Ukumanyana Konqulo—Kuthetha Ntoni Kweli Xesha Lethu?
Isahluko Sokuqala
Ukumanyana Konqulo—Kuthetha Ntoni Kweli Xesha Lethu?
1, 2. (a) Nguwuphi umzamo obangel’ imincili owenziwayo kweli xesha lethu? (b) Liliphi ithemba elimangalisayo abanalo abantu abantliziyo zinyanisekileyo?
EHLABATHINI lonke kwenziwa umzamo obangel’ imincili wokumanyanisa unqulo. Lo mzamo umanyanisa izigidi zabantu bazo zonke iintlanga, izizwe neelwimi. Nyaka ngamnye kukho abangakumbi abahlanganiswayo. Ezi zigidi zabantu zichazwa yiBhayibhile ‘njengamangqina’ kaYehova kwaye zibizwa ngokuba ‘sisihlwele esikhulu.’ Zinikela ‘inkonzo engcwele kuThixo imini nobusuku.’ (Isaya 43:10-12; ISityhilelo 7:9-15) Kutheni zisenza oku nje? Kungenxa yokuba ziye zamazi uYehova njengokuphela koThixo oyinyaniso. Oko kuzishukumisela ukuba zivisisanise ubomi bazo neendlela zakhe zobulungisa. Ukongezelela koko, ziye zafunda ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yeli hlabathi lingendawo, nokuba kungekudala uThixo uza kulitshabalalisa, aze endaweni yalo amisele ihlabathi lakhe elitsha eliyiparadesi.—2 Timoti 3:1-5, 13; 2 Petros 3:10-13.
2 ILizwi likaThixo liyathembisa: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:10, 11) “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:4.
3. Luphunyezwa njani umanyano lokwenene lonqulo?
3 Abo bamanyaniswa kunqulo lokwenyaniso ngoku bayila abemi bokuqala belo hlabathi litsha. Baye bakufunda oko kukuko ukuthanda kukaThixo yaye benza konke okusemandleni abo ukuze bakuphumeze. Ebonisa ukubaluleka kwaloo nto, uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Umpostile uYohane wabhala: “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
Intsingiselo Yokwenene Yalo
4. (a) Kuthetha ntoni kanye kanye ukuhlanganiswa kwabantu abaninzi kangaka kunqulo olumanyeneyo kweli xesha siphila kulo? (b) IBhayibhile ikuchaza njani oku kuhlanganiswa?
4 Kuthetha ntoni kanye kanye ukuhlanganiswa kwabantu abaninzi ngolu hlobo kunqulo olumanyeneyo kweli xesha siphila kulo? Bubungqina obuzicaceleyo bokuba sisondele kakhulu kwisiphelo seli hlabathi lingendawo, kuze kuqalise ihlabathi elitsha likaThixo emva koko. Singamangqina okuzibonela inzaliseko yeziprofeto zeBhayibhile ezaxela kwangaphambili ngoku kuhlanganiswa kwabantu kubalulekileyo. Esinye sezo ziprofeto sithi: “Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla [kule mihla yokugqibela] intaba yendlu kaYehova imiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba, yaye ngokuqinisekileyo iya kuphakanyiswa ngaphezu kweenduli [ngaphezu kwalo naluphi na olunye uhlobo lonqulo]; kwaye zonke izizwana zimele zibe ngumsinga ukuya kuyo. Ngokuqinisekileyo iintlanga ezininzi ziya kuhamba zize zithi: ‘Yizani, masinyuke siye entabeni kaYehova nasendlwini kaThixo kaYakobi; yaye uya kusiyalela ngeendlela zakhe, kwaye siza kuhamba emendweni wakhe.’”—Mika 4:1, 2; INdumiso 37:34.
5, 6. (a) Kutheni siyinyaniso isibakala sokuba iintlanga ziphethukela kuYehova? (b) Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?
5 Ngoxa ingengabo bonke abantu bohlanga oluthile abazisondeza kwindlu yonqulo yokomoya kaYehova, izigidi zabantu ngabanye abaphuma kuzo zonke iintlanga ziyasondela. Njengoko zifunda ngenjongo kaYehova uThixo ebonisa uthando nangobuntu bakhe obunomtsalane, iintliziyo zazo ziyachukumiseka. Ngokuthobeka zifuna ukuqonda oko uThixo akufunayo kuzo. Zithandaza ngendlela awathandaza ngayo umdumisi xa wathi: “Ndifundise ukwenza ukuthanda kwakho, kuba wena unguThixo wam.”—INdumiso 143:10.
6 Ngaba nawe uzibona uphakathi kweso sihlwele sikhulu sabantu abahlanganiswa nguYehova kunqulo olumanyeneyo? Ngaba intsabelo yakho kwimfundiso oyifumene kwiLizwi lakhe ibonisa ukuba uyixabisa ngokwenene into yokuba uYehova enguMthombo wayo? Uza “kuhamba emendweni wakhe” ukusa kuwuphi umkhamo?
Indlela Olufikelelwa Ngayo
7. (a) Luya kufikelelwa ukusa kuwuphi umkhamo umanyano lonqulo? (b) Kutheni kungxamisekile ukuba ngumnquli kaYehova ngoku, kwaye sinokubanceda njani abanye ukuba benze oko?
7 Kuyinjongo kaYehova ukuba zonke izidalwa ezikrelekrele zimanyane kunqulo lokwenyaniso. Hayi indlela esiyilangazelela ngayo imini apho bonke abantu abaphilayo beya kube benqula okuphela koThixo oyinyaniso! (INdumiso 103:19-22) Kodwa ngaphambi kokuba yenzeke loo nto, uYehova umele ashenxise bonke abangafuni ukwenza ukuthanda kwakhe okuhambisana nobulungisa. Ngenceba, unikela isilumkiso kuselithuba ngoko aza kukwenza, ukuze abantu abakuzo zonke iindawo bafumane ithuba lokutshintsha ikhondo labo. (Isaya 55:6, 7) Ngaloo ndlela, kule mihla siphila kuyo “zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu,” zinikwa esi sibongozo singxamisekileyo: “Moyikeni uThixo nimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe, ngoko mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba nolwandle nemithombo yamanzi.” (ISityhilelo 14:6, 7) Ngaba sele usamkele esi simemo? Ukuba kunjalo, ujizekwe ilungelo lokumema nabanye ukuba bazi yaye banqule uThixo oyinyaniso.
8. Emva kokufunda iinyaniso ezisisiseko zeBhayibhile, yiyiphi inkqubela eyongezelelekileyo esifanele sizabalazele ukuyenza ngokunyaniseka?
8 UYehova akafuni kunqulwa ngabantu abathi bayakholelwa kuye kodwa baqhubeke besukela izinto ezithandwa ngabo. UThixo ufuna abantu bafumane ‘ulwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe’ yaye babonise oko kubomi babo. (Kolose 1:9, 10) Ngaloo ndlela, abantu abanoxabiso abafunda iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile bafuna ukuxhinela phambili ekuqoleni kobuKristu. Banqwenela ukumazi ngokusondeleyo uYehova, bakwandise baze bakwenze nzulu ukuqonda kwabo iLizwi lakhe, baze bakusebenzise ngokuzele ngakumbi ebomini babo. Bafuna ukubonisa iimpawu zikaBawo wethu osezulwini yaye bajonge izinto ngendlela azijonga ngayo. Oku kubashukumisela ukuba bafune iindlela zokuba nesabelo kumsebenzi wokusindisa ubomi ayalele ukuba wenziwe emhlabeni kule mihla siphila kuyo. Ngaba nawe unqwenela ukwenjenjalo?—Marko 13:10; Hebhere 5:12–6:3.
9. Lunokufumaneka ngayiphi indlela umanyano lokwenyaniso ngoku?
9 IBhayibhile ibonisa ukuba abo bakhonza uYehova bamele babe ngabantu abamanyeneyo. (Efese 4:1-3) Olu manyano lumele lubekho ngoku, nangona siphila kwihlabathi elahluleleneyo yaye sisalwa nokungafezeki kwethu. UYesu wathandaza ngokunyaniseka ecelela abafundi bakhe ukuba bafumane umanyano lokwenene. Bekuya kuthetha ntoni oku? Okokuqala, baya kuba nolwalamano oluhle noYehova noNyana wakhe. Okwesibini, baya kumanyana omnye nomnye. (Yohane 17:20, 21) Ukuze kwenziwe oko, ibandla lamaKristu liba yintlangano uYehova afundisa ngayo abantu bakhe.
Ziziphi Iinkalo Ezifak’ Isandla Kumanyano?
10. (a) Yintoni esiyikhulisayo xa sisebenzisa iBhayibhile ukuze siqiqe ngeempendulo zemibuzo esichaphazelayo? (b) Hlalutya iinkalo ezifak’ isandla kumanyano lwamaKristu ngokuphendula imibuzo edweliswe kwesi siqendu.
10 Kukho iinkalo ezisixhenxe ezisisiseko ezifak’ isandla kumanyano lonqulo ezichazwe ngezantsi. Njengoko uphendula imibuzo ehambisana nazo, cinga ngendlela ingongoma nganye eluchaphazela ngayo ulwalamano lwakho noYehova kunye namanye amaKristu. Ukuqiqa ngezi ngongoma nokukhangela izibhalo ezibonisiweyo kodwa azacatshulwa kuya kufak’ isandla ekukhuliseni kwakho ubulumko bobuthixo, amandla okucinga, nokuqonda—iimpawu esizifunayo sonke. (IMizekeliso 5:1, 2; Filipi 1:9-11) Qwalasela ibe nye ngexesha kwezi nkalo.
(1) Siyalihlonela igunya analo uYehova lokumisela imilinganiselo yokulungileyo nokungalunganga. “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”—IMizekeliso 3:5, 6.
Kutheni sifanele sifune isiluleko nolwalathiso lukaYehova xa sisenza izigqibo? (INdumiso 146:3-5; Isaya 48:17)
(2) SineLizwi likaThixo elisikhokelayo. “Xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, enaliva kuthi, nalamkela, kungekhona njengelizwi labantu, kodwa, kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo, elisebenzayo kuni makholwa.”—1 Tesalonika 2:13.
Yiyiphi ingozi ekhoyo xa sisenza oko “sivakalelwa” kukuba kulungile? (IMizekeliso 14:12; Yeremiya 10:23, 24; 17:9)
Xa singazi ukuba iBhayibhile inikela siphi isiluleko kumba othile, yintoni esifanele siyenze? (IMizekeliso 2:3-5; 2 Timoti 3:16, 17)
(3) Sonke siyangenelwa kwilungiselelo lokondliwa ngokomoya. “Bonke oonyana bakho baya kufundiswa nguYehova.” (Isaya 54:13) “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini [yentshabalalo] iyasondela.”—Hebhere 10:24, 25.
Ziziphi iingenelo ezifunyanwa ngabo bawasebenzisa ngokuzeleyo amalungiselelo kaYehova okondla ngokomoya? (Isaya 65:13, 14)
(4) NguYesu Kristu, kungekhona umntu, oyiNkokeli yethu. “Kodwa nina, ningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye umfundisi wenu, kanti nonke nina ningabazalwana. Ngaphezu koko, ningabizi nabani na ngokuthi nguyihlo emhlabeni, kuba mnye uYihlo, Lowo wasezulwini. Ningabizwa nangokuthi ‘iinkokeli,’ kuba inye iNkokeli yenu, uKristu.”—Mateyu 23:8-10.
Ngaba ukho phakathi kwethu ofanele azive emkhulu kunabanye? (Roma 3:23, 24; 12:3)
(5) Sikhangela kurhulumente woBukumkani bukaThixo njengokuphela kwethemba labantu. “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.’ Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.”—Mateyu 6:9, 10, 33.
‘Ukufuna kuqala ubukumkani’ kulukhusela njani umanyano lwethu? (Mika 4:3; 1 Yohane 3:10-12)
(6) Umoya oyingcwele wenza abanquli bakaYehova babe neempawu ezibalulekileyo kumanyano lwamaKristu. “Ke sona isiqhamo somoya luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.”—Galati 5:22, 23.
Yintoni esimele siyenze ukuze umoya kaThixo uvelise iziqhamo zawo kuthi? (IZenzo 5:32)
Ukuba nomoya kaThixo kuluchaphazela njani ulwalamano lwethu namanye amaKristu? (Yohane 13:35; 1 Yohane 4:8, 20, 21)
(7) Bonke abanquli bokwenyaniso bakaThixo baba nesabelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe. “Kwaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14.
Yintoni efanele isishukumisele ukuba sifune ukuba nesabelo ngokuzeleyo kulo msebenzi wokushumayela? (Mateyu 22:37-39; Roma 10:10)
11. Uba yintoni umphumo xa sisebenzisa iinyaniso zeBhayibhile ebomini bethu?
11 Ukumnqula ngokumanyeneyo uYehova kusisondeza ngakumbi kuye yaye kusenza sikwazi ukuba nolwalamano oluhlaziyayo namanye amakholwa. INdumiso 133:1 ithi: “Khangela! Hayi indlela ekulunge nekuthandeka ngayo ukuba abazalwana bahlale ndawonye ngomanyano!” Hayi indlela okuhlaziya ngayo ukuphuncula ehlabathini nakuko konke ukuzingca, ukuziphatha okubi nakugonyamelo lwalo, uze uhlanganisane nabo bamthanda ngokwenene uYehova nabathobela imithetho yakhe!
Ziphephe Iimpembelelo Ezidala Iiyantlukwano
12. Kutheni kufuneka siwuphephe umoya wokuzimela geqe?
12 Ukuze singaloni umanyano oluxabisekileyo esilunandiphayo ehlabathini lonke, simele siziphephe iimpembelelo ezidala iiyantlukwano. Enye yazo ngumoya wokuzimela geqe kuThixo nakwimithetho yakhe. UYehova uyasinceda ukuba siwuphephe ngokusibonisa unobangela wawo, uSathana uMtyholi. (2 Korinte 4:4; ISityhilelo 12:9) NguSathana owaphembelela uAdam noEva ukuba batyeshele oko uThixo wayekuthethile baze benze izigqibo ezichasene nokuthanda kukaThixo. Umphumo waba yintlekele kubo nakuthi. (Genesis 3:1-6, 17-19) Eli hlabathi lingqongwe ngumoya wokuzimela geqe kuThixo nakwimithetho yakhe. Ngoko kufuneka siwuphephe loo moya.
13. Yintoni eya kubonisa enoba silungiselela ukuphila kwihlabathi likaThixo elitsha lobulungisa ngokunyaniseka?
13 Ngokomzekelo, khawucinge ngesithembiso sikaYehova sokushenxisa eli hlabathi lingendawo aze amisele amazulu amatsha nomhlaba omtsha “apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Ngaba oko akufanele kusishukumisele ukuba siqalise ukulungiselela ukuphila ngelo xesha apho ubulungisa buya kube besamele? Oku kuthetha ukuthobela isiluleko seBhayibhile esicacileyo: “Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye.” (1 Yohane 2:15) Ngenxa yoko, siyawuphepha umoya weli hlabathi—isimo sengqondo salo sokuzimela geqe, ukuxhalabela kukabani isiqu sakhe, ukuziphatha okubi nogonyamelo lwalo. Sikwenza umkhwa wethu ukuphulaphula uYehova nokumthobela ngokusuka entliziyweni, phezu kwalo naluphi na utyekelo lwenyama engafezekanga oluchasene noko. Lonke ikhondo lobomi bethu libonisa ukuba indlela esicinga ngayo kunye neentshukumisa zethu zityekele ekwenzeni ukuthanda kukaThixo.—INdumiso 40:8.
14. (a) Kutheni kubalulekile ngoku ukuxhakamfula ithuba lokufunda ngeendlela zikaYehova nokuhamba ngazo ebomini bethu? (b) Izibhalo ezicatshulwe kwesi siqendu zinayiphi intsingiselo kuye ngamnye wethu?
14 Xa lifika ixesha elimiselwe nguYehova lokutshabalalisa le nkqubo ingendawo yezinto nabo bonke abakhetha iindlela zayo, akayi kulibazisa. Akasoze abeke elinye ixesha okanye atshintshe imilinganiselo yakhe ukuze ilungele abo basazama ukubambelela kwihlabathi ngoxa kwelinye icala befunda ukuthanda kukaThixo yaye bekwenza ngentliziyo engaphelelanga. Ngoku lixesha lokuthabatha amanyathelo! (Luka 13:23, 24; 17:32; 21:34-36) Ngoko ke, hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukubona isihlwele esikhulu sixhakamfula eli thuba lixabisekileyo, silangazelela imfundiso elungiselelwa nguYehova ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe yaye sihamba ngokumanyeneyo kwiindlela zakhe eziya kwihlabathi elitsha! Yaye okukhona sifunda ngoYehova, kokukhona siya kumthanda size sifune ukumkhonza.
Impinda
• Yintoni injongo kaYehova ngokuphathelele unqulo?
• Emva kokuba sifunde iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile, yiyiphi inkqubela eyongezelelekileyo esizimisele ukuyenza?
• Yintoni ngamnye wethu anokuyenza ukuze amanyane nabanye abanquli bakaYehova?
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 4]
‘Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba baze baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo’