Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Ukuzamazamana Nemikhosi Yoomoya Abangendawo’

‘Ukuzamazamana Nemikhosi Yoomoya Abangendawo’

Isahluko Sesibhozo

‘Ukuzamazamana Nemikhosi Yoomoya Abangendawo’

 1. Kutheni oko kwenziwa yimimoya engendawo kubalulekile kuthi?

 ABANTU abaninzi baye bayihleke ingcamango yokuba kukho imimoya engendawo. Kodwa ke asinto yokuhlekisa leyo. Enoba abantu bayakholelwa okanye abakholelwa, imimoya engendawo ikho, kwaye izama ukuphembelela wonk’ ubani. Nabakhonzi bakaYehova abasindi. Enyanisweni, ifuna bona kanye. Umpostile uPawulos uyasilumkisa ngale nto, esithi: “Sizamazamana, kungekhona negazi nenyama, kodwa noorhulumente [abangabonakaliyo], namagunya, nabalawuli behlabathi bobu bumnyama, kwanemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.” (Efese 6:12) Kule mihla ingcinezelo evela kwimikhosi yoomoya abangendawo iye yathabath’ unyawo ngenxa yokuba uSathana uye wakhutshwa ezulwini kwaye unomsindo, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.—ISityhilelo 12:12.

 2. Sinokukwazi njani ukuphumelela xa sisilwa nemimoya enamandla angaphaya kwawemvelo?

2 Ngaba kunokwenzeka ukuba uphumelele xa usilwa nemikhosi enamandla angaphaya kwawemvelo? Ewe kunokwenzeka, kodwa ukuba wayama ngoYehova ngokupheleleyo. Simele simphulaphule kwaye sithobele iLizwi lakhe. Ngokwenjenjalo, sinokuwuphepha umonakalo omkhulu owenzeka emzimbeni, kwimilinganiselo yokuziphatha nakwiimvakalelo zabo baphantsi kolawulo lukaSathana.—Yakobi 4:7.

Abalawuli Behlabathi Kwezasezulwini Iindawo

 3. Ngoobani abachaswa ngolunya nguSathana, yaye ubachasa njani?

3 UYehova usicacisela ngemeko yehlabathi ngendlela ayibona ngayo yena esemazulwini. Wabonisa umpostile uYohane umbono apho uSathana wachazwa ‘njengenamba enkulu embala ubumlilorha.’ Wayekulungele ukuba, xa kunokwenzeka, abuchithe ngokupheleleyo uBukumkani bukaThixo obungoMesiya emva nje kokuba buzelwe ezulwini ngowe-1914. Akungaphumeleli apho, uSathana waqalisa inkcaso ekrakra ehambisana nolunya nxamnye nabameli basemhlabeni bobo Bukumkani. (ISityhilelo 12:3, 4, 13, 17) USathana wayeza kuyilwa njani le mfazwe? Wayeza kusebenzisa abakhe abameli abangabantu.

 4. Ngubani umthombo wamandla oorhulumente babantu, kwaye sazi njani?

4 Emva koko, uYohane waboniswa irhamncwa lasendle elineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, irhamncwa elinegunya “phezu kwezizwe nabantu neelwimi neentlanga zonke.” Elo rhamncwa lifuzisela inkqubo yehlabathi yezobupolitika iphela. UYohane wachazelwa ukuba “inamba [uSathana uMtyholi] yanika irhamncwa elo amandla alo netrone yalo negunya elikhulu.” (ISityhilelo 13:1, 2, 7) Ewe, uSathana ungumthombo wamandla negunya koorhulumente babantu. Ngaloo ndlela, njengoko umpostile uPawulos wabhalayo, abona “balawuli behlabathi” ‘ngoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo,’ abalawula oorhulumente babantu. Bonke abafuna ukunqula uYehova kufuneka bayiqonde intsingiselo epheleleyo yoko.—Luka 4:5, 6.

 5. Bahlanganiselwa entwenini ngoku abalawuli bezobupolitika?

5 Nangona abalawuli abaninzi bezobupolitika bezibanga bengabantu abanqulayo, akukho nalinye ilizwe elizithoba kulawulo lukaYehova okanye kulawulo loKumkani wakhe omiselweyo, uYesu Kristu. Onke la mazwe aye axolele ukujing’ iliso esilwela igunya lawo. Namhlanje, njengoko ingxelo yeSityhilelo ibonisa, “amazwi aphefumlelwe ziidemon” ahlanganisa abalawuli behlabathi “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla” eArmagedon.—ISityhilelo 16:13, 14, 16; 19:17-19.

 6. Kutheni kufuneka silumke ukuze sikuphephe ukukhohliselwa ekubeni sixhase inkqubo yobusathana?

6 Mihla le, abantu bathwaxwa yimiphumo yeengxwabangxwaba zezobupolitika, zentlalo, zezoqoqosho kunye nezonqulo ezidala iiyantlukwano kuluntu. Kwezi ngxwabangxwaba, kuyinto eqhelekileyo ukuba abantu bakhethe amacala—ngokuthetha okanye ngezinye iindlela—besima nohlanga lwabo, isizwe sabo, abantu abathetha ulwimi lwabo, okanye abantu abakumgangatho wabo kwezentlalo. Kwanaxa abantu bengabandakanyeki ngokungqalileyo kuloo ngxwabangxwaba, badla ngokuzibona bethanda elinye icala kunelinye. Kodwa kungakhathaliseki ukuba ngubani na okanye yiyiphi na ingcamango abayimelayo, ngubani kanye kanye lo bamxhasayo? IBhayibhile ichaza ngokuphandle isithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Ngoko ke, umntu unokukuphepha njani ukulahlekiswa kunye nalo lonke uluntu? Kuphela ngokunikela inkxaso yakhe epheleleyo kuBukumkani bukaThixo nangokuhlala engundilele ngokupheleleyo kwiingxwabangxwaba zehlabathi.—Yohane 17:15, 16.

Amaqhinga Achuliweyo Ongendawo

 7. Ubuqhophololo bukaSathana bubonakala njani kwindlela asebenzisa ngayo unqulo lobuxoki?

7 Kuwo onke amaxesha embali, uSathana uye wabatshutshisa ngamazwi nangokoqobo abanquli bokwenyaniso ukuze abaphambukise kunqulo lokwenyaniso. Uye wasebenzisa ezona ndlela zingaqondakaliyo—izenzo zobuqhophololo kunye namaqhinga. Ngobuqhophololo uye wagcina inkoliso yabantu isebumnyameni esebenzisa unqulo lobuxoki, ebenza bacinge ukuba bakhonza uThixo. Ekubeni bengenalo ulwazi oluchanileyo lukaThixo kwaye bengayithandi inyaniso, basenokutsaleleka kwiinkonzo zecawa ezingaqondakaliyo nezisebenzisa iimvakalelo okanye bathabatheke yimisebenzi yamandla. (2 Tesalonika 2:9, 10) Kodwa ke siyalunyukiswa kuba kwanaphakathi kwabo babekhe baba kunqulo lokwenyaniso, ‘abathile baya kuphambuka, banikele ingqalelo kumazwi aphefumlelweyo alahlekisayo nakwiimfundiso zeedemon.’ (1 Timoti 4:1) Inokwenzeka njani loo nto?

 8. USathana unokusihendela njani kunqulo lobuxoki kwanokuba sinqula uYehova?

8 Ngobuqhophololo, uMtyholi usebenzisa ubuthathaka bethu. Ngaba sisabanjwe kukoyika abantu? Ukuba kunjalo, sinokunikezela xa sinyanzelwa zizalamane okanye ngabamelwane ukuba senze izinto ezivela kunqulo lobuxoki. Ngaba sinekratshi? Ukuba sinalo, sinokucaphuka xa silulekwa okanye xa abanye bengazamkeli iingcamango zethu? (IMizekeliso 15:10; 29:25; 1 Timoti 6:3, 4) Kunokuba silungise imbono yethu ukuze ivisisane nomzekelo kaKristu, sinokutyekela kwabo “banyumbaza iindlebe” ngokuthi kwanele ukufunda iBhayibhile nje nokuphila ubomi obulungileyo. (2 Timoti 4:3) KuSathana ayibalulekanga into yokuya kwethu kolunye unqulo okanye yokuzenzela olwethu uhlobo lonqulo, logama nje singanquli uYehova ngendlela uThixo ayalela ngayo ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe.

 9. USathana uyisebenzisa ngobuqhophololo njani iminqweno yesini ukuze aphumeze iinjongo zakhe?

9 USathana ukwasebenzisa ubuqhophololo ngokuhenda abantu ukuba banelise iminqweno eqhelekileyo ngeendlela eziphosakeleyo. Uye wakwenza oku ngomnqweno wokuba neentlobano zesini. Bekhaba imilinganiselo yeBhayibhile, abaninzi ehlabathini bakugqala ukuba neentlobano zesini kwabantu abangatshatanga njengendlela eyamkelekileyo yokuziyolisa okanye indlela yokubonisa ukuba sele bebadala ngokwaneleyo. Kuthekani ke ngabo batshatileyo? Abaninzi bayakrexeza. Kwanaxa kungekho kungathembeki emtshatweni wabo, abantu abaninzi baye bafune ukuqhawula umtshato okanye ukwahlukana ngenjongo yokuba bahlalisane nomnye umntu. Amaqhinga kaSathana ajoliswe ekuphembeleleni abantu ukuba baphilele ukuziyolisa ngoku, ebalukuhlela ekubeni banganeli nje ukungayinanzi imiphumo ehlala ixesha elide ebakho kubo nakwabanye kodwa nemiphumo ebakho kulwalamano lwabo noYehova noNyana wakhe.—1 Korinte 6:9, 10; Galati 6:7, 8.

10. Ziziphi iindlela uSathana azama ngazo ukutshintsha isimo sengqondo sethu ngokuziphatha okubi nogonyamelo?

10 Omnye umnqweno wemvelo kukufuna ukuzonwabisa. Xa kusenziwa ngendlela efanelekileyo, kunokuhlaziya umzimba, ingqondo neemvakalelo. Kodwa sisabela njani xa ngobuqhophololo uSathana esebenzisa amathuba okuphumla ukuze azame ukusenza sicinge ngendlela etenxileyo kuleyo uThixo acinga ngayo? Ngokomzekelo, siyazi ukuba uYehova ukuthiyile ukuziphatha okubi ngokwesini nogonyamelo. Xa imifanekiso eshukumayo, iinkqubo zikamabonwakude, okanye imidlalo yeqonga ibonisa ezo zinto, ngaba siyahlala nje size siqhubeke sibukele? Ukhumbule kwakhona ukuba, uSathana uya kuqiniseka ukuba ezi zinto ziya zibonisa ububi obungakumbi njengoko ixesha lentshabalalo lisiya lisondela, kuba “abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.” (2 Timoti 3:13) Ngoko kufuneka sihlale siwaphaphele amaqhinga kaSathana.—Genesis 6:13; INdumiso 11:5; Roma 1:24-32.

11. Ziziphi iindlela anokuthi kwanomntu oyaziyo inyaniso ngokusebenzelana nemimoya arhintyeleke ngazo ukuba akalumkanga?

11 Kwakhona siyazi ukuba abo bazifica kulo naluphi na uhlobo lokusebenzelana nemimoya—ukuvumisa, ubugqwirha okanye ukuzama ukunxibelelana nabafi—balisikizi emehlweni kaYehova. (Duteronomi 18:10-12) Ngenxa yoku, asiyicingi nokuyicinga into yokuya koosiyazi, kwaye ngokuqinisekileyo asibamkeli ekhayeni lethu ukuba benze izinto zabo zobudemon. Kodwa ngaba besiya kubaphulaphula xa bevela kumabonwakude wethu okanye kwi-Internet? Nangona singayi kuze siwamkele amayeza avela emagqirheni, ngaba sinokubopha intambo kwisihlahla sosana lwethu, sinethemba lokuba iya kulukhusela engozini? Ekubeni sisazi ukuba iBhayibhile iyakuchasa ukubopha ngoomabophe, ngaba besiya kuvumela umntu olalisa ngobugqi (hypnotist) ukuba alawule ingqondo yethu?—Galati 5:19-21.

12. (a) Umculo usetyenziswa njani ukuze usenze sicinge ngezinto esizaziyo ukuba ziphosakele? (b) Indlela ubani anxiba ngayo, alungisa ngayo iinwele okanye athetha ngayo inokubonisa njani ukuba uyayithanda indlela abaphila ngayo abo bangamkholisiyo uYehova? (c) Yintoni ekufuneka siyenze ukuze siphephe ukuba ngamaxhoba amaqhinga achuliweyo kaSathana?

12 IBhayibhile ithi ukuhenyuza nazo zonke iintlobo zokungcola (kuquka neentshukumisa ezingacocekanga) azifanele zikhankanywe phakathi kwethu. (Efese 5:3-5) Kodwa kuthekani ukuba ezo zinto zikhatshwa ngumculo otsho ngesingqi esimnandi? Ngaba siya kuwacula amazwi eengoma ezikhuthaza ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, ukuziyolisa ngokusebenzisa iziyobisi nezinye izenzo ezisisisono? Okanye ke ngaba sithi nangona sisazi ukuba asifanele sixelise indlela yokuphila yabantu abazifica kwezi zinto, sizifanise nabo ngokuxelisa indlela abanxiba ngayo, abazilungisa ngayo iinwele zabo okanye abathetha ngayo? Hayi indlela akhohlisa ngayo amacebo asetyenziswa nguSathana ukuze ahende uluntu ukuba luvisisane nendlela yakhe eyonakeleyo yokucinga! (2 Korinte 4:3, 4) Ukuze singabi ngamaxhoba amaqhinga akhe, simele sikuphephe ukuhamba nomndilili wehlabathi. Simele sikhumbule ukuba ngoobani “abalawuli behlabathi bobu bumnyama” size sizimisele ukulwa nempembelelo yabo.—1 Petros 5:8.

Sixhotyiselwe Ukuba Soyise

13. Inokwenzeka njani into yokuba, ngoxa singafezekanga, soyise ihlabathi elilawulwa nguSathana?

13 Ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu waxelela abapostile bakhe esithi: “Yomelelani! mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yohane 16:33) Nabo babenokuloyisa. Kwiminyaka enokuba ngama-60 kamva, umpostile uYohane wabhala: “Ngubani lowo uloyisayo ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu unguNyana kaThixo?” (1 Yohane 5:5) Olo kholo silubonisa ngokuthobela imiyalelo kaYesu nangokwayama ngeLizwi likaThixo, kanye njengokuba uYesu wenzayo. Yintoni enye efunekayo? Kwakhona sifanele sinamathele kwibandla ayiNtloko yalo. Xa sisilela, simele siguquke ngokunyanisekileyo size sicele uxolo kuThixo ngesizinzi sedini lentlawulelo likaYesu. Ngale ndlela, phezu kwako nje ukungafezeki neempazamo, nathi sinokoyisa.—INdumiso 130:3, 4.

14. Funda eyabase-Efese 6:13-17, uze usebenzise imibuzo nezibhalo eziboniswe kwesi siqendu ukuze ubone iingenelo onokuzifumana kwinxalenye nganye yesikrweqe sokomoya.

14 Ukuze siphumelele, kufuneka sinxibe “sonke isikrweqe sikaThixo,” size singatyesheli nanye inxalenye yaso. Nceda utyhile iBhayibhile yakho kweyabase-Efese 6:13-17, uze ufunde indlela esichazwa ngayo eso sikrweqe. Emva koko, njengoko uphendula le mibuzo ingezantsi, cinga ngendlela onokungenelwa ngayo kukhuseleko olunikelwa yinxalenye nganye yesi sikrweqe.

 “Nibhinqe inyaniso ezinqeni zenu”

 Nangona sisenokuba siyayazi inyaniso, ukufundisisa rhoqo, ukucamngca ngenyaniso yeBhayibhile nokuya kwiintlanganiso kusikhusela njani? (1 Korinte 10:12, 13; 2 Korinte 13:5; Filipi 4:8, 9)

 “Isigcina-sifuba sobulungisa”

 Ngumlinganiselo wobulungisa kabani lo kuthethwa ngawo? (ISityhilelo 15:3)

 Khawuchaze indlela ukusilela ukulandela iindlela zobulungisa zikaYehova okumchanaba ngayo ubani engozini? (Duteronomi 7:3, 4; 1 Samuweli 15:22, 23)

 “Neenyawo zenu nizixhobisele iindaba ezilungileyo zoxolo”

 Kusikhusela njani ukugcina iinyawo zethu zixakekile kukuya kuthetha nabantu ngelungiselelo likaThixo loxolo? (INdumiso 73:2, 3; Roma 10:15; 1 Timoti 5:13)

 “Ikhaka elikhulu lokholo”

 Ukuba sinokholo oluneziseko eziqinileyo, siya kusabela njani xa kukho into ezama ukusenza sithandabuze okanye soyike? (2 Kumkani 6:15-17; 2 Timoti 1:12)

 “Isigcina-ntloko sosindiso”

 Ithemba losindiso lisinceda njani ukuba siphephe ukurhintyelwa kukuzixhalabisa ngokugqithiseleyo ngezinto eziphathekayo? (1 Timoti 6:7-10, 19)

 “Nekrele lomoya”

 Sifanele sayame ngantoni xa sisilwa neentolo ezijoliswe kwimpilo yethu yokomoya okanye kweyabanye? (INdumiso 119:98; IMizekeliso 3:5, 6; Mateyu 4:3, 4)

 Yiyiphi enye into ebalulekileyo ukuze ubani aphumelele kumlo wokomoya? Loo nto ifanele isetyenziswe ngokufuthi kangakanani? Yaye ifanele isetyenziswe egameni likabani? (Efese 6:18, 19)

15. Sinokulwa njani kumlo wokomoya?

15 Njengamajoni kaKristu, siyinxalenye yomkhosi omkhulu olwa umlo wokomoya. Ukuba sihlala siphaphile yaye sisisebenzisa kakuhle sonke isikrweqe esivela kuThixo, asiyi kuba ziingxwelerha zalo mlo. Kunoko, siya kubanceda size sibomeleze nabanye abakhonzi bakaThixo. Siya kukulungela yaye sikulangazelele ukulwa, sisasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obungoMesiya, urhulumente wasezulwini ochaswe ngamandla nguSathana.

Impinda

• Kutheni abanquli bakaYehova beba ngoondilele ngokupheleleyo kwiingxwabangxwaba zehlabathi?

• Ngawaphi amanye amaqhinga achuliweyo asetyenziswa nguSathana ukuze awise amaKristu ngokomoya?

• Isikrweqe sokomoya esilungiselelwe nguThixo sisikhusela njani kumlo wethu wokomoya?

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 76]

Iintlanga zihlanganiswa eArmagedon