Hlala Uyikhumbula Imini KaYehova
Isahluko Samashumi Amabini
Hlala Uyikhumbula Imini KaYehova
1. Wavakalelwa njani xa wawuqala ukuva ukuba lisondele ixesha lokuba sihlangulwe kumanzithinzithi ale nkqubo indala?
ENYE yezinto zokuqala ozifunde eBhayibhileni yinjongo kaYehova yokuba wonke umhlaba ube yiparadesi. Kwelo hlabathi litsha, iya kube ingasekho imfazwe, ulwaphulo-mthetho, ubuhlwempu, ukugula, ukubandezeleka nokufa. Kwanabafi baya kuvuselwa ebomini. Elinjani ukuba lihle ithemba! Ukusondela kwenzaliseko yayo yonke loo nto kugxininiswa bubungqina bokuba ubukho obungabonakaliyo bukaKristu njengoKumkani olawulayo buqalise ngowe-1914 nokuba ukususela ngoko besiphila kwimihla yokugqibela yeli hlabathi lingendawo. Ekupheleni kwale mihla yokugqibela, uYehova uya kuyitshabalalisa le nkqubo ikhoyo yezinto aze asikhokelele kwihlabathi elitsha alithembisileyo!
2. Yintoni “imini kaYehova”?
2 IBhayibhile ibiza le ntshabalalo izayo ngokuthi ‘yimini kaYehova.’ (2 Petros 3:10) ‘Yimini yomsindo kaYehova’ nxamnye nalo lonke ihlabathi likaSathana. (Zefaniya 2:3) Ifikelela kwincopho yayo “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla . . . , ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiHar–Magedon [iArmagedon],” abaya kuthi “ookumkani bomhlaba omiweyo uphela” batshatyalaliswe. (ISityhilelo 16:14, 16) Ngaba indlela ophila ngayo ibonisa ukuba weyisekile ukuba le “mini kaYehova” isondele?—Zefaniya 1:14-18; Yeremiya 25:33.
3. (a) Iza kufika nini imini kaYehova? (b) Iye yangqineka iyingenelo njani into yokuba uYehova angawuchazi ‘umhla okanye ilixa’?
3 IBhayibhile ayisixeleli owona mhla uYesu Kristu aza kuza ngawo njengoMphumezi Wemigwebo kaYehova nxamnye nenkqubo yezinto kaSathana. UYesu wathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla okanye elo lixa, azazi neengelosi ezisezulwini engazi noNyana, ngaphandle koBawo.” (Marko 13:32) Ukuba abathile abamthandi ngokwenene uYehova, baya kutyekela ekubeni bawutyhalele kude umhla wakhe ezingqondweni zabo baze basukele izinto zeli hlabathi. Kodwa abo bamthanda ngokwenene uYehova baya kumkhonza ngomphefumlo uphela, kungakhathaliseki ukuba sifika nini na isiphelo sale nkqubo ingendawo.—INdumiso 37:4; 1 Yohane 5:3.
4. Yintoni awalumkisa ngayo uYesu?
4 Elumkisa abo bathanda uYehova, uYesu uthi: “Hlalani nikhangele, hlalani niphaphile, kuba anazi ukuba ixesha elimisiweyo linini na.” (Marko 13:33-37) Uyasibongoza ukuba singavumeli ukutya nokusela okanye “amaxhala obomi” zithimbe ingqalelo yethu kangangokuba singabuboni ubunzulu bala maxesha.—Luka 21:34-36; Mateyu 24:37-42.
5. Ngendlela achaza ngayo uPetros, iza kuzisa ntoni imini kaYehova?
5 Ngendlela efanayo, uPetros uyasicebisa ukuba sihlale sibukhumbula “ubukho bemini kaYehova, ekuya kuthi ngayo amazulu atshe ngumlilo achithakale, neziqalelo ezishushu kakhulu zinyibilike.” Bonke oorhulumente babantu—“amazulu”—baya kutshatyalaliswa, ibe kuya kwenzeka okufanayo kwibutho labantu ngokubanzi—“umhlaba”—kunye “neziqalelo” zawo, iingcamango kunye nezinto ezenziwa kweli hlabathi lingendawo, ezinjengesimo sengqondo salo sokufuna ukuzimela geqe kuThixo kunye nendlela yalo yokuphila esekelwe kukuziphatha okubi nakwizinto eziphathekayo. Ezi zinto ziya kuthatyathelw’ indawo ‘ngamazulu amatsha [uBukumkani bukaThixo basezulwini] nomhlaba omtsha [ibutho lehlabathi elitsha]’ apho “kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:10-13) Ezi ziganeko eziza kugungqisa ihlabathi ziza kuqalisa ngesiquphe ngomhla nangelixa elingalindelwanga.—Mateyu 24:44.
Wuphaphele Umqondiso
6. (a) Impendulo kaYesu kumbuzo wabafundi bakhe yasebenza ukusa kuwuphi umlinganiselo ekuphelisweni kwenkqubo yamaYuda? (b) Ziziphi iinxalenye zempendulo kaYesu ezijolisa ingqalelo kwiziganeko nakwizimo zengqondo eziqalise ngowe-1914 ukusa phambili?
6 Ngenxa yamaxesha esiphila kuwo, sifanele siqhelane neenkcukacha zomqondiso oyintlanganisela ochaza imihla yokugqibela—‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto.’ Ukhumbule ukuba xa uYesu wayephendula umbuzo wabafundi bakhe, obhalwe kuMateyu 24:3, ezinye zezinto azichaze kwindinyana yesi-4 ukuya kutsho kweyama-22 zazaliseka ngomlinganiselo omncinane kwinkqubo yamaYuda phakathi kowama-33 nowama-70 C.E. Kodwa esi siprofeto sizaliseka kakhulu kwixesha eliqalise ngowe-1914, ixesha ‘lobukho bukaKristu nelokupheliswa kwenkqubo yezinto.’ UMateyu 24:23-28 usixelela ngoko kwakuza kwenzeka ukususela ngowama-70 C.E. ukuya kwixesha lobukho bukaKristu. Iziganeko ezichazwe kuMateyu 24:29–25:46 zenzeka ebudeni bexesha lesiphelo.
7. (a) Kutheni sifanele siyiphaphele indlela izinto ezenzeka ngoku eziwuzalisekisa ngayo umqondiso? (b) Phendula imibuzo esekupheleni kwesi siqendu, ebonisa indlela umqondiso ozalisekiswe ngayo ukususela ngowe-1914?
7 Kufuneka sibe neliso elibukhali kwiziganeko nakwizimo zengqondo ezizalisekisa umqondiso. Ukunxibelelanisa ezi zinto kunye nesiprofeto seBhayibhile kuya kusinceda sihlale siyikhumbula imini kaYehova. Kwakhona kuya kusenza sikwazi ukubeyisela abanye xa sibalumkisa ngokusondela kwaloo mini. (Isaya 61:1, 2) Sicinga ngaloo nto, makhe sihlole le mibuzo ilandelayo ebalaselisa iinxalenye zomqondiso, njengoko ubhalwe kuMateyu 24:7 nakuLuka 21:10, 11.
Ukususela ngowe-1914, aye azaliseka ngayiphi indlela engaqhelekanga amazwi athi “uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani”? Yintoni eye yenzeka ukususela ngoko ngokuphathelele iimfazwe?
Ngowe-1918, nguwuphi ubhubhani owasuba imiphefumlo emininzi kuneMfazwe Yehlabathi I? Ziziphi izifo ezisaqengq’ ugodo nangoku, phezu kwalo nje ulwazi lwabantu kwezamayeza?
Ukunqongophala kokutya kuye kwawuchaphazela njani umhlaba phezu kwako nje ukuhambela phambili kwezenzululwazi kule nkulungwane iphelayo?
Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba eyesi-2 kuTimoti 3:1-5, 13 ayichazi indlela yokuphila ekukudala ikho, kodwa ichaza indlela izinto eziye zaba mbi ngayo njengoko sisondela kwisiphelo sale mihla yokugqibela?
Ukwahlulwa Kwabantu
8. (a) Yintoni enye, echazwe kuMateyu 13:24-30, 36-43, uYesu ayinxibelelanisa nokupheliswa kwenkqubo yezinto? (b) Uthetha ntoni umzekeliso kaYesu?
8 Zikho nezinye iziganeko eziphawulekayo uYesu awazinxibelelanisa nokupheliswa kwale nkqubo yezinto. Esinye sazo kukwahlulwa ‘koonyana bobukumkani koonyana bongendawo.’ UYesu wayithetha loo nto xa wayesenza umzekeliso wentsimi yengqolowa olwathi utshaba lwahlwayela kuyo ukhula. Kulo mzekeliso “ingqolowa” ifuzisela amaKristu okwenyaniso athanjisiweyo. “Ukhula” ngabo bathi bangamaKristu kodwa abazingqina ‘bengoonyana bongendawo’ kuba benamathele kwihlabathi elilawulwa nguMtyholi. Aba bayahlulwa ‘koonyana bobukumkani bukaThixo’ baze baphawulelwe intshabalalo. (Mateyu 13:24-30, 36-43) Ngaba sele kwenzekile oku?
9. (a) Emva kweMfazwe Yehlabathi I, kukuphi ukwahlula okukhulu okuye kwenziwa kubo bonke abo bazibanga bengamaKristu? (b) AmaKristu athanjisiweyo abonise njani ukuba angabakhonzi bokwenene boBukumkani?
9 Emva kweMfazwe Yehlabathi I, bonke ababezibanga bengamaKristu bahlulwa baba ngamaqela amabini: (1) Abefundisi beNgqobhoko nabalandeli babo, abaluxhasa ngamandla uManyano Lwezizwe (ngoku oluziZizwe Ezimanyeneyo) ngoxa bewaxhasa ngokunyaniseka namazwe abo, kunye (2) namaKristu okwenyaniso asemva kwemfazwe, awabuxhasa ngokupheleleyo uBukumkani bukaThixo obungoMesiya, kungekhona iintlanga zeli hlabathi. (Yohane 17:16) Aye azingqina engabakhonzi bokwenene boBukumkani bukaThixo ngokushumayela “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani” emhlabeni wonke. (Mateyu 24:14) Ube yintoni umphumo?
10. Waba yintoni umphumo wokuqala womsebenzi wokushumayela ngoBukumkani?
10 Kuqala, kuye kwahlanganiswa intsalela yaloo maKristu athanjiswe ngomoya kaThixo, anethemba lokuba kunye noKristu njengenxalenye yoBukumkani basezulwini. Nangona yayithe saa phakathi kweentlanga, yenziwa yaba yintlangano emanyeneyo. Ukuqukunjelwa kokutywinwa kwale ntsalela kusondele.—ISityhilelo 7:3, 4.
11. (a) Nguwuphi umsebenzi wokuhlanganisa oqhubekayo, kwaye uvisisana nasiphi isiprofeto? (b) Ukuzalisekiswa kwesi siprofeto kubonisa ntoni?
11 Emva koko, phantsi kolwalathiso lukaKristu, kwaqalisa ukuhlanganiswa ‘kwesihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’ Sona siyila “ezinye izimvu” eziya kusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ ziye kungena kwihlabathi elitsha likaThixo. (ISityhilelo 7:9, 14; Yohane 10:16) Lo msebenzi wokushumayela ngoBukumkani bukaThixo ngaphambi kokuba kufike isiphelo usaqhubeka nanamhlanje. Ngokunyaniseka, isihlwele esikhulu sezinye izimvu, ngoku esibalwa kwizigidi, sincedisa intsalela ethanjisiweyo ekuvakaliseni isigidimi soBukumkani. Esi sigidimi sivakaliswa kuzo zonke iintlanga.
Kuza Kwenzeka Ntoni Kwixesha Elizayo?
12. Kufanele kushunyayelwe kangakanani ngaphambi kokuba imini kaYehova ifike?
12 Konke oku kuchazwe ngasentla kubonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela nokuba imini kaYehova isemnyango. Kodwa ngaba zisekho iziprofeto ezimele zizaliseke ngaphambi kokuba ifike loo mini yoyikekayo? Ewe. Phakathi kwezinye izinto, ukwahlulwa kwabantu kumba woBukumkani akukagqitywa. Kwezinye iindawo apho kwakugquba inkcaso ekrakra kangangeminyaka, kukho ulwando kubafundi abatsha. Kwanakwiindawo apho abantu bangazamkeliyo iindaba ezilungileyo, inceba kaYehova ibonakaliswa ngokunikela kwethu ubungqina. Ngoko ke, qhubeka nomsebenzi! UYesu uyasiqinisekisa ukuba xa umsebenzi ugqityiwe, isiphelo siya kufika.
13. Njengoko kubhalwe kweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:2, 3, sisiphi isiganeko esiphawulekayo esiseza kwenzeka, yaye siya kuthetha ntoni kuthi?
13 Esinye isiprofeto esiphawulekayo seBhayibhile sixela kusengaphambili sisithi: “Xa besithi: ‘Luxolo nonqabiseko!’ iya kwandula ke intshabalalo yequbuliso ibafikele ngephanyazo kanye njengenimba kumfazi omithiyo; yaye abasayi kuze basinde.” (1 Tesalonika 5:2, 3) Akwaziwa ukuba olo “xolo nonqabiseko” luya kubhengezwa njani na. Kodwa kucacile ukuba aluyi kuthetha ukuba iinkokeli zehlabathi zizicombulule ngokwenene iingxaki zoluntu. Abo bahlala beyikhumbula imini kaYehova abayi kulahlekiswa seso sibhengezo. Bayazi ukuba intshabalalo yequbuliso iya kufika kamsinya emva koko.
14. Ziziphi iziganeko eziza kwenzeka ebudeni bembandezelo enkulu, ibe ziya kulandelelana njani?
14 Xa kuqalisa imbandezelo enkulu, abalawuli baya kuyijikela iBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, baze bayitshabalalise. (Mateyu 24:21; ISityhilelo 17:15, 16) Emva koko, iintlanga ziya kujikela abo baphakamisa ulongamo lukaYehova, zizibizela ingqumbo kaYehova nxamnye noorhulumente bezobupolitika kunye nabaxhasi babo, umphumo ube kukutshatyalaliswa ngokupheleleyo kwazo. Leyo iya kuba yincopho yembandezelo enkulu eyiArmagedon. Emva koko, uSathana needemon zakhe baya kuphoswa enzonzobileni, bangakwazi ukuphembelela uluntu. Oku kuya kuba sisiphelo semini kaYehova apho igama lakhe liya kube lingcwalisiwe.—Hezekile 38:18, 22, 23; ISityhilelo 19:11–20:3.
15. Kutheni kungayi kuba bubulumko ukuqiqa ngelithi imini kaYehova isekude?
15 Isiphelo sale nkqubo siza kufika kanye ngexesha elifanelekileyo, ngokwendlela uThixo azicwangcise ngayo izinto. Asiyi kulibazisa. (Habhakuki 2:3) Khumbula ukuba ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E. kweza ngesiquphe, xa amaYuda ayengalindelanga, xa ayecinga ukuba ingozi idlule. Ibe kuthekani ngeBhabhiloni yamandulo? Yayinamandla, izithembile, yaye inqatyiswe ngeendonga ezinkulu. Kodwa yawa bhuma ngobusuku obunye. Ngoko ke, nale nkqubo ingendawo ikhoyo iza kutshatyalaliswa ngesiquphe. Xa kusenzeka oko, ngamana singafunyanwa simanyene kunqulo lokwenyaniso, siyikhumbula imini kaYehova.
Impinda
• Kutheni kubalulekile ukuhlala siyikhumbula imini kaYehova? Sinokukwenza njani oko?
• Ukwahlulwa kwabantu okwenzekayo kusichaphazela njani njengabantu ngabanye?
• Yintoni eseza kwenzeka ngaphambi kokuba iqalise imini kaYehova? Ngoko ke, yintoni ngamnye wethu afanele ukuba uyayenza?
[Imibuzo YeSifundo]
[Imifanekiso ekwiphepha 180, 181]
Imihla yokugqibela iza kuphela kungekudala ngokutshatyalaliswa kwenkqubo kaSathana