Phulaphula Icebiso, Wamkele Ingqeqesho
Isahluko Seshumi Elinesihlanu
Phulaphula Icebiso, Wamkele Ingqeqesho
1. (a) Kutheni sonke sisifuna isiluleko noqeqesho? (b) Nguwuphi umbuzo ekufuneka siwuqwalasele?
KUYAKOBI 3:2, iBhayibhile ithi: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.” Zininzi izihlandlo esizikhumbulayo esiye sasilela ngazo ukuba ngabantu iLizwi likaThixo elisibongoza ukuba sibe ngabo. Ngoko siyavuma ukuba ichan’ ucwethe iBhayibhile xa isithi: “Phulaphula icebiso uze wamkele ingqeqesho, ukuze ube nobulumko kamva.” (IMizekeliso 19:20) Ngokuqinisekileyo sele senze iinguqu ezininzi kubomi bethu ukuze sibuvisisanise neemfundiso zeBhayibhile. Kodwa sisabela njani xa omnye umKristu esiluleka ngomba othile?
2. Sifanele senze ntoni xa silulekwa?
2 Bambi basabela ngokuzama ukuzithethelela, babubethe ngoyaba ubunzulu baloo meko, okanye batyhole abanye. Kodwa ke kuhle ukusiphulaphula isiluleko nokusisebenzisa. (Hebhere 12:11) Kakade ke, akakho umntu ofanele alindele ukuba abanye bafezeke, kungekho namntu ufanele ahlalele ukululeka abanye ngezinto ezingenamsebenzi okanye ngemibandela iBhayibhile eyiyekela kukhetho lomntu. Kwakhona, xa lowo unikela isiluleko engaziqwalaselanga zonke izibakala, zinokuziswa engqalelweni yakhe ngentlonelo. Kodwa kule ngxubusho ilandelayo, masithi isiluleko okanye uqeqesho olunikelwayo lufanelekile kwaye lusekelwe eBhayibhileni. Ubani ufanele asabele njani?
Imizekelo Esifanele Siyiqwalasele
3, 4. (a) Yintoni equlethwe yiBhayibhile enokusinceda sihlakulele imbono efanelekileyo ngesiluleko noqeqesho? (b) UKumkani uSawule wasabela njani kwisiluleko, ibe waba yintoni umphumo?
3 ILizwi likaThixo linemizekelo yokoqobo yabantu abasifumanayo isiluleko esasiyimfuneko. Maxa wambi, eso siluleko sasiphelekwa yingqeqesho. Omnye wabo bantu yayinguKumkani uSawule wakwaSirayeli. Akazange amthobele uYehova ngokuphathelele uhlanga lwama-Amaleki. Ama-Amaleki ayebathiyile abakhonzi bakaThixo, kwaye umgwebo kaYehova wawusithi ayefanele atshatyalaliswe ama-Amaleki kunye naloo mfuyo yawo. Kodwa uKumkani uSawule akazange ambulale ukumkani wawo kunye nezona zintle kwizilwanyana zawo.—1 Samuweli 15:1-11.
4 UYehova wathumela umprofeti uSamuweli ukuba aye kumkhalimela uSawule. Wasabela njani uSawule? Wema ngelithi yena wayewoyisile ama-Amaleki kodwa wafikelela kwisigqibo sokuba angamtshabalalisi ukumkani wawo. Noko ke, oko kwakuchasene nomyalelo kaYehova. (1 Samuweli 15:20) USawule wazama ukutyhola abantu ngokungayitshabalalisi imfuyo, esithi: “Ndoyike abantu ndaza ke ndathobela elabo ilizwi.” (1 Samuweli 15:24) Wayebonakala exhalabele isidima sakhe, wada wacela uSamuweli ukuba abonise imbeko kuye phambi kwabantu. (1 Samuweli 15:30) Ekugqibeleni, uYehova wabuhlutha ubukumkani kuSawule.—1 Samuweli 16:1.
5. Kwenzeka ntoni kuKumkani u-Uziya xa engazange asamkele isiluleko?
5 UKumkani u-Uziya wakwaYuda “wenza ngokungathembeki kuYehova uThixo wakhe wangena etempileni kaYehova ukuba atshise isiqhumiso.” (2 Kronike 26:16) Kodwa ke ngokomthetho yayingababingeleli kuphela ababenokutshisa isiqhumiso. Xa umbingeleli omkhulu wazama ukumthintela u-Uziya, lo kumkani wabhabhazela ngumsindo. Kwenzeka ntoni? IBhayibhile ithi: “Kwaphuma iqhenqa ebunzini lakhe . . . ngenxa yokuba wayebethwe nguYehova. U-Uziya ukumkani waqhubeka eneqhenqa de kwayimini yokufa kwakhe.”—2 Kronike 26:19-21.
6. (a) Kutheni uSawule noUziya bengazange basamkele isiluleko? (b) Kutheni ukungamkeli isiluleko kuyingxaki enzulu namhlanje?
6 Kwakutheni ukuze uSawule noUziya bakufumanise kunzima ukwamkela isiluleko? Eyona nto iphambili yayilikratshi, bobabini babeziphakamisile. Baninzi abantu abazivisa ubuhlungu ngenxa yolu tyekelo. Bavakalelwa kukuba ukwamkela isiluleko kuthetha ukuba banesiphako esithile okanye kungcolisa igama labo. Kodwa ikratshi bubuthathaka. Ikratshi liyayiminxa ingqondo yomntu de angaboni ukuba ukhaba uncedo olunikelwa nguYehova ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe. Ngaloo ndlela, uYehova uyalumkisa: “Ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.”—IMizekeliso 16:18; Roma 12:3.
Ukwamkela Isiluleko
7. Ziziphi izifundo eziyingenelo esinokuzifumana kwindlela uMoses awasabela ngayo xa wayecetyiswa?
7 IZibhalo zikwaqulethe imizekelo emihle emihlanu yabo basamkelayo isiluleko, kwaye sinokufunda kuyo. Khawucinge ngoMoses, owacetyiswa ngumkhwe wakhe ngendlela yokusingatha umsebenzi wakhe onzima. UMoses wamphulaphula waza walisebenzisa ngoko nangoko icebiso lakhe. (Eksodus 18:13-24) Nangona uMoses wayenegunya elikhulu, kwakutheni ukuze alamkele eli cebiso? Kungenxa yokuba wayethobekile. ‘UMoses wayengoyena mntu ululamileyo kubantu bonke ababephezu komhlaba.’ (Numeri 12:3) Kubaluleke kangakanani ukululama? UZefaniya 2:3 ubonisa ukuba ubomi bethu buxhomekeke kuko.
8. (a) Ziziphi izono ezenziwa nguDavide? (b) Wasabela njani uDavide xa wayekhalinyelwa nguNatan? (c) Yaba yintoni imiphumo yezono zikaDavide?
8 UKumkani uDavide wakrexeza noBhatshebha waza wazama ukuyifihla loo nto ngokuyalela ukuba umyeni wakhe, u-Uriya, abulawe. UYehova wathumela umprofeti uNatan ukuba aye kumkhalimela uDavide. Waguquka waza ngokukhawuleza wavuma esithi: “Ndonile kuYehova.” (2 Samuweli 12:13) Ngoxa uThixo wayamkelayo inguquko kaDavide, wayeseza kujamelana nemiphumo yesono sakhe. UYehova wamxelela ukuba ikrele “aliyi kumka endlwini [yakhe],” kwaye abafazi bakhe babeza kunikwa “idlelane [lakhe],” nokuba unyana awayeza kumzala kolo krexezo wayelwenzile ‘ngokuqinisekileyo wayeya kufa.’—2 Samuweli 12:10, 11, 14.
9. Yintoni esingafanele siyilibale ukuba siyalulekwa okanye siyaqeqeshwa?
9 UKumkani uDavide wayesazi ukuba ukuphulaphula isiluleko esifanelekileyo kwakuyingenelo. Ngesinye isihlandlo, wambulela uThixo ngomntu awamsebenzisayo ukuba azise isiluleko kuye. (1 Samuweli 25:32-35) Ngaba nathi sinjalo? Ukuba sinjalo, asiyi kuthetha size senze izinto ezininzi ezinokusenza sizisole. Kodwa kuthekani ukuba sizifumana sikwimeko efuna ukuba silulekwe okanye side siqeqeshwe? Ngamana singangaze silibale ukuba leyo yimbonakaliso yothando lukaYehova, ibe injongo kukuba sifumane impilo-ntle kanaphakade.—IMizekeliso 3:11, 12; 4:13.
Iimpawu Ezixabisekileyo Esimele Sizihlakulele
10. UYesu wathi luluphi uphawu oluyimfuneko kwabo babeza kungena eBukumkanini?
10 Ukuze sibe nolwalamano oluhle noYehova kunye nabazalwana bethu abangamaKristu, kufuneka sihlakulele iimpawu ezithile. UYesu waluchaza olunye xa wabeka umntwana phambi kwabafundi bakhe waza wathi: “Ngaphandle kokuba niyajika nibe njengabantwana abaselula, anisayi kuze ningene ebukumkanini bamazulu. Ngoko ke, nabani na othe wazithoba njengalo mntwana uselula nguye ongoyena mkhulu ebukumkanini bamazulu.” (Mateyu 18:3, 4) Abafundi bakaYesu kwakufuneka bahlakulele ukuthobeka, ekubeni babeye babangisana ngobukhulu.—Luka 22:24-27.
11. (a) Kufuneka sithobeke phambi kukabani, yaye ngoba? (b) Ukuba sithobekile, siya kusabela njani xa sicetyiswa?
11 Umpostile uPetros wabhala: “Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye, ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.” (1 Petros 5:5) Siyazi ukuba kufuneka sithobeke phambi kukaThixo, kodwa esi sibhalo sibonisa ukuba kukwafuneka sithobeke nakwamanye amakholwa. Ukuba senjenjalo, asiyi kuwagatya amacebiso amahle anikelwa ngabanye kodwa siya kufunda kuwo.—IMizekeliso 12:15.
12. (a) Luluphi uphawu olubalulekileyo olunxibelelene nokuthobeka? (b) Kutheni sifanele siyixhalabele indlela ihambo yethu ebachaphazela ngayo abanye?
12 Uphawu olusondeleyo kwintobeko kukuxhalabela ukulungelwa kwabanye. Umpostile uPawulos wabhala: “Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu. . . . Ngoko ke, enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo. Kuphepheni ukuba zizikhubekiso kumaYuda nakumaGrike nakwibandla likaThixo.” (1 Korinte 10:24-33) UPawulos wayengathi masizityeshele izinto esizithandayo, kodwa wayesibongoza ukuba singenzi nanye into eya kunika omnye umntu inkalipho yokwenza oko kungquzulana nesazela sakhe.
13. Nguwuphi umzekelo onokubonisa enoba sikwenza umkhwa ukusebenzisa isiluleko seZibhalo?
13 Ngaba uye ubeke impilo-ntle yabanye phambi kokhetho lwakho? Sonke sifanele sifunde ukwenza oku. Zininzi iindlela esinokukwenza ngazo. Masenze umzekelo ngendlela yokunxiba neyokuzilungisa. Le yimibandela ebandakanya ukhetho lobuqu ngoxa kukhunjulwa ulwalathiso lweZibhalo lokuba sibe nesidima, sindiliseke kwaye sicoceke. Kodwa ukuba ubunokufumanisa ukuba ngenxa yemvelaphi yabantu abaselumelwaneni, indlela onxiba nozilungisa ngayo yenza abanye bangasiphulaphuli isigidimi soBukumkani, ngaba ubungayi kwenza iinguqu? Ngokuqinisekileyo, ukunceda umntu ukuba afumane ubomi obungunaphakade kubaluleke ngaphezu kokuzikholisa.
14. Kutheni kubalulekile ukuba sihlakulele ukuthobeka kwaye sixhalabele abanye?
14 UYesu wamisela umzekelo wokuthobeka nokuba nenkxalabo ngabanye, de wahlamba iinyawo zabafundi bakhe. (Yohane 13:12-15) Xa lithetha ngaye, iLizwi likaThixo lithi: “Hlalani ninesi simo sengqondo wayenaso noKristu Yesu, owathi, nangona wayekubume bukaThixo, akacinga ngokurhwaphiliza, ukuze azenze alingane noThixo. Hayi khona, kodwa waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu. Ngaphezu koko, xa wayekwimo yomntu, wazithoba kwada kwasa ekufeni.”—Filipi 2:5-8; Roma 15:2, 3.
Musa Ukuyichasa Ingqeqesho KaYehova
15. (a) Ziziphi iinguqu ekufuneka sizenze ukuze ubuntu bethu bumkholise uThixo? (b) Yiyiphi indlela uYehova alungiselele ngayo isiluleko noqeqesho lwethu sonke?
15 Ekubeni sonke singaboni, kufuneka sitshintshe isimo sengqondo kunye nehambo yethu ukuze sibe nobuntu obufana nobukaThixo. Kufuneka sambathe “ubuntu obutsha.” (Kolose 3:5-14) Isiluleko nengqeqesho ziyasinceda sibone apho kufuneka silungise khona kwaye sibone nendlela esinokulungisa ngayo. Umthombo osisiseko wemfundiso esiyifunayo yiBhayibhile. (2 Timoti 3:16, 17) Uncwadi lweBhayibhile kunye neentlanganiso ezilungiselelwa yintlangano kaYehova ziyasinceda sisebenzise iLizwi likaThixo. Kwanokuba asiqali kusiva isiluleko esithile, ngaba siya kuyibona imfuneko yaso size sizame ukuphucula?
16. Luluphi uncedo uYehova alunikela kuthi njengabantu ngabanye?
16 Eqhutywa yinkxalabo enothando, uYehova uyasinceda kwiingxaki zethu. Izigidi zabantu ziye zancedwa ngezifundo zamakhaya zeBhayibhile. Abazali bayabaluleka baze babaqeqeshe abantwana babo ukuze babakhusele kwihambo enokubenzakalisa. (IMizekeliso 6:20-23) Ebandleni, bambi badla ngokucela isiluleko namacebiso kubalungiseleli abanamava ukuze baphucule imigudu yabo kwinkonzo yasentsimini. Maxa wambi, abadala basenokucela amacebiso kwabanye okanye kwabo banamava kubulungiseleli. Abo baneemfaneleko zokomoya basebenzisa iBhayibhile ukuze bancede abo bafuna ukuncedwa, besenjenjalo ngomoya wobulali. Xa ululeka umntu, ungalibali ‘ukuzilumkela ukuba ungahendwa nawe.’ (Galati 6:1, 2) Ewe, sonke siyafuna ukululekwa nokuqeqeshwa ukuze sinqule okuphela koThixo oyinyaniso simanyene.
Impinda
• UYehova usinceda njani ukuba sibone apho kufuneka silungise khona?
• Kutheni abaninzi bekufumanisa kunzima ukwamkela isiluleko esiyimfuneko, yaye inzulu kangakanani loo nto?
• Ziziphi iimpawu ezixabisekileyo eziya kusinceda sisamkele isiluleko, yaye uYesu wawumisela njani umzekelo kuzo?
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 142]
U-Uziya akazange asamkele isiluleko waza wabethwa ngeqhenqa
[Umfanekiso okwiphepha 142]
UMoses wangenelwa ngokwamkela icebiso elalivela kuYitro