanyeka kakhulu ukuba angajongeka. Zazimgqala njengomntu onexabiso elilingana nelekhoboka. (Eksodus 21:32; Mateyu 26:14-16) Zazikhetha kwaumbulali uBharabhas kunaye. (Luka 23:18-25) Yintoni enye ezazinokuyenza ukubonisa ukumjongela kwazo phantsi uYesu?

20. Amazwi kaIsaya abathuthuzela njani abantu bakaYehova namhlanje?

20 La mazwi kaIsaya abathuthuzela kakhulu abakhonzi bakaYehova namhlanje. Maxa wambi, abachasi banokubacekisa abanquli abathembekileyo bakaYehova okanye babaphathe ngokungathi ababalulekanga. Ukanti, njengoko kwakunjalo nakwimeko kaYesu, okubalulekileyo yindlela uYehova uThixo asigqala ngayo. Ngapha koko, nangona abantu ‘baphatha uYesu njengongabalulekanga’, ngokuqinisekileyo oko akuyitshintshanga indlela axabiseke kakhulu ngayo emehlweni kaThixo!

“Wahlatywa Ngenxa Yokunxaxha Kwethu”

21, 22. (a) Yintoni uMesiya awayithwalela abanye? (b) Abaninzi bamgqala njani uMesiya, yaye yaba yintoni incopho yokubandezeleka kwakhe?

21 Kutheni uMesiya wayemele abandezeleke aze afe? UIsaya ucacisa esithi: “Eneneni yena wathwala izifo zethu; wathwala kwaneentlungu zethu. Kodwa thina samgqala engokhathazwayo, engobethwa nguThixo noxhwalekileyo. Kodwa wahlatywa ngenxa yokunxaxha kwethu; watyunyuzwa ngenxa yeziphoso zethu. Wabethwa ukuze sibe noxolo, yaye ngamanxeba akhe siye saphiliswa. Sonke siye sabhadula njengezimvu; siye sajika saya ngamnye endleleni yakhe; kwaye uYehova wasibalela kuye isiphoso sethu sonke.”—Isaya 53:4-6.

22 UMesiya wathwala izifo zabanye kwaneentlungu zabo. Ngokungathi kunjalo, wayithabatha wayibeka emagxeni akhe imithwalo yabo, waza wabathwalela yona. Ekubeni izifo neentlungu zingumphumo wesono uluntu olunaso, ngoko uMesiya wathwala izono zabanye. Abaninzi abazange basiqonde isizathu sokubandezeleka kwakhe baza bagqiba ngelithi wayesohlwaywa nguThixo, embetha ngesifo esonyanyekayo. c Ukubandezeleka kukaMesiya kwafikelela incopho yako ngokuthi ahlatywe, atyunyuzwe, abe namanxeba—magama lawo anamandla nabonisa indlela ekhohlakeleyo nebuhlungu aza kufa ngayo. Kodwa ukufa kwakhe kuza kuzisa intlawulelo; kuvulel’ ithuba lokubuyiselwa kwabo banxaxhayo nabantyumpantyumpeka esonweni, kubancede babe seluxolweni noThixo.

23. UYesu wakuthwala ngayiphi indlela ukubandezeleka kwabanye?

23 UYesu wakuthwala njani ukubandezeleka kwabanye? Incwadi yeVangeli kaMateyu, icaphula uIsaya 53:4 ngokuthi: “Kwaziswa kuye abantu abaninzi abaneedemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, waza wabaphilisa bonke ababephatheke kakubi; ukuze kuzaliseke oko kwathethwa ngoIsaya umprofeti, esithi: ‘Yena wazithabathela kuye izigulo zethu, wathwala izifo zethu.’” (Mateyu 8:16, 17) Ngokuphilisa abo babesiza kuye benezifo ezahlukahlukeneyo, eneneni uYesu wayethwala ukubandezeleka kwabo. Yaye kwakuphuma amandla athile kuye ukuze abaphilise. (Luka 8:43-48) Ukukwazi kwakhe ukuphilisa zonke iintlobo zokugula—ngokwenyama nangokomoya—kwangqina ukuba wayenikwe amandla okuhlambulula abantu esonweni.—Mateyu 9:2-8.

24. (a) Kutheni abaninzi babecinga ukuba uYesu ‘wayebethwa’ nguThixo? (b) Kwakutheni ukuze uYesu abandezeleke aze afe?

24 Ukanti, abaninzi babecinga ukuba uYesu ‘wayebethwa’ nguThixo. Ngapha koko, wayebandezelwa ziinkokeli zonqulo ezihloniphekileyo. Noko ke, khumbula ukuba akazange abandezeleke kuba enze nasiphi na isono. UPetros uthi: “[UKristu] wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo. Akazange enze sono, kungazange kufunyanwe nankohliso emlonyeni wakhe. Yena ngokwakhe wazithwala izono zethu ngomzimba wakhe esibondeni, ukuze singabi saba nanto yakwenza nezono size siphile ebulungiseni. Yaye ‘niye naphiliswa ngemivilambo yakhe.’” (1 Petros 2:21, 22, 24) Sasikhe sonke ngaxa lithile sakhotyokiswa sisono, “njengezimvu ezibhadulayo.” (1 Petros 2:25) Noko ke, uYehova usebenzise uYesu ukuvula indlela yokuba sihlawulelwe isono sethu. “Wasibalela” kuYesu isiphoso sethu. UYesu ongenasono wasamkela ngokuvumayo isohlwayo sezono zethu. Ngokufa okulihlazo esibondeni somthi nto leyo eyayingamfanelanga, wasivulela indlela yokuba sixolelaniswe noThixo.

“Wazivumela Waxhwaleka”

25. Sazi njani ukuba uMesiya wayekulungele ukubandezeleka aze afe?

25 Ngaba uMesiya wayekulungele ukubandezeleka aze afe? UIsaya uthi: “Wabandezeleka kakhulu, wazivumela waxhwaleka; ukanti wayengawuvuli umlomo wakhe. Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni; nanjengemazi yegusha eye yasisimumu phambi kwabachebi bayo, naye wayengawuvuli umlomo wakhe.” (Isaya 53:7) Ngobusuku bokugqibela bobomi bakhe, uYesu wayenokubiza ‘imikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini’ ukuza kumnceda. Kodwa, wathi: “Ngoko, beziya kuzaliseka njani iZibhalo ezithi kumele kwenzeke ngale ndlela?” (Mateyu 26:53, 54) Kunoko, “iMvana kaThixo” ayizange ixhathise. (Yohane 1:29) Xa ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu bambhaxeka ngezimangalo zobuxoki phambi kukaPilato, uYesu “akazange aphendule.” (Mateyu 27:11-14) Akazange afune kuthetha nantoni na eyayinokuphazamisana nokuphunyezwa kokuthanda kukaThixo ngaye. UYesu wayekulungele ukufa njengeMvana elidini, esazi kakuhle ukuba ukufa kwakhe kwakuza kulukhulula uluntu oluthobekileyo esonweni, ekuguleni nasekufeni.

26. Abachasi bakaYesu balubonisa njani ‘uthintelo’?

26 Ngoku uIsaya unikela iinkcukacha ezingakumbi ngokubandezeleka nokuhlaziswa kukaMesiya. Lo mprofeti ubhala esithi: “Uthatyathiwe ngenxa yothintelo nomgwebo; yaye ngubani na oya kuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe? Kuba wahlukaniswa nelizwe labaphilileyo. Wafumana umvumbo ngenxa yokunxaxha kwabantu bakowethu.” (Isaya 53:8) Xa ekugqibeleni uYesu wabanjwayo ziintshaba zakhe, aba bachasi bonqulo babonisa ‘uthintelo’ ngendlela abaqhubana ngayo naye. Oku akuthethi kuthi bawuthintela umsindo wabo, kodwa bathintela, okanye bala ukubonakalisa okusesikweni. Ekuguquleleni kwayo uIsaya 53:8, iSeptuagint yesiGrike isebenzisa igama elithi ‘ukuhlazisa’ kunelithi ‘ukuthintela.’ Iintshaba zikaYesu zamhlazisa ngokuthi zimbandeze impatho efanelekileyo eyayifunyanwa nkqu nazizaphuli-mthetho. Ukusingathwa kwetyala awayebekwa lona uYesu kwazisa ugculelo kokusesikweni. Njani?

27. Xa iinkokeli zonqulo zamaYuda zazichophele ityala likaYesu, yiyiphi imithetho ezayityeshelayo, yaye zawaphula ngaziphi iindlela uMthetho kaThixo?

27 Ngenxa yokuzimisela kwazo ukubulala uYesu, iinkokeli zonqulo zamaYuda zaphula imithetho yazo. Ngokomthetho wazo, iSanhedrin imele ilichophele ityala elinesigwebo sokufa kuphela kwiholo eyakhiwe ngamatye ekummandla wetempile, kungekhona endlwini yombingeleli omkhulu. Ityala elinjalo lalimele lixoxwe emini, kungekhona emva kokutshona kwelanga. Yaye ekuchotshelweni kwetyala elinesigwebo sokufa, isigwebo simele siwiswe ngosuku olusemva kokugqitywa kokuxoxwa kwetyala. Ngoko, akakho amatyala ekwakuvumelekile ukuba axoxwe ngengokuhlwa yangaphambi kweSabatha okanye umsitho. Yonke le mithetho yatyeshelwa ekuxoxweni kwetyala likaYesu. (Mateyu 26:57-68) Okubi nangakumbi kukuba, iinkokeli zonqulo zawaphula ngokulihlazo uMthetho kaThixo njengoko zazisingathe elo tyala. Ngokomzekelo, zabhenela ekunyobeni ukuze zibambise uYesu. (Duteronomi 16:19; Luka 22:2-6) Zamkela ubungqina bobuxoki. (Eksodus 20:16; Marko 14:55, 56) Yaye zenza iyelenqe lokukhulula umbulali, ngaloo ndlela zizizisela ityala legazi zona ngokwazo kunye nelizwe lazo. (Numeri 35:31-34; Duteronomi 19:11-13; Luka 23:16-25) Ngoko, ekubeni eli tyala lingazange lichotshelwe ngendlela efanelekileyo, belingenakuba ‘nesigwebo’ esifanelekileyo.

28. Yintoni iintshaba zikaYesu ezingazange zizidube ngokuyenza?

28 Ngaba ezi ntshaba zikaYesu zazikhe zaziduba ngokufuna ukwazi ukuba yayingubani kanye kanye le ndoda zazichophele ityala layo? UIsaya naye ubuza umbuzo ofanayo, esithi: “Ngubani na oya kuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe?” Igama elithi ‘isizukulwana’ lisenokubhekisela kumnombo, okanye imvelaphi. Xa uYesu wayephambi kweSanhedrin, amalungu ayo akazange azidube ngokuhlolisisa imvelaphi yakhe—ukuze abone enoba wazizalisekisa iimfaneleko zikaMesiya ekwakuprofetwe ngaye kusini na. Kunoko, zamtyhola ngokuthi uyanyelisa zaza zamgwebela ukufa. (Marko 14:64) Kamva, irhuluneli yamaRoma uPontiyo Pilato, yanikezela kwingcinezelo yazo yaza yawisa isigwebo sokuba uYesu abethelelwe emthini. (Luka 23:13-25) Ngoko uYesu, eneminyaka engama-33 1/2 kuphela ubudala, wabulawa, okanye “wahlukaniswa” nobomi bakhe.

29. Kwenzeka njani ukuba ingcwaba likaYesu libe “phakathi kwabangendawo” ‘naphakathi kodidi lwezityebi’?

29 Ngokuphathelele ukufa nokungcwatywa kukaMesiya, uIsaya ubhala esithi: “Liya kuba phakathi kwabangendawo ingcwaba lakhe, abe phakathi kodidi lwezityebi ekufeni kwakhe, nakubeni engenzanga lugonyamelo yaye kungekho nkohliso emlonyeni wakhe.” (Isaya 53:9) Kwenzeka njani ukuba uYesu abe phakathi kwabangendawo naphakathi kwezityebi, ekufeni nasekungcwatyweni kwakhe? NgoNisan 14, 33 C.E., wafela kwisibonda sentuthumbo ngaphandle kweendonga zaseYerusalem. Ekubeni wayebethelelwe phakathi kwabenzi bobubi ababini, oko kufana nokungathi ingcwaba lakhe laliphakathi kwabangendawo. (Luka 23:33) Noko ke, emva kokufa kukaYesu, ndoda ithile esisityebi yaseArimathiya, egama linguYosefu, yaqweba isibindi sokucela kuPilato imvume yokungcwaba umzimba kaYesu. Ekunye noNikodemo, uYosefu wawulungisa umzimba waza wawubeka kwingcwaba lakhe elalisandul’ ukumbiwa. (Mateyu 27:57-60; Yohane 19:38-42) Ngaloo ndlela ingcwaba likaYesu lalikwaphakathi kodidi lwezityebi.

“UYehova Wayoliswa Kukumtyumza”

30. UYehova wayoliswa ngayiphi ingqiqo kukutyumza uYesu?

30 Ngoku uIsaya uthetha into ekhwankqisayo, esithi: “UYehova wayoliswa kukumtyumza; wamgulisa. Ukuba uya kuwumisa umphefumlo wakhe ube ngumnikelo wetyala, uya kuyibona inzala yakhe, uya kuyolula imihla yakhe, kwaye esandleni sakhe kuya kuphumelela oko kuluyolo kuYehova. Ngenxa yenkathazo yomphefumlo wakhe uya kubona, uya kwaneliswa. Ngolwazi lwakhe lowo ulilungisa, umkhonzi wam, uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi; neziphoso zabo uya kuzithwala.” (Isaya 53:10, 11) Ingenzeka njani into yokuba uYehova ayoliswe kukubona lo mkhonzi wakhe uthembekileyo etyunyuzwa? Ngokucacileyo, uYehova akazange azise ukubandezeleka kuNyana wakhe othandekayo. Iintshaba zikaYesu zizo ezazibekek’ ityala ngokupheleleyo ngoko zakwenzayo kuye. Kodwa uYehova wazivumela ukuba zimphathe ngenkohlakalo. (Yohane 19:11) Ngasiphi isizathu? Ngokuqinisekileyo ekubeni enovelwano nemfesane, uThixo waba buhlungu kukubona ukubandezeleka koNyana wakhe omsulwa. (Isaya 63:9; Luka 1:77, 78) Ngokuqinisekileyo uYehova wayekholisiwe nguYesu. Enyanisweni kona, uYehova wayeyoliswa kukuvuma koNyana wakhe ukubandezeleka ngenxa yazo zonke iintsikelelo ezaziya kuziswa koko.

31. (a) UYehova uwumisele njani umphefumlo kaYesu ukuba ube “ngumnikelo wetyala”? (b) Emva kwako konke ukubandezeleka uYesu awakufumanayo ngoxa wayengumntu, yintoni emele ukuba imanelisa ngokukhethekileyo?

31 Enye yezo ntsikelelo yeyokuba, uYehova wawumisela umphefumlo kaYesu ukuba ube “ngumnikelo wetyala.” Ngenxa yoko, xa uYesu wanyukela ezulwini, wema phambi kukaYehova ephethe ixabiso lobomi bakhe obulidini njengomnikelo wetyala, yaye uYehova walamkela ukuze kungenelwe uluntu luphela. (Hebhere 9:24; 10:5-14) Ngenxa yomnikelo wakhe wetyala, uYesu wazuza “inzala.” ‘NjengoBawo ongunaPhakade,’ uyakwazi ukubanika ubomi—ubomi obungunaphakade—abo babonisa ukholo kwigazi lakhe eliphaleleyo. (Isaya 9:6) Emva kwako konke ukubandezeleka uYesu awakufumanayo ngoxa wayengumphefumlo ongumntu, hayi indlela ekumele ukuba kumanelisa ngayo ukuba nethemba lokuhlangula uluntu esonweni nasekufeni! Kambe ke, eyona nto emele ukuba imanelisa ngakumbi kukwazi ukuba ukugcina kwakhe ingqibelelo kumenze uBawo wakhe wasezulwini wakwazi ukuziphendula izigculelo zoTshaba Lwakhe, uSathana uMtyholi.—IMizekeliso 27:11.

32. Luluphi ‘ulwazi’ athi ngalo uYesu abazisele “ukuma kobulungisa abantu abaninzi,” yaye ngoobani abazuza ukuma okunjalo?

32 Enye intsikelelo eziswa kukufa kukaYesu yeyokuba ubazisela “ukuma kobulungisa abantu abaninzi,” kwanangoku. UIsaya uthi, oko ukwenza “ngolwazi lwakhe.” Ngokucacileyo, olu lulwazi uYesu awaluzuza ngokuba ngumntu aze abandezeleke ngokungafanelekanga ngenxa yokuthobela kwakhe uThixo. (Hebhere 4:15) Ekubeni wabandezeleka kwada kwasekufeni, uYesu wakwazi ukunikela idini elalifuneka ukunceda abanye bazuze ukuma kobulungisa. Ngoobani abo bazuza ukuma kobulungisa? Okokuqala, ngabalandeli bakhe abathanjisiweyo. Ngenxa yokubonisa kwabo ukholo kwidini likaYesu, uYehova ubavakalisa bengamalungisa ngenjongo yokubamkela njengoonyana aze abenze babe ziindlalifa kunye noYesu. (Roma 5:19; 8:16, 17) Kulandela “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu’ esithi sibonise ukholo kwigazi likaYesu eliye laphalala size ngaloo ndlela sinandiphe ukuma kobulungisa ngokuthi sibe ngabahlobo bakaThixo abaza kusinda ngeArmagedon.—ISityhilelo 7:9; 16:14, 16; Yohane 10:16; Yakobi 2:23, 25.

33, 34. (a) Yintoni esiyifundayo ngoYehova elukhuthazo kuthi? (b) Ngoobani “abaninzi” aza kufumana “isahlulo” phakathi kwabo uMkhonzi onguMesiya?

33 Ekugqibeleni, uIsaya uchaza ukoyisa kukaMesiya, esithi: “Ngenxa yeso sizathu ndiya kumahlulela isahlulo phakathi kwabaninzi, yaye uya kwahlulelana ngexhoba nabo banamandla, ngenxa yokuba wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni, wabalelwa kwabanxaxhayo; kwaye yena wathwala isono sabantu abaninzi, yaye wabathethelela abo banxaxhayo.”—Isaya 53:12.

34 La mazwi aqukumbelayo ale nxalenye yesiprofeto sikaIsaya asifundisa okuthile okukhuthazayo ngokuphathelele uYehova: Ubaxabisile abo bahlala benyanisekile kuye. Oku kuboniswa sisithembiso sokuba uza “kumahlulela” uMkhonzi onguMesiya “isahlulo phakathi kwabaninzi.” Kubonakala ukuba la mazwi athatyathwe kuqheliselo lokwahlula amaxhoba emfazwe. UYehova uyakuxabisa ukunyaniseka kwabathembekileyo “abaninzi” bamaxesha amandulo, kuquka uNowa, uAbraham noYobhi, yaye ubagcinele “isahlulo” kwihlabathi lakhe elitsha elizayo. (Hebhere 11:13-16) Ngokufanayo, uza kumahlulela isahlulo noMkhonzi wakhe onguMesiya. Eneneni, uYehova uza kumvuza ngokugcina kwakhe ingqibelelo. Nathi sinokuqiniseka ukuba uYehova akayi ‘kuwulibala umsebenzi wethu nothando esilubonisayo ngegama lakhe.’—Hebhere 6:10.

35. Bangoobani “abo banamandla” uYesu abelana nabo ngamaxhoba, yaye ayintoni amaxhoba?

35 Kwakhona lo Mkhonzi kaThixo uza kuzuza amaxhoba emfazwe ngokuthi oyise iintshaba zakhe. Uza kwabelana ngala maxhoba kunye “nabo banamandla.” Bangoobani aba “banamandla”? Ngabafundi bokuqala bakaYesu aboyisa ihlabathi njengoko naye wenzayo—abangamalungu ali-144 000 ‘kaSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16; Yohane 16:33; ISityhilelo 3:21; 14:1) Angoobani ke wona amaxhoba? Kubonakala ukuba, aquka “izipho ezingabantu,” athe uYesu wazixhwila kuSathana waza wazinika ibandla lamaKristu. (Efese 4:8-12) “Abo banamandla” bali-144 000 banikwa nesahlulo samanye amaxhoba. Ngokoyisa kwabo ihlabathi, baye bamphanga uSathana nasiphi na isizathu sokugculela uThixo. Ukuzinikela kwabo ngokungagungqiyo kuYehova kuyamphakamisa, kuyivuyise intliziyo yakhe.

36. Ngaba uYesu wayesazi ukuba wayezalisekisa isiprofeto esiphathelele uMkhonzi kaThixo? Cacisa.

36 UYesu wayesazi ukuba wayezalisekisa isiprofeto esiphathele uMkhonzi kaThixo. Ngobusuku bokubanjwa kwakhe, wacaphula amazwi abhalwe kuIsaya 53:12 waza wawabhekisa kuye, esithi: “Ndithi kuni oku kubhaliweyo kumele kufezeke kum, okukoku, ‘Yaye wabalwa nabo bachas’ umthetho.’ Kuba oko kuphathelele mna kuyafezwa.” (Luka 22:36, 37) Okubuhlungu kukuba, ngokwenene uYesu waphathwa njengalowo uchas’ umthetho. Wabulawa njengesaphuli-mthetho, wabethelelwa phakathi kwabaphangi ababini. (Marko 15:27) Kodwa, walamkela ngokuvumayo olo gculelo, esazi ngokupheleleyo ukuba wayesenzela ukuze kulungelwe thina. Eneneni, wema phakathi kwaboni kunye nesohlwayo sokufa, waza wasamkelela kuye eso sohlwayo.

37. (a) Ingxelo engembali yobomi nokufa kukaYesu isinceda ukuba simfanise njengabani? (b) Kutheni sifanele sibe nombulelo kuYehova uThixo nakuMkhonzi wakhe ophakanyisiweyo, uYesu Kristu?

37 Le ngxelo engembali yobomi nokufa kukaYesu isinceda ukuba sikwazi ukumfanisa ngokuchanileyo: UYesu Kristu unguMkhonzi onguMesiya wesiprofeto sikaIsaya. Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba uYehova wayekulungele ukuvumela uNyana wakhe othandekayo ukuba azalisekise isiprofeto esiphathelele uMkhonzi, ngokuthi abandezeleke aze afe ukuze sibe nokukhululwa esonweni nasekufeni! Ngaloo ndlela uYehova wabonisa uthando olukhulu ngathi. AmaRoma 5:8 athi: “UThixo ubonakalisa uthando lwakhe kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.” Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo nakuYesu Kristu, uMkhonzi ophakanyisiweyo, owavumayo ukunikela umphefumlo wakhe ekufeni!

[Imibhalo esemazantsi]

a ITargum kaJonathan ben Uzziel (wenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo), eguqulelwe nguJ. F. Stenning, ithi kuIsaya 52:13: “Khangela, umkhonzi wam, Othanjisiweyo (okanye, onguMesiya), uza kuchuma.” Ngokufanayo, iTalmud yaseBhabhiloni (malunga nenkulungwane yesithathu yeXesha Eliqhelekileyo) ithi: “UMesiya—ngubani igama lakhe? . . . OoRabhi [bathi, nguMguli], ngenxa yokuba kuthiwe, ‘Ngokuqinisekileyo uye wathwala izigulo zethu.’”—Sanhedrin 98b; Isaya 53:4.

b Umprofeti uMika wabhekisela kwiBhetelehem ngokuthi “wena umncinane gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda.” (Mika 5:2) Kodwa ke, loo Bhetelehem encinane yazukiswa ngokukhethekileyo ngokuthi ibe yidolophu ekwazalelwa kuyo uMesiya.

c Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ukubethwa’ likwasetyenziswa naxa kubhekiselwa kwiqhenqa. (2 Kumkani 15:5) Ngokutsho kwabanye abaphengululi, wambi amaYuda aqiqa ngelithi uIsaya 53:4 ubhekisela ekuthini uMesiya wayeza kuba neqhenqa. ITalmud yaseBhabhiloni iyibhekisa kuMesiya le ndinyana, imbiza ngokuthi “ngumphengululi oneqhenqa.” IDouay Version yamaKatolika, eguqulelwe ngokusuka kwiVulgate yesiLatini, iyiguqulele ngokuthi le ndinyana: “Siye samgqala engoneqhenqa.”

[Imibuzo YeSifundo]

[Isicangca esikwiphepha 212]

UMKHONZI KAYEHOVA

Indlela UYesu Awayizalisekisa Ngayo Le Ndiba

ISIPROFETO ISIGANEKO UKUZALISEKA KWASO

Isa. 52:13 Wanyuswa waza IZe 2:34-36; Fil. 2:8-11;

waphakanyiswa 1 Pet. 3:22

Isa. 52:14 Wagxekwa waza Mat. 11:19; 27:39-44, 63, 64;

wahlaziswa Yoh. 8:48; 10:20

Isa. 52:15 Wothusa iintlanga Mat. 24:30;

ezininzi 2 Tes. 1:6-10; ISi. 1:7

Isa. 53:1 Abazange Yoh. 12:37, 38;

bakholwe kuye Rom. 10:11, 16, 17

Isa. 53:2 Isiqalo sakhe njengomntu Luka 2:7; Yoh. 1:46

sasiphantsi yaye

singenabugocigoci

Isa. 53:3 Wadelwa yaye Mat. 26:67; Luka 23:18-25;

wagatywa Yoh. 1:10, 11

Isa. 53:4 Wathwala izifo Mat. 8:16, 17; Luka 8:43-48

izifo zethu

Isa. 53:5 Wahlatywa Yoh. 19:34

Isa. 53:6 Wabandezeleka ngenxa 1 Pet. 2:21-25

yeziphoso zabanye

Isa. 53:7 Wathula engakhalazi Mat. 27:11-14;

phambi Marko 14:60, 61; IZe 8:32, 35

kwabamangaleli bakhe

Isa. 53:8 Wagwetywa Mat. 26:57-68; 27:1, 2, 11-26;

ngokungafanelekanga Yoh. 18:12-14, 19-24, 28-40

Isa. 53:9 Wangcwatywa phakathi Mat. 27:57-60; Yoh. 19:38-42

kwezityebi

Isa. 53:10 Umphefumlo wakhe wamiswa Heb. 9:24; 10:5-14

njengomnikelo wetyala

Isa. 53:11 Wavula indlela yokuba Roma 5:18, 19; 1 Pet. 2:24;

abaninzi bazuze ukuma ISi. 7:14

kobulungisa

Isa. 53:12 Wabalelwa phakathi Mat. 26:55, 56; 27:38;

kwaboni Luka 22:36, 37

[Umfanekiso okwiphepha 203]

‘Wayedeliwe ngabantu’

[Umfanekiso okwiphepha 206]

“Wayengawuvuli umlomo wakhe”

[Inkcazelo]

Detail from “Ecce Homo” by Antonio Ciseri

[Umfanekiso okwiphepha 211]

“Wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni”