Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isihlwele Esikhulu Phambi Kwetrone KaYehova

Isihlwele Esikhulu Phambi Kwetrone KaYehova

Isahluko Seshumi Elinesithathu

Isihlwele Esikhulu Phambi Kwetrone KaYehova

 1. (a) Yintoni abamele badlule kuyo abakhonzi bakaThixo bangaphambi kwexesha lamaKristu okanye abali-144 000 ngaphambi kokuba bafumane umvuzo wabo? (b) Yintoni eza kwenzeka ‘kwisihlwele esikhulu’ esiphila kweli xesha?

 ABAKHONZI abathembekileyo bakaThixo abasusela kuAbheli ukuya kutsho kuYohane uMbhaptizi babeka ukwenza ukuthanda kukaThixo kwindawo yokuqala ebomini babo. Ukanti bonke bafa, yaye balinde ukuvuselwa kubomi basemhlabeni kwihlabathi likaThixo elitsha. Abali-144 000, abaza kulawula noKristu kuBukumkani bukaThixo basezulwini, nabo bamele bafe ngaphambi kokuba bafumane umvuzo wabo. Noko ke, ISityhilelo 7:9 sibonisa ukuba kule mihla yokugqibela, kwakuza kubakho “isihlwele esikhulu” esiphuma kuzo zonke iintlanga esasingayi kufa, kodwa esasiya kuba nethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Ngaba ungomnye waso?

Ukufanisa Isihlwele Esikhulu

 2. Yintoni eyakhokelela ekubeni siqondwe kakuhle isihlwele esikhulu esichazwe kwiSityhilelo 7:9?

2 Ngowe-1923, abakhonzi bakaYehova baqonda ukuba “izimvu” ekuthethwa ngazo kumzekeliso kaYesu okuMateyu 25:31-46 kunye ‘nezinye izimvu’ ekubhekiselwa kuzo kuYohane 10:16 ngabantu ababeza kuba nethuba lokuphila emhlabeni ngonaphakade. Ngowe-1931, nabo bachazwe kuHezekile 9:1-11 njengabaphawulwe emabunzini bagqalwa njengabo babenethemba lokuphila emhlabeni. Kwandula ke ngowe-1935 kwafunyaniswa ukuba isihlwele esikhulu siyinxalenye yodidi lwezimvu uYesu awayethethe ngalo. Namhlanje, esi sihlwele sikhulu sithandwayo sibalwa kwizigidi.

 3. Kutheni ibinzana elithi “simi phambi kwetrone” lingabhekiseli kudidi lwasezulwini?

3 KwiSityhilelo 7:9, isihlwele esikhulu asibonwa sisezulwini. ‘Ukuma kwaso phambi kwetrone’ kaThixo akuthethi kuthi sisezulwini. Kuthetha ukuba siphambi kwamehlo kaThixo. (INdumiso 11:4) Isibakala sokuba esi sihlwele sikhulu, “ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala,” singelodidi luya ezulwini sibonakala xa uthelekisa inani laso elingachazwanga kunye noko kubhalwe kwiSityhilelo 7:4-8 nakwiSityhilelo 14:1-4. Kwezi zibhalo inani labo bathatyathwa emhlabeni basiwe ezulwini lichazwa njenge-144 000.

 4. (a) Yintoni ‘imbandezelo enkulu’ esisinda kuyo isihlwele esikhulu? (b) Njengoko kuboniswe kwiSityhilelo 7:11, 12, ngoobani ababukele isihlwele esikhulu nabasithelelayo ekunquleni?

4 ISityhilelo 7:14 sichaza oku ngesihlwele esikhulu: “Aba ngabo baphuma embandezelweni enkulu.” Basinda kweyona nkathazo inkulu kwezakha zahlela uluntu embalini. (Mateyu 24:21) Xa ngombulelo bevakalisa ukuba usindiso lwabo luvela kuThixo nakuKristu, zonke izidalwa ezithembekileyo zasezulwini zitsho ngazwi linye ukuthi: “Amen! Ukubongwa nozuko nobulumko nombulelo nembeko namandla nokomelela makube kuThixo wethu ngonaphakade kanaphakade. Amen.”—ISityhilelo 7:11, 12.

Ukuzingqina Kwaso Sifaneleka

 5. Sinokukuqonda njani oko kufunekayo ukuze ubani abe yinxalenye yesihlwele esikhulu?

5 Ukulondolozwa kwesihlwele esikhulu ukutyhubela imbandezelo enkulu kwenzeka ngokuvisisana nemilinganiselo yobulungisa kaYehova. Iimpawu ezifanisa abo baza kusinda zichazwa ngokucacileyo eBhayibhileni. Ngaloo ndlela, abo bathanda ubulungisa banako ukuthabatha amanyathelo ngoku benenjongo yokuzingqina befanelekela ukusinda. Bamele benze ntoni?

 6. Kutheni kufanelekile ukuba isihlwele esikhulu sifaniswe nezimvu?

6 Izimvu zilulamile kwaye ziyathobela. Ngoko xa uYesu wayesithi unazo ezinye izimvu ezazingezizo ezodidi lwasezulwini, wayethetha ngabantu ababengafuni kuphila ngonaphakade emhlabeni nje kuphela kodwa ababeza kuthobela neemfundiso zakhe. Wathi: “Izimvu zam ziyaliphulaphula ilizwi lam, kwaye ndiyazazi, zona ziyandilandela.” (Yohane 10:16, 27) Aba ngabantu abaphulaphula nabakuthobela ngokwenene oko uYesu akutshoyo, besiba ngabafundi bakhe.

 7. Ziziphi iimpawu ekufuneka abalandeli bakaYesu bazihlakulele?

7 Ziziphi ezinye iimpawu ekufuneka ngamnye wabalandeli bakaYesu azihlakulele? ILizwi likaThixo liyaphendula: “Nifanele nibulahle ubuntu obudala obuvisisana nehambo yenu yangaphambili . . . nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.” (Efese 4:22-24) Bahlakulela iimpawu ezikhuthaza umanyano phakathi kwabakhonzi bakaThixo—“uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.”—Galati 5:22, 23.

 8. Yintoni esiza kujamelana nayo isihlwele esikhulu njengoko sixhasa intsalela?

8 Isihlwele esikhulu siyabaxhasa abo banethemba lokuphila ezulwini abasele bembalwa, abakhokelayo kumsebenzi wokushumayela. (Mateyu 24:14; 25:40) Ezinye izimvu ziyabaxhasa nangona zisazi ukuba ziza kuchaswa ngenxa yokuba ekuqaleni kwale mihla yokugqibela, uKristu uYesu neengelosi zakhe bamkhuphela ngaphandle kwezulu uSathana needemon zakhe. Oku kwathetha ‘uyeha kuwo umhlaba ngenxa yokuba ehlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.’ (ISityhilelo 12:7-12) Ngaloo ndlela, uSathana uyayiqinisa inkcaso ejoliswe kubakhonzi bakaThixo njengoko isiphelo sale nkqubo sisondela.

 9. Baphumelela kangakanani abakhonzi bakaThixo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo, yaye ngoba?

9 Nangona intshutshiso ikrakra, umsebenzi wokushumayela usahambela phambili. Ngoko ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi I kwakukho amawaka ambalwa abashumayeli boBukumkani, ngoku bazizigidi, kuba uYehova wathembisa: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela.” (Isaya 54:17) Kwanelungu lenkundla ephakamileyo yamaYuda layiqonda into yokuba umsebenzi kaThixo awunakuthintelwa kuphele. Labaxelela oku abaFarisi benkulungwane yokuqala ngokuphathelele abafundi: “Bayekeni; (ngenxa yokuba, ukuba eli cebo okanye lo msebenzi ngowabantu, uya kubhukuqwa; kodwa ukuba ngokaThixo, aniyi kukwazi ukubabhukuqa;) kungenjalo, nisenokufunyanwa okunene ningabo balwa nxamnye noThixo.”—IZenzo 5:38, 39.

10. (a) Luthetha ntoni “uphawu” olukwabesihlwele esikhulu? (b) Abakhonzi bakaThixo balithobela njani ‘ilizwi eliphuma ezulwini’?

10 Abesihlwele esikhulu bachazwa njengabaphawulelwe ukusinda. (Hezekile 9:4-6) “Uphawu” lububungqina bokuba bazahlulele kuYehova, babhaptizwa njengabafundi bakaYesu, kwaye bazabalazela ukuhlakulela ubuntu obufana nobukaKristu. Bayalithobela ‘ilizwi eliphuma ezulwini’ elithetha lenjenje ngobukhosi bukaSathana obusehlabathini lonke bonqulo lobuxoki: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningabelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.”—ISityhilelo 18:1-5.

11. Yiyiphi indlela ebalulekileyo abesihlwele esikhulu ababonisa ngayo ukuba bangabakhonzi bakaYehova?

11 Kwakhona, uYesu waxelela abalandeli bakhe oku: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Ngokwahlukileyo koko, amalungu eenkonzo zeli hlabathi ayabulalana emfazweni, ngokufuthi eqhutywa nje sisibakala sokuba engawolunye uhlanga! ILizwi likaThixo lithi: “Yiyo ke le indlela ababonakala ngayo abantwana bakaThixo nabantwana bakaMtyholi: Bonke abangaqhubekiyo besenza ubulungisa abaphumi kuThixo, kukwanjalo nangalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. . . . [sifanele] Ok for Xsithandane; singabi njengoKayin, owaphuma kulowo ungendawo waza wambulala ngogonyamelo umntakwabo.”—1 Yohane 3:10-12.

12. Ngembandezelo enkulu, uYehova uza kuyenza ntoni ‘imithi’ yonqulo evelisa iziqhamo ezingento yanto?

12 UYesu wavakalisa oku: “Wonke umthi olungileyo uvelisa isiqhamo esihle, kodwa wonke umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esingento yanto; umthi olungileyo awunako ukuthwala isiqhamo esingento yanto, nomthi obolileyo awunako ukuvelisa isiqhamo esihle. Wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa uze uphoswe emlilweni. Ngokwenene, ke ngoko, niya kubaqonda ngeziqhamo zabo abo bantu.” (Mateyu 7:17-20) Isiqhamo esiveliswa ziinkonzo zeli hlabathi sibonisa ukuba ‘ziyimithi’ ebolileyo, kungekudala eza kutshatyalaliswa nguYehova kwimbandezelo enkulu.—ISityhilelo 17:16.

13. Isihlwele esikhulu sibonisa njani ukuba ‘simi kunye phambi kwetrone’ kaYehova?

13 ISityhilelo 7:9-15 sitsalela ingqalelo kwizinto ezikhokelela ekulondolozweni kwesihlwele esikhulu. Siboniswa ‘simi kunye phambi kwetrone’ kaYehova, sixhasa ulongamo lwakhe kwindalo iphela. Siye ‘sayihlamba imiwunduzo yaso sayenza mhlophe egazini leMvana,’ sibonisa ukuba siyaligqala idini likaYesu elicamagushela isono. (Yohane 1:29) Sizahlulele kuThixo saza sakufuzisela oko ngokuntywiliselwa emanzini. Ngoko sinokuma okucocekileyo phambi kukaThixo, okufuziselwa yimiwunduzo emhlophe, kwaye sinikela “inkonzo engcwele kuye imini nobusuku.” Ngaba zikho iindlela onokwenza ngazo ubomi bakho buvisisane ngokupheleleyo noko kuchazwe apha?

Iingenelo Ezifumaneka Ngoku

14. Ziziphi ezinye zeengenelo ezikhethekileyo abazifumana ngoku abakhonzi bakaYehova?

14 Kusenokwenzeka ukuba sele uzibonile iingenelo ezikhethekileyo ezifumaneka ngoku kwabo bakhonza uYehova. Ngokomzekelo, xa wawufunda ngeenjongo ezinobulungisa zikaYehova, waqonda ukuba kwakukho ithemba eliqaqambileyo ngekamva. Ngoku uyifumene injongo yokwenene yokuphila—ukukhonza uThixo oyinyaniso unethemba elivuyisayo lokuphila ubomi obungenasiphelo kumhlaba oyiparadesi. Ewe, uKumkani uYesu Kristu ‘uya kusalusa [isihlwele esikhulu], asikhokelele emithonjeni yamanzi obomi.’—ISityhilelo 7:17.

15. AmaNgqina kaYehova angenelwa njani ngokunamathela kwimigaqo yeBhayibhile xa kufikwa kwimiba yezobupolitika neyokuziphatha?

15 Ingenelo evuyisayo efunyanwa sisihlwele esikhulu luthando, umanyano, nemvisiswano efumaneka phakathi kwabakhonzi bakaYehova emhlabeni wonke. Ekubeni sonke sisitya ukutya kokomoya okufanayo, sonke sithobela imithetho nemigaqo efanayo yeLizwi likaThixo. Kungoko singahlukaniswa ziingcamango zezobupolitika okanye ezobuzwe. Kwakhona, sigcina imilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha efunwa nguThixo kubantu bakhe. (1 Korinte 6:9-11) Ngaloo ndlela, kunokuba babhuqwe yimilo, iiyantlukwano nokuziphatha okubi okwesameleyo kweli hlabathi, abantu bakaYehova banandipha oko kunokubizwa ngokuba yiparadesi yokomoya. Phawula indlela echazwa ngayo le paradesi kuIsaya 65:13, 14.

16. Phezu kwazo nje iingxaki eziqhelekileyo zobomi, liliphi ithemba abanalo abesihlwele esikhulu?

16 Kuyavunywa kona ukuba abakhonzi bakaYehova abangabantu abafezekanga. Kwaye bayachatshazelwa ziingxaki eziqhelekileyo kubomi beli hlabathi, ezinjengokuthwaxwa ngamanzithinzithi okanye ukuba ngamaxhoba amsulwa eemfazwe zeentlanga. Akwajamelana nokugula, ukubandezeleka nokufa. Kodwa anokholo lokuba kwihlabathi elitsha, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:4.

17. Kungakhathaliseki ukuba yintoni eza kwenzeka kuthi ngoku, liliphi ikamva elihle elilindelwe ngabo banqula uThixo wokwenyaniso?

17 Kwanokuba uphulukana nobomi bakho ngoku ngenxa yokwaluphala, ukugula, ingozi, okanye intshutshiso, uYehova uza kukuvusela kubomi baseParadesi. (IZenzo 24:15) Uya kwandula ke uqhubeke unandipha isidlo sokomoya ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu. Uza kumthanda nangakumbi uThixo njengoko ubona iinjongo zakhe zizaliseka ngendlela ezukileyo. Kwaye iintsikelelo zokoqobo eziya kuthululwa nguYehova ziya kulukhulisa nangakumbi uthando lwakho ngaye. (Isaya 25:6-9) Elinjani ukuba lihle ikamva elilindele abantu bakaThixo!

Impinda

• IBhayibhile inxibelelanisa isihlwele esikhulu nasiphi isiganeko esingaqhelekanga?

• Ukuba ngokwenene sifuna ukuqukwa kwesi sihlwele sikhulu sithandwa nguThixo, yintoni esimele siyenze ngoku?

• Zibaluleke kangakanani kuwe iintsikelelo ezifunyanwa sisihlwele esikhulu ngoku kunye nezo siza kuzifumana kwihlabathi elitsha likaThixo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 123]

Izigidi zabo besihlwele esikhulu zimanyene ekunquleni uThixo oyinyaniso