Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Injongo KaYehova Iphumelela Ngendlela Ezukileyo

Injongo KaYehova Iphumelela Ngendlela Ezukileyo

Isahluko Samashumi Amabini Ananye

Injongo KaYehova Iphumelela Ngendlela Ezukileyo

 1, 2. (a) Yintoni injongo kaYehova ngezidalwa zakhe ezikrelekrele? (b) Ngoobani ababequkiwe kwintsapho kaThixo emanyeneyo yabanquli?

 ZONKE izidalwa ezikrelekrele zimanyene ekunquleni okuphela koThixo oyinyaniso kwaye zonke zinandipha inkululeko ezukileyo njengabantwana bakaThixo—yiyo ke leyo injongo kaYehova enothando. Oku kukwangumnqweno onyanisekileyo wabo bathanda ubulungisa.

2 UYehova waqalisa ukuzalisekisa le njongo izukileyo xa waqalisa ukudala. Waqala ngokudala uNyana wakhe ‘obeyimbonakaliso yozuko lukaThixo nembonakaliso yoko kanye akuko’ ukususela ekuvusweni kwakhe. (Hebhere 1:1-3) Lo Nyana wayekhethekile, inguye yedwa odalwe nguThixo. Emva koko, wayeza kusebenzisa lo Nyana ukuze adale zonke ezinye izidalwa: eqala ngeengelosi ezulwini, waza walandelisa ngabantu emhlabeni. (Yobhi 38:7; Luka 3:38) Zizonke ezi zidalwa zayila intsapho enye ekwindalo iphela. Kuzo zonke, uYehova wayenguThixo, uMongami Wendalo Iphela, noBawo onothando.

 3. (a) Yintoni esiye sonke sayizuza njengelifa kubazali bethu bokuqala? (b) Liliphi ilungiselelo lothando uYehova awalenzela inzala ka-Adam?

3 Xa abazali bethu bokuqala abangabantu bagwetyelwa ukufa njengaboni abone ngabom, bagxothwa e-Eden baza balahlwa nguThixo. Babengaseyiyo inxalenye yentsapho yakhe ekwindalo iphela. (Genesis 3:22-24; Duteronomi 32:4, 5) Sonke siyinzala yabo, ngoko sizelwe sinotyekelo lwesono. Kodwa uYehova wayesazi ukuba abanye kwinzala ka-Adam noEva babeza kubuthanda ubulungisa. Ngoko ke, eqhutywa luthando, wenza ilungiselelo lokuba abo babuthandayo bafumane ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:20, 21.

USirayeli Akasakholekanga

 4. Liliphi ilungelo uYehova awalinika uSirayeli wamandulo?

4 Kwiminyaka emalunga nama-2 500 emva kokuba edaliwe uAdam, uYehova wanika abantu abathile ilungelo lokuba nolwalamano olukhethekileyo Naye. Wakhetha uSirayeli wamandulo ukuba abe ngabantu bakhe waza wamnika uMthetho wakhe. (Genesis 12:1, 2) Wamenza uhlanga waza wamsebenzisa ngokunxibelelene nenjongo yakhe. (Duteronomi 14:1, 2; Isaya 43:1) Noko ke, wayesephantsi kobukhoboka besono nokufa, ngoko akazange ayifumane inkululeko ezukileyo ababenayo ekuqaleni uAdam noEva.

 5. AmaSirayeli aphulukana njani nokuma okukhethekileyo noThixo?

5 Noko ke, amaSirayeli ayekholekile kuThixo. Kwaye ayenembopheleleko yokuhlonela uYehova njengoYise aze asebenze ngokuvisisana nenjongo yakhe. UYesu wakugxininisa ukubaluleka kokuzalisekisa loo mbopheleleko. (Mateyu 5:43-48) Noko ke, uhlanga lwakwaSirayeli lwasilela ukwenza oko. Ngoxa loo maYuda ayesithi, “sinoBawo omnye, uThixo,” uYesu wavakalisa ukuba izenzo kunye nesimo sengqondo sawo sasingangqinelani naloo mazwi. (Yohane 8:41, 44, 47) Ngowama-33 C.E., uMthetho wapheliswa nguThixo, kwaye ulwalamano olukhethekileyo noSirayeli lwafikelela esiphelweni. Kodwa ngaba oku kwakuthetha ukuba abantu babengayi kuze babe nolwalamano oluhle noThixo?

Ukuhlanganiswa ‘Kwezinto Ezisemazulwini’

 6. Iyintoni injongo ‘yelungiselelo’ elakhankanywa nguPawulos kweyabase-Efese 1:9, 10?

6 Umpostile uPawulos wabonisa ukuba kwakukho abathile kubantu ababenokuba nolwalamano olukhethekileyo noThixo. Ngokomzekelo, ngokuphathelele ilungiselelo likaYehova lokuba babe ngamalungu endlu Yakhe, uPawulos wathi: ‘UThixo wasazisa imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe. Yona ivumelana nokuthanda kwakhe elungiselela ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo, okuba, kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.’ (Efese 1:9, 10) Eli ‘lungiselelo’ lisekelwe kuYesu Kristu. Abantu baya kufikelela ngaye kwimo ekholekileyo emehlweni kaThixo. Inani eliqingqiweyo labo linethemba lokuya ezulwini. Inyambalala yabo iza kuphila emhlabeni ngonaphakade.

 7. Ngoobani “izinto ezisemazulwini”?

7 Okokuqala, ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E., kwanikelwa ingqalelo ‘kwizinto ezisemazulwini,’ ngamany’ amazwi, abo baza kuba ziindlalifa kunye noKristu kuBukumkani basezulwini. Ngesizinzi sokuba nokholo kwixabiso ledini likaYesu, uThixo uye wabavakalisa bengamalungisa. (Roma 5:1, 2) Ethubeni, amaYuda nabeeNtlanga badityaniswa, yaye “izinto ezisemazulwini” zaziza kuba li-144 000. (Galati 3:26-29; ISityhilelo 14:1) Yintsalela nje yazo esesemhlabeni ngoku.

Ukuhlanganiswa ‘Kwezinto Ezisemhlabeni’

 8. Ngoobani “izinto ezisemhlabeni,” yaye lunjani ulwalamano lwazo noYehova?

8 Kwaeli lungiselelo linye likwahlanganisa “izinto ezisemhlabeni.” Izigidi zabantu abahlanganiswayo ngoku zinethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Zikunye nentsalela yeendlalifa zoBukumkani, zizukisa igama likaYehova kwaye ziphakamisa unqulo lwakhe. (Isaya 2:2, 3; Zefaniya 3:9) Zikwabiza uYehova ngokuthi “Bawo” kuba zimgqala njengomthombo wobomi. Kwaye zikholekile emehlweni akhe ngesizinzi sokuba nokholo kwazo kwigazi elaphalalayo likaYesu. (ISityhilelo 7:9, 14) Kodwa ke ekubeni zingafezekanga, azikavunywa ngokupheleleyo njengoonyana bakaThixo.

 9. Sisiphi isithembiso esinikelwa yeyabaseRoma 8:21 kuluntu?

9 Ngoku abo banethemba lokuphila emhlabeni balilinde ngentumekelelo ixesha laxa izidalwa ezingabantu ziya “kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala.” (Roma 8:21) Loo nkululeko iya kuqalisa emva kokuba uKristu kunye nemikhosi yakhe yasezulwini bequkumbele imbandezelo enkulu ngencopho yeArmagedon. Oku kuya kuthetha ukutshatyalaliswa kwayo yonke inkqubo yezinto engendawo kaSathana, kuze kulandele iintsikelelo zoLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu ekumandla oBukumkani.—ISityhilelo 19:17-21; 20:6.

10. Abakhonzi bakaYehova baya kuvuma yiphi ingoma yendumiso?

10 Hayi indlela ekuya kuba yimigcobo ngayo xa abakhonzi bakaYehova basemhlabeni bemanyana ukuze bavakalise iimvakalelo ezifanayo nezabakhonzi bakhe abasezulwini, abamemelela besithi: “Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho, Yehova, Thixo Somandla. Zibubulungisa yaye ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani kanaphakade. Ngubani na ongayi kukoyika ngokwenene wena, Yehova, aze azukise igama lakho, ngenxa yokuba inguwe wedwa onyanisekileyo? Kuba zonke iintlanga ziya kuza zinqule phambi kwakho, ngenxa yokuba imimiselo yakho yobulungisa ibonakalisiwe.” (ISityhilelo 15:3, 4) Ewe, bonke abakhonzi bakaYehova baya kumanyana ekunquleni okuphela koThixo oyinyaniso. Kwanabafi baya kuvuswa baze banikwe ithuba lokuthelela ekudumiseni uYehova ngamazwi abo.—IZenzo 24:15.

Inkululeko Ezayo Evuyisayo

11. Yiyiphi inkululeko evuyisayo eza kunanditshwa ngabo basinde kwimbandezelo enkulu?

11 Emva kokuba imbandezelo enkulu, nencopho yayo yeArmagedon, ibushenxisile ubungendawo emhlabeni, uSathana uMtyholi akayi kuba ‘nguthixo wale nkqubo yezinto.’ Akuyi kufuneka abanquli bakaYehova bajamelane nempembelelo kaSathana embi. (2 Korinte 4:4; ISityhilelo 20:1, 2) Unqulo lobuxoki aluyi kummela kakubi uYehova luze ludale iiyantlukwano kwibutho labantu. Abakhonzi boThixo oyinyaniso abayi kuphathwa ngokungekho sikweni baze bacinezelwe ngamagunya abantu. Enjani ukuvuyisa yona inkululeko!

12. Baya kukhululwa njani bonke abantu kwisono nakwimiphumo yaso?

12 ‘NjengeMvana kaThixo esusa isono sehlabathi,’ uYesu uya kusebenzisa ixabiso ledini lakhe ukuze acime izono zoluntu. (Yohane 1:29) Xa uYesu wayesemhlabeni, wayesithi akuxolela ubani izono zakhe, akungqine oko ngokumphilisa. (Mateyu 9:1-7; 15:30, 31) Ngendlela efanayo, uKristu uYesu, njengoKumkani woBukumkani bukaThixo, uza kuphilisa ngommangaliso abaziimfama, izimumu, izithulu, imilwelwe, abaneziphene zengqondo kunye nabanezinye izigulo. (ISityhilelo 21:3, 4) ‘Umthetho wesono’ uya kutshitshiswa kubo bonke abantu abathobelayo ukuze iingcamango kunye nezenzo zabo zibe ntle, kubo nakuThixo. (Roma 7:21-23) Ngasekupheleni kweWaka Leminyaka, baza kube befikelele kwimfezeko, ‘bengumfanekiso yaye befana’ nokuphela koThixo oyinyaniso.—Genesis 1:26.

13. Ekupheleni koLawulo Lwewaka Leminyaka, liliphi inyathelo eliya kuthatyathwa nguKristu, yaye uya kuba yintoni umphumo?

13 Akuba uKristu ebenze bafezeka abantu, uya kubuyisela kuYise igunya awayelinikiwe lokwenza lo msebenzi: ‘Unikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise, xa etshitshise wonke urhulumente nalo lonke igunya namandla. Kuba umele alawule njengokumkani ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.’ (1 Korinte 15:24, 25) ULawulo Lwewaka Leminyaka loBukumkani luya kube luyiphumezile injongo yalo; ngoko akusayi kubakho mfuneko yorhulumente oncedisayo phakathi kukaYehova noluntu. Yaye ekubeni isono nokufa ziya kube zishenxiswe ngokupheleleyo yaye uluntu lucanyagushelwe, uYesu akasayi kufuneka njengoMcamagusheli. IBhayibhile iyachaza: “Uya kwandula ke noNyana ngokwakhe azithobe kuLowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.”—1 Korinte 15:28.

14. Yintoni abaya kutyhubela kuyo abantu abafezekileyo, yaye ngoba?

14 Emva koko, uluntu olufezekileyo luya kunikwa ithuba lokubonisa ukuba lukhetha ukukhonza okuphela koThixo oyinyaniso ngonaphakade. Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba abamkele ngokupheleleyo njengabantwana bakhe, uYehova uya kubavumela bavavanywe okokugqibela bonke abantu abafezekileyo. USathana needemon zakhe baya kukhululwa enzonzobileni. Oku akuyi kubenzakalisa ngokusisigxina abo bamthanda ngokwenene uYehova. Kodwa nabani na othe ngenxa yokunganyaniseki wavuma ukuba akhokelelwe kwizenzo zokungamthobeli uYehova uya kutshatyalaliswa ngonaphakade, kunye nomvukeli wantlandlolo needemon zakhe.—ISityhilelo 20:7-10.

15. Yiyiphi imeko eza kuphinda ibekho phakathi kwazo zonke izidalwa zikaYehova ezikrelekrele?

15 Emva koko uYehova uya kubamkela njengabantwana bakhe bonke abantu abafezekileyo abaluphakamisileyo ulongamo lukaThixo ebudeni bovavanyo lokugqibela. Ukususela ngoko, baya kuyinandipha ngokupheleleyo inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo njengenxalenye yentsapho kaThixo yendalo iphela. Izidalwa ezikrelekrele ezisezulwini nezisemhlabeni ziya kuphinda zimanyane ekumnquleni njengokuphela koThixo oyinyaniso. Iya kuba iyaphumelela ngolo hlobo ke injongo kaYehova! Akungethandi ukuba yinxalenye yaloo ntsapho yonwabileyo, ephila ngonaphakade neyinxalenye yendalo iphela? Ukuba ungathanda, siyakukhuthaza ukuba ukuthobele oko iBhayibhile ikutshoyo kweyoku-1 kuYohane 2:17: “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”

Impinda

• Ngaphambi kwemvukelo yase-Eden, luluphi ulwalamano ababenalo bonke abanquli bakaYehova kunye naye?

• Yiyiphi imbopheleleko abanayo bonke abakhonzi bakaThixo?

• Ngoobani abaseza kuba ngabantwana bakaThixo, yaye oku kunxibelelana njani nenjongo kaYehova yokumanyana konqulo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 190]

Abantu abathobelayo baya kunandipha ubomi kwiparadesi esehlabathini lonke