Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka

Iizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka

Icandelo 6

Iizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka

 1, 2. Abazali bethu bokuqala basiphazamisa njani isiqalo esihle ababesinikwe nguThixo?

 KONAKELE phi? Yintoni le yenzekayo eyaphazamisa isiqalo esihle uThixo awasinika abazali bethu bokuqala kwiParadisi yase-Eden? Kutheni kuye kwesamela ubungendawo nokubandezeleka nje kangangamawaka eminyaka kunokuba kugqube uxolo nemvisiswano yeParadisi?

2 Isizathu sikukuba uAdam noEva bayisebenzisa kakubi inkululeko yabo yokuzikhethela. Abazange basiqwalasele isibakala sokuba babengadalelwanga ukuba baphumelele ngaphandle koThixo nemithetho yakhe. Bagqiba kwelokuba bazimele geqe kuThixo, becinga ukuba oku kwakungabuphucula ubomi babo. Ngoko baphuma kwimida emiselwe nguThixo yenkululeko yokuzikhethela.—Genesis, isahluko 3.

Imbambano Yolongamo Lwendalo Iphela

 3-5. Kwakutheni ukuze uThixo angasuki nje atshabalalise uAdam noEva aze aqale phantsi kwakhona?

3 Kwakutheni ukuze uThixo angasuki abatshabalalise uAdam noEva aze aqale phantsi ngesinye isibini esingabantu? Kwakungenxa yokuba ulongamo lwakhe lwendalo iphela, oko kukuthi, ilungelo lakhe elisisigxina lokulawula, lwalucelwe umngeni.

4 Imbambano yayiyile: Ngubani onelungelo lokulawula, yaye lulawulo lukabani olufanelekileyo? Ukuba ngusomandla kwakhe noMdali wazo zonke izidalwa kubangela ukuba uThixo abe nelungelo lokuzilawula. Ekubeni enobulumko bonke, ulawulo lwakhe lolona luzilungeleyo zonke izidalwa. Kodwa ngoku ulawulo lukaThixo lwalucelwe umngeni. Kwakhona, ngaba kwakukho into ephosakeleyo ngendalo yakhe—umntu? Siza kubuye sihlolisise kamva indlela ebandakanyeke ngayo imbambano yengqibelelo yomntu.

5 Ngokuzimela geqe komntu kuThixo, kwakuphakama enye imbambano: Ngaba abantu banokuqhuba kakuhle ukuba abalawulwa nguThixo? Ngokuqinisekileyo uMdali wayeyazi impendulo, kodwa indlela eqinisekileyo yokuba abantu bayazi yayikukubayeka babe nenkululeko epheleleyo ababeyifuna. Bazikhethela elo khondo, ngoko uThixo wabavumela.

 6, 7. Kutheni uThixo ebayekile abantu ukuba basebenzise inkululeko epheleleyo ixesha elide kangaka?

6 Ngokubanika abantu ixesha elaneleyo lokwenza ulingelo ngenkululeko epheleleyo, uThixo wayengabonisa ngokupheleleyo enoba abantu baqhuba kakuhle kusini na xa belawulwa nguThixo okanye xa bezilawula. Yaye bekungafuneka banikwe ixesha elide ngokwaneleyo ukuze abantu bafikelele koko bakugqala njengencopho kwezobupolitika, kwezorhwebo, kwezenzululwazi nakwezonyango.

7 Ngoko ke, uThixo uye wabanika abantu ithuba elipheleleyo ukuhla ukuza kuthi ga kumhla wethu lokubonakalisa ngaphandle kwamathandabuzo enoba lunokuphumelela kusini na ulawulo lomntu ozimele geqe kuye. Ngaloo ndlela umntu uye wakwazi ukukhetha phakathi kobubele nenkohlakalo, phakathi kothando nentiyo, phakathi kobulungisa nokungalungisi. Kodwa kwakhona uye wajamelana nemiphumo yokhetho lwakhe: ukulunga noxolo okanye ubungendawo nokubandezeleka.

Imvukelo Yezidalwa Zomoya

 8, 9. (a) Imvukelo yaqala njani kummandla womoya? (b) Ngaphandle koAdam noEva ngoobani abanye uSathana awabaphembelela ukuba bavukele?

8 Kukho omnye uthunywashe omele uqwalaselwe. Asingobazali bethu bokuqala kuphela abaluvukelayo ulawulo lukaThixo. Kodwa ngoobani abanye ababephila ngelo xesha? Zizidalwa zomoya. Ngaphambi kokuba uThixo adale abantu, wadala izidalwa eziphilileyo eziphakamileyo, izithunywa zezulu ezininzi, ukuze ziphile kummandla wasezulwini. Nazo zazidalwe zanenkululeko yokuzikhethela yaye nazo zazifanele zizithobe kulawulo lukaThixo.—Yobhi 38:7; INdumiso 104:4; ISityhilelo 5:11.

9 IBhayibhile ibonisa ukuba imvukelo yaqala kummandla womoya. Isidalwa esingumoya sasifuna ukuba nenkululeko epheleleyo. Sade safuna nokuba abantu banqule sona. (Mateyu 4:8, 9) Lo mvukeli ungumoya waphembelela uAdam noEva ukuba bavukele, ngobuxoki emi ngelokuba uThixo wayebabandeza okuthile okulungileyo. (Genesis 3:1-5) Ngoko ubizwa ngokuba nguMtyholi (uMhlebi) noSathana (uTshaba). Kamva, walukuhla nezinye izidalwa zomoya ukuba zivukele. Zaziwa ngokuba ziidemon.—Duteronomi 32:17; ISityhilelo 12:9; 16:14.

10. Waba yintoni umphumo wokuvukela kwezidalwa ezingabantu nezomoya?

10 Ngokuvukela kwabo uThixo, abantu bazichanaba kwimpembelelo kaSathana neyeedemon zakhe. Kungoko iBhayibhile ibiza uSathana ngokuthi “uthixo weli phakade,” othe ‘wazimfamekisa iingqondo zabangakholwayo.’ Ngenxa yoko, iLizwi likaThixo lithi “ihlabathi liphela lilele kongendawo.” NoYesu wambiza uSathana ngokuthi “umphathi walo eli hlabathi.”—2 Korinte 4:4; 1 Yohane 5:19; Yohane 12:31.

Iimbambano Ezimbini

11. Yiyiphi enye imbambano uSathana awamcela umngeni kuyo uThixo?

11 USathana waphakamisa enye imbambano eyazisa ucelomngeni kuThixo. Ngokungathi kunjalo, wathi uThixo wenza impazamo ethile kwindlela awabadala ngayo abantu nokuba kwakungekho mntu wayengenza okulungileyo xa evavanywa. Enyanisweni, wema ngelithi xa abantu bevavanywa babengamqalekisa nokumqalekisa uThixo. (Yobhi 2:1-5) Ngale ndlela uSathana wabangela ukuba ithandabuzeke ingqibelelo yendalo engabantu.

12-14. Ukuhamba kwexesha kwakuya kuyityhila njani inyaniso ngezi mbambano zimbini ezaphakanyiswa nguSathana?

12 Ngoko ke, uThixo uye wavumela ixesha elaneleyo lokuba zonke izidalwa ezinengqiqo zibone indlela eyayiza kuconjululwa ngayo le mbambano kunye nembambano yolongamo lukaThixo. (Thelekisa iEksodus 9:16.) Iziganeko ezaziya kuba ngumphumo kwimbali yabantu zaziya kuyityhila inyaniso ngezi mbambano zimbini.

13 Okokuqala, ukuhamba kwexesha kwakuya kutyhila ntoni ngembambano yolongamo lwendalo iphela, ukufaneleka kolongamo lukaThixo? Ngaba abantu babenokuzilawula kakuhle kunoThixo? Ngaba nayiphi na inkqubo yolawulo lomntu ezimele geqe kuThixo yayingazisa ihlabathi elivuyisayo ekungekho kulo imfazwe, ulwaphulo-mthetho nezenzo zokungekho sikweni? Ngaba nayiphi na yayingabushenxisa ubuhlwempu ize ibanike indyebo bonke abantu? Ngaba nayiphi na yayingakuphelisa ukugula, ukwaluphala nokufa? Ulawulo lukaThixo lwaluyilelwe ukuba lukwenze konke oko.—Genesis 1:26-31.

14 Ngokuphathelele imbambano yesibini, ukuhamba kwexesha kwakungabonisa ntoni ngokufaneleka kwendalo engabantu? Ngaba wenza impazamo uThixo ngokubadala abantu ngendlela awabadala ngayo? Ngaba nawuphi na kubo wayengenza oko kufanelekileyo xa evavanywa? Ngaba bakho abantu ababengabonisa ukuba bona babefuna ulawulo lukaThixo kunolawulo lwabantu abazimele geqe?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 13]

UThixo uye wabanika ixesha abantu lokuba bafikelele incopho yoko bakuphumezileyo

[Inkcazelo]

Shuttle: Based on NASA photo