Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bambelela Ngokuqinileyo KwiLizwi LikaThixo

Bambelela Ngokuqinileyo KwiLizwi LikaThixo

Isahluko Sesithathu

Bambelela Ngokuqinileyo KwiLizwi LikaThixo

 1. (a) USirayeli wamandulo wabubona njani ubunyaniso belizwi likaThixo? (b) Kutheni sinomdla kuloo nto?

 “NIYAZI kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni.” (Yoshuwa 23:14-16) La ngamazwi athethwa nguYoshuwa kumadoda amakhulu akwaSirayeli emva kokuba befike kwiLizwe Lesithembiso. Ewe, izithembiso zikaYehova zangqineka zinokuthenjwa. Loo ngxelo—kunye nayo yonke iBhayibhile—yagcinelwa thina ukuze “sibe nethemba.”—Roma 15:4.

 2. (a) IBhayibhile ‘iphefumlelwe nguThixo’ ngayiphi ingqiqo? (b) Ekubeni sisazi ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo, yiyiphi imbopheleleko esinayo?

2 Nangona kwasetyenziswa abantu abangama-40 ekubhaleni iBhayibhile, nguYehova ngokwakhe oyena Mbhali wayo. Ngaba oku kuthetha ukuba wafak’ isandla ekubhaleni yonke into engaphakathi kuyo? Ewe. Wakwenza oku esebenzisa umoya wakhe oyingcwele onamandla, amandla akhe asebenzayo. Umpostile uPawulos wayenyanisile xa wayesithi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo . . . ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” Kuyo yonke indawo abantu abeyisekileyo yiloo nto bayayithobela iBhayibhile baze basekele ubomi babo koko ikuquletheyo.—2 Timoti 3:16, 17; 1 Tesalonika 2:13.

Nceda Abanye Bayixabise

 3. Yiyiphi eyona ndlela ilungileyo yokunceda abaninzi abangaqinisekanga ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo?

3 Uninzi kubantu esithetha nabo aluqinisekanga ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo. Sinokulunceda njani? Indlela edla ngokuphumelela kukuyityhila iBhayibhile uze ubabonise oko ikuquletheyo. “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini . . . yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Hebhere 4:12) “Ilizwi likaThixo” aliyombali nje elilize; liyaphila! Izithembiso zeBhayibhile zisondela ngakumbi kwinzaliseko yazo. Impembelelo yesigidimi seBhayibhile kwintshukumisa yokwenene yentliziyo yomntu inamandla ngaphezu kwayo nayiphi na into esinokuyithetha thina.

 4. Ziziphi iingcaciso zenyaniso yeBhayibhile eziye zasitshintsha isimo sengqondo sabanye abantu ngeBhayibhile, yaye ngoba?

4 Abaninzi baye bangena nzulu eBhayibhileni bakubona igama likaThixo kuyo. Abanye baye bagqiba kwelokuba bafundisise iBhayibhile xa beboniswa oko ikutshoyo ngenjongo yobomi, isizathu sokuba uThixo avumele ubungendawo, intsingiselo yeziganeko ezenzeka ngoku, okanye ithemba lobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. Kumazwe apho uqheliselo lonqulo luye lwachanaba abantu ekuhlaselweni yimimoya engendawo, ingcaciso enikelwa yiBhayibhile ngonobangela wolo hlaselo nendlela ubani anokufumana ngayo isiqabu iye yavusa umdla. Kutheni ezi ngongoma zibachukumisa abantu abanyanisekileyo? Kungenxa yokuba iBhayibhile ikuphela komthombo wenkcazelo onokuthenjwa kuzo zonke ezi nkalo zibalulekileyo.—INdumiso 119:130.

 5. (a) Isenokuba yintoni ebangela abantu ukuba bathi abakholelwa kwiBhayibhile? (b) Sinokubanceda njani abantu abanjalo?

5 Noko ke, kuthekani ukuba abantu basixelela ukuba abakholelwa kwiBhayibhile? Ngaba ifanele iphele apho incoko? Ayifanele kuphela ukuba bakulungele ukuqiqa. Kusenokwenzeka ukuba iBhayibhile bayijonga njengencwadi yeNgqobhoko. Igama eye yazenzela lona ngokuhanahanisa nangokugxuphuleka kwezobupolitika, nokusoloko icela imali, zisenokuba ngunobangela wokuba abantu bangayamkeli iBhayibhile. Kutheni ungambuzi loo mntu enoba kunjalo kusini na? Ukugxeka kweBhayibhile iindlela ezitenxileyo zeNgqobhoko, kunye nokuchaza umahluko phakathi kweNgqobhoko nobuKristu bokwenyaniso, kunokuvusa umdla kubo.—Mika 3:11, 12; Mateyu 15:7-9; Yakobi 4:4.

 6. (a) Yintoni ekwenza weyiseke kwelokuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo? (b) Ziziphi ezinye izibakala ezinokusetyenziswa ukunceda abantu babone ukuba ngokwenene iBhayibhile ivela kuThixo?

6 Kwabanye, ingxubusho engqalileyo enikela ubungqina bokuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo inokuba luncedo. Bubuphi ubungqina onabo wena bokuba iBhayibhile ivela kuYehova uThixo? Ngaba koko iBhayibhile ikutshoyo ngemvelaphi yayo? Okanye ngaba sisibakala sokuba iBhayibhile iqulethe iziprofeto ezininzi ezibonisa iinkcukacha ngekamva, iziprofeto ezimele ukuba zivela kumthombo onamandla angaphaya kwawomntu? (2 Petros 1:20, 21) Okanye ke ngaba sisibakala sokuba iBhayibhile ingqinelana ngendlela engathethekiyo, nangona ibhalwe ngamadoda angama-40 ukutyhubela iminyaka emalunga ne-1 600? Okanye ngaba kukuchana kwayo kwezenzululwazi xa ithelekiswa nezinye iincwadi zamandulo? Akungebi ke kukunyaniseka kwababhali bayo? Okanye ukulondolozwa kwayo nangona kwakusenziwa imigudu eqhutywa lulunya yokuyitshabalalisa? Enoba yintoni na eye yakuchukumisa unokuyisebenzisa ukunceda abanye abantu. a

Ufundo Lwethu LweBhayibhile

 7, 8. (a) Yintoni esifanele ukuba siyayenza ngeBhayibhile? (b) Yintoni esiyifunayo ukongezelela kufundo lobuqu lweBhayibhile? (c) Uye wazazi njani iinjongo zikaYehova?

7 Ukongezelela ekuncedeni abanye bakholelwe kwiBhayibhile, kufuneka nathi siziphe ixesha lokuyifunda rhoqo. Ngaba uyakwenza oko? Kuzo zonke iincwadi ezakha zaveliswa, le yeyona ncwadi ibalulekileyo. Kakade ke, oku akuthethi kuthi kwanele ukuzifundela sisodwa. IZibhalo ziyasilumkisa ngokuzenza amakheswa. Asifanele sicinge ukuba sinokuzifumanela yonke into xa sizenzela uphando. Ufundisiso lobuqu nokuya rhoqo kwiintlanganiso zabantu bakaThixo kuyimfuneko ukuze sibe ngamaKristu alungeleleneyo.—IMizekeliso 18:1; Hebhere 10:24, 25.

8 Ngokuphathelele oku, iBhayibhile isixelela ngegosa elingumTiyopiya elalifunda isiprofeto sikaIsaya. Ingelosi yalathisa umhambisi wevangeli ongumKristu uFilipu ukuba abuze le ndoda oku: “Uyakwazi na okunene oku ukufundayo?” Ngokuthobeka, lo mTiyopiya waphendula: “Ngokwenene, ndingakwenza njani oko, ngaphandle kokuba ndikhokelwe nguthile?” Wabongoza uFilipu ukuba amcacisele eso sicatshulwa seZibhalo. Phawula ukuba, uFilipu wayengengomntu nje ozifundela iBhayibhile eyedwa owayeza kuveza izimvo zakhe ngeZibhalo. Wayenxulumana ngokusondeleyo nentlangano ebonakalayo kaThixo. Ngoko wayenako ukumnceda lo mTiyopiya ukuba angenelwe kwimfundiso uYehova awayeyenza ifumaneke ngaloo ntlangano. (IZenzo 6:5, 6; 8:5, 26-35) Ngokufanayo ke nanamhlanje, akakho umntu oyiqonda ngendlela echanileyo injongo kaYehova eyedwa. Sonke siyalufuna uncedo olunikelwa nguYehova ngothando esebenzisa intlangano yakhe ebonakalayo.

 9. Luluphi ucwangciso lokufunda iBhayibhile olunokuba yingenelo kuthi sonke?

9 Ukuze isincede siqonde iBhayibhile, intlangano kaYehova isinika inkcazelo yeZibhalo esemagqabini kwiimpapasho ezahlukahlukeneyo. Ukongezelela koko, kukho ucwangciso oluthe rhoqo lokufunda iBhayibhile lweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo esiqhutywa kuwo onke amabandla amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke. Sinokuzuza lukhulu xa sizihlolisisa ngokwethu iZibhalo Ezingcwele. (INdumiso 1:1-3; 19:7, 8) Yenza umgudu okhethekileyo wokufunda iBhayibhile rhoqo. Kwanokuba akuyiqondi ngokupheleleyo yonke into, ukufumana umongo weZibhalo kuya kuba yingenelo kakhulu kuwe. Ngokomzekelo, ukuba ufunda amaphepha amahlanu nje ngosuku, unokuyigqiba iBhayibhile kwisithuba esingangonyaka.

10. (a) Ulwenza nini ufundo lweBhayibhile? (b) Ngoobani abafanele baqukwe xa kufundwa iBhayibhile, yaye kutheni kubalulekile ukukwenza rhoqo nje oko?

10 Unokulwenza nini ufundo lwakho lweBhayibhile? Ukuba ubekela bucala imizuzu eli-10 okanye eli-15 ukuze uyifunde, uya kungenelwa gqitha. Ukuba akukwazi, ubuncinane ke veki nganye yenza ucwangciso lokuyifunda rhoqo, uze unamathele kolo cwangciso. Ukuba utshatile, wena neqabane lakho ninokukunandipha ukufunda iBhayibhile ngokuvakalayo ninobabini. Ukuba kukho abantwana abakwaziyo ukufunda, banokutshintshana ekufundeni ngokuvakalayo. Ufundo lweBhayibhile lufanele lube ngumkhwa wobomi bakho bonke, njengokutya. Njengoko nawe usazi, xa umntu engatyi ngokwaneleyo, impilo yakhe iba nkenenkene. Ngoko ke, ubomi bethu bokomoya, kwanobomi bethu obungunaphakade, buxhomekeke ekuzondleni kwethu rhoqo “ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.”—Mateyu 4:4.

Usukelo Lwethu

11. Lufanele lube yintoni usukelo lwethu xa sifunda iBhayibhile?

11 Lufanele lube yintoni usukelo lwethu xa sifunda iBhayibhile? Usukelo lwethu alufanele lube kukugubungela inani elithile lamaphepha. Sifanele sishukunyiswe kukufuna ukumazi nokumthanda ngakumbi uThixo size simnqule ngendlela eyamkelekileyo. (Yohane 5:39-42) Isimo sengqondo sethu sifanele sifane nesombhali weBhayibhile othile owathi: “Ndazise iindlela zakho, Yehova; ndifundise iindlela zakho.”—INdumiso 25:4.

12. (a) Kutheni ukuzuza ‘ulwazi oluchanileyo’ kuyimfuneko nje, yaye nguwuphi umgudu osenokufuneka xa umntu efunda ukuze afumane olo lwazi? (b) Ziziphi iinkalo ezine esinokuthi xa sizisebenzisa sikuhlalutye ngokuyingenelo oko sikufunda eBhayibhileni? (Bona ibhokisi ekwiphepha 30.) (c) Cacisa ezi ngongoma ngokuphendula le mibuzo ilapha kwesi siqendu. Funda izibhalo ezibonisiweyo kodwa azacatshulwa.

12 Njengoko sifumana iimfundiso ezivela kuYehova, sifanele sinqwenele ukuzuza ‘ulwazi oluchanileyo.’ Ngaphandle kwalo, sinokulisebenzisa njani ngendlela efanelekileyo iLizwi likaThixo kubomi bethu okanye sinokulichaza ngendlela echanileyo njani kwabanye? (Kolose 3:10; 2 Timoti 2:15) Ukuzuza ulwazi oluchanileyo kufuna ukuba sifunde ngenyameko, yaye ukuba loo nxalenye siyifundayo inzulu, kusenokufuneka siyifunde izihlandlo eziliqela ukuze siqonde intsingiselo yayo. Siya kungenelwa naxa sizipha ixesha lokucamngca ngombandela, siwuvele kwiinkalo ezahlukahlukeneyo. Iinkalo ezine ezifanele zivelelwe zibalaseliswe kwiphepha 30. Izicatshulwa ezininzi zeZibhalo zinokuhlalutywa ngokuyingenelo ngokusebenzisa enye okanye ezingaphezulu kwezi mbono. Njengoko uphendula imibuzo ekumaphepha alandelayo, uya kusibona isizathu sokuba sitsho.

 (1) Ngokuqhelekileyo, iSibhalo osifundayo sinokukuxelela okuthile ngohlobo lomntu uYehova alulo. Ngokomzekelo, kwiNdumiso 139:13, 14, sifunda ngenkxalabo anayo uThixo ngeemveku ezingekazalwa: “Wandibiyela esiswini sikama. Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.” Hayi indlela entle ngayo indalo kaYehova! Indlela abenziwe ngayo abantu ingqina indlela abathanda ngayo.

 Ngenxa yoko kuthethwa kuYohane 14:9, 10, xa sifunda ngendlela uYesu awaqhubana ngayo nabanye, enyanisweni sibona indlela uYehova ngokwakhe ebeya kwenza ngayo. Sicinga ngaloo nto, sinokufikelela kwisiphi isigqibo ngoYehova xa sibona iziganeko ezibhalwe kuLuka 5:12, 13 nakuLuka 7:11-15?

 (2) Cinga ngendlela loo ngxelo enxibelelana ngayo nomxholo weBhayibhile: ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova nokungcwaliswa kwegama lakhe ngoBukumkani obuphantsi kukaYesu Kristu, iMbewu ethenjisiweyo.

 Umxholo weBhayibhile wagxininiswa njani nguHezekile nanguDaniyeli? (Hezekile 38:21-23; Daniyeli 2:44; 4:17; 7:9-14)

 IBhayibhile ibonisa njani ukuba uYesu uyiMbewu ethenjisiweyo? (Galati 3:16)

 ISityhilelo siyichaza njani incopho ezukileyo yomxholo ophathelele uBukumkani? (ISityhilelo 11:15; 12:7-10; 17:16-18; 19:11-16; 20:1-3; 21:1-5)

 (3) Zibuze indlela wena onokukusebenzisa ngayo oko ukufundayo. Ngokomzekelo, ukusuka kwiEksodus ukuya kutsho kwiDuteronomi sifunda ngokuziphatha okubi nemvukelo kaSirayeli. Sifunda ukuba ezo zimo zengqondo nezenzo zabangela imiphumo emibi. Ngaloo ndlela, sifanele sishukunyiselwe ukuba sikholise uYehova ngokungawuxelisi umzekelo ombi kaSirayeli. “Ezi zinto zabahlela njengemizekelo, yaye zabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.”—1 Korinte 10:11.

 Isifundisa ntoni ingxelo ephathelele uKayin owabulala uAbheli? (Genesis 4:3-12; Hebhere 11:4; 1 Yohane 3:10-15; 4:20, 21)

 Ngaba isiluleko seBhayibhile esiya kumaKristu anethemba lokuya kuphila ezulwini sikwasebenza nakulawo anethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade? (Numeri 15:16; Yohane 10:16)

 Nangona sinokuma okuhle nebandla lamaKristu, kutheni kuyimfuneko ukuba siqwalasele indlela yokusisebenzisa ngokuzele ngakumbi isiluleko seBhayibhile esisele sisazi? (2 Korinte 13:5; 1 Tesalonika 4:1)

 (4) Cinga ngendlela onokukusebenzisa ngayo oko ukufundayo ukuze uncede abanye. Bonke abantu baxhalatyiswa ziingxaki zempilo, ngoko sinokufunda kunye nabo oko uYesu wakwenzayo ukuze abonise into aza kuyenza ngomlinganiselo omkhulu xa ekumandla oBukumkani: “Kweza kuye izihlwele ezikhulu, zinabantu ababeqhwalela, izilima, iimfama, izimumu, nabanye abaninzi, . . . waza wabaphilisa.”—Mateyu 15:30.

 Ngoobani abanokuncedwa yingxelo ephathelele ukuvuswa kwentombi kaYayiro? (Luka 8:41, 42, 49-56)

13. Yiyiphi imiphumo esinokuyilindela xa siqhubeka nocwangciso lokufundisisa iBhayibhile nentlangano kaYehova?

13 Hayi indlela ekuba yingenelo ngayo ukufunda iBhayibhile xa sicinga ngeenkalo ezine ezikhankanywe ngasentla! Ewe, kulucelomngeni ukufunda iBhayibhile. Kodwa kunokuba yingenelo kanaphakade kuba njengoko sifunda iZibhalo, siya sisomelela ngokomoya. Ukufunda iBhayibhile rhoqo kuya kusisondeza nangakumbi kuBawo wethu onothando, uYehova, nakubazalwana bethu abangamaKristu. Kuya kusinceda sithobele isiluleko esithi ‘masibambelele ngokuqinileyo kwilizwi lobomi.’—Filipi 2:16.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane ingxubusho ephathelele isizathu sokuba iBhayibhile imele ifundwe, bona incwadana enemifanekiso ethi Incwadi Yabantu Bonke, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Ingxubusho Yempinda

• Kwakutheni ukuze iBhayibhile ibhalwe ize ilondolozwe ukuza kutsho kumhla wethu?

• Sinokubanceda njani abanye ukuba bayixabise iBhayibhile?

• Kutheni kuyingenelo ukufunda iBhayibhile rhoqo? Ziziphi iingongoma ezine ezinokusinceda sikuhlalutye ngendlela eyingenelo oko sikufundayo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 30]

XA UFUNDA ISICATSHULWA SEBHAYIBHILE, CINGA

Ngoko sikuxelela kona ngohlobo lomntu uYehova alulo

Ngendlela esinxibelelana ngayo nomxholo weBhayibhile iphela

Ngendlela esifanele sibuchaphazele ngayo ubomi bakho

Ngendlela onokusisebenzisa ngayo ukunceda abanye