Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukubhencwa Kohanahaniso!

Ukubhencwa Kohanahaniso!

Isahluko Seshumi Elinesithoba

Ukubhencwa Kohanahaniso!

Isaya 58:1-14

1. UYesu noYehova balujonga njani uhanahaniso, yaye lwenziwa njani ngomhla kaIsaya?

 UYESU wathi kwiinkokeli zonqulo zomhla wakhe: “Ngaphandle eneneni, nibonakala ningamalungisa ebantwini, kodwa ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchas’ umthetho.” (Mateyu 23:28) Ukulugweba kukaYesu uhanahaniso kubonisa indlela uYise wasezulwini alujonga ngayo. Isahluko 58 sesiprofeto sikaIsaya sitsalel’ ingqalelo ngokukhethekileyo kuhanahaniso oluxhaphakileyo kwaYuda. Iimbambano, iingcinezelo, nogonyamelo, zizinto zemihla ngemihla, yaye ukugcinwa kweSabatha sekusisithethe nje esingenantsingiselo. Abantu bamkhonza nje ngegama uYehova baze batsal’ amehlo ngokuzila behanahanisa. Akafane ebabhenca nje uYehova!

‘Xelela Abantu Izono Zabo’

2. Nguwuphi umoya awubonisayo uIsaya njengoko evakalisa isigidimi sikaYehova, yaye ngoobani namhlanje abafana naye?

2 Nangona uYehova eyithiyile ihambo kaYuda, amazwi Akhe aquka isibongozo sothando sokuba olo hlanga luguquke. Sekunjalo, uYehova akafuni ukuba ibasithele injongo yesohlwayo sakhe. Ngenxa yoko, uyalela uIsaya esithi: “Memeza uvule umqala; ungathinteleki. Phakamisa ilizwi lakho kanye njengesigodlo, uze uxelele abantu bam imvukelo yabo, nendlu kaYakobi izono zayo.” (Isaya 58:1) Ukuwavakalisa kukaIsaya ngenkalipho amazwi kaYehova kusenokumenza angathandwa ngabantu, kodwa akabuyi ngamva. Usenomoya wokuzinikela ofanayo nalowo wayenawo xa wathi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isaya 6:8) Hayi indlela awamisela umzekelo omhle ngayo uIsaya amaNgqina kaYehova anamhlanje, nawo athunywe ukuba ashumayele ngeLizwi likaThixo aze abhence uhanahaniso lonqulo!—INdumiso 118:6; 2 Timoti 4:1-5.

3, 4. (a) Luluphi uhanahaniso abalwenzayo abantu bomhla kaIsaya? (b) Injani imeko yokwenene kaYuda?

3 Ngenkohliso, abantu bomhla kaIsaya baye bamfuna uYehova baza bazenza abayoliswayo yimigwebo yakhe yobulungisa. Sifunda amazwi kaYehova athi: “Babefuna mna imihla ngemihla, beyoliswa kukwazi iindlela zam, njengohlanga oluqhube ubulungisa nolungakushiyanga okusesikweni kukaThixo wabo, ekubeni baqhubeka becela kum imigwebo yobulungisa, besondela kuThixo ababeyoliswa nguye.” (Isaya 58:2) Ngaba babenyanisekile ngokuzibonakalisa kwabo beyoliswa ziindlela zikaYehova? Akunjalo. ‘Banjengohlanga oluqhube ubulungisa,’ kodwa lukwenza oko ngokuhanahanisa. Inyaniso ikukuba, olu hlanga ‘lwalukushiyile okusesikweni kukaThixo.’

4 Imeko yalo ifana naleyo yatyhilwa kamva kumprofeti uHezekile. UYehova waxelela uHezekile ukuba amaYuda ayesithi omnye komnye: “Khanincede, nize, ukuze sive ukuba lithini na ilizwi eliphuma kuYehova.” Kodwa uThixo wamlumkisa uHezekile ngokunganyaniseki kwawo, esithi: “Baya kungena kuwe, . . . yaye ngokuqinisekileyo baya kuweva amazwi akho kodwa abayi kuwenza, kuba ngemilomo yabo bavakalisa iminqweno yenkanuko kwaye intliziyo yabo ilandela inzuzo yabo yokungekho sikweni. Yaye, khangela! kubo unjengengoma yothando lwenkanuko yenyama, njengonelizwi elihle nodlala kakuhle umrhubhe. Ngokuqinisekileyo ke baya kuweva amazwi akho, kodwa bangawenzi.” (Hezekile 33:30-32) Abantu bomhla kaIsaya nabo bazibanga befuna uYehova, kodwa abawathobeli amazwi akhe.

Ukuzila Kohanahaniso

5. AmaYuda azama njani ukuzenza akholeke kuThixo, yaye usabela njani uYehova koku?

5 Ukuze azenze akholeke kuThixo, amaYuda enza isithethe sokuzila, kodwa ukuzenza kwawo amalungisa kuwahlukanisa ngakumbi noYehova. Edidekile, ayabuza: “Kungasiphi na isizathu esathi sazila ukutya waza akwabona, saxhwalekisa imiphefumlo yethu waza wena akwaphawula nto?” UYehova uphendula ngokuphandle, athi: “Eneneni nanifumana uyolo ngawo kanye umhla wokuzila kwenu, xa kwakukho bonke abo babulaleka ngenxa yenu enanibaqweqwedisa emsebenzini. Eneneni ningazilela ukuxabana nokusukuzana, nokubetha ngenqindi lobungendawo. Anizange nizile na njengakumhla wokuvakalisa ilizwi lenu kwindawo ephakamileyo? Ngaba ukuzila endikunyulayo kufanele kube nje, njengomhla wokuba umntu wasemhlabeni axhwalekise umphefumlo wakhe? Wokuba athokombise intloko kanye njengomzi, nokuba andlale irhonya nothuthu ngokungathi sisingqengqelo sakhe? Yile nto na le niyibiza ngokuba kukuzila nomhla owamkelekileyo kuYehova?”—Isaya 58:3-5.

6. Ziziphi izenzo zamaYuda ezibhenca ukuzila kwawo njengokohanahaniso?

6 Ngoxa bezilile, bezenza amalungisa, bade bacele ukuba uYehova azise imigwebo yakhe yobulungisa, aba bantu bazinikela kwiziyolo zokuzingca nakurhwebo. Bazixakekisa ngeembambano, ingcinezelo, nogonyamelo. Ngelinge lokuquma ihambo yabo, benza isithethe sokuzila ngendlela etsal’ amehlo—baqubuda iintloko zabo zibe njengemizi baze bahlale emarhonyeni naseluthuthwini—bezenza ngathi baguqukile ezonweni zabo. Kunceda ntoni konke oku xa besaqhubeka bevukela? Ababonisi lusizi nanguquko yokuhlonel’ uThixo efanele ihambisane nokuzila okunyanisekileyo. Izijwili zabo—nangona zibangela ingxolo—azivakali ezulwini.

7. AmaYuda exesha likaYesu alubonisa njani uhanahaniso, yaye abaninzi namhlanje bakwenza njani oko?

7 AmaYuda omhla kaYesu nawo enza inkwalambisa efanayo yesithethe sokuzila, amanye ezila kabini ngeveki! (Mateyu 6:16-18; Luka 18:11, 12) Kwakhona iinkokeli zonqulo ezininzi zazixelisa isizukulwana somhla kaIsaya ngokuthi zibe ngqwabalala yaye zibe ngoozwilakhe. Ngenxa yoko, uYesu wababhenca ngenkalipho abo bahanahanisi bonqulo, ebaxelela ukuba unqulo lwabo lwalulilize. (Mateyu 15:7-9) Nanamhlanje, izigidi ‘zithi ziyamazi uThixo, kodwa ziyamkhanyela ngemisebenzi yazo, ngoko ke ziyacekiseka kuba azithobeli yaye azifanelekelanga naluphi na uhlobo lomsebenzi olungileyo.’ (Tito 1:16) Bona kanye aba bantu basenokulindela inceba kaThixo, kodwa ihambo yabo iyakubhenca ukunganyaniseki kwabo. Ngokwahlukileyo koko, amaNgqina kaYehova abonisa uzinikelo lobuthixo lokwenyaniso nothando lobuzalwana lokwenene.—Yohane 13:35.

Oko Kubandakanywa Yinguquko Yokwenene

8, 9. Ziziphi izenzo ezifanelekileyo ezimele zihambisane nenguquko yokwenene?

8 UYehova ufuna abantu bakhe benze okungakumbi kunokuzilela izono zabo; ufuna baguquke. Uya kwandula ke akholiswe ngabo. (Hezekile 18:23, 32) Uyachaza ukuba ukuze ukuzila kube nentsingiselo kumele kuhambisane nokulungisa izono zexesha elidluleyo. Khawuqwalasele le mibuzo ichukumis’ intliziyo ayibuzayo uYehova: “Asikuko na oku ukuzila endikunyulayo? Ukukhulula amakhamandela obungendawo, ukukhulula izibopho zedyokhwe, nokundulula abo batyumkileyo bekhululekile, nokuba niqhawule kubini iidyokhwe na?”—Isaya 58:6.

9 Amakhamandela nezibopho zedyokhwe zifanekisela ukukhotyokiswa ngokungqongqo. Ngoko kunokuba bazile baze kwangaxeshanye bacinezele abo bakholwa nabo, aba bantu bebefanele bathobele umyalelo othi: “Uze ulithande idlelane lakho njengawe siqu.” (Levitikus 19:18) Bebefanele babakhulule bonke abo babebacinezele baza babakhobokisa ngokungekho sikweni. a Izenzo zonqulo zokucel’ injezu, njengokuzila, azikuthabathel’ indawo ukuzinikela kobuthixo kokwenene nokubonisa uthando lobuzalwana. Umprofeti uMika, owayephila ngexesha likaIsaya, ubhala athi: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”—Mika 6:8.

10, 11. (a) Yintoni ebekuya kuba bhetele ukuba amaYuda ayenze kunokuzila? (b) AmaKristu namhlanje anokusisebenzisa njani isiluleko sikaYehova kumaYuda?

10 Okusesikweni, ububele, nokuthozama, kukhokelela ekubeni senze okuhle kwabanye, nto leyo engundoqo eMthethweni kaYehova. (Mateyu 7:12) Into ebhetele kakhulu kunokuzila ibiya kuba kukwabelana kwabo ngendyebo yabo kunye nabo basweleyo. UYehova ubuza athi: [Ukuzila endikunyulayo] asikokwahlulela olambileyo isonka sakho na, nokuba ungenise abantu abaxhwalekileyo nabangenamakhaya endlwini yakho? Ukuba, kunokwenzeka ubone uthile eze, umele umambese, yaye ungazifihli enyameni yakho?” (Isaya 58:7) Ewe, kunokuba bababaze ukuzila, abo banako ukwenjenjalo bafanele babanike ukutya, impahla, okanye ikhusi abemi abangoowabo abasweleyo bakwaYuda—abayinyama yabo.

11 Le migaqo mihle kangaka kaYehova yokubonisa uthando lobuzalwana nemfesane ayisebenzi kumaYuda exesha likaIsaya kuphela. Ikwasebenza nakumaKristu. Ngenxa yoko, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ngoko ke, lo gama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.” (Galati 6:10) Ibandla lamaKristu limele libe ngumthombo wothando lobuzalwana, ingakumbi njengoko siphila kwixesha lamanqam.—2 Timoti 3:1; Yakobi 1:27.

Ukuthobeka Kuzisa Iintsikelelo Ezityebileyo

12. Yintoni ebeya kuyenza uYehova ukuba abantu bakhe bebenokumthobela?

12 Akwaba nje aba bantu bakaYehova bebenokuzimisela ukusithobela isohlwayo sakhe sothando! UYehova uthi: “Ngoko ke ukukhanya kwakho kungathi qhiphu njengesifingo; uze uchache ngokukhawuleza. Nobulungisa bakho ngokuqinisekileyo bebuya kuhamba phambi kwakho; lona kanye uzuko lukaYehova beluya kukukhusela ngasemva. Ubuya kubiza yaye uYehova ebeya kuphendula; ubuya kukhalela uncedo, aze yena athi, ‘Ndilapha!’” (Isaya 58:8, 9a) Anjani wona ukuchukumisa amazwi! UYehova uyabasikelela aze abakhusele abo bayoliswayo bububele bothando nabubulungisa. Ukuba aba bantu bakaYehova bebenokuguquka ekubeni ngqwabalala nasekuhanahaniseni kwabo, izinto beziya kubahambela kakuhle. UYehova ebeya kubenza ‘bachache’ ngokomoya nangokwenyama. Kwakhona ebeya kubakhusela, njengoko wabakhuselayo ookhokho babo ekuphumeni kwabo eYiputa. Yaye ebeya kusabela ngokukhawuleza xa bekhalela uncedo.—Eksodus 14:19, 20, 31.

13. Ziziphi iintsikelelo ebeziya kufunyanwa ngamaYuda ukuba ebesabele kwisibongozo sikaYehova?

13 Ngoku uYehova uhlabela mgama nesibongozo sakhe, esithi: “Ukuba uya kuyishenxisa phakathi kwakho idyokhwe [yenkohlakalo nobukhoboka obungekho sikweni], ukwalatha ngomnwe [mhlawumbi begculela okanye besenza izimangalo zobuxoki] nokuthetha okwenzakalisayo; kwaye uya kumnika lowo ulambileyo okunqwenelwa ngumphefumlo wakho, wanelise nomphefumlo oxhwalekileyo, ngokuqinisekileyo ukukhanya kwakho kuya kukhazimla nasebumnyameni, nesithokothoko sakho siya kuba njengasemini emaqanda.” (Isaya 58:9b, 10) Ukuzingca nokuba ngqwabalala kuyonakalisa yaye kuyamqumbisa uYehova. Kodwa bona ububele nokuba nesisa, ingakumbi xa kusenzelwa abo balambileyo nabaxhwalekileyo, kuzisa intsikelelo etyebileyo kaThixo. Akwaba nje amaYuda ebenokukukholelwa oko! Bekuya kwandula ke ukukhanya nokuchuma kwawo kokomoya kuqaqambe njengasemini emaqanda, busuke bonke ubumnyama. Ngaphezu koko, ebeya kuzisa imbeko nendumiso kuYehova, onguMthombo wozuko neentsikelelo zawo.—1 Kumkani 8:41-43.

Ukuhlaziywa Kohlanga

14. (a) Abantu bomhla kaIsaya basabela njani kumazwi akhe? (b) Liliphi ithemba uYehova asaqhubeka ebanika lona?

14 Ngelishwa, olu hlanga alukhange lusinanze isibongozo sikaYehova lwaza lwaqinisa ekwenzeni ubungendawo. Ngoko, kwanyanzeleka ukuba uYehova aluthumele ekuthinjweni, njengoko wayelumkisile. (Duteronomi 28:15, 36, 37, 64, 65) Sekunjalo, amazwi alandelayo kaYehova avakaliswa nguIsaya asaqhubeka enik’ ithemba. UThixo uxela kwangaphambili ukuba, intsalela eguqukileyo yayiza kubuyela elizweni lakwaYuda ivuyile, nangona laliphanzisiwe.

15. Kukuphi ukuhlaziywa okuvuyisayo uYehova akuxela kwangaphambili?

15 Ebhekisela kwixesha elizayo lokuhlaziywa kwabantu bakhe ngowama-537 B.C.E., esebenzisa uIsaya uYehova uthi: “UYehova uya kubopheleleka ukuba akukhokele rhoqo nokuba anelise umphefumlo wakho naselizweni elibharhileyo, yaye uya kuwomeleza amathambo akho; ube njengomyezo onamanzi amaninzi, nanjengomthombo wamanzi, omanzi awo angatshiyo.” (Isaya 58:11) UYehova uza kulihlaziya ilizwe elibharhileyo lakwaSirayeli alenze lichume. Okuhle nangakumbi kukuba, uza kubasikelela abantu bakhe abaguqukileyo, avuselele “amathambo” abo afileyo ngokomoya aze awenze aphile qete. (Hezekile 37:1-14) Abantu bona baya kuba “njengomyezo onamanzi amaninzi,” bavelise isiqhamo esininzi sokomoya.

16. Laliza kuhlaziywa njani ilizwe?

16 Olu hlaziyo lwaluza kuquka ukwakhiwa kwakhona kwezixeko ezatshatyalaliswa yimikhosi yaseBhabhiloni ngowama-607 B.C.E. “Ngokuphuma kuwe abanye ngokuqinisekileyo baya kuzakha iindawo ebeziphanzile ixesha elide; uya kuvusa kwaneziseko zezizukulwana eziqhubekayo. Kwaye okunene uya kubizwa ngokuba uyingcibi yamathuba, umhlaziyi weendlela ekuhlalwa ngakuzo.” (Isaya 58:12) Amabinzana afanayo athi “iindawo ebeziphanzile ixesha elide” nelithi ‘iziseko zezizukulwana eziqhubekayo’ (okanye, iziseko ebezingamabhodlo ukutyhubela izizukulwana) abonisa ukuba intsalela ebuyileyo yayiza kuzakha kwakhona izixeko ezonakeleyo zakwaYuda, ingakumbi iYerusalem. (Nehemiya 2:5; 12:27; Isaya 44:28) Yayiza kuwangciba “amathuba”—gama elo elibhekisela kwiintanda ezazikwiindonga zaseYerusalem yaye ngokungathandabuzekiyo zazikho nakwiindonga zezinye izixeko.—Yeremiya 31:38-40; Amosi 9:14.

Iintsikelelo Ezibangelwa Kukugcina ISabatha Ngokuthembeka

17. UYehova ubabongoza njani abantu bakhe ukuba bathobele imithetho yeSabatha?

17 ISabatha yayibonisa inkxalabo enzulu kaThixo ngempilo-ntle yokwenyama neyokomoya yabantu bakhe. UYesu wathi: “Isabatha yabakho ngenxa yomntu.” (Marko 2:27) Olo suku olwalungcwalisiwe nguYehova lwalunika amaSirayeli ithuba elikhethekileyo lokubonisa uthando lwawo ngoThixo. Ngelishwa, ngexesha likaIsaya lwalusele lukukugcinwa nje kwesithethe esingenantsingiselo nokuzibhakaxa kwiminqweno yokuzingca. Ngoko kwakhona, uYehova wayenesizathu sokubakhalimela abantu bakhe. Yaye kwakhona, uye wazama ukufikelela iintliziyo zabo. Uthi: “Ukuba ngenxa yesabatha uya kulubuyisa unyawo lwakho ngokubhekisele ekwenzeni oko kuyolisa wena ngomhla wam ongcwele, yaye okunene uya kuyibiza isabatha ngokuba luyolo olugqibeleleyo, umhla ongcwele kaYehova, ozukiswayo, kwaye okunene uya kuyizukisa kunokuba wenze ezakho iindlela, kunokuba ufumane okuyolisa wena uze uthethe ilizwi; uya kwandula uyoliswe ngokugqibeleleyo nguYehova, yaye ndiya kukukhwelisa kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba; kwaye ndiya kukudlisa kwilifa likaYakobi ukhokho wakho, kuba umlomo kaYehova ukuthethile oko.”—Isaya 58:13, 14.

18. Uya kuba yintoni umphumo wokusilela kukaYuda ukuhlonela iSabatha?

18 ISabatha lusuku lokucamngca ngezinto zokomoya, elokuthandaza, nelokunqula kunye njengentsapho. Ibifanele iwancede amaYuda acamngce ngezinto ezimangalisayo uYehova awenzele zona nangendlela uMthetho wakhe okubonakalisa ngayo okusesikweni nothando lwakhe. Ngoko ke, ukugcinwa ngokuthembekileyo kolu suku lungcwele bekufanele kubancede abantu basondele ngakumbi kuThixo wabo. Kodwa bona basuke bayihlambela iSabatha, baza ke ngoko baba sengozini yokuphulukana nentsikelelo kaYehova.—Levitikus 26:34; 2 Kronike 36:21.

19. Ziziphi iintsikelelo ezityebileyo ebeziya kufunyanwa ngabantu bakaThixo ukuba bebenokugcina iSabatha?

19 Sekunjalo, ukuba amaYuda ayefundile kuqeqesho lwawo aza alihlonela ilungiselelo leSabatha, ebeya kufumana iintsikelelo ezityebileyo. Imiphumo emihle yonqulo lokwenyaniso neyokuhlonela iSabatha yayiza kubonakala kuzo zonke iinkalo zobomi bawo. (Duteronomi 28:1-13; INdumiso 19:7-11) Ngokomzekelo, uYehova wayeza ‘kubakhwelisa abantu bakhe kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba.’ Eli binzana libhekisela kunqabiseko nasekoyiseni kukabani iintshaba zakhe. Nabani na olawula iindawo eziphakamileyo—iinduli neentaba—ulawula nelizwe. (Duteronomi 32:13; 33:29) Ngaxa lithile uSirayeli wayemthobela uYehova, waza wakhuselwa nguye, yaye wayehlonelwa, yaye esoyikwa zezinye iintlanga. (Yoshuwa 2:9-11; 1 Kumkani 4:20, 21) Ukuba unokumthobela kwakhona uYehova, inxalenye ethile yolo zuko ibiya kubuyiselwa. UYehova wayeza kubanika abantu bakhe isabelo esipheleleyo “kwilifa likaYakobi”—iintsikelelo awazithembisa ookhokho babo ngokuthi enze umnqophiso kunye nabo, ingakumbi intsikelelo yokunqabiseka kwiLizwe Lesithembiso.—INdumiso 105:8-11.

20. Luluphi “uphumlo lwesabatha” analo amaKristu?

20 Ngaba amaKristu anokufunda isifundo koku? Ngokufa kukaYesu Kristu, uMthetho kaMoses wapheliswa, kuquka imfuneko yokugcina iiSabatha. (Kolose 2:16, 17) Noko ke, umoya owawufanele ukhuthazwe kukugcinwa kweSabatha kwaYuda—ukubekwa kuqala kwezilangazelelo zokomoya nokusondela kuYehova—usabalulekile kubanquli bakaYehova. (Mateyu 6:33; Yakobi 4:8) Ukongezelela, uPawulos, encwadini yakhe eyayisiya kumaHebhere, uthi: “Abantu bakaThixo basasalelwe luphumlo lwesabatha.” AmaKristu angena kolu “phumlo lwesabatha” ngokuthi athobele uYehova aze azabalazele ukwenza okulungileyo ngokuthi abonise ukholo kwigazi elaphalalayo likaYesu Kristu. (Hebhere 3:12, 18, 19; 4:6, 9-11, 14-16) Wona amaKristu ayigcina eyawo isabatha, kungekuphela nje usuku olunye ngeveki, kodwa suku ngalunye.—Kolose 3:23, 24.

USirayeli Wokomoya ‘Ukhwele Kwiindawo Eziphakamileyo Zomhlaba’

21, 22. UYehova umkhwelise njani uSirayeli kaThixo “kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba”?

21 Ukususela ekukhululweni kwawo kubukhoboka beBhabhiloni ngowe-1919, amaKristu athanjisiweyo aye akugcina ngokuthembekileyo oko kwakufanekiselwa yiSabatha. Ngenxa yoko, uYehova uye ‘wawakhwelisa kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba.’ Ngayiphi ingqiqo? Emva phayaa ngowe-1513 B.C.E., uYehova wenza umnqophiso nenzala ka-Abraham wokuba ukuba ithe yathobela, yayiza kuba bubukumkani bababingeleli nohlanga olungcwele. (Eksodus 19:5, 6) Ebudeni beminyaka engama-40 isentlango, uYehova wayikhusela, njengokhozi lukhusela amantshontsho alo, waza wayisikelela ngentabalala yezinto. (Duteronomi 32:10-12) Noko ke, olo hlanga lwaluswele ukholo lwaza ekugqibeleni lwaphulukana nawo onke amalungelo olungelwaluwafumene. Phezu kwako nje oko, uYehova unabo ubukumkani bababingeleli namhlanje. NguSirayeli wokomoya kaThixo.—Galati 6:16; 1 Petros 2:9.

22 Ebudeni beli “xesha lesiphelo,” olu hlanga lokomoya lwenze oko uSirayeli wamandulo wasilelayo ukukwenza. Luye lwazigcina lunokholo oluqinileyo kuYehova. (Daniyeli 8:17) Njengoko amalungu alo eyigcina ngokungqongqo imilinganiselo neendlela eziphakamileyo zikaYehova, ngoko uYehova uyawaphakamisa ngokomoya. (IMizekeliso 4:4, 5, 8; ISityhilelo 11:12) Akhuselekile ekungcoleni okuwangqongileyo, njengoko enemilinganiselo ephakamileyo yobomi, yaye kunokuba alandele iindlela zawo, ‘aziyolisa ngokugqibeleleyo ngoYehova’ nangeLizwi lakhe. (INdumiso 37:4) UYehova uye wawakhusela ngokomoya nangona echaswe ngokukrakra ehlabathini lonke. Ukususela ngowe-1919 “ilizwe” lawo lokomoya alikhange lihluthwe. (Isaya 66:8) Ayaqhubeka engabantu begama lakhe eliphakamileyo, yaye alivakalisa ngovuyo ehlabathini lonke. (Duteronomi 32:3; IZenzo 15:14) Ngaphezu koko, inani elandayo labo balulamileyo abavela kuzo zonke iintlanga ngoku labelana kunye nawo kwilungelo elizukileyo lokufundiswa iindlela zikaYehova nokuncedwa ekuhambeni ngomendo wakhe.

23. UYehova ubenze njani abakhonzi bakhe abathanjisiweyo ‘badla kwilifa likaYakobi’?

23 UYehova uye wenza ukuba abakhonzi bakhe abathanjisiweyo ‘badle kwilifa likaYakobi.’ Xa uIsake wasikelela uYakobi kunokuba asikelele uEsawu, loo mazwi akhe entsikelelo ayebhekisela kwiintsikelelo ezaziza kufunyanwa ngabo bonke abo babeza kubonisa ukholo kwiMbewu ka-Abraham ethenjisiweyo. (Genesis 27:27-29; Galati 3:16, 17) NjengoYakobi—kungekhona njengoEsawu—amaKristu athanjisiweyo namaqabane awo ‘ayazixabisa izinto ezingcwele,’ ingakumbi intabalala yokutya kokomoya esiyifumana kuThixo. (Hebhere 12:16, 17; Mateyu 4:4) Oku kutya kokomoya—okuquka ulwazi loko uYehova akuphumezayo ngeMbewu ethenjisiweyo nangamaqabane aloo Mbewu—kuyawavuselela kuze kuwaqinise ngokomoya. Ngoko ke, kubalulekile ukuba ahlale ezondla ngokomoya ngokufunda nangokucamngca ngeLizwi likaThixo. (INdumiso 1:1-3) Kukwabalulekile nokuba anxulumane namanye amakholwa kwiintlanganiso zamaKristu. Yaye kukwabalulekile nokuba alondoloze imilinganiselo ephakamileyo yonqulo olunyulu njengoko ekuvuyela ukwabelana nabanye ngoko kutya.

24. Aziphatha njani amaKristu okwenyaniso namhlanje?

24 Ngoxa amaKristu elinde ngolangazelelo ukuzaliseka kwezithembiso zikaYehova, ngamana angaqhubeka elugatya lonke uhanahaniso. Njengoko ezondla “kwilifa likaYakobi,” ngamana angaqhubeka enandipha unqabiseko lokomoya “kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba.”

[Umbhalo osemazantsi]

a UYehova wenza ilungiselelo lokuba abantu bakhe abaye bangena ematyaleni bazithengise ebukhobokeni—ngokuyintloko besiba ngabaqeshwa—ukuze bahlawule amatyala abo. (Levitikus 25:39-43) Noko ke, uMthetho wayalela ukuba amakhoboka aphathwe ngobubele. Lawo ayephathwe ngenkohlakalo ayemele akhululwe.—Eksodus 21:2, 3, 26, 27; Duteronomi 15:12-15.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 278]

AmaYuda azila aza athoba iintloko zawo ebonisa inguquko yohanahaniso—kodwa akazange aziguqule iindlela zawo

[Umfanekiso okwiphepha 283]

Abo bakwaziyo ukwenjenjalo babanika ikhusi, impahla nokutya abo basweleyo

[Umfanekiso okwiphepha 286]

Ukuba uYuda uyaguquka, uya kuzakha kwakhona izixeko zakhe eziphanzisiweyo