Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukwanda Konqulo Lokwenyaniso Ehlabathini Lonke

Ukwanda Konqulo Lokwenyaniso Ehlabathini Lonke

Isahluko Samashumi Amabini Ananye

Ukwanda Konqulo Lokwenyaniso Ehlabathini Lonke

Isaya 60:1-22

1. Sisiphi isigidimi esikhuthazayo esiqulethwe kuIsaya isahluko 60?

 ISAHLUKO 60 sikaIsaya sibhalwe ngathi ngumdlalo ochukumisayo. Kwiindinyana zaso zokuqala, ingqalelo yethu ithinjwa sisiganeko esichukumisayo. Itsho ngothotho lweziganeko ezilandelelanayo, nezifikelela kwincopho echukumisayo. Esi sahluko sichaza ngokucace gca ukubuyiselwa konqulo lokwenyaniso kwiYerusalem yamandulo nokwanda konqulo lokwenyaniso namhlanje ehlabathini lonke. Ngaphezu koko, salatha kwiintsikelelo ezingunaphakade ezigcinelwe bonke abanquli abanyanisekileyo bakaThixo. Ngamnye wethu unokuba nenxaxheba ekuzalisekeni kwale nxalenye ibangel’ umdla yesiprofeto sikaIsaya. Ngoko ke makhe siyihlolisise ngenyameko.

Ukukhanya Kukhanyisa Ebumnyameni

2. Nguwuphi umyalelo onikwa umfazi othe tywa ebumnyameni, yaye kutheni kungxamisekile ukuba awuthobele?

2 Amazwi entshayelelo esi sahluko sikaIsaya abhekiswa kumfazi okwimeko emaxongo. Kubonakala ukuba uthe tywa phantsi ebumnyameni. Ngesiquphe, kuthi gqi ilitha lokukhanya kobo bumnyama njengoko uYehova, esebenzisa uIsaya, embiza esithi: “Sukuma, mfazi, ukhanyise, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova bukhanyisile phezu kwakho.” (Isaya 60:1) Ewe, lo “mfazi” ufanele eme ngeenyawo aze abonakalise uzuko lukaThixo! Kutheni kungxamisekile nje oku? Esi siprofeto sihlabela mgama sisithi: “Khangela! ubumnyama buya kuwugubungela umhlaba, nesithokothoko amaqela eentlanga; kodwa phezu kwakho uYehova uya kukhanyisa, bubonakale phezu kwakho ubuqaqawuli bakhe.” (Isaya 60:2) Ukuze kungenelwe abamelwane bakhe abasafathula ebumnyameni, lo “mfazi” umele ‘akhanyise.’ Uza kuba yintoni umphumo? Ngokuqinisekileyo iintlanga ziya kuya ekukhanyeni kwakho, nookumkani ekuqaqambeni kokukhanyisa kwakho.” (Isaya 60:3) La mazwi entshayelelo asithela thsuphe ngoko kuza kuchazwa ngokubanzi kwiindinyana ezilandelayo—unqulo lokwenyaniso lumele lwande ehlabathini lonke!

3. (a) Ungubani lo “mfazi”? (b) Kutheni lo “mfazi” ebelele ebumnyameni?

3 Nangona ethetha ngeziganeko zexesha elizayo, uYehova uthi kulo “mfazi” ukukhanya kwakhe “kufikile.” Oku kusisiqinisekiso sokuba esi siprofeto siza kuzaliseka. Lo “mfazi” kubhekiswa kuye apha yiZiyon, okanye iYerusalem, ikomkhulu lakwaYuda. (Isaya 52:1, 2; 60:14) Esi sixeko simele uhlanga luphela. Ngexesha lokuzaliseka kokuqala kwesi siprofeto, lo “mfazi” ufunyanwa elele ebumnyameni, okoko ebelele ekutshatyalalisweni kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. Noko ke, ngowama-537 B.C.E., intsalela ethembekileyo yamaYuda abesekuthinjweni ibuyela eYerusalem ize ibuyisele unqulo olunyulu. Ekugqibeleni, uYehova uye wamkhanyisela ‘umfazi’ wakhe, baza abantu bakhe ababuyisiweyo baba ngumthombo wokukhanya kwiintlanga ezisebumnyameni.

Inzaliseko Enkulu Ngakumbi

4. Ngubani namhlanje emhlabeni omela ‘umfazi,’ yaye ngoobani abanye akwabhekisela kubo la mazwi esiprofeto?

4 Umdla wethu kula mazwi esiprofeto awupheleli nje ekuzalisekeni kwawo kwiYerusalem yamandulo. Namhlanje ‘umfazi’ kaYehova wasezulwini umelwa emhlabeni ‘nguSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) Ukususela ekuveleni kwalo ngePentekoste yowama-33 C.E. ukuza kuthi ga ngoku, olu hlanga lokomoya luye lwaba namalungu athanjiswe ngomoya ali-144 000 “athengwe emhlabeni,” nanethemba lokulawula noKristu ezulwini. (ISityhilelo 14:1, 3) Namhlanje uIsaya isahluko 60 uzaliseka kwabo be-144 000 abaphilayo emhlabeni ebudeni ‘bemihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Esi siprofeto sikwabhekisela nakumaqabane ala maKristu athanjisiweyo, “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu.’—ISityhilelo 7:9; Yohane 10:11, 16.

5. Amalungu asindileyo oSirayeli kaThixo aye alala nini ebumnyameni, yaye uYehova wawakhanyisela nini?

5 Kangangethuba elifutshane ekuqaleni kweminyaka yee-1900, abo boSirayeli kaThixo basesemhlabeni bazifumana belele ebumnyameni, ngokungathi kunjalo. Ekupheleni kwemfazwe yehlabathi yokuqala babekwimeko echazwe ngokufuziselayo encwadini yeSityhilelo ngokuthi, izidumbu zabo ziqungquluze “endleleni ephangaleleyo yesixeko esikhulu eso ngengqiqo yokomoya sibizwa ngokuba yiSodom neYiputa.” (ISityhilelo 11:8) Noko ke, ngowe-1919 uYehova wabakhanyisela. Basabela kakuhle ngokuthi baphakame baze babonakalise oko kukhanya kukaThixo, bevakalisa ngenkalipho iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.—Mateyu 5:14-16; 24:14.

6. Lisabele njani ihlabathi ngokubanzi ekubhengezweni kobukho bukaYesu njengokumkani, kodwa ngoobani abaye beza ekukhanyeni kukaYehova?

6 Luphenjelelwa nguSathana, inkosi ‘yabalawuli behlabathi bobu bumnyama,’ uluntu ngokubanzi luye lwasigatya isibhengezo sobukho obuzukileyo bukaYesu Kristu, ‘olukhanyiselo lwehlabathi.’ (Efese 6:12; Yohane 8:12; 2 Korinte 4:3, 4) Sekunjalo, izigidi ziye zeza ekukhanyeni kukaYehova, kuquka “ookumkani” (abo baba ziindlalifa ezithanjisiweyo zoBukumkani basezulwini) kunye ‘neentlanga’ (isihlwele esikhulu sezinye izimvu).

Ulwando Lubangela Uvuyo Olusuk’ Entliziyweni

7. Nguwuphi umbono ochukumis’ intliziyo awubonayo lo “mfazi”?

7 Ukongezelela kwingxelo ekuIsaya 60:3, uYehova umnika omnye umyalelo lo “mfazi,” esithi: “Phakamisa amehlo akho macala onke uze ubone!” Uthe akwenjenjalo lo “mfazi,” wabona umbono ochukumis’ intliziyo—ubona abantwana bakhe begoduka! “Bonke baqokelelene ndawonye; beze kuwe. Oonyana bakho beza bevela kude, neentombi zakho eziza kunyanyekelwa ephangweni.” (Isaya 60:4) Ukuvakaliswa koBukumkani kwizizwe ngezizwe okwaqalisa ngowe-1919 kwaphumela ekubeni kongezeleleke amawakawaka angakumbi “oonyana” “neentombi” kuSirayeli kaThixo. Ngale ndlela uYehova wayethabatha amanyathelo okuzalisa inani elalixelwe kwangaphambili labali-144 000, abaza kulawula noKristu.—ISityhilelo 5:9, 10.

8. Sisiphi isizathu sokuvuya aye wanaso uSirayeli kaThixo ukususela ngowe-1919?

8 Olu lwando lwabangela uvuyo. “Ngelo xesha uya kubona uze ngokuqinisekileyo ukhazimle, yaye okunene intliziyo yakho iya kugubha ize yande, ngenxa yokuba indyebo yolwandle iya kuzizisa kuwe; bona kanye ubuncwane beentlanga buya kuza kuwe.” (Isaya 60:5) Ukuhlanganiswa kwabathanjisiweyo ebudeni beminyaka yee-1920 neyee-1930 kwamvuyisa kakhulu uSirayeli kaThixo. Kanti, wayenaso nesinye isizathu sokuvuya. Ingakumbi ukususela phakathi kwiminyaka yee-1930, abantu ababekade beyinxalenye “yolwandle” loluntu oluzahlukanisileyo noThixo baye baphuma kuzo zonke iintlanga ukuza kunqula kunye noSirayeli kaThixo. (Isaya 57:20; Hagayi 2:7) Aba bantu abasuki nje bazikhonzele uThixo, elowo ngendlela yakhe. Kunoko, beza kulo “mfazi” kaThixo baze babe yinxalenye yomhlambi omanyeneyo kaThixo. Ngoko ke, bonke abakhonzi bakaThixo banegalelo ekwandeni konqulo lokwenyaniso.

Ukuhlanganisana Kweentlanga EYerusalem

9, 10. Ngoobani ababonwa behlanganisana eYerusalem, yaye uYehova ubamkela njani?

9 Esebenzisa imizekeliso eqhelekileyo kubantu bexesha likaIsaya, uYehova uchaza ulwando oluza kubakho. Lo “mfazi,” omi kwiNtaba yeZiyon ephakamileyo, uphosa amehlo kummandla wasempuma. Yintoni ayibonayo apho? “Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, amathole eenkunzi zeenkamela akwaMidiyan nawakwaEfa. Bonke abo bavela eShebha—baya kuza. Baya kuthwala igolide nentlaka yokuqhumisa. Kwaye baya kwazisa iindumiso zikaYehova.” (Isaya 60:6) Imikhosi yeenkamela eyayisetyenziswa ngabarhwebi abakhenkethayo bezizwe ngezizwe yayithe chu isinge eYerusalem. (Genesis 37:25, 28; ABagwebi 6:1, 5; 1 Kumkani 10:1, 2) Ezi nkamela zikho kuyo yonk’ indawo, njengomkhukula ozalise ilizwe! Le mikhosi izise izipho ezixabisekileyo, nto leyo ebonisa ukuba aba barhwebi beze ngoxolo. Bafuna ukunqula uYehova nokunikela kuye owona mnikelo uxabisekileyo.

10 Aba barhwebi abahambi bodwa. “Yonke imihlambi yakwaKedare—iya kuqokelelwa ndawonye kuwe. Iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti—ziya kukulungiselela.” Ewe, kukwakho nabalusi abasendleleni eya eYerusalem. Baphethe ezona zipho zixabisekileyo—imihlambi yeegusha—baze bona ngokwabo bakhonze njengabalungiseleli. Uza kubamkela njani uYehova? Uthi: “Ziya kunyukela esibingelelweni sam ngenkoliseko, yaye ndiya kuyihombisa indlu yam ngobuhle.” (Isaya 60:7) UYehova uyazamkela izipho zabo, eziza kusetyenziselwa unqulo olunyulu.—Isaya 56:7; Yeremiya 49:28, 29.

11, 12. (a) Yintoni ayibonayo lo “mfazi” njengoko ejonga ngasentshona? (b) Kutheni bebaninzi kangaka nje abantu abagxalathelanayo ukuya eYerusalem?

11 Ngoku uYehova uyalela lo “mfazi” ukuba akhangele ngasentshona, aze abuze athi: “Ngoobani na abaya beza bephaphazela njengelifu, nanjengamahobe esiya emakrobeni awo?” UYehova uphendula ngokwakhe esithi: “Iziqithi ziya kuhlala zithembele kum, iinqanawa zaseTarshishe njengasekuqaleni, ukuze kuziswe oonyana bakho bevela kude, isilivere yabo negolide yabo ikunye nabo, egameni likaYehova uThixo wakho nakuLowo Ungcwele kaSirayeli, kuba uya kube ekuhombisile.”—Isaya 60:8, 9.

12 Khawuzithelekelele umi kunye naloo “mfazi,” ujonge ngasentshona ngaphesheya koLwandle Olukhulu. Yintoni oyibonayo? Ubona kuthe gqa-gqa amafu amhlophe elundini phayaa phezu kwaloo manzi olwandle. Akhangeleka ngathi ziintaka, kodwa njengoko esondela, ubona ukuba ziinqanawa ezivule iiseyile zazo. ‘Zivela kude.’ a (Isaya 49:12) Ngangendlela ezininzi ngayo iinqanawa ezihamba ngamendu ukuya eZiyon zide zifane namahobe asinge ekhaya. Kutheni ezi nqanawa zihamba ngamendu amakhulu kangaka? Zingxamele ukuthula umthwalo wabanquli bakaYehova abavela kumazibuko athe qelele. Eneneni, bonke abantu abafikayo apha—amaSirayeli nabantu basemzini, abavela empuma okanye entshona nabavela kumazwe akufuphi okanye akude—bayagxalathelana ukuya eYerusalem ukuya kunikela ngako konke abanako egameni likaYehova, uThixo wabo.—Isaya 55:5.

13. Namhlanje, ngoobani “oonyana” “neentombi,” yaye ngoobani ‘ababubuncwane beentlanga’?

13 Onjani wona ukucaca umfanekiso-ngqondweni ochazwe kuIsaya 60:4-9 wolwando lwehlabathi lonke oluye lwabakho ukususela ekukhanyiseni ‘komfazi’ kaYehova kweli hlabathi lisebumnyameni! Kuqale kweza “oonyana” “neentombi” zeZiyon yasezulwini, ezingamaKristu athanjisiweyo. Ngowe-1931 ziye zabhengeza esidlangalaleni ukuba zingamaNgqina kaYehova. Emva koko ilifu labalulamileyo, “bona kanye ubuncwane beentlanga” ‘nendyebo yolwandle,’ lakhawuleza ukuya kuzihlanganisa nentsalela yabazalwana bakaKristu. b Namhlanje bonke aba bakhonzi bakaYehova abavela mbombo zone zomhlaba bathelela uSirayeli kaThixo ekudumiseni iNkosi yabo enguMongami, uYehova, nasekuphakamiseni igama layo njengelona gama lizukileyo kwindalo iphela.

14. Aba bafikayo ‘banyukela njani esibingelelweni sikaThixo’?

14 Noko ke, kuthetha ukuthini ukuthi eli qela lifikayo leentlanga ‘linyukela esibingelelweni sikaThixo’? Umbingelelo ubekwa esibingelelweni. Umpostile uPawulos wasebenzisa ibinzana elibandakanya umbingelelo xa wabhala wathi: “Ndiyanibongoza . . . ukuba niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo, inkonzo ke leyo engcwele ngokwamandla enu engqiqo.” (Roma 12:1) AmaKristu okwenene akulungele ukuzincama. (Luka 9:23, 24) Anikela ngexesha, amandla, nobuchule bawo ekuhambiseleni phambili unqulo olunyulu. (Roma 6:13) Ngokwenjenjalo, anikela imibingelelo eyamkelekileyo yendumiso kuThixo. (Hebhere 13:15) Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba izigidi zabanquli bakaYehova namhlanje, abancinane nabadala, baye bazibekela bucala izilangazelelo zobuqu ukuze basukele kuqala izilangazelelo zoBukumkani bukaThixo! Babonisa umoya wokwenene wokuzincama.—Mateyu 6:33; 2 Korinte 5:15.

Abo Bafikayo Bafak’ Isandla Kulwando

15. (a) Mandulo, yabonakaliswa njani inceba kaYehova kwabasemzini? (b) Namhlanje, “abasemzini” basifake njani isandla ekwakhiweni konqulo lokwenyaniso?

15 Abo bafikayo banikela ngezinto zabo nangeziqu zabo ekuxhaseni ‘umfazi’ kaYehova. “Abasemzini okunene baya kwakha iindonga zakho, nookumkani babo baya kulungiselela kuwe; kuba ndiya kube ndikubethe ndicaphukile, kodwa ngenkoliseko yam ngokuqinisekileyo ndiya kuba nenceba phezu kwakho.” (Isaya 60:10) Inceba kaYehova yabonakaliswa ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo xa abasemzini bancedisa emsebenzini wokwakha eYerusalem. (Ezra 3:7; Nehemiya 3:26) Kwinzaliseko enkulu yanamhlanje, “abasemzini,” isihlwele esikhulu, baxhasa intsalela ethanjisiweyo ekwakheni unqulo lokwenyaniso. Bancedisa ekwakheni iimpawu zobuKristu kubafundi babo beBhayibhile yaye ngaloo ndlela bakha amabandla amaKristu baze bomeleze “iindonga” zesixeko esiyintlangano kaYehova. (1 Korinte 3:10-15) Kwakhona bakha nangokoqobo, besebenza nzima ekwakheni iiHolo zoBukumkani, iiHolo zeeNdibano, nezakhiwo zaseBheteli. Ngaloo ndlela bathelela abazalwana babo abathanjisiweyo ekunyamekeleni izilangazelelo zentlangano eyandayo kaYehova.—Isaya 61:5.

16, 17. (a) Aye agcinwa njani evulekile “amasango” entlangano kaThixo? (b) “Ookumkani” baye bayilungiselela njani iZiyon? (c) Yintoni eza kwenzeka kwabo bazama ukuvala “amasango” uYehova anqwenela ukuba ahlale evulekile?

16 Ngenxa yale nkqubo yokwakha ngokomoya, nyaka ngamnye kubakho amakhulu amawaka “abasemzini” abanxulumana nentlangano kaYehova, yaye indlela isavulekele abangakumbi. UYehova uthi: “Amasango akho okunene aya kuhlala evuliwe rhoqo; akayi kuvalwa emini okanye ebusuku, ukuze kuziswe kuwe ubuncwane beentlanga, nookumkani bazo baya kukhokela.” (Isaya 60:11) Noko ke, bangoobani aba “kumkani” bakhokelayo ekuziseni ubuncwane beentlanga eZiyon? Mandulo uYehova washukumisa iintliziyo zabalawuli abathile ukuba ‘balungiselele’ iZiyon. Ngokomzekelo, uKoreshi wathabatha inyathelo lokuqala lokuthumela amaYuda emva eYerusalem ukuya kwakha kwakhona itempile. Kamva, uArtashashta wanikela ngobuncwane obuthile waza wathumela uNehemiya ukuba aye kwakha kwakhona iindonga zeYerusalem. (Ezra 1:2, 3; Nehemiya 2:1-8) Ngokwenene “intliziyo yokumkani injengomsinga wamanzi esandleni sikaYehova.” (IMizekeliso 21:1) UThixo wethu unako ukusebenzisa kwanabalawuli abanamandla ukuba benze ngokuvisisana nokuthanda kwakhe.

17 Namhlanje “ookumkani” abaninzi, okanye amagosa karhulumente, baye bazama ukuvala “amasango” entlangano kaYehova. Noko ke, abanye baye balungiselela iZiyon ngokwenza izigqibo eziye zanceda ukugcina loo “masango” evulekile. (Roma 13:4) Ngowe-1919, amagosa karhulumente amkhulula uJoseph F. Rutherford namaqabane akhe ekuvalelweni entolongweni ngokungekho sikweni. (ISityhilelo 11:13) Oorhulumente babantu ‘bawuginya’ umkhukula wentshutshiso eyaphenjelelwa nguSathana emva kokugxothwa kwakhe ezulwini. (ISityhilelo 12:16) Abanye oorhulumente baye bavelisa imbono yokuba alukho unqulo olumele lujongelwe phantsi, maxa wambi bekwenza oko ukuze kungenelwe amaNgqina kaYehova. Olu hlobo lokulungiselela lwenze kwalula ngezihlwele zabo balulamileyo ukungena ‘ngamasango’ avulekileyo entlanganweni kaYehova. Yaye kuthekani ngabachasi abazama ukuwavala loo “masango”? Abasayi kuze baphumelele. UYehova uthi ngabo: “Naluphi na uhlanga nabo nabuphi na ubukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala; neentlanga nakanjani na ziya kuphanza.” (Isaya 60:12) Bonke abo balwa ‘nomfazi’ kaThixo—enoba ngabantu ngabanye okanye yimibutho—baza kuphanza kwimfazwe ezayo yeArmagedon okanye ngaphambi koko.—ISityhilelo 16:14, 16.

18. (a) Sithetha ukuthini isithembiso sokuba imithi iza kuchuma kwaSirayeli? (b) Iyintoni ‘indawo yeenyawo zikaYehova’?

18 Emva kwesi silumkiso somgwebo, esi siprofeto sitsalel’ ingqalelo kwakhona kwisithembiso sokugcoba nokuchuma. Ebhekisa ‘kumfazi’ wakhe, uYehova uthi: “Lona kanye uzuko lweLebhanon luya kuza kuwe, umthi wejunipha, umthi womqwehle nomsipres ngaxeshanye, ukuze kuhonjiswe indawo yengcwele yam; kwaye ndiya kuyizukisa indawo yeenyawo zam.” (Isaya 60:13) Imithi emikhulu ifanekisela ubuhle nokuchuma. (Isaya 41:19; 55:13) Ibinzana elithi ‘ingcwele’ nelithi “indawo yeenyawo zam” kule ndinyana abhekisela kwitempile yaseYerusalem. (1 Kronike 28:2; INdumiso 99:5) Noko ke, umpostile uPawulos wacacisa ukuba itempile yaseYerusalem yayifuzisela itempile enkulu ngakumbi yokomoya, ilungiselelo lokusondela kuYehova ngonqulo ngenxa yedini likaKristu. (Hebhere 8:1-5; 9:2-10, 23) Namhlanje uYehova uyayizukisa ‘indawo yeenyawo zakhe,’ iintendelezo zasemhlabeni zale tempile inkulu yokomoya. Ziye zaba nomtsalane kangangokuba zitsale abantu bazo zonke iintlanga baza baba nenxaxheba kunqulo lokwenyaniso.—Isaya 2:1-4; Hagayi 2:7.

19. Yintoni abaza kunyanzeleka ukuba bayivume abo bachasileyo, yaye kuza kwenzeka nini oko?

19 Ngoku ephethulela ingqalelo yakhe kwakhona kwabo bachasileyo, uYehova uthi: “Oonyana babo bakuxhwalekisayo bamele baye kuwe, baqubude kuwe; nabo bonke abo bakuphatha ngokungenantlonelo bamele bagobe phantsi ezintendeni zeenyawo zakho, yaye kuya kufuneka bakubize ngokuba usisixeko sikaYehova, iZiyon yaLowo Ungcwele kaSirayeli.” (Isaya 60:14) Ewe, ukubona ulwando olukhulu nendlela intsikelelo kaThixo ebuphucula ngayo ubomi babantu bakhe kuya kubashukumisela abanye babo bachasileyo ekubeni baqubude kuloo “mfazi.” Oko kukuthi, baza kunyanzeleka bavume—ngeArmagedon okanye ngaphambi koko—ukuba intsalela ethanjisiweyo namaqabane ayo bayimela ngokwenene intlangano kaThixo yasezulwini, “isixeko sikaYehova, iZiyon yaLowo Ungcwele kaSirayeli.”

Ukusebenzisa Ubuncwane Obukhoyo

20. Yiyiphi indlela ezitshintsha ngayo kakhulu iimeko zalo “mfazi”?

20 Hayi indlela ezitshintsha kakhulu ngayo iimeko ‘zomfazi’ kaYehova! UYehova uthi: “Esikhundleni sokuba ube ngoshiywe ngokupheleleyo nothiyiweyo, kungabikho bani udlulayo, ndiya kukumisa ube yinto yokuqhayisa ukusa kwixesha elingenammiselo, ukugcoba kwezizukulwana ngezizukulwana. Okunene uya kwanya ubisi lweentlanga, yaye uya kwanya amabele ookumkani; kwaye ngokuqinisekileyo uya kwazi ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, naLowo unaMandla kaYakobi nguMhlawuleli wakho.”—Isaya 60:15, 16.

21. (a) IYerusalem yamandulo ibe yiyo njani “into yokuqhayisa”? (b) Ziziphi iintsikelelo abaye bazinandipha abakhonzi bakaYehova abathanjisiweyo ukususela ngowe-1919, yaye baye balwanya njani “ubisi lweentlanga”?

21 Kangangama-70 eminyaka iYerusalem yamandulo ibiphanzile, ‘kungekho bani udlulayo kuyo.’ Kodwa ukususela ngowama-537 B.C.E., uYehova usenze saba nabemi kwakhona eso sixeko, wasenza saba “yinto yokuqhayisa.” Ngokufanayo, ngasekupheleni kwemfazwe yehlabathi yokuqala, uSirayeli kaThixo ebephanzisiwe, evakalelwa ngathi ‘ushiywe ngokupheleleyo.’ Kodwa ngowe-1919, uYehova wabahlawulela bakhululeka ekuthinjweni aba bakhonzi bakhe bathanjisiweyo, yaye ukususela ngoko uye wabasikelela ngolwando nangokuchuma kokomoya okungathethekiyo. Abantu bakhe baye ‘banya ubisi lweentlanga,’ besebenzisa ubuncwane beentlanga ekuhambiseleni phambili unqulo lokwenyaniso. Ngokomzekelo, ukusetyenziswa ngobulumko kobugcisa bezi mini kwenze kwaba lula ukuguqulela nokupapasha iiBhayibhile noncwadi lweBhayibhile ngamakhulukhulu eelwimi. Ngenxa yoko, amakhulu amawaka abantu nyaka ngamnye afundisisa iBhayibhile kunye namaNgqina kaYehova aze azi ukuba uYehova unguMsindisi noMhlawuleli, ngedini likaKristu.—IZenzo 5:31; 1 Yohane 4:14.

Inkqubela Yentlangano

22. Yiyiphi inkqubela ekhethekileyo ayithembisayo uYehova?

22 Ukwanda kwamanani abantu bakaYehova kuphelekwa yinkqubela eye yakho entlanganweni yakhe. UYehova uthi: “Esikhundleni sobhedu ndiya kuzisa igolide, esikhundleni sentsimbi ndizise isilivere, esikhundleni somthi ubhedu, esikhundleni samatye intsimbi; yaye ndiya kumisela uxolo lube ngabaveleli bakho nobulungisa bube ngabaphathi bakho.” (Isaya 60:17) Ukuzisa igolide esikhundleni sobhedu, yinkqubela leyo, kukwanjalo nangokuziswa kwezinye izinto ezikhankanywe apha. Ngokuvisisana noku, abantu bakaYehova baye babona uphuculo kumalungiselelo entlangano ebudeni bale mihla yokugqibela.

23, 24. Luluphi uphuculo kumalungiselelo entlangano oluye lwenziwa ngabantu bakaYehova ukususela ngowe-1919?

23 Ngowe-1919, amabandla ayenabadala nabadikoni ababenyulwa ngendlela yedemokrasi. Ukususela ngaloo nyaka, kwakumiselwa umalathisi wenkonzo ngokuthi kulandelwe inkqubo yobuthixo, owayethi yena avelele amalungiselelo enkonzo yasentsimini ebandleni, kodwa maxa wambi abanye abadala abanyuliweyo bebengquzulana nomalathisi wenkonzo. Ngowe-1932, izinto zatshintsha. Ngephephancwadi IMboniselo, amabandla ayalelwa ukuba ayeke ukunyula abadala nabadikoni. Kunoko, ayefanele anyule ikomiti yenkonzo eyayiza kusebenzisana nomalathisi wenkonzo. Yayiluphuculo olukhulu olo.

24 Ngowe-1938, kwaziswa “igolide” engakumbi xa kwathiwa bonke abakhonzi ebandleni babefanele bamiselwe ngokobuthixo. Abo babekhokela ebandleni yayisisicaka sequmrhu (esathi kamva, saziwa ngokuba sisicaka sebandla) kunye nezinye izicaka ezimncedisayo, zonke ezazinyulwa phantsi kolwalathiso ‘lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ c (Mateyu 24:45-47) Noko ke, ngowe-1972 kwabonwa ukuba inkqubo yeZibhalo yokuvelela ibandla yayikukumisela iqumrhu labadala kunomntu omnye. (Filipi 1:1) Kuye kwenziwa nolunye utshintsho ebandleni nakwiQumrhu Elilawulayo. Umzekelo woku wabonwa ngo-Oktobha 7, 2000, xa kwenziwa isaziso sokuba amalungu eQumrhu Elilawulayo awayekhonza njengabalathisi beWatch Tower Society of Pennsylvania neminye imibutho engokwasemthethweni aye arhoxa ngokuzithandela. Ngale ndlela, iQumrhu Elilawulayo, elingabameli bekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, liyakwazi ukunikela ingqalelo engakumbi ekuveleleni ngokomoya “ibandla likaThixo” nabo banxulumana nalo, bezinye izimvu. (IZenzo 20:28) Onke loo malungiselelo abe luphuculo. Aye ayomeleza intlangano kaYehova yaye abe yintsikelelo kubanquli bakhe.

25. Ngubani oye wangunobangela wenkqubela kwintlangano yabantu bakaYehova, yaye oko kube naziphi iingenelo?

25 Ngubani oyena nobangela wolu phuculo? Ngaba lubangelwe bubuchule okanye bubukrelekrele babantu? Akunjalo, kuba uYehova uthe: “Ndiya kuzisa igolide.” Yonke le nkqubela ibangelwe lulwalathiso lobuthixo. Njengoko abantu bakaYehova bethobela ulwalathiso lwakhe baze benze utshintsho, bafumana iingenelo. Kubakho uxolo phakathi kwabo, yaye ukuthanda kwabo ubulungisa kubashukumisela ukuba bamkhonze.

26. Luluphi uphawu olufanisa amaKristu okwenyaniso oluphawulwa kwanangabo bachasileyo?

26 Uxolo lukaThixo luyabaguqula abantu. UYehova uthembisa oku: “Akuyi kuba saviwa lugonyamelo elizweni lakho, ukuphangwa nokuwa phakathi kwemida yakho. Kwaye ngokuqinisekileyo uya kubiza iindonga zakho ngokuthi uSindiso namasango akho uthi iNdumiso.” (Isaya 60:18) Hayi indlela okube yinyaniso ngayo oko! Kwanabo bachasileyo bayavuma ukuba uxolo luluphawu olubalaseleyo lwamaKristu okwenyaniso. (Mika 4:3) Ukuba seluxolweni kwamaNgqina kaYehova kunye noThixo naphakathi kwawo odwa kwenza ukuba ntlanganiso nganye yamaKristu ibe yindawo ehlaziyayo kweli hlabathi linogonyamelo. (1 Petros 2:17) Le yingabula-zigcawu yoxolo olukhulu oluya kubakho xa bonke abemi bomhlaba beya “kufundiswa nguYehova.”—Isaya 11:9; 54:13.

Ukukhanya Okuzukileyo Kwenkoliseko KaThixo

27. Kukuphi ukukhanya okuhlala kumkhanyisela ‘umfazi’ kaYehova?

27 UYehova uchaza ukuqaqamba kokukhanya okukhanyisa iYerusalem ngokuthi: “Ilanga aliyi kuba saba lukhanyiso kuwe emini, nokuqaqamba kwenyanga akusayi kuba sakukhanyisela. Yaye uYehova umele abe lukhanyiso lwakho oluhlala ngokungenammiselo, noThixo wakho abe bubuhle bakho. Ilanga lakho aliyi kuba satshona, nenyanga yakho ingafi; kuba uYehova uya kuba lukhanyiso oluhlala ngokungenammiselo kuwe, nemihla yokuzila kwakho iya kube ifikelele esiphelweni.” (Isaya 60:19, 20) UYehova uza kuqhubeka ‘elukhanyiselo oluhlala ngokungenammiselo’ ‘kumfazi’ wakhe. Akasayi kuze ‘atshone’ njengelanga okanye ‘afe’ njengenyanga. d Ukukhanya kwakhe kwenkoliseko kuhlala kuwakhanyisela amaKristu athanjisiweyo, angabameli abangabantu ‘bomfazi’ kaThixo. Wona, kunye nesihlwele esikhulu, anandipha ukukhanya okuqaqambileyo kokomoya ekungekho bumnyama behlabathi lezobupolitika okanye lezorhwebo bunokubunciphisa. Yaye anentembelo kwikamva eliqaqambileyo uYehova awagcinele lona.—Roma 2:7; ISityhilelo 21:3-5.

28. (a) Yintoni ethenjiswa abo babuyela eYerusalem? (b) Yintoni aye ayidla ilifa amaKristu athanjisiweyo ngowe-1919? (c) Amalungisa aya kulidla ilifa ixesha elingakanani ilizwe?

28 Ngokuphathelele abemi baseYerusalem uYehova uhlabela mgama esithi: “Ke bona abantu bakho, bonke baya kuba ngamalungisa; baya kulidla ilifa ilizwe ukusa kwixesha elinganammiselo, ihlumelo loko kutyalwe ndim, umsebenzi wezandla zam, ukuze mna ndihombe.” (Isaya 60:21) Xa uSirayeli wokwenyama wabuyayo eBhabhiloni, ‘walidla ilifa ilizwe.’ Kodwa kwimeko yawo, “ixesha elingenammiselo” laphela ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo xa imikhosi yamaRoma yatshabalalisa iYerusalem nobukhosi bakwaYuda. Ngowe-1919 intsalela yamaKristu athanjisiweyo yaphuma ekuthinjweni kokomoya yaza yalidla ilifa ilizwe lokomoya. (Isaya 66:8) Eli lizwe, okanye imeko-bume, liyiparadesi echumileyo yokomoya engayi kuze iphele. Ngokungafaniyo noSirayeli wamandulo, iqumrhu loSirayeli wokomoya alisayi kuze lingqineke lingathembekanga. Ngaphezu koko, esi siprofeto sikaIsaya siya kuzaliseka nangokoqobo xa umhlaba usiba yiparadesi yokoqobo ebalasele “ngobuninzi boxolo.” Aya kwandula ke amalungisa anethemba lasemhlabeni alidle ilifa ilizwe ngonaphakade.—INdumiso 37:11, 29.

29, 30. “Omncinane” ube “liwaka” njani?

29 Ekupheleni kukaIsaya isahluko 60 kukho isithembiso esizukileyo, eso uYehova asiqinisekisa egameni lakhe uqobo. Uthi: “Omncinane uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako.” (Isaya 60:22) Xa abo bathanjisiweyo ababesasazekile bahlaziywayo ngowe-1919, ‘babengomncinane.’ e Kodwa inani labo laphindaphindeka njengoko kwakusongezeleleka intsalela yamaSirayeli okomoya. Yaye banda ngokuphawuleka ngakumbi njengoko kwaqaliswa ukuhlanganiswa kwesihlwele esikhulu.

30 Kungekudala, uxolo nobulungisa obabukho phakathi kwabantu bakaThixo batsala abantu abaninzi abantliziyo zinyanisekileyo kangangokuba “ophantsi” wakhula ngokoqobo waba “luhlanga olunamandla.” Ngoku baninzi ngakumbi kunenani labantu kumazwe aliqela ehlabathi. Ngokucacileyo, uYehova, ngokusebenzisa uYesu Kristu, uye wawalathisa umsebenzi woBukumkani waza wawukhawulezisa. Hayi indlela ekuchulumancisa ngayo ukubona ukwanda konqulo lokwenyaniso nokuba nenxaxheba kuko! Ewe, kuluvuyo ukwazi ukuba olu lwando luyamvuyisa uYehova, owaziprofeta ezi zinto kwakude kudala ngaphambili.

[Imibhalo esemazantsi]

a Kubonakala ukuba iTarshishe yayimi kummandla ngoku owaziwa ngokuba siSpeyin. Noko ke, ngokutsho kwezinye iincwadi, ibinzana elithi “iinqanawa zaseTarshishe” libhekisela kuhlobo oluthile lweenqanawa—“iinqanawa ezinkulu ezineeseyile eziphakamileyo”—“ezazikulungele ukuya eTarshishe,” ngamany’ amazwi, iinqanawa ezazikufanelekele ukuhamba imigama emide ukuya kumazibuko athe qelele.—1 Kumkani 22:48.

b Nangona ayekho amaKristu akhutheleyo nanenzondelelo awayenethemba lokuphila emhlabeni awayenxulumene noSirayeli kaThixo ngaphambi kowe-1930, inani lawo liqale ukwanda ngokuphawulekayo ngeminyaka yee-1930.

c Ngaloo maxesha, amabandla asekuhlaleni ayebizwa ngokuba ngamaqumrhu.

d Umpostile uYohane usebenzisa amazwi afanayo xa echaza “iYerusalem entsha,” engabo bali-144 000 xa bekuzuko lwabo lwasezulwini. (ISityhilelo 3:12; 21:10, 22-26) Oku kufanelekile, kuba “iYerusalem entsha” ifanekisela onke amalungu oSirayeli kaThixo emva kokufumana kwawo umvuzo wawo wasezulwini, aze ekunye noYesu Kristu abe yinxalenye eyintloko ‘yomfazi’ kaThixo, “iYerusalem ephezulu.”—Galati 4:26.

e Ngowe-1918 inani labo babesiba nesabelo ekushumayeleni ilizwi nyanga nganye lalingaphantsi kwama-4 000.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 305]

‘Umfazi’ uyalelwa ukuba ‘asukume’

[Umfanekiso okwiphepha 312, 313]

“Iinqanawa zaseTarshishe” zithwele imithwalo yabanquli bakaYehova