Amandla Ethemba Lovuko
Isahluko Sesithoba
Amandla Ethemba Lovuko
1. Liliphi ithemba ebeliya kubakho ngabafi ukuba uvuko belungekho?
NGABA ukhe wafelwa ngabantu obathandayo? Ukuba belungekho uvuko, ubungayi kuba nathemba lokubabona kwakhona. Bebeya kuhlala bekwimeko echazwa yiBhayibhile xa isithi: “Abafileyo, abazi nto konke konke, . . . kuba akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol [engcwabeni], kwindawo oya kuyo.”—INtshumayeli 9:5, 10.
2. Liliphi ithemba elivuyisayo eliziswa luvuko?
2 Ngenceba, uYehova uye wavulela inyambalala yabantu abafileyo ithuba elixabisekileyo lokuvuka kwabafileyo baze babuyele kubomi obungenasiphelo. Oku kuthetha ukuba unokuba nethemba elivuyisayo lokuba ngenye imini, kwihlabathi elitsha likaThixo, uza kuphinda ubabone abo ubathandayo abalele ukufa.—Marko 5:35, 41, 42; IZenzo 9:36-41.
3. (a) Luye lwangqineka lubaluleke njani uvuko ekuphunyezweni kwenjongo kaYehova? (b) Ngokukodwa kuxa kutheni apho ithemba lovuko liba ngumthombo wamandla kuthi?
3 Ngenxa yovuko, akuyomfuneko ukuba sityhwatyhwe ngenxa yokoyika ukufa. UYehova unako ukuvumela uSathana aye kuma apho athanda khona kwimizamo yakhe yokungqina ibango lakhe elikhatshwa lulunya lokuba “yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe,” kodwa umonakalo awenzayo awuyi kuba sisigxina. (Yobhi 2:4) UYesu wathembeka kuThixo de waya kufa, ibe ngenxa yoko uThixo wamvusela kubomi basezulwini. Ngaloo ndlela, uYesu wakwazi ukusondeza ixabiso ledini lakhe njengomntu ofezekileyo phambi kwetrone yasezulwini kaYise, yaye ngenxa yoko siza kuzuza iingenelo ngokusinda. Ngenxa yovuko, ‘abomhlambi omncinane,’ abaziindlalifa kunye noKristu, banethemba lokuba kunye naye kuBukumkani basezulwini. (Luka 12:32) Kwabanye, kukho ithemba lokuvuselwa kubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. (INdumiso 37:11, 29) Onke amaKristu afumanisa ithemba lovuko lingumthombo wamandla “angaphaya koko kuqhelekileyo” xa ephantsi kweemvavanyo eziwabeka engozini yokufa.—2 Korinte 4:7.
Isizathu Sokuba Lubaluleke Kukholo LwamaKristu
4. (a) Uvuko ‘luyimfundiso esisiqalelo’ ngayiphi ingqiqo? (b) Uvuko lunayiphi intsingiselo ehlabathini ngokubanzi?
4 Uvuko, njengoko luchazwe kweyamaHebhere 6:1, 2, ‘luyimfundiso esisiqalelo.’ Luyinxalenye yesiseko sokholo ebesingayi kuze sibe ngamaKristu aqolileyo ngaphandle kwaso. (1 Korinte 15:16-19) Noko ke, imfundiso yeBhayibhile yovuko ivakala ingaqhelekanga kwindlela yokucinga yehlabathi ngokubanzi. Ngenxa yokungatyekeli kwizinto zokomoya, baya besiba baninzi abantu ababona obu bomi bukuphela kobomi bokwenene. Ngaloo ndlela baphilela ukuziyolisa. Kuphinde kubekho abo banamathele kwiinkonzo zesithethe—ngaphakathi nangaphandle kweNgqobhoko—abacinga ukuba banomphefumlo ongafiyo. Kodwa loo nkolelo ayivisisani nemfundiso yeBhayibhile yovuko, kuba uvuko belungayi kuba yimfuneko ukuba abantu bebenomphefumlo ongafiyo. Ukuzama ukudibanisa ezi ngcamango zimbini kwenza abantu badideke nangakumbi kunokuba kubanike ithemba. Sinokubanceda njani abantliziyo zinyanisekileyo abafuna ukwazi inyaniso?
5. (a) Yintoni ekufuneka ubani ayazi ngaphambi kokuba aluqonde kakuhle uvuko? (b) Ziziphi izibhalo obunokuzisebenzisa ukuze ucacise umphefumlo? imeko yabafi? (c) Kunokwenziwa ntoni ukuba umntu usebenzisa inguqulelo yeBhayibhile ebonakala iyifihla inyaniso?
5 Ngaphambi kokuba abantliziyo zinyanisekileyo baliqonde ilungiselelo elingummangaliso lovuko, kufuneka bayiqonde ngokuchanileyo into oyiyo umphefumlo neyona meko bakuyo abafi. Ngokufuthi, izibhalo ezimbalwa nje ziyanela ukucacisa lo mbandela kumntu oyinxanelweyo inyaniso yeBhayibhile. (Genesis 2:7; INdumiso 146:3, 4; Hezekile 18:4) Noko ke, ezinye iinguqulelo zale mihla kunye neeBhayibhile ezishwankathelweyo ziyayifihla inyaniso ngomphefumlo. Ngoko kusenokufuneka ukuba siqwalasele amabinzana asetyenziswe kwiilwimi zantlandlolo zeBhayibhile.
6. Unokumnceda njani umntu aqonde oko umphefumlo ukuko?
6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha iba luncedo ngokukhethekileyo ekwenzeni oku kuba isoloko iguqulela igama lesiHebhere elithi neʹphesh kunye nelesiGrike elithetha into enye elithi psy·kheʹ ngokuthi “umphefumlo.” Kwi-appendix yale nguqulelo kukho imibhalo emininzi avela kuyo la magama. Ezinye iiBhayibhile azisebenzisi igama elinye kodwa zisenokuguqulela la magama manye antlandlolo kungekhona ngokuthi “umphefumlo” kuphela, kodwa nangokuthi “isidalwa,” “into ephilayo,” “umntu,” “nobomi”; ibinzana elithi “ineʹphesh yam” linokuguqulelwa ngokuthi “mna,” lize elithi “ineʹphesh yakho” liguqulelwe ngokuthi “wena.” Ukuthelekiswa kwezinye iinguqulelo zeBhayibhile neNguqulelo Yehlabathi Elitsha kuya kubanceda abafundi abanyanisekileyo baqonde ukuba amabinzana olwimi lwantlandlolo aguqulelwa ngokuthi “umphefumlo” abhekisela kubantu nakwizilwanyana. Kodwa ke loo mabinzana akaze adlulisele ingcamango yokuba umphefumlo uyinto engabonakaliyo nengaphathekiyo ephuma emzimbeni xa umntu esifa ize iqhubeke iphila ndaweni ithile.
7. Ubunokuyichaza njani ngokusuka eBhayibhileni imeko yabo baseShiyol? eHadesi? eGehena?
7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha ayiguquguquki kwindlela elisebenzisa ngayo igama elithi “Shiyol” elisuka kwigama lesiHebhere elithi sheʼohlʹ nakwindlela esebenzisa ngayo elithi “Hadesi” elithatyathwe kwigama lesiGrike elithi haiʹdes nelithi “Gehena” elivela kwigama lesiGrike elithi geʹen·na. Igama elithi “Shiyol” nelithi “Hadesi” athetha into enye. (INdumiso 16:10; IZenzo 2:27) IBhayibhile iyayicacisa into yokuba iShiyol neHadesi lingcwaba eliqhelekileyo kwaye linxulunyaniswa nokufa, kungekhona ubomi. (INdumiso 89:48; ISityhilelo 20:13) IZibhalo zikwalatha kwithemba lokubuya kwingcwaba eliqhelekileyo nto leyo enokwenziwa luvuko. (Yobhi 14:13; IZenzo 2:31) Ngokwahlukileyo koko, abo baya eGehena abanalo ithemba lokuphila kwixesha elizayo, kwaye akukho nto ithi umphefumlo uyaqhubeka uphila apho.—Mateyu 10:28.
8. Ukuluqonda kakuhle uvuko kunokusiphembelela njani isimo sengqondo nezenzo zikabani?
8 Zakuba zicacisiwe ezo zinto, ubani unokuncedwa aqonde oko uvuko lukuthethayo kuye. Unokuqalisa ukuluxabisa uthando lukaYehova ngokwenza eli lungiselelo limangalisayo. Intlungu eviwa ngabo baphulukene nabantu ababathandayo ngokufa inokudanjiswa lulindelo lokuphinda bababone kwihlabathi elitsha likaThixo. Ukuqonda ezi zinto kubalulekile ukuze ubani aqonde intsingiselo yokufa kukaKristu. AmaKristu enkulungwane yokuqala aqonda ukuba uvuko lukaYesu Kristu lungundoqo kukholo lwamaKristu, luhlahl’ indlela yovuko lwabanye. Alushumayela ngenzondelelo uvuko lukaYesu kunye nethemba elifumaneka ngenxa yalo. Ngoko ke, nanamhlanje abo baluqondayo uvuko bayakulangazelela ukuxelela abanye ngale nyaniso ixabisekileyo.—IZenzo 5:30-32; 10:42, 43.
Ukusebenzisa ‘Izitshixo ZeHadesi’
9. Ekuqaleni uYesu uzisebenzisa njani “izitshixo zokufa nezeHadesi”?
9 Bonke abo baza kunxulunyaniswa noKristu kuBukumkani basezulwini ekugqibeleni bamele bafe. Kodwa bayasiqonda isiqinisekiso awasinikelayo xa wathi: “Ndandifile, kodwa, khangela! ndiyaphila ngonaphakade kanaphakade, yaye ndinazo izitshixo zokufa nezeHadesi.” (ISityhilelo 1:18) Wayethetha ukuthini? Wayetsalela ingqalelo kwinto eyayenzeke kuye. Naye wayekhe wafa. Kodwa uThixo akazange amshiye eHadesi. Ngosuku lwesithathu, uYehova wamvusela kubomi bomoya waza wamnika ubomi bokungafi. (IZenzo 2:32, 33; 10:40) Ukongezelela koko, uThixo wamnika “izitshixo zokufa nezeHadesi” ukuze azisebenzise ukukhulula abanye kwingcwaba eliqhelekileyo labantu nakwimiphumo yesono sika-Adam. Ngenxa yokuba enezo zitshixo, uYesu uyakwazi ukuvusa abalandeli bakhe abathembekileyo kwelabafileyo. Uqala ngokuvusa amalungu athanjiswe ngomoya ebandla lakhe, ewanika isipho esinexabiso eliphezulu sokuphila ubomi bokungafi ezulwini, kanye njengokuba uYise wamphayo naye.—Roma 6:5; Filipi 3:20, 21.
10. Avuswa nini amaKristu athanjisiweyo athembekileyo?
10 AmaKristu athanjisiweyo nathembekileyo ayeya kuvuselwa nini ezulwini? IBhayibhile ibonisa ukuba oko sele kusenzeka. Umpostile uPawulos wacacisa ukuba ayeya kuvuswa ‘ebudeni bobukho bukaKristu,’ obaqalisa ngowe-1914. (1 Korinte 15:23) Xa abathanjiswa abathembekileyo begqiba ikhondo labo lasemhlabeni ngoku ebudeni bobukho bakhe, akuyomfuneko ukuba balinde kwelabafileyo de ibuye iNkosi yabo. Emva nje kokuba befile, bayavuswa bengumoya, ‘batshintshwe ngesiquphe, ngokuqhwanyaza kweliso.’ Hayi indlela abonwaba ngayo, ekubeni imisebenzi emihle ababeyenza “ilandelana nabo”!—1 Korinte 15:51, 52; ISityhilelo 14:13.
11. Luluphi uvuko oluya kuba lolwabantu bonke, ibe luya kuqalisa nini?
11 Kodwa ke uvuko alupheleli kwiindlalifa zoBukumkani eziya kuphila ezulwini. Isibakala sokuba lubizwa ngokuba ‘luvuko lokuqala’ kwiSityhilelo 20:6 sibonisa ukuba kukho olunye uvuko olumele lulandele. Abo bangenelwa kolunye uvuko ekuthethwa ngalo baya kuba nethemba lokuphila ubomi obungenasiphelo kumhlaba oyiparadesi. Luza kwenzeka nini ke lona? Incwadi yeSityhilelo ibonisa ukuba luya kwenzeka emva kokuba “umhlaba nezulu”—le nkqubo ingendawo yezinto ikhoyo, kunye namagunya ayilawulayo—zishenxisiwe. Eso siphelo senkqubo endala sele sikufuphi. Emva koko, ngexesha elimiselwe nguThixo, uvuko lwasemhlabeni luya kuqalisa.—ISityhilelo 20:11, 12.
12. Ngoobani abaza kuqukwa kwabathembekileyo abaza kuvuselwa kubomi basemhlabeni, yaye kutheni oko kulithemba elibangel’ imincili?
12 Ngoobani abaya kuqukwa kolu vuko lwasemhlabeni? Phakathi kwabo kuza kube kukho abakhonzi bakaYehova bamandulo ababethembekile, amadoda namabhinqa awathi ngenxa yokuba nokholo olunamandla kuvuko, ‘akafumana kukhululwa ngentlawulelo.’ Ngamany’ amazwi, akazange alalanise ingqibelelo yawo kuThixo ukuze aphephe ukufa kabuhlungu ngaphambi kwexesha. Hayi indlela ekuya kubangel’ imincili ngayo ukuqhelana nawo nokuzivela ngokwethu iinkcukacha eziphathelele iziganeko ezichazwe ngokufutshane eBhayibhileni! Abanye abaza kuvuselwa kubomi basemhlabeni nguAbheli, ingqina likaYehova lokuqala; uEnoki noNowa, abavakalisi ababekhaliphile besigidimi sikaThixo esasisisilumkiso ngaphambi koNogumbe; uAbraham noSara, abamkela iingelosi; uMoses, owadluliselwa ngaye uMthetho kwiNtaba yeSinayi; abaprofeti ababekhaliphile abanjengoYeremiya, owabona iYerusalem itshatyalaliswa ngowama-607 B.C.E.; noYohane uMbhaptizi, oweva uThixo echaza uYesu ukuba unguNyana Wakhe. Ukongezelela kwaba, kuza kubakho amadoda namabhinqa amaninzi afe ebudeni bale mihla yokugqibela yale nkqubo ingendawo yezinto ikhoyo.—Hebhere 11:4-38; Mateyu 11:11.
13, 14. (a) Kuza kwenzeka ntoni kwiHadesi nakubafi abakuyo? (b) Ngoobani abaza kuqukwa kuvuko, yaye ngoba?
13 Ethubeni, kukho nabanye abaza kuvuswa ngaphandle kwabakhonzi bakaThixo, ibe akukho mntu uza kushiyeka kwingcwaba eliqhelekileyo labantu. Umlinganiselo abaya kukhutshwa ngawo abafi engcwabeni unokubonwa ngokuba uYesu asebenzise ‘isitshixo seHadesi’ ngenxa yoluntu. Oku kuchazwe kumbono owabonwa ngumpostile uYohane, apho wabona iHadesi ‘iphoswa edikeni lomlilo.’ (ISityhilelo 20:14) Kuthetha ukuthini oku? Kuthetha ukuba iHadesi, ingcwaba eliqhelekileyo labantu, itshatyalaliswa ngokupheleleyo. Alibikho, bakhutshwa bonke abafi abakulo, kuba ukongezelela ekuvuseni bonke abanquli bakaYehova abathembekileyo, ngenceba uYesu uya kuvusa nabangengomalungisa. ILizwi likaThixo liyasiqinisekisa: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.”—IZenzo 24:15.
14 Akukho namnye kwaba bangengomalungisa oza kuvuswa nje ngenjongo yokuba agwetyelwe ukufa kwakhona. Kumhlaba oza kube uzaliswe bubulungisa phantsi koBukumkani bukaThixo, baza kuncedwa ukuba bavisisanise ubomi babo neendlela zikaYehova. Lo mbono watyhila nento yokuba kuza kuvulwa “umsongo wobomi.” Ngenxa yoko, baza kufumana ithuba lokuba amagama abo afakwe kulo msongo. Baza ‘kugwetywa elowo ngokwezenzo zakhe’ azenze emva kokuba evusiwe. (ISityhilelo 20:12, 13) Ngaloo ndlela, ekugqibeleni uvuko lwabo luza kuba ‘luvuko lobomi’ yaye aluyi kunyanzeleka ukuba lube ‘luvuko lomgwebo.’—Yohane 5:28, 29.
15. (a) Ngoobani abangayi kuvuswa? (b) Ukwazi inyaniso ngovuko kufanele kusichaphazele njani?
15 Noko ke, asinguye wonk’ ubani owakha waphila waza wafa oza kuvuswa. Abanye benze izono ezingaxolelekiyo. Abanjalo abakho eHadesi, kodwa baseGehena, apho batshatyalaliswa ngokusisigxina. Phakathi kwaba kuqukwa nabo baza kutshatyalaliswa ‘kwimbandezelo enkulu,’ eza kufika kungekudala. (Mateyu 12:31, 32; 23:33; 24:21, 22; 25:41, 46; 2 Tesalonika 1:6-9) Ngaloo ndlela, ngoxa uYehova esiba nenceba engaphaya kweqhelekileyo xa ekhulula abafi eHadesi, ithemba lovuko alisiniki sizathu sakungayikhathaleli indlela esiphila ngayo ngoku. Abo baluvukela ngabom ulongamo lukaYehova abayi kuvuswa. Ukwazi oku kufanele kusishukumisele ukuba sibuxabise ngokunzulu ububele obungasifanelanga bukaThixo ngokuphila ubomi bethu ngokuvisisana nokuthanda kwakhe.
Ukomelezwa Lithemba Lovuko
16. Ithemba lovuko linokuba ngumthombo wamandla ngayiphi indlela?
16 Abo phakathi kwethu abaye bakholelwa ngokwenene kwithemba lovuko banako ukomelezwa lilo. Kule mihla, xa sisaluphala, siye sazi ukuba asinakusoloko sikubaleka ukufa—kungakhathaliseki ukuba ziziphi iindlela zonyango ezisetyenziswayo. (INtshumayeli 8:8) Ukuba siye samkhonza ngokunyaniseka uYehova nentlangano yakhe, sinokukhangela kwikamva sinentembelo. Siyazi ukuba ngexesha elifanelekileyo likaThixo siya kuvuswa, size siphinde sinandiphe ubomi kwakhona. Ibe hayi indlela obuya kuba mnandi ngayo obo bomi! Umpostile uPawulos ububiza ngokuthi ‘bubomi bokwenene.’—1 Timoti 6:19; Hebhere 6:10-12.
17. Yintoni enokusinceda sigcine ingqibelelo kuYehova?
17 Ukwazi ukuba kukho uvuko nokwazi ukuba kukho Lowo ungumthombo weli lungiselelo kusenza sikwazi ukomelela elukholweni. Oku kusenza sinyaniseke nangakumbi kuThixo kwanaxa abatshutshisi abanogonyamelo besisongela ngokusibulala. Akungoku uSathana esebenzisa ukoyika ukufa ngaphambi kwexesha njengendlela yokwenza abantu babe ngamakhoboka. Kodwa uYesu akazange abe nalo olo loyiko. Wazingqina ethembekile kuYehova de waya kufa. Ngedini lakhe lentlawulelo, uYesu ulungiselele indlela yokuba kukhululwe abanye kolo loyiko.—Hebhere 2:14, 15.
18. Yintoni eye yanceda abakhonzi bakaYehova ukuba bazenzele igama elihle lokugcina ingqibelelo?
18 Ngenxa yokuba nokholo kwilungiselelo ledini likaKristu nakuvuko, abakhonzi bakaYehova baye bazenzela igama elihle njengabagcini bengqibelelo. Xa becinezelwa, baye bazingqina ‘bengayithandi imiphefumlo yabo’ ngaphezu kokuba bethanda uYehova. (ISityhilelo 12:11) Ngobulumko, abayityesheli imigaqo yamaKristu kuba bezama ukusindisa ubomi ababuphila ngoku. (Luka 9:24, 25) Bayazi ukuba kwanokuba bayaphulukana nobomi babo ngoku ngenxa yokuba benyanisekile kulongamo lukaYehova, uya kubavuza ngokubavusa. Ngaba nawe unokholo olunjalo? Uya kuba nalo ukuba umthanda ngokwenene uYehova yaye uyakuxabisa oko kuthethwa lithemba lovuko.
Impinda
• Kutheni ubani emele awuqonde kakuhle umphefumlo nemeko yabafi ngaphambi kokuba aqonde uvuko?
• Ngoobani abaza kuvuswa kwelabafileyo, yaye ukwazi oko kufanele kusichaphazele njani?
• Ithemba lovuko lisomeleza njani?
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 84, 85]
UYehova uthembisa ukuba kuza kubakho uvuko lwamalungisa nolwabangengomalungisa