UYehova Uyalathisa Njani Intlangano Yakhe?
Isahluko Seshumi Elinesine
UYehova Uyalathisa Njani Intlangano Yakhe?
1. IBhayibhile inikela yiphi inkcazelo ngentlangano kaYehova, yaye kutheni ibalulekile kuthi?
NGABA uThixo unentlangano? IZibhalo eziphefumlelweyo zisixelela ukuba unayo. KwiLizwi lakhe, usithela thsuphe ngenxalenye esezulwini eyoyikekayo yaloo ntlangano. (Hezekile 1:1, 4-14; Daniyeli 7:9, 10, 13, 14) Nangona singenakuyibona le nxalenye, ibachaphazela kakhulu abanquli bokwenyaniso banamhlanje. (2 Kumkani 6:15-17) Intlangano kaYehova ikwanayo nenxalenye ebonakalayo esemhlabeni. IBhayibhile iyasinceda siyiqonde yona kwanendlela uYehova ayalathisa ngayo.
Ukufanisa Inxalenye Ebonakalayo
2. Liliphi ibandla elitsha elayilwa nguThixo?
2 Kangangeminyaka eli-1 545, uhlanga lwakwaSirayeli lwalulibandla likaThixo. (IZenzo 7:38) Kodwa uSirayeli akazange ayigcine imithetho kaThixo kwaye wamchasa uNyana wakhe. Ngenxa yoko, uYehova walilahla naye elo bandla. UYesu waxelela amaYuda oku: “Khangelani! Indlu yenu ishiyelwa kuni.” (Mateyu 23:38) Emva koko uThixo waseka elinye ibandla waza wenza nalo umnqophiso omtsha. Eli bandla laliza kuyilwa ngabantu abali-144 000 abakhethwe nguThixo ukuba bamanyane noNyana wakhe ezulwini.—ISityhilelo 14:1-4.
3. Yintoni eyenzeka ngePentekoste yowama-33 C.E. ebonisa ngokucacileyo ukuba ngoku uThixo wayesebenzisa ibandla elitsha?
3 Amalungu okuqala elo bandla litsha athanjiswa ngomoya oyingcwele kaYehova ngePentekoste yowama-33 C.E. Ngokuphathelele eso siganeko sibalaseleyo, sifunda oku: “Ke kaloku ngoxa umhla womthendeleko wePentekoste wawuqhubeka babekunye bonke kwindawo enye, yaye ngequbuliso kwabakho ingxolo evela ezulwini enjengaleyo kanye yempepho ebhudla ngamandla, yaza yayizalisa indlu iphela ababehleli kuyo. Yaye kwabonakala kubo iilwimi ezingathi zezomlilo kwaye zabèka, lwaza lwaolo lwahlala kuye ngamnye wabo, baza bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele.” (IZenzo 2:1-4) Ngaloo ndlela umoya kaThixo wabonisa ngokucacileyo ukuba ngoku abo babeliqela labantu ababeza kusetyenziswa nguThixo ukuphumeza injongo yakhe phantsi kolwalathiso lukaYesu Kristu ezulwini.
4. Namhlanje ngoobani abayila intlangano kaYehova ebonakalayo?
4 Namhlanje, yintsalela yabali-144 000 kuphela esemhlabeni. Kodwa “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu’ esibalwa kwizigidi, siye sanxulumana nentsalela ethanjisiweyo, ibe ngaloo ndlela kwazaliseka isiprofeto seBhayibhile. UYesu, onguMalusi Olungileyo, uye wamanyanisa ezinye izimvu kunye nentsalela ukuze omabini la maqela ayile umhlambi omnye ophantsi kwakhe njengoMalusi. (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:11, 16) Uwonke lo mhlambi uyila ibandla elimanyeneyo, intlangano ebonakalayo kaYehova.
Iyilwe Ngendlela Yobuthixo
5. Ngubani owalathisa intlangano kaThixo, yaye uyalathisa njani?
5 Ibinzana elivela kwiZibhalo elithi “ibandla loThixo ophilayo” liyamchaza umalathisi wayo. Le ntlangano yeyobuthixo, okanye ilawulwa nguThixo. UYehova unikela ulwalathiso kubantu bakhe ngoYesu, lowo ammisele ukuba abe yiNtloko engabonakaliyo yebandla, kwaye ukwasebenzisa iLizwi Lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile.—1 Timoti 3:14, 15; Efese 1:22, 23; 2 Timoti 3:16, 17.
6. (a) Ulwalathiso oluvela ezulwini lwebandla lwabonakala njani ngenkulungwane yokuqala? (b) Yintoni ebonisa ukuba uYesu useyiNtloko yebandla?
6 Olo lwalathiso lwabonakala kakuhle ngePentekoste. (IZenzo 2:14-18, 32, 33) Lwabonakala xa ingelosi kaYehova yalathisa ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo eAfrika, xa ilizwi likaYesu lanikela ulwalathiso xa uSawule waseTarso wayeguquka naxa uPetros waqalisa umsebenzi wokushumayela kwabeeNtlanga. (IZenzo 8:26, 27; 9:3-7; 10:9-16, 19-22) Noko ke, ekuhambeni kwexesha akuzange kuvakale mazwi avela ezulwini, kungazange kubonwe zingelosi yaye neziphiwo zomoya ezingummangaliso zazingasekho. Ukanti, uYesu wayethembisile wathi: “Khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:20; 1 Korinte 13:8) Namhlanje, amaNgqina kaYehova ayalwamkela ulwalathiso lukaYesu. Ngaphandle kwalo, ebengenakukwazi ukuvakalisa isigidimi soBukumkani ngoxa ejamelene nentiyo ekrakra.
7. (a) Ngoobani abayila “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,” yaye ngoba? (b) Sisiphi isabelo esinikwe “ikhoboka”?
7 Ngaphambi nje kokufa kwakhe, uYesu waxelela abafundi bakhe ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ awayeza kuthi yena njengeNkosi aliphathise imbopheleleko ekhethekileyo. Elo “khoboka” laliza kube likho xa iNkosi inyukela ezulwini yaye laliza kube lisasebenza ngamandla xa uKristu ebuya ngokungabonakaliyo ekumandla oBukumkani. Le ngcaciso ayinakuba ibhekisa kumntu omnye, kodwa imele ukuba ibhekisa kwibandla elithanjisiweyo likaKristu. Ekubeni elithenge ngegazi lakhe, uYesu ubhekisela kulo ngokuthi “likhoboka.” Wathuma amalungu alo ukuba enze abafundi aze aqhubeke ebondla, ebanika ‘ukutya kwabo [kokomoya] ngexesha elifanelekileyo.’—Mateyu 24:45-47; 28:19; Isaya 43:10; Luka 12:42; 1 Petros 4:10.
8. (a) Ziziphi iimbopheleleko olunazo ngoku udidi lwekhoboka? (b) Kutheni ibalulekile indlela esisabela ngayo kwimfundiso esiyifumana ngejelo likaThixo?
8 Ekubeni udidi lwekhoboka lwalusenza umsebenzi weNkosi ngokunyaniseka xa yabuya ngokungabonakaliyo ngowe-1914, bukho ubungqina obubonisa ukuba luye lwaphathiswa iimbopheleleko ezongezelelekileyo ngowe-1919. Iminyaka esusela ngoko iye yaba lixesha lokuba kunikelwe ubungqina ngoBukumkani ehlabathini lonke, kwaye isihlwele esikhulu sabanquli bakaYehova siyahlanganiswa ngenjongo yokuba silondolozwe ukutyhubela imbandezelo enkulu. (Mateyu 24:14, 21, 22; ISityhilelo 7:9, 10) Naso sifuna ukutya kokomoya, kwaye udidi lwekhoboka luyasilungiselela. Ngoko ke, ukuze simkholise uYehova, kufuneka samkele imfundiso ayilungiselela ngejelo lakhe size senze ngokuvisisana nayo.
9, 10. (a) Ngenkulungwane yokuqala, liliphi ilungiselelo elalikho lokuphendula imibuzo ephathelele imfundiso nokunikela ulwalathiso ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo? (b) Liliphi ilungiselelo elikhoyo namhlanje lokulungelelanisa imisebenzi yabantu bakaYehova?
9 Maxa wambi kuphakama imibuzo ngokuphathelele imfundiso nangendlela ekwenziwa ngayo izinto. Kuthiwani ke xa kunjalo? IZenzo isahluko 15 zisixelela ngendlela eyaconjululwa ngayo imbambano ephathelele amaguquka abeeNtlanga. Lo mbandela wadluliselwa kubapostile nakumadoda amakhulu aseYerusalem, awayekhonza njengequmrhu elilawulayo. La madoda ayenazo iintsilelo, kodwa uThixo wawasebenzisa. Aphengulula izibhalo ngalo mba aza ahlola nobungqina obunikelwa kukusebenza komoya kaThixo xa kwakuqaliswa intsimi yabeeNtlanga. Andula ke afikelela kwisigqibo. UThixo walisikelela elo lungiselelo. (IZenzo 15:1-29; 16:4, 5) Lelo qumrhu lilawulayo elalithumela abantu ukuba baye kuqhubela phambili umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.
10 Namhlanje, iQumrhu Elilawulayo lentlangano kaYehova ebonakalayo liyilwe ngabazalwana abathanjiswe ngomoya abavela kumazwe ahlukeneyo kwaye likwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova. Phantsi kokhokelo lukaYesu Kristu, iQumrhu Elilawulayo liqhubela phambili unqulo olunyulu kuwo onke amazwe, lilungelelanisa umsebenzi wokushumayela wamaNgqina kaYehova kumabandla awo abalwa kumashumi amawaka. Amalungu eQumrhu Elilawulayo anembono efanayo nekampostile uPawulos, owabhalela amanye amaKristu esithi: “Asikuko ukuba siziinkosi phezu kokholo lwenu, kodwa singabasebenzi abangamadlelane ukuze nibe novuyo, kuba nimi ngokholo lwenu.”—2 Korinte 1:24.
11. (a) Bamiselwa njani abadala nezicaka zolungiselelo? (b) Kutheni sifanele sisebenzisane nabo bamiselweyo?
11 Ehlabathini lonke amaNgqina kaYehova akhangela kwiQumrhu Elilawulayo ukuba likhethe abazalwana abafanelekayo, abathi nabo bamisele abadala nezicaka zolungiselelo ukuze kunyanyekelwe amabandla. Iimfaneleko zabo bamiselweyo zichazwe eBhayibhileni kwaye ayilityalwa nento yokuba loo madoda akafezekanga kwaye ayazenza iimpazamo. Abadala abancomelayo kunye nabo bamiselayo banembopheleleko enzulu emehlweni kaThixo. (1 Timoti 3:1-10, 12, 13; Tito 1:5-9) Ngenxa yoko, bayathandaza becela uncedo lomoya kaThixo baze bacele ulwalathiso oluvela kwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo. (IZenzo 6:2-4, 6; 14:23) Masizixabise ezi “zipho ezingabantu,” ezisinceda sonke ukuba “sifikelele kubunye bokholo.”—Efese 4:8, 11-16.
12. UYehova uwasebenzisa njani amabhinqa kwilungiselelo lobuthixo?
12 IZibhalo zithi ibandla limele livelelwe ngamadoda. Oku akuthethi kuthi amabhinqa ajongelwa phantsi, kuba amanye aziindlalifa zoBukumkani basezulwini, kwaye aphumeza lukhulu kumsebenzi wokushumayela. (INdumiso 68:11) Kwaye ngokuqhubeka ephumeza iimbopheleleko zawo zentsapho, amabhinqa aba negalelo kudumo oluhle lwebandla. (Tito 2:3-5) Kodwa ke ukufundisa ibandla yimbopheleleko yamadoda amiselwe ukwenza oko.—1 Timoti 2:12, 13.
13. (a) Yiyiphi imbono iBhayibhile ebongoza abadala ukuba babe nayo ngesikhundla sabo? (b) Liliphi ilungelo esinokuba nesabelo kulo sonke?
13 Ehlabathini, umntu okwisikhundla esiphezulu ugqalwa njengobalulekileyo, kodwa ke kwintlangano kaThixo kulawula lo mthetho: “Lowo uziphatha njengomncinane phakathi kwenu nonke nguye omkhulu.” (Luka 9:46-48; 22:24-26) IZibhalo ziluleka abadala ukuba bakulumkele ukuba ziinkosi kwabo balilifa likaThixo, kodwa kunoko, babe ngumzekelo kumhlambi. (1 Petros 5:2, 3) Asiyombinana nje ekhethiweyo, kodwa ngawo onke amaNgqina kaYehova, amadoda namabhinqa, anelungelo lokumela uMongami wendalo iphela, ngokuthobeka ethetha ngegama lakhe kwaye exelela abantu abakuyo yonke indawo ngoBukumkani bakhe.
14. Usebenzisa izibhalo ezibonisiweyo, xubusha le mibuzo idweliswe ekupheleni kwesi siqendu.
14 Siya kuba senza kakuhle xa sizibuza oku: ‘Ngaba ndiyayiqonda indlela uYehova ayalathisa ngayo intlangano yakhe ebonakalayo? Ngaba isimo sengqondo, izinto endizithethayo nendizenzayo zibonisa oko?’ Ukuqiqa ngezi ngongoma zilandelayo kunokunceda ngamnye wethu enze olo hlolisiso.
Ukuba ngokwenene ndiyazithoba kuKristu njengeNtloko yebandla, yintoni endiza kuyenza njengoko kuboniswe kwezi zibhalo zilandelayo? (Mateyu 24:14; 28:19, 20; Yohane 13:34, 35)
Ukuba ndiwamkela ngoxabiso amalungiselelo okomoya aziswa ludidi lwekhoboka kunye neQumrhu Elilawulayo lalo, ngubani endimhlonelayo? (Luka 10:16)
Bonke abantu abasebandleni, ngokukodwa abadala, bafanele baqhubane njani? (Roma 12:10)
15. (a) Yintoni esiyibonisayo ngesimo sengqondo esinaso ngentlangano kaYehova ebonakalayo? (b) Ngawaphi amathuba esinawo okungqina uMtyholi elixoki nokuvuyisa intliziyo kaYehova?
15 Namhlanje uYehova uyasikhokela esebenzisa intlangano yakhe ebonakalayo ephantsi kukaKristu. Isimo sengqondo esinaso ngeli lungiselelo sibonisa indlela esivakalelwa ngayo ngembambano yolongamo. (Hebhere 13:17) USathana usemi ngelithi eyona nto siyixhalabeleyo ziziqu zethu. Kodwa ke ukuba sikhonza nangayiphi na indlela ekufuneka sikhonze ngayo kwaye siphepha izinto ezitsalela ingqalelo kwiziqu zethu, simngqina elixoki uMtyholi. Ukuba siyabathanda yaye siyabahlonela abo basikhokelayo kodwa asivumi ‘ukuncoma abantu ukuze sifumane inzuzo,’ siyamvuyisa uYehova. (Yude 16; Hebhere 13:7) Ngokunyaniseka kwintlangano kaYehova, sibonisa ukuba uYehova unguThixo wethu kwaye simanyene ekumnquleni.—1 Korinte 15:58.
Impinda
• Yintoni intlangano kaYehova ebonakalayo namhlanje? Yintoni injongo yayo?
• Ngubani iNtloko emiselweyo yebandla, yaye ngawaphi amalungiselelo abonakalayo enikela ngawo ulwalathiso lothando kuthi?
• Sisiphi isimo sengqondo esihle esifanele sibe naso ngabo bakwintlangano kaYehova?
[Imibuzo YeSifundo]
[Imifanekiso ekwiphepha 133]
UYehova uyasikhokela esebenzisa intlangano yakhe ebonakalayo ephantsi kukaKristu