Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukhanyiselo Lweentlanga

Ukhanyiselo Lweentlanga

Isahluko Samashumi Amabini Anesibhozo

Ukhanyiselo Lweentlanga

Isaya 66:15-24

1, 2. Kutheni kubalulekile nje ukukhanya, yaye luhlobo olunjani lobumnyama obugubungele ihlabathi namhlanje?

 UYEHOVA unguMthombo wokukhanya, “uMniki welanga lokukhanya kwemini, imimiselo yenyanga neenkwenkwezi zokukhanya kobusuku.” (Yeremiya 31:35) Ngenxa yesi sizathu sodwa nje, ufanele agqalwe njengoMthombo wobomi, ekubeni ukukhanya kuthetha ubomi. Ukuba umhlaba ubungafudunyezwa kukukhanya kwelanga, ngebungekho ubomi. Bekungayi kubakho nanye into ephilayo kwesi sijikelezi-langa sethu.

2 Ngenxa yoko, isixhalabisa ngokwenene into yokuba uYehova axele kwangaphambili ukuba umhla wethu uya kuba lixesha lobumnyama, kungekhona elokukhanya. UIsaya waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Khangela! ubumnyama buya kuwugubungela umhlaba, nesithokothoko amaqela eentlanga.” (Isaya 60:2) Kambe ke, la mazwi ayebhekisela kubumnyama bokomoya, kungekhona obokoqobo, kodwa asimelanga sibuthathe lula ubunzulu bawo. Abo bangenako ukukhanya kokomoya baya kuphulukana nobomi babo, kanye njengoko kusiba njalo naxa kungekho ukukhanya kwelanga.

3. Kule mihla yobumnyama, sinokukufumana phi ukukhanya?

3 Ebudeni bala maxesha obumnyama, asinako nje kwaphela ukukugatya ukukhanya kokomoya asinika kona uYehova. Kubalulekile ukuba sikhangele eLizwini likaThixo ukuba likhanyise endleleni yethu, sifunde iBhayibhile imihla ngemihla ukuba kunokwenzeka. (INdumiso 119:105) Iintlanganiso zamaKristu zivula amathuba okukhuthazana ukuze sihlale ‘sisemendweni wamalungisa.’ (IMizekeliso 4:18; Hebhere 10:23-25) Ukomelezwa lufundisiso lweBhayibhile oluthe rhoqo nalunxulumano olwakhayo lwamaKristu kuyasinceda siphephe ukugutyungelwa bubumnyama bale “mihla yokugqibela,” eya kufikelela incopho yayo ‘ngemini enkulu yomsindo kaYehova.’ (2 Timoti 3:1; Zefaniya 2:3) Loo mini iza ngokukhawuleza! Ngokuqinisekileyo iza kufika kanye njengokuba yabafikelayo imini efana nayo abemi beYerusalem yamandulo.

UYehova ‘Wenza Imbambano’

4, 5. (a) UYehova uyihlasela njani iYerusalem? (b) Kutheni sisenokugqiba sithi liqaqobana nje kuphela elasindayo ekutshatyalalisweni kweYerusalem ngowama-607 B.C.E.? (Bona umbhalo osemazantsi.)

4 Kwiindinyana zokugqibela zesi siprofeto sichulumancisayo sikaIsaya, uYehova uchaza ngokuphandle iziganeko eziya kukhokelela kwimini yomsindo wakhe. Sifunda oku: “UYehova uza kanye njengomlilo, neenqwelo zakhe zinjengesaqhwithi somoya, ukuze abuyisele umsindo wakhe ngobushushu obupheleleyo nokhalimelo lwakhe ngamadangatye omlilo. Kuba njengomlilo uYehova enyanisweni uya kwenza imbambano, ewe, ngekrele lakhe, nxamnye nenyama yonke; yaye ngokuqinisekileyo ababuleweyo nguYehova baya kuba baninzi.”—Isaya 66:15, 16.

5 Loo mazwi afanele abancede abantu bomhla kaIsaya ukuba baqonde ubunzulu bemeko yabo. Liyeza ixesha lokuba amaBhabhiloni, abatshabalalisi abasetyenziswa nguYehova, ayihlasele iYerusalem, imikhosi yawo yamahashe iqhumis’ uthuli njengesaqhwithi somoya. Hayi indlela oya koyikeka ngayo loo mbono! UYehova uza kubasebenzisa aba bahlaseli ukuphumeza imigwebo yakhe enjengomlilo nxamnye nayo yonke ‘inyama’ yamaYuda angathembekanga. Kuza kuba ngathi nguYehova ngokwakhe olwa nabantu bakhe. Akayi kububuyisa ‘ubushushu bakhe obupheleleyo.’ Aya kuba maninzi amaYuda “abuleweyo nguYehova.” Esi siprofeto sizaliseke ngowama-607 B.C.E. a

6. Luluphi uqheliselo olungamkelekanga kwaphela olwenzekayo kwaYuda?

6 Ngaba uYehova uyathetheleleka ‘ngokwenza kwakhe imbambano’ nabantu bakhe? Ngokuqinisekileyo! Kukaninzi kule ncwadi kaIsaya, sibona amaYuda, azinikele kuYehova, ebandakanyeka ngokunzulu kunqulo lobuxoki—yaye izenzo zawo azimsithelanga uYehova. Siphinda sikubone oku nakumazwi alandelayo esi siprofeto, athi: “‘Abo bazingcwalisayo baze bazihlambululele imiyezo emva kwalowo usesazulwini, besidla inyama yehagu nento elizothe, kwanempuku etsibayo, xa bebonke baya kufikelela esiphelweni sabo,’ utsho uYehova.” (Isaya 66:17) Ngaba loo maYuda ‘azingcwalisa aze azihlambulule’ ngenjongo yokuzilungiselela unqulo olunyulu? Ngokucacileyo akunjalo. Kunoko, abandakanyeke kwizithethe zabahedeni zokuzihlambulula kwimiyezo ekhethekileyo. Emva koko, atya ngokubawa inyama yehagu neyezinye izidalwa ezingahlambulukanga ngokoMthetho kaMoses.—Levitikus 11:7, 21-23.

7. INgqobhoko ifana njani noYuda onqula izithixo?

7 Enjani yona ukuba lihlazo imeko yolu hlanga olwenze umnqophiso kunye nokuphela koThixo oyinyaniso! Kodwa qwalasela oku: Iinkonzo zeNgqobhoko nazo zikwimeko efanayo yehlazo namhlanje. Ngokufanayo nazo zizibanga zikhonza uThixo, yaye inkoliso yeenkokeli zazo zizenza amalungisa. Kodwa zibandakanyeke ngokunzulu kwiimfundiso nezithethe zobuhedeni, ngaloo ndlela zizingqina zisebumnyameni bokomoya. Hayi indlela obukhulu ngayo obo bumnyama!—Mateyu 6:23; Yohane 3:19, 20.

‘Baya Kububona Ubuqaqawuli Bam’

8. (a) Yintoni eza kwehlela uYuda neNgqobhoko? (b) Iintlanga ziza ‘kububona ngayiphi ingqiqo ubuqaqawuli bukaYehova’?

8 Ngaba uYehova uyazibona izenzo ezingaxolelekiyo neemfundiso zobuxoki zeNgqobhoko? Funda amazwi alandelayo kaYehova abhalwe nguIsaya, uze ubone ukuba ugqiba kwelithini: “Ngokubhekisele kwimisebenzi yabo neengcamango zabo, ndiyeza ukuze ndiqokelele ndawonye zonke iintlanga neelwimi; yaye kufuneka zize ukuze zibubone ubuqaqawuli bam.” (Isaya 66:18) UYehova uyayibona yaye uza kuyigweba imisebenzi neengcamango zabo bazibanga bengabakhonzi bakhe. UYuda uzibanga ekholelwa kuYehova, kodwa unqulo-zithixo noqheliselo lwakhe lobuhedeni luyakuphikisa oko. Kulilize ‘ukuzihlambulula’ kwakhe ngezithethe zobuhedeni. Olo hlanga luya kunqunyulwa, yaye xa oko kusenzeka, kuza kubonwa ngokupheleleyo ngabamelwane balo abanqula izithixo. Baya ‘kububona ubuqaqawuli bukaYehova’ ngengqiqo yokuba baya kuzibona ezi ziganeko baze banyanzeleke bavume ukuba ilizwi likaYehova libe yinyaniso. Oku kuzaliseka njani kwiNgqobhoko? Xa ifikelela esiphelweni sayo, abahlobo bayo namaqabane ayo amaninzi ezoshishino aza kunyanzeleka ukuba abukele njengoko ilizwi likaYehova lizaliseka.—Yeremiya 25:31-33; ISityhilelo 17:15-18; 18:9-19.

9. Ziziphi iindaba ezilungileyo azivakalisayo uYehova?

9 Ngaba ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. kuthetha ukuba uYehova akasayi kuze abe nawo amangqina emhlabeni? Akunjalo. Abagcini bengqibelelo abakhethekileyo, abanjengoDaniyeli namaqabane akhe amathathu, baza kuqhubeka bemkhonza uYehova nangona bengabathinjwa eBhabhiloni. (Daniyeli 1:6, 7) Ewe, aya kuhlala ekho amangqina athembekileyo kaYehova, yaye ekupheleni kweminyaka engama-70, loo madoda namabhinqa athembekileyo aza kuyishiya iBhabhiloni aze abuyele kwaYuda ukuya kuhlaziya unqulo olunyulu. Lelo xesha abhekisela kulo ngoku uYehova, esithi: “Ndiza kumisa umqondiso phakathi kwazo, ndithumele abathile kwabo babalekileyo ezintlangeni, eTarshishe, ePuli, naseLudi, abo barhola isaphetha, kwaTubhali nakwaYavan, iziqithi ezikude, ezingevanga ngxelo ngam okanye zibone ubuqaqawuli bam; yaye ngokuqinisekileyo ziya kubuxela ubuqaqawuli bam phakathi kweentlanga.”—Isaya 66:19.

10. (a) AmaYuda athembekileyo akhululekileyo eBhabhiloni angumqondiso ngayiphi ingqiqo? (b) Ngoobani namhlanje abangumqondiso?

10 Ihlokondiba lamadoda namabhinqa athembekileyo abuyela eYerusalem ngowama-537 B.C.E. aza kuba ngumqondiso omangalisayo, ubungqina bokuba uYehova ubahlangule abantu bakhe. Ngubani obenokuyicinga into yokuba la maYuda asekuthinjweni ebenokuze akhululeke ngenye imini aze aphinde aqhubeke nonqulo olunyulu etempileni kaYehova? Ngokufanayo, ngenkulungwane yokuqala amaKristu athanjisiweyo aye aba “njengemiqondiso nemimangaliso” ababethontelana kuyo abalulamileyo befuna ukukhonza uYehova. (Isaya 8:18; Hebhere 2:13) Namhlanje amaKristu athanjisiweyo, achumayo elizweni lawo elihlaziyiweyo, angumqondiso omangalisayo emhlabeni. (Isaya 66:8) Abubungqina bamandla omoya kaYehova, okutsala abalulamileyo abantliziyo zibashukumisela ukuba bakhonze uYehova.

11. (a) Emva kohlaziyo, iintlanga ziza kufunda njani ngoYehova? (b) Wazaliseka njani okokuqala uZekariya 8:23?

11 Noko ke, emva kohlaziyo lowama-537 B.C.E., abantu beentlanga abangevanga ngoYehova, baza kumazi njani? Kaloku, asingawo onke amaYuda athembekileyo aza kubuyela eYerusalem ekupheleni kokuthinjwa kwaseBhabhiloni. Wambi, njengoDaniyeli, aza kusala eBhabhiloni. Amanye aza kusasazeka emhlabeni wonke. Ngenkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, kwakukho amaYuda awayehlala kubo bonke uBukhosi basePersi. (Estere 1:1; 3:8) Ngokungathandabuzekiyo amanye awo abaxelela abamelwane bawo babahedeni ngoYehova, kuba abaninzi kwezo ntlanga baguqukela ebuYudeni. Kubonakala ukuba omnye wabanjalo yayilithenwa elingumTiyopiya, awashumayela kulo umfundi ongumKristu uFilipu ngenkulungwane yokuqala. (IZenzo 8:26-40) Konke oku kwaba yinzaliseko yokuqala yamazwi omprofeti uZekariya, athi: “Ngezo mini ke amadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga aya kubamba, ewe, okunene aya kubamba isondo lendoda engumYuda, esithi: ‘Siza kuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’” (Zekariya 8:23) Ngokwenene, uYehova wathumela ukukhanya kuzo iintlanga!—INdumiso 43:3.

Ukuzisa ‘Isipho KuYehova’

12, 13. “Abazalwana” baza kuziswa ngayiphi indlela eYerusalem okokuqala ngowama-537 B.C.E.?

12 Yakuba iphinde yakhiwa iYerusalem, amaYuda asasazeke kwimimandla engaphandle kwelizwe lawo aya kusigqala eso sixeko kunye nababingeleli baso njengesazulu sonqulo olunyulu. Amaninzi kuwo aya kuhamba imigama emide ukuze afumane imithendeleko yaminyaka le apho. UIsaya waphefumlelwa ukuba abhale athi: “‘Okunene ziya kubazisa bonke [abazalwana benu] bephuma kuzo zonke iintlanga njengesipho kuYehova, ngamahashe nangeenqwelo nangeenqwelo ezinezigqubuthelo nangeemeyile nangeemazi zeenkamela ezinamendu, entabeni yam engcwele, eYerusalem,’ utsho uYehova, ‘kanye njengaxa oonyana bakaSirayeli besizisa isipho ngesitya esihlambulukileyo endlwini kaYehova. Nakubo ndiya kuthabatha abathile babe ngababingeleli, abaLevi.’”—Isaya 66:20, 21.

13 Abanye babo ‘bazalwana baphuma kuzo zonke iintlanga’ babekho ngomhla wePentekoste xa kwathululwa umoya oyingcwele kubafundi bakaYesu. Ingxelo ifundeka ngokuthi: “Kwakuhlala apho eYerusalem amaYuda, abantu aboyik’ uThixo, bevela kuzo zonke iintlanga zabo baphantsi kwezulu.” (IZenzo 2:5) Babesiya kunqula eYerusalem ngokwesiko lamaYuda, kodwa bathi bakuva iindaba ezilungileyo eziphathelele uYesu Kristu, abaninzi kubo babonisa ukholo kuye baza babhaptizwa.

14, 15. (a) AmaKristu athanjisiweyo abahlanganise njani “abazalwana” bawo abangakumbi bokomoya emva kweMfazwe Yehlabathi I, yaye baye baziswa njani kuYehova ‘njengesipho ngesitya esihlambulukileyo’? (b) UYehova ‘ubathabathe ngayiphi indlela abathile ukuze babe ngababingeleli’? (c) Ngawaphi amanye amaKristu athanjisiweyo awayebandakanyekile ekuhlanganisweni kwabazalwana bawo bokomoya? (Bona ibhokisi ekweli phepha.)

14 Ngaba esi siprofeto siyazaliseka nanamhlanje? Kunjalo kanye. Emva kweMfazwe Yehlabathi I, abakhonzi abathanjisiweyo bakaYehova baqonda ngokuhlolisisa iZibhalo ukuba uBukumkani bukaThixo babumiselwe ezulwini ngowe-1914. Ngokufundisisa ngenyameko eBhayibhileni, bafunda ukuba kwakumele kuhlanganiswe iindlalifa zoBukumkani, okanye “abazalwana” abangakumbi. Aba balungiseleli bakhaliphileyo bakhenketha “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba,” besebenzisa zonke iindlela zezothutho, bekhangela amalungu angakumbi entsalela ethanjisiweyo, yaye inkoliso yawo yaphuma kwiicawa zeNgqobhoko. Ekufunyanweni kwawo, aziswa njengesipho kuYehova.—IZenzo 1:8.

15 Abo bathanjisiweyo bahlanganiswayo ngaloo minyaka abazange balindele ukuba uYehova abamkele njengoko babenjalo ngaphambi kokufunda inyaniso eseBhayibhileni. Bathabatha amanyathelo okuzihlambulula ekungcoleni kokomoya nokokuziphatha ukuze banikelwe ‘njengesipho ngesitya esihlambulukileyo,’ okanye “njengentombi enyulu kuKristu,” ngokutsho kompostile uPawulos. (2 Korinte 11:2) Ukongezelela ekugatyeni iimfundiso eziphosakeleyo, abo bathanjisiweyo kwafuneka bafunde ukuhlala bengoondilele ngokungqongqo kwimicimbi yezobupolitika yeli hlabathi. Ngowe-1931, xa abakhonzi bakhe babehlanjululwe ngomlinganiselo owaneleyo, ngenceba uYehova wabajizeka ngelungelo lokuthwala igama lakhe njengamaNgqina kaYehova. (Isaya 43:10-12) Kodwa uYehova ‘ubathabathe njani abathile ukuze babe ngababingeleli’? Njengeqela, aba bathanjisiweyo baye baba ‘bububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele,’ besenza imibingelelo yokudumisa uThixo.—1 Petros 2:9; Isaya 54:1; Hebhere 13:15.

Ukuhlanganisa Kuyaqhubeka

16, 17. Ngoobani ‘abayinzala yenu’ emva kweMfazwe Yehlabathi I?

16 Inani elipheleleyo lobo “bubingeleli basebukhosini” li-144 000, yaye ekuhambeni kwexesha, elo nani laphelela. (ISityhilelo 7:1-8; 14:1) Ngaba oko yaba kukuphela komsebenzi wokuhlanganisa? Akunjalo. Isiprofeto sikaIsaya sihlabela mgama sisithi: “‘Kanye njengoko amazulu amatsha nomhlaba omtsha endiwenzayo umi phambi kwam,’ utsho uYehova, ‘ngokunjalo iya kuma inzala yenu negama lenu.’” (Isaya 66:22) Ekuzalisekeni kokuqala kwaloo mazwi, amaYuda abuyileyo ekuthinjweni eBhabhiloni aza kukhulisa abantwana. Ngoko, intsalela ebuyiselweyo yamaYuda ‘engumhlaba omtsha,’ phantsi kolawulo olutsha lwakwaYuda ‘olungamazulu amatsha,’ iza kuma ngokuqinileyo. Noko ke, esi siprofeto sizaliseke ngeyona ndlela iphawulekayo ngomhla wethu.

17 “Inzala” eveliswa luhlanga lwabazalwana bokomoya ‘sisihlwele esikhulu,’ esinethemba lobomi obungunaphakade emhlabeni. “Siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi,” yaye “simi phambi kwetrone naphambi kweMvana.” ‘Siyihlambile imiwunduzo yaso sayenza mhlophe egazini leMvana.’ (ISityhilelo 7:9-14; 22:17) Namhlanje “isihlwele esikhulu” siyabushiya ubumnyama bokomoya, size ekukhanyeni kukaYehova. Sibonisa ukholo kuYesu Kristu, yaye njengabazalwana noodade baso abathanjisiweyo, sizabalazela ukuhlala sicocekile ngokomoya nangokokuziphatha. Njengeqela siyaqhubeka sikhonza phantsi kolwalathiso lukaKristu yaye siya “kuma” ngonaphakade!—INdumiso 37:11, 29.

18. (a) Amalungu esihlwele esikhulu aziphethe njani ngokufana nabazalwana bawo abathanjisiweyo? (b) Abo bathanjisiweyo namaqabane abo bamnqula njani uYehova “ukususela ekuthwaseni kwenyanga ukusa ekuthwaseni kwenyanga nokususela kwisabatha ukusa kwisabatha”?

18 La madoda namabhinqa azibhokoxayo anethemba lasemhlabeni ayazi ukuba nangona kubalulekile ukuhlala ecocekile ngokokuziphatha nangokomoya, kubandakanyeke okungakumbi ukuze akholise uYehova. Umsebenzi wokuhlanganisa uqhubeka ngamandla, yaye afuna ukuba nesabelo kuwo. Incwadi yeSityhilelo iprofeta ithi ngawo: “[Baphambi] kwetrone kaThixo, benikela inkonzo engcwele kuye imini nobusuku etempileni yakhe.” (ISityhilelo 7:15) Loo mazwi asikhumbuza ngendinyana eyandulela eyokugqibela yesiprofeto sikaIsaya, ethi: “‘Ngokuqinisekileyo kuya kuthi ke ukususela ekuthwaseni kwenyanga ukusa ekuthwaseni kwenyanga nokususela kwisabatha ukusa kwisabatha inyama yonke ifike ukuze iqubude phambi kwam,’ utsho uYehova.” (Isaya 66:23) Oku kuyenzeka namhlanje. “Ukususela ekuthwaseni kwenyanga ukusa ekuthwaseni kwenyanga nokususela kwisabatha ukusa kwisabatha”—oko kukuthi, rhoqo, veki nganye yenyanga nganye—amaKristu athanjisiweyo namaqabane awo, isihlwele esikhulu, ayahlanganisana ukuze anqule uYehova. Enye yeendlela akwenza ngazo oku, kungokuthi aye kwiintlanganiso zamaKristu nakubulungiseleli basesidlangalaleni. Ngaba ungomnye wabo ‘baqubuda rhoqo phambi kukaYehova’? Abantu bakaYehova bakuvuyela kakhulu ukwenjenjalo, yaye abo besihlwele esikhulu bakhangele phambili kwixesha laxa “inyama yonke”—bonke abantu abaphilayo—beya kukhonza uYehova “ukususela ekuthwaseni kwenyanga ukusa ekuthwaseni kwenyanga nokususela kwisabatha ukusa kwisabatha” ngonaphakade.

Isiphelo Seentshaba ZikaThixo

19, 20. Yayiyintoni injongo yeGehena ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, yaye ifuzisela ntoni?

19 Ngoku sisalelwe yindinyana enye kwesi siprofeto sikaIsaya. Le ncwadi iqukumbela ngamazwi athi: “Okunene baya kuphuma baze bakhangele kwizidumbu zamadoda anxaxhileyo kum; kuba zona kanye iimpethu ezikuwo aziyi kufa nomlilo wabo awuyi kucima, yaye bamele babe yinto elizothe kwinyama yonke.” (Isaya 66:24) Kusenokwenzeka ukuba uYesu Kristu wayecinga ngesi siprofeto xa wayekhuthaza abafundi bakhe ukuba baphile ubomi obulula baze babeke kuqala izilangazelelo zoBukumkani. Wathi: “Ukuba iliso lakho liyakukhubekisa, lilahle; kulunge kanye ukuba ungene ebukumkanini bukaThixo uneliso elinye kunokuba uthi unamehlo omabini uphoswe eGehena, apho impethu yabo ingafiyo nomlilo ungacinywayo.”—Marko 9:47, 48; Mateyu 5:29, 30; 6:33.

20 Iyintoni le ndawo ibizwa ngokuba yiGehena? Kwiinkulungwane ezadlulayo, umphengululi ongumYuda uDavid Kimhi wabhala wathi: “Yindawo . . . emelene neYerusalem, yaye yindawo eyonyanyekayo, ekwakulahlwa kuyo izinto ezimdaka kunye nezidumbu. Yaye kwakuhlala kukho umlilo apho wokutshisa izinto ezimdaka namathambo ezidumbu. Ngenxa yoko, ukugwetywa kwabangendawo kufaniswa neGehena.” Ukuba, njengokutsho kwalo mphengululi ongumYuda, iGehena yayisetyenziselwa ukulahla inkunkuma nezidumbu zabo bagqalwa bengafanelwanga kukungcwatywa, umlilo ubuya kuba yindlela efanelekileyo yokutshabalalisa loo nkunkuma. Oko kungatshiswanga ngumlilo, kwakutyiwa ziimpethu. Hayi indlela oku okusifanekisela kakuhle ngayo isiphelo sazo zonke iintshaba zikaThixo! b

21. Ngoobani abakhuthazwayo ngumqukumbelo wencwadi kaIsaya, yaye ngoba?

21 Ekubeni sithetha ngezidumbu, umlilo, neempethu, ngaba aliyonyaniso na elokuba esi siprofeto sichulumancisayo sikaIsaya siqukumbela ngendlela noko ehambis’ umzimba? Ngokungathandabuzekiyo iintshaba eziqaqadekileyo zikaThixo beziya kucinga ngolo hlobo. Kodwa kubahlobo bakaThixo, ukuchaza kukaIsaya ukutshatyalaliswa ngonaphakade kwabangendawo kukhuthaza ngokwenene. Kuhle ukuba abantu bakaYehova baqinisekiswe ukuba iintshaba zabo aziyi kuze ziphinde zibakhathaze. Ezo ntshaba, eziye zabacinezela kanobom abanquli bakaThixo zaza zazisa nogculelo olukhulu egameni lakhe, ziza kutshatyalaliswa ngonaphakade. Ngoko ke, “akuyi kuvuka ukubandezeleka isihlandlo sesibini.”—Nahum 1:9.

22, 23. (a) Chaza ezinye zeendlela ongenelwe ngazo ngokufundisisa incwadi kaIsaya. (b) Njengoko uyifundisisile incwadi kaIsaya, yintoni ozimisele ukuyenza, yaye liyintoni ithemba lakho?

22 Njengoko sifika esiphelweni sokuhlolisisa kwethu incwadi kaIsaya, ngokuqinisekileyo siyaqonda ukuba le ncwadi yeBhayibhile asiyombali nje engenamsebenzi. Kunoko, inesigidimi esidluliselayo kuthi namhlanje. Xa sicinga ngamaxesha obumnyama awayephila kuwo uIsaya, sinokubona indlela elo xesha elifana ngayo nelomhla wethu. Izidubedube zezobupolitika, uhanahaniso lonqulo, ukonakala kwenkqubo yasemthethweni, nokucinezelwa kwabo bathembekileyo nabangamahlwempu, okukhoyo ngexesha lethu, kufana noko kwakusenzeka ngexesha likaIsaya. AmaYuda athembekileyo ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo amele ukuba asivuyela isiprofeto sikaIsaya, yaye nathi namhlanje siyathuthuzeleka njengoko sisifundisisa.

23 Kula maxesha amanqam okugutyungelwa komhlaba bubumnyama nokugutyungelwa kweentlanga sisithokothoko sobumnyama, sonke sinombulelo omkhulu kuba uYehova esebenzise uIsaya ukukhanyisela lonke uluntu! Oko kukhanya kokomoya kuthetha ubomi obungunaphakade kubo bonke abo bakwamkelayo, kungakhathaliseki ilizwe nohlanga lwabo. (IZenzo 10:34, 35) Ngoko, ngamana singaqhubeka sihamba ekukhanyeni kweLizwi likaThixo, silifunde imihla ngemihla, sicamngce ngalo, yaye sisixabise isigidimi salo. Oko kuya kusizisela iintsikelelo ezingunaphakade, kuzise nozuko egameni elingcwele likaYehova!

[Imibhalo esemazantsi]

a Ngokuphathelele imeko yasemva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni, uYeremiya 52:15 uthetha ngabathile “kwabo basweleyo ebantwini nabo bonke abanye abantu ababesele esixekweni.” Igqabaza ngako oku, i-Insight on the Scriptures, Umqulu 1, iphepha 415, ithi: “Ibinzana elithi ‘ababesele esixekweni’ limele ukuba libonisa ukuba abaninzi babulawa yindlala, izifo, okanye umlilo, okanye bafa emfazweni.”

b Ekubeni eGehena kuphoswa izidumbu ezifileyo, kungekhona abantu abaphilayo, ngoko ayingomfuziselo wentuthumbo engunaphakade.

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi ekwiphepha 409]

Izipho Ezithanjisiweyo ZikaYehova Ezivela Kuzo Zonke Iintlanga

Ngowe-1920, uJuan Muñiz wasuka eUnited States waya eSpeyin waza wadlulela eArgentina, apho wamisa khona amabandla abo bathanjisiweyo. Ukususela ngowe-1923 ukusa phambili, ukukhanya kwenyaniso kwakhanyisela abantliziyo zinyanisekileyo abakwiNtshona Afrika xa umvangeli wasemazweni uWilliam R. Brown (owayedla ngokubizwa ngokuba nguBible Brown) waya kushumayela isigidimi soBukumkani eSierra Leone, eGhana, eLiberia, eThe Gambia naseNigeria. Kwangawo loo nyaka uGeorge Young waseKhanada wehlela eBrazil waza wadlulela eArgentina, eCosta Rica, ePanama, eVenezuela kwanakwiSoviet Union. Malunga nexesha elifanayo, uEdwin Skinner wahamba ngolwandle ukusuka eNgilani ukuya eIndiya, apho wazibhokoxa kangangeminyaka emininzi kumsebenzi wokuvuna.

[Umfanekiso okwiphepha 411]

Wambi amaYuda ngePentekoste aba ‘ngabazalwana abaphuma kuzo zonke iintlanga’

[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 413]