Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Oko Sikufundayo Ngokuvumela KukaThixo Ubungendawo

Oko Sikufundayo Ngokuvumela KukaThixo Ubungendawo

Isahluko Sesixhenxe

Oko Sikufundayo Ngokuvumela KukaThixo Ubungendawo

 1, 2. (a) Ukuba uYehova wayebatshabalalise ngoko nangoko abavukeli e-Eden, ibiya kusichaphazela njani loo nto thina? (b) Ngawaphi amalungiselelo abonisa uthando asenzele wona uYehova?

 “ZIMBALWA kwaye zizele kukubandezeleka iintsuku zeminyaka yobomi bam,” watsho usolusapho uYakobi. (Genesis 47:9) NoYobhi wathi umntu “unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka.” (Yobhi 14:1) Njengabo, inkoliso yethu iye yahlangabezana neengxaki, ukungabikho kokusesikweni neentlekele. Ukanti, asimele simbek’ ityala uThixo ngokuzalwa kwethu. Kuyinyaniso ukuba sinengqondo nemizimba engafezekanga kwaye asinalo ikhaya eliyiParadesi uAdam noEva ababehlala kulo. Kodwa ke kuthekani ukuba uYehova wayebabulele ngoko nangoko bakuvukela? Ngoxa bekungayi kubakho kugula, intlungu okanye ukufa, ngebengekho nabantu. Ngesingazange sizalwe. Ngenceba, uThixo wanika uAdam noEva ithuba lokuba nabantwana, nangona bakuzuza njengelifa ukungafezeki. Yaye ngoKristu, uYehova wenza ilungiselelo lokuba sibuyele koko uAdam wayephulukene nako—ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi.—Yohane 10:10; Roma 5:12.

2 Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukuba sikwazi ukukhangela phambili ekuphileni ngonaphakade kwihlabathi elitsha eParadesi, apho kungayi kubakho kugula, usizi, intlungu nokufa, kuquka nabantu abangendawo! (IMizekeliso 2:21, 22; ISityhilelo 21:4, 5) Kodwa ke ngokutsho kwengxelo yeBhayibhile, sifunda ukuba ngoxa usindiso lwethu lubaluleke gqitha kuthi nakuYehova, kukho nto ithile ebaluleke nangaphezulu ebandakanyekileyo.

Ngenxa Yegama Lakhe Elizukileyo

 3. Yintoni ebandakanyekileyo ngokunxibelelene nenzaliseko yenjongo kaYehova ngomhlaba noluntu?

3 Igama likaThixo libandakanyekile kwinzaliseko yenjongo yakhe ngomhlaba nangoluntu. Elo gama, elithi Yehova, lithetha ukuthi “Ubangela Kubekho.” Ngoko igama lakhe limela uhlobo lomntu alulo njengoMongami Wendalo Iphela, Lowo Uphakamileyo obeka iinjongo aze aziphumeze, noThixo wenyaniso. Ngenxa yesikhundla sikaYehova, uxolo nempilo-ntle yayo yonke indalo ixhomekeke ekubeni igama lakhe kunye nentsingiselo yalo zinikwe intlonelo eziyifaneleyo nokuba bonke abantu bamhlonele.

 4. Yayiquka ntoni injongo kaYehova ngomhlaba?

4 Emva kokudala uAdam noEva, uYehova wabanika isabelo ababemele basiphumeze. Wayicacisa into yokuba injongo yakhe yayingekokuba boyise wonke umhlaba kuphela—ngaloo ndlela bandise imida yeParadesi—kodwa yayikukuba bawuzalise nangenzala yabo. (Genesis 1:28) Ngaba le njongo yayiza kusilela ngenxa yesono sabo? Olunjani ugculelo eyayiza kuluzisa kuYehova onamandla onke ukuba wayengayi kuyizalisekisa injongo yakhe ngomhlaba nangoluntu!

 5. (a) Babeza kufa nini abantu bokuqala xa betye kumthi wokwazi okulungileyo nokubi? (b) UYehova wakuzalisekisa njani oko wayekuthethe kwiGenesis 2:17 ngoxa ehlonela injongo yakhe ngokuphathelele umhlaba?

5 UYehova wayelumkise uAdam noEva esithi ukuba babengathobeli baze badle kumthi wokwazi okulungileyo nokubi, babeza kufa ‘ngomhla’ ababewutye ngawo. (Genesis 2:17) UYehova wabaphendulisa kwangaloo mini babone ngayo waza wabagwebela ukufa kanye njengokuba wayetshilo. Ngokwembono kaThixo, uAdam noEva bafa ngaloo mhla. Noko ke, ukuze aphumeze injongo yakhe ngomhlaba, uYehova wabavumela ukuba babe nabantwana ngaphambi kokuba bafe ngokoqobo. Noko ke, ekubeni uThixo enokugqala iminyaka eli-1 000 njengosuku olunye, xa uAdam wafayo eneminyaka engama-930, ‘yayisengumhla’ omnye lowo. (2 Petros 3:8; Genesis 5:3-5) Ngaloo ndlela uYehova wangqineka enenyaniso ngokuphathelele kwixesha isohlwayo esasiya kukhutshwa ngalo, kwaye injongo yakhe ngomhlaba ayizange ikatyiswe kukufa kwabo. Kodwa kangangethuba elithile, abantu abangafezekanga, kuquka nabangendawo, baye bavunyelwa ukuba baphile.

 6, 7. (a) Ngokutsho kwe-Eksodus 9:15, 16, kutheni uYehova evumele ubungendawo ukuba buqhubeke kangangexesha elithile? (b) Kwimeko kaFaro, abonakaliswa njani amandla kaYehova, yaye igama Lakhe laziswa njani? (c) Uya kuba yintoni umphumo xa le nkqubo ingendawo ikhoyo iphela?

6 Oko uYehova wakuthethayo kumlawuli waseYiputa ngomhla kaMoses kubonisa isizathu sokuba uThixo avumele ubungendawo ukuba buqhubeke. Xa uFaro engazange avume ukuba oonyana bakaSirayeli banduluke eYiputa, uYehova akazange ambethe ngoko nangoko. IZibetho Ezilishumi zalifikela elo lizwe, zibonisa amandla kaYehova ngeendlela ezimangalisayo. Xa wayelumkisa ngesibetho sesixhenxe, uYehova waxelela uFaro ukuba Yena wayenokumtshayela lula uFaro nabantu bakhe phezu komhlaba. UYehova wathi, “Kodwa, enyanisweni, ndikuyekile nje, kungenxa yokuze ndikubonise amandla am nokuze livakaliswe igama lam emhlabeni wonke.”—Eksodus 9:15, 16.

7 Xa uYehova wahlangula amaSirayeli, enyanisweni igama lakhe laye laziwa ngabantu abaninzi. (Yoshuwa 2:1, 9-11) Namhlanje, kwiminyaka ephantse ibe ngama-3 500 kamva, ayikalityalwa into awayenzayo. Akuzange kuvakaliswe igama likaYehova kuphela kodwa kwavakaliswa nenyaniso ngaLowo ubizwa ngelo gama. UYehova waziwa njengoThixo ozigcinayo izithembiso zakhe noya kuthabatha amanyathelo ngenxa yabakhonzi bakhe. (Yoshuwa 23:14) Loo nto yabonisa ukuba ngenxa yamandla akhe amakhulu, akukho nto inokuxaba kwinjongo yakhe. (Isaya 14:24, 27) Ngoko sinokuba nentembelo yokuba kungekudala uya kuthabatha amanyathelo athile ngenxa yabakhonzi bakhe abathembekileyo ngokuyitshabalalisa yonke inkqubo engendawo kaSathana. Loo mbonakaliso yamandla amakhulu kunye nozuko eluzisayo kwigama likaYehova ayiyi kulityalwa. Iingenelo aziyi kuphela.—Hezekile 38:23; ISityhilelo 19:1, 2.

‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo’

 8. Ngabaphi oothunywashe uPawulos asibongoza ukuba sibaqwalasele?

8 Kwincwadi yakhe eyayisiya kwabaseRoma, umpostile uPawulos ubuza lo mbuzo: “Ngaba kukho okungekho sikweni kuThixo?” Uphendula ngeligxininisayo esithi: “Nakanye!” Emva koko ugxininisa inceba kaThixo aze abhekisele koko uYehova wakuthethayo ngokuvumela uFaro ukuba aphile kangangethutyana. UPawulos ukwabonisa ukuba thina bantu sinjengodongwe ezandleni zombumbi. Ibe walek’ umsundulo athi: “Ukuba uThixo, nangona ebengathanda ukubonakalisa ingqumbo yakhe aze enze namandla akhe aziwe, wazinyamezela ngokuzeka kade umsindo okukhulu izitya zengqumbo ezenziwe zafanelekela intshabalalo, ukuze baziwe ubutyebi bozuko lwakhe kwizitya zenceba, azilungiselele kwangaphambili ngenxa yozuko, oko kukuthi, thina aba, asibize kungekuphela phakathi kwamaYuda kodwa kwanaphakathi kweentlanga, nguban’ othini?”—Roma 9:14-24.

 9. (a) Ngoobani “izitya zengqumbo ezenziwe zafanelekela intshabalalo”? (b) Kutheni uYehova eye wazeka kade umsindo ngendlela ebalaseleyo kubachasi bakhe, yaye umphumo uya kuba yingenelo njani kwabo bamthandayo?

9 Ukususela ngexesha lemvukelo yase-Eden, nabani na oye wachasa uYehova nemithetho yakhe ‘ebesisitya sengqumbo esenziwe safanelekela intshabalalo.’ Ukususela ngoko, uYehova uye wazeka kade umsindo. Abangendawo baye bazigculela iindlela zakhe, batshutshisa abakhonzi bakhe, bada babulala uNyana wakhe. Ebonisa ukuzeyisa okubalaseleyo, uYehova uye wanika yonke indalo ithuba lokubona ngokuzeleyo imiphumo eyintlekele yokuvukela uThixo neyolawulo lwabantu olungaxhomekekanga kuye. Kwangaxeshanye, ukufa kukaYesu kwavelisa ithuba lokuhlangulwa koluntu oluthobelayo ‘nelokuchitha imisebenzi kaMtyholi.’—1 Yohane 3:8; Hebhere 2:14, 15.

10. Kutheni uYehova enyamezele abangendawo kangangeminyaka eli-1 900?

10 Ebudeni beminyaka engaphezu kwe-1 900 ukususela ekuvusweni kukaYesu, uYehova uye waqhubeka ezinyamezela “izitya zengqumbo,” ebambezela ukutshatyalaliswa kwazo. Ngoba? Phakathi kwezinye izinto, kungenxa yokuba ebelungisa abo bamele banxulumane noYesu Kristu kuBukumkani bakhe basezulwini. Aba bali-144 000, kwaye ‘bazizitya zenceba’ athetha ngazo umpostile uPawulos. Okokuqala, kwamenywa amaYuda athile ukuba ayile olu didi lwasezulwini. Kamva, uThixo wamema abantu beeNtlanga. UYehova akanyanzelanga namnye kwaba bantu ukuba amkhonze. Kodwa phakathi kwabo baye basabela ngokuba nombulelo ngeli lungiselelo lothando, wanika abanye ilungelo lokuba ngabalawuli kunye noNyana wakhe kuBukumkani basezulwini. Ngoku ukulungiswa kolo didi lwasezulwini sele kuza kugqitywa.—Luka 22:29; ISityhilelo 14:1-4.

11. (a) Liliphi iqela elizuzayo ngenxa yokuzeka kade umsindo kukaYehova? (b) Baya kungenelwa njani abafi?

11 Kodwa kuthekani ngabemi bomhlaba? Ukuzeka kade umsindo kukaYehova kuvule ithuba lokuba kuhlanganiswe “isihlwele esikhulu” esiphuma kuzo zonke iintlanga. Ngoku sibalwa kwizigidi. UYehova uthembise ukuba olu didi lwasemhlabeni luya kusinda xa kupheliswa le nkqubo luze lube nethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. (ISityhilelo 7:9, 10; INdumiso 37:29; Yohane 10:16) Ngexesha elimiselwe nguThixo, inyambalala yabantu abafileyo iya kuvuswa ize inikwe ithuba lokuba ngabalawulwa basemhlabeni boBukumkani basezulwini. KwiZenzo 24:15, iLizwi likaThixo lixela kusengaphambili ukuba: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.”—Yohane 5:28, 29.

12. (a) Yintoni esiye sayifunda ngoYehova ngokuphathelele ukunyamezela kwakhe ubungendawo? (b) Uvakalelwa njani ngendlela uYehova azisingathe ngayo izinto?

12 Ngaba kukho okungekho sesikweni kuyo yonke le nto? Akunjalo, kuba ngokubambezela intshabalalo yabangendawo, okanye “izitya zengqumbo,” uThixo ubenzela imfesane abanye, ngokuvisisana nenjongo yakhe. Oko kubonisa indlela anenceba nanothando ngayo. Kwakhona, ekubeni siye safumana ithuba lokubona injongo yakhe izaliseka, sifunda lukhulu ngoYehova. Ziyasichukumisa iinkalo ezahlukahlukeneyo zobuntu bakhe esizibonayo—okusesikweni, inceba, ukuzeka kade umsindo nobulumko bakhe obuziintlobo ezininzi. Ubulumko bukaYehova kwindlela asingathe ngayo imbambano yolongamo lwendalo iphela—ilungelo lakhe lokulawula—buya kusoloko bungqinela isibakala sokuba indlela yakhe yokulawula yeyona isemagqabini. Sithelela umpostile uPawulos xa esithi: “Hayi ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe!”—Roma 11:33.

Ithuba Lokubonisa Uzinikelo Lwethu

13. Xa sibandezeleka, liliphi ithuba elisivulekelayo, yaye yintoni eya kusinceda sisabele ngobulumko?

13 Abakhonzi bakaThixo abaninzi baphantsi kweemeko ezibandezelayo. Ukubandezeleka kwabo kuyaqhubeka ngenxa yokuba uThixo engekabatshabalalisi abangendawo aze abuyisele uluntu kwimeko yalo yangaphambili njengoko kuthenjisiwe. Ngaba oku kufanele kusiqumbise? Okanye ngaba sinokuzigqala ezo meko njengamathuba okuba sibe nesabelo ekungqineni uMtyholi elixoki? Sinako ukomelezwa ukuba senjenjalo ukuba sicinga ngesi sibongozo: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.” (IMizekeliso 27:11) USathana, lowo ungcikiva uYehova, wenza ibango lokuba xa abantu benokulahlekelwa zizinto eziphathekayo okanye bebandezeleka emzimbeni, baya kutyhola uThixo, bade bamqalekise. (Yobhi 1:9-11; 2:4, 5) Siyayivuyisa intliziyo kaYehova xa, ngokunyaniseka kwethu kuye xa sisebunzimeni, sibonisa ukuba loo mabango akayonyaniso kuthi.

14. Ukuba sayama ngoYehova xa sihlangabezana neemvavanyo, ziziphi iingenelo esinokuzifumana?

14 Ukuba sayama ngoYehova xa sihlangabezana neemvavanyo, sinokuhlakulela iimpawu ezibalulekileyo. Ngokomzekelo, ngenxa yezinto ezamehlelayo uYesu, “wafunda ukuthobeka” ngendlela awayengazange ayazi ngaphambili. Nathi sinokufunda kwiimvavanyo zethu ukuze sikwazi ukuhlakulela ukuzeka kade umsindo, unyamezelo, nokuqonda iindlela zikaYehova zobulungisa.—Hebhere 5:8, 9; 12:11; Yakobi 1:2-4.

15. Xa sinyamezela ubunzima ngomonde, baya kungenelwa njani abanye?

15 Nabanye baya kuyibuka into esiyenzayo. Ngenxa yoko sijamelana nako ngenxa yokuthanda ubulungisa, abanye babo ethubeni basenokuwaqonda awona maKristu okwenyaniso namhlanje. Yaye ngokumanyana nathi ekunquleni, basenokufumana iintsikelelo zobomi obungunaphakade. (Mateyu 25:34-36, 40, 46) UYehova noNyana wakhe bafuna abantu balifumane elo thuba.

16. Imbono yethu ngobunzima inxibelelene njani nombandela womanyano?

16 Hayi indlela ekuba kuhle ngayo xa sizigqala iimeko ezinzima njengamathuba okubonisa uzinikelo lwethu kuYehova nawokuba nesabelo ekuphumezeni ukuthanda kwakhe! Xa sisenjenjalo siya kubonisa ukuba ngokwenene sisondela ekumanyaneni noThixo noKristu. UYesu wathandazela onke amaKristu okwenyaniso kuYehova esithi: “Ndenza isicelo, kungekhona ngaba kuphela [abafundi bakhe ababekunye naye], kodwa nangabo bakholwayo kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye, kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe, ukuze nabo bamanyane nathi.”—Yohane 17:20, 21.

17. Yiyiphi intembelo esinokuba nayo ukuba sinyanisekile kuYehova?

17 Ukuba sinyanisekile kuYehova, uya kusivuza ngokuyintabalala. ILizwi lakhe lithi: “Qinani, ningabi nakushukuma, nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi, nisazi ukuba ukusebenza kwenu akulolize eNkosini.” (1 Korinte 15:58) Kwakhona lithi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Hebhere 6:10) UYakobi 5:11 uthi: “Khangelani! Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela. Nivile ngonyamezelo lukaYobhi, nayibona nendlela uYehova awambuyekeza ngayo, ngokuba uYehova unomsa omkhulu nenceba.” Waba yintoni umphumo kuYobhi? “Ke yena uYehova, wakusikelela ukuphela kukaYobhi emva koko ngaphezu kwesiqalo sakhe.” (Yobhi 42:10-16) Ewe, uYehova “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Yaye onjani wona umvuzo esifanele sikhangele phambili kuwo—ubomi obungunaphakade!

18. Ekugqibeleni yintoni eya kwenzeka kuzo naziphi na iinkumbulo ezibuhlungu esinokuba nazo?

18 Ulawulo loBukumkani bukaThixo luya kuwushenxisa wonke umonakalo owenziwe kwintsapho yoluntu kumawaka eminyaka edluleyo. Uvuyo oluya kubakho ngelo xesha luya kuwenza abonakale emancinane nawaphi na amanzithinzithi esijamelana nawo ngoku. Asiyi kuphazanyiswa zizo naziphi na iinkumbulo ezibuhlungu zokubandezeleka ngaphambili. Kwihlabathi elitsha, ubomi bemihla ngemihla babantu buya kuzaliswa ziingcamango nemisebenzi eyakhayo eya kuzisusa ngokuthe ngcembe iinkumbulo ezibuhlungu. UYehova uthi: “Ndidala amazulu amatsha [urhulumente omtsha woBukumkani basezulwini oya kulawula umhlaba] nomhlaba omtsha [ibutho labantu elinobulungisa]; kwaye izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni. Kodwa gcobani nize nivuye ngonaphakade koko ndikudalayo.” Ewe, kwihlabathi elitsha likaYehova, amalungisa aya kukwazi ukuthi: “Umhlaba uphela uphumle, awuphazanyiswa. Abantu bachwayitile yintswahla yemivuyo.”—Isaya 14:7; 65:17, 18.

Impinda

• Ngoxa evumele ubungendawo, uYehova uye wayibonisa njani intlonelo enzulu ngegama lakhe?

• Ukunyamezela kukaThixo “izitya zengqumbo” kuyenze yakwazi njani ukufikelela kuthi sonke inceba yakhe?

• Yintoni esifanele sizabalazele ukuyibona kwiimeko ezibandakanya ukubandezeleka?

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 67]

UYehova “wakusikelela ukuphela kukaYobhi emva koko ngaphezu kwesiqalo sakhe”