Iqweqwe Elingasemva
Ngaba ukhe uvakalelwe kukuba ulahlekile yaye ufuna ulwalathiso? UThixo unike uluntu iNkokeli enguYesu Kristu. UYesu wathi: “Ndingumalusi omhle, kwaye ndiyazazi izimvu zam nezimvu zam ziyandazi.” (Yohane 10:14) Ngaba umazi ngokwenene uMalusi Omhle—iimpawu zakhe, isigidimi nomsebenzi wakhe, inzondelelo yakhe, uthando lwakhe? Le ncwadi iza kukunceda umazi ngakumbi uYesu yaye ulandele emanyathelweni akhe.