Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umthandazo Wenguquko

Umthandazo Wenguquko

Isahluko Samashumi Amabini Anesihlanu

Umthandazo Wenguquko

Isaya 63:15–64:12

1, 2. (a) Iyintoni injongo yoqeqesho lukaThixo? (b) Luluphi ukhetho aza kujamelana nalo amaYuda emva kokuqeqeshwa nguYehova?

 UKUTSHATYALALISWA kweYerusalem netempile yayo ngowama-607 B.C.E. kwakuluqeqesho oluvela kuYehova, olwalubonisa ukungakholiseki kwakhe. Uhlanga olungathobeliyo lwakwaYuda lwalusifanele esi sohlwayo siqatha. Kodwa uYehova wayengazimiselanga kuwatshabalalisa amaYuda. Umpostile uPawulos wayichaza injongo yoqeqesho lukaYehova ngokuthi: “Enyanisweni, akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu; ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa, kwabo baqeqeshiweyo yiyo.”—Hebhere 12:11.

2 AmaYuda aza kusabela njani kula mava abuhlungu? Ngaba aza kuluthiya uqeqesho lukaYehova? (INdumiso 50:16, 17) Okanye ngaba aza kulwamkela? Ngaba aza kuguquka aze aphiliswe? (Isaya 57:18; Hezekile 18:23) Isiprofeto sikaIsaya sibonisa ukuba ubuncinane bakho abemi abathile bakwaYuda abaza kulwamkela olo qeqesho. Ukususela kwiindinyana zokugqibela zesahluko 63 ukusa kwisahluko 64, uhlanga lwakwaYuda luchazwa njengabantu abaguqukileyo ababongoza uYehova ngokusuk’ entliziyweni. Kwangaphambi kokuthinjwa kwabo, uIsaya uyathandaza evakalisa inguquko yabo. Emthandazweni lowo, uthetha ngeziganeko ezizayo ngokungathi zazenzeke phambi kwamehlo akhe.

UBawo Onemfesane

3. (a) Umthandazo kaIsaya wesiprofeto umphakamisa njani uYehova? (b) Umthandazo kaDaniyeli ubonisa njani ukuba uIsaya wayewenzela amaYuda aguqukileyo awayeseBhabhiloni lo mthandazo wakhe wesiprofeto? (Bona ibhokisi ekwiphepha 362.)

3 UIsaya uthandaza kuYehova esithi: “Khangela usezulwini uze ubone ukwindawo yakho yokuhlala ephakamileyo yobungcwele nobuhle.” Apha umprofeti uthetha ngamazulu okomoya, apho ahlala khona uYehova nezidalwa zakhe ezingabonakaliyo zomoya. Evakalisa iingcamango zamaYuda asekuthinjweni, uIsaya uhlabela mgama esithi: “Iphi na inzondelelo yakho namandla akho ephela, ingxokolo yezibilini zakho, neenceba zakho? Zithintelekile kum.” (Isaya 63:15) UYehova uwabambile amandla akhe neemvakalelo zakhe ezinzulu—“ingxokolo yezibilini [zakhe], neenceba [zakhe]”—kubantu bakhe. Sekunjalo, uYehova “unguBawo” wohlanga lwakwaYuda. UAbraham noSirayeli (uYakobi) babengookhokho balo bemvelo, kodwa ukuba babenokuvuswa, mhlawumbi bebeya kuyigatya loo nzala yabo ewexukileyo. UYehova unemfesane engakumbi. (INdumiso 27:10) UIsaya uvakalisa umbulelo esithi: “Wena, Yehova, unguBawo. Igama lakho unguMhlawuleli wethu wakudala.”—Isaya 63:16.

4, 5. (a) Kungayiphi ingqiqo athe uYehova waphambukisa abantu bakhe ezindleleni zakhe? (b) Luhlobo olunjani lonqulo alufunayo uYehova?

4 UIsaya uhlabela mgama evakalisa amazwi asuk’ entliziyweni, esithi: “Owu Yehova, kutheni na usiphambukisa ezindleleni zakho? Kutheni na uzenza lukhuni iintliziyo zethu zingakoyiki? Buya ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.” (Isaya 63:17) Ewe, uIsaya uthandazela ukuba uYehova anikele ingqalelo kwakhona kubakhonzi bakhe. Noko ke, uYehova uwenza ngayiphi ingqiqo amaYuda ukuba aphambuke ezindleleni zakhe? Ngaba nguYehova owenze aba neentliziyo ezilukhuni eziwakhokelele ekubeni angamoyiki? Akunjalo, kodwa ukuvumele oko, yaye ngoku ekudandathekeni kwawo amaYuda ayayikhalazela into yokuba uYehova ekuvumele oko. (Eksodus 4:21; Nehemiya 9:16) Anqwenela ukuba uYehova ngewayengenelele waza wawathintela ukuba angenzi okuphosakeleyo.

5 Noko ke, leyo asiyondlela uThixo aqhubana ngayo nabantu. Sinenkululeko yokuzikhethela, yaye uYehova uyasivumela ukuba sizigqibele ngokwethu ukuba siyafuna na ukumthobela okanye asifuni. (Duteronomi 30:15-19) UYehova ufuna ukuba simnqule ngeentliziyo nangeengqondo eziqhutywa luthando lokwenene. Kungenxa yoko le nto ewavumele amaYuda ukuba enze ngokwendlela akhethe ngayo, nakubeni oku kuye kwawavumela ukuba amvukele. Yiyo ke leyo indlela aye wazenza lukhuni ngayo iintliziyo zawo.—2 Kronike 36:14-21.

6, 7. (a) Uyintoni umphumo wokushiya kwamaYuda iindlela zikaYehova? (b) Nguwuphi umnqweno olilize ovakaliswayo, kodwa yintoni amaYuda angenalungelo lakuyilindela?

6 Ube yintoni umphumo? UIsaya uprofeta esithi: “Okwethutyana abantu bakho abangcwele bebenelifa. Iintshaba zethu ziyinyathele ingcwele yakho. Kangangexesha elide siye sanjengabo ungazange ubalawule, njengabo igama lakho lingazange libizwe phezu kwabo.” (Isaya 63:18, 19) Ingcwele ibikade iphakathi kwabantu bakaYehova kangangethuba elide. Kodwa uYehova wayiyeka yatshatyalaliswa lwaza nohlanga lwakhe lwasiwa ekuthinjweni. Oko kwenza kwaba ngathi wayengenzanga mnqophiso nenzala ka-Abraham yaye negama lakhe lalingabizwanga phezu kwayo. Ngoku la maYuda aphelelwe lithemba nasekuthinjweni eBhabhiloni adanduluka esithi: “Owu ukuba nje kuphela ubungakrazula amazulu, ukuba ubungehla, ukuba ngenxa yakho zona kanye iintaba bezinganyikima, njengokuvuthisa komlilo iintsasa, uze umlilo ubilise amanzi, ukuze kwaziswe iintshaba zakho igama lakho, ukuze ngenxa yakho iintlanga ziphazamiseke!” (Isaya 64:1, 2) Eneneni uYehova unawo amandla okusindisa. Ngokuqinisekileyo ebengehla aze abalwele abantu bakhe, akrazule oorhulumente abafana namazulu yaye aqhekeze ubukhosi obufana neentaba. UYehova ebengalenza laziwe igama lakhe ngokuthi abonise inzondelelo eshushu njengomlilo ekulweleni abantu bakhe.

7 UYehova wayekhe wakwenza oku ngaphambili. UIsaya uthi: “Ekwenzeni kwakho izinto ezoyikekayo ebesingenathemba lazo, wehla. Ngenxa yakho neentaba zanyikima.” (Isaya 64:3) Ezo zenzo zikhulu zabonisa amandla nobuThixo bukaYehova. Noko ke, amaYuda angathembekanga exesha likaIsaya akanalungelo lakulindela ukuba uYehova enze oko ukuze kungenelwe wona.

NguYehova Kuphela Onokusindisa

8. (a) Yiyiphi indlela uYehova ahluke ngayo koothixo bobuxoki beentlanga? (b) Kutheni uYehova engabasindisi abantu bakhe nangona enawo amandla okwenjenjalo? (c) UPawulos umcaphula aze amsebenzise njani uIsaya 64:4? (Bona ibhokisi ekwiphepha 366.)

8 Oothixo bobuxoki abenzi misebenzi yamandla yokusindisa abanquli babo. UIsaya ubhala athi: “Ukususela kwixesha lakudala akukho bani uvileyo, kungekho nandlebe ivileyo, kungekho naliso libone uThixo, ngaphandle kwakho, omsebenzelayo lowo uhlala enolindelo lwakhe. Uqubisene nalowo ugcobileyo nowenza ubulungisa, abo bahlala bekukhumbula ezindleleni zakho.” (Isaya 64:4, 5a) NguYehova kuphela ‘ongumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.’ (Hebhere 11:6) Uyabakhusela abo benza ubulungisa nabo bamkhumbulayo. (Isaya 30:18) Ngaba amaYuda aye akwenza oku? Akunjalo. UIsaya uthi kuYehova: “Khangela! Wena wacaphuka, ngoxa thina sasisona—sikuko oko ixesha elide, yaye sifanele sisindiswe na?” (Isaya 64:5b) Ngenxa yokuba aba bantu bakaThixo benengxelo ende yokona ngokungaguqukiyo, akukho sizathu sokuba uYehova ayeke ukucaphuka aze abasindise.

9. Liliphi ithemba analo amaYuda aguqukayo, yaye yintoni esinokuyifunda koku?

9 AmaYuda akanakukutshintsha okwenzekileyo, kodwa ukuba ayaguquka aze abuyele kunqulo olunyulu, anokuba nethemba lokuxolelwa nokusikelelwa kwixesha elizayo. UYehova uya kuwavuza lawo aguqukayo ngexesha lakhe elifanelekileyo ngokuthi awakhulule ekuthinjweni kwaseBhabhiloni. Sekunjalo, kufuneka abe nomonde. Nokuba ayaguquka, uYehova akazukulutshintsha ucwangciso lwakhe. Noko ke, ukuba ahlala ephaphile aze enze ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova, ngokuqinisekileyo aza kukhululwa ekugqibeleni. Ngokufanayo, amaKristu namhlanje alindele ngomonde kuYehova. (2 Petros 3:11, 12) Siyawaxabisa amazwi ompostile uPawulos, owathi: “Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.”—Galati 6:9.

10. Yintoni umthandazo kaIsaya ovuma ngokuphandle ukuba abanamandla okuyenza?

10 Lo mthandazo kaIsaya awukokuvuma nje izono okuqhelekileyo. Uvakalisa ukuqonda okunyanisekileyo ukuba olu hlanga alunawo amandla okuzisindisa. Lo mprofeti uthi: “Siba njengalowo ungahlambulukanga, thina sonke, yaye zonke izenzo zethu zobulungisa zinjengesambatho samathuba okuba sexesheni; yaye siya kunyamalala njengamagqabi, thina sonke, neziphoso zethu ziya kusithwalela kude kanye njengomoya.” (Isaya 64:6) Ekupheleni kwethuba lokuthinjwa, amaYuda aguqukileyo asenokuba ayeyekile ukuqhelisela uwexuko. Asenokuba ayephethukele kuYehova ngokuthi enze izenzo zobulungisa. Kodwa sekunjalo asengabantu abangafezekanga. Izenzo zawo ezihle, nangona zincomeka, zifana nje nezambatho ezingcolileyo, njengoko zingekacanyagushelwa izono zawo. Ukuxolela kukaYehova kusisipho senceba esingasifanelanga. Akuyonto esinelungelo layo.—Roma 3:23, 24.

11. (a) Yiyiphi imeko yokomoya engentle ekuyo inkoliso yamaYuda asekuthinjweni, yaye oku kusenokuba kubangelwa yintoni? (b) Ngoobani ababeyimizekelo ebalaseleyo yokholo phakathi kwabo babesekuthinjweni?

11 Njengoko uIsaya eprofeta ngeziganeko zexesha elizayo, yintoni ayibonayo? Lo mprofeti uthi emthandazweni: “Akukho namnye obiza egameni lakho, akukho namnye ovukayo ukuze abambelele kuwe; kuba ubufihlile ubuso bakho kuthi, kwaye usibangele sanyibilika ngamandla esiphoso sethu.” (Isaya 64:7) Imeko yokomoya yolu hlanga ayintle kwaphela. Aba bantu abakhange babize egameni likaThixo ngomthandazo. Nangona bengasenalo ityala lesono esikhulu sonqulo-zithixo, ngokucacileyo abalukhathalele unqulo lwabo, yaye “akukho namnye ovukayo ukuze abambelele” kuYehova. Ngokucacileyo abanalo ulwalamano oluhle kunye noMdali. Mhlawumbi abanye baziva bengakufanelekelanga ukuthetha noYehova emthandazweni. Abanye basenokuba bamlibele. Kambe ke, kukho noDaniyeli, uHananiya, uMishayeli, uAzariya, noHezekile phakathi kwabo basekuthinjweni, yaye bayimizekelo emihle yokholo. (Hebhere 11:33, 34) Njengoko iminyaka engama-70 yokuba sekuthinjweni isondela esiphelweni, amadoda anjengoHagayi, uZekariya, uZerubhabheli, noMbingeleli Omkhulu uYoshuwa akulungele ukumisela umzekelo omhle ekubizeni egameni likaYehova. Sekunjalo, kubonakala ngathi lo mthandazo kaIsaya usisiprofeto uchaza imeko ekuyo inkoliso yabo basekuthinjweni.

“Ukuthobela Kulunge Ngakumbi Kunombingelelo”

12. UIsaya ukuvakalisa njani ukukulungela kwamaYuda aguqukileyo ukutshintsha ihambo yawo?

12 AmaYuda aguqukileyo akulungele ukwenza utshintsho. Ngoko uIsaya uwathandazela kuYehova esithi: “Ngoku ke, Yehova, wena unguBawo. Siludongwe, yaye wena unguMbumbi wethu; thina sonke singumsebenzi wesandla sakho.” (Isaya 64:8) Kwakhona la mazwi ayalivuma igunya likaYehova njengoBawo, okanye uMniki-Bomi. (Yobhi 10:9) AmaYuda aguqukayo afaniswa nodongwe oluthambileyo. Lawo alwamkelayo uqeqesho lukaYehova anokuxonxwa ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Kodwa oku kunokwenziwa kuphela ukuba uYehova, onguMbumbi, uyawaxolela. Ngenxa yoko, uIsaya umbongoza kabini ukuba akhumbule ukuba amaYuda ngabantu bakhe, esithi: “Owu Yehova musa ukucaphuka, ngokugqithiseleyo, musa ukusikhumbula ngonaphakade isiphoso sethu. Ke kaloku, khawuncede ukhangele: sonke singabantu bakho.”—Isaya 64:9.

13. Injani imeko yelizwe lakwaSirayeli ngoxa abantu bakaThixo besekuthinjweni?

13 Ngoxa esekuthinjweni, amaYuda ajamelana nentlungu engakumbi kunemeko akuyo kwelo lizwe lobuhedeni. Ukuphanziswa kweYerusalem netempile yayo kuzisa ugculelo kuwo nakuThixo wawo. Emthandazweni wakhe wenguquko uIsaya ukhankanya ezinye zezinto ezibangela olu gculelo, esithi: “Izixeko zakho ezingcwele ziye zaba yintlango. IZiyon iye yaba yintlango, iYerusalem yinkangala ephanzileyo. Indlu yethu yobungcwele nobuhle, ababekudumisela kuyo ookhokho bethu, iye yaba yinto yokutshiswa ngomlilo; yaye zonke izinto zethu ezinqwenelekayo zibe yimpanziso.”—Isaya 64:10, 11.

14. (a) UYehova wayelumkise wathini ngemeko ekhoyo ngoku? (b) Nangona uYehova wayeyithanda itempile yakhe nemibingelelo eyayisenziwa kuye, yintoni ebaluleke ngakumbi?

14 Noko ke, uYehova uyazi kakuhle imeko yelizwe lookhokho bamaYuda. Malunga nama-420 eminyaka ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem, wabalumkisa abantu bakhe ngelithi ukuba baye baphambuka emiyalelweni yakhe baza bakhonza abanye oothixo, wayeya ‘kubanqumla phezu komhlaba,’ yaye itempile entle yayiya kuba “yimfumba yamanxuwa.” (1 Kumkani 9:6-9) Enyanisweni, uYehova wayelithanda ilizwe awayelinike abantu bakhe, netempile ezukileyo eyayakhelwe ukuzukisa yena, nemibingelelo eyayisenziwa kuye. Kodwa ukunyaniseka nokuthobela kubaluleke ngaphezu kwezinto eziphathekayo, kwanangaphezu kwemibingelelo. Wayehlab’ emhloleni umprofeti uSamuweli xa wathi kuKumkani uSawule: “Ngaba uYehova lo uyoliswa yiminikelo etshiswayo nemibingelelo na njengoko kunjalo ngokuthotyelwa kwelizwi likaYehova? Khangela! Ukuthobela kulunge ngakumbi kunombingelelo, ukunikela ingqalelo kunamanqatha eenkunzi zeegusha.”—1 Samuweli 15:22.

15. (a) Esiprofetweni sakhe, uIsaya umbongoza athini uYehova, yaye uphendulwa ngelithini? (b) Ziziphi iziganeko ezikhokelele ekubeni ekugqibeleni uYehova alugatye uhlanga lukaSirayeli?

15 Noko ke, ngaba uThixo kaSirayeli angayinyamezela into yokubukela ishwangusha labantu bakhe abaguqukileyo aze angasikwa yimfesane? Naye uIsaya wawuqukumbela ngombuzo ofanayo umthandazo wakhe osisiprofeto. Ebongozela amaYuda asekuthinjweni, uthi: “Nangona kusenzeka ezi zinto uya kuqhubeka uzinqanda na, Yehova? Uya kuhlala uthe cwaka na uze usiyeke sixhwaleke ngokugqithileyo?” (Isaya 64:12) Ekugqibeleni, uYehova uye wabaxolela abantu bakhe, waza ngowama-537 B.C.E. wababuyisela elizweni labo ukuze baphinde baqhubeke nonqulo olunyulu apho. (Yoweli 2:13) Noko ke, emva kweenkulungwane kamva, iYerusalem netempile yayo zaphinda zatshatyalaliswa, waza ekugqibeleni uThixo walugatya uhlanga lwakhe lomnqophiso. Ngoba? Ngenxa yokuba aba bantu bakaYehova bayityeshela imiyalelo yakhe baza bamgatya uMesiya. (Yohane 1:11; 3:19, 20) Wandula ke uYehova wamisela uhlanga olutsha endaweni kaSirayeli, uhlanga lokomoya, olubizwa ngokuba ‘nguSirayeli kaThixo.’—Galati 6:16; 1 Petros 2:9.

UYehova, ‘UMphulaphuli Wemithandazo’

16. Ithini iBhayibhile ngokuphathelele ukuxolela kukaYehova?

16 Sinokufunda lukhulu koko kwenzeka kuSirayeli. Sibonile ukuba uYehova “ulungile yaye ukulungele ukuxolela.” (INdumiso 86:5) Njengezidalwa ezingafezekanga, sixhomekeke kwinceba yakhe nasekuxolelweni nguye ukuze sifumane usindiso. Ayikho imisebenzi esinokuyenza ukuze sifanelekele ezo ntsikelelo. Noko ke, uYehova akaxoleli nje nabani na. Uxolela kuphela abo baguqukayo ezonweni zabo baze babuyele kuye.—IZenzo 3:19.

17, 18. (a) Sazi njani ukuba uYehova unomdla wokwenene kwiingcinga neemvakalelo zethu? (b) Kutheni uYehova enomonde kubantu abanesono?

17 Kwakhona sifunda ukuba uYehova unomdla wokwenene kwiingcinga neemvakalelo zethu xa siziphalaza kuye ngomthandazo. ‘UnguMphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2, 3) Umpostile uPetros usiqinisekisa ngokuthi: “Amehlo kaYehova aphezu kwabo bangamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo.” (1 Petros 3:12) Yaye sikwafunda nokuba umthandazo wenguquko umele uquke ukuvuma izono ngokuthobekileyo. (IMizekeliso 28:13) Noko ke, oku akuthethi ukuba simele siyithabathe lula inceba kaThixo. IBhayibhile ilumkisa amaKristu ukuba ‘angamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo aze ayiphose injongo yabo.’—2 Korinte 6:1.

18 Okokugqibela, sifunda injongo yokuba nomonde kukaThixo kubantu bakhe abanesono. Umpostile uPetros wachaza ukuba uYehova unomonde “ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Kodwa ke, abo baqhubeka bewusebenzisa kakubi umonde kaThixo baza kohlwaywa ekugqibeleni. Ngokuphathelele oku siyafunda: “[UYehova] uya kunika ngamnye ngokwemisebenzi yakhe: ubomi obungunaphakade kwabo bafuna uzuko nembeko nokungabi nakonakala ngonyamezelo kumsebenzi olungileyo; noko ke, kwabo banosukuzwano nabangayithobeliyo inyaniso kodwa bethobela intswela-bulungisa kuya kubakho ingqumbo nomsindo.”—Roma 2:6-8.

19. Ziziphi iimpawu ezingaguquguqukiyo uYehova aya kusoloko ezibonakalisa?

19 Le yindlela uThixo awaqhubana ngayo noSirayeli wamandulo. Ulwalamano lwethu noYehova namhlanje lulawulwa yimigaqo efanayo kuba akaguquguquki. Nangona engayeki ukubohlwaya abo bafanelwe sisohlwayo, uya kusoloko “[enguYehova], uThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso, ogcinela amawaka ububele bothando, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono.”—Eksodus 34:6, 7.

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 362]

Umthandazo KaDaniyeli Wenguquko

Umprofeti uDaniyeli wayehlala eBhabhiloni ebudeni bayo yonke iminyaka engama-70 yokuthinjwa kwamaYuda. Kwathi ngonyaka wama-68 wokuthinjwa kwawo, uDaniyeli waqonda ngokufunda esiprofetweni sikaYeremiya ukuba ukuthinjwa kukaSirayeli kwakusondela esiphelweni sako. (Yeremiya 25:11; 29:10; Daniyeli 9:1, 2) Ngoko uDaniyeli wathandaza kuYehova—ethandazela inguquko yalo lonke uhlanga lwakwaYuda. UDaniyeli uchaza esithi: “Ndabubhekisa ubuso bam kuYehova uThixo oyinyaniso, ukuze ndimfune ngomthandazo nangezibongozo, ngokuzila ukutya nangamarhonya nangothuthu. Ndathandaza kuYehova uThixo wam, ndavuma [izono zethu].”—Daniyeli 9:3, 4.

UDaniyeli wawenza lo mthandazo wakhe malunga namakhulu amabini eminyaka emva kokuba uIsaya ebhale umthandazo wesiprofeto ofumaneka kwisahluko 63 nesama-64 sencwadi yakhe. Ngokungathandabuzekiyo, amaYuda amaninzi anyanisekileyo ayethandaza kuYehova ebudeni baloo minyaka inzima yokuthinjwa kwawo. Noko ke, iBhayibhile ibalaselisa umthandazo kaDaniyeli, ekubonakala ukuba wawuvakalisa iimvakalelo zamaYuda amaninzi athembekileyo. Ngoko, lo mthandazo wakhe ubonisa ukuba iingcamango ezivakaliswe emthandazweni kaIsaya wesiprofeto ngokwenene yayiziingcamango zamaYuda athembekileyo awayeseBhabhiloni.

Phawula ukufana okukhoyo phakathi komthandazo kaDaniyeli nokaIsaya:

Isaya 63:16 Daniyeli 9:15

Isaya 63:18 Daniyeli 9:17

Isaya 64:1-3 Daniyeli 9:15

Isaya 64:4-7 Daniyeli 9:4-7

Isaya 64:6 Daniyeli 9:9, 10

Isaya 64:10, 11 Daniyeli 9:16-18

[Ibhokisi ekwiphepha 366]

‘Iliso Alibonanga’

Encwadini yakhe eyayisiya kwabaseKorinte, umpostile uPawulos wacaphula encwadini kaIsaya xa wabhala wathi: “Kanye njengoko kubhaliwe: ‘Iliso alizibonanga nendlebe ayizivanga, zingathelekelelwanga nasentliziyweni yomntu izinto uThixo azilungiselele abo bamthandayo.’” (1 Korinte 2:9) a La mazwi kaPawulos nalawo kaIsaya akabhekiseli kwizinto uYehova azilungiselele abantu bakhe kwilifa lasezulwini okanye kwiparadesi yasemhlabeni ezayo. UPawulos uwasebenzisa la mazwi kaIsaya ukwalatha kwiintsikelelo ezazisele zinanditshwa ngamaKristu ngenkulungwane yokuqala, ezinjengokuqonda izinto ezinzulu zikaThixo nokufumana ukhanyiselo lokomoya olwaluvela kuYehova.

Sinokuziqonda izinto ezinzulu zokomoya kuphela xa kufike ixesha elifanelekileyo likaYehova lokuzityhila—yaye sekunjalo, sizityhilelwa kuphela ukuba singabantu abaqolileyo ngokomoya nabanolwalamano olusenyongweni noYehova. Amazwi kaPawulos abhekisela kwabo babuthathaka okanye bafileyo ngokomoya. Amehlo abo akaziboni, okanye akaziqondi, iinyaniso zokomoya, neendlebe zabo aziziva, okanye aziziqondi, izinto ezinjalo. Ulwazi ngezinto uThixo azilungiselele abo bamthandayo alungeni kwaukungena ezintliziyweni zabantu abanjalo. Kodwa kwabo bazinikeleyo kuThixo, njengoPawulos, uThixo uye wazityhila ezi zinto ngomoya wakhe.—1 Korinte 2:1-16.

[Umbhalo osemazantsi]

a La mazwi kaPawulos akafumaneki kwiZibhalo zesiHebhere kanye ngendlela awacaphule ngayo. Kubonakala ukuba udibanise iingcamango ezikuIsaya 52:15; 64:4; nesama-65:17.

[Umfanekiso okwiphepha 367]

IYerusalem netempile yayo zazikade zililifa labantu bakaThixo “okwethutyana”