“Abayonxalenye Yehlabathi”
Isahluko Seshumi Elinesibhozo
“Abayonxalenye Yehlabathi”
1. (a) Ngaphambi kokuba afe, yintoni uYesu awayithandazelayo ngokuphathelele abafundi bakhe? (b) Kutheni kubaluleke kangaka ukungabi ‘yinxalenye yehlabathi’?
NGOBUSUKU bangaphambi kokuba abulawe, uYesu wathandazela abafundi bakhe. Esazi ukuba uSathana wayeza kubacinezela kanobom, uYesu wabhekisa kuYise esithi: “Ndiyakucela, kungekhona ukuba ubasuse ehlabathini, kodwa ukuba ubalinde ngenxa yalowo ungendawo. Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:15, 16) Kutheni kubalulekile nje ukwahluka ehlabathini? Kungenxa yokuba uSathana ungumlawuli weli hlabathi. AmaKristu ayengayi kufuna ukuba yinxalenye yehlabathi eliphantsi kolawulo lwakhe.—Luka 4:5-8; Yohane 14:30; 1 Yohane 5:19.
2. Ziziphi iindlela uYesu awayengeyonxalenye yehlabathi ngazo?
2 Ukungabi yinxalenye yehlabathi kwakungathethi kuthi uYesu wayengabathandi abanye abantu. Kunoko, waphilisa ababegula, wavusa ababefile, waza wafundisa abantu ngoBukumkani bukaThixo. Wada wanikela ngobomi bakhe ngenxa yoluntu. Kodwa wayengazithandi izimo zengqondo nezenzo ezingezozabuthixo zabo babenomoya wehlabathi likaSathana. Ngenxa yoko, walumkisa ngezinto ezinjengeenkanuko zokuziphatha okubi, ubomi bokuthanda izinto eziphathekayo, kunye nokusukelana namawonga. (Mateyu 5:27, 28; 6:19-21; Luka 20:46, 47) Ngoko ke, akumangalisi ukuba uYesu aziphephe ezobupolitika zehlabathi. Nangona wayengumYuda, akazange akhethe cala kwiingxwabangxwaba zezobupolitika ezaziphakathi kwamaRoma namaYuda.
“Ubukumkani Bam Abuyonxalenye Yeli Hlabathi”
3. (a) Sisiphi isityholo esinxamnye noYesu esabekwa ziinkokeli zonqulo zamaYuda kuPilato, yaye ngoba? (b) Yintoni ebonisa ukuba uYesu wayengakunanze nganto ukuba ngukumkani wasemhlabeni?
3 Khawucinge ngoko kwenzekayo xa iinkokeli zonqulo zamaYuda zayalela ukuba uYesu abanjwe aze asiwe kuPontiyo Pilato, irhuluneli engumRoma. Enyanisweni, ezo nkokeli zazikhathazwa kukuba uYesu eye wabhenca ukuhanahanisa kwazo. Ukuze le rhuluneli ithabathe inyathelo nxamnye noYesu, zamtyhola zisithi: “Lo mntu simfumene ebhukuqa uhlanga lwethu, ekwalela ukuhlawulwa kwerhafu kuKesare, esithi yena unguKristu ukumkani.” (Luka 23:2) Bubuxoki obuzicaceleyo nje obu, kuba kwisithuba esingangonyaka ngaphambilana xa abantu babefuna ukubeka uYesu njengokumkani, akazange avume. (Yohane 6:15) Wayesazi ukuba yena wayeza kuba nguKumkani wasezulwini kwixesha elizayo. (Luka 19:11, 12) Ibe wayeza kuthweswa ubukumkani nguYehova, kungekhona abantu.
4. Sasinjani isimo sengqondo sikaYesu ngokuphathelele ukuhlawula irhafu?
4 Kwiintsuku ezintathu nje ngaphambi kokuba uYesu abanjwe, abaFarisi bazama ukunyanzela uYesu ukuba athethe into eyayiza kumbambisa ngokuphathelele umbandela werhafu. Kodwa wathi: “Ndiboniseni idenariyo [ingqekembe yaseRoma]. Inomfanekiso nombhalo kabani?” Xa bathi ‘ngokaKesare,’ waphendula wathi: “Ngandlela zonke, ngoko, buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”—Luka 20:20-25.
5. (a) Sisiphi isifundo uYesu awasifundisa abafundi bakhe xa wayebanjwa? (b) UYesu wasichaza njani isizathu soko wayekwenzile? (c) Waba yintoni umphumo welo tyala?
5 UYesu akazange afundise abantu ukuba bavukele abasemagunyeni. Xa amajoni namanye amadoda eza kubamba uYesu, uPetros wathi rhuthu ikrele waza waxabela enye yawo, esusa indlebe yayo. Kodwa uYesu wathi: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:51, 52) Ngosuku olulandelayo uYesu waziphendulela kuPilato ngezenzo zakhe, esithi: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi. Ukuba ubukumkani bam bebuyinxalenye yeli hlabathi, abalindi bam bebeya kulwa ukuze ndinganikelwa kumaYuda.” (Yohane 18:36) UPilato wavuma ukuba ‘akafumananga sizathu sezimangalo’ ezazinxamnye noYesu. Kodwa ngenxa yengcinezelo yelo hlokondiba, uPilato wayalela ukuba uYesu abethelelwe kwisibonda sentuthumbo.—Luka 23:13-15; Yohane 19:12-16.
Abafundi Balandela Ukhokelo LukaYesu
6. AmaKristu okuqala abonisa njani ukuba ayewuphepha umoya wehlabathi kodwa ebathanda abantu?
6 Ngaloo ndlela abafundi bakaYesu baqonda oko kwakuthethwa kukungabi yinxalenye yehlabathi. Kwakuthetha ukuphepha umoya kunye nezenzo ezingezozabuthixo zehlabathi, ezaziquka iindlela zokuzonwabisa ezinogonyamelo nokuziphatha okubi kwiisekisi nakumabala emidlalo aseRoma. Ngenxa yoko, abafundi bagxekwa kusithiwa baluthiyile uluntu. Kodwa kunokuba babathiye abanye abantu, bazibhokoxa ukuze bancede abanye bangenelwe kumalungiselelo kaThixo osindiso.
7. (a) Yintoni abahlangabezana nayo abafundi ngenxa yokuba bengeyonxalenye yehlabathi? (b) Babebajonga njani abalawuli bezobupolitika nokuhlawulwa kweerhafu, yaye ngoba?
7 Abalandeli bakaYesu bafumana intshutshiso efanayo neyayijoliswe kuye, ngokufuthi eyayiphenjelelwa ngamagosa karhulumente anikwe inkcazelo ephosakeleyo. Sekunjalo, malunga nowama-56 C.E., umpostile uPawulos wabhalela amaKristu aseRoma, ewabongoza ukuba “athobele amagunya awongamileyo [abalawuli bezobupolitika], kuba akukho gunya libekho ngaphandle kukaThixo.” Oku akuthethi kuthi nguYehova omisa oorhulumente behlabathi, kodwa uyabavumela ukuba babekho de ibe buBukumkani bakhe kuphela obulawula wonke umhlaba. Ngokufanelekileyo, uPawulos waluleka amaKristu ukuba awahlonele amagosa ehlabathi aze ahlawule irhafu.—Roma 13:1-7; Tito 3:1, 2.
8. (a) AmaKristu amele azithobe ukuya kutsho kuwuphi umlinganiselo kumagunya awongamileyo? (b) AmaKristu okuqala awulandela njani umzekelo kaYesu?
8 Noko ke, ukuzithoba kubalawuli bezobupolitika kwakulinganiselwe. Xa imithetho kaYehova ingqubana nemithetho yomntu, abo bakhonza uYehova bamele bathobele imithetho Yakhe. Phawula oko kuthethwa yincwadi ethi On the Road to Civilization—A World History ngamaKristu okuqala: “AmaKristu ayengavumi ukwenza imisebenzi ethile yabemi baseRoma. AmaKristu . . . ayevakalelwa kukuba ukungenela umkhosi kwakungquzulana nonqulo lwawo. Ayengavumi ukuba kwisikhundla sezobupolitika. Ayengamnquli umlawuli.” Xa inkundla ephakamileyo yamaYuda ‘yabayalela ngokucacileyo’ abafundi ukuba bayeke ukushumayela, baphendula: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 5:27-29.
9. (a) Kwakutheni ukuze amaKristu aseYerusalem athabathe inyathelo alithabathayo ngowama-66 C.E.? (b) Oko kungumzekelo omhle ngayiphi indlela?
9 Ngokuphathelele iingxwabangxwaba zezobupolitika nezomkhosi, abafundi bahlala bengoondilele. Ngowama-66 C.E., amaYuda elakwaYuda avukela uKesare. Umkhosi wamaRoma wayingqonga ngokukhawuleza iYerusalem. Enza ntoni amaKristu awayekweso sixeko? Akhumbula icebiso likaYesu lokuba aphume kweso sixeko. Xa amaRoma arhoxa okwethutyana, amaKristu asaba ewela uMlambo iYordan aza abalekela kummandla weentaba wasePella. (Luka 21:20-24) Ubundilele bawo baba ngumzekelo kumaKristu athembekileyo amva.
AmaKristu Angoondilele Kule Mihla Yokugqibela
10. (a) Nguwuphi umsebenzi amaNgqina kaYehova azigcina exakeke nguwo, yaye ngoba? (b) Yintoni angoondilele kuyo?
10 Ngokutsho kweengxelo zembali, ngaba likho iqela kule mihla yokugqibela eliye lanamathela ngokungqongqo kubundilele lixelisa amaKristu okuqala? Ewe, ngamaNgqina kaYehova. Ebudeni balo lonke eli xesha aye aqhubeka eshumayela esithi uBukumkani bukaThixo bukuphela kwendlela yokudala uxolo, inkqubela kunye nolonwabo oluhlala luhleli kwabo bathanda ubulungisa. (Mateyu 24:14) Kodwa ngokuphathelele iingxwabangxwaba zeentlanga, aye anamathela ngokungqongqo kubundilele.
11. (a) Ubundilele bamaNgqina bahluke njani kuqheliselo lwabefundisi? (b) Anayiphi imbono amaNgqina kaYehova ngoko abanye bakwenzayo kwezobupolitika?
11 Ngokwahlukileyo koko, abefundisi beenkonzo zeli hlabathi baye baziphosa nofele kwimicimbi yezobupolitika. Kwamanye amazwe, baye bazibhokoxa kanobom begayela abo bazigqatsileyo okanye begaya nxamnye nabo. Abanye abefundisi bakwizikhundla zezobupolitika. Abanye baye baphembelela abezobupolitika ukuba balandele iinkqubo ezithandwa ngabo. Noko ke, amaNgqina kaYehova akangeni kwezobupolitika. Kananjalo akabathinteli abanye xa bebhalisa kumbutho wezobupolitika, bezigqatsela isikhundla esithile sezobupolitika okanye bevota kunyulo. UYesu wathi abafundi bakhe abayi kuba yinxalenye yehlabathi, ngoko amaNgqina kaYehova akabi nanxaxheba kwezobupolitika.
12. Ukungabi ngoondilele kuye kwanayiphi imiphumo kwiinkonzo zeli hlabathi?
12 Njengoko uYesu waxela kwangaphambili, kudala iintlanga ziquqa zibuyelela emfazweni. Kwanaphakathi kweentlanga ezo kuye kwakho amaqela alwayo. (Mateyu 24:3, 6, 7) Phantse ngazo zonke izihlandlo iinkokeli zonqulo ziye zaxhasa olunye uhlanga okanye iqela ngaphezu kwelinye, zibongoza abalandeli bazo ukuba benze okufanayo. Ube yintoni umphumo? Amalungu onqulo olunye ayabulalana kumadabi ngenxa nje yokuba engawohlanga okanye isizwe esahlukileyo. Oku kuchasene nokuthanda kukaThixo.—1 Yohane 3:10-12; 4:8, 20.
13. Ubungqina bubonisa ntoni ngobundilele bamaNgqina kaYehova?
13 Noko ke, amaNgqina kaYehova aye anamathela ngokungqongqo kubundilele kuzo zonke iimfazwe. IMboniselo [yesiNgesi] kaNovemba 1, 1939, yathi: “Bonke abakwicala leNkosi baya kuba ngoondilele kwiintlanga ezilwayo.” AmaNgqina kaYehova ayaqhubeka ebambelele kuloo nto kuzo zonke iintlanga naphantsi kwazo zonke iimeko. Akavumeli ezobupolitika kunye neemfazwe zeli hlabathi ezidala iiyantlukwano ukuba ziphelise ubuzalwana bawo bezizwe ngezizwe. ‘Ayawakhanda amakrele awo abe ngamakhuba nemikhonto yawo ibe zizikere zokuthena imithi.’ Ekubeni engoondilele, akasafundi ukulwa.—Isaya 2:3, 4; 2 Korinte 10:3, 4.
14. Yintoni aye ajamelana nayo amaNgqina kaYehova ngenxa yokuba eye ahlala ahlukile kwihlabathi?
14 Nguwuphi omnye umphumo wobundilele bawo? UYesu wathi: “Ngenxa yokuba ningeyonxalenye yehlabathi . . . linithiyile ihlabathi.” (Yohane 15:19) Uninzi lwamaNgqina kaYehova luye lwavalelwa ezintolongweni ngenxa yokuba lungabakhonzi bakaThixo. Amanye aye angcungcuthekiswa, de abulawa, kanye njengokuba kwenzekayo kumaKristu enkulungwane yokuqala. Oku kubangelwa kukuba uSathana, ‘uthixo wale nkqubo yezinto,’ ubachasile abakhonzi bakaYehova, abangeyonxalenye yayo.—2 Korinte 4:4; ISityhilelo 12:12.
15. (a) Yintoni ezisondela kuyo zonke iintlanga, kwaye yintoni amaNgqina kaYehova akuphapheleyo ukuyiphepha? (b) Kutheni ukwahluka kwihlabathi kungumbandela onzulu kangaka?
15 Abakhonzi bakaYehova bayavuya kuba bengeyonxalenye yehlabathi, kuba zonke iintlanga zisondela esiphelweni sazo eArmagedon. (Daniyeli 2:44; ISityhilelo 16:14, 16; 19:11-21) Siya kuyiphepha loo ntlekele kuba sahlukile kwihlabathi. Njengabantu abamanyeneyo emhlabeni wonke, sinyanisekile kuBukumkani bukaThixo basezulwini. Kuyinyaniso ukuba, ngenxa yokungabi yinxalenye yehlabathi, sichanabeka kugculelo nakwintshutshiso evela kulo. Noko ke, kungekudala iza kuphela loo nto, ekubeni eli hlabathi likhoyo eliphantsi kukaSathana liya kutshatyalaliswa ngonaphakade. Kwelinye icala, abo bakhonza uYehova baya kuphila ngonaphakade kwihlabathi lakhe elitsha elinobulungisa phantsi koBukumkani bukaThixo.—2 Petros 3:10-13; 1 Yohane 2:15-17.
Impinda
• UYesu wakubonisa njani oko kubandakanyekileyo ‘kukungabi yinxalenye yehlabathi’?
• Sasinjani isimo sengqondo samaKristu okuqala (a) kumoya wehlabathi, (b) kubalawuli behlabathi, (c) nasekuhlawulweni kwerhafu?
• AmaNgqina kaYehova ale mihla aye abonisa njani ukuba anobundilele bamaKristu?
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 165]
UYesu wayicacisa into yokuba yena nabafundi bakhe “abayonxalenye yehlabathi”