Qhubeka Ulithetha Ngenkalipho Ilizwi LikaThixo
Isahluko Seshumi Elinesithoba
Qhubeka Ulithetha Ngenkalipho Ilizwi LikaThixo
1. (a) Ziziphi iindaba ezilungileyo ezazivakaliswa ngabafundi bakaYesu, kodwa asabela njani amanye amaYuda? (b) Yiyiphi imibuzo esinokuyibuza?
KWIMINYAKA ephantse ibe ngama-2 000 eyadlulayo, uNyana kaThixo, uYesu Kristu, wathanjiswa njengowayeza kuba nguKumkani kuwo wonke umhlaba. UYesu wabulawa ngenxa yempembelelo yeentshaba zakhe zonqulo, kodwa uYehova wamvusa kwelabafileyo. Ithemba lobomi obungunaphakade latsho lafumaneka ngenxa kaYesu. Noko ke, xa abafundi bakaYesu bazivakalisa esidlangalaleni iindaba ezilungileyo, kwavuka intshutshiso. Abanye babo bavalelwa entolongweni, bakatswa baza bayalelwa ukuba bayeke ukuthetha ngoYesu. (IZenzo 4:1-3, 17; 5:17, 18, 40) Babeza kuthini? Ngewawenze ntoni wena? Ngaba ngewawuqhubekile unikela ubungqina ngenkalipho?
2. (a) Ziziphi iindaba ezimnandi ezimele zivakaliswe kumhla wethu? (b) Ngoobani abanembopheleleko yokushumayela iindaba ezilungileyo?
2 Ngowe-1914 uKumkani woBukumkani bukaThixo, uYesu Kristu, wabekwa etroneni ezulwini ukuze alawule ‘phakathi kweentshaba zakhe.’ (INdumiso 110:2) Emva koko, uSathana needemon zakhe baphoswa phantsi emhlabeni. (ISityhilelo 12:1-5, 7-12) Eso yaba sisiqalo semihla yokugqibela yale nkqubo ingendawo ikhoyo yezinto. Xa iphela le mihla, uThixo uya kuyicola yonke inkqubo yezinto ephenjelelwa nguSathana. (Daniyeli 2:44; Mateyu 24:21) Abo basindileyo baya kuba nethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni oza kuba yiparadesi. Ukuba sele uzifumene ezi ndaba zilungileyo, uya kufuna ukuxelela abanye ngazo. (Mateyu 24:14) Kodwa yiyiphi intsabelo onokuyilindela?
3. (a) Abantu basabela njani kwisigidimi soBukumkani? (b) Nguwuphi umbuzo esimele sijamelane nawo?
3 Xa uvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani, abanye abantu bayazamkela, kodwa inkoliso yabantu ayibi namdla. (Mateyu 24:37-39) Abanye basenokukugculela okanye bakuchase. UYesu walumkisa ngelithi inkcaso isenokuvela kwizalamane zakho. (Luka 21:16-19) Isenokubakho kwindawo ophangela kuyo okanye esikolweni. Kwezinye iinxalenye zomhlaba, amaNgqina kaYehova avalwe umlomo ngurhulumente. Xa ujamelene neemeko ezinjalo, ngaba uza kuqhubeka uthetha ilizwi likaThixo ngenkalipho uze ‘ume uqinile elukholweni’?—1 Korinte 16:13.
Ukungathembeli Kumandla Ethu
4. (a) Yintoni ngokusisiseko efunekayo ukuze sizingqine singabakhonzi abathembekileyo bakaThixo? (b) Kutheni iintlanganiso zamaKristu zibaluleke kangaka?
4 Oyena ndoqo wokuba ngumkhonzi othembekileyo kaYehova kukuthembela kumalungiselelo akhe. Elinye lala malungiselelo ziintlanganiso zebandla. IZibhalo ziyasibongoza ukuba singazityesheli. (Hebhere 10:23-25) Abo baye baqhubeka bengamaNgqina kaYehova athembekileyo baye bazibhokoxa ukuze babe kunye nabanye abanquli rhoqo kwiintlanganiso. Kwezi ntlanganiso kwandiswa ulwazi lwethu lweZibhalo. Kwaye siya siziqonda nangakumbi iinyaniso eziqhelekileyo, size sikhunjuzwe nangeendlela zokuzisebenzisa. Sisondela nangakumbi kubazalwana bethu abangamaKristu kwaye siyomelezwa ukuze senze ukuthanda kukaThixo. Umoya kaYehova unikela ulwalathiso usebenzisa ibandla, kwaye ngaloo moya, uYesu uphakathi kwethu.—Mateyu 18:20; ISityhilelo 3:6.
5. Kuye kwenziwe ntoni ngeentlanganiso xa amaNgqina kaYehova evalwe umlomo?
5 Ngaba uya rhoqo kuzo zonke iintlanganiso, kwaye uyakusebenzisa oko ukuvayo kuzo? Maxa wambi, xa amaNgqina kaYehova evalwe umlomo, kufuneka ukuba aqhube iintlanganiso njengamaqela amancinane ahlanganisana kumakhaya abantu. Iindawo kunye namaxesha zisenokwahluka kwaye kusenokungabi lula ukuya kuzo, ezinye iintlanganiso ziqhutywa ezinzulwini zobusuku. Kodwa ke nangona kungelula okanye kuyingozi kubani ukuba aye kwiintlanganiso, abazalwana noodade abathembekileyo baye benza umgudu onyanisekileyo wokubakho kwintlanganiso nganye.
6. Sinokubonisa njani ukuba sithembele kuYehova, kwaye oku kunokusinceda njani siqhubeke sithetha ngenkalipho?
6 Ukuthembela kuYehova kubangelwa kukusondela kuye rhoqo ngomthandazo osuka entliziyweni, uqonda ukuba uyalufuna uncedo lukaThixo. Ngaba uyakwenza oko? UYesu wathandaza ngokuphindaphindiweyo ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni. (Luka 3:21; 6:12, 13; 22:39-44) Kwaye ngobusuku bangaphambi kokuba abethelelwe kwisibonda sentuthumbo, wabongoza abafundi bakhe esithi: “Hlalani nilindile yaye nithandaza, ukuze ningangeni ekuhendweni.” (Marko 14:38) Xa abantu bengenamdla kwisigidimi soBukumkani, sisenokuhendelwa ekubeni sithob’ isantya kubulungiseleli bethu. Xa abantu besigculela okanye besitshutshisa, sinokuhendelwa ekubeni siyeke ukushumayela ukuze siphephe iingxaki. Kodwa ukuba sithandaza ngokunyaniseka sicela umoya kaThixo ukuba usincede siqhubeke sithetha ngenkalipho, siya kukhuseleka size singanikezeli kwezo zihendo.—Luka 11:13; Efese 6:18-20.
Ingxelo Yokunikela Ubungqina Ngenkalipho
7. (a) Kutheni ingxelo ekwiZenzo ibangel’ umdla ngokukhethekileyo kuthi? (b) Phendula imibuzo esekupheleni kwesi siqendu, ugxininisa kwindlela le nkcazelo enokusinceda ngayo.
7 Ingxelo ekwincwadi yeZenzo ibangel’ umdla ngokukhethekileyo kuthi sonke. Ibalisa ngendlela abapostile kunye nabanye abafundi bokuqala—abantu ababeneemvakalelo ezifana nezethu—abayoyisa ngayo imiqobo baza bazingqina bengamangqina kaYehova akhaliphileyo nathembekileyo. Makhe sihlole inxalenye yaloo ngxelo sisebenzisa le mibuzo kunye nezibhalo ezilandelayo. Njengoko uhlola le ngxelo, cinga ngendlela wena ongenelwa ngayo koko ukufundayo.
Ngaba abapostile babezizifundiswa? Ngaba babengamakhalipha emvelo, abantu ababengoyiki ngokoyikiswa? (Yohane 18:17, 25-27; 20:19; IZenzo 4:13)
Yintoni eyenza uPetros wakwazi ukuthetha ngenkalipho phambi kwenkundla yamaYuda eyayigwebe uNyana kaThixo? (Mateyu 10:19, 20; IZenzo 4:8)
Yintoni ababeyenza abapostile kwiiveki ezingaphambi kokuba basiwe kwiSanhedrin? (IZenzo 1:14; 2:1, 42)
Xa abalawuli bayalela abapostile ukuba bayeke ukushumayela ngegama likaYesu, waphendula ngelithini uPetros noYohane? (IZenzo 4:19, 20)
Emva kokukhululwa kwabo, aba bapostile baphinda bakhangela kubani ukuze bafumane uncedo? Ngaba bathandazela ukuba intshutshiso iphele, okanye yintoni abayithandazelayo? (IZenzo 4:24-31)
Yiyiphi indlela uYehova awanikela uncedo ngayo xa abachasi bazama ukuthintela umsebenzi wokushumayela? (IZenzo 5:17-20)
Abapostile babonisa njani ukuba babesiqonda isizathu sokuba bahlangulwe? (IZenzo 5:21, 41, 42)
Kwanaxa uninzi lwabafundi lwaluthe saa ngenxa yentshutshiso, yintoni olwaluqhubeka luyenza? (IZenzo 8:3, 4; 11:19-21)
8. Yiyiphi imiphumo ebangel’ imincili eyabangelwa bubulungiseleli babafundi bokuqala, kwaye siye sabandakanyeka njani thina?
8 Umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo wawungelolize. Abafundi abamalunga nama-3 000 babhaptizwa ngePentekoste yowama-33 C.E. “Amakholwa eNkosini ongezeleleka, inkitha yamadoda neyabafazi.” (IZenzo 2:41; 4:4; 5:14) Ethubeni, kwanomtshutshisi onolunya wabantu bakaThixo, uSawule waseTarso, waba ngumKristu waza waqalisa ukuyingqinela ngenkalipho inyaniso. Waye waziwa ngokuba ngumpostile uPawulos. (Galati 1:22-24) Umsebenzi owaqalisa ngenkulungwane yokuqala awuzange uphele. Uye wafumana ifuthe elingakumbi kule mihla yokugqibela kwaye uye wafikelela kuzo zonke iinxalenye zomhlaba. Sinelungelo lokufak’ isandla kuwo, kwaye njengoko sisiba negalelo, sinokufunda kwimizekelo emiselwe ngamangqina anyanisekileyo aye akhonza ngaphambi kwexesha lethu.
9. (a) Ngawaphi amathuba awasetyenziswa nguPawulos ukuze anikele ubungqina? (b) Ziziphi iindlela wena osisasaza ngazo isigidimi soBukumkani kwabanye?
9 Wenza ntoni uPawulos akufunda inyaniso ngoYesu Kristu? “Ngoko nangoko . . . waqalisa ukushumayela ngoYesu, okokuba Lo unguNyana kaThixo.” (IZenzo 9:20) Wabuxabisa ububele bukaThixo obabungamfanelanga, kwaye waqonda ukuba wonk’ ubani wayezifuna iindaba ezilungileyo awayezifumene yena. UPawulos wayengumYuda, kwaye ngokwesithethe saloo mihla, waya kwindlu yesikhungu ukuze aye kunikela ubungqina. Kwakhona washumayela kwindlu ngendlu yaye eqiqa nabantu ababekwindawo yemarike. Kwaye wayekulungele ukufudukela kwimimandla emitsha ukuze aye kushumayela iindaba ezilungileyo kuyo.—IZenzo 17:17; 20:20; Roma 15:23, 24.
10. (a) UPawulos wabonisa njani ukuba ngoxa ekhaliphile, wayesebenzisa ukuqonda kwindlela awayenikela ngayo ubungqina? (b) Sinokuzibonakalisa njani iimpawu zikaPawulos xa sinikela ubungqina kwizalamane, kwabo sisebenza nabo okanye kwabo sifunda nabo esikolweni?
10 UPawulos wayekhaliphile kodwa esebenzisa ukuqonda kwangaxeshanye, ibe nathi sifanele senjenjalo. AmaYuda wawabongoza esebenzisa isithembiso esasenziwe nguThixo kooyisemkhulu. AmaGrike wathetha nawo ngezinto awayeqhelene nazo. Maxa wambi wasebenzisa amava endlela awayifumana ngayo inyaniso njengendlela yokunikela ubungqina. Wathi: “Ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.”—1 Korinte 9:20-23; IZenzo 22:3-21.
11. (a) Wenza ntoni uPawulos ukuze aphephe ukusoloko engquzulana nabachasi? (b) Kunini apho sinokumxelisa ngobulumko uPawulos, yaye njani? (c) Avela phi amandla okuqhubeka sithetha ngenkalipho?
11 Xa kwakubonakala ukuba ngenxa yenkcaso kubhetele ukuba uPawulos ahambe aye kushumayela komnye ummandla kangangethutyana, wayesenjenjalo kunokuba asoloko ebanyol’ esweni abachasi. (IZenzo 14:5-7; 18:5-7; Roma 12:18) Kodwa wayengenazintloni ngeendaba ezilungileyo. (Roma 1:16) Nangona kwakungemnandi kuPawulos ukuphathwa ngokusa—nangogonyamelo—ngabachasi bakhe, ‘womelezwa nguThixo’ ukuze aqhubeke eshumayela. Wathi: “INkosi yema kufuphi nam, yandomeleza, ukuze ngam ukushumayela kufezwe ngokuzeleyo.” (1 Tesalonika 2:2; 2 Timoti 4:17) INtloko yebandla lamaKristu, uYesu, isaqhubeka isinika amandla esiwafunayo ukuze senze umsebenzi eyaxela kwangaphambili ukuba uza kwenziwa ngomhla wethu.—Marko 13:10.
12. Yintoni ebubungqina benkalipho yamaKristu, yaye isekelwe entwenini?
12 Sinezizathu ezibambekayo zokuba siqhubeke sithetha ngelizwi likaThixo ngenkalipho, kanye njengokuba uYesu nabanye abakhonzi abathembekileyo bakaThixo benzayo ngenkulungwane yokuqala. Oku akuthethi kuthi masingabi nalwazelelo okanye sizame ukunyanzelisa isigidimi kwabo bangasifuniyo. Kodwa asiyekeleli kuba nje abantu bengenamdla; kananjalo singayeki ukushumayela ngenxa yenkcaso. NjengoYesu, salatha kuBukumkani bukaThixo njengorhulumente ofanelekileyo wawo wonke umhlaba. Sithetha ngentembelo kuba simela uYehova, uMongami Wendalo Iphela, kwaye isigidimi esisivakalisayo asiveli kuthi kodwa sivela kuye. Kwaye ukumthanda kwethu uYehova kufanele kube yeyona ntshukumisa inamandla yokumdumisa.—Filipi 1:27, 28; 1 Tesalonika 2:13.
Impinda
• Kutheni kubalulekile nje ukuxelela wonk’ ubani esinokumxelela ngesigidimi soBukumkani, kodwa yiyiphi intsabelo esifanele siyilindele?
• Sinokubonisa njani ukuba asithembelanga kumandla ethu ukuze sikhonze uYehova?
• Ziziphi izifundo ezibalulekileyo esizifumana kwincwadi yeZenzo?
[Imibuzo YeSifundo]
[Imifanekiso ekwiphepha 173]
Abakhonzi bakaYehova banamhlanje balithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo njengakwixesha elidluleyo