Inkululeko Enanditshwa Ngabanquli BakaYehova
Isahluko Sesihlanu
Inkululeko Enanditshwa Ngabanquli BakaYehova
1, 2. (a) Luhlobo luni lwenkululeko uThixo awalunika isibini sokuqala esingabantu? (b) Khankanya eminye yemithetho eyayilawula izinto ezazisenziwa nguAdam noEva.
XA UYEHOVA wadala indoda nomfazi bokuqala, babenenkululeko eyigqitha lee inkululeko abanayo abantu namhlanje. Ikhaya labo laliyiParadesi, uMyezo omhle wase-Eden. Kwakungekho sigulo siphazamisana nobomi babo, kuba iingqondo kunye nemizimba yabo yayifezekile. Babengenaxhala lakufa njengoko kuye kwanjalo kubo bonke abantu abaye baphila emva kwabo. Kwakhona, babengavumi yonk’ into abayixelelwayo, kodwa babenesiphiwo esihle sokuzikhethela, ukukwazi ukuzenzela izigqibo. Noko ke, ukuze baqhubeke benandipha loo nkululeko, kwakufuneka bahlonele imithetho kaThixo.
2 Masenze umzekelo ngemithetho yendalo uThixo ayibekileyo. Ewe, le mithetho isenokuba yayingabhalwanga phantsi, kodwa uAdam noEva badalwa ngohlobo lokuba bayithobele ngokuzenzekelayo loo mithetho. Iphango lalibakhumbuza ukuba kufuneka batye; unxano lubaxelela ukuba bafune into eselwayo; ukutshona kwelanga kwakubachazela ukuba kufuneka balale. UYehova wabanika nomsebenzi ababemele bawenze. Enyanisweni loo msebenzi wawungumthetho kuba wawuya kulawula indlela ababesenza ngayo izinto. Kwakufuneka bazale abantwana, bongamele zonke izinto eziphilayo, yaye bandise iParadesi de igubungele ihlabathi liphela. (Genesis 1:28; 2:15) Onjani ukuba nobubele nokuba yingenelo wona umthetho! Wawubanika umsebenzi owanelisa ngokwenene, ubavumela ukuba basebenzise iingqondo zabo ngokupheleleyo kwizinto eziyingenelo. Kwakhona, babenenkululeko eninzi yokuzenzela izigqibo ngendlela ababeya kuziphumeza ngayo izabelo zabo. Ngaba yintoni enye ababesayifuna bethu?
3. UAdam noEva babeya kufunda njani ukuyisebenzisa ngobulumko inkululeko ababeyinikiwe yokwenza izigqibo?
3 Kakade ke, xa uAdam noEva babenikwa ilungelo lokuzenzela izigqibo, oko kwakungathethi kuthi nasiphi na isigqibo ababesenza sasiya kuba nemiphumo emihle. Inkululeko yabo yokwenza izigqibo yayimele ingadluli kwimida yemithetho nemigaqo kaThixo. Babeya kuyifunda njani loo mithetho nemigaqo? Ngokuphulaphula uMenzi wabo nangokujonga imisebenzi yakhe. UThixo wenza uAdam noEva bakrelekrele ngokwaneleyo ukuze bakwazi ukusebenzisa oko babekufundile. Ekubeni babedalwe bafezeka, xa besenza izigqibo, utyekelo lwabo lwemvelo lwaluya kuba neempawu zikaThixo. Eneneni babeya kulumka xa besenza izigqibo ukuba ngokwenene babekuxabisa oko uThixo wayebenzele kona yaye befuna ukumkholisa.—Genesis 1:26, 27; Yohane 8:29.
4. (a) Ngaba umyalelo owanikwa uAdam noEva wokuba bangatyi isiqhamo somnye umthi wawubacinezela? (b) Kutheni wawuyinto efanelekileyo?
4 Ngenxa yoko, kwakufanelekile ukuba uThixo agqibe kwelokuba avavanye uzinikelo lwabo kuye njengoMniki-Bomi wabo yaye avavanye nokukulungela kwabo ukuhlala kummandla awayebayalele ukuba bahlale kuwo. UYehova wanika uAdam lo myalelo: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:16, 17) Emva kokuba uEva edaliwe, naye waxelelwa ngalo mthetho. (Genesis 3:2, 3) Ngaba lo mqathango wawubacinezela? Ngokuqinisekileyo akunjalo. Babenentabalala yokutya okumnandi okuziindidi ngeendidi ababenokukutya ngaphandle kokutya isiqhamo saloo mthi mnye. (Genesis 2:8, 9) Kaloku babefanele baqonde ukuba umhlaba ngokaThixo, kuba nguye owawudalayo. Ngoko unelungelo lokubeka imithetho efanele injongo yakhe neya kuba yingenelo kubantu.—INdumiso 24:1, 10.
5. (a) UAdam noEva baphulukana njani nenkululeko ezukileyo ababeyinikiwe? (b) Yintoni eyathabathel’ indawo inkululeko eyayinanditshwa nguAdam noEva, yaye siye sachatshazelwa njani thina?
5 Kodwa ke kwenzeka ntoni? Iqhutywa ngamabhongo akhatshwa kukuzingca, ngelosi ithile yayisebenzisa kakubi inkululeko yayo yokuzikhethela yaza yaba nguSathana, gama elo lithetha “uMxhathisi.” Yamqhatha uEva ngokumqinisekisa ngento enxamnye nokuthanda kukaThixo. (Genesis 3:4, 5) NoAdam walandela uEva ekwaphuleni umthetho kaThixo. Ngokuzithabathela into engeyoyabo, baphulukana nenkululeko yabo ezukileyo. Bonganyelwa sisono, yaye njengoko uThixo wayelumkisile, ekugqibeleni nokufa kwabafikela. Ilifa elisisono balidlulisela kwinzala yabo—ibe libonakala kutyekelo ezalwa nalo lokwenza okuphosakeleyo. Isono sezisa nobuthathaka obubangela izifo, ukwaluphala nokufa. Ukutyekela ekwenzeni izinto eziphosakeleyo, kudibene nempembelelo kaSathana, kwavelisa ibutho labantu elinembali yentiyo, ugonyamelo, ingcinezelo neemfazwe eziye zasuba imiphefumlo yezigidi zabantu. Onjani wona umahluko kwinkululeko kaThixo awayeyinike uluntu ekuqaleni!—Duteronomi 32:4, 5; Yobhi 14:1, 2; Roma 5:12; ISityhilelo 12:9.
Indawo Enokufunyanwa Kuyo Inkululeko
6. (a) Inokufunyanwa phi inkululeko yokwenene? (b) Luhlobo luni lwenkululeko uYesu awayethetha ngayo?
6 Ngenxa yeemeko ezimbi ezikho kuyo yonke indawo namhlanje, akumangalisi ukuba abantu belangazelela inkululeko. Kodwa inokufunyanwa phi inkululeko yokwenene? UYesu wathi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:31, 32) Le nkululeko ayifani nenkululeko efunyanwa ngabantu bakuba beshenxise umlawuli othile okanye uhlobo oluthile lorhulumente baze bamisele olunye. Kunoko, le nkululeko izikhupha kunye neengcambu iingxaki zoluntu. UYesu wayethetha ngokukhululeka ekukhotyokisweni sisono. (Yohane 8:24, 34-36) Ngaloo ndlela, ukuba ubani uba ngumfundi wokwenene kaYesu Kristu, ubomi bakhe butshintsha ngendlela ephawulekayo, uyakhululeka!
7. (a) Sinokukhululeka ngayiphi ingqiqo ngoku ekulawulweni sisono? (b) Yintoni esimele siyenze ukuze sifumane loo nkululeko?
7 Oku akuthethi kuthi namhlanje amaKristu okwenyaniso akasayiva imiphumo yotyekelo esizalwa nalo lokwenza isono. Ekubeni esizuze njengelifa isono, kusafuneka alwe naso. (Roma 7:21-25) Noko ke, ukuba ngokwenene umntu uphila ngokuvisisana neemfundiso zikaYesu, akasayi kuba likhoboka lesono. Isono asisayi kumntlokothisa. Akayi kuvingceleka kwindlela yokuphila engenantsingiselo nemshiya enomvandedwa. Uya kuba nesazela esicocekileyo phambi koThixo kuba izono zexesha elidluleyo zixolelwe ngesizinzi sokuba nokholo kwakhe kwidini likaKristu. Utyekelo lwesono lusenokuzama ukubuya kwakhona, kodwa xa engavumi ukululandela kuba ekhumbula iimfundiso ezicocekileyo zikaKristu, ubonisa ukuba akasalawulwa sisono.—Roma 6:12-17.
8. (a) Yiyiphi inkululeko esiyifumana ngokuba ngamaKristu okwenyaniso? (b) Sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo kubalawuli behlabathi?
8 Khawucinge ngenkululeko esiyinandiphayo njengamaKristu. Siye sakhululwa kwiimfundiso zobuxoki, ekukhotyokisweni ziinkolelo nasisono. Inyaniso ezukileyo ephathelele imeko yabafi kunye novuko iye yasikhulula ekukoyikeni ngendlela ebaxiweyo ukufa. Ukwazi ukuba kungekudala oorhulumente babantu abangafezekanga baya kuthatyathelw’ indawo buBukumkani bukaThixo obunobulungisa kuyasikhulula ekuphelelweni lithemba. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10) Noko ke, loo nkululeko ayisiniki gunya lakungabahloneli oorhulumente nemithetho yabo.—Tito 3:1, 2; 1 Petros 2:16, 17.
9. (a) UYehova usinceda njani ukuba sinandiphe owona mlinganiselo ubalaseleyo wenkululeko enokufunyanwa ngabantu? (b) Sinokuzenza njani izigqibo ezibonisa ukuba silumkile?
9 UYehova akasiyekeli ukuba siwe sivuka sikhangela eyona ndlela ilungileyo yokuphila. Uyayazi indlela esidalwe ngayo, izinto ezisanelisayo, nezinto eziya kuba yingenelo kanaphakade kuthi. Uyazazi iingcamango kunye nehambo enokonakalisa ulwalamano lukabani Naye nolwabanye abantu, mhlawumbi ide ibangele loo mntu angangeni kwihlabathi elitsha. Ngothando, uYehova uyasixelela zonke ezi zinto esebenzisa iBhayibhile kunye nentlangano yakhe ebonakalayo. (Marko 13:10; Galati 5:19-23; 1 Timoti 1:12, 13) Ngoko kuyimbopheleleko yethu ukuba sisebenzise inkululeko esiyinikwe nguThixo yokuzikhethela ukuze sigqibe ngendlela esiya kusabela ngayo. Ngokungafaniyo noAdam, ukuba siyakuthobela oko iBhayibhile isixelela kona, siya kwenza izigqibo zobulumko. Siya kubonisa ukuba eyona nto siyixhalabeleyo kukuba nolwalamano oluhle noYehova.
Bafuna Olunye Uhlobo Lwenkululeko
10. Luluphi olunye uhlobo lwenkululeko abaye abanye abangamaNgqina kaYehova bazama ukulufumana?
10 Maxa wambi abanye abaselula abangamaNgqina kaYehova—kuquka nabanye abasele bekhulile—basenokuvakalelwa kukuba bafuna olunye uhlobo lwenkululeko. Ihlabathi lisenokubonakala linobunewunewu bezinto, yaye okukhona becinga ngalo, kokukhona usiba namandla umnqweno wabo wokwenza izinto ezichaseneyo nobuKristu ezithandwa lihlabathi. Basenokungakucebi ukusebenzisa iziyobisi, ukuzintyintya ngotywala okanye ukuhenyuza. Kodwa ke basenokuqalisa ukunxulumana nabanye abangengomaKristu okwenyaniso, befuna ukwamkelwa ngabo. Basenokude baqalise ukuxelisa indlela abathetha nabaziphatha ngayo.—3 Yohane 11.
11. Maxa wambi sidla ngokuvela phi isihendo sokwenza okuphosakeleyo?
11 Maxa wambi ubani uhendwa ngomnye ozibanga ekhonza uYehova ukuba abandakanyeke kwihambo engeyoyabuKristu. Kwakunjalo kumaKristu okuqala, ibe kusenokwenzeka okufanayo nakumhla wethu. Abantu abanjalo badla ngokufuna ukwenza izinto abavakalelwa kukuba ziya kubayolisa, kodwa ezo zinto zibe zichasene nemithetho kaThixo. Bakhuthaza abanye ukuba “baziyolise.” ‘Babathembisa inkululeko, ngoxa bona ngokwabo bengamakhoboka okonakala.’—2 Petros 2:19.
12. Yiyiphi imiphumo ebuhlungu ebangelwa kukuziphatha ngendlela echasene nemithetho nemigaqo kaThixo?
12 Isiqhamo soko kufane kubizwe ngokuthi yinkululeko sisoloko sisibi, ekubeni sithetha ukungathobeli imithetho kaThixo. Ngokomzekelo, iintlobano zesini ezingekho mthethweni ziphumela ekuxhwalekeni ngokweemvakalelo, izifo, ukufa, ukumitha okungafunwayo yaye mhlawumbi nokuqhawuka komtshato. (1 Korinte 6:18; 1 Tesalonika 4:3-8) Ukusebenzisa kakubi iziyobisi kunokubangela ubani abe nochuku, ashwantshwathe xa ethetha, abone luzizi, abe nesiyezi, angakwazi ukuphefumla kakuhle, abone izinto ezingekhoyo yaye afe. Kusenokuphumela ekukhotyokisweni zizo, nto leyo enokubangela ubani abhenele kulwaphulo-mthetho ukuze axhase lo mkhwa wakhe. Kuyafana ke nasekusebenziseni kakubi utywala. (IMizekeliso 23:29-35) Abo babandakanyeka kwihambo enjalo basenokucinga ukuba bakhululekile, kodwa bafumanisa sele beshiywe lixesha ukuba sele bengamakhoboka esono. Ibe hayi indlela ekubuhlungu ngayo ukulawulwa sisono! Ukuqiqa ngalo mbandela ngoku kunokusinceda sikulumkele ukuhlelwa seso sihelegu.—Galati 6:7, 8.
Isiqalo Seengxaki
13. (a) Idla ngokuvuseleleka njani iminqweno ekhokelela kwiingxaki? (b) Yimbono kabani esiyifunayo ukuze siqonde “unxulumano olubi”? (c) Njengoko uphendula le mibuzo idweliswe kwisiqendu 13, gxininisa imbono kaYehova.
13 Khawucinge nje ngendlela izinto ezidla ngokuqala ngayo. IBhayibhile iyachaza: “Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.” (Yakobi 1:14, 15) Uvuselelwa yintoni umnqweno? Uvuselelwa koko kungena engqondweni. Oku kudla ngokubangelwa lunxulumano nabantu abangayisebenzisiyo imigaqo yeBhayibhile. Kakade ke, sonke siyazi ukuba sifanele siluphephe “unxulumano olubi.” (1 Korinte 15:33) Kodwa ke lunxulumano olunjani esinokulugqala njengolubi? UYehova uwujonga njani lo mba? Ukuqiqa ngale mibuzo ilandelayo nokuhlola izibhalo ezibonisiweyo kufanele kusincede sifikelele kwizigqibo ezifanelekileyo.
Ngaba isibakala sokuba abantu abathile bebonakala befanelwe yimbeko sithetha ukuba bazizinxulumani ezilungileyo? (Genesis 34:1, 2, 18, 19)
Ngaba incoko yabo, mhlawumbi iziqhulo zabo, zibonisa ukuba sifanele sibe ngabahlobo abasondeleyo kubo? (Efese 5:3, 4)
UYehova uvakalelwa njani xa sikhetha ukunxulumana ngokusondeleyo nabantu abangamthandiyo? (2 Kronike 19:1, 2)
Nangona sinokusebenza okanye sifunde nabantu abaneenkolelo ezingafaniyo nezethu, kutheni kukho imfuneko yokuba silumke? (1 Petros 4:3, 4)
Ukubukela umabonwakude nemifanekiso eshukumayo, ukusebenzisa i-Internet, nokufunda iincwadi, amaphephancwadi namaphephandaba kuyenye indlela yokunxulumana nabanye. Zizinto ezinjani esifanele sizilumkele kule mithombo? (IMizekeliso 3:31; Isaya 8:19; Efese 4:17-19)
Indlela esibakhetha ngayo abahlobo imxelela ntoni uYehova ngohlobo lwabantu esilulo? (INdumiso 26:1, 4, 5; 97:10)
14. Yiyiphi inkululeko ezukileyo eza kufunyanwa ngabo basisebenzisa ngokuthembeka isiluleko seLizwi likaThixo ngoku?
14 Ihlabathi elitsha likaThixo sele lisemnyango. Ngorhulumente woBukumkani bukaThixo basezulwini, uluntu luya kukhululwa kwimpembelelo kaSathana nakuyo yonke inkqubo yakhe engendawo yezinto. Ngokuthe ngcembe, yonke imiphumo yesono iya kushenxiswa kuluntu oluthobelayo, umphumo ube kukufezeka kwengqondo nomzimba, ukuze bakwazi ukuphila ngonaphakade eParadesi. Ekugqibeleni inkululeko evisisana ngokupheleleyo ‘nomoya kaYehova’ iya kufunyanwa yiyo yonke indalo. (2 Korinte 3:17) Ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukuzibeka engozini yokulahlekelwa yiyo yonke loo nto ngenxa yokutyeshela isiluleko seLizwi likaThixo ngoku? Ngokuyisebenzisa ngobulumko inkululeko yethu njengamaKristu namhlanje, ngamana sonke singabonisa ngokucacileyo ukuba oko sikufuna ngokwenene ‘yinkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21.
Impinda
• Luhlobo luni lwenkululeko olwalunanditshwa sisibini sokuqala esingabantu? Injani xa siyithelekisa naleyo inanditshwa luluntu ngoku?
• Yiyiphi inkululeko anayo amaKristu okwenyaniso? Injani xa ithelekiswa noko ihlabathi likugqala njengenkululeko?
• Kutheni kubaluleke kangaka ukuphepha unxulumano olubi? Ngokungafaniyo noAdam, xa kufikwa kumba wokubi samkela isigqibo sikabani?
[Imibuzo YeSifundo]
[Imifanekiso ekwiphepha 46]
ILizwi likaThixo uyalumkisa: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo”