Imbambano Esifanele Sijamelane Nayo Sonke
Isahluko Sesithandathu
Imbambano Esifanele Sijamelane Nayo Sonke
1, 2. (a) Yiyiphi imbambano eyaphakanyiswa nguSathana e-Eden? (b) Loo mbambano idibana njani noko wakuthethayo?
UBANDAKANYEKE kweyona mbambano yakha yabaluleka abantu abakha bajamelana nazo. Icala oma ngakulo liya kugqiba ngekamva lakho likanaphakade. Le mbambano yaqhambuka xa kwaqalisa imvukelo e-Eden. Ngelo xesha uSathana wabuza uEva lo mbuzo: “Utshilo ngokwenene na uThixo ukuba nize ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?” Waphendula esithi uThixo uthethe wenjenje ngomnye wemithi eyayilapho: “Nize ningadli kuzo . . . ukuze ningafi.” Wandula ke uSathana wamtyhola ngokungqalileyo uYehova esithi uyaxoka, esithi ubomi bukaEva nobuka-Adam babungaxhomekekanga ekuthobeleni uThixo. USathana wathi uThixo wayezibandeza into elungileyo izidalwa zakhe—ukukwazi ukuzibekela imilinganiselo yazo ebomini. USathana wathi: “UThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla kuzo aya kuvuleka amehlo enu nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.”—Genesis 3:1-5.
2 Xa wayesitsho, uSathana wayethetha ukuba abantu babeya kuphila bhetele xa bezenzela izigqibo ngokwabo kunokuba bathobele imithetho kaThixo. Ngaloo ndlela wayicel’ umngeni indlela kaThixo yokulawula. Yaba iyaqalisa ke le mbambano ibalulekileyo yolongamo lukaThixo, ngamany’ amazwi, ilungelo lakhe lokulawula. Kwaphakama lo mbuzo: Yiyiphi eyona ndlela ibhetele kubantu, indlela kaYehova yokulawula okanye ulawulo oluzimele geqe kuye? Kaloku, uYehova ngewayembulele ngoko nangoko uAdam noEva, kodwa ke oko kwakungayi kuyizinzisa kakuhle imbambano yolongamo. Ngokuvumela uluntu ukuba lwande kangangethuba elithile, uThixo wayenokuyibonisa kakuhle imiphumo yokuzimela geqe kuye nakwimithetho yakhe.
3. Yiyiphi enye imbambano eyaphakanyiswa nguSathana?
3 Ukuhlasela kukaSathana ilungelo likaYehova lokulawula akuzange kuphelele koko kwenzeka e-Eden. Wakuthandabuza ukunyaniseka kwabantu kuYehova. Nale into yaba yimbambano enxibelelene ngokusondeleyo naleyo yokuqala. Ucelomngeni lwakhe lwabandakanya inzala ka-Adam noEva nabo bonke oonyana bakaThixo abangumoya, kwanoNyana olizibulo othandwa kunene nguYehova. Ngokomzekelo, ngemihla kaYobhi, uSathana wema ngelithi abo bakhonza uYehova bamkhonza, kungekhona ngenxa yokuba bemthanda uThixo nendlela alawula ngayo, kodwa baqhutywa kukuzingca. Wathi ukuba nje banokuphekwa besophulwa ziingxaki, baya kunikezela kwinkanuko yokuzingca.—Yobhi 2:1-6; ISityhilelo 12:10.
Oko Kuye Kwangqinwa Yimbali
4, 5. Yintoni eye yangqinwa yimbali ngokuphathelele ukwalathisa kwabantu amanyathelo abo?
4 Nanku oyena ndoqo wembambano yolongamo: UThixo akadalanga abantu ngenjongo yokuba bazimele geqe kulawulo lwakhe baze baphumelele. Wabenza baxhomekeka kwimithetho yakhe yobulungisa ukuze kungenelwe bona. Umprofeti uYeremiya wavuma: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe. . . . Ndilungise, Yehova.” (Yeremiya 10:23, 24) Ngoko iLizwi likaThixo liyabongoza: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda.” (IMizekeliso 3:5) Kanye njengokuba uThixo wenza uluntu lwaxhomekeka kwimithetho yendalo ukuze luqhubeke luphila, wabeka nemithetho yokuziphatha, enokuthi yakuthotyelwa yenze ibutho labantu liphile ngemvisiswano.
5 Kucacile ukuba, uThixo wayesazi ukuba intsapho yabantu yayingayi kuze iphumelele ekuzenzeleni izigqibo ngaphandle kolawulo lwakhe. Ngelizama ukumisela ulawulo oluzimele geqe kuThixo, abantu baye baseka iinkqubo ezahlukeneyo zezobupolitika, zezoqoqosho nezonqulo. Ezi yantlukwano ziye zangunozala weengxwabangxwaba ezingapheliyo eziphumele kugonyamelo, kwimfazwe nasekufeni. ‘Umntu ulawule umntu kwaba kukwenzakala kwakhe.’ (INtshumayeli 8:9) Yiloo nto kanye eye yenzeka ukutyhubela imbali yabantu. Njengoko kuye kwaxelwa kwangaphambili kwiLizwi likaThixo, abantu abangendawo namabhedengu baye baqhubeka ‘behambela phambili ebubini.’ (2 Timoti 3:13) Kwaye inkulungwane yama-20, ekuye ebudeni bayo kwenziwa inkqubela encomekayo kwezenzululwazi nakwezemveliso, iye yaba yeyona ithwaxwa ziintlekele nangakumbi. Amazwi kaYeremiya 10:23 aye angqineka kuye wonk’ ubani—abantu babengadalelwanga ukuba balathise amanyathelo abo.
6. Kungekudala uThixo uza kuyicombulula njani into yokuzimela geqe kwabantu?
6 Imiphumo emanyumnyezi nehlala ihleli yokuzimela geqe kuThixo iye yabonisa ngokucacileyo ukuba ulawulo lwabantu alunakuze luphumelele. Lulawulo lukaThixo kuphela oluya kukhokelela kulonwabo, kumanyano, kwimpilo entle, nasebomini. Kwaye iLizwi likaThixo libonisa ukuba sele kumbovu ukuba uYehova ayeke ukulunyamezela ulawulo lwabantu oluzimele geqe. (Mateyu 24:3-14; ) Kungekudala, uza kungenelela kwimicimbi yabantu abalawula umhlaba. Isiprofeto seBhayibhile sithi: “Ngemihla yabo kumkani [abalawuli abangabantu abakhoyo ngoku] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [ezulwini] obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu [soze abantu baphinde balawule umhlaba]. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zikhoyo kule mihla], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”— 2 Timoti 3:1-5Daniyeli 2:44.
Ukusindela Kwihlabathi Elitsha LikaThixo
7. Ngoobani abaya kusinda xa ulawulo lukaThixo luphelisa ulawulo lomntu?
7 Ngoobani abaya kusinda xa ulawulo lukaThixo luphelisa ulawulo lomntu? IBhayibhile iyaphendula: “Abathe tye [abalixhasayo ilungelo likaThixo lokulawula] bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo [abangalixhasiyo ilungelo likaThixo lokulawula], baya kunqunyulwa emhlabeni.” (IMizekeliso 2:21, 22) Ngendlela efanayo, umdumisi wathi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:10, 29.
8. UThixo uya kuluthethelela ngokupheleleyo njani ulongamo lwakhe?
8 Emva kokutshatyalaliswa kwenkqubo kaSathana, uThixo uya kuzisa ihlabathi lakhe elitsha, eliya kushenxisa ngokupheleleyo ugonyamelo, iimfazwe, ubuhlwempu, ukubandezeleka, ukugula nokufa obekulubambe ngobhongwane uluntu kangangamawaka eminyaka. IBhayibhile izichaza kakuhle iintsikelelo eziza kufunyanwa ngabantu abathobelayo: “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 21:3, 4) Esebenzisa urhulumente woBukumkani bakhe basezulwini obulawulwa nguKristu, uThixo uya kulithethelela (uya kubonisa ukuba limfanele, okanye uya kulingqina) ngokupheleleyo ilungelo Lakhe lokuba nguMongami wethu, ngamany’ amazwi, uMlawuli wethu.—Roma 16:20; 2 Petros 3:10-13; ISityhilelo 20:1-6.
Indlela Abasabela Ngayo Kule Mbambano
9. (a) Abo baye bahlala benyanisekile kuYehova baye balijonga njani ilizwi lakhe? (b) UNowa wazingqina njani enyanisekile, kwaye sinokungenelwa njani kumzekelo wakhe?
9 Ukutyhubela yonke imbali, bekukho amadoda namabhinqa okholo aye azingqina enyanisekile kuYehova njengoMongami. Ebesazi ukuba ubomi bawo buxhomekeke ekumphulaphuleni nasekumthobeleni. UNowa wayeyenye yaloo madoda. Ngoko uThixo wathi kuNowa: “Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam. . . Zenzele umkhombe.” UNowa wazithoba kulwalathiso lukaYehova. Nangona babelunyukisiwe, abanye abantu bomhla wakhe baqhubeka bephila ngokungathi akukho nto ingaqhelekanga iza kwenzeka. Kodwa uNowa wakha umkhombe omkhulu waza wazigcina exakekile eshumayeza abanye ngeendlela zikaYehova zobulungisa. Ingxelo ihlabela mgama isithi: “Wenza ke uNowa njengako konke oko uThixo abemyalele kona. Wenza kanye njengoko.”—Genesis 6:13-22; Hebhere 11:7; 2 Petros 2:5.
10. (a) UAbraham noSara baluxhasa njani ulongamo lukaYehova? (b) Sinokungenelwa njani kumzekelo ka-Abraham noSara?
10 UAbraham noSara babeyimizekelo emihle ekuxhaseni ulongamo lukaYehova, ibe benza konke awayebayalele kona. Babehlala kwiUre yamaKhaledi, isixeko esasifumile. Kodwa xa uYehova waxelela uAbraham ukuba aye kwelinye ilizwe, ilizwe awayengalazi, uAbraham ‘wahamba kanye njengoko wathethayo uYehova kuye.’ Ngokuqinisekileyo uSara wayephila ubomi obutofotofo—enekhaya, enabahlobo kunye nezalamane. Ukanti wamthobela uYehova nomyeni wakhe waza waya kwilizwe lakwaKanan, nangona wayengazi ukuba iimeko zaziza kuba njani na apho.—Genesis 11:31–12:4; IZenzo 7:2-4.
11. (a) UMoses waluxhasa ephantsi kwaziphi iimeko ulongamo lukaYehova? (b) Sinokungenelwa njani kumzekelo kaMoses?
11 Omnye umntu owaxhasa ulongamo lukaYehova yayinguMoses. Wakwenza oko phantsi kwezona meko zinzima—kwakufuneka aphendulane ngokoqobo noFaro waseYiputa. Ungacingi ukuba uMoses wayezithembe kakhulu. Kunoko, wayethandabuza kwaukuba uyakwazi ukuthetha kakuhle. Kodwa wamthobela uYehova. Exhaswa nguYehova yaye encediswa ngumkhuluwa wakhe, uAron, uMoses wazidlulisela ngokuphindaphindiweyo izigidimi zikaYehova kuFaro owayenenkani. Kwanabanye boonyana bakaSirayeli babemgxeka kanobom uMoses. Sekunjalo, uMoses wayenza ngokunyaniseka yonke into uYehova awayemyalele yona, ibe ngenxa yakhe, uSirayeli wahlangulwa eYiputa.—Eksodus 7:6; 12:50, 51; Hebhere 11:24-27.
12. (a) Yintoni ebonisa ukuba ukunyaniseka kuYehova kubandakanya ukwenza okungaphezulu kunoko uThixo akubhalileyo? (b) Ukuqonda olu hlobo lokunyaniseka kunokusinceda njani sisebenzise eyoku-1 kaYohane 2:15?
12 Abo babenyanisekile kuYehova abazange baqiqe ngelithi kufuneka ubani athobele oko kubhaliweyo ukuze abe uyamthobela uThixo. Xa umfazi kaPotifare wazama ukurhwebesha uYosefu ukuba akrexeze naye, kwakungekho mthetho ubhaliweyo ovela kuThixo owawuthintela ukrexezo. Noko ke, uYosefu wayelazi ilungiselelo lomtshato elalisekwe nguYehova e-Eden. Wayesazi ukuba, ukuba neentlobano zesini nomfazi weny’ indoda kwakungayi kumkholisa uThixo. UYosefu wayengenamdla wakwazi ukuba uThixo wayeya kumvumela kangakanani na ukuba afane namaYiputa. Wazixhasa iindlela zikaYehova ngokucamngca ngeenkqubano zikaThixo nabantu waza eqhutywa sisazela wenza oko wayekuqonda njengokuthanda kukaThixo.—Genesis 39:7-12; INdumiso 77:11, 12.
13. UMtyholi wangqineka elixoki njani ngokuphathelele (a) uYobhi? (b) amaHebhere amathathu?
13 Kwanaxa bevavanywa ngokuqatha, abo bamazi ngokwenene uYehova abayi kumshiya. USathana wenza ibango lokuba ukuba uYobhi wayenokuphulukana nezinto ezininzi awayenazo okanye ubuncwane bakhe, naye—lowo uYehova wayethethe kakuhle ngaye—wayeya kumshiya uThixo. Kodwa uYobhi wamngqina elixoki uMtyholi, nangona uYobhi wayengasazi isizathu sokuba ehlelwe ziintlekele ezinjalo. (Yobhi 2:9, 10) Kwiinkulungwane ezithile kamva, esazimisele ukuzingqina enyanisile, uSathana wabangela ukuba ukumkani waseBhabhiloni owayelugcalagcala ngumsindo asongele abafana abathathu abangamaHebhere ngokubabulala kwidike lomlilo ukuba babengaqubudi baze banqule umfanekiso owawubekwe ngukumkani. Benyanzelekile ukuba bakhethe phakathi kokuthobela umyalelo kakumkani nokuthobela imithetho kaYehova enxamnye nonqulo-zithixo, balikhupha latsola elokuba babekhonza uYehova nokuba wayenguMongami wabo Ozukileyo. Ukuthembeka kuThixo kwakubaluleke kakhulu kubo ngaphezu kobomi ababebuphila ngoko!—Daniyeli 3:14-18.
14. Thina bantu bangafezekanga sinokuzingqina njani sinyaniseke ngokwenene kuYehova?
14 Ngaba ngenxa yale mizekelo sifanele sigqibe kwelokuba ukuze ubani anyaniseke kuYehova, kufuneka afezeke okanye umntu owenza impazamo akanakuba salunga? Akunjalo! IBhayibhile isixelela ukuba maxa wambi uMoses wayezenza iimpazamo. Nangona uYehova engazange ayithande loo nto, akazange amlahle uMoses. Nabapostile bakaYesu Kristu babeneentsilelo zabo. Ecinga ngokungafezeki esikuzuze ilifa, uYehova uyakholiswa ukuba asikutyesheli ngabom nangayiphi na indlela ukuthanda kwakhe. Ukuba sithi ngenxa yobuthathaka sibandakanyeke ekwenzeni ububi, kubalulekile ukuba siguquke ngokunyanisekileyo size singayenzi umkhwa wethu loo mpazamo. Ngaloo ndlela siyabonisa ukuba sikuthanda ngokwenene oko uYehova athi kulungile kwaye sikuthiyile oko athi kuphosakele. Ngesizinzi sokuba nokholo kwethu kwixabiso elicamagushela isono ledini likaYesu, uThixo unokusigqala njengabantu abacocekileyo.—Amosi 5:15; IZenzo 3:19; Hebhere 9:14.
15. (a) Kubo bonke abantu, ngubani owamthobela ngendlela egqibeleleyo uThixo, ibe oko kwangqina ntoni? (b) Oko kwenziwa nguYesu kusinceda njani?
15 Noko ke, akungebi intobelo egqibeleleyo kulongamo lukaYehova yinto olungenakuze lukwazi ukuyenza uluntu? Impendulo yalo mbuzo yayifana ‘nemfihlelo engcwele’ kangangeminyaka enokuba ngama-4 000. (1 Timoti 3:16) UAdam, nangona wayedalwe wafezeka, akazange amisele umzekelo ogqibeleleyo wozinikelo lobuthixo. Ngubani ke owayenokumisela umzekelo? Ngokuqinisekileyo akukho namnye kwinzala yakhe owayenokwenza oko. NguYesu Kristu kuphela umntu owayenokwenza loo nto. (Hebhere 4:15) Oko kwaphunyezwa nguYesu kwangqina ukuba uAdam, owayephila phantsi kweemeko ezibhetele nangakumbi, wayenokuyigcina ingqibelelo ukuba wayefuna. Ingxaki yayingekho kwindalo kaThixo. Ngoko uYesu Kristu ungumzekelo esifuna ukuwuxelisa ukuze singaneli kuthobela umthetho kaThixo nje kuphela kodwa sizinikele kuYehova, uMongami Wendalo Iphela.—Duteronomi 32:4, 5.
Sithini Ke Thina?
16. Kutheni simele sihlale siphaphile ngokuphathelele isimo sethu sengqondo kulongamo lukaYehova?
16 Namhlanje ngamnye wethu kufuneka ajamelane nembambano yolongamo lwendalo iphela. Ukuba siye salikhupha latsola elokuba sima kwicala likaYehova, uSathana ujolisa iintlaselo zakhe kuthi. Usicinezela ngazo zonke iindlela kwaye uya kuqhubeka esenjenjalo de ipheliswe le nkqubo yakhe ingendawo yezinto. Simele sihlale siphaphile. (1 Petros 5:8) Ihambo yethu ibonisa icala esima ngakulo kwimbambano ezukileyo yolongamo lukaYehova nakwimbambano yokugcina ingqibelelo kuThixo xa silingwa. Bekuya kuba yintlekele ukuba sijonge ihambo yokunganyaniseki njengengabalulekanga kuba nje iqhelekile ehlabathini. Ukugcina ingqibelelo kufuna ukuba sizabalazele ukusebenzisa iindlela zobulungisa zikaYehova kuzo zonke iinkalo zobomi.
17. Yintoni esiyaziyo ngemvelaphi yokuxoka nobusela emele isenze siziphephe ezo zinto?
17 Ngokomzekelo, asinakumxelisa uSathana, ‘olixoki noyise wabo ubuxoki.’ (Yohane 8:44) Simele sibe nenyaniso ngalo lonke ixesha siqhubana nabanye. Kwinkqubo kaSathana, abantu abaselula badla ngokubaxokisa abazali babo. Kodwa ulutsha lwamaKristu luyayiphepha loo nto, ibe ngaloo ndlela lumngqina elixoki uSathana xa esithi abantu bakaThixo baya kuyilahla ingqibelelo yabo xa bevavanywa. (Yobhi 1:9-11; IMizekeliso 6:16-19) Kukwakho nemikhwa yoshishino ebiya kwenza ubani anxulunyaniswe “noyise wabo ubuxoki” kunokuba anxulunyaniswe noThixo onenyaniso. Siyayiphepha loo mikhwa. (Mika 6:11, 12) Kwakhona, ubusela abuthetheleleki, kwanokuba umntu uswele okanye uba into yomntu osisityebi. (IMizekeliso 6:30, 31; 1 Petros 4:15) Kwanokuba ubusela bungumkhwa oqhelekileyo kwindawo esihlala kuyo okanye loo nto ibiweyo incinane, ubusela buyangqubana nemithetho kaThixo.—Luka 16:10; Roma 12:2; Efese 4:28.
18. (a) Ekupheleni koLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu, luluphi uvavanyo oluya kufikela lonke uluntu? (b) Nguwuphi umkhwa esifanele siwuhlakulele ngoku?
18 Ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu, uSathana needemon zakhe baza kuba besenzonzobileni, bengakwazi ukuphembelela abantu. Esinjani sona isiqabu! Kodwa ke emva kweminyaka eliwaka, baza kukhululwa okwexeshana. USathana kunye nabalandeli bakhe baya kuzisa ingcinezelo kuluntu olubuyiselweyo olugcine ingqibelelo kuThixo. (ISityhilelo 20:7-10) Ukuba siya kube sivavwe ngelungelo lokuphila ngelo xesha, siya kusabela njani kwimbambano yolongamo lwendalo iphela? Ekubeni ngelo xesha lonke uluntu luya kube lufezekile, naziphi na izenzo zokunganyaniseki ziya kube zenziwe ngabom ibe umphumo uya kuba kukutshatyalaliswa ngonaphakade. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba siqalise ngoku ukukwenza umkhwa wethu ukuthobela naluphi na ulwalathiso olunikelwa nguYehova, enoba silufumana kwiLizwi lakhe okanye kwintlangano yakhe! Xa sisenjenjalo, sibonisa uzinikelo lwethu olunyanisekileyo kuye njengoMongami Wendalo Iphela.
Impinda
• Yiyiphi imbambano enkulu esifanele sijamelane nayo sonke? Kwenzeke njani ukuba sibandakanyeke kuyo?
• Yintoni ephawulekayo ngeendlela amadoda namabhinqa amandulo awayibonisa ngazo ingqibelelo kuYehova?
• Kutheni kubalulekile ukuba sizukise uYehova ngehambo yethu suku ngalunye?
[Imibuzo YeSifundo]