Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Yibani Nothando Olunzulu Omnye Ngomnye”

“Yibani Nothando Olunzulu Omnye Ngomnye”

Isahluko Seshumi Elinesithandathu

“Yibani Nothando Olunzulu Omnye Ngomnye”

 1. Yintoni edla ngokuchukumisa abo baqala ukuza kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova?

 XA ABANTU beqala ukuza kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova, badla ngokuchukunyiswa luthando olulapho. Balubona kwindlela abamkelwa ngayo nakubudlelane bothando obubakho. Kwanabo batyelela kwiindibano zethu bayaluphawula olo thando. Omnye umcholacholi weendaba wanikela le ngxelo ngendibano ethile: ‘Kwakungekho mntu uyotywe ziziyobisi okanye butywala. Kungekho mntu ungxolayo nokhwazayo. Kwakungatyhalwana. Kungekho mntu utyhiliza omnye. Kungekho mntu uthukayo. Kungekho mntu wenza iziqhulo ezingamanyala okanye othetha krwada. Kungekho mntu utshayayo. Kungekho masela. Kungekho mntu ulahla iinkonkxa engceni. Ngokwenene le yayiyinto engaqhelekanga.’ Iyonke le nto ibubungqina bothando, uhlobo ‘olungaziphathi ngokungandilisekanga, olungafuni ezalo izilangazelelo.’—1 Korinte 13:4-8.

 2. (a) Yintoni efanele ibonakale ethubeni ngokuphathelele ukuba nothando? (b) Hlobo luni lothando esifanele siluhlakulele ukuze sixelise uKristu?

2 Uthando lobuzalwana luphawu abonwa ngalo amaKristu okwenyaniso. (Yohane 13:35) Njengoko sikhula ngokomoya, sifunda ukulubonakalisa nangakumbi uthando. Umpostile uPawulos wathandazela ukuba uthando lwamanye amaKristu “luphuphume ngakumbi nangakumbi.” (Filipi 1:9) Umpostile uYohane wabonisa ukuba sifanele sibe nothando lokuzincama. Wabhala: “Uthando silubone kwinto yokuba yena [uNyana kaThixo] wanikela umphefumlo wakhe ngenxa yethu; ngoko ke nathi simele sinikele imiphefumlo yethu ngenxa yabazalwana bethu.” (1 Yohane 3:16; Yohane 15:12, 13) Ngaba ngokwenene sinokunikela ngobomi bethu ngenxa yabazalwana bethu? Ngoxa ubukhulu becala iimeko zingasinyanzeli ukuba senze oko, senza umgudu ongakanani ukuze sibancede ngoku, kwanaxa ukwenjenjalo kuthetha ukuba silahlekelwa kokuthile?

 3. (a) Sinokulubonakalisa ngokuzeleyo njani uthando lwethu? (b) Kutheni kuyingenelo ukuba nothando olunzulu omnye komnye?

3 Izenzo zethu ezibonisa umoya wokuzincama zifanele ziphelekwe yimvakalelo yokwenene yothando kubazalwana bethu. ILizwi likaThixo liyasibongoza: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye.” (Roma 12:10) Sonke sinabantu abathile esivakalelwa ngolo hlobo ngabo. Kodwa ngaba sinokufunda ukubathanda ngolo hlobo nabanye? Njengoko sisondela isiphelo sale nkqubo indala yezinto, kubalulekile ukuba sisondelelane nangakumbi namanye amaKristu. IBhayibhile ithi: “Isiphelo sezinto zonke sisondele. . . . Ngaphezu kwezinto zonke, yibani nothando olunzulu omnye ngomnye, kuba uthando lugubungela inkitha yezono.”—1 Petros 4:7, 8.

Xa Kuvela Iingxaki

 4. (a) Kutheni kusenokuvela iingxaki phakathi kwabo basebandleni? (b) Ngoxa sisenokungasoloko sityekele ekusebenziseni isiluleko seBhayibhile, yiyiphi ingenelo esinokuyifumana ukuba siyasisebenzisa?

4 Kakade ke, logama singafezekanga, kuya kubakho amaxesha apho sibacaphukisayo abanye. Nabazalwana bethu basenokusikhubekisa ngeendlela ezahlukeneyo. (1 Yohane 1:8) Ukuba uzifumana ukwimeko enjalo, yintoni ofanele uyenze? IZibhalo zinikela ulwalathiso oluyimfuneko. Kodwa zisenokuthetha into engquzulanayo noko thina njengabantu abangafezekanga sityekele ekukwenzeni. (Roma 7:21-23) Noko ke, ukusisebenzisa ngokunyaniseka isiluleko esiqulethwe yiBhayibhile kuya kubonisa ukuba sinomnqweno onyanisekileyo wokumkholisa uYehova. Ukwenjenjalo kuya kusenza sibathande nangakumbi abanye.

 5. Xa ubani esivisa ubuhlungu, kutheni singafanele siziphindezele?

5 Xa abantu besiva ubuhlungu, maxa wambi baye bafune indlela yokuziphindezela kulowo ubavise ubuhlungu. Kodwa oko kuyenza mbi nangakumbi imeko. Ukuba impindezelo iyafuneka, sifanele siyiyekele kuThixo. (IMizekeliso 24:29; Roma 12:17-21) Abanye basenokuzama ukumphepha loo mntu ubakhubekisileyo. Kodwa asifanele senze oko kwabo sinqula kunye nabo, kuba ukwamkeleka konqulo lwethu, ngokuyinxenye, kuxhomekeke ekubathandeni abazalwana bethu. (1 Yohane 4:20) Kungoko uPawulos wabhala esithi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kolose 3:13) Ngaba unokuyenza loo nto?

 6. (a) Sifanele simxolele ngokufuthi kangakanani umzalwana wethu? (b) Kukwazi ntoni okuya kusinceda sihlangabezane nabo basonayo?

6 Kuthekani ukuba ubani usikhubekisa ngokuphindaphindiweyo kodwa engenzi izono ezinzulu anokukhutshelwa ngaphandle kwebandla ngazo? Kwizono ezincinane ezinjalo, umpostile uPetros wacebisa ukuba kuxolelwe “ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe.” Kodwa uYesu wathi: “Kungekhona, Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe, kodwa, Ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe.” Wabonisa indlela elikhulu ngayo ityala lethu kuThixo xa lithelekiswa noko sinokuba sikutyalwa nguye nawuphi na umntu. (Mateyu 18:21-35) Mihla le siyona kuThixo ngeendlela ezininzi—maxa wambi ngesenzo sokuzingca, ngoko sikuthethayo okanye esikucingayo, okanye ngoko sisilela ukukwenza—singaboni nokuba siyona. (Roma 3:23) Ukanti, uThixo uyaqhubeka enenceba kuthi. (INdumiso 103:10-14; 130:3, 4) Ufuna ukuba nathi siqhubane ngendlela efanayo. (Mateyu 6:14, 15; Efese 4:1-3) Ngaloo ndlela siya kuba sinothando ‘olungenanzondo.’—1 Korinte 13:4, 5; 1 Petros 3:8, 9.

 7. Sifanele senze ntoni ukuba umzalwana unento ngakuthi?

7 Maxa wambi sisenokuphawula ukuba nangona singaxabananga nomzalwana wethu, yena akasiginyi ncam. Sinokukhetha ‘ukuyigubungela loo nto ngothando,’ njengoko eyoku-1 kaPetros 4:8 icebisa. Okanye ke sinokuthabatha inyathelo kuqala size sithethe naye sizama ukudala uxolo.—Mateyu 5:23, 24.

 8. Ukuba elinye ikholwa lenza into esicaphukisayo, yintoni esinokuyenza ngaloo nto?

8 Kusenokwenzeka ukuba elinye ikholwa lenza into engacaphukisi wena wedwa kodwa ebacaphukisayo nabanye. Ngaba bekungayi kuba kuhle ukuthetha nalo? Mhlawumbi. Ukuba uyicacisa ngobubele ingxaki, imiphumo inokuba mihle. Kodwa kuqala khawuzibuze: ‘Ngaba le nto ayenzayo ngokwenene iyangquzulana nezibhalo? Okanye ngaba ubukhulu becala ingxaki ibangelwa kukuba imvelaphi nendlela endikhuliswe ngayo yahlukile kweyakhe?’ Kulumkele ukuzibekela imilinganiselo yakho uze ugwebe abanye ngayo. (Yakobi 4:11, 12) UYehova ubamkela ngaphandle kocalucalulo abantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo kwaye unomonde kubo njengoko bekhula ngokomoya.

 9. (a) Ngoobani abaqwalasela amatyala ezenzo zobubi ezinzulu ebandleni? (b) Kunini apho kuyimbopheleleko yalowo wonileyo ukuthabatha inyathelo kuqala, yaye ifanele ibe yintoni injongo yoko?

9 Ukuba ubani esikunye naye ebandleni ubandakanyeke kwisenzo sobubi esinzulu, esinjengokuziphatha okubi, oko kufanele kuqwalaselwe ngokukhawuleza. Ngoobani abafanele bakuqwalasele? Ngabadala. (Yakobi 5:14, 15) Noko ke, ukuba loo mntu wone omnye umntu, mhlawumbi kumcimbi woshishino okanye uye wamdl’ izithende, lowo woniweyo ufanele aye kuthetha nalowo umonileyo bebobabini. (Mateyu 18:15) Ukuba oko akuncedi nto, kufanele kuthatyathwe amanye amanyathelo, njengoko kuboniswe kuMateyu 18:16, 17. Ukumthanda kwethu umzalwana wethu otenxayo kunye nomnqweno ‘wokumzuza’ ziya kusinceda senze oku ngenjongo yokufikelela intliziyo yakhe.—IMizekeliso 16:23.

10. Xa kuvela ingxaki, yintoni eya kusinceda siwujonge ngendlela efanelekileyo loo mbandela?

10 Xa kuvela ingxaki, enoba inkulu okanye incinane, sinokungenelwa ukuba sinokuzabalazela ukuqonda indlela uYehova ayibona ngayo. Akasamkeli nje kwaphela isono, kwaye ngexesha lakhe elifanelekileyo, abenzi bezono ezinzulu abangaguqukiyo bayashenxiswa kwintlangano yakhe. Noko ke, masingalibali ukuba sonke siyona ngeendlela ezincinane kwaye sifuna azeke kade umsindo kwaye asenzele inceba. Ngaloo ndlela uYehova umisela umzekelo esimele siwuxelise xa abanye besona. Xa sinenceba, sibonisa uthando lwakhe.—Efese 5:1, 2.

Funa Iindlela ‘Zokuphangalala’

11. Kwakutheni ukuze uPawulos abongoze abaseKorinte ukuba ‘baphangalale’?

11 UPawulos wachitha iinyanga esakha ibandla laseKorinte, eGrisi. Wazibhokoxa enceda abazalwana bakhe ababelapho, ibe wayebathanda. Kodwa abanye babo babengamthandi kangako. Babemgxeka gqitha. Wababongoza ukuba ‘baphangalale’ ekubonakaliseni umsa. (2 Korinte 6:11-13; 12:15) Sonke siya kuba senza kakuhle xa sihlola umlinganiselo esibathanda ngawo abanye size sifune iindlela zokuphangalala.—1 Yohane 3:14.

12. Sinokulukhulisa njani uthando lwethu ngabo bonke abasebandleni?

12 Ngaba ebandleni bakho abantu esikufumanisa kunzima ukusondela kubo? Ukuba besinokuzibekela bucala iingxabano—njengoko nathi besiya kuthanda benjenjalo kuthi—oko bekuya kunceda ekuphuculeni ulwalamano lwethu. Sinokubajonga ngelinye iliso ukuba sinokufuna iimpawu zabo ezintle size sinikele ingqalelo kuzo. Ngokuqinisekileyo oku kuya kulukhulisa uthando lwethu ngabo.—Luka 6:32, 33, 36.

13. Sinokuphangalala njani ekuboniseni uthando kwabo sikunye nabo ebandleni?

13 Kuyavunywa ukuba oko sinokukwenzela abanye kusikelwe umda. Sisenokungakwazi ukubabulisa bonke abantu kwintlanganiso nganye. Sisenokungakwazi ukuquka wonk’ ubani xa simemela abahlobo kwisidlo. Kodwa ngaba asinakuphangalala ngokuchitha imizuzu embalwa nje siqhelana nomntu esikunye naye ebandleni? Ngaba asinakumema ubani esingamqhelanga ukuba asebenze nathi kubulungiseleli basentsimini?

14. Xa sikunye namaKristu esingawaziyo, sinokulubonakalisa njani uthando olunzulu omnye komnye?

14 Iindibano zamaKristu zisinika amathuba amahle okuphangalalisa uthando lwethu. Kusenokubakho abantu abangamawaka. Asinako ukuthetha nabo bonke, kodwa sinako ukuziphatha ngendlela ebonisa ukuba sibeka impilo-ntle yabo ngaphambi kokulungelwa kwethu. Ngexesha lekhefu, sinokubonakalisa umdla kubo ngokuya kuncokola nabo bakufutshane nathi. Ngeny’ imini bonke abo baphila emhlabeni baza kube bengabazalwana noodade, bemanyene ekunquleni uThixo oyinyaniso noBawo wethu sonke. Hayi indlela ekuya kuvuyisa ngayo ukwazana! Uthando olunzulu luya kusishukumisela ukuba sifune ukukwenza oku. Kutheni ungaqali ngoku?

Impinda

• Xa kuqalisa iingxaki phakathi kwamaKristu, zifanele ziconjululwe njani, yaye ngoba?

• Njengoko sikhula ngokomoya, ziziphi iindlela uthando lwethu olufanele lukhule ngazo?

• Inokwenzeka njani into yokuba uthando lwethu olunzulu lungapheleliswa kubahlobo abasondeleyo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 148]

Uthando lwamaKristu lubonakaliswa ngeendlela ezininzi, njengakwiintlanganiso zebandla