Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Uyawuvuselela Umoya Wabathobekileyo

UYehova Uyawuvuselela Umoya Wabathobekileyo

Isahluko Seshumi Elinesibhozo

UYehova Uyawuvuselela Umoya Wabathobekileyo

Isaya 57:1-21

1. Yintoni aqinisekisa ngayo uYehova, yaye amazwi akhe aphakamisa yiphi imibuzo?

 “UTSHO Ophezulu naLowo Uphakamileyo, ohlala ngonaphakade nogama lakhe lingcwele, ukuthi: ‘Ndihlala kwindawo ephakamileyo nakwindawo engcwele, kanjalo nakotyumkileyo nonomoya othobekileyo, ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.’” (Isaya 57:15) Wabhala watsho umprofeti uIsaya ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Yintoni eyayisenzeka kwaYuda eyabangela ukuba esi sigidimi sikhuthaze kangako? La mazwi aphefumlelweyo awanceda njani amaKristu namhlanje? Ukuhlolisisa uIsaya isahluko 57 kuza kusinceda siphendule loo mibuzo.

“Ke Nina, Sondelani Apha”

2. (a) Kubonakala ukuba asebenza nini amazwi kaIsaya isahluko 57? (b) Injani imeko yamalungisa ngomhla kaIsaya?

2 Kubonakala ukuba le nxalenye yesiprofeto sikaIsaya yayisebenza kanye ngomhla kaIsaya. Khawuqwalasele indlela obendele ngayo ngoku ubungendawo: “Ilungisa litshabalele, kodwa akukho bani ukuthabathela ntliziyweni oko. Nabantu bobubele bothando bahlanganiselwa ekufeni, ngoxa kungekho bani uqondayo ukuba ukususwa kwelungisa kungenxa yentlekele. Lingena eluxolweni; bayaphumla kwiimandlalo zabo, ngamnye ohamba ngokuthe tye.” (Isaya 57:1, 2) Ukuba umntu olilungisa uyawa, akukho mntu ukukhathaleleyo oko. Ukuba ufa ngaphambi kwexesha akukho mntu ukuphawulayo oko. Ukulala kwakhe ekufeni kumzisela uxolo, kumkhulule kwingcinezelo ebangelwa ngabo bangahloneli Thixo, kuze kumsindise nakwintlekele. Imilinganiselo yokuziphatha yohlanga olunyuliweyo lukaThixo yehle ngendlela engaginyisi mathe. Kodwa hayi indlela okumele ukuba kubakhuthaza ngayo abo bahlala bethembekile ukwazi ukuba uYehova akaneli nje ngokukubona oko kwenzekayo kodwa uza kubaxhasa!

3. Uthini uYehova kwisizukulwana esingendawo sakwaYuda, yaye ngoba?

3 UYehova uyasimema esi sizukulwana singendawo sakwaYuda, esithi: “Ke nina, sondelani apha, nina bonyana betolakazi, imbewu yomntu okrexezayo neyomfazi ongunongogo.” (Isaya 57:3) Kubafanela kakuhle ukuhlaziswa ngokuthi bangoonyana betolakazi nembewu yomkrexezikazi nekanongogo. Unqulo lobuxoki abaye baphethukela kulo luquka izenzo ezilizothe zonqulo-zithixo nokusebenzelana nemimoya kwanoqheliselo lokuziphatha okubi ngokwesini. Kungenxa yoko le nto uYehova ebabuza aba boni, esithi: “Nichwayitela bani na? Niyivulela bani na ibe banzi imilomo yenu, ning’ong’oza nje? Aningobantwana bokreqo na, imbewu yobuxoki, abo bavutha yinkanuko phakathi kwemithi emikhulu, phantsi kwayo yonke imithi enabileyo, nibulala ngogonyamelo abantwana ezintlanjeni phantsi kweemfanta zengxondorha?”—Isaya 57:4, 5.

4. Yintoni abanetyala layo abo bangendawo bakwaYuda?

4 Abo bangendawo bakwaYuda baluqhelisela ngokuphandle unqulo lwabo olothusayo lobuhedeni, ‘beluchwayitela.’ Bayabagculela abaprofeti bakaThixo abathunyelwe ukuba babalungise, bebahlazisa ngokubang’ong’ozela ngendelelo. Nangona bengabantwana baka-Abraham, imvukelo yabo ibenza babe ngabantwana bokreqo nembewu yobuxoki. (Isaya 1:4; 30:9; Yohane 8:39, 44) Baya emaphandleni phakathi kwemithi emikhulu, baze benze umbhiyozo wonqulo-zithixo. Yaye olunjani lona unqulo lwenkohlakalo! Kaloku, bade babulale kwanabantwana babo, njengeentlanga ezathi ngenxa yokwenza kwazo amasikizi zagxothwa nguYehova kwelo lizwe!—1 Kumkani 14:23; 2 Kumkani 16:3, 4; Isaya 1:29.

Ukuthulula Umnikelo Othululwayo Ematyeni

5, 6. (a) Yintoni abemi bakwaYuda abaye bakhetha ukuyenza kunokunqula uYehova? (b) Lonakele yaye lwande kangakanani unqulo lwezithixo lukaYuda?

5 Khawubone indlela abemi bakwaYuda abangene nzulu ngayo kunqulo-zithixo: “Isahlulo sakho sasisematyeni agudileyo entlambo. Wona ayeliqashiso lakho. Ngaphezu koko, wawathululela umnikelo othululwayo, wanikela kuwo isipho. Ndiya kuzithuthuzela na ngezi zinto?” (Isaya 57:6) AmaYuda angabantu bakaThixo bomnqophiso, kodwa kunokuba anqule yena, athutha amatye ngasemilanjeni aze enze ngawo oothixo. UDavide wathi uYehova wayesisahlulo sakhe, kodwa aba boni bakhethe izidodo zezithixo zamatye njengesahlulo sabo baza bathulula iminikelo ethululwayo kuzo. (INdumiso 16:5; Habhakuki 2:19) Yiyiphi indlela abenokuthuthuzeleka ngayo uYehova ekugqwethweni okunjalo konqulo ngabantu begama lakhe?

6 Kuyo yonk’ indawo—phantsi kwemithi emikhulu, ezintlanjeni, ezindulini, ezixekweni zakhe—uYuda unqula izithixo. Kodwa uYehova uyakubona konke oko, yaye usebenzisa uIsaya ukukubhenca ukonakala kwakhe, esithi: “Entabeni ende nephakamileyo wabeka umandlalo wakho. Wenyukela apho ukuya kunikela umbingelelo. Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi.” (Isaya 57:7-8a) Kwiindawo eziphakamileyo, uYuda ubeka umandlalo wakhe wokungcola kokomoya, aze apho enze iminikelo koothixo basemzini. a Kwanasezindlwini zabo kukho izithixo emva kweengcango nemigubasi.

7. Sisiphi isimo sengqondo asibonisayo uYuda ngokubandakanyeka kwakhe kunqulo lokuziphatha okubi?

7 Abanye basenokuzibuza ngesizathu sokuba uYuda eye wabandakanyeka kangako kunqulo olungcolileyo. Ngaba kukho gunya lithile lomeleleyo kunaye eliye lamnyanzelela ukuba amtyeshele uYehova? Akunjalo. Ukwenze oko ngokuzithandela, kuba efuna. UYehova uthi: “Wathi ungaphandle kwam wazityhila waza wenyuka; wawenza banzi umandlalo wakho. Kwaye wena wazenzela umnqophiso kunye nabo. Wathanda umandlalo kunye nabo. Wabona ilungu lobudoda.” (Isaya 57:8b) UYuda wenze umnqophiso noothixo bakhe bobuxoki, yaye uyazithanda iintlobano zakhe ezingcolileyo kunye nabo. Uzithanda ngokukhethekileyo izenzo zokuziphatha okubi ngokwesini—ekusenokwenzeka ukuba ziquka ukusetyenziswa komfuziselo welungu lobudoda—nto leyo ebalaseleyo kunqulo lwaba thixo!

8. Nguwuphi ukumkani owalubalaselisa ngokukhethekileyo unqulo-zithixo kwaYuda?

8 Oku kuchazwa konqulo lwezithixo njengolunokuziphatha okubi nenkohlakalo egqithiseleyo kuyahambelana noko sikwaziyo ngookumkani abaliqela abangendawo bakwaYuda. Ngokomzekelo, uManase wakha iindawo eziphakamileyo, wakha izibingelelo zikaBhahali, waza wabeka izibingelelo zonqulo lobuxoki kwiintendelezo ezimbini zetempile. Wadlulisa oonyana bakhe emlilweni, waqhelisela umlingo, nokuvumisa, waza wakhuthaza noqheliselo lokusebenzelana nemimoya. Kwakhona uKumkani uManase wabeka etempileni kaYehova umfanekiso oqingqiweyo olizothe wesibonda esingcwele awasenzayo. b Wamlukuhlela uYuda ekwenzeni “okubi ngaphezu kweentlanga ezo uYehova wayezibhubhisile.” (2 Kumkani 21:2-9) Abanye bakholelwa ukuba uManase wambulala uIsaya, nangona igama likaManase lingabonakali kuIsaya 1:1.

‘Waqhubeka Uthumela Abathunywa Bakho’

9. Kutheni uYuda ethumela abathunywa “kude”?

9 Ukunxaxha kukaYuda akupheleli nje ekukhonzeni oothixo bobuxoki. Esebenzisa uIsaya njengesithethi sakhe, uYehova uthi: “Wehla waya kuMeleki uneoli, waza wazenzela izithambiso ezininzi. Kwaye waqhubeka uthumela kude abathunywa bakho, ngokokuze uyithobele eShiyol imicimbi.” (Isaya 57:9) Ubukhosi obungathembekanga bukaYuda behlela “kuMeleki,” gama elo elithetha “ukumkani” ngesiHebhere—ekusenokwenzeka ukuba yayingukumkani wasemzini—wamnika izipho zexabiso eliphezulu nezinomtsalane, ezifanekiselwa yioli nezithambiso eziqholiweyo. UYuda uthumela abathunywa kwiindawo ezikude. Ngayiphi injongo? Ngenjongo yokweyisela iiNtlanga ukuba zizimanye kunye naye kwezobupolitika. Umnikele umva uYehova, waza wakholosa ngookumkani basemzini.

10. (a) UKumkani uAhazi uzimanye njani nokumkani waseAsiriya? (b) UYuda ‘uyithobele njani eShiyol imicimbi’?

10 Omnye umzekelo woku koko kwenzeka ngemihla kaKumkani uAhazi. Ngenxa yokoyika ukuhlaselwa ngumkhosi wamaSirayeli owawumanyene nowamaSiriya, loo kumkani wakwaYuda ungathembekanga wathumela abathunywa kuTigelati-pilesere III waseAsiriya, esithi: “Ndingumkhonzi wakho nonyana wakho. Nyuka uze kundisindisa entendeni kakumkani waseSiriya nasentendeni kakumkani wakwaSirayeli, abandivukelayo.” UAhazi umnyoba ngokumthumelela isilivere negolide ukumkani waseAsiriya, yaye loo kumkani wasabela, wayihlasela waza wayiphanzisa iSiriya. (2 Kumkani 16:7-9) Ngokusebenzisana kwakhe neeNtlanga, uYuda uzibeka esichengeni ‘sokuthotyelwa eShiyol.’ Ngenxa yokusebenzisana kwakhe nazo, uza kufa, okutheth’ ukuthi uza kubhanga angabi saba luhlanga oluzimeleyo nolunokumkani.

11. Sisiphi isimo sengqondo senkohliso sonqabiseko asibonisayo uYuda?

11 UYehova uhlabela mgama esithi kuYuda: “Uye wabulaleka ngobuninzi beendlela zakho. Akuthanga, ‘Akukho themba!’ Ufumene ukuvuseleleka kwamandla akho. Kungenxa yoko le nto ungagulanga.” (Isaya 57:10) Ewe, olu hlanga luye lwasebenza nzima kwiindlela zalo zowexuko, yaye alukuboni ukuba lilize kokubulaleka kwalo. Kunoko, luzikhohlisa ngokukholelwa ukuba luphumelela ngamandla alo. Luziva luvuselelekile yaye lusempilweni. Obunjani bona ubudenge!

12. Yiyiphi imeko ekuyo iNgqobhoko efanayo naleyo wayekuyo uYuda?

12 Namhlanje kukho intlangano enehambo efanayo naleyo kaYuda womhla kaIsaya. INgqobhoko isebenzisa igama likaYesu, kodwa izimanya neentlanga yaye izalise iindawo zayo zonqulo ngezithixo. Amarhamente ayo ade abeke imifanekiso yonqulo-zithixo emakhayeni awo. INgqobhoko iye yabingelela ngabantu bayo abaselula kwiimfazwe zeentlanga. Hayi indlela okumele ukuba kumcaphukisa ngayo uThixo oyinyaniso konke oku, oyalela amaKristu ngokuthi: “Sabani kulo unqulo-zithixo”! (1 Korinte 10:14) Ngokuzibandakanya kwayo kwezobupolitika, iNgqobhoko iye ‘yahenyuza nookumkani bomhlaba.’ (ISityhilelo 17:1, 2) Enyanisweni, ingoyena mxhasi uphambili weZizwe Ezimanyeneyo. Liyintoni ikamva leli henyukazi lonqulo? Kaloku, uthini uYehova kulowo uyifanekiselayo, onguYuda ongathembekanga, ingakumbi njengoko emelwa sisixeko esilikomkhulu lakhe, iYerusalem?

‘Ingqokelela Yakho Ayiyi Kukuhlangula’

13. “Uxoka” njani uYuda, yaye usabela njani ekuboniseni kukaYehova umonde?

13 UYehova ubuza athi: “Wothuke ngabani na waza waqalisa ukoyika, ngokokuze uxoke nje?” Onjani wona ukufaneleka umbuzo! Ngokuqinisekileyo uYuda akabonisi kumoyika uYehova. Kungenjalo, ngengakhange abe luhlanga lwamaxoki, aze anqule noothixo bobuxoki. UYehova uhlabela mgama esithi: “Asindim omkhumbuleyo. Akukho nto uyithabathele entliziyweni. Andizange ndihlale ndithe cwaka na, ndikufihlile oku? Ngoko ubungoyiki nam lo.” (Isaya 57:11) UYehova uye wahlala ethe cwaka, akamohlwaya ngoko nangoko uYuda. Ngaba uYuda uyakuxabisa oku? Akunjalo, kunoko ukugqala ukumnyamezela kukaThixo njengokungamkhathaleli. Akamoyiki konke konke.

14, 15. Uthini uYehova ngemisebenzi kaYuda ‘nangengqokelela yakhe yezinto’?

14 Noko ke, ixesha lokuzeka kade umsindo kukaThixo liza kuphela. Ebhekisela kwelo xesha, uYehova uthi: “Mna ndiya kubuxela ubulungisa bakho nemisebenzi yakho, ukuba ayiyi kuba yingenelo kuwe. Ekukhaleni kwakho ufuna uncedo ingqokelela yakho yezinto ayiyi kukuhlangula, kodwa ziya kumka nomoya. Umphunga uya kuzisusa.” (Isaya 57:12, 13a) UYehova uza kububhenca ubulungisa bukaYuda benkwalambisa. Izenzo zakhe zohanahaniso aziyi kunceda nganto. ‘Ingqokelela yakhe yezinto,’ ukufumba kwakhe izithixo, akuyi kumhlangula. Ekufikeni kwentlekele, oothixo akholose ngabo baza kuphetshethwa ngumoya nje ongephi.

15 La mazwi kaYehova aye azaliseka ngowama-607 B.C.E. Oko kwenzeka xa uKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare watshabalalisa iYerusalem, wayitshisa itempile, waza wayithimba inkoliso yabantu. “Ngaloo ndlela uYuda wemka kumhlaba wakhe waya ekuthinjweni.”—2 Kumkani 25:1-21.

16. Yintoni eza kwenzeka kwiNgqobhoko nakwinxalenye eseleyo ‘yeBhabhiloni Enkulu’?

16 Ngokufanayo, ukufumba kweNgqobhoko izithixo akuyi kuyihlangula ngemini yomsindo kaYehova. (Isaya 2:19-22; 2 Tesalonika 1:6-10) INgqobhoko kunye nenxalenye eseleyo ‘yeBhabhiloni Enkulu’—ebubukhosi bonqulo lobuxoki—ziza kubhangiswa. Irhamncwa elimbala ungqombela lokomfuziselo neempondo zalo ezilishumi ‘ziza kuyiphanzisa iBhabhiloni Enkulu, ziyihlube, zizidle iinxalenye zenyama yayo zize ziyitshise ngokupheleleyo ngomlilo.’ (ISityhilelo 17:3, 16, 17) Hayi indlela esivuya ngayo kuba siye sawuthobela umyalelo othi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningabelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo”! (ISityhilelo 18:4, 5) Masingaze sibuyele kuyo okanye kwiindlela zayo.

“Lowo Uzimela Ngam Uya Kulidla Ilifa Ilizwe”

17. Sisiphi isithembiso esenziwayo ‘kulowo uzimela ngoYehova,’ yaye sizaliseka nini?

17 Noko ke, kuthekani ngamazwi alandelayo esiprofeto sikaIsaya? “Lowo uzimela ngam uya kulidla ilifa ilizwe aze ayidle ilifa nentaba yam engcwele.” (Isaya 57:13b) Ngubani lo abhekisa kuye ngoku uYehova? Ubhekisela kwixesha lasemva kwentlekele, lokukhululwa kwabantu bakhe eBhabhiloni nelokubuyiselwa konqulo olunyulu entabeni yakhe engcwele, eYerusalem. (Isaya 66:20; Daniyeli 9:16) Hayi indlela okumele ukuba oku kuwakhuthaze ngayo amaYuda aye ahlala ethembekile! Ngokubhekele phaya, uYehova uthi: “Ngokuqinisekileyo ubani uya kuthi, ‘Fumbani, fumbani! Hlahlani indlela. Shenxisani nasiphi na isikhubekiso endleleni yabantu bam.’” (Isaya 57:14) Ekufikeni kwexesha lokuba uThixo ahlangule abantu bakhe, indlela iya kube ilungile, ishenxisiwe yonke imiqobo.—2 Kronike 36:22, 23.

18. Kuchazwa njani ukuphakama kukaYehova, kodwa yiyiphi inkxalabo yothando ayibonisayo?

18 Kukweli nqanaba apho umprofeti uIsaya athetha khona amazwi acatshulwe ekuqaleni, athi: “Utsho Ophezulu naLowo Uphakamileyo, ohlala ngonaphakade nogama lakhe lingcwele, ukuthi: ‘Ndihlala kwindawo ephakamileyo nakwindawo engcwele, kanjalo nakotyumkileyo nonomoya othobekileyo, ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.’” (Isaya 57:15) Itrone kaYehova ikwawona mazulu aphakamileyo. Asikho isigxina esiphakame ngaphezu kwayo. Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba kuyo ubona yonke into—kungekuphela nje izono zabangendawo kodwa kwanezenzo zobulungisa zabo bazama ukumkhonza! (INdumiso 102:19; 103:6) Ukongezelela, uyakuva ukuncwina kwabo bacinezelwayo aze azivuselele iintliziyo zabo baxhwalekileyo. La mazwi amele ukuba aye azichukumisa iintliziyo zamaYuda aguqukileyo kumaxesha amandulo. Ngokuqinisekileyo ayazichukumisa nezethu iintliziyo namhlanje.

19. Kuphela nini ukucaphuka kukaYehova?

19 Okunye okukhuthazayo, ngamazwi alandelayo kaYehova, athi: “Andiyi kusukuzana ukusa kwixesha elingenammiselo, ndingayi kucaphuka ngokungapheliyo; kuba ngenxa yam umoya ungaba buthathaka, kwanezidalwa eziphefumlayo ezo ndizenzileyo.” (Isaya 57:16) Akukho nasinye sezidalwa zikaThixo ebesiya kusinda ukuba ingqumbo kaYehova ibingapheli. Noko ke, okuvuyisayo kukuba, ukucaphuka kukaThixo kokwexesha elilinganiselweyo kuphela. Kwakuba kuyifezile injongo yako, kuyaphela. Le nkcazelo ephefumlelweyo isinceda ukuba siluxabise ngokunzulu uthando lukaYehova ngendalo yakhe.

20. (a) UYehova uqhubana njani nomenzi-bubi ongaguqukiyo? (b) UYehova umthuthuzela njani lowo uguqukayo?

20 Sifumana ukuqonda okungakumbi njengoko uYehova eqhubeka. Okokuqala uthi: “Ngenxa yesiphoso senzuzo yakhe yokungekho sikweni ndacaphuka, ndaza ndambetha, ndibufihla ubuso bam, ngoxa ndandicaphukile. Kodwa waqhubeka ehamba njengomkreqi ngendlela yentliziyo yakhe.” (Isaya 57:17) Iziphoso ezenziwa ngenxa yokubawa ngokuqinisekileyo ziyamqumbisa uThixo. Logama nje ubani eqhubeka enentliziyo eqaqadekileyo, uYehova uhlala ecaphukile. Kodwa kuthekani ukuba umkreqi lowo uyalwamkela uqeqesho? UYehova ubonisa indlela athi aqhubane naye ngayo ngothando nangemfesane, esithi: “Ndizibonile iindlela zakhe; kwaye ndaqalisa ukumphilisa nokumkhokela nokumbuyekeza ngokumthuthuzela yena nabo bazilileyo bakhe.” (Isaya 57:18) Emva kokuba emqeqeshile, uYehova uyamphilisa lowo uguqukayo aze amthuthuzele yena kunye nabo bamenzela isijwili. Kungenxa yoko le nto ngowama-537 B.C.E., amaYuda akwaziyo ukubuyela ekhaya. Liyinyaniso elokuba, uYuda akazange aphinde abe bubukhosi obuzimeleyo obuphantsi kokumkani okumnombo kaDavide. Kodwa ke, yona itempile yaseYerusalem yaphinda yakhiwa, lwaza nonqulo lokwenyaniso lwabuyiselwa.

21. (a) UYehova wawuvuselela njani umoya wamaKristu athanjisiweyo ngowe-1919? (b) Luluphi uphawu afanele ngamnye wethu aluhlakulele?

21 “Ophezulu naLowo Uphakamileyo,” uYehova, wayeyixhalabele nentlalo-ntle yentsalela ethanjisiweyo ngowe-1919. Ngenxa yokuguquka nokuthobeka kwayo, uThixo omkhulu, uYehova, ngenxa yobubele bakhe wakuphawula ukuxhwaleka kwayo waza wayihlangula ekuthinjweni kwaseBhabhiloni. Washenxisa zonke izikhubekiso waza wayikhokelela enkululekweni ukuze inikele inkonzo engcwele kuye. Ngaloo ndlela oko kwazalisekisa amazwi kaYehova awathethwa nguIsaya. Yaye loo mazwi anemigaqo ehlala ihleli nesebenzayo kuye ngamnye wethu. UYehova wamkela kuphela unqulo lwabo bathobekileyo. Yaye ukuba omnye wabakhonzi bakaThixo uyona, ufanele asivume ngokukhawuleza isono sakhe, amkele isohlwayo, aze alungise iindlela zakhe. Masingaze silibale ukuba uYehova uyabaphilisa aze abathuthuzele abo bathobekileyo kodwa “ubachasile abanekratshi.”—Yakobi 4:6.

‘Uxolo Kwabo Bakude Nakwabo Bakufuphi’

22. Liliphi ikamva alixela kwangaphambili uYehova (a) kwabo baguqukayo? (b) kwabo bangendawo?

22 Echaza umahluko okhoyo phakathi kwekamva labo baguqukayo nelabo bazingisayo kwiindlela zabo ezingendawo, uYehova uthi: “Ndidala isiqhamo semilebe. Kuya kubakho uxolo oluqhubekayo kulowo ukude nakulowo ukufuphi, yaye ndiza kumphilisa. . . . Kodwa abangendawo banjengolwandle olulatyuzayo, xa lungakwazi ukuzola, namanzi alo emana evumbulula ukhula lwaselwandle nodaka. Alukho uxolo kwabangendawo.”—Isaya 57:19-21.

23. Siyintoni isiqhamo semilebe, yaye uYehova ‘usidala’ ngayiphi indlela esi siqhamo?

23 Isiqhamo semilebe siyimibingelelo yendumiso enikelwa kuThixo—ukuvakaliswa ekuhleni kwegama lakhe. (Hebhere 13:15) UYehova ‘uludala’ njani olo vakaliso lwasekuhleni? Ukuze ubani akwazi ukunikela umbingelelo wendumiso, ufanele kuqala afunde ngoThixo aze akholwe kuye. Ukholo—olusisiqhamo somoya kaThixo—lumshukumisela loo mntu ekubeni axelele abanye ngoko akuvileyo. Ngamany’ amazwi, wenza uvakaliso lwasekuhleni. (Roma 10:13-15; Galati 5:22) Kwakhona, simele sikhumbule ukuba nguYehova ngokwakhe oyalela abakhonzi bakhe ukuba bamdumise. Yaye nguYehova ngokwakhe obakhululayo abantu bakhe, ngaloo ndlela ebenza bakwazi ukunikela loo mibingelelo yendumiso. (1 Petros 2:9) Ngoko ke, kunokutshiwo ngokufanelekileyo ukuba nguYehova odale esi siqhamo semilebe.

24. (a) Ngoobani abaye balwazi uxolo lukaThixo, yaye oko kube nawuphi umphumo? (b) Ngoobani abangalwazanga uxolo, yaye oko kube nawuphi umphumo kubo?

24 Esinjani sona ukuchulumancisa isiqhamo semilebe amele ukuba amaYuda aye asinikela njengoko ebuyela elizweni lawo evuma iindumiso kuYehova! Kumele ukuba kwawavuyisa ukwazi uxolo lukaThixo, enoba ‘ayekude’—nelizwe lakwaYuda, ngaphambi kokubuya kwawo—okanye ‘ayekufuphi’ nalo, emva kokuba ebuyele elizweni lawo. Kanti bona abangendawo, hayi indlela eyayahluke ngayo eyabo imeko! Ngenxa yokulugatya kwabo uqeqesho lukaYehova, bona abangendawo enoba bangoobani na okanye bakuyiphi indawo abanalo kwaphela uxolo. Ngokufanayo nolwandle olulatyuzayo, baqhubeka bevelisa, kungekhona isiqhamo semilebe, kodwa yonke into engcolileyo efana ‘nokhula lwaselwandle nodaka.’

25. Abaninzi abakude nabakufuphi balwazi njani uxolo?

25 Nanamhlanje, abanquli bakaYehova kuyo yonk’ indawo bavakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. AmaKristu akude nakufuphi kumazwe angaphezu kwama-230 anikela isiqhamo semilebe, edumisa okuphela koThixo oyinyaniso. Iindumiso zawo ziviwa ‘naseziphelweni zomhlaba.’ (Isaya 42:10-12) Abo bawevayo amazwi awo baze basabele kuwo bayayamkela inyaniso eseLizwini likaThixo, iBhayibhile. Abanjalo baye balwazi uxolo, olubangelwa kukukhonza “uThixo onika uxolo.”—Roma 16:20.

26. (a) Yintoni eza kwenzeka kwabangendawo? (b) Liliphi ithemba elizukileyo elinikwa abalulamileyo, yaye yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?

26 Enyanisweni, abangendawo abasithobeli isigidimi soBukumkani. Noko ke, kungekudala abayi kuvunyelwa ukuba baphazamise uxolo lwamalungisa. UYehova uthembisa ngokuthi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo.” Abo bazimela ngoYehova baza kulidla ilifa ilizwe ngendlela emangalisayo. “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:10, 11, 29) Hayi indlela oya kuba yindawo ethandekayo ngayo ngoko umhlaba wethu! Kwanga sonke singazimisela ukungaze siphulukane noxolo lukaThixo, ukuze simdumise uThixo ngonaphakade.

[Imibhalo esemazantsi]

a Kusenokwenzeka ukuba igama elithi “umandlalo” libhekisela kwisibingelelo okanye kwindawo yonqulo lobuhedeni. Ukubizwa kwayo ngokuthi ngumandlalo kusisikhumbuzo sokuba unqulo olunjalo lukukuhenyuza ngokomoya.

b Izibonda ezingcwele zisenokuba zazifanekisela amabhinqa, yaye iintsika ezingcwele zisenokuba zaziyimiqondiso yelungu lobudoda. Zombini zazisetyenziswa ngabemi bakwaYuda abangathembekanga.—2 Kumkani 18:4; 23:14.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 263]

UYuda uqhelisela unqulo lokuziphatha okubi phantsi kwayo yonke imithi enabileyo

[Umfanekiso okwiphepha 267]

UYuda wakhe izibingelelo kulo lonke ilizwe

[Umfanekiso okwiphepha 275]

“Ndidala isiqhamo semilebe”