Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Menze Mkhulu UYehova Njengokuphela KoThixo Oyinyaniso

Menze Mkhulu UYehova Njengokuphela KoThixo Oyinyaniso

Isahluko Sesibini

Menze Mkhulu UYehova Njengokuphela KoThixo Oyinyaniso

 1. Ngubani okuphela koThixo oyinyaniso?

 IBHAYIBHILE ithi nangona bebaninzi abagqalwa njengoothixo, “kukho uThixo omnye, uYise.” (1 Korinte 8:5, 6) Lo “Thixo omnye” nguYehova, uMdali wazo zonke izinto. (Duteronomi 6:4; ISityhilelo 4:11) UYesu wambiza ngokuthi “uThixo wam noThixo wenu.” (Yohane 20:17) Wavumelana noMoses, ngaphambilana owayethe: “UYehova unguThixo oyinyaniso; akukho wumbi ngaphandle kwakhe.” (Duteronomi 4:35) UYehova mkhulu lee kunayo nayiphi na into enqulwayo, njengemifanekiso, abantu abagqalwa njengoothixo, okanye utshaba lwakhe uSathana uMtyholi, “uthixo wale nkqubo yezinto.” (2 Korinte 4:3, 4) Ngokwahlukileyo kuzo zonke ezi zinto, uYehova, ngendlela uYesu amchaza ngayo, “ukuphela koThixo oyinyaniso.”—Yohane 17:3.

 2. Njengoko sifunda ngoThixo, ubomi bethu bufanele buchaphazeleke njani?

2 Abantu abanoxabiso abafunda ngeempawu ezintle zikaThixo, nangezinto asenzele zona naseza kusenzela zona, bayatsaleleka kuye. Njengoko besiya bemthanda nangakumbi uYehova, baziva beshukunyiselwa ukuba bamzukise. Njani? Enye indlela kukuxelela abanye ngaye. ‘Ngomlomo ubani wenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso,’ itsho eyabaseRoma 10:10. Enye indlela kukumxelisa ngokuthetha nangezenzo. Eyabase-Efese 5:1 ithi: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.” Ukuze sikwenze ngokuzele nangakumbi oko, kufuneka sazi iimpawu zokwenene zikaYehova.

 3. Ziziphi ezona mpawu zikaThixo ziphambili?

3 Kuyo yonke iBhayibhile, kukho iindinyana ezininzi ezichaza iimpawu ezibalaseleyo zikaThixo. Iimpawu zakhe ezine eziphambili bubulumko, okusesikweni, amandla, nothando. “Kuye kukho ubulumko.” (Yobhi 12:13) “Zonke iindlela zakhe zisesikweni.” (Duteronomi 32:4) “Womelele ngamandla.” (Isaya 40:26) “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Noko ke, kwezi mpawu zine zikaThixo, luluphi olona lubalaseleyo, olona lubonisa uhlobo loThixo anguye ngaphezu kwazo zonke ezinye?

“UThixo Uluthando”

 4. Luluphi kwiimpawu zikaThixo olwaphumeza indima ephambili ekudaleni indalo nezinto eziphilayo?

4 Khawucinge ngoko kwashukumisela uYehova ukuba adale indalo kunye nezidalwa ezikrelekrele ezingumoya nezingabantu. Ngaba yayibubulumko okanye amandla? Akunjalo, kuba ngoxa uThixo wazisebenzisayo ezi mpawu, ayizizo ezaba yintshukumisa. Kwaye okusesikweni kwakhe akuzange kumnyanzele ukuba abelane nabanye ngesipho sobomi. Kunoko, uthando olubalaseleyo lukaThixo lwamshukumisela ukuba abelane nabanye ngoyolo lokuba sisidalwa esikrelekrele. Uthando lwamshukumisela ukuba akwenze injongo yakhe ukuba abantu baphile ngonaphakade eParadesi. (Genesis 1:28; 2:15) Luthando olwabangela ukuba alungiselele ukushenxiswa kwesigwebo esabangelwa sisiphoso sika-Adam eluntwini.

 5. Ngokutsho kweBhayibhile, uYehova usisimntwiso saluphi uphawu, yaye ngoba?

5 Ngenxa yoko, kuzo zonke iimpawu zikaThixo, olona lubalaseleyo luthando. Lububuntu bakhe. Nangona bubalulekile ubulumko, okusesikweni namandla akhe, iBhayibhile ayikhe ithi uYehova uyiyo nayiphi na kwezi zinto. Kodwa ke iyatsho ukuba uluthando. Ewe, uYehova uluthando lumntwisiwe. Olu luthando olulawulwa yimigaqo, kungekhona iimvakalelo. Uthando lukaThixo lulawulwa yimigaqo yenyaniso nobulungisa. Lolona hlobo luphakamileyo lothando, njengoko umzekelo kaYehova uThixo ubonisa. Uthando olunjalo luyimbonakaliso yokungazingci ngokupheleleyo yaye lusoloko lukhatshwa bubungqina obubonakalayo bezenzo.

 6. Yintoni esenza sikwazi ukuxelisa uThixo, nangona emkhulu kunathi?

6 Lolu phawu luhle lothando olusenza sikwazi ukuxelisa uThixo onjalo. Ekubeni singabantu abaphantsi, abangafezekanga nabatyekele ekwenzeni iimpazamo, sinokucinga ukuba asisayi kuze siphumelele ukumxelisa. Kodwa ke nanku omnye umzekelo wothando olubalaseleyo lukaYehova: Uyakuqonda ukulinganiselwa kwethu kwaye akalindelanga ukuba senze izinto ngendlela egqibeleleyo. Uyazi ukuba okwangoku sisekude emfezekweni. (INdumiso 51:5) Kungoko INdumiso 130:3, 4 isithi: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma? Kuba ukuxolela kokwenyaniso kukuwe.” Ewe, uYehova ‘nguThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando.’ (Eksodus 34:6) “Wena, Yehova, ulungile yaye ukulungele ukuxolela.” (INdumiso 86:5) Enjani yona intuthuzelo! Hayi indlela ekuhlaziya ngayo ukukhonza lo Thixo ungummangaliso nokuva inyameko yakhe ekhatshwa luthando nenceba!

 7. Lunokubonwa njani uthando lukaYehova kwimisebenzi yakhe yendalo?

7 Uthando lukaYehova lunokubonwa nakwimisebenzi yakhe yendalo. Khawucinge ngentaphane yezinto ezilungileyo uYehova alungiselele ukuba sizinandiphe, izinto ezinjengeentaba, amahlathi, amachibi neelwandlekazi ezintle. Usinike ukutya okuziindidi ngeendidi ukuze sikunandiphe yaye kusilondoloze. Kwakhona, uYehova ulungiselele iintlobo ezininzi zeentyatyambo ezintle nezinevumba elimnandi kunye nendalo enomtsalane ezizilwanyana. Wenza izinto ezaziya kuyolisa abantu, nangona wayenganyanzelekanga ukuba azenze. Kuyinyaniso ukuba, ekubeni siphila kweli hlabathi lingendawo sikule meko yokungafezeki, asinako ukuyinandipha ngokuzeleyo indalo yakhe. (Roma 8:22) Kodwa khawuthelekelele nje oko uYehova aza kusenzela kona eParadesi! Umdumisi uyasiqinisekisa: “Uyasivula isandla sakho uze wanelise umnqweno [ofanelekileyo] wayo yonke into ephilayo.”—INdumiso 145:16.

 8. Nguwuphi owona mzekelo ubalaseleyo wendlela uYehova asithanda ngayo?

8 Nguwuphi owona mzekelo ubalaseleyo obonisa indlela uYehova abathanda ngayo abantu? IBhayibhile iyachaza: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ngaba kukulunga kwabantu okwabangela ukuba uYehova enze oku? EyabaseRoma 5:8 iyaphendula: “UThixo ubonakalisa uthando lwakhe kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.” Ewe, uThixo wathumela uNyana wakhe ofezekileyo emhlabeni ukuze anikele ubomi bakhe njengedini lentlawulelo aze asicamagushele kwisigwebo sesono nokufa. (Mateyu 20:28) Oku kwavula ithuba lokuba abantu abathanda uThixo bafumane ubomi obungunaphakade. Okuvuyisayo kukuba, uthando lukaThixo lufikelela kubo bonke abafuna ukwenza ukuthanda kwakhe, kuba iBhayibhile isixelela oku: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.

 9. Sifanele sisichaphazele njani isibakala sokuba uYehova enikele ngoNyana wakhe njengentlawulelo yethu?

9 Isibakala sokuba uYehova enikele ngoNyana wakhe njengentlawulelo yethu, evula indlela esa kubomi obungunaphakade, sifanele siyichaphazele njani indlela esibuphila ngayo ubomi bethu ngoku? Sifanele sisenze simthande nangakumbi uThixo oyinyaniso, uYehova. Kwangaxeshanye, sifanele sisenze sifune ukuphulaphula uYesu, omela uThixo. “[UYesu] wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena lowo wabafelayo waza wavuswa.” (2 Korinte 5:15) Hayi indlela ekuyolisa ngayo ukulandela amanyathelo kaYesu, kuba wayengumzekelo ekuxeliseni uthando nemfesane kaYehova! Oku unokukubona koko uYesu wakuthethayo kubantu abathobekileyo: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mateyu 11:28-30.

Ukuthanda Abanye

10. Ziziphi ezinye zeendlela esinokuwathanda ngazo amanye amaKristu?

10 Sinokuwathanda njani amanye amaKristu ngendlela uYehova noYesu abasithanda ngayo? Khawuqwalasele ezi ndlela zininzi esinokukwenza ngazo oku: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. Uthando alunakhwele, alugwagwisi, alukhukhumali, aluziphathi ngokungandilisekanga, alufuni ezalo izilangazelelo, alucaphuki. Alunanzondo. Alubi nemihlali ngentswela-bulungisa, kodwa luvuyisana nenyaniso. Luthwala izinto zonke, lukholelwa izinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke. Uthando aluze lutshitshe.”—1 Korinte 13:4-8; 1 Yohane 3:14-18; 4:7-12.

11. Ngoobani abanye esifanele sibathande, yaye ngoba?

11 Ngoobani abanye esifanele sibathande, yaye ngoba? UYesu wathi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Oku kubandakanya ukuchazela abo bangekabi ngawo amaKristu ngeendaba ezilungileyo zehlabathi likaThixo elitsha eliyiparadesi. UYesu wabonisa kakuhle ukuba asifanele sithande amanye amakholwa kuphela, kuba wathi: “Ukuba nithanda abo banithandayo [kuphela], ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto na nabaqokeleli berhafu? Yaye ukuba nibulisa abazalwana benu kuphela, yintoni na into engaqhelekanga eniyenzayo? Abenzi kwaloo nto na nabantu beentlanga?”—Mateyu 5:46, 47; 24:14; Galati 6:10.

“Hamba Egameni LikaYehova”

12. Kutheni igama likaThixo linokusebenza kuye kuphela?

12 Enye inkalo ebalulekileyo ekuzukiseni uThixo oyinyaniso kukwazi, ukusebenzisa, nokufundisa abanye igama lakhe elahlukileyo, uYehova. Umdumisi wavakalisa umnqweno wakhe onyanisekileyo esithi: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” (INdumiso 83:18) Igama elithi Yehova lithetha “Obangela Kubekho.” UnguLowo Uneenjongo Ezibalaseleyo, osoloko eziphumeza iinjongo zakhe. Yaye nguThixo oyinyaniso kuphela onokukufanelekela ukuba nelo gama, kuba abantu abanakuze baqiniseke enoba imigudu yabo iya kuphumelela kusini na. (Yakobi 4:13, 14) NguYehova kuphela onokuthi ilizwi lakhe ‘lokuphumelelisa ngokuqinisekileyo’ oko akuthumela ukuba likwenze. (Isaya 55:11) Abaninzi baba nemincili xa belibona okokuqala igama likaThixo eziBhayibhileni zabo baze bafunde oko likuthethayo. (Eksodus 6:3) Kodwa baya kungenelwa kulo kuphela ukuba ‘bahamba egameni likaYehova ukusa kwixesha elingenammiselo.’—Mika 4:5.

13. Yintoni ebandakanyekileyo ekwazini igama likaYehova nasekuhambeni egameni lakhe?

13 Ngokuphathelele igama likaThixo, INdumiso 9:10 ithi: “Abo balaziyo igama lakho baya kukholosa ngawe.” Oku akubandakanyi ukwazi igama elithi Yehova kuphela, okungathethi kuthi ngokuzenzekelayo ubani ukholosa ngaye. Ukwazi uThixo kuthetha ukuqonda uhlobo loThixo anguye uYehova, ukuhlonela igunya lakhe, ukuthobela imiyalelo yakhe, ukukholosa ngaye kuzo zonke izinto. (IMizekeliso 3:5, 6) Ngendlela efanayo, ukuhamba egameni likaYehova kuthetha ukuzinikela kuye nokummela njengomnye wabanquli bakhe, enyanisweni ukusebenzisa ubomi bethu ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. (Luka 10:27) Ngaba uyayenza loo nto?

14. Ukuba sifuna ukukhonza uYehova ngonaphakade, yintoni efunekayo ngaphandle kokuziva sibophelelekile?

14 Ukuba sifuna ukukhonza uYehova ngonaphakade, asimele siqhutywe kukuziva sibophelelekile kuphela. Umpostile uPawulos wabongoza uTimoti, owayekhonze uYehova kangangeminyaka emininzi, esithi: “Yiba nosukelo lokuziqeqesha ngozinikelo lobuthixo.” (1 Timoti 4:7) Uzinikelo lusuka kwintliziyo ezaliswe luxabiso ngaloo mntu lunikelwa kuye. ‘Uzinikelo lobuthixo’ lubangela ukuba ubani abe nembeko enzulu kuYehova. Lwenza ubani abe nobuhlobo bothando naye ngenxa yentlonelo engasikelwanga mda anayo ngaye nangeendlela zakhe. Lusenza sifune ukuba wonk’ ubani aliphathe ngentlonelo igama lakhe. Simele sihlakulele uzinikelo lobuthixo ebomini bethu ukuba sifuna ukuhamba ngonaphakade egameni likaYehova, okuphela koThixo oyinyaniso.—INdumiso 37:4; 2 Petros 3:11.

15. Sinokwenza njani ukuze sinikele kuThixo uzinikelo olupheleleyo?

15 Ukuze sikhonze uThixo ngendlela eyamkelekileyo, simele simnqule ngentliziyo epheleleyo, ekubeni ‘enguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.’ (Eksodus 20:5) Asinako ukuthanda uThixo size kwangaxeshanye sithande ihlabathi elingendawo, uSathana anguthixo walo. (Yakobi 4:4; 1 Yohane 2:15-17) UYehova wazi kakuhle ukuba luhlobo luni lomntu ngamnye wethu azabalazela ukuba lulo. (Yeremiya 17:10) Ukuba sibuthanda ngokwenene ubulungisa, uyayibona loo nto kwaye uyasinceda sinyamezele iimvavanyo esijamelana nazo imihla ngemihla. Esixhasa ngomoya wakhe oyingcwele, uya kusenza sikwazi ukuboyisa ubungendawo obesameleyo kweli hlabathi. (2 Korinte 4:7) Kwakhona uya kusinceda silondoloze ithemba lethu elinamandla lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Elinjani ukuzuka lona ithemba! Sifanele silixabise ngokunzulu yaye sikulungele ukukhonza uThixo oyinyaniso, uYehova, olenze lakho ilungiselelo lokuphila ngonaphakade.

16. Yintoni ofanele ufune ukuyenza ukunye nezigidi zabanye abantu?

16 Izigidi zabantu emhlabeni wonke ziye zasamkela ngezandla zozibini isimemo somdumisi esithi: “Menzeni mkhulu uYehova kunye nam, masiliphakamise kunye igama lakhe.” (INdumiso 34:3) UYehova uyakumema ukuba ube phakathi kwenyambalala eqhubeka isanda yabantu bazo zonke iintlanga abenza oku.

Impinda

• UYehova ungumntu onjani? Singenelwa njani ngokuzazi kakuhle iimpawu zakhe?

• Sinokubanceda njani abanye abantu baqonde inyaniso ngoThixo?

• Yintoni ebandakanyekileyo ekwazini igama likaYehova nasekuhambeni egameni lakhe?

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 14]

UYehova, ngothando lwakhe olubalaseleyo, ‘uya kusivula isandla sakhe aze anelise umnqweno wayo yonke into ephilayo’