Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukubuyela Kunqulo LukaYehova

Ukubuyela Kunqulo LukaYehova

Isahluko Sesixhenxe

Ukubuyela Kunqulo LukaYehova

Isaya 46:1-13

1. Ngoobani amagama oothixo ababini abaphambili baseBhabhiloni, yaye yintoni eyaxelwa kwangaphambili ngabo?

 XA USIRAYELI ethinjelwe eBhabhiloni, uza kujikelezwa lunqulo lobuxoki. Ngexesha likaIsaya, abantu bakaYehova baseselizweni labo, yaye banetempile nababingeleli. Ukanti, abaninzi kolu hlanga luzinikele kuThixo baye bawela ekunquleni izithixo. Ngoko, kubalulekile ukubalumkisa kwangaphambili ukuze bangoyikiswa ngoothixo bobuxoki baseBhabhiloni okanye balukuhlelwe ekubeni babakhonze. Ngoko ke, eprofeta ngoothixo abaphambili ababini baseBhabhiloni, uIsaya uthi: “UBhele ugobe phantsi, uNebho uyakhokhoba; izithixo zabo ziye zaba zezamarhamncwa nezilwanyana zasekhaya, imithwalo yabo, izinto ezithwalwayo, uxanduva kwizilwanyana ezidiniweyo.” (Isaya 46:1) UBhele sisithixo esiphambili kumaKhaledi. UNebho uhlonelwa njengothixo wobulumko nemfundo. Intlonelo abaninzi abayinika aba thixo babini ibonwa kwisibakala sokuba amaBhabhiloni amaninzi aye athiywa ngamagama abo—uBheleshatsare, uNabhopolasare, uNebhukadenetsare noNebhuzaradan, xa sikhankanya nje ambalwa.

2. Kugxininiswa njani ukungabi loncedo koothixo baseBhabhiloni?

2 UIsaya uthi uBhele “ugobe phantsi,” yena uNebho “uyakhokhoba.” Aba thixo bobuxoki baza kuthotywa. Xa uYehova egweba iBhabhiloni, aba thixo abayi kukwazi ukubasindisa abanquli babo. Abayi kukwazi nokuzisindisa nkqu bona ngokwabo! UBhele noNebho abayi kuthwalwa kumngcelele wokuzukiswa kwabo, njengoko kudla ngokwenziwa kumsitho wokubhiyozela uNyaka Omtsha wamaBhabhiloni. Kunoko, baza kuthuthwa njengomthwalo ngabanquli babo. Ukuzukiswa nokuhlonelwa kwabo kuza kuthatyathelw’ indawo kukugculelwa nokudelelwa.

3. (a) Yintoni eza kuwothusa amaBhabhiloni? (b) Yintoni esinokuyifunda namhlanje koko kwenzeka koothixo baseBhabhiloni?

3 Hayi indlela okuwothusa ngayo amaBhabhiloni ukwazi ukuba izithixo zawo zebhongo aziyonto ngaphandle kokuba luxanduva lokuthwalwa zizilwanyana ezidiniweyo! Ngokufanayo namhlanje, oothixo behlabathi—izinto abantu abakholose ngazo nabachitha amandla kwanobomi babo kuzo—zililize. Abantu bazinikele kubutyebi, kwizixhobo zemfazwe, kwiziyolo, kubalawuli, kumazwe abo okanye kwimiqondiso yawo, nakwezinye izinto ezininzi. Ukuba lilize kwabo thixo kuza kubhencwa ngexesha elifanelekileyo likaYehova.—Daniyeli 11:38; Mateyu 6:24; IZenzo 12:22; Filipi 3:19; Kolose 3:5; ISityhilelo 13:14, 15.

4. Oothixo baseBhabhiloni ‘bakhokhoba’ baze ‘bagobe’ ngayiphi ingqiqo?

4 Ekubalaseliseni ngokubhekele phaya ukusilela ngokupheleleyo koothixo baseBhabhiloni, esi siprofeto sihlabela mgama sisithi: “Zimele zikhokhobe; zimele xa zizonke zigobe phantsi ngokufanayo; azinakukwazi nje kwaphela ukulusindisa uxanduva, kodwa imiphefumlo yazo imele iye ekuthinjweni.” (Isaya 46:2) Oothixo baseBhabhiloni babonakala ‘bekhokhoba’ yaye ‘begobile’ ngokungathi benzakele edabini okanye baluphele. Abakwazi nokubopha umthwalo okanye basindise izilwanyana ezibathweleyo. Ngoko, ngaba abantu bakaYehova bomnqophiso bafanele bazihlonele, kuba nje bengabathinjwa eBhabhiloni? Akunjalo! Ngokufanayo, abakhonzi abathanjisiweyo bakaYehova, kwanaxa babesekuthinjweni kokomoya, abazange babahlonele oothixo bobuxoki ‘beBhabhiloni Enkulu,’ abangazange bakwazi ukukuthintela ukuwa kwayo ngowe-1919 nabangasayi kukwazi ukuyisindisa kwintlekele eza kuyehlela ebudeni ‘bembandezelo enkulu.’—ISityhilelo 18:2, 21; Mateyu 24:21.

5. AmaKristu namhlanje akuphepha njani ukuphinda iimpazamo zamaBhabhiloni anqula izithixo?

5 AmaKristu okwenyaniso namhlanje akaqubudi nakuluphi na uhlobo lwezithixo. (1 Yohane 5:21) Iminqamlezo, amaso okubala imithandazo, nemifanekiso yeengcwele ayenzi ukuba uMdali afikeleleke lula. Ezo zinto azinakusithethelela. Ngenkulungwane yokuqala, uYesu wabafundisa abafundi bakhe indlela efanelekileyo yokunqula uThixo xa wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho namnye uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam. Ukuba nicela nantoni na egameni lam, ndiza kuyenza.”—Yohane 14:6, 14.

‘Ukuthwalwa Ukususela Esibelekweni’

6. Wahluke njani uYehova koothixo beentlanga?

6 Akuba ewabhencile amampunge okunqula izithixo zaseBhabhiloni, uYehova uthi kubantu bakhe: “Khawuphulaphule kum, ndlu kaYakobi, nani nonke nina baseleyo bendlu kaSirayeli, nina nathwalwayo ndim ukususela esiswini, nina nanithwelwe ukususela esibelekweni.” (Isaya 46:3) Onjani wona ukuba mkhulu umahluko okhoyo phakathi kukaYehova nemifanekiso eqingqiweyo yaseBhabhiloni! Oothixo baseBhabhiloni abanakubenzela nto abanquli babo. Xa kufuneka behambile, bamele bathwalwe zizilwanyana. Kanti yena uYehova ubesoloko ebathwele abantu bakhe. Uye wabathwala “ukususela esibelekweni,” ukususela ekusekweni kolo hlanga. Ukukhumbula kwamaYuda ukuthwalwa kwawo nguYehova kufanele kuwakhuthaze ukuba alugatye unqulo-zithixo aze akholose ngaye njengoYise noMhlobo wawo.

7. Inyameko kaYehova ngabanquli bakhe ingaphezulu njani kuneyabazali ngabantwana babo?

7 UYehova uhlabela mgama evakalisa ukubathantamisa kwakhe abantu bakhe, esithi: “Kwanasebudaleni bukabani isekwaNdim; nasekubeni ubani abe yingwevu ndiya kuqhubeka ndithwele. Ngokuqinisekileyo mna ndiya kusebenza, ukuze ndithwale nokuze ndifunqule ndize ndisindise.” (Isaya 46:4) Inyameko anayo uYehova ngabantu bakhe iyodlula lee leyo yongumntu ongumzali onothando. Njengoko abantwana bekhula, kancinane kancinane abazali basenokungazivi bebopheleleke kangako ngabo. Xa abazali bebadala, idla ngokuba ngabantwana ababanyamekelayo. Akunjalo konke konke ngoYehova. Akaze ayeke ukunyamekela abantwana bakhe abangabantu—kwanasebudaleni babo. Abanquli bakaThixo namhlanje bayamthemba yaye bayamthanda uMdali wabo yaye bayathuthuzelwa kakhulu ngala mazwi esiprofeto sikaIsaya. Abanasizathu sakuxhalatyiswa ziintsuku okanye iminyaka ekusafuneka beyichithe bekule nkqubo yezinto. UYehova uthembisa ‘ukubathwala’ abo balupheleyo, abomeleze ukuze banyamezele baze bahlale bethembekile. Uza kubathwala, abomeleze, yaye abasindise.—Hebhere 6:10.

Zilumkele Izithixo Zanamhlanje

8. Sisiphi isono esingathethelelekiyo esiye sasenza isizwe somhla kaIsaya?

8 Khawuyithelekelele indlela aza kuphoxeka ngayo amaBhabhiloni xa izithixo akholose ngazo ziza kungqineka zingeloncedo kwaphela! Ngaba uSirayeli ufanele akholelwe ukuba ezo zithixo zinokuthelekiswa noYehova? Akunjalo. Ngokufanelekileyo, uYehova uyabuza esithi: “Niya kundifanisa okanye nindilinganise okanye nindithelekise nabani na ukuze sifane?” (Isaya 46:5) Ngoko asinakuthetheleleka kwaphela esi sizwe somhla kaIsaya ngokuphethukela kwaso kunqulo lwemifanekiso eqingqiweyo engathethiyo, engaphiliyo, nengeloncedo! Ekubeni olu hlanga lumazi uYehova, ngoko ukuthembela kwalo kwimifanekiso engaphiliyo nengeloncedo nganto eyenziwe zizandla zabantu kububuyatha ngokwenene.

9. Chaza ingcamango elilize yabanye abanquli bezithixo.

9 Khawuqwalasele ingcamango elilize yabanquli bezithixo. Esi siprofeto sihlabela mgama sisithi: “Kukho abo bakhupha into eninzi yegolide enxilini, baze ngentonga yesikali balinganise isilivere. Baqesha umnyibilikisi, enze uthixo ngayo. Bayaqubuda, ewe, bathoba phantsi.” (Isaya 46:6) Ngokungathi isithixo sexabiso eliphakamileyo sinamandla angakumbi okusindisa kuneso senziwe ngomthi, abanquli bazo bachitha iimali ezinkulu ekwenzeni izithixo zabo. Sekunjalo, nokuba ingakanani na imigudu okanye imali echithiweyo, ezo zithixo ziya kuhlala zingaphili.

10. Buchazwa njani ubuyatha bokunqula izithixo?

10 Sibalaselisa ngokubhekele phaya ubudenge bokunqula izithixo, esi siprofeto sihlabela mgama sisithi: “Bamthwala emagxeni, bamfunqule baze bambeke endaweni yakhe ukuze eme ngxi. Kuloo ndawo ami kuyo akasuki. Umntu udanduluka kuye, kodwa akaphenduli; akamsindisi ekubandezelekeni kwakhe.” (Isaya 46:7) Hayi indlela ekungekho ngqiqweni ngayo ukuthandaza kumfanekiso oqingqiweyo ongakwaziyo ukuva nokwenza nantoni na! Umdumisi ukuchaza kakuhle ukungabi loncedo kwezithixo ezinjalo, esithi: “Izithixo zabo ziyisilivere negolide, umsebenzi wezandla zomntu wasemhlabeni. Zinomlomo, kodwa azithethi; zinamehlo, kodwa aziboni; zineendlebe, kodwa aziva. Zinempumlo, kodwa azisezeli. Zinezandla, kodwa aziphathi. Zineenyawo, kodwa azihambi; azivakalisi sandi ngomqala wazo. Abo bazenzayo baya kuba njengazo kanye, bonke abo bakholosa ngazo.”—INdumiso 115:4-8.

‘Qinani Isibindi’

11. Yintoni eya kunceda abo banxaxhayo ukuba ‘baqine isibindi’?

11 Emva kokuba ebabonisile abantu bakhe ubuyatha bonqulo-zithixo, ngoku uYehova ubanika izizathu zokuba befanele bakhonze yena, esithi: “Khumbulani oku, ukuze nibe nokuqina isibindi. Kubekeleni intliziyo, nina banxaxhayo. Khumbulani izinto zakuqala zexesha lakudala, ukuba ndinguLowo Ungokobuthixo yaye akakho omnye uThixo, okanye nabani na onjengam.” (Isaya 46:8, 9) Abanxaxhi abathi bekunqulo lokwenyaniso kodwa babe bezibandakanya kunqulo-zithixo bafanele bakhumbule oko kwenzeka kwixesha elidluleyo. Bafanele bakhumbule izinto azenzileyo uYehova. Oku kuya kubanceda baqine isibindi baze benze okulungileyo. Kuya kubanceda babuyele ekunquleni uYehova.

12, 13. Liliphi idabi alilwayo amaKristu, yaye anokoyisa njani?

12 Olu khuthazo lusafuneka nanamhlanje. NjengamaSirayeli, amaKristu anyanisekileyo amele alwe nezilingo kwanokungafezeki kwawo. (Roma 7:21-24) Ukongezelela, asedabini lokomoya kunye notshaba olungabonakaliyo kodwa olunamandla kakhulu. Umpostile uPawulos uthi: “Sizamazamana, kungekhona negazi nenyama, kodwa noorhulumente, namagunya, nabalawuli behlabathi bobu bumnyama, kwanemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.”—Efese 6:12.

13 USathana needemon zakhe baya kwenza yonke imizamo yokuwexula amaKristu kunqulo lokwenyaniso. Ukuze amaKristu aphumelele kulo mlo, kufuneka athobele isiluleko sikaYehova aze aqine isibindi. Njani? Umpostile uPawulos uyacacisa: “Yambathani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.” UYehova akathumeli abakhonzi bakhe edabini bengaxhobanga ngokwaneleyo. Isikrweqe sabo sokomoya siquka ‘ikhaka elikhulu lokholo, abaya kuthi ngalo bakwazi ukucima yonke imijukujelwa evuthayo yalowo ungendawo.’ (Efese 6:11, 16) AmaSirayeli aye anxaxha ngenxa yokuba awabethe ngoyaba amalungiselelo okomoya uYehova awenzela wona. Ukuba nje ayecamngce ngemisebenzi yamandla athe uYehova ngokuphindaphindiweyo wawenzela yona, ngengazange aphethukele kunqulo-zithixo olulizothe. Ngamana singafunda kumzekelo wawo size sizimisele ukungaze sihexe ekulweleni ukwenza okulungileyo.—1 Korinte 10:11.

14. Yintoni akwaziyo ukuyenza uYehova ebonisa ukuba nguye kuphela uThixo wokwenyaniso?

14 UYehova unguLowo “uxela ukuphela kwasekuqaleni, kwakudala izinto ebezingekenziwa; Lowo uthi, ‘Icebo lam liya kuma, yaye yonk’ into endiyoliswa yiyo ndiya kuyenza.’” (Isaya 46:10) Nguwuphi omnye uthixo onokufaniswa noYehova kule nkalo? Ukukwazi ukulixela kwangaphambili ikamva kububungqina obubalaseleyo bobuThixo boMdali. Noko ke, ukuqinisekisa ukuzaliseka kwezinto ezixelwe kwangaphambili kubandakanya okungakumbi kunokubona nje izinto zingekenzeki. Isibhengezo esithi “icebo lam liya kuma” sigxininisa ukungaguquguquki kwenjongo emiselweyo kaThixo. Ekubeni uYehova enamandla angasikelwanga mda, akukho nto kwindalo iphela enokumthintela ekuphumezeni ukuthanda kwakhe. (Daniyeli 4:35) Ngoko ke, sinokuqiniseka ukuba naziphi na iziprofeto ezingekazaliseki ziza kuzaliseka ngokwenene ngexesha elifanelekileyo likaThixo.—Isaya 55:11.

15. Nguwuphi umzekelo ohlab’ umxhelo wokukwazi kukaYehova ukulixela kwangaphambili ikamva oziswa engqalelweni yethu?

15 Umzekelo ohlab’ umxhelo wokukwazi kukaYehova ukuzixela kwangaphambili iziganeko zekamva nokukwazi kwakhe ukuwazalisekisa amazwi akhe uziswa engqalelweni yethu ngamazwi alandelayo esiprofeto sikaIsaya, athi: “Lowo ubiza intaka edla inyama empumalanga, nomntu wokuphumeza icebo lam kwilizwe elikude. Ndikuthethile oko; yaye ndiya kukuzisa. Ndikuyilile, yaye ndiya kukwenza.” (Isaya 46:11) Njengoko ‘enguLowo uxela ukuphela kwasekuqaleni,’ uYehova uThixo uza kuyilungelelanisa imicimbi yabantu ukuze aphumeze icebo lakhe. Uza kubiza uKoreshi “empumalanga,” okanye ePersi esempuma, apho liza kube likhona ikomkhulu lebhongo likaKoreshi, iPasargadae. UKoreshi uza kufana ‘nentaka edla inyama,’ eya kuyifikela ngequbuliso iBhabhiloni.

16. UYehova ukuqinisekisa njani ukuzaliseka kwesiprofeto sakhe ngeBhabhiloni?

16 Ukuqiniseka kwesiprofeto sikaYehova ngeBhabhiloni kuqinisekiswa ngamazwi athi, “ndikuthethile oko; yaye ndiya kukuzisa.” Nangona abantu abangafezekanga bedla ngokwenza izithembiso ezingaqinisekanga, uMdali akaze asilele ukuzalisekisa ilizwi lakhe. Ekubeni uYehova enguThixo “ongenakuxoka,” sinokuqiniseka ukuba oko ‘akuyilileyo’ uya “kukwenza.”—Tito 1:2.

Iintliziyo Ezingenalukholo

17, 18. Ngoobani abanokuchazwa ‘njengabantliziyo ilukhuni’ (a) kumaxesha amandulo? (b) namhlanje?

17 Kwakhona, uYehova uphethulela ingqalelo yakhe kumaBhabhiloni, esithi: “Phulaphulani kum, nina bantliziyo ilukhuni, nina bakude nobulungisa.” (Isaya 46:12) Ibinzana elithi “nina bantliziyo ilukhuni” lichaza abantu abanenkani nabazimiseleyo ukuchasana nokuthanda kukaThixo. Ngokungathandabuzekiyo, amaBhabhiloni akude noThixo. Ukumthiya kwawo uYehova nabantu bakhe kuwashukumisela ekubeni atshabalalise iYerusalem netempile yayo aze athimbe abemi bayo.

18 Namhlanje abo bathandabuzayo nabantliziyo zingakholwayo bala ngenkani ukuphulaphula isigidimi soBukumkani, esishunyayelwa emhlabeni wonke. (Mateyu 24:14) Abafuni ukuvuma ukuba uYehova ukufanelekele ukuba nguMongami. (INdumiso 83:18; ISityhilelo 4:11) Njengoko iintliziyo zabo ‘zikude nobulungisa,’ bayakuchasa ukuthanda kwakhe. (2 Timoti 3:1-5) NjengamaBhabhiloni, bayala ukumphulaphula uYehova.

Usindiso LukaThixo Aluyi Kulibala

19. UYehova uza kumenzela njani isenzo sobulungisa uSirayeli?

19 Amazwi okugqibela kaIsaya esahluko 46 abalaselisa ubuntu bukaYehova, esithi: “Ndibusondezile ubulungisa bam. Abukho kude, nosindiso lwam aluyi kulibala. Yaye ndiya kunikela usindiso eZiyon, kuSirayeli ubuhle bam.” (Isaya 46:13) Ukukhulula kukaThixo uSirayeli kuya kuba sisenzo sobulungisa. Akayi kubayeka abantu bakhe bahlale besekuthinjweni. Usindiso lweZiyon luya kufika ngexesha elifanelekileyo, “aluyi kulibala.” Emva kokuba amaSirayeli ekhululiwe ekuthinjweni, aza kuba yindumasi kwiintlanga eziwangqongileyo. Ukuluhlangula kukaYehova uhlanga lwakhe kuya kuba bubungqina bamandla akhe okusindisa. Ukungabi loncedo koothixo baseBhabhiloni uBhele noNebho kuza kubhencwa ekuhleni, ukuze bonke abantu bakubone ukungabi namandla kwabo.—1 Kumkani 18:39, 40.

20. Anokuqiniseka njani amaKristu ukuba ‘usindiso lukaYehova aluyi kulibala’?

20 Ngowe-1919, uYehova wabakhulula abantu bakhe ekuthinjweni kokomoya. Akazange alibale. Eso siganeko, kwakunye neziganeko zamandulo zokubhukuqwa kweBhabhiloni nguKoreshi, ziyasikhuthaza namhlanje. UYehova uthembise ukuyiphelisa le nkqubo ingendawo yezinto, kuquka unqulo lwayo lobuxoki. (ISityhilelo 19:1, 2, 17-21) Xa ejonga izinto ngeliso lenyama, wambi amaKristu asenokuvakalelwa kukuba kuye kwadlula ixesha elide gqitha ngaphambi kokuba asindiswe. Noko ke, ukuba nomonde kukaYehova de kufike ixesha lakhe elifanelekileyo lokuzalisekisa eso sithembiso ngokwenene kusisenzo sobulungisa. Ngapha koko, “[uYehova] akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ngoko ke, qiniseka ukuba kanye njengakwimihla kaSirayeli wamandulo, ‘usindiso aluyi kulibala.’ Eneneni, njengoko imini yosindiso isondela, uYehova uyaqhubeka edlulisela isimemo sothando esithi: “Funani uYehova ngoxa esenokufunyanwa. Mbizeni ngoxa esekufuphi. Umntu ongendawo makashiye indlela yakhe, nomntu owenzakalisayo makashiye iingcamango zakhe; makabuyele kuYehova, oya kuba nenceba kuye, kuThixo wethu, kuba uya kuxolela ngokukhulu.”—Isaya 55:6, 7.

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 94]

Oothixo baseBhabhiloni abayikhuseli ekutshatyalalisweni kwayo

[Imifanekiso ekwiphepha 98]

AmaKristu namhlanje amele azilumkele izithixo zanamhlanje

[Imifanekiso ekwiphepha 101]

Yiba nesibindi sokwenza okulungileyo