‘Qhubeka Ufuna Kuqala Ubukumkani’
Isahluko Seshumi Elinanye
‘Qhubeka Ufuna Kuqala Ubukumkani’
1. (a) Kwakutheni ukuze uYesu abongoze abalandeli bakhe ukuba bafune kuqala uBukumkani? (b) Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?
KWIMINYAKA engaphezu kwe-1 900 eyadlulayo, xa uYesu wayenikela intetho eGalili, wabongoza abo babemphulaphule esithi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa [bukaThixo].” Kutheni kwakufanele kwenziwe ngokukhawuleza oko? Ngaba kwakungayi kudlula iinkulungwane ezininzi ngaphambi kokuba uKristu afumane amandla oBukumkani? Ewe kunjalo, kodwa uBukumkani obungoMesiya babuza kuba yindlela esetyenziswa nguYehova ukuze athethelele ulongamo lwakhe nokuze azalisekise injongo yakhe ezukileyo ngomhlaba. Nabani na owayekuqonda ngokwenene ukubaluleka kwezo zinto wayeza kwenza uBukumkani bube kwindawo yokuqala ebomini bakhe. Ukuba oko kwakumele kwenzeke kwinkulungwane yokuqala, kubeka phi ke namhlanje, ekubeni uKristu sele ebekwe etroneni njengoKumkani! Nanku ke umbuzo ophakamayo, Ngaba indlela endiphila ngayo ibonisa ukuba ndifuna kuqala uBukumkani bukaThixo?—Mateyu 6:33.
2. Ziziphi izinto ezisukelwa ngabantu ngokuqhelekileyo?
2 Enyanisweni, namhlanje izigidi zabantu ehlabathini lonke zibeka uBukumkani kwindawo yokuqala. Ziyaluxhasa ulawulo loBukumkani ngokusekela ubomi bazo ekwenzeni ukuthanda kukaYehova, ekubeni zizahlulele kuye. Kwelinye icala, inkoliso yabantu inomdla ekusukeleni izinto ezingenamsebenzi. Abantu basukela imali kunye nokuba nezinto kwaneziyolo ezibangelwa kukuba nayo. Okanye bazibhokoxa ngamandla ukuze bahambele phambili kwimisebenzi yabo yempangelo. Indlela abaphila ngayo ibonisa ukuba bathe swi ziziqu zabo, zizinto eziphathekayo naziziyolo. UThixo bambeka kwindawo yesibini, ukuba phofu basakholelwa kwaukukholelwa kuye.—Mateyu 6:31, 32.
3. (a) Hlobo luni lobuncwane uYesu awakhuthaza abafundi bakhe ukuba balufune, yaye ngoba? (b) Kutheni kungekho mfuneko yakuxhalaba ngokugqithiseleyo ngezinto eziphathekayo?
3 Noko ke, xa wayebhekisa kubafundi bakhe, uYesu wanikela esi siluleko: “Musani ukuziqwebela ubuncwane emhlabeni,” kuba ezi zinto aziyi kuhlala zikho ngonaphakade. Wathi “kunoko, ziqwebeleni ubuncwane ezulwini” ngokukhonza uYehova. UYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba bagcine iliso labo ‘lingenakumbi’ ngokunikela ingqalelo nangokuzibhokoxa ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. “Aninakukhonza uThixo nobuTyebi,” wabaxelela oko. Kodwa kuthekani ngeemfuno zokwenyama—ukutya, impahla nekhusi? UYesu wanikela esi siluleko: ‘Musani ukuxhala.’ Wajolisa ingqalelo yabo kwiintaka—uThixo uyazondla. UYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba bafunde kwiintyatyambo—uThixo uyazambesa. Ngaba abakhonzi bakaYehova abazizidalwa ezikrelekrele abaxabisekanga ngaphezu kwezi zinto? UYesu wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto [eziyimfuneko] ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:19-34) Ngaba izenzo zakho zibonisa ukuba uyakukholelwa oku?
Ungavumeli Inyaniso YoBukumkani Iminxeke
4. Umphumo unokuba yintoni xa umntu ekugqala njengeyona nto ibalulekileyo ukuba nezinto eziphathekayo?
4 Kuyinto efanelekileyo ukuba ubani axhalabele ukuba nezinto ezaneleyo ukuze ahlangabezane neentswelo zezinto eziphathekayo zakhe nezentsapho yakhe. Noko ke, ukuba umntu uxhalabe ngokugqithiseleyo ngezinto eziphathekayo, imiphumo inokuba yintlekele. Nangona esenokuzibanga ekholelwa kuBukumkani, ukuba intliziyo yakhe ibeka ezinye izinto kwindawo yokuqala, inyaniso yoBukumkani iza kuminxeka. (Mateyu 13:18-22) Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo umlawuli oselula owayesisityebi wabuza uYesu lo mbuzo: “Ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” Wayeziphethe kakuhle yaye ebaphatha kakuhle nabanye, kodwa ke wayethe swi zizinto eziphathekayo awayenazo. Wayengayi kuyamkela into yokuba ahlukane nazo ukuze abe ngumlandeli kaKristu. Ngoko waliyeka ithuba elaliya kukhokelela ekubeni abe kunye noKristu kuBukumkani basezulwini. Ngeso sihlandlo uYesu wathi: “Hayi indlela ekuya kuba nzima ngayo ngabo banemali ukungena ebukumkanini bukaThixo!”—Marko 10:17-23.
5. (a) Ziziphi izinto uPawulos awakhuthaza uTimoti ukuba aneliswe zizo, yaye ngoba? (b) USathana ukusebenzisa njani “ukuthanda imali” njengomgibe otshabalalisayo?
5 Kwiminyaka ethile kamva, umpostile uPawulos wabhalela uTimoti, ngelo xesha owayese-Efese, isazulu sorhwebo esasifumile. UPawulos wamkhumbuza oku: “Asingenanga nanto ehlabathini, ngoko ke asinakuphuma nanto. Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.” Ukusebenzela ukuba ubani abe “nesixhaso nesambatho” kwaye alungiselele nentsapho yakhe kuyinto efanelekileyo. Kodwa uPawulos walumkisa: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.” USathana unamaqhinga. Ekuqaleni unokuhenda umntu ngeendlela ezincinane. Emva koko kusenokulandela ingcinezelo engakumbi, mhlawumbi anikwe ithuba lokunyuselwa okanye lokufumana umsebenzi obhetele nohlawula ngakumbi kodwa ofuna ixesha ngaphambili ebelibekelwe izinto zokomoya. Ukuba asilumkanga, “ukuthanda imali” kunokuziminxa izinto ezibalulekileyo eziphathelele uBukumkani. UPawulos wayibeka ngolu hlobo le nto: “Ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.”—1 Timoti 6:7-10.
6. (a) Yintoni esimele siyenze ukuze siphephe ukurhintyelwa kukuthanda izinto eziphathekayo? (b) Yiyiphi intembelo esinokuba nayo phantsi kwezi meko zoqoqosho zikhoyo namhlanje?
6 Eqhutywa kukumthanda ngokungazenzisiyo umzalwana wakhe ongumKristu, uPawulos wabongoza uTimoti esithi: “Saba kwezi zinto” yaye “Yilwa umlo omhle wokholo.” (1 Timoti 6:11, 12) Kufuneka umgudu onyanisekileyo ukuze siphephe ukuphenjelelwa yindlela yokuphila esekelwe kwizinto eziphathekayo yehlabathi elisingqongileyo. Kodwa ukuba siyazibhokoxa ngokuvisisana nokholo lwethu, uYehova akayi kusishiya. Nangona amaxabiso ezinto entinga yaye imisebenzi iphela, uya kuqiniseka ukuba siyakufumana oko sikuswele ngokwenene. UPawulos wabhala: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo. Kuba uthe: ‘Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.’ Ngoko ke masomelele kakhulu size sithi: ‘UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?’” (Hebhere 13:5, 6) Yaye uKumkani uDavide wabhala: “Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.”—INdumiso 37:25.
Abafundi Bokuqala Bamisela Umzekelo
7. Yiyiphi imiyalelo uYesu awayinika abafundi bakhe ngokuphathelele ukushumayela, yaye kutheni yayifanelekile nje?
7 Emva kokuba uYesu ebaqeqeshe ngendlela efanelekileyo abapostile bakhe, wabathumela kwaSirayeli ukuba baye kushumayela iindaba ezilungileyo yaye bathi: “Ubukumkani bamazulu busondele.” Esinjani ukubangel’ imincili isigidimi! UYesu Kristu, uKumkani onguMesiya, wayephakathi kwabo. Ekubeni abapostile babezinikele enkonzweni kaThixo, uYesu wababongoza ukuba babe nentembelo yokuba uThixo uya kubanyamekela. Ngoko wathi: “Ningaphathi nto kolo hambo, namsimelelo nangxowa yakutya, nasonka namali yesilivere; ningabi nazambatho zangaphantsi ngazibini. Kodwa naphi na apho ningena khona ekhayeni, hlalani apho nide nimke.” (Mateyu 10:5-10; Luka 9:1-6) UYehova wayeza kuqiniseka ukuba iintswelo zabo zaziya kwaneliswa ngamanye amaSirayeli, ekubeni ukubuk’ iindwendwe yayisisithethe kuwo.
8. (a) Kutheni uYesu wanikela imiyalelo eyahlukileyo ephathelele ukushumayela ngaphambi nje kokufa kwakhe? (b) Yintoni ekwakuseza kufuneka ibe kwindawo yokuqala kubomi babalandeli bakaYesu?
8 Kamva, ngaphambi nje kokufa kwakhe, uYesu walumkisa abapostile bakhe esithi iimeko ababeza kusebenza phantsi kwazo zaziza kuguquka kwixesha elizayo. Ngenxa yokuchaswa komsebenzi wabo ngabasemagunyeni, babesenokungenzelwa nezo zinwe kwaSirayeli. Kwakhona, kungekudala babeza kusa isigidimi soBukumkani kumazwe eeNtlanga. Ngoku kwakuza kufuneka baphathe ‘inxili’ “nengxowa yokutya.” Noko ke, kwakuza kufuneka baqhubeke befuna kuqala uBukumkani bukaYehova nobulungisa bakhe, beqinisekile ukuba uThixo wayeya kuyisikelela imigudu yabo yokufumana isixhaso nesambatho.—Luka 22:35-37.
9. UPawulos wabubeka njani kwindawo yokuqala uBukumkani ngoxa enyamekela iintswelo zakhe zokwenyama, yaye sisiphi isiluleko awasinikelayo kulo mba?
9 Umpostile uPawulos wayengumzekelo omhle wokusebenzisa isiluleko sikaYesu. UPawulos wasekela ubomi bakhe kubulungiseleli. (IZenzo 20:24, 25) Xa wayesiya kummandla othile ukuze ashumayele, wayezanelisa iintswelo zakhe zezinto eziphathekayo, wayethunga iintente. Akazange alindele ukunyanyekelwa ngabanye. (IZenzo 18:1-4; 1 Tesalonika 2:9) Ukanti wayezamkela ngezandl’ ezishushu izinwe kunye nezipho xa abanye babebonakalisa uthando lwabo ngolo hlobo. (IZenzo 16:15, 34; Filipi 4:15-17) UPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba angatyesheli iimbopheleleko zawo zentsapho ngenxa yokushumayela, kodwa wawakhuthaza ukuba alungelelanise iimbopheleleko zawo ezahlukahlukeneyo. Wawaluleka ukuba asebenze, athande iintsapho zawo yaye abelane nabanye abantu. (Efese 4:28; 2 Tesalonika 3:7-12) Wawabongoza ukuba abe nentembelo kuThixo, kungekhona kwizinto eziphathekayo, kwaye asebenzise ubomi bawo ngendlela ebonisa ukuba aziqonda ngokwenene izinto ezibaluleke ngakumbi. Ngokuvisisana neemfundiso zikaYesu, oko kwakuthetha ukufuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe.—Filipi 1:9-11.
Gcina UBukumkani Bukwindawo Yokuqala Ebomini Bakho
10. Kuthetha ntoni ukufuna kuqala uBukumkani?
10 Siba nesabelo kangakanani ekudluliseleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani kwabanye? Ukusa kumlinganiselo othile, oko kuxhomekeke kwiimeko zethu nakubunzulu boxabiso esinalo. Ukhumbule ukuba uYesu akazange athi, ‘Funani uBukumkani xa ningenanto yakwenza.’ Esazi indlela obubaluleke ngayo uBukumkani, wachaza ukuthanda kukaYise, esithi: “Qhubekani nifuna ubukumkani bakhe.” (Luka 12:31) Nangona inkoliso kuthi kufuneka isebenze ukuze inyamekele iimfuno zethu nezeentsapho zethu, ukuba sinokholo, ubomi bethu buya kusekelwa kumsebenzi woBukumkani esiwunikwe nguThixo. Kwangaxeshanye, siya kuzinyamekela neembopheleleko zethu zeentsapho.—1 Timoti 5:8.
11. (a) UYesu wabonisa njani ukuba abantu abayi kukwazi ukusisasaza ngomlinganiselo ofanayo isigidimi soBukumkani? (b) Ziziphi izinto eziba negalelo koko ubani anokukwenza?
11 Abanye bethu bayakwazi ukunikela ngexesha elingakumbi kunabanye ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Kodwa kumzekeliso wakhe ophathelele iintlobo ezahlukeneyo zomhlaba, uYesu wabonisa ukuba bonke abantliziyo zifana nomhlaba omhle baya kuthwala iziqhamo. Ukusa kuwuphi umlinganiselo? Iimeko zabantu azifani. Ezinye zezinto eziba negalelo bubudala, impilo neembopheleleko zentsapho. Kodwa xa kukho uxabiso lokwenene, kunokuphunyezwa lukhulu.—Mateyu 13:23.
12. Luluphi usukelo olufanelekileyo ekukhuthazwa abaselula ngokukhethekileyo ukuba bacinge ngalo?
12 Kuyinto encomekayo ukuba nosukelo oluya kusinceda sandise isabelo sethu kubulungiseleli boBukumkani. Abaselula bafanele bacingisise nzulu ngomzekelo omhle womKristu oselula nowayenenzondelelo uTimoti. (Filipi 2:19-22) Yintoni enokuba ntle ngaphezu kokuba bangenele inkonzo yexesha elizeleyo xa begqiba esikolweni? Nabakhulileyo baya kungenelwa ngokuzibekela usukelo lokomoya olufanelekileyo.
13. (a) Ngubani ogqiba ngoko mntu ngamnye kuthi anokukwenza enkonzweni yoBukumkani? (b) Yintoni esiyingqinayo xa sibufuna kuqala ngokwenene uBukumkani?
13 Kunokuba sigxeke abo sisenokuvakalelwa kukuba banokwenza okungakumbi, sifanele sishukunyiswe lukholo ukuba sisebenzele ukuphucula thina ukuze sikwazi ukukhonza uThixo ukusa kowona mlinganiselo uzeleyo iimeko zethu ezisivumela ukuba siwufikelele. (Roma 14:10-12; Galati 6:4, 5) Njengoko sinokubona kwimeko kaYobhi, uSathana umi ngelithi eyona nto sinomdla kuyo zizinto eziphathekayo, ukuphila tofotofo nempilo-ntle yethu kwaye eyona nto isishukumisela ukuba sikhonze uThixo kukuzingca. Kodwa ukuba ngokwenene sifuna kuqala uBukumkani, siba nesabelo ekungqineni uMtyholi elibhedengu. Siyabonisa ukuba eyona nto iza kuqala ebomini bethu kukukhonza uThixo. Ngaloo ndlela, singqina ngamazwi nangezenzo ukuba simthanda kakhulu uYehova, siluxhasa ngokunyaniseka ulongamo lwakhe, yaye siyabathanda nabanye abantu.—Yobhi 1:9-11; 2:4, 5; IMizekeliso 27:11.
14. (a) Kutheni kuyingenelo ukuba nocwangciso lobulungiseleli basentsimini? (b) AmaNgqina amaninzi aba nesabelo ukusa kuwuphi umlinganiselo kubulungiseleli basentsimini?
14 Ucwangciso lunokusinceda siphumeze okungakumbi kunokuba sinokwenza. KwanoYehova ‘unexesha elimisiweyo’ lokuphunyezwa kwenjongo yakhe. (Eksodus 9:5; Marko 1:15) Ukuba kunokwenzeka, kunokuba kuhle ukuba nesabelo kubulungiseleli basentsimini ngesihlandlo esinye okanye ngaphezulu esimiselwe oko veki nganye. Amakhulu amawaka amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aye abhalisa njengoovulindlela abangabancedani, echitha iiyure ezimbini ngosuku ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Amakhulu amawaka abanye akhonza njengoovulindlela abathe ngxi, echitha malunga neeyure ezimbini ezinesiqingatha suku ngalunye ekuvakaliseni isigidimi soBukumkani. Oovulindlela abakhethekileyo nabavangeli basemazweni bachitha ixesha elingakumbi enkonzweni yoBukumkani. Nathi sinokukhangela amathuba angacwangciswanga okwabelana naye nabani na ophulaphulayo ngethemba loBukumkani. (Yohane 4:7-15) Sifanele sinqwenele ukuba nesabelo esizele kangangoko iimeko zethu zisivumela kuloo msebenzi, kuba uYesu waxela kusengaphambili esithi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14; Efese 5:15-17.
15. Ngokunxibelelene nobulungiseleli bethu, kutheni uvakalelwa kukuba isiluleko esikweyoku-1 kwabaseKorinte 15:58 sisebenza kweli xesha lethu?
15 Ngaxhathalinye, kuzo zonke iinxalenye zomhlaba, kungakhathaliseki ukuba akwiliphi na ilizwe, amaNgqina kaYehova aba nesabelo kweli lungelo lenkonzo. Asibhekisa kuwo isiluleko esiphefumlelweyo seBhayibhile esithi: “Qinani, ningabi nakushukuma, nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi, nisazi ukuba ukusebenza kwenu akulolize eNkosini.”—1 Korinte 15:58.
Impinda
• Xa uYesu wayesithi ‘funani kuqala ubukumkani,’ wayebonisa ukuba yintoni efanele ibe kwindawo yesibini?
• Ifanele ibe yintoni imbono yethu ngokunyamekela iimfuno zokwenyama zethu nezeentsapho zethu? Luluphi uncedo uThixo aza kulunikela kuthi?
• Ziziphi iinkalo zenkonzo yoBukumkani esinokuba nesabelo kuzo?
[Imibuzo YeSifundo]
[Imifanekiso ekwiphepha 107]
Kuwo onke amazwe, namhlanje amaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo ngaphambi kokuba kufike isiphelo