Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBukumkani “Obungenakuze Bonakaliswe”

UBukumkani “Obungenakuze Bonakaliswe”

Isahluko Seshumi

UBukumkani “Obungenakuze Bonakaliswe”

 1. Sisiphi isibakala esiye sabethelelwa ziziganeko zehlabathi ukutyhubela yonke imbali yoluntu?

 MIHLA LE iziganeko ezenzeka ehlabathini zibethelela isibakala sokuba abantu abakhange bafumane lonwabo ngokukhaba ulongamo lukaYehova nangokuzama ukuzilawula. Ayikho inkqubo yorhulumente wabantu eye yezisa iingenelo ezingakhethi buso kuluntu. Nangona abantu beye bahambela phambili kulwazi lwenzululwazi ukusa kumlinganiselo ongazange ufikelelwe ngaphambili, abakakwazi ukoyisa ukugula okanye ukuphelisa ukufa, kwanakumntu nje omnye. Ulawulo lomntu alukhange luphelise imfazwe, ugonyamelo, ulwaphulo-mthetho, ubungendawo okanye ubuhlwempu. Oorhulumente abacinezela abantu basaqhubeka bebalawula ngegqudu abantu kumazwe amaninzi. (INtshumayeli 8:9) Ezobugcisa, ukunyoluka nokungakhathali zingunozala wokungcoliswa komhlaba, amanzi nomoya. Ukungalawulwa kakuhle koqoqosho ngabasemagunyeni kubangela ukuba abaninzi bakufumanise kunzima ukufumana izinto eziyimfuneko ebomini. Amawaka eminyaka olawulo lomntu aye awenza acaca la mazwi athi: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.

 2. Yintoni ekukuphela kwesicombululo seengxaki zoluntu?

2 Yintoni isicombululo? BuBukumkani bukaThixo, uYesu awafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele besithi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) UBukumkani bukaThixo basezulwini buchazwa kweyesi-2 kaPetros 3:13 ‘njengamazulu amatsha,’ aza kulawula ‘umhlaba omtsha,’ ngamany’ amazwi, ibutho labantu elinobulungisa. UBukumkani bukaThixo basezulwini bubaluleke kangangokuba babuyeyona nto iphambili awayeshumayela ngayo uYesu. (Mateyu 4:17) Wabonisa indawo obumele bube kuyo ebomini bethu, esithi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe.”—Mateyu 6:33.

 3. Kutheni kungxamiseke nangakumbi ukufunda ngoBukumkani bukaThixo ngoku?

3 Ukufunda ngoBukumkani bukaThixo kungxamiseke nangakumbi ngoku, kuba kungekudala obo Bukumkani buza kuthabatha amanyathelo okuluguqula naphakade ulawulo lwalo mhlaba. UDaniyeli 2:44 uxela kusengaphambili esithi: “Ngemihla yabo kumkani [oorhulumente abalawulayo ngoku] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [ezulwini] obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu [abantu abayi kuphinda balawule umhlaba]. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” Ngaloo ndlela uBukumkani buya kuyiqoshelisa le mihla yokugqibela ngokuyitshabalalisa yonke le nkqubo ingendawo yezinto. Ngelo xesha ulawulo loBukumkani basezulwini emhlabeni aluyi kuchaswa mntu. Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo kuba isiqabu esiya kuziswa lulo sisemnyango!

 4. Ngokunxibelelene noBukumkani, yintoni eyenzeka ezulwini ngowe-1914, yaye kutheni ibalulekile kuthi?

4 Ngowe-1914, uKristu uYesu wamiselwa njengoKumkani waza wanikwa igunya lokuba ‘ahambe esoyisa phakathi kweentshaba [zakhe].’ (INdumiso 110:1, 2) Kwangaloo mnyaka mnye, ‘imihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto ingendawo yaqalisa. (2 Timoti 3:1-5, 13) Kwangaxeshanye, iziganeko ezazibonwe nguDaniyeli kumbono osisiprofeto zenzeka ngokoqobo ezulwini. “UNyangelemihla,” uYehova uThixo, wanika uNyana womntu, uYesu Kristu, “ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze.” Echaza lo mbono, uDaniyeli wabhala: “Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.” (Daniyeli 7:13, 14) Kungobu Bukumkani basezulwini obulawulwa nguKristu uYesu aya kuthi uThixo enze abathandi bobulungisa bakwazi ukunandipha intabalala yezinto ezilungileyo ezaziyinjongo yakhe xa wayebeka abazali bethu bokuqala abangabantu eParadesi.

 5. Ziziphi iinkcukacha zoBukumkani ezibangel’ umdla kuthi, yaye ngoba?

5 Ngaba uyanqwenela ukuba ngumlawulwa onyanisekileyo wobu Bukumkani? Ukuba kunjalo, uya kuba nomdla wokwenene kwindlela akhiwe ngayo nasebenza ngayo lo rhulumente wasezulwini. Uya kufuna ukwazi oko akwenzayo ngoku, oko aza kukuphumeza kwixesha elizayo, noko akufunayo kuwe. Ukuba ubuhlolisisa ngenyameko obu Bukumkani, uya kubuxabisa nangakumbi. Ukuba uyasabela kulawulo lwabo, uya kukwazi nangakumbi ukuxelela abanye ngezinto ezintle uBukumkani bukaThixo obuya kuzenzela uluntu oluthobelayo.—INdumiso 48:12, 13.

Abalawuli BoBukumkani BukaThixo

 6. (a) IZibhalo zithi lulongamo lukabani olubonakaliswayo ngoBukumkani bukaMesiya? (b) Kufanele kusichaphazele njani oko sikufundayo ngoBukumkani?

6 Enye yezinto zokuqala esizifumanisayo xa sisenza olo hlolisiso kukuba obu Bukumkani obungoMesiya buyimbonakaliso yolongamo lukaYehova. NguYehova owanika uNyana wakhe “ulawulo nesidima nobukumkani.” Emva kokuba uNyana kaThixo enikwe igunya lokuqalisa ukulawula njengoKumkani, ngokufanelekileyo amazwi asezulwini avakalisa oku: “Ubukumkani behlabathi buthe baba bubukumkani beNkosi yethu [uYehova uThixo] nobukaKristu wayo, yaye [uYehova uya] kulawula njengokumkani ngonaphakade kanaphakade.” (ISityhilelo 11:15) Ngoko yonke into esiyifumanisayo ngobu Bukumkani nangoko bukuphumezayo inokusisondeza nangakumbi kuYehova. Oko sikufundayo kufanele kusenze sibe nomnqweno wokuzithoba ngonaphakade kulongamo lwakhe.

 7. Kutheni kubaluleke ngokukhethekileyo kuthi ukuba uYesu Kristu abe nguMlawuli Olisekela likaYehova?

7 Kwakhona khawucinge ngesibakala sokuba uYehova ebeke uYesu Kristu etroneni njengoMlawuli Olisekela lakhe. Ekubeni eyiNgcibi Yomsebenzi eyasetyenziswa nguThixo ukwenza umhlaba nabantu, uYesu uzazi bhetele iimfuno zethu kunaye nabani na kuthi. Ukongezelela koko, ukususela ekuqaleni kwembali yabantu, ‘wayebathanda oonyana babantu.’ (IMizekeliso 8:30, 31; Kolose 1:15-17) Uthando lwakhe lwalulukhulu kangangokuba weza ngokwakhe emhlabeni waza wanikela ngobomi bakhe njengentlawulelo ngenxa yethu. (Yohane 3:16) Ngaloo ndlela wayenza yafumaneka kuthi indlela yokukhululeka esonweni nasekufeni waza wasinika ithuba lobomi obungunaphakade.—Mateyu 20:28.

 8. (a) Kutheni urhulumente kaThixo eya kulawula ngonaphakade ngokungafaniyo nabalawuli abangabantu? (b) Luluphi ulwalamano olukhoyo phakathi ‘kwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ norhulumente wasezulwini?

8 UBukumkani bukaThixo bungurhulumente ozinzileyo noya kuhlala ngonaphakade. Ukulawula kwakhe ngonaphakade kuqinisekiswa sisibakala sokuba uYehova engafi. (Habhakuki 1:12) Ngokungafaniyo nookumkani abangabantu, uYesu Kristu, lowo uphathiswe ubukumkani nguThixo, akayi kufa. (Roma 6:9; 1 Timoti 6:15, 16) Abo baza kunxulumana noKristu kwiitrone zasezulwini abali-144 000 bangabakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo, baphuma “kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga.” Nabo banikwe ubomi bokungafi. (ISityhilelo 5:9, 10; 14:1-4; 1 Korinte 15:42-44, 53) Inkoliso yabo sele isezulwini, kwaye intsalela yabo esesemhlabeni iyila “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lale mihla, elihambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani ngokunyaniseka.—Mateyu 24:45-47.

 9, 10. (a) Yiyiphi impembelelo edala iyantlukwano nebangela ubungendawo eya kushenxiswa buBukumkani? (b) Ukuba asifuni kuba ziintshaba zoBukumkani bukaThixo, ziziphi izirhintyelo esifanele siziphephe?

9 Kungekudala, ngexesha elimiselwe nguYehova, uya kuthumela imikhosi yakhe ephumeza imigwebo ukuba ize kucoca umhlaba. Iya kubatshabalalisa ngonaphakade abantu abakhetha ukungalugqali ngabom ulongamo lwakhe nabagculela amalungiselelo awenzileyo ngoYesu Kristu. (2 Tesalonika 1:6-9) Leyo iya kube iyimini kaYehova, ixesha ekukudala lilindelwe lokuthethelelwa kwakhe njengoMongami Wendalo Iphela. “Khangela! Imini kaYehova iyeza, ikhohlakele inobushushu nokuvutha komsindo, ukuze . . . kubhujiswe aboni belizwe eli.” (Isaya 13:9) “Loo mini yimini yokuvutha komsindo, imini yokubandezeleka neyokungcungcutheka, imini yesaqhwithi neyesiphanziso, imini yobumnyama neyesithokothoko, imini yamafu nesithokothoko.”—Zefaniya 1:15.

10 Lonke unqulo lobuxoki nabo bonke oorhulumente babantu kunye nemikhosi yabo, ebintlokothiswa ngumlawuli ongabonakaliyo weli hlabathi, iya kutshatyalaliswa ngonaphakade. Bonke abazifanisa neli hlabathi ngokuphila ubomi bokuzingca, bokunganyaniseki nobokuziphatha okubi baya kutshatyalaliswa. USathana needemon zakhe baya kushenxiswa baze banganxulumani nabemi bomhlaba, bavalelwe iminyaka eliwaka. Emva koko uBukumkani bukaThixo buya kuyilawula ngokupheleleyo imicimbi yasemhlabeni. Hayi indlela okuya kuba sisiqabu ngayo oko kubo bonke abathanda ubulungisa!—ISityhilelo 18:21, 24; 19:11-16, 19-21; 20:1, 2.

Iinjongo ZoBukumkani—Indlela Ezizalisekiswa Ngayo

11. (a) UBukumkani obungoMesiya buya kuyiphumeza njani injongo kaYehova ngomhlaba? (b) Ulawulo loBukumkani luya kuthetha ntoni kubantu abaphila emhlabeni ngelo xesha?

11 UBukumkani obungoMesiya buya kuyizalisekisa ngokupheleleyo injongo kaThixo yantlandlolo ngomhlaba. (Genesis 1:28; 2:8, 9, 15) Ukuza kuthi ga namhlanje, uluntu luye lwasilela ukuyixhasa loo njongo. Noko ke, “umhlaba omiweyo” uya kuba phantsi koNyana womntu, uYesu Kristu. Bonke abaya kusinda kumgwebo kaYehova wale nkqubo indala yezinto baya kusebenza ngaxhatha-linye phantsi kukaKristu uKumkani, bekwenza ngovuyo oko ayalela ukuba bakwenze, ukuze wonke umhlaba ube yiparadesi. (Hebhere 2:5-9) Lonke uluntu luya kunandipha umsebenzi wezandla zalo luze lungenelwe ngokuzeleyo kwintabalala eza kuveliswa ngumhlaba.—INdumiso 72:1, 7, 8, 16-19; Isaya 65:21, 22.

12. Abalawulwa boBukumkani baya kwenziwa njani bafezeke engqondweni nasemzimbeni?

12 Xa uAdam noEva badalwayo, babefezekile, yaye injongo kaThixo yayikukuba umhlaba uzaliswe yinzala yabo, kwaye yonke igqibelele engqondweni nasemzimbeni. Loo njongo iya kuzalisekiswa ngendlela ezukileyo phantsi kolawulo loBukumkani. Oku kufuna ukuba kususwe yonke imiphumo ebangelwa sisono, ibe ngenxa yoko, uKristu akaneli kukhonza njengoKumkani kuphela kodwa ukwanguMbingeleli Omkhulu. Ngomonde, uya kunceda abalawulwa bakhe bangenelwe kwixabiso elicamagushela isono ledini elenziwe ngobomi bakhe njengomntu.

13. Ziziphi iingenelo zokoqobo eziya kubakho phantsi kolawulo loBukumkani?

13 Phantsi kolawulo loBukumkani, abemi bomhlaba baya kubona iingenelo zokoqobo ezimangalisayo. “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.” (Isaya 35:5, 6) Inyama eyonakaliswe kukwaluphala okanye kukugula iya kuhlaziyeka ngakumbi kuneyomntwana, yaye ubuthathaka obuhlala bukho buya kuthatyathelw’ indawo kukuba sempilweni. “Inyama yakhe mayihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni; makabuyele emihleni yamandla obutsha bakhe.” (Yobhi 33:25) Kuya kufika imini apho kungayi kubakho mntu uthi, “Ndiyagula.” Ngoba? Ngenxa yokuba umthwalo wesono kunye nemiphumo yaso ebuhlungu uya kube ushenxisiwe kubantu aboyika uThixo. (Isaya 33:24; Luka 13:11-13) Ewe, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:4.

14. Kuquka ntoni ukufikelela kwabantu emfezekweni?

14 Noko ke, ukufikelela imfezeko kubandakanya okungaphezulu kunokuba nomzimba kunye nengqondo esempilweni. Kuquka ukuzibonakalisa ngendlela efanelekileyo iimpawu zikaYehova, ekubeni senziwe ‘ngokomfanekiso kaThixo nangokufana naye.’ (Genesis 1:26) Ukuze senze oko, kuza kufuneka imfundo engakumbi. Kwihlabathi elitsha ‘kuza kuma ubulungisa.’ Ngoko ke, njengoko uIsaya waxela kwangaphambili, “ngokuqinisekileyo abemi belizwe elinemveliso baya kufunda ubulungisa.” (2 Petros 3:13; Isaya 26:9) Olu phawu lukhokelela kuxolo—phakathi kweentlanga zabantu, phakathi kwabahlobo, entsatsheni yaye, ngaphezu kwako konke, kunye noThixo. (INdumiso 85:10-13; Isaya 32:17) Abo bafunda ubulungisa baya kufundiswa ngokuthe ngcembe ukuba kuyintoni na ukuthanda kukaThixo ngabo. Njengoko besiya bemthanda ngokusuka ezintliziyweni zabo uYehova, baya kulandela iindlela zakhe kuzo zonke iinkalo zobomi babo. NjengoYesu, baya kukwazi ukuthi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.” (Yohane 8:29) Hayi indlela obuya kuba mnandi ngayo ubomi xa oko kuzaliseka kubo bonke abantu!

Izinto Eziphunyeziweyo Ezisele Zibonakala

15. Usebenzisa imibuzo ekwesi siqendu, balaselisa oko kuphunyezwe buBukumkani uze ubonise oko sifanele sikwenze ngoku.

15 Izinto ezichukumisayo eziye zaphunyezwa buBukumkani bukaThixo nabalawulwa babo sele zibonakala. Le mibuzo nezibhalo ezilandelayo ziya kukukhumbuza ngezinye zezi zinto ziphunyeziweyo, kunye nezinto bonke abalawulwa boBukumkani abanokuzenza okanye abafanele bazenze ngoku.

 UBukumkani bathabatha inyathelo nxamnye nabantu, yaye waba yintoni umphumo? (ISityhilelo 12:7-10, 12)

 Kukuhlanganiswa kwamalungu ayintsalela yaliphi iqela okunikelwe ingqalelo kulo ukususela ekubekweni kukaKristu etroneni? (ISityhilelo 14:1-3)

 Nguwuphi umsebenzi uYesu awaxela kusengaphambili ukuba uza kuwenza ekuqaliseni kwembandezelo enkulu, njengoko kubhalwe kuMateyu 25:31-33?

 Nguwuphi umsebenzi oyingabula-zigcawu owenziwayo namhlanje? Ngoobani abanenxaxheba kuwo? (INdumiso 110:3; Mateyu 24:14; ISityhilelo 14:6, 7)

 Kutheni abachasi bezobupolitika nabonqulo beye abakwazi ukuwuphelisa umsebenzi wokushumayela? (Zekariya 4:6; IZenzo 5:38, 39)

 Ziziphi iinguqu eziye zenzeka kubomi babo baye bazithoba kulawulo loBukumkani? (Isaya 2:4; 1 Korinte 6:9-11)

UBukumkani BeMinyaka Eliwaka

16. (a) UKristu uya kulawula ixesha elide kangakanani? (b) Ziziphi izinto ezintle eziya kwenziwa ebudeni nasemva kwelo xesha?

16 Emva kokuba uSathana needemon zakhe bephoswe enzonzobileni, uYesu Kristu neendlalifa kunye naye ezili-144 000 baya kulawula njengookumkani nababingeleli kangangeminyaka eliwaka. (ISityhilelo 20:6) Ebudeni belo xesha, uluntu luya kwenziwa lufezeke, size isono nokufa okwabangelwa nguAdam kupheliswe ngonaphakade. Ekupheleni koLawulo Lweminyaka Eliwaka, akuba esiphumezile isabelo sakhe njengoKumkani okwanguMbingeleli onguMesiya, uYesu ‘unikela ubukumkani’ kuYise, “ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.” (1 Korinte 15:24-28) Ngelo xesha, uSathana uyakhululwa kangangethutyana ukuze avavanye abantu abacanyagushelweyo ukubona enoba bayaluxhasa kusini na ulongamo lukaYehova kwindalo iphela. Emva kolo vavanyo lokugqibela, uYehova uya kumtshabalalisa uSathana kunye nabavukeli abema ngakwicala lakhe. (ISityhilelo 20:7-10) Abo balumeleyo ulongamo lukaYehova—ilungelo lakhe lokulawula—baya kube bebonakalise ngaphandle kwamathandabuzo ukuba banyanisekile. Baya kwandula ke babe nolwalamano olufanelekileyo noYehova, besamkelwa nguye njengoonyana neentombi zakhe, bevunywe nguThixo njengabamele baphile ubomi obungunaphakade.—Roma 8:21.

17. (a) Yintoni eza kwenzeka kuBukumkani ekupheleni kweminyaka eliwaka? (b) Aya kuzaliseka ngayiphi ingqiqo amazwi athi uBukumkani ‘abuyi konakaliswa’?

17 Ngoko ke, indima kaYesu nabali-144 000 ngokuphathelele umhlaba iya kutshintsha. Yintoni abaza kuyenza kwixesha elizayo? IBhayibhile ayichazi. Kodwa ukuba silumela ngokunyaniseka ulongamo lukaYehova, siya kube siphila ekupheleni koLawulo Lweminyaka Eliwaka ukuze sibone ukuba uYehova uza kuphumeza yiphi injongo ngabo nangendalo yakhe emangalisayo iphela. Noko ke, ulawulo lukaKristu lweminyaka eliwaka luya ‘kuhlala ngokungenammiselo’ noBukumkani bakhe ‘abuyi konakaliswa.’ (Daniyeli 7:14) Ngayiphi ingqiqo? Phakathi kwezinye izinto, igunya lokulawula aliyi kudluliselwa kwabanye abaneenjongo ezahlukileyo, kuba nguYehova oza kube enguMlawuli. Kwakhona, uBukumkani ‘abunakuze bonakaliswe’ kuba izinto obuziphumezileyo ziya kuhlala zikho naphakade. (Daniyeli 2:44) Yaye uKumkani okwanguMbingeleli onguMesiya nezinxulumani zakhe ezingookumkani abangababingeleli baya kuzukiswa ngonaphakade ngenxa yenkonzo yabo yokuthembeka kuYehova.

Impinda

• Kutheni uBukumkani bukaThixo bukuphela kwesicombululo seengxaki zoluntu? UKumkani woBukumkani bukaThixo waqalisa nini ukulawula?

• Yintoni enomtsalane ngokukhethekileyo kuwe ngoBukumkani bukaThixo yaye iya kuphumeza ntoni loo nto?

• Ziziphi izinto eziphunyezwe buBukumkani esisele sizibona, kwaye yiyiphi indima esiyiphumezayo kuzo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 92, 93]

Phantsi koBukumkani bukaThixo, bonke abantu baya kufunda ubulungisa