Indlela Esazi Ngayo Ukuba ‘Sikwimihla Yokugqibela’
Icandelo 9
Indlela Esazi Ngayo Ukuba ‘Sikwimihla Yokugqibela’
1, 2. Sinokwazi njani ukuba sikwimihla yokugqibela?
SINOKUQINISEKA njani ukuba siphila kwixesha lokuba uBukumkani bukaThixo benze okuthile ngale nkqubo ikhoyo yolawulo lomntu? Sinokwazi njani ukuba sisondele gqitha kwixesha lokuba uThixo aphelise bonke ubungendawo nokubandezeleka?
2 Abafundi bakaYesu Kristu babefuna ukuzazi ezo zinto. Bambuza oko wawuya kuba kuko “umqondiso” wobukho bakhe kumandla oBukumkani “nowokupheliswa kwephakade eli.” (Mateyu 24:3) UYesu waphendula ngokunikela iinkcukacha ngeziganeko neemeko ezikhwankqisa ihlabathi ezaziya kuba yintlanganisela ukuze zibonise ukuba uluntu lwalungene ‘kwixesha lokuphela,’ “imihla yokugqibela” yale nkqubo yezinto. (Daniyeli 11:40; 2 Timoti 3:1) Ngaba kule nkulungwane siye sawubona loo mqondiso oyintlanganisela? Ewe, siwubonile, yaye siwubone kakhulu!
Iimfazwe Zehlabathi
3, 4. Iimfazwe zale nkulungwane zivisisana njani nesiprofeto sikaYesu?
3 UYesu waxela kwangaphambili ukuba ‘uhlanga lwaluya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.’ (Mateyu 24:7) Ngowe-1914 ihlabathi lalwa imfazwe eyabangela ukuba iintlanga nezikumkani zingene emfazweni ngendlela eyayahlukile kuyo nayiphi na imfazwe eyayiphambi kwayo. Besamkela eso sibakala, ababhali-mbali belo xesha bayibiza ngokuba yiMfazwe Enkulu. Yayiyimfazwe yokuqala eyayinjalo embalini, imfazwe yehlabathi yokuqala. Amajoni nabemi abanokuba ngama-20 000 000 baphulukana nobomi babo, abantu abaninzi gqitha kunayo nayiphi na enye imfazwe eyayiphambi kwayo.
4 IMfazwe Yehlabathi I yaphawula ukuqala kwemihla yokugqibela. UYesu wathi yona kunye nezinye iziganeko zaziya kuba “kukuqaleka kwenimba.” (Mateyu 24:8) Oko kwangqineka kuyinyaniso, njengoko iMfazwe Yehlabathi II yada yathi kratya ekubulaleni, amajoni nabemi abanokuba ngama-50 000 000 bephulukana nobomi babo. Kule nkulungwane yama-20, abantu abangaphezu kwe-100 000 000 baye babulawa ezimfazweni, nani elo eliliphinda kane elabo bafa kwiminyaka engama-400 engaphambili lihlanganisiwe! Onjani wona ukuba mkhulu umlinganiselo olubekek’ ityala ngawo ulawulo lomntu!
Ezinye Izinto Ezibubungqina
5-7. Bubuphi obunye bobungqina bokuba sikwimihla yokugqibela?
5 UYesu waquka ezinye iinkalo ezaziya kupheleka imihla yokugqibela: “Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa [oobhubhane bezifo].” (Luka 21:11) Oko kuzichaza kakuhle iziganeko ukususela kowe-1914, njengoko ukunxutyiswa ziintlekele ezinjalo kuye kwathabath’ unyawo.
6 Iinyikima ezinkulu zomhlaba zenzeka rhoqo, zisuba ubomi babantu abaninzi. UMbathalala uwodwa wabulala abantu abamalunga nama-20 000 000 emva kweMfazwe Yehlabathi I—abanye balithelekelela eli nani kuma-30 000 000 okanye nangaphezulu. UGawulayo uye wabulala abantu abangamakhulu amawaka yaye usenokuba uza kubulala izigidi ezingakumbi kwikamva elikufuphi. Nyaka ngamnye izigidi zabantu zibulawa zizifo zentliziyo, ngumhlaza nezinye izifo. Inxele likaKhetsekile lithe chu lizibulalela izigidi ezingakumbi. Ngokungathandabuzekiyo ‘abakhweli-mahashe beSityhilelo’ neemfazwe zabo, ukunqongophala kokutya noobhubhane bezifo bebebulala abantu abaninzi gqitha kwintsapho yabantu ukususela ngowe-1914.—ISityhilelo 6:3-8.
7 Kwakhona uYesu waxela kwangaphambili ukwanda kolwaphulo-mthetho okwenzeka kuwo onke amazwe. Wathi: “Ngenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.”—Mateyu 24:12.
8. Isiprofeto esikweyesi-2 kuTimoti isahluko 3 silifanela njani ixesha lethu?
8 Ngaphezu koko, isiprofeto seBhayibhile saxela kwangaphambili ukudodobala kokuziphatha okuselubala okweqanda leseme kulo lonke ihlabathi namhlanje: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako . . . Abantu abangendawo noosiyazi baya kuhambela phambili ebubini.” (2 Timoti 3:1-13) Konke oko kuye kwazaliseka kanye phambi kwamehlo ethu.
Omnye Uthunywashe
9. Kwenzeka ntoni ezulwini kanye ngexesha lokuqalisa kwemihla yokugqibela emhlabeni?
9 Kukho omnye uthunywashe obekek’ ityala ngokwanda okukhulu kokubandezeleka kule nkulungwane. Malunga nokuqalisa kwemihla yokugqibela ngowe-1914, kwenzeka enye into eyafaka uluntu kwingozi engakumbi. Ngelo xesha, ngokutsho kwesiprofeto esikwincwadi yokugqibela yeBhayibhile: “Kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli [uKristu ekwigunya lasezulwini] nezithunywa zakhe besilwa nenamba [uSathana], inamba nezithunywa zayo [iidemon] zisilwa; azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini. Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.”—ISityhilelo 12:7-9.
10, 11. Uluntu lwachaphazeleka njani xa uSathana needemon zakhe baphoswa phantsi emhlabeni?
10 Yaba yintoni imiphumo kwintsapho yabantu? Isiprofeto sihlabela mgama: “Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” Ewe, uSathana uyazi ukuba isiphelo senkqubo yakhe siyasondela, ngoko wenza konke anako ukuze atyekise abantu kuThixo ngaphambi kokuba yena nehlabathi lakhe bashenxiswe. (ISityhilelo 12:12; 20:1-3) Hayi indlela ezonakele ngayo ezo zidalwa zomoya ngenxa yokuba zayisebenzisa kakubi inkululeko yazo yokuzikhethela! Hayi indlela ebezimaxongo ngayo iimeko emhlabeni phantsi kwempembelelo yazo, ngokukodwa ukususela ngowe-1914!
11 Akumangalisi ke ukuba uYesu waxela kwangaphambili oku ngexesha lethu: “Nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza . . . Abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo.”—Luka 21:25, 26.
Ulawulo Lomntu Needemon Sele Luza Kuphela
12. Sisiphi esinye seziprofeto zokugqibela eziseleyo esimele sizaliseke ngaphambi kokupheliswa kwale nkqubo?
12 Zingaphi iziprofeto zeBhayibhile ezisamele zizaliseke ngaphambi kokuba uThixo atshabalalise le nkqubo ikhoyo yezinto? Zimbalwa gqitha! Esinye sezokugqibela sikweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:3, ethi: “Ngoxa bethetha ngoxolo nangonqabiseko, ngequbuliso bafikelwa lishwangusha.” (The New English Bible) Oku kubonisa ukuba ukuphela kwale nkqubo kuya kuqalisa “ngoxa bethetha.” Ihlabathi lingayilindelanga, intshabalalo iya kufika kanye ngexesha elingacingelwanga, xa abantu besathe phithi thwanga luxolo nonqabiseko abanethemba lokulufumana.
13, 14. Liliphi ixesha lenkathazo uYesu awalixela kwangaphambili, yaye liya kuphela njani?
13 Eli hlabathi liphantsi kwempembelelo kaSathana liphelelwa lixesha. Kungekudala liza kufikelela esiphelweni ngexesha lenkathazo uYesu awathi ngalo: “Ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo.”—Mateyu 24:21.
14 “Imbandezelo enkulu” iya kufikelela incopho yayo ngemfazwe kaThixo yeArmagedon. Elo lixesha awathetha ngalo umprofeti uDaniyeli xa uThixo eya ‘kuzicola azigqibe zonke ezo zikumkani.’ Oku kuya kuthetha isiphelo salo lonke ulawulo olukhoyo lomntu noluzimele geqe kuThixo. Luya kuthi ke ulawulo lwakhe loBukumkani olusezulwini luyilawule ngokupheleleyo imicimbi yabantu. UDaniyeli waxela kwangaphambili ukuba igunya lokulawula alisokuze liphinde lishiyelwe ‘kwabanye abantu.’—Daniyeli 2:44; ISityhilelo 16:14-16.
15. Kuya kwenzeka ntoni kwimpembelelo kaSathana neyeedemon zakhe?
15 Ngelo xesha nayo yonke impembelelo kaSathana neyeedemon iya kuphela. Ezo zidalwa zomoya ezinemvukelo ziya kutshayelwa kuthi tu ukuze zingabi “sazilahlekisa iintlanga.” (ISityhilelo 12:9; 20:1-3) Zigwetyelwe ukufa yaye zilindele ukutshatyalaliswa. Esinjani sona isiqabu ekuya kuba siso ngoluntu ukukhululeka kwimpembelelo yazo eyonakalisayo!
Ngoobani Abaya Kusinda? Ngoobani Abangayi Kusinda?
16-18. Ngoobani abaya kusinda kwisiphelo sale nkqubo, kwaye ngoobani abangayi kusinda?
16 Xa imigwebo kaThixo iphunyezwa kweli hlabathi, ngoobani abaya kusinda? Ngoobani abangayi kusinda? IBhayibhile ibonisa ukuba abo bafuna ukulawulwa nguThixo baya kukhuselwa yaye baya kusinda. Abo bangalufuniyo ulawulo lukaThixo abayi kukhuselwa kodwa baya kutshatyalaliswa nehlabathi likaSathana.
17 IMizekeliso 2:21, 22 ithi: “Abathe tye [abo bazithoba kulawulo lukaThixo] baya kulima ilizwe, basale kulo abagqibeleleyo. Banqunyulwe ezweni abangendawo [abo bangazithobiyo kulawulo lukaThixo], abanginizayo bancothulwe kulo.”
18 NeNdumiso 37:10, 11 ithi: “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo . . . Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” Indinyana 29 iyongezelela: “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”
19. Sisiphi isiluleko esifanele sinikele ingqalelo kuso?
19 Sifanele sinikele ingqalelo kwisiluleko esikwiNdumiso 37:34, ethi: “Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe; wokuphakamisa, ulidle ilifa ilizwe; ekunqanyulweni kongendawo wobonela.” Indinyana 37 neyama-38 zithi: “Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye; ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo. Ke bona abangendawo batshatyalaliswa kuphele; izivela-mva zongendawo ziyanqunyulwa.”
20. Kutheni sinokuthi la ngamaxesha ekuchwayitisayo ukuphila kuwo?
20 Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo, ewe, hayi indlela ekuvuselela ngayo ukwazi ukuba ngokwenene uThixo unenkathalo nokuba kungekudala uza kubuphelisa bonke ubungendawo nokubandezeleka! Hayi indlela ekuchwayitisa ngayo ukuqonda ukuba lifutshane ixesha eliseleyo ngaphambi kokuba kuzalisekiswe ezo ziprofeto zizukileyo!
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 20]
IBhayibhile yaxela kwangaphambili iziganeko ezaziya kuba ‘ngumqondiso’ wemihla yokugqibela
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Kungekudala, eArmagedon, abo bangazithobiyo kulawulo lukaThixo baya kunqanyulwa. Abo bazithobayo baya kusindela kwihlabathi elitsha lobulungisa