Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

Mfundi Othandekayo:

‘Yiba ngumlandeli wam.’ (Marko 10:21) Ngala mazwi uYesu Kristu uyasimema ukuba simlandele. Ngaba uza kusamkela isimemo sakhe? Oko kuya kubuchaphazela kakhulu ubomi bakho. Njani?

UYehova wamthumela uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo emhlabeni ukuze anikele ngobomi bakhe njengedini. (Yohane 3:16) Lo Nyana akaphelelanga nje ngokusifela, kodwa ukwasibonise nendlela yokuphila. Wayigcina ngokupheleleyo ingqibelelo kuYise, waza wayivuyisa intliziyo yakhe. Kwakhona uYesu wasibonisa indlela esinokumxelisa ngayo uYise. Oko wakuthethayo nawakwenzayo kusichazela lukhulu ngoYise.—Yohane 14:9.

IBhayibhile ithi uYesu ‘usishiyele umzekelo ukuze silandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’ (1 Petros 2:21) Ukuba sifuna ukusondela ngakumbi kuYehova, ukuba sifuna ukuphila ubomi obunenjongo, yaye ukuba sifuna ukuhlala endleleni esa ebomini obungunaphakade, simele silandele ngokusondeleyo emanyathelweni kaKristu.

Ukuze sikwazi ukwenjenjalo simele siyazi kakuhle indlela uYesu awayephila ngayo emhlabeni. Ngoko simele siyihlolisise ngenyameko imbali kaYesu eseBhayibhileni. Ukucamngca ngezinto uYesu awazithethayo nawazenzayo, nangendlela esinokumxelisa ngayo, kuya kusinceda siyibone ngokucacileyo indlela esinokumlandela ngayo.

Ngamana le mpapasho ingakunceda umthande ngakumbi uYesu noYehova. Yaye ngamana olo thando lungakwenza ulandele ngokusondeleyo emanyathelweni kaYesu ukuze uvuyise intliziyo kaYehova ngoku nangonaphakade.

Abapapashi