Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lowo Wangqinelwa Ngabo Bonke Abaprofeti

Lowo Wangqinelwa Ngabo Bonke Abaprofeti

Isahluko Sesine

Lowo Wangqinelwa Ngabo Bonke Abaprofeti

 1. Izibakala ezingobomi bangaphambi kokuba uYesu abe ngumntu zibonisa ntoni ngolwalamano lwakhe noYehova?

 “UYISE unomsa kuNyana kwaye umbonisa zonke izinto yena azenzayo.” (Yohane 5:20) Olunjani ukufudumala ulwalamano olwalukho phakathi koNyana noYise, uYehova! Ubuhlobo babo baqalisa ngexesha lokudalwa kwakhe, kumawaka eminyaka ngaphambi kokuba azalwe engumntu. Wayekuphela koNyana ozelwe nguThixo, inguye yedwa odalwe nguYehova ngokwakhe. Yonke into esezulwini nesemhlabeni yadalwa ngalo Nyana ulizibulo uthandwa kunene. (Kolose 1:15, 16) WayekwanguLizwi, okanye iSithethi sikaThixo, Lowo wayesetyenziswa ukuze achazele abanye ngokuthanda kukaThixo. Lo Nyana owayethandwa kunene nguThixo waba yindoda ebizwa ngokuba nguYesu Kristu.—IMizekeliso 8:22-30; Yohane 1:14, 18; 12:49, 50.

 2. Iziprofeto zeBhayibhile zibhekisela kangakanani kuYesu?

2 Ngaphambi kokuba uNyana olizibulo kaThixo akhawulwe ngommangaliso aze abe ngumntu, kwabhalwa iziprofeto eziphefumlelweyo ezininzi ngaye. Umpostile uPetros wangqina oku kuKorneli: “Kuye bonke abaprofeti banikela ubungqina.” (IZenzo 10:43) Indima kaYesu yaboniswa eBhayibhileni kangangokuba ingelosi yaxelela umpostile uYohane oku: “Injongo yesiprofeto kukunikela ubungqina ngoYesu.” (ISityhilelo 19:10) Ezo ziprofeto zamchaza ngokucacileyo njengoMesiya. Zatsalela ingqalelo kwiindima ezahlukahlukeneyo awayeza kuziphumeza ekuzalisekiseni iinjongo zikaThixo. Iyonke le nto ifanele ibangele umdla kuthi namhlanje.

Oko Kwatyhilwa Ziziprofeto

 3. (a) Kwisiprofeto esikwiGenesis 3:15, ngubani ofuziselwa yinyoka, ‘umfazi,’ ‘nembewu yenyoka’? (b) Kutheni ‘ukutyunyuzwa kwentloko yenyoka’ kumele kubangele umdla kakhulu kubakhonzi bakaYehova?

3 Esokuqala kwezi ziprofeto sathethwa emva kwemvukelo yase-Eden. UYehova wathi kwinyoka: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.” (Genesis 3:15) Eneneni esi siprofeto sasibhekiswa kuSathana, owayefuziselwa yinyoka. ‘Umfazi’ yintlangano kaYehova enyanisekileyo yasezulwini, efana nomfazi othembekileyo kuye. ‘Imbewu yenyoka’ iquka zonke iingelosi nabantu abanomoya kaSathana, abo bachasa uYehova nabantu Bakhe. ‘Ukutyunyuzwa kwentloko yenyoka’ kuthetha ukutshatyalaliswa ngokusisigxina komvukeli onguSathana, owadl’ izithende uYehova waza wazisa intlungu kuluntu. Kodwa inokubonwa njani inxalenye ephambili ‘yembewu’ eyayiza kutyumza intloko yenyoka? Impendulo yalo mbuzo ‘ibiyimfihlelo engcwele’ kangangeenkulungwane.—Roma 16:20, 25, 26.

 4. Umnombo kaYesu wanceda njani ekumfaniseni njengeMbewu eyayithenjisiwe?

4 Emva kweminyaka emalunga nama-2 000 abantu bephila, uYehova wanikela iinkcukacha ezingakumbi. Wabonisa ukuba le Mbewu yayiya kuvela kumnombo ka-Abraham. (Genesis 22:15-18) Noko ke, umlibo wokuzalwa owawuza kuvelisa iMbewu wawungayi kuxhomekeka kumalungelo okuzalwa, kodwa wawuya kuxhomekeka kukhetho lukaThixo. Nangona uAbraham wayemthanda unyana wakhe uIshmayeli, awayemzalelwe nguHagare, uYehova wathi: “Umnqophiso wam wona ndiya kuwumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara.” (Genesis 17:18-21) Kamva loo mnqophiso waqinisekiswa, kungekhona kwizibulo likaIsake elinguEsawu, kodwa wenziwa noYakobi, ekwavela kuye izizwe ezili-12 zakwaSirayeli. (Genesis 28:10-14) Ethubeni, kwaboniswa ukuba iMbewu yayiya kuvela kwisizwe sakwaYuda, kumnombo kaDavide.—Genesis 49:10; 1 Kronike 17:3, 4, 11-14.

 5. Xa uYesu wayeqalisa ubulungiseleli bakhe basemhlabeni, yintoni eyabonisa ukuba wayenguMesiya?

5 Ziziphi ezinye iimpawu zokufanisa iMbewu ezachazwayo? Kwiminyaka engama-700 ngaphambi kokuba iMbewu ethenjisiweyo izalwe ingumntu, iBhayibhile yachaza iBhetelehem njengendawo eyayiya kuzalelwa kuyo. Kwakhona yabonisa ukuba le Mbewu yayisele iphile “ukususela kwimihla yexesha elingenammiselo,” ukususela kwixesha awadalwa ngalo ezulwini. (Mika 5:2) Nexesha awayeza kubonakala ngalo emhlabeni njengoMesiya laxelwa kwangaphambili, kusetyenziswa umprofeti uDaniyeli. (Daniyeli 9:24-26) Yaye xa uYesu wathanjiswa ngomoya oyingcwele, esiba nguLowo Uthanjisiweyo kaYehova, ilizwi likaThixo ngokwakhe lavakala liphuma ezulwini limchaza ngokucacileyo njengoNyana Wakhe. (Mateyu 3:16, 17) Yatsho yabonakala ke ngoku le Mbewu! Kungoko uFilipu wayenokuthetha ngolweyiseko esithi: “Simfumene lowo uMoses, eMthethweni, nabaProfeti babhala ngaye, uYesu.”—Yohane 1:45.

 6. (a) Ngokutsho kukaLuka 24:27, yintoni abaye bayiqonda abalandeli bakaYesu? (b) Ngubani oyinxalenye ephambili ‘yembewu yomfazi,’ yaye kuthetha ntoni ukutyumza kwakhe intloko yenyoka?

6 Emva koko, abalandeli bakaYesu baqonda ukuba kwakukho iziprofeto ezininzi ezithetha ngaye ezazenziwe zayinxalenye yeZibhalo eziphefumlelweyo. (Luka 24:27) Yaya icaca into yokuba uYesu uyinxalenye ephambili ‘yembewu yomfazi,’ lowo wayeza kutyumza intloko yenyoka, amcim’ igama uSathana. NgoYesu, zonke izithembiso ezenziwe nguThixo kuluntu, zonke izinto esizilangazelela ngokwenene, ziya kuzalisekiswa.—2 Korinte 1:20.

 7. Ukongezelela ekufanisweni kwaLowo kubhekiselwa kuye kwiziprofeto, yiyiphi enye into ekuyingenelo ukuyiqonda?

7 Kufanele kusichaphazele njani ukwazi oku? IBhayibhile isixelela ngethenwa elingumTiyopiya elalifunde ezinye zezi ziprofeto ezithetha ngokuza koMhlawuleli noMesiya. Lididekile, labuza umhambisi wevangeli uFilipu lisithi: “Umprofeti ukutsho malunga nabani na oku?” Kodwa eli thenwa alizange libek’ ingca kuloo nto lakufumana impendulo. Emva kokuyiphulaphula ngenyameko ingcaciso eyanikelwa nguFilipu, le ndoda yabona ukuba ukuqonda esi siprofeto sizalisekileyo kwakufuna ukuba ithabathe inyathelo. Yaqonda ukuba kufuneka ibhaptizwe. (IZenzo 8:32-38; Isaya 53:3-9) Ngaba sisabela ngendlela efanayo?

 8. (a) Kwakufuzisela ntoni ukuzama kuka-Abraham ukunikela ngoIsake? (b) Kwakutheni ukuze uYehova axelele uAbraham ukuba zonke iintlanga zaziya kusikelelwa ngeMbewu, ibe loo nto isebenza njani namhlanje?

8 Kwakhona, khawucinge ngengxelo echukumisayo yokuzama kuka-Abraham ukunikela ngoIsake, okuphela konyana awayemzalelwe nguSara. (Genesis 22:1-18) Oko kwakufanekisela oko uYehova wayeza kukwenza—ukunikela ngokuphela koNyana amzeleyo: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Oku kusenza sibe nentembelo yokuba kanye njengokuba uYehova wanikela ngokuphela koNyana amzeleyo ukuze azalisekise iinjongo Zakhe, uya ‘kusinika ngobubele zonke ezinye izinto.’ (Roma 8:32) Yintoni ke ekufuneka siyenze thina? Njengoko kubhalwe kwiGenesis 22:18, uYehova waxelela uAbraham ukuba zonke iintlanga zaziya kusikelelwa ngeMbewu, ‘kuba uAbraham eliphulaphule ilizwi likaThixo.’ Nathi kufuneka simphulaphule uYehova noNyana wakhe: “Lowo ubonisa ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade; lowo ungamthobeliyo uNyana akayi kububona ubomi, kodwa ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.”—Yohane 3:36.

 9. Yintoni esiya kuyenza ukuba siyalixabisa ithemba lobomi obungunaphakade elenziwe lafumaneka ngedini likaYesu?

9 Ukuba siyalixabisa ithemba lobomi obungunaphakade elenziwa lanokwenzeka ngedini likaYesu, siya kufuna ukuzenza izinto uYehova asiyalele zona ngoYesu. Ezi zinto zinxibelelene nokuthanda kwethu uThixo nabamelwane bethu. (Mateyu 22:37-39) UYesu wabonisa ukuba ukuthanda kwethu uYehova kufanele kusishukumisele ekubeni sifundise abanye “ukuba bazigcine zonke izinto [uYesu asiyalele] zona.” (Mateyu 28:19, 20) Kwaye sifuna ukwabelana ngolo thando nabanye abakhonzi bakaYehova ‘ngokuhlanganisana rhoqo kwethu ndawonye’ nabanye. (Hebhere 10:25; Galati 6:10) Kwakhona, xa siphulaphula uThixo noNyana wakhe, asifanele sicinge ukuba bafuna sigqibelele. EyamaHebhere 4:15 ithi uYesu, njengoMbingeleli Omkhulu wethu, “uyavelana nobuthathaka bethu.” Hayi indlela athuthuzela ngayo loo mazwi, ngokukodwa xa sisondela kuThixo ngomthandazo egameni likaKristu, sicela uncedo ukuze seyise ubuthathaka bethu!—Mateyu 6:12.

Yiba Nokholo KuKristu

10. Kutheni lungekho usindiso ngaphandle kukaYesu Kristu?

10 Emva kokuchazela inkundla ephakamileyo yamaYuda eseYerusalem ukuba isiprofeto seBhayibhile sasizalisekiswe ngoYesu, umpostile uPetros waqukumbela ngala mazwi anamandla: “Akukho lusindiso kuye nabani na ongomnye, kuba alikho elinye igama phantsi kwezulu elinikelweyo phakathi kwabantu esimele ukusindiswa ngalo.” (IZenzo 4:12) Ekubeni yonke inzala ka-Adam inesono, ukufa kwayo akunalo ixabiso elinokusetyenziswa njengentlawulelo yakhe nabani na. Kodwa uYesu wayefezekile, yaye ubomi bakhe babunexabiso ledini. (INdumiso 49:6-9; Hebhere 2:9) Wanikela kuThixo intlawulelo eyayilingana ncam nexabiso lobomi obugqibeleleyo obalahlwa nguAdam. (1 Timoti 2:5, 6) Oko kwasivulela ithuba lokufumana ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo.

11. Chaza indlela esingenelwa kakhulu ngayo kwidini likaYesu.

11 Intlawulelo ivule ithuba lokuba sifumane nezinye iingenelo, kwanangoku. Ngokomzekelo, nangona sinesono, idini likaYesu lisenza sikwazi ukufumana isazela esicocekileyo ngenxa yokuxolelwa kwezono. Oku kuphunyezwa ngomlinganiselo ongaphezulu lee kunowamaSirayeli awayenyusa amadini ezilwanyana ngokomyalelo woMthetho kaMoses. (IZenzo 13:38, 39; Hebhere 9:13, 14; 10:22) Noko ke, ukuxolelwa kwethu ngolo hlobo kufanele kusenze siyiqonde ngokunyanisekileyo indlela esilifuna ngayo idini likaKristu, kuba: “Ukuba sithi: ‘Asinasono,’ siyazikhohlisa yaye inyaniso ayikho kuthi. Ukuba siyazivuma izono zethu, uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu aze asihlambulule kuyo yonke intswela-bulungisa.”—1 Yohane 1:8, 9.

12. Kutheni ukuntywiliselwa emanzini kubalulekile ukuze ubani afumane isazela esilungileyo emehlweni kaThixo?

12 Abantu abanesono banokulubonakalisa njani ukholo kuKristu nakwidini lakhe? Xa abantu benkulungwane yokuqala baba ngamakholwa, bakubonakalisa ekuhleni oko. Njani? Babhaptizwa. Ngoba? Ngenxa yokuba uYesu wayalela ukuba bonke abafundi bakhe babhaptizwe. (Mateyu 28:19, 20; IZenzo 8:12; 18:8) Ubani akayi kurhuq’ iinyawo xa ngokwenene intliziyo yakhe ishukunyiswa lilungiselelo lothando uYehova alenze ngoYesu. Uya kwenza naluphi na uhlengahlengiso ekufuneka elwenzile ebomini bakhe, azahlulele kuThixo ngomthandazo, aze afuzisele uzahlulelo lwakhe ngokuntywiliselwa emanzini. Kungokubonakalisa ukholo ngolu hlobo athi ubani enze ‘isicelo kuThixo sokuba nesazela esilungileyo.’—1 Petros 3:21.

13. Xa sifumanisa ukuba senze isono, yintoni esifanele siyenze ngaloo nto, yaye ngoba?

13 Kakade ke, kwanasemva kokuba ebhaptiziwe, utyekelo lwesono luya kubakho. Umntu ufanele enze ntoni ke? Umpostile uYohane wathi: “Ndinibhalela ezi zinto ukuze ningenzi sono. Ukanti, ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa. Yena ungumbingelelo wokucamagushela izono zethu.” (1 Yohane 2:1, 2) Ngaba oku kuthetha ukuba kungakhathaliseki ukuba senza ntoni na, ukuba sithandaza kuThixo sicela ukuxolelwa, yonke into iya kuma ngendlela? Akunjalo. Oyena ndoqo wokuxolelwa kukuguquka ngokunyanisekileyo. Kusenokufuneka ufumane uncedo kwabakhulileyo nabasele benamava ebandleni lamaKristu. Simele sikuqonde ukuphosakala kwaloo nto siyenzileyo size sizisole ngokunyanisekileyo ngayo ukuze senze umgudu onyanisekileyo wokuba singaphindi siyenze. (IZenzo 3:19; Yakobi 5:13-16) Ukuba senza oku, sinokuqiniseka ukuba uYesu uya kusinceda kwaye uYehova uya kuphinda akholiswe sithi.

14. (a) Chaza indlela ebalulekileyo esingenelwa ngayo kwidini likaYesu? (b) Yintoni esiya kuyenza ukuba sinalo ngokwenene ukholo?

14 Idini likaYesu livule ithuba lobomi obungenasiphelo ezulwini ‘kumhlambi omncinane,’ imbewu yesibini ekhankanywe kwiGenesis 3:15. (Luka 12:32; Galati 3:26-29) Likwavule nendlela esa kubomi obungenasiphelo kumhlaba oyiparadesi kumawaka ezigidi zabanye abantu. (INdumiso 37:29; ISityhilelo 20:11, 12; 21:3, 4) Ubomi obungunaphakade ‘sisipho uThixo asinikayo ngoKristu Yesu iNkosi yethu.’ (Roma 6:23; Efese 2:8-10) Ukuba sinokholo kweso sipho kwaye siyayixabisa indlela esenziwa safumaneka ngayo, siya kukubonisa oko. Xa siqonda indlela emangalisayo uYehova aye wamsebenzisa ngayo uYesu ukuze aphumeze ukuthanda Kwakhe nendlela ekubaluleke ngayo ukuba sonke silandele ngokusondeleyo emanyathelweni kaYesu, siya kwenza ubulungiseleli bamaKristu bube ngomnye weyona misebenzi ibalulekileyo ebomini bethu. Ukholo lwethu luya kubonakala kulweyiseko esiba nalo xa sixelela abanye ngesipho esibalaseleyo esivela kuThixo.—IZenzo 20:24.

15. Ukholo kuYesu Kristu lumanyanisa ngayiphi indlela?

15 Enjani yona ukuba ntle indlela olumanyanisa ngayo olo kholo! Ngalo, sisondela nangakumbi kuYehova, kuNyana wakhe, nakwabo sikunye nabo ebandleni lamaKristu. (1 Yohane 3:23, 24) Lusenza sivuyiswe kukuba uYehova eye ngobubele wanika uNyana wakhe “igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama [ngaphandle kwelikaThixo], ukuze egameni likaYesu agobe onke amadolo abo basezulwini nawabo basemhlabeni nawabo baphantsi komhlaba, zize zonke iilwimi zivume ekuhleni ukuba uYesu Kristu uyiNkosi nto leyo eluzuko kuThixo uYise.”—Filipi 2:9-11.

Ingxubusho Yempinda

• Xa uMesiya wabonakalayo, kutheni ukufaniswa kwakhe kwacaca kwabo babekholelwa ngokwenene kwiLizwi likaThixo?

• Ziziphi ezinye zezinto esifanele sizenze ukuze sibonakalise uxabiso ngedini likaYesu?

• Ziziphi iindlela esisele singenelwe ngazo kwidini likaYesu? Oko kusinceda njani xa sithandaza sicela uYehova ukuba axolele izono zethu?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 36]

UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bafanele bafundise abanye ukuba bagcine imiyalelo kaThixo