Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuhluma Kobulungisa EZiyon

Ukuhluma Kobulungisa EZiyon

Isahluko Samashumi Amabini Anesibini

Ukuhluma Kobulungisa EZiyon

Isaya 61:1-11

1, 2. Luluphi utshintsho oluza kubakho kamsinya kuSirayeli, yaye luza kuziswa ngubani?

 MAKUVAKALISWE inkululeko! UYehova uzimisele ukubakhulula abantu bakhe aze ababuyisele ezweni lookhokho babo. Njengokuhluma kwembewu emva komvimbi, kuya kuba njalo ukuvela kwakhona konqulo lokwenyaniso. Ekufikeni kwaloo mini, ukudandatheka kuya kuthatyathelw’ indawo yindumiso yovuyo, neentloko ebezikade zigalelwe uthuli lokuzila ziza kuthweswa isithsaba sokwamkeleka kuThixo.

2 Ngubani lo oza kuzisa olu tshintsho lumangalisa kangaka? NguYehova kuphela onokwenza oko. (INdumiso 9:19, 20; Isaya 40:25) Umprofeti uZefaniya eprofeta wayalela wathi: “Memelela ngovuyo ntombi yaseZiyon! Chwayita, wena Sirayeli! Yiba nemihlali, ugcobe ngentliziyo yakho yonke, wena ntombi yaseYerusalem! UYehova uyishenxisile imigwebo phezu kwakho.” (Zefaniya 3:14, 15) Esinjani sona isihlandlo sovuyo esiya kuba siso eso! Xa uYehova ehlanganisa intsalela ehlaziyiweyo evela eBhabhiloni ngowama-537 B.C.E., oko kuya kufana nokuzaliseka kwephupha.—INdumiso 126:1.

3. Azaliseka njani amazwi esiprofeto kaIsaya isahluko 61?

3 Olu hlaziyo luxelwe kwangaphambili kuIsaya isahluko 61. Noko ke, nangona eso siprofeto sazaliseka ngokucacileyo ngowama-537 B.C.E., sizaliseka ngakumbi kwixesha elisemva koko. Le nzaliseko yaso engakumbi ibandakanya uYesu kunye nabalandeli bakhe ngenkulungwane yokuqala nabantu bakaYehova namhlanje. Ngoko ke, hayi indlela ebaluleke ngayo intsingiselo yala mazwi aphefumlelweyo!

“Unyaka Wenkoliseko”

4. Ngubani othunywa ukuba avakalise iindaba ezilungileyo kwinzaliseko yokuqala kaIsaya 61:1, yaye ibe ngubani kwinzaliseko yesibini?

4 UIsaya ubhala esithi: “Umoya weNkosi enguMongami uYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba uYehova undithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Undithumele ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukubhengeza inkululeko kwabo bathinjiweyo nokuvulwa kwamehlo amabanjwa.” (Isaya 61:1) Ngubani lo uthunywe ukuba avakalise iindaba ezilungileyo? Kunokwenzeka ukuba, okokuqala nguIsaya, ophefumlelwe nguThixo ukuba abhalele abathinjwa baseBhabhiloni iindaba ezilungileyo. Kodwa ke, uYesu walatha kweyona nzaliseko ibalulekileyo xa wawabhekisa kuye uqobo la mazwi kaIsaya. (Luka 4:16-21) Ewe, uYesu wathunywa ukuba avakalise iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo, yaye ukuze afeze oko wathanjiswa ngomoya oyingcwele ekubhaptizweni kwakhe.—Mateyu 3:16, 17.

5. Ngoobani abebeshumayela iindaba ezilungileyo malunga nama-2 000 eminyaka?

5 Ngaphezu koko, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba babe ngabahambisi bevangeli, okanye abashumayeli beendaba ezilungileyo. NgePentekoste yowama-33 C.E., abamalunga ne-120 kubo bathanjiswa ngomoya oyingcwele baza baba ngoonyana bokomoya bakaThixo. (IZenzo 2:1-4, 14-42; Roma 8:14-16) Nabo bathunywa ukuba bavakalise iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo nakwabantliziyo zaphukileyo. Abo bali-120 baba ngabokuqala be-144 000 ukuthanjiswa ngale ndlela. Abokugqibela beli qela basakhuthele emhlabeni nanamhlanje. Ngoko, sekuphantse kube ngama-2 000 eminyaka ngoku, abalandeli abathanjisiweyo bakaYesu benikela ubungqina “ngenguquko kuThixo nokholo kwiNkosi yethu uYesu.”—IZenzo 20:21.

6. Ngoobani abafumana isiqabu ngokuva iindaba ezilungileyo ezazishunyayelwa mandulo, yaye kuthekani namhlanje?

6 Isigidimi esiphefumlelweyo sikaIsaya siye sawazisela isiqabu amaYuda aguqukileyo aseBhabhiloni. Ngemihla kaYesu nabafundi bakhe, sawazisela isiqabu amaYuda antliziyo zaphukileyo ngenxa yobungendawo obabukho kwaSirayeli nawayekhotyokiswe zizithethe zonqulo lobuxoki zobuYuda benkulungwane yokuqala. (Mateyu 15:3-6) Namhlanje izigidi ezikhotyokiswe ngamasiko obuhedeni eNgqobhoko nazizithethe zokungahloneli Thixo ‘ziyancwina yaye ziyagcuma’ ngenxa yezinto ezicekisekayo ezenziwa elunqulweni. (Hezekile 9:4) Abo bazamkelayo iindaba ezilungileyo bayakhululeka kuloo meko ilusizi. (Mateyu 9:35-38) Amehlo abo engqondo avuleka ngakumbi xa befunda ukunqula uYehova “ngomoya nangenyaniso.”—Yohane 4:24.

7, 8. (a) Yiyiphi ‘iminyaka emibini ekhoyo yenkoliseko’? (b) Yiyiphi ‘imihla kaYehova yempindezelo’?

7 Kukho ixesha elimiselweyo lokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. UYesu nabalandeli bakhe bayalelwa kwathiwa: “[Bhengezani] unyaka wenkoliseko kaYehova nomhla wempindezelo kaThixo wethu; ukuthuthuzela bonke abazilileyo.” (Isaya 61:2) Unyaka lixesha elide, kodwa unesiqalo nesiphelo. “Unyaka wenkoliseko” kaYehova lixesha lokunika kwakhe abalulamileyo ithuba lokusabela kwisibhengezo sakhe senkululeko.

8 Ngenkulungwane yokuqala, unyaka wenkoliseko wohlanga lwakwaYuda waqala ngowama-29 C.E. ekuqaliseni kukaYesu ubulungiseleli bakhe basemhlabeni. Wathi kumaYuda: “Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.” (Mateyu 4:17) Loo nyaka wenkoliseko waphela ‘ngomhla wempindezelo’ kaYehova, owafikelela incopho yawo ngowama-70 C.E. xa uYehova wavumela imikhosi yamaRoma ukuba itshabalalise iYerusalem netempile yayo. (Mateyu 24:3-22) Thina namhlanje siphila komnye unyaka wenkoliseko, oqale ekumiselweni koBukumkani bukaThixo emazulwini ngowe-1914. Nawo lo unyaka wenkoliseko uza kuphela ngemini yempindezelo enkulu ngakumbi, xa uYehova etshabalalisa le nkqubo yehlabathi yezinto iphela ‘kwimbandezelo enkulu.’—Mateyu 24:21.

9. Ngoobani namhlanje abangenelwayo kunyaka wenkoliseko kaYehova?

9 Ngoobani namhlanje abangenelwayo kunyaka kaThixo wenkoliseko? Ngabo basamkelayo isigidimi, babonise ukululama, baze bakuxhase ngenzondelelo ukuvakaliswa koBukumkani bukaThixo kuzo “zonke iintlanga.” (Marko 13:10) Bona abo banjalo bafumanisa ukuba iindaba ezilungileyo zizisa intuthuzelo yokwenene. Kodwa abo basigatyayo isigidimi, bengafuni ukusabela kulo nyaka wenkoliseko kaYehova, kungekudala baza kufikelwa ngumhla wakhe wempindezelo.—2 Tesalonika 1:6-9.

Isiqhamo Sokomoya Esizukisa UThixo

10. AmaYuda abuyileyo eBhabhiloni achatshazelwa njani sisenzo esikhulu uYehova awenzele sona?

10 AmaYuda abuyileyo eBhabhiloni ayaqonda ukuba inkulu into uYehova awenzele yona. Ukwenza kwawo isijwili njengabathinjwa kuye kwaguquka kwaba kukugcoba nokudumisa ngenxa yokuba ede akhululeka ekugqibeleni. Ngaloo ndlela, uIsaya uluzalisekisile uthumo lwakhe lobuprofeti, “[lokwabela] abo bakhedamileyo eZiyon, ukubanika isigqubuthelo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yokugcoba esikhundleni sokuzila, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odakumbileyo; yaye baya kubizwa ngokuba yimithi emikhulu yobulungisa, oko kutyalwe nguYehova, ukuze yena ahombe.”—Isaya 61:3.

11. Ngoobani ngenkulungwane yokuqala ababenesizathu esihle sokudumisa uYehova ngenxa yesenzo sakhe esikhulu?

11 Ngenkulungwane yokuqala, amaYuda awakwamkelayo ukukhululwa kubukhoboka bonqulo lobuxoki nawo amdumisa uThixo ngento enkulu awenzele yona. Umoya wawo odakumbileyo wathatyathelw’ indawo ‘yingubo yendumiso’ xa ahlangulwa kuhlanga olufileyo ngokomoya. Olo tshintsho lwenzeka kuqala kubafundi bakaYesu xa ukuzilela kwabo ukufa kwakhe kwaba kukugcoba ekuthanjisweni kwabo ngomoya oyingcwele yiNkosi yabo evusiweyo. Kungekudala emva koko, utshintsho olufanayo lwenzeka kwabangama-3 000 abalulamileyo abasabelayo ekushumayeleni kwaloo maKristu ayesandul’ ukuthanjiswa baza babhaptizwa ngePentekoste yowama-33 C.E. (IZenzo 2:41) Hayi indlela ekwakukhuthaza ngayo ukuqinisekiswa ukuba babeza kusikelelwa nguYehova! Esikhundleni ‘sokukhedama ngenxa yeZiyon,’ bafumana umoya oyingcwele baza bahlaziywa ‘yioli yokugcoba,’ efuzisela ukugcoba kwabo basikelelwe ngokutyebileyo nguYehova.—Hebhere 1:9.

12, 13. (a) Ngoobani ‘ababeyimithi emikhulu yobulungisa’ phakathi kwamaYuda awabuyayo ngowama-537 B.C.E.? (b) Ngoobani ‘ababeyimithi emikhulu yobulungisa’ ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E.?

12 UYehova ubasikelela abantu bakhe ‘ngemithi emikhulu yobulungisa.’ Ngoobani le mithi mikhulu? Ngeminyaka yasemva kowama-537 B.C.E., yayingabantu abafundisisa baza bacamngca ngeLizwi likaThixo baza bahlakulela imilinganiselo kaYehova yobulungisa. (INdumiso 1:1-3; Isaya 44:2-4; Yeremiya 17:7, 8) Loo madoda anjengoEzra, uHagayi, uZekariya, noMbingeleli Omkhulu uYoshuwa angqineka ‘eyimithi emikhulu’ ngokukhethekileyo—eziintsika zenyaniso nezokuthintela ukungcoliseka kohlanga ngokomoya.

13 Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E. ukusa phambili, uThixo watyala eminye “imithi emikhulu yobulungisa”—amaKristu athanjisiweyo anenkalipho—eluhlanga lwakhe olutsha ‘loSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) Ebudeni beenkulungwane, le “mithi” iye yaba li-144 000, elivelise iziqhamo zobulungisa zokuhombisa, okanye zokuzukisa uYehova uThixo. (ISityhilelo 14:3) Eyokugqibela yale “mithi” mikhulu gqitha iye yachuma ngeminyaka esusela kowe-1919, xa uYehova wahlaziya abaseleyo boSirayeli kaThixo kwimeko yabo yokungenzi nto okwexeshana. Ngokubanika intabalala yamanzi okomoya, uYehova uye wavelisa ihlathi lobulungisa, lemithi evelisa iziqhamo.—Isaya 27:6.

14, 15. Yiyiphi imisebenzi eye yenziwa ngabanquli bakaYehova abakhululiweyo ukususela (a) ngowama-537 B.C.E.? (b) ngowama-33 C.E.? (c) ngowe-1919?

14 Ebalaselisa umsebenzi wale “mithi,” uIsaya uhlabela mgama esithi: “Baya kuzakha iindawo ekudala ziphanzile; baya kuvusa neendawo ezichithekileyo zamaxesha angaphambili, yaye ngokuqinisekileyo baya kuzihlaziya izixeko eziphanzisiweyo, iindawo ezichithakeleyo kwizizukulwana ngezizukulwana.” (Isaya 61:4) Ngokomyalelo kaKumkani uKoreshi wasePersi, amaYuda athembekileyo awabuyayo eBhabhiloni ayakha kwakhona iYerusalem netempile yayo, eyayiphanzisiwe kangangexesha elide. Olu hlaziyo lwaluza kwenzeka nakwiminyaka esemva kowama-33 C.E. nesemva kowe-1919.

15 Ngowama-33 C.E., abafundi bakaYesu baba buhlungu gqitha ngenxa yokubanjwa, ukugwetywa nokubulawa kwakhe. (Mateyu 26:31) Noko ke, imeko yabo yatshintsha xa wabonakalayo kubo emva kokuvuka kwakhe. Yaye bakuba bethululelwe umoya oyingcwele, baxakeka ngumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo, “eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Ngaloo ndlela baqalisa ukubuyisela unqulo olunyulu. Ngokufanayo, ukususela ngowe-1919 uYesu Kristu wabangela ukuba intsalela yabazalwana bakhe abathanjisiweyo yakhe kwakhona “iindawo ezichithakeleyo kwizizukulwana ngezizukulwana.” Kangangeenkulungwane abefundisi beNgqobhoko baye basilela ukudlulisela ulwazi ngoYehova, baza endaweni yoko bafundisa izithethe zabantu neemfundiso ezingezozaZibhalo. AmaKristu athanjisiweyo aye asusa emabandleni awo lonke uqheliselo lonqulo lobuxoki ukuze ukuhlaziywa konqulo lokwenyaniso kuqhubele phambili. Yaye aye aqalisa iphulo elikhulu lokunikela ubungqina ehlabathini lonke.—Marko 13:10.

16. Ngoobani abaye bancedisa amaKristu athanjisiweyo emsebenzini wawo wokuhlaziya, yaye yiyiphi imisebenzi abaye banikwa yona?

16 Olu yayiluthumo olukhulu. Elo qaqobana lentsalela yoSirayeli kaThixo lalinokuwufeza njani loo msebenzi? UYehova waphefumlela uIsaya ukuba avakalise athi: “Baya kuma abasemzini baluse imihlambi yenu, abolunye uhlanga babe ngabalimi benu nabasebenzi-zidiliya benu.” (Isaya 61:5) Aba basemzini nabolunye uhlanga bokomfuziselo bangqineke ‘besisihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu’ zikaYesu. a (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:11, 16) Abathanjiswanga ngomoya oyingcwele njengeendlalifa zasezulwini. Kunoko, banethemba lobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. (ISityhilelo 21:3, 4) Sekunjalo, bayamthanda uYehova yaye baye banikwa umsebenzi wokomoya wokwalusa, ukulima, nokunyamekela izidiliya. Leyo asiyomisebenzi ephantsi. Besebenza phantsi kolwalathiso lwentsalela yoSirayeli kaThixo, aba basebenzi bancedisa ekwalusweni, ekondliweni, nasekuvunweni kwabantu.—Luka 10:2; IZenzo 20:28; 1 Petros 5:2; ISityhilelo 14:15, 16.

17. (a) Aza kubizwa ngokuba angoobani amalungu oSirayeli kaThixo? (b) Liliphi ekuphela kwedini elifunekayo ukuze kuxolelwe izono?

17 Kuthekani ngoSirayeli kaThixo? Esebenzisa uIsaya, uYehova uthi kuye: “Nina ke, niya kubizwa ngokuba ngababingeleli bakaYehova; kuya kuthiwa ningabalungiseleli bakaThixo wethu. Niya kudla ubuncwane beentlanga, kwaye niya kuthetha ngochulumanco nizizukise ngazo.” (Isaya 61:6) KuSirayeli wamandulo, uYehova wenza ilungiselelo lokuba ababingeleli babaLevi banyuse amadini abo bona babingeleli kunye nawamanye amaSirayeli. Noko ke, ngowama-33 C.E., uYehova wayeka ukusebenzisa ababingeleli babaLevi waza wamisela ilungiselelo elilunge ngakumbi. Wabamkela ubomi obufezekileyo bukaYesu njengedini lezono zoluntu. Ukususela ngoko, akuzange kubekho mfuneko yelinye idini. Idini likaYesu lisebenza ngamaxesha onke.—Yohane 14:6; Kolose 2:13, 14; Hebhere 9:11-14, 24.

18. Luluphi uhlobo lobubingeleli obubunjwa nguSirayeli kaThixo, yaye luyintoni uthumo lwakhe?

18 Ngoko ke, kwenzeka njani ukuba amalungu oSirayeli kaThixo abe “ngababingeleli bakaYehova”? Ebhalela amanye amaKristu athanjisiweyo, umpostile uPetros wathi: “Nina ‘nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele, isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, ukuze nivakalise ngokubanzi iimbalasane’ zalowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.” (1 Petros 2:9) Ngenxa yoko, iqela lamaKristu athanjisiweyo libumba ububingeleli obunothumo olukhethekileyo: ukuxelela iintlanga ngozuko lukaYehova. Eli qela limele libe ngamangqina akhe. (Isaya 43:10-12) Ebudeni bale mihla yokugqibela, amaKristu athanjisiweyo aye aluphumeza ngokuthembekileyo olu thumo lubalulekileyo. Ngenxa yoko, ngoku kukho amawakawaka anesabelo kunye nawo emsebenzini wokunikela ubungqina ngoBukumkani bukaYehova.

19. Yiyiphi inkonzo amaKristu athanjisiweyo aza kuba nelungelo lokuyiphumeza?

19 Ukongezelela, amalungu oSirayeli kaThixo anethemba lokukhonza njengababingeleli ngenye indlela. Emva kokufa kwawo, avuselwa kubomi bokomoya bokungafi ezulwini. Apho akhonza kungekuphela njengabalawuli kunye noYesu eBukumkanini bakhe kodwa kwananjengababingeleli bakaThixo. (ISityhilelo 5:10; 20:6) Ngaloo ndlela, aza kuba nelungelo lokusebenzisa iingenelo zedini lentlawulelo likaYesu kuluntu oluthembekileyo emhlabeni. Embonweni kampostile uYohane obhalwe kwiSityhilelo isahluko 22, aphinde achazwa ‘njengemithi.’ Yonke le “mithi” eli-144 000 ibonwa ezulwini, ivelisa ‘iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinesibini, ivelisa iziqhamo zayo nyanga nganye. Yaye amagqabi ale mithi ngawokuphilisa iintlanga.’ (ISityhilelo 22:1, 2) Ngokwenene anomsebenzi omangalisayo wobubingeleli!

Ukuhlaziswa Nokuthotywa, Kulandele Imihlali

20. Phezu kwayo nje inkcaso, ububingeleli basebukhosini bulindelwe yiyiphi intsikelelo?

20 Ukususela ngowe-1914 ekuqaleni konyaka wenkoliseko kaYehova, ububingeleli basebukhosini buye bachaswa ngokuqhubekayo ngabefundisi beNgqobhoko. (ISityhilelo 12:17) Kodwa, yonke imigudu yokuphelisa ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo iye yasilela ekugqibeleni. Isiprofeto sikaIsaya sakuxela kwangaphambili oku, sisithi: “Esikhundleni sehlazo lenu kuya kubakho inxalenye ephindiweyo, yaye esikhundleni sokuthotywa baya kumemelela ngovuyo ngenxa yesabelo sabo. Ngoko ke elizweni labo baya kudla ilifa lenxalenye ephindiweyo. Baya kuba nemihlali ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Isaya 61:7.

21. AmaKristu athanjisiweyo aye azinandipha njani iintsikelelo eziphindiweyo?

21 Ebudeni beMfazwe Yehlabathi I, intsalela ethanjisiweyo yahlaziswa yaza yathotywa yiNgqobhoko enobuhlanga. Kwakukho nabefundisi phakathi kwabo babebabhaxeka ngezimangalo zobuxoki abazalwana abasibhozo abathembekileyo bekomkhulu laseBrooklyn ngokuthi baphembelela ukuvukelwa kukarhulumente. Aba bazalwana bavalelwa entolongweni ngokungafanelekanga kangangeenyanga ezisithoba. Ekugqibeleni, ngentwasahlobo yowe-1919, bakhululwa, zaza kamva zarhoxiswa zonke izimangalo nxamnye nabo. Ngaloo ndlela lapatyalaka iqhinga lokupheliswa komsebenzi wokushumayela. Kunokuba avumele abanquli bakhe bahlaziswe ngokupheleleyo, uYehova wabakhulula waza wabahlaziyela kwimeko yabo yokomoya, “elizweni labo.” Apho bafumana iintsikelelo eziphindiweyo. Ukufumana intsikelelo kaYehova engakumbi kunangaphambili kuye kwawapholisa amanxeba engcinezelo yabo. Enyanisweni babenesizathu sokumemelela ngovuyo!

22, 23. AmaKristu athanjisiweyo aye amxelisa njani uYehova, yaye uye wawavuza njani?

22 Oko uYehova akutshoyo ngoku kunika amaKristu namhlanje esinye isizathu sokuba nemihlali: “Mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga kunye nentswela-bulungisa. Yaye ndiza kubanika umvuzo wabo ngenyaniso, nomnqophiso ohlala ngokungenammiselo ndiya kuwenza kubo.” (Isaya 61:8) Ngokufundisisa kwayo iBhayibhile, intsalela ethanjisiweyo iye yafunda ukuthanda okusesikweni nokuthiya okungendawo. (IMizekeliso 6:12-19; 11:20) Ifunde ‘ukuwakhanda amakrele ayo aba ngamakhuba,’ ngokuthi ihlale ingundilele kwiimfazwe zoluntu nakwiingxwaba-ngxwaba zezobupolitika. (Isaya 2:4) Kwakhona iyalugatya uqheliselo lokungahloneli Thixo, njengokuhleba, ukukrexeza, ubusela, nokunxila.—Galati 5:19-21.

23 Ngenxa yokuba amaKristu athanjisiweyo exelisa uMdali wawo ekuthandeni okusesikweni, uYehova uye wawanika ‘umvuzo wawo ngenyaniso.’ Omnye waloo “mvuzo” ngumnqophiso ohlala ngokungenammiselo—umnqophiso omtsha—lowo uYesu wawuvakalisayo kubalandeli bakhe ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe. Kube ngenxa yalo mnqophiso aye aba luhlanga lokomoya, abantu abakhethekileyo bakaThixo. (Yeremiya 31:31-34; Luka 22:20) Phantsi kwawo, uYehova uya kuzisa zonke iingenelo zedini lentlawulelo likaYesu, kuquka ukuxolelwa kwezono zabo bathanjisiweyo nezalo lonke olunye uluntu oluthembekileyo.

Ukugcoba Ngenxa Yeentsikelelo ZikaYehova

24. Ngoobani phakathi kweentlanga ‘abayinzala’ esikelelweyo, yaye babe yiyo njani “inzala”?

24 Abathile kwiintlanga baye bayiphawula indlela uYehova abasikelele ngayo abantu bakhe. Oku kwaxelwa kwangaphambili kwisithembiso sikaYehova esithi: “Nenzala yabo okunene iya kwaziwa naphakathi kweentlanga, nabaphuma kubo phakathi kwezizwana. Bonke abababonayo baya kubaqonda, ukuba bayinzala ayisikeleleyo uYehova.” (Isaya 61:9) Amalungu oSirayeli kaThixo, amaKristu athanjisiweyo, aye aqhubeka ekhuthele phakathi kweentlanga ebudeni bonyaka wenkoliseko kaYehova. Namhlanje abo baye basabela kubulungiseleli bawo bafikelela kwizigidi. Abo beentlanga basebenza ngokusondeleyo noSirayeli kaThixo, banelungelo lokuba “yinzala ayisikeleleyo uYehova.” Uvuyo lwabo lubonwa ngabo bonke abantu.

25, 26. Ewonke nje amaKristu alubonakalisa njani uluvo oluvakaliswe kuIsaya 61:10?

25 Onke amaKristu, lawo athanjisiweyo nalawo ezinye izimvu, akhangele phambili ekudumiseni uYehova ngonaphakade. Avumelana ngentliziyo iphela nomprofeti uIsaya, ophefumlelwe ukuba athi: “Nakanjani na ndiya kugcoba ngoYehova. Umphefumlo wam uya kuvuya ngoThixo wam. Kuba undambese ngezambatho zosindiso; undisongele ngesambatho esingenamikhono sobulungisa, njengomyeni onesigqubuthelo sentloko njengombingeleli, nanjengomtshakazi ozivathisa ngezinto zakhe zokuhomba.”—Isaya 61:10.

26 Enxibe ‘isambatho esingenamikhono sobulungisa’, amaKristu athanjisiweyo azimisele ukuhlala enyulu yaye ecocekile emehlweni kaYehova. (2 Korinte 11:1, 2) Njengoko uYehova ewavakalise engamalungisa anethemba lobomi basezulwini, akasayi kuze aphinde abuyele kwimeko ephanzileyo yeBhabhiloni Enkulu, leyo aye akhululwa kuyo. (Roma 5:9; 8:30) Izambatho zosindiso zixabiseke kakhulu kuwo. Amaqabane awo ezinye izimvu nawo azimisele ngokufanayo ukugcina imilinganiselo ephakamileyo kaYehova uThixo yonqulo olunyulu. Njengoko ‘eyihlambile imiwunduzo yawo ayenza mhlophe egazini leMvana,’ avakaliswa engamalungisa yaye aza kusinda “embandezelweni enkulu.” (ISityhilelo 7:14; Yakobi 2:23, 25) De kube lelo xesha, axelisa amaqabane awo athanjisiweyo ekuphepheni nakuphi na ukungcoliswa yiBhabhiloni Enkulu.

27. (a) Ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka, kukuphi ‘ukuhluma’ okuphawulekayo okuza kubakho? (b) Yiyiphi indlela obusele buhluma ngayo ubulungisa phakathi koluntu?

27 Namhlanje abanquli bakaYehova bayakuvuyela ukuba kwiparadesi yokomoya. Kungekudala baza kunandipha iParadesi yokoqobo. Sikhangele phambili ngentliziyo yethu yonke kwelo xesha, elichazwe ngokucacileyo emazwini okuqukumbela kaIsaya isahluko 61, athi: “Njengoko umhlaba uvelisa ihlumelo lawo, nanjengoko umyezo uzenza zihlume izinto ezihlwayelwe kuwo, ngokunjalo neNkosi enguMongami uYehova iya kuhlumisa ubulungisa nendumiso phambi kwazo zonke iintlanga.” (Isaya 61:11) Ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu, umhlaba uza ‘kuhluma ubulungisa.’ Abantu baya kumemelela ngoloyiso, yaye ubulungisa buya kunabela eziphelweni zomhlaba. (Isaya 26:9) Noko ke, thina akuyomfuneko ukuba silindele loo mini izukileyo ukuze sikwazi ukudumisa phambi kwazo zonke iintlanga. Ubulungisa sele buhluma ngoku kwizigidi ezizukisa uThixo wezulu nezivakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe. Kwanangoku ukholo lwethu nethemba lethu lisinika isizathu esihle sokugcoba ngenxa yeentsikelelo zoThixo wethu.

[Umbhalo osemazantsi]

a UIsaya 61:5 wayesenokuzaliseka mandulo, ekubeni abangengomaYuda bapheleka amaYuda emvelo ekubuyeleni kwawo eYerusalem baza ngokunokwenzeka bancedisa ekuhlaziyweni kwelizwe. (Ezra 2:43-58) Noko ke, ukususela kwindinyana 6 esi siprofeto sibonakala sibhekisela kuSirayeli kaThixo kuphela.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 323]

UIsaya uvakalisa iindaba ezilungileyo kumaYuda asekuthinjweni

[Umfanekiso okwiphepha 331]

Ukususela ngowama-33 C.E., uYehova uye watyala “imithi emikhulu yobulungisa” eli-144 000

[Umfanekiso okwiphepha 334]

Umhlaba uza kuhluma ubulungisa