Yiya kwinkcazelo

Ucinga Ntoni Ngekamva?

Ucinga Ntoni Ngekamva?

Ngaba izinto ezimbi . . .

  • ziza kuhlala zisenzeka?

  • ziza kuye zisiba mbi?

  • ziza kude ziphele?

ITHINI IBHAYIBHILE?

“UThixo . . . uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”​—ISityhilelo 21:​3, 4, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?

Uza kwenza umsebenzi omnandi nowanelisayo.​—Isaya 65:​21-23.

Ukugula nezinto ezibuhlungu ziza kuphela.​—Isaya 25:8; 33:24.

Uza konwaba uze uphile ubomi obungapheliyo nabantu obathandayo. ​—INdumiso 37:​11, 29.

NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, nazi ezinye zezizathu zokuyikholelwa:

  • UThixo akanakuxakwa kukwenza le nto. EBhayibhileni, nguYehova uThixo yedwa obizwa ngokuba ‘nguSomandla,’ kuba unamandla angapheliyo. (ISityhilelo 15:3) Ngenxa yoko, akanakuxakwa kukuyenza into ayithembisileyo yokuphelisa izinto ezimbi emhlabeni. Kanye njengokuba iBhayibhile isitsho, “kuThixo yonke into ingenzeka.”​—Mateyu 19:26.

  • UThixo uyafuna ukuyenza into ayithembisileyo. Ngokomzekelo, uYehova uThixo ukufuna ngamandla ukuvusa abantu abaswelekileyo.​—Yobhi 14:​14, 15.

    IBhayibhile isichazela ukuba uNyana KaThixo, uYesu, waphilisa abantu abagulayo. Kwakutheni ukuze abaphilise? Wayefuna. (Marko 1:​40, 41) UYesu wayefuna ukubanceda abantu njengoTata wakhe.​—Yohane 14:9.

    Yiloo nto sinokuqiniseka ukuba bobabini uYehova noYesu bafuna sibe nekamva elihle size sonwabe.​—INdumiso 72:​12-14; 145:​16; 2 Petros 3:9.

NANK’ UMBUZO

UThixo uza kuzilungisa njani izinto emhlabeni?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KUMATEYU 6:​9, 10 NAKUDANIYELI 2:44.