Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Qhelisela Uzinikelo Lobuthixo Ekhaya

Qhelisela Uzinikelo Lobuthixo Ekhaya

Isahluko Seshumi Elinesixhenxe

Qhelisela Uzinikelo Lobuthixo Ekhaya

 1. Ukusebenzisa ulwalathiso oluvela kwiLizwi likaThixo kuyichaphazela njani imitshato?

 UYEHOVA nguMseki womtshato, kwaye iLizwi lakhe linikela olona lwalathiso lulungileyo kwiintsapho. Baninzi abantu abaye bakha imitshato enempumelelo ngenxa yokusebenzisa olo lwalathiso. Okuncomekayo kukuba, abanye abebekade behlalisana baye bashukunyiselwa ukuba bawubhalise ngokusemthethweni umtshato wabo. Abanye baye bayeka ukuba neentlobano zesini ngaphandle komtshato. Amadoda anogonyamelo abexhaphaza abafazi nabantwana bawo aye afunda ukuba nobubele nokuthantamisa.

 2. Yintoni ebandakanyekileyo kubomi bentsapho yamaKristu?

2 Ubomi bentsapho yamaKristu bubandakanya izinto ezininzi, ezinjengendlela esiyijonga ngayo into yokuba umtshato usisigxina, oko sikwenzayo ukuze siphumeze iimbopheleleko zethu entsatsheni, nendlela esiqhubana ngayo namalungu entsapho. (Efese 5:33–6:4) Ngoxa sisenokuba siyakwazi oko iBhayibhile ikutshoyo ngobomi bentsapho, kuyenye into ukusisebenzisa isiluleko seBhayibhile. Akakho kuthi ofuna ukuba njengabo uYesu wabagxekayo ngenxa yokugatya imiyalelo kaThixo. Bexoka, babeqiqa ngelithi ukuzinikela kunqulo kwakwanele. (Mateyu 15:4-9) Asifuni kuba nembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa sisilele ukuluqhelisela ‘kumakhaya ethu.’ Kunoko, sifuna ukuba nozinikelo lobuthixo ‘oluyinzuzo enkulu.’—1 Timoti 5:4; 6:6; 2 Timoti 3:5.

Uza Kuhlala Ixesha Elingakanani Umtshato?

 3. (a) Kwenzeka ntoni kwimitshato emininzi, kodwa yintoni esifanele sizimisele ukuyenza? (b) Usebenzisa iBhayibhile yakho, phendula le mibuzo idweliswe ngaphantsi kwesi siqendu.

3 Iya isanda into yokuba amaqhina omtshato aqhawuke lula. Ezinye izibini ebezitshate kangangeminyaka zigqiba kwelokuba ziqhawule umtshato zize zitshate nabanye abantu. Kwaye ayisengomnqa into yokuba uve ukuba isibini esiselula sahlukene emva kokuba besitshate ixeshana elingephi. Kungakhathaliseki ukuba abanye benza ntoni na, thina sifanele sifune ukukholisa uYehova. Ngoko makhe siqwalasele le mibuzo kunye nezibhalo ezilandelayo ukuze sibone oko iLizwi likaThixo likutshoyo ngokuba sisigxina komtshato.

 Xa indoda nomfazi betshata, bafanele balindele ukuba baya kuhlala kunye ixesha elide kangakanani? (Marko 10:6-9; Roma 7:2, 3)

 Emehlweni kaThixo, yintoni ekukuphela kwesizathu esibambekayo sokuqhawula umtshato uze ukwazi ukutshata kwakhona? (Mateyu 5:31, 32; 19:3-9)

 UYehova uvakalelwa njani ngoqhawulo-mtshato olungavumelekanga ngokutsho kweLizwi lakhe? (Malaki 2:13-16)

 Ngaba iBhayibhile ithi ukwahlukana kuyindlela yokucombulula iingxaki zomtshato? (1 Korinte 7:10-13)

 Kuphantsi kwaziphi iimeko apho ukwahlukana kusenokuba yimfuneko? (INdumiso 11:5; Luka 4:8; 1 Timoti 5:8)

 4. Kutheni eminye imitshato ihlala ihleli nje?

4 Eminye imitshato iyaphumelela ize ihlale ihleli. Ngoba? Ukulinda de omabini amaqabane abe akhule ngokwaneleyo ngaphambi kokuba atshate kuyenye into encedayo, kodwa ukufumana iqabane elibona ngasonye nobani nelithetha ngokukhululekileyo kukwabalulekile. Noko ke, okona kubaluleke nangakumbi kukufumana iqabane elimthandayo uYehova nelilihlonelayo iLizwi lakhe njengesiseko sokucombulula iingxaki. (INdumiso 119:97, 104; 2 Timoti 3:16, 17) Umntu onjalo akayi kuba nesimo sengqondo sokuba ukuba izinto azihambi kakuhle, unokusuka nje ahlukane neqabane lakhe okanye aqhawule umtshato. Akayi kusebenzisa iintsilelo zeqabane lakhe njengesingxengxezo sokungaziphumezi iimbopheleleko zakhe. Kunoko, uya kujamelana nazo iingxaki aze afumane izicombululo.

 5. (a) Ukunyaniseka kuYehova kubandakanyeka njani emtshatweni? (b) Ziziphi iingenelo ezinokufumaneka ekunamatheleni kwimilinganiselo kaYehova kwanaxa kukho inkcaso?

5 USathana uthi xa sibandezeleka, siya kuzishiya iindlela zikaYehova. (Yobhi 2:4, 5; IMizekeliso 27:11) Kodwa inkoliso yamaNgqina kaYehova eye yabandezeleka ngenxa yokuba neqabane elichasayo ayizaphulanga izifungo zayo zomtshato. Iyaqhubeka inyanisekile kuYehova nakwimiyalelo yakhe. (Mateyu 5:37) Abanye abaye banyamezela baye bavuya xa amaqabane abo eye abathelela ekukhonzeni uYehova—kwanasemva kweminyaka betshutshiswa! (1 Petros 3:1, 2) AmaKristu anamaqabane angathembisiyo ukuguquka okanye aye ashiywa ngamaqabane ngenxa yokuba ekhonza uYehova ayazi ukuba aya kusikelelwa ngenxa yokuba ebonise uzinikelo lobuthixo ekhaya.—INdumiso 55:22; 145:16.

Ngamnye Aphumeze Indima Yakhe

 6. Liliphi ilungiselelo elimele lihlonelwe ukuze umtshato uphumelele?

6 Kakade ke, ukuphumelela komtshato kufuna okungaphaya kokuhlala kunye nje kuphela. Oyena ndoqo ufunekayo kwiqabane ngalinye kukuhlonela ilungiselelo likaYehova lobuntloko. Ukwenjenjalo kuba negalelo kucwangco nakwimvakalelo yokunqabiseka ekhaya. Kweyoku-1 kwabaseKorinte 11:3, sifunda oku: “Intloko yayo yonke indoda nguKristu; intloko yomfazi yindoda; intloko kaKristu nguThixo.”—1 Korinte 11:3.

 7. Bufanele busetyenziswe njani ubuntloko entsatsheni?

7 Ngaba uyibonile into yokuqala ekhankanyiweyo? Ewe, onke amadoda aneNtloko afanele azithobe kuyo, uKristu. Loo nto ithetha ukuba umyeni ufanele asebenzise ubuntloko ngendlela ebonisa iimpawu zikaYesu. UKristu uyazithoba kuYehova, ulithanda ngokunzulu ibandla, kwaye uyalilungiselela. (1 Timoti 3:15) Wada “wazinikela ngenxa yalo.” UYesu akanakratshi, kodwa unolwazelelo kwaye ‘unomoya wobulali yaye uthobekile ngentliziyo.’ Abo baphantsi kobuntloko bakhe ‘bayifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yabo.’ Xa umyeni eyiphatha ngolu hlobo intsapho yakhe, ubonisa ukuba uyazithoba kuKristu. Ngoko umfazi ongumKristu ufanele akufumanise kuyingenelo yaye kuhlaziya ukusebenzisana nomyeni wakhe nokuzithoba kubuntloko bakhe.—Efese 5:25-33; Mateyu 11:28, 29; IMizekeliso 31:10, 28.

 8. (a) Kutheni kusenokubonakala ngathi iindlela zokwenza izinto ngobuKristu azibi namiphumo inqwenelekayo kwamanye amakhaya? (b) Yintoni esifanele siyenze xa sijamelene nemeko enjalo?

8 Noko ke, iingxaki zona ziya kubakho. Umlinganiselo othile wengqumbo xa ubani elawulwa ngabanye usenokuba ubusele wendele ngaphambi kokuba nabani na entsatsheni aqalise ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Ukucela into ngobubele nangothando kusenokubonakala kungancedi nto. Siyazi ukuba iBhayibhile ithi masiwususe ‘umsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa.’ (Efese 4:31) Kodwa ukuba abanye babonakala bengenayo enye indlela abayaziyo yokusabela kwimeko enjalo, sifanele senze ntoni? Kaloku, uYesu akazange axelise abo babemsongela nababemgculela, kodwa wayama ngoYise. (1 Petros 2:22, 23) Ngoko xa kuvela imeko evavanyayo ekhaya, bonisa uzinikelo lobuthixo ngokuthandaza kuYehova ucela uncedo kuye kunokuba usebenzise iindlela zehlabathi.—IMizekeliso 3:5-7.

 9. Kunokuba babeke abafazi babo amabala, yintoni abayeni abaninzi abangamaKristu abaye bafunda ukuyenza?

9 Utshintsho alusoloko lusiza ngokukhawuleza, kodwa isiluleko seBhayibhile sisebenza ngokwenene xa sisetyenziswa ngomonde kwaye sikhuthalelwe. Abayeni abaninzi baye bafumanisa ukuba umtshato uqalisa ukuphucula xa beqonda iindlela uKristu awaqhubana ngazo nebandla. Elo bandla aliyilwanga ngabantu abafezekileyo. Ukanti, uYesu uyalithanda, ulimisela umzekelo olungileyo, kwaye usebenzisa iZibhalo ukuze alincede liphucule. Wanikela ubomi bakhe ngenxa yebandla. (1 Petros 2:21) Umzekelo wakhe uye wakhuthaza abayeni abangamaKristu abaninzi ukuba babe ziintloko-ntsapho ezilungileyo kwaye banikele uncedo olukhatshwa luthando ukuze baphucule umtshato. Oku kuba nemiphumo ebhetele kunokubekana amabala okanye ukungavumi ukuthethisana.

10. (a) Ziziphi iindlela anokuthi umyeni okanye umfazi—kwanalowo uzibanga engumKristu—enze ubomi bube nzima kwabanye ekhaya? (b) Yintoni enokwenziwa ukuze kuphuculwe imeko?

10 Kuthekani ukuba umyeni akazinanzi iimfuno zeemvakalelo zentsapho yakhe okanye akathabathi nyathelo kuqala ukuze alungiselele ingxubusho yeBhayibhile yentsapho okanye ezinye izinto? Okanye kuthekani ukuba umfazi akanantsebenziswano kwaye akabonisi kuzithoba kobuthixo? Abanye baye baphumelele ngokuzixubusha ngentlonelo njengentsapho iingxaki. (Genesis 21:10-12; IMizekeliso 15:22) Kodwa kwanokuba asifumani miphumo ebesiyilindele, ngamnye kuthi unokufak’ isandla ekuphuculeni umoya wentsapho ngokuvumela iziqhamo zomoya kaThixo zilawule ubomi bethu, sibe nolwazelelo olunothando ngamanye amalungu entsapho. (Galati 5:22, 23) Inkqubela iya kubakho, kungekhona ngokuba silindele ukuba omnye enze okuthile, kodwa ngokuthi thina senze eyethu indima, ngaloo ndlela sibonise ukuba sizinikele kuThixo.—Kolose 3:18-21.

Indawo Esinokufumana Kuyo Iimpendulo

11, 12. Yintoni uYehova aye wayilungiselela ukuze asincede senze ubomi bentsapho buphumelele?

11 Mininzi imithombo abantu abanokubhenela kuyo ukuze bafumane amacebiso ngemibandela yentsapho. Kodwa ke siyazi ukuba elona cebiso lilungileyo lifumaneka kwiLizwi likaThixo, kwaye sinombulelo kuba, ngentlangano yakhe ebonakalayo, uThixo uyasinceda silisebenzise. Ngaba ungenelwa ngokuzeleyo kolo ncedo?—INdumiso 119:129, 130; Mika 4:2.

12 Ukongezelela ekuyeni kwiintlanganiso zebandla, ngaba niye nazibekela ixesha eniza kufundisisa ngalo iBhayibhile rhoqo njengentsapho? Iintsapho ezenjenjalo zinokusebenzela ekumanyaneni kunqulo lwazo. Ubomi bazo bentsapho buyaphucula njengoko zisebenzisa iLizwi likaThixo kwiimeko zazo.—Duteronomi 11:18-21.

13. (a) Ukuba sinemibuzo ngemibandela yentsapho, ngokufuthi sinokulufumana phi uncedo esilufunayo? (b) Yintoni efanele ibonakale kuzo zonke izigqibo esizenzayo?

13 Usenokuba unemibuzo ngokuphathelele imibandela yentsapho. Ngokomzekelo, kuthekani ngoqingqo-nzala? Ngaba ukuqhomfa kukhe kufaneleke? Ukuba umntwana akabonakali enomdla ungako kwizinto zokomoya, unokuba negalelo ukusa kuwuphi umlinganiselo kunqulo lwentsapho? Imibuzo emininzi enjalo iye yaxutyushwa kwiincwadi ezipapashwe ngamaNgqina kaYehova. Funda ukusebenzisa iincwadi ezinceda ekufundisiseni iBhayibhile, kuquka iincwadi zezalathiso zemibandela (indexes), ukuze ufumane iimpendulo. Ukuba akunazo iimpapasho eziboniswe kwincwadi yesalathiso semibandela, khangela kwithala leHolo YoBukumkani. Okanye ke usenokuzifumana ezo mpapasho kwikhompyutha yakho. Ukanti unokuyixubusha namadoda namabhinqa angamaKristu aqolileyo imibuzo onayo. Kodwa ungalindeli ukuba ngalo lonke ixesha uza kufumana impendulo ethi hayi okanye ewe. Ngokufuthi iba nguwe omele agqibe, njengomntu ngamnye okanye njengesibini esitshatileyo. Yenza isigqibo esibonisa ukuba unozinikelo lobuthixo kungekuphela nje xa uphambi kwabantu kodwa kwanaxa usekhaya.—Roma 14:19; Efese 5:10.

Impinda

• Ukunyaniseka kuYehova kubandakanyeke njani ekuthembekeni kwiqabane likabani?

• Xa siphantsi kwengcinezelo ngenxa yeengxaki zentsapho, yintoni eya kusinceda senze oko kumkholisayo uThixo?

• Yintoni esinokuyenza ukuze siphucule imeko kwanokuba abanye bayasilela entsatsheni?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 155]

Ubuntloko bomyeni bufanele bubonise iimpawu zikaYesu

[Umfanekiso okwiphepha 157]

Ukuqhuba isifundo seBhayibhile rhoqo kunye nentsapho kuyanceda ekuyenzeni imanyane