Yiya kwinkcazelo

Uyijonga Njani IBhayibhile?

Uyijonga Njani IBhayibhile?

Ngaba unokuthi . . .

  • yincwadi yabelungu?

  • yincwadi yeentsomi namabali?

  • liLizwi LikaThixo?

ITHINI IBHAYIBHILE?

“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.”​—2 Timoti 3:​16, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?

Unokufumana iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo ebalulekileyo yobomi.​—IMizekeliso 2:​1-5.

Unokufumana amacebiso anokukunceda kwizinto zemihla ngemihla.​—INdumiso 119:​105.

Unokufumana ithemba lezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.​—Roma 15:4.

NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:

  • Ayiphikisani. IBhayibhile yabhalwa malunga neminyaka eyi-1 600 ngabantu abahlukahlukeneyo abayi-40. Abaninzi kubo zange badibana nokudibana. Kodwa yonke le ncwadi iyavisisana, inomxholo omnye.

  • Inababhali abanenyani. Abantu ababhala ngezinto zakudala badla ngokuzifihla iimpazamo zabantu babo. Kodwa bona ababhali beBhayibhile bazibhala iimpazamo zabo nezohlanga lwabo.​—2 Kronike 36:​15, 16; INdumiso 51:1-4.

  • Iziprofeto zayo ziyenzeka. Kwiminyaka emalunga neyi-2 000 eyadlulayo, iBhayibhile yaprofeta ngezinto ezimbi ezaziza kwenzeka kweli xesha lethu nangokuba abantu baza kube benjani.​—Mateyu 24:​7, 8; 2 Timoti 3:​1-5.

    Zikhona nezinye iziprofeto eziseBhayibhileni eziye zenzeka kanye ngendlela ezazichazwe ngazo. Yinto ebesinokuyilindela kakade leyo kwiLizwi LikaThixo.​—2 Petros 1:21.

NANK’ UMBUZO

ILizwi LikaThixo linokubuphucula njani ubomi bakho?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KUISAYA 48:​17, 18 NAKWEYE-2 KUTIMOTI 3:​16, 17.